Ndizothandwa Ngubani Mna
Ndizothandwa Ngubani Mna
INTSHAYELELO
Ndiziqonde ndisothuka ebuthongweni kumnyama kwelagumbi bendilele kulo ukuba ndisekunyeni.
Nzulu. Ngamandla.
Ngesosizathu bendise andanawo nalomandla okusukuma, bekuphele kwawona.
Bekubuhlungu. Umzimba wam ubuhlungu. Ndiziva okungathi andiphelelanga, okungathi abazali bam
bazondibona ndingena emnyango ukuba kukho into etshintshileyo ngam. Andiseyiyo intombi ngoku.
Nomtha: ”Luzuko!”
Luzuko: ”Mh?”
Nomtha: ”Vuka kulate.”
Luzuko: ”Mh? Ewe yima kancinci.”
Nomtha: ”Vuka undikhaphe kulate Zuko!”
Luzuko: ”Ewe.”
Ebesekobude ubuthongo. Ndibone ukuba kubhetele ndizisukumele ndinxibe ndihambe. Ekugqibeleni
yena ebengazukungena engxakini nabantu bakowabo, ndim umntu ebezongena engxakini. Bendishiye
nephone yam endlini, inoba abazali bebeqalisa ukukhathazeka ngoku.
Ebengacuphanga alarm na uLuzuko? Bekufanele ukuba sivuke ngothree andikhaphe ndigoduke.
Ibinguten ngoku ixesha. Phofu seyingo quarter to eleven. Bendike ndatsho ukuba ndisekunyeni? Yep!
Location.
Luzuko: ”Nomtha?”
Umfamfathe kulandawo bendileli kuyo wavula amehlo wabona ukuba andisekho bhedini ngoku.
Uxhumile wachopha ngempundu sethe qwa wokundibona ndinxiba.
Luzuko: ”Ngubani ixesha?”
Khange ndithethe, ndimolathise iwatshi ibisentla kwebhedi warhola amehlo waxhuma ukuthatha
iblukhwe yakhe.
Luzuko: ”Shit! Shit! Shit! Iphi iphone yam? Bendingacuphanga alarm?”
Undibuze.
Sinxibe sagqiba wakhangela iphone yakhe wade wayifumana ngaphantsi kwebhedi.
Undijongile ebona ukuba andisekho kwalapha mna. Ndilapha ngomzimba kodwa ingqondo yam ayikho
apha. Bendiyazi kwaye ndiqinisekile ukuba abazali bam bakhathazeke bayafa ngam kulandawo bakuyo-
umam'Grace ukhathazeke uyabhubha kulandawo akuyo. Bendikhathazeke ngaye kakhulu. Ityala
bebezolibeka kuye, umsebenzi wakhe ube sengcuphekweni. Ngaziphi izizathu? Ibingemnandanga
nangalendlela ibibabazwa ngayo nalento. Iyintlungu nje engonwabisiyo.
Luzuko: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Masihambe Luzuko.”
2
Uzonwaye intloko esinekile.
Luzuko: ”Sinengxaki ... utata ubuyile, andizukwazi ukuba imoto yakhe. Netaxi ziphelile.”
Nomtha: ”Andizulala apha mna.”
Luzuko: ”Sawuthini? Uzovuka kusasa uhambe.”
Nomtha: ”Luzuko.”
Besendigwantyisile ngalamzuzu. Ibiqala ke ukundehlela into enje ebomini bam.
Abazali bam bebendithembe ngeyona ndlela kuba bendingazange ndabadanisa. Bendizimisele
esikolweni, ndipasa ngamanqaku aphezulu. Ndihlala ndiphuma kwitop five qho. Bendingena ngexesha,
ndiyilandela yonke imithetho. Le ibiqala ukundehlela ndisoyika nokubona impoxakalo ezoba sebusweni
babo.
Bendifunda ugrade nine ndina fifteen iminyaka. Besibabini ekhaya, indim nobhuti wam omdala
uLumumba obese university esenza unyaka wakhe wokugqibela. Ebesendlini ngoku naye kuba
besikwikhefu ezikolweni.
Besifunda kwisikolo esinye noLuzuko, esenza ugrade eleven yena. Besinonyaka kuphela sithandana
emveni kokuba sibe ngabahlobo iminyaka emibini yonke.
Naye kanje ngam ebesuka kwikhaya elifudumeleyo elingasokoliyo.
Ebekhuliswa ngutata wakhe nomanci wakhe ongamshiyi kakhulu ngeminyaka- ewe ebengalomadoda
utata wakhe. Ibingaqinanga kakhulu ingalo yakhe yomthetho. Abantwana bakhe ebanika inkululeko
ethile. Ebeseqhuba uLuzuko, ehamba indawo zokonwaba, enetshomi eziqhunywayo. Naye kungenzeka
ebeqhunywa kodwa ebeyifihla lonto etshaya icigarette kuphela.
Luzuko: ”Sithini ke Nomtha? Uyayazi uba ndigrounded ngokutshayisisa imoto kaDen edongeni
kulempelaveki iphelileyo. Izoba lelinye ityala ngaphezulu kwelinye ukuba ndiyithathile ngoku.”
Nomtha: ”Ubuthe uzocupha ialarm!”
Uphinde wazonwaya intloko.
Luzuko: ”Idate yam iwrongo.”
Nomtha: ”Luzuko!”
Uchophe phezulu kwebhedi wandijonga. Ibingase ndikhale kakhulu. Bendisesouphini nyani! Sithule
singathethi, besendicinga nokuhamba ngenyawo kodwa ndicinga ubungozi bokuhamba ngobusuku.
Bendingoyiki busuku koko ndisoyika into endinoyifumana ebumnyameni- umntu.
Uyabona mna? Bendise nkathwazeni.
Luzuko: ”Uwophula okokuqala umthetho Nomtha, ndiqinisekile ukuba akuzuba kubi kangako maan!
Kungoba sawuthini ke baby? Asinamoto, akukho zimoto, kwaye kusezinzulwini zobusuku ngoku.”
Nomtha: ”Andizukwazi ukulala ngaphandle kwasendlini. Andizange ndalala ngaphandle kwasendlini
Luzuko! Kuzawusa nini abazali bam bekhathazekile ngam? Kuzawusa nini? Inoba uyaphambana utata
kulandawo akuyo!”
3
Bendiyintandokazi katata wam. Ukuba bekukho into endiqiniseke ngayo apha emhlabeni ibiluthando
lukaSamora Tongai kum.
Ebendithanda utata.
Eyonanto bendiyoyika ibikukumphoxa. Umntakwethu ebesencanyiwe yena kuba noxa ebesenza kakuhle
esikolweni ebeziphilela obakhe ubomi. Imali yabazali eyixhaphaza ayitye kwiclubs zaseSandton.
Ebethanda ubomi obuphezulu nemoto zikanokutsho namantombi amahle kunye notywala obuduru.
Bebese nethemba lokuba mna andizuphuma mgceni kuba ndisalandela imithetho yabo .
Ibimdim lo. Ixesha lam lokuba sendlini ligqithe lagqithisisa. Ndingeyiyo intombi bendimnke ndiyiyo
emini.
Ndive ngaye sele endanga.
Luzuko: ”Okay ndizocela kubhuti akukhaphe sukukhala.”
Nomtha: ”Ndiyoyika.”
Luzuko: ”Yintoni engako engenzeka? Uzoba grounded kuthathwe iphone yakho qha. Utatakho akasoze
ukubeke sandla.”
Nomtha: ”Inoba uphoxakele utata.”
Luzuko: ”Yima ndithumele uSakhiwo umyalezo aze apha. Ndonqena ube ndiyomnqonqozela.
Okungenani ungene endlini kungekabethi twelve. Askies baby, bendiba ndiyicuphile nyani le alarm.
Andiqondanga ukuba idate yam iwrongo.”
Ndinqwale ndosula inyembezi. Bendiyiqonda ukuba inyembezi bezingazunceda nganto. Sendise ngxakini
kakade. Okwam ibikukuba ndibe sendlini namhlanje. Noba kanjani, engekabethi utwelve. Bendisuke
ndaphenduka uCinderella.
Uthumele lomyalezo ubhuti wakhe. Akubanga xesha lingako wanqonqoza.
Uyimvulela.
Sakhiwo: ”Emergency yantoni? Wenze ntoni kulegame?”
Akamphendulanga wavula nje ucango.
Sakhiwo: ”Nomtha! Ufuna ntoni apha ngelixesha?! LUZUKO!”
Luzuko: ”Siselwe.”
Sakhiwo: ”Ubuqhunyiwe?”
Luzuko: ”Oko besilapha imini yonke noNomtha bendizoqhunywa nini?”
Sakhiwo: ”Nomtha. Eish! Qokelela izinto zakho ndikukhaphe. Uzothi ubuhleli phi kokwenu? Yintoni le
iniyobileyo naselwa.”
Sikrwaqulene noLuzuko wancuma kancinci nam ndancuma.
Usijongile wanikina intloko yakhe.
Sakhiwo: ”Come on! Luzuko!”
4
Uzivalele umlomo wakhe uLuzuko nam ngokunjalo.
Unikine intloko yakhe kwakhona wayophuma ngomnyango. Silandele emveni kwakhe.
Kuba sihlobene ixesha elide noLuzuko bendibazi bonke abantwana bakowabo kunye nabazali bakhe.
Bebengazi sithandana ke siyifihla. InguSakhiwo yedwa oyaziyo. Ebengemdalanga kakhulu, esenza unyaka
wakhe wokuqala euniversity.
Siyongena ngemva emotweni wayistater sahambeni.
Bendiluva uvalo lwam lungongoza indlela le yonke ukubheka ekhaya.
Sakhiwo: ”Niyisebenzisile icondom?”
Luzuko: ”Ewe.”
Sakhiwo: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Ewe.”
Sakhiwo: ”Niyintoni kwizinto zabantu abadala?”
Luzuko: ”Hayibo!”
Sakhiwo: ”Seniselwa nje yilento yenu yokuleqa izinto ezikude kunani. UNomtha uzongena engxakini
ngenxa yakho Luzuko, awuvumi tu ukuphuma ezintweni. Si scandal emveni kwesinye. And into
ebuhlungu kukuba ufaka uNomtha kobububomi bobunja uzikhethele bona.”
Luzuko: ”Khawume Sakhi.”
Sakhiwo: ”Sund'xelela ukuba mandime. Undiphoxile ke wena Nomtha. Ayifani nawe tu into yokuba
ngaphandle kwendlu ngelixesha. Ungayiqheli lento, istage singakungeni kakubi kuba uzawuzisola.”
Undibambe isandla uLuzuko. Ndimjongile.
Luzuko: ”Uzobaright.”
Ndinqwalile. Bendiright mna. Ngaphandle kwalantlungu bendiyiva ngalamzuzu bendiright. Kodwa
bendiyazi ukuba abazali bam abakho right kulandawo bakuyo ngoku. Banexhala lam.
Kubethe elixesha ndingekho ndlini.
Luzuko: ”Kusebuhlungu?”
Ndinqwalile.
Luzuko: ”Kuzoya kuba right uzobona. Akuzuhlale kuqaqamba.”
Nomtha: ”Andiyithembi ke leyo. Andisafuni kwanto.”
Luzuko: ”Yeses uligwala!”
Ndinikine intloko.
Luzuko: ”Ungazisoli.”
Nomtha: ”Andizisoli.”
5
Luzuko: ”Nam andizisoli. And ndiyabulela kakhulu nganamhlanje. Ndiyakuthanda.”
Nomtha: ”Ndiyakuthanda namu.”
Ebengembanga kakhulu uLuzuko. Ebenobubele enothando kwaye ehlekisa. Besisonwaba xa sikunye.
Ebedinga ukukhula kwezitshomi zakhe ziqhunywayo qha. Aphume kuzo.
Besikufuphi nasendlini kengoku sizongena kwisitrato sam.
Sakhiwo: ”Nomtha? Kukowenu phaya?”
Ndijonge ngaphambili. Okomzuzwana ndamelwa yintliziyo. Kwama ixesha. Ubuthandabuza ukubhadla
komntu xa esithi ixesha lama. Bendilibone kum ngalamzuzu. Okungathi kubethwe iqhosha lika 'pause'
okomzuzwana.
Ndijijise ucango ndifuna ukuphuma ngoku imoto ihambayo. Okungathi ndakuhamba ngezam inyawo
ndizokhawuleza ukufika ekhaya ukogqitha imoto le besihamba ngayo. Ebetsixiwe amacango kodwa
ndaqhubeka ukujijisa. Undibambile uLuzuko ndajijisana naye.
Luzuko: ”Nomtha!”
Bendicinga utatam. Ebendithanda endikhathalele kakhulu. Ebengafuni kusuke nonwele entlokweni yam.
Inoba ebemelwe yintliziyo kungabikho kwam endlini ngalamaxesha. Ebecinge kakhulu, ingcinga zakhe
zagabadela wamelwa yintliziyo. Siso isizathu esinokwenza ukuba kubekho iambulance nezithuthi
zamapolisa. Siso qha.
Ndihlike isamisa imoto ndabaleka ukuya ngasendlini. Bekugcwele abantu bephunguza betsale intamo
befuna ukubona ukuba kwenzeke ntoni. Bekurhangqelwe ngezantambo zamapolisa kurhanqelwa ngazo
xa kukho ingozi.
Police: ”Hello?! Awuboni yicrime scene le?!”
Nomtha: ”Khaya. Kusekhaya.”
Sakhiwo: ”Nomtha!”
Ebehamba nepolisa elingutata. Uzondibamba isandla.
Police2: ”Sisi-”
Andimlindanga athethe ndaqhawula ndabaleka ukuyongena endlini. Bekugcwele nje ngamapolisa, kukho
neparamedics. Ndiyongena elounge ndaxinga emnyango. Bekukho abantu nakhona, kukho lomntu
uphethe icamera ufota umntu othe natya phantsi. Besendiwutsala umoya. Imiphunga yam inikezela.
Ndibambelele ngento kwaphahlalaka kusiwa ivase. Ndinxanxatheke ndabhekela kwakho umntu
osondela kum. Bekukho umsindo nje wokuba ndikhutshwe! Ndikhutshwe! Bendingakwazi. Yonke into
ibiyekelela. Intliziyo yam ibisima. Amalungu am engasakwazi ukumelana nesisindo sam. Amehlo am
ebona luzizi. Bendingakwazi. Utat'am? Umzimba katata wam! Umzimba kaSamora Tongai enembumbulu
entloko nasesifubeni. Utata wam. Bendingakwazi.
Kwehlike abantu befunqule ezabhedi ziqhutywayo besihla kwistairs, kukho umzimba ogqunyiweyo.
Ngaphambili kokuba bandibambe ndaleqisa khona ndavula lazip. Umam'am. Ndithe ndibanjwa ndabe
sendimbonile. Ebengenanto yena ebusweni. Evale amehlo zolileyo okungathi usebuthongweni
bethutyana.
Nomtha: ”Hayi! Umam'am! Hayi! Hayi!”
6
Bebezama ukundehlisa umoya kodwa bendiphambana. Kwenzeke ntoni apha?! Kwenzeke ntoni?!
Abazali bam babulewe ngubani ngesihlungu esinje?!
Utatam! USamora. Bendingasakwazi. Bekukuninzi. Bendiphi mna?!
Besendibanjwe ngapha nangapha ndayochotshiswa phantsi ndiphathelwa amanzi endingakwazanga
nokuwasela kuba ndiyagxwala. Abazali bam!
Ndicinge uLumumba. Okanye ebengekho ndlini yena eseclubbini namantombi netshomi zakhe.
Ngekubhetele ukuba ebengekho apha endlini. Ngekubhetele ukuba uyinjubaqa kwenye indawo utyana
nemali yabazali.
”We found another body in the cottage room. Clearshot in the head. Two bullets ...”
Hayi! Hayi! Hayi!
Hayi noLumumba!
Hayi uLumumba!
Ndikhale zoma inyembezi. Ndaphinde ndakhala kwakhona. Besingaphandle xa ziphuma zonke inqwelo
ziyalishe imizimba emithathu.
Samora Tongai.
Noxolo Tongai nomntakwethu; uLumumba Tongai.
Usapho endinalo lonke lwalayishwa kwizithuthi. Ndimile phaya ndizibuza ukuba kuzokwenzeka ntoni
kum. Ifemeli katata eseZimbabwe ibingavani nomama, ngezo zizathu bengena budlelwane nathi. Bonke.
Umama ebengenabani ngaphandle kotata. Walahlwa etipini ngabazali wakhulela ehome. Ibindim
umam'am ngoku. Bendiyintandane.
Ebendibambile uLuzuko endithulisa ndingakhali. Ndiqaphele omnye ubhuti endijongile. Nangoku
abonayo ukuba ndimjongile akalahlisi. Undijamele qha. Ebenxibe mnyama. Isilamba esikhulu
esimnyama, iblukhwe emnyama kunye neboots ezimnyama. Ebemnyama kwayena.
Ebenetattoo evelileyo entanyeni yakhe itattoo yomlilo.
Ndimncinele amehlo wandinqwalela kancinci. 'Sorry'
Utshilo. Andiwavanga amazwi kodwa ndokubonile ukunyakaza kwendebe zomlomo wakhe. Uthe 'sorry'
Luzuko: ”Nomtha ...”
Nomtha: ”Nguye Luzuko! Nanku! Nanku!”
Luzuko: ”Ubani?!”
Ndithe ndibheka kwakhona ndisolatha labhuti wezinto ezimnyama wabe engasabethi. Ebengekho.
Ndibheka-bhekile wabe engabonakali ndawo.
Nomtha: ”Ndimbonile. Ebenxibe izinto ezimnyama Luzuko. Ebelapha lamntu. Babulewe nguye! Uthe
'sorry' Luzuko. Babulewe nguye!”
Luzuko: ”Nomtha.”
7
Nomtha: ”Babulewe nguye! Babulewe nguye!”
Luzuko: ”Sakhiwo!”
Nomtha: ”Xelela amapolisa! Bhuti! Ndimbonile umntu obuleleyo! Ndimbonile!!”
Sakhiwo: ”Luzuko biza iparamedic!”
Nomtha: ”Nimele ntoni?! Nimele ntoni?! Thathani ezivan nileqise lamntu ubulele abazali bam! Unxibe
impahla ezimnyama.”
Sakhiwo: ”Shhhhh sisi uzobaright.”
Mna: ”Utatam! Abazali bam!”
Luzuko: ”Sicela uncedo!!”
8
ONE
Samora 'Sam' Tongai
Noxolo 'Koyo' Tongai
Lumumba Tongai
”...UThixo uphile, uThixo uthathile. Malibongwe igama leNkosi.”
Bendikhona.
Ngelokhwe emnyama.
Bendikhona. Xa kusihla ibhokisi katata emngxunyeni wakhe.
Bendikho xa kufakwa umama.
Bendikho xa kufakwa uLumumba. Intliziyo yam iphuma ingceba ngabhokisi enye etshonayo.
Bendonzakele. Bendonakele.
Ndikhale kwaphela nezonyembezi emehlweni am. Bendingenalo elinye ithemba. Bendinomsindo.
Kungani bebathathe bonke ngexesha elinye? Yintando kaThixo enjani le yokuba kushiyeke inkedama
engena kwabani?
Ndishiyeke phaya emadlakeni komnka abantu. Bendinemibuzo emininzi bendifuna ukuyibuza kodwa
bendiqonda ukuba ndimosha ngexesha lam kuba bekungekho mpendulo ndizokuzifumana. Bebemnkile,
behluthiwe kum. Xa bendishiya bonke bendawuba ngokabani mna? Xa behluthwa kum bonke ngaxesha
nye beyiyo yonke into kum ndizoshiyeka nabani?
"Nomtha.”
Ndiphethukile ndabona umam'Grace esiza kum. Ebenxibe impahla ezimnyama naye ethwele nezahats
zinkulu.
Nomtha: ”Mam'Grace.”
Undangile akufika kum.
Grace: ”Unjani?”
Ndinyuse amagxa. Bendinjani? Bendingazazi noba ndinjani. Ndisiva izinto ezininzi ngaxesha nye.
Nomtha: ”Ubuphi?”
Ndandimshiye endlini ngalamini kodwa ebusuku ebengekho endlini. Hayi nokuba bendisithi
ngedutyuliwe naye kodwa bendifuna nje ukuqonda ukuba usinde kanjani yena.
Grace: ”Ndisebenze ihalf day mna. Umnumzane uSamora wandikhulula ndiyophumla. Oh Nomtha! Imbi
into eyehlele umnumzana uSamora nomamakho- nobhuti wakho.”
Bendiqonda ukuba kutheni semcinga mva nje uLumumba. Bebengavani tu. Ebenesigezo, ngakumbi
ngakuGrace. Kugqithisele xa enxilile ke ibengathi uthetha nento hayi umntu. Kodwa kuba utata
ebemthanda uGrace ebembeka endaweni yakhe uLumumba.
Ndinqwalile nje kuphela.
9
Grace: ”Uzothini kengoku?”
Ndiphinde ndanyusa amagxa. Usapho lwam lonke belungqengqe ngemiqolo lugange umhlaba ngezifuba.
Bendiphelele apha. Ngaphandle bendingenaye omnye umntu. Bendingena bani.
Grace: ”Mna ndibuyela eMozambique for isikhathi esincane. Ndibe nabantwana bam, ndibone ukuba
ndizobuya ndiwufune ngakweliphi icala umsebenzi. Ndibuhlungu Nomtha ngabazali bakho. Utata wakho
ebeyindoda elunge kakhulu endiphatha kakuhle. Ebefana nefamily yam apha. Ndiyaxolisa kakhulu.”
Umama, uThixo ambusise ebengathandeki ncam. Ebengenguye lamntu ufikelelekayo unobubele ukufana
notata. Ebeyitrophy wife katata. Engaphangeli, engafundanga engeyonto ngaphandle kokuba ngumfazi
katata. Ububele babantwana ebengenabo tu. Bekungathi wazala kuba efuna ukonwabisa umyeni wakhe,
kuba iyinto ibifunwa ngutata- abantwana. Sakhula sihoywe ngutata. Inguye ongumama kuthi. Umama
ethembela kakhulu kubantu bebeqashelwe ukusigada. Bebetshintshwa oko nabobantu kuba bebesoloko
betyholwa ngokuncwasa utata. Naye avume ke kuba noba ebeyintoni umama ebethandwa ngumyeni
wakhe. Noxa ebemyekelela nje, ene addiction yokugembula notywala. UNoxolo Diko ebeyitya imali
yendoda yakhe.
Nomtha: ”Andiyazi.”
Grace: ”Oh Aneni!”
Undibambe isidlele endibiza ngegama utata wam ebelisebenzisa kakhulu. Aneni: uThixo unam.
Ibingekho into endingayenza ngaphandle kokuba ndikhale. Bendingayazi ukuba amangomso
andiphathele ntoni. Xa kuhamba noGrace lo bendinethemba lokuba mhlawumbi ndawuhlala naye
ixeshana bendingayazi.
”Aneni!”
Nomtha: ”Tete!” Aunty.
Khange andiphendule waqhubeka nendlela.
Nomtha: ”Kuzofuneka ndihambe.”
Grace: ”Andibathandi ababantu. Masithembe utatakho ubhale iwill phantsi bangakulinge badle imali
zikatatakho.”
Nomtha: ”Mandihambe.”
Grace: ”Hamba sisi. UThixo ukhona wena, ungaqumbi uqalekise. Uzolenza icebo.”
Uphinde wandanga ndaleqisa emveni kodabawo ...
Bekugqithe ivekana ezimbalwa sibafihlile otata. Bendishiyeke ekhaya nomnye wosisi bakatata. Bendiqala
phofu ukumbona ngezamini zisondele emfihlweni.
Abantu abaninzi bendiqala ukubabona ngezizithonga. Ndisibona futhi isizathu sokuba utata ababekele
kude naye. Ibingengo bantu balungileyo ncam. Bebenyolukele imali namafa qha, benga khathalelanga
ukuba umntakwabo ubulewe ngesihlungu nosapho lwakhe. Phofu bendilindele ntoni? Iminyaka emininzi
bengena budlelwane naye bebengazuqala ngoku seswelekile.
10
Babefuna ukuthatha umzimba wakhe bayowufihlela eZimbabwe apho azalwa khona, kodwa akubanga
salunga wafihlelwa kwicementary ekwalapha eJo'burg kunye nomama nobhuti. Bebenamatye bonke.
Ndiyivuyela ukuba bendawukwazi ukubabona xa ndisiva ndifuna ukuthetha nabo.
Utata wam ebengusomashishini omkhulu. Ebenenkampani yakhe wazivulela yona yakhula isaphethwe
nguye. Besiphila kamnandi, sifunda kwizikolo zabelungu, sihlala esilungwini. Imoto bezigcwelise igarage
yasekhaya. Kungekho nto esiyidingayo singayifumani. Ebeqinisekisa ukuba asisweli kwanto. Yiyo lonto
ndothuke ndamelwa yintliziyo xa kuthathwa zonke imoto zakhe zityiwa yibank. Inkampani yakhe
kwayona ibithathwe sistate kuba kuthiwa bekukho ubuqhophololo, sebenzisa imali emdaka iyicoce.
Utata- owam utata ebesebenzisana namagintsa amakhulu oyikekayo ukucoca imali yawo yegazi.
Ungamazi na umntu? Uqiniseke ngaye ummele nangaphambili kwesihlwele sabantu?
Ubomi bam bonke bendiwunqula umhlaba anyathela kuwo utata. Ndimfanisa noThixo kuba yonke into
ebeyenza ngokwencwadi, engafuni nto iphume ecaleni. Qho ebusuku ebendithandazela ngaphambili
kokuba ndilale. Qho ngeCawa esirhuqela ecaweni noLumumba, umama abe enezicwangciso zenwele
kunye nenzipho. Bekungekho ntlanganiso imphosayo yethu. Kungekho sports day asilibalayo. Utata wam
wayesithanda. Ebengenza nantoni na? Ingaba kuko oku ukwenza nantoni na? Yonke lempilo besiyiphila
ngokuba unikezele ngomphefumlo wakhe kwizikrelemnqa. Akakho umntu ebenexesha okanye ezidinga
ngokuqonda ukuba ishishini liqhuba njani kodwa besijonga kuye sawuba nezidingo. Ingaba sithi
abamenze azinikezele ngoluhlobo? Bekutheni angatsho ukuba ishishini lakhe liyasingela?
Bekuqhubeka ntoni ngotata wam? Ibingubani utata wam? Ingubani lo ubabuleleyo ebabulalela ntoni?
Amapolisa athembise ngokuba azoqinisekisa ngokuba ayaphanda. Bendingelo ithemba kwaye
ndingafuni kuzithembisa ze ndidane xa bungekhoyo ubulungiswa. Bendididekile nje ndingayazi nokuba
kuyasa okanye kuyahlwa. Bendibona nje kusisa kuphinde kusihlwa.
Aubrey: ”Shuuu!”
Ukhalaze esangena umntwana kaAunty. Ebemnke kusasa ephethe impepha ezininzi. Ibiyimpelaveki
namhlanje ndingayanga esikolweni. Bendisaqhubeka nesikolo okwangoku ndingayazi nokuba ndizoya
kude kubenini njengoba izinto bezinje nje.
Aunty: ”What?!”
Aubrey: ”I'm tired.” ndidiwe.
Aunty: ”Aneni make tea for your cousin.” yenzela umzala wakho itea.
Aubrey: ”Coffee Aneni, coffee.”
Ndisukumile ndayobeka amanzi wekofu ekhitshini. Bebethetha ngesiShona kengoku bexuba nesilungu.
Aunty: ”Yintoni?”
Aubrey: ”Ummeli. Akashiyanga kwanto uSamora.”
Aunty: ”Hayi maan suxoka Aubrey! Njani? USamora ebengusomashishini onemali Aubrey. Ehamba
nabantu abanemali enemoto ezinkulu! Abantwana bakhe befunda kwizikolo zabelungu. Lumumba,
ebenemoto. Hayi enye, hayi ezimbini! Ngoku akashiyanga kwanto?!”
Aubrey: ”Akuphelelanga apho.”
Aunty: ”Jesu!”
11
Aubrey: ”Unexesha engabhatali kwalendlu. Kuzobekwa laboard ye 'for sale' kungekudala. Sizonikwa
ieviction note.”
Aunty: ”Samora! Samora! Samora!
Isikolo salomntwana?”
Aubrey: ”Andinamsebenzi nalomntwana mna mama. Bendifuna imali mna nemoto ezi undithembise
zona ukusuka kwam eZimbabwe. Ayinanto lendoda! Nix!”
Aunty: ”Bendizokwazelaphi mna ukuba usematyaleni? Samora! Samora! Wahlekisa ngathi usaphila,
nangoku sewufile usenza intlekisa. Sawubuyela siphaca kulaZimbabwe sendithethe kangaka?!”
Aubrey: ”Ayikho nento esisayihleleleyo apha. Masishiye lomntwana apha singekasebenzisi lemali sinayo
kakade. Sinamatyala esiwenziswe kwanguwe ekhaya.”
Aunty: ”Bendiyazelaphi na mna uba sawufika engenamali uSamora?! Mxm! Ndinentloko.”
Aubrey: ”Ndinazo ipilisi kubhaka wam. So xa sikhutshwa apha nale mpahla izothathwa?”
Aunty: ”Boy boy! Sawuzithengisa kwangoku, kwazele le eviction note ifike sekubetha umoya ukuba
nefurniture bayayithatha.”
Aubrey: ”Atleast. Nale furniture ingathi ibudurwana. Lomntwana?”
Aunty: ”Sawumsa kumakazi wakho eSunninghill. Uzobona ukuba makamthini.”
Aubrey: ”Asidingi esinye isisu sokondla.”
Aunty: ”Ukuba bekutheni angafi kulandlu naye.”
Aubrey: ”Ngekubhetele ukuba ebefile nyani. Ayikho into ayisindeleyo ezoba luxanduva lefemeli ngoku.”
Aunty: ”Eyiphi yona ifamily? Aubrey umalume wakh wathi phithi ngama ntombazana aseJoburg.
Incukuthu zamantombi aseSouth Africa angafuni kuphangela. Wayitshata wayizalisa, wayibona ingcono
yona kunathi. Yona nabantwana bayo. AmaXhosa! Qaphela mntwanam. Noba uzohlala apha eSouth
Africa awuthandani nalontlanga. Kungcono amaTsonga okanye amaTswana ukuba awubafuni abantu
bakuni. Zulu, Xhosa! Zingxaki. Kakhulu amaXhosa. Sisokole thina. Sinobhuti oseSouth Africa kwindlu
enje. Asizuthatha mntwana thina. Ukuba umakazi wakho akamfuni uzozibona.”
Aubrey: ”Asingeni ndawo nyan.”
Aunty: ”Tu! Aneni!”
Nomtha: ”Tete!” Aunty
Aunty: ”Nants'icoffee!”
Ndikhawuleze ndosula inyembezi nemikhwinya ndayomnika lekofu yakhe. Ndiyongena ekamireni yam
inyembezi sezingumkrozo emehlweni am. Ndizigqume ebhedini ndasothula isikhalo. Ibiyintoni le
bendikuyo. Kuyafana noba utata ebengatyelwanga yonke imali yakhe yibank ibizotyiwa
ngalamaxhalanga akowabo.
Ndigqibe iveki ndisiya esikolweni. Sihleli enye emveni koko, kwiveki yesine sifikelwe yi eviction note.
Ngokuphela kwenyanga bekufanele ukuba sibe sesiphumile phaya. Ngeloxesha uAunty noAubrey
bebeseyithengise phantse yonke into endlini. Bendifihle iphoto zethu nobucwebe bukamama notata
12
ebhegini zam. EzikaLumumba ke ndifike sebethathe yonke into. Ndithathe isikipa sakhe besiphezulu
kwedresser. Besinuka lamavumba akhe wecologne eziduru. Bezingasekho kwakhona ndikrokra ukuba
uAubrey sezithathe zonke.
Bendidakumbile. Lendlu nje ibindikhumbuza abazali bam nomntwana wasekhaya. Bendiba nombono
wakhe esifundekela ngomculo engavuli cango xa simnqonqozela. Ndinombono wethu kwitafile
yokutyela. Sincokola sisitya. Ubungasoze umbone encokola umama.
'Nomtha! Iady alithethi lisitya.'
Ibingathi sihlala nomntakulo Queen Elizabeth apha endlini kodwa bekumnandi. Thina notata,
besingamageza. Sigcwale indlu sileqane kuyintsini. Sikhuliswe ngothando. Yilonto bekunzima kangaka
ukuhlala nabantu abanendzondo engaka. Bendingakwazi. Bebengcolile, bekhohlakele benyolukile.
Benyolukele amandla abanye abantu. Benyolukele amafa abanye abantu. Nale imali bebeyifumene
ngokuthengisa izinto zasekhaya ibizophelela emoyeni njengoba bebexhamazela nje ngemali
bebengayazi nokuba ize ngeyiphi indlela. Imali besele ndiyiqonda ukuba yeyegazi. Sikhuliswe ngemali
yegazi. Ulonwabo lwethu zinyembezi zabantu. Ebengubani na utata?
Aubrey: ”Nomtsa!”
Andiyazi bekutheni angandibizi ngeligama angabizi eli balaziyo.
Aubrey: ”Nomtsa!”
Nomtha: ”Aubrey!”
Aubrey: ”Awunabhuti?!”
Ebesekrobise intloko ekamireni yam.
Aubrey: ”Huh?”
Nomtha: ”Bhuti?”
Aubrey: ”Ziphi ibags zakho? Uyahamba uya eSuninghill. Siyahamba thina siphindela ekhaya.”
Nomtha: ”Sendipakishile.”
Aubrey: ”Uxelelwe ngubani ukuba upakishe?”
Ndinikine intloko yam.
Nomtha: ”Andixelelwanga ngumntu.”
Aubrey: ”Umamela indaba zabantu abadala?”
Ndinikine intloko yam.
Aubrey: ”Unangaphi?”
Nomtha: ”Fifteen.”
Aubrey: ”Ufresh for umntwana ona fifteen. Kodwa after twelve it's lunchtime. Uyamazi undize?”
Ndinike intloko yam.
Aubrey: ”Awufuni ndikufundise? Ndizokufu-”
13
Aunty: ”AUBREY!”
Aubrey: ”Shit. Mama?!”
Aunty: ”Hayibo! Uzipakisha ngoku kwakho ezompahla?!”
Unikine intloko yakhe edikwe!
Ugqwashule waphuma.
Utatam uSamora wayengumntu weCawa nomthandazo. Ebesithandazela. Xa silala, xa sivuka, xa sizotya.
Nasesidlangalaleni xa ephantse ukutshayisa imoto. Atsho ngomthandazo omncinane. Mna
bendingakwazi ukuthandaza ke. Esithi ndithandaze ubawo wasemazulwini. Ngalamzuzu ndiguqe
ngamadolo phantsi emaplangweni ndathi:
"Bawo wethu osemazulwini. Malithwe ngobungcwele igama lakho. Ubukumnkani bakho mabufike.
Intando yakho mayenziwe emhlabeni, njengoba isenziwa ezulwini. Siphe namhlanje isonka sethu.
Semihla ngemihla. Usixolele izono zethu, njengoba nathi sibaxolela abasonayo thina. Ungasingenisi
ekuhendweni, usisindise enkohlakalweni. Ngoba ubukumnkabi bobakho, namandla ngawakho,
nobungcwalisa bobakho kude kube ngunaphakade. Amen!”
Bendina fifteen. Bendingena five. Bendibazi ubungozi ebendikubo ngokuhlala noAubrey kwigumbi
elinye. Bendiyazi umntu omdala ungutata xa sele esenza okanye ethetha izinto ebekungafanelanga
azithethe emntwaneni kodwa bendibulela ukuba okwangoku ndisindile.
Nomtha: ”Usisindise enkohlakalweni. Usisindise enkohlakalweni. Usisindise enkohlakalweni. Usisindise
enkohlakalweni. Usisindise enkohlakalweni ...”
Ndiwaphinda phinde ndade ndabiwa bubuthongo ndileli bhaxa phantsi, ndizisonge oku komntu phethwe
sisiluma. Ndithi xa ndisothuka ebuthongweni ndiphinde kwakhona.
”Usisindise enkohlakalweni.”
Kusile. Kuye kwasa. Ibingase lingaphinde litshone kwakhona ilanga. Bendingaboyiki ubumnyama
nobusuku. Bendisoyika izilwanyana ezizizizalwane zethu ekufuneka basikhusele entlungwini endaweni
yoko balawulwa yinkanuko ibengabo abasivisa ubuhlungu.
Bendithandaza qho ungahambi kokuba ndilale. Nditsixa ucango xa ndilala.
IFIKILE IMINI YOKUBA NDIHAMBE. Noxa lendlu ibizele ingcinga nemibono yabo bekubuhlungu
ukuyishiya. Bendingayazi nokuba ndawuphila njani kulomakazi bendisiwa kuye ngoku kuba bendisuka
kwizilwanyana kwangoku. Bendinothandazo omncinane.
Ukho ngamaxesha onke, ukho endaweni zonke. Zoda zigqibeke zonke, ube Wena usahleli. Ube Wena
ungaphezi.
Bendinethemba noba belingangomtya werhali ukutyeba. Lingangencukuthu ubukhulu. Noba ebendinike
izizathu ezininzi ukuba ndingamthembi, eli lincinane bendilinika yena. Ndifuna andiphoxe ngendlela
ebendiphoxe ngayo ngelaxesha ebendiphoxile ngokuthatha abazali bam nomntakwethu.
Ndihlike ndibaleka kwisteps ukuphuma ekamireni yam ndayotsho ngaphandle ndehla ngendlela
kancinci. Bendiyibona imoto katata wakhe kumzi wesithathu ukusuka ekhaya. Uphumele ngaphandle
kwayo akundibona ndisiza ndibaleka. Ndifike ndazijula kuye sendimnkela ngenyembezi. Ndimqinisile.
Ebengengomntu wam wokuqala, umntu endimnike ubumtombi bam kuphela. Ebengumhlobo wam.
14
Nomtha: ”Uthini?”
Uyekelele ubuso bakhe wajonga phantsi. Ndive kusihla ezinye inyembezi. Ndabe sendikhala kakhulu.
Besendinethemba lokuba utata kaLuzuko uzovuma ndihlale kowabo. Andiyazi ixesha elingakanani. Ndide
ndigqibe isikolo.
Nomtha: ”Awuzamanga ngokwaneleyo!”
Luzuko: ”Ndimzamile Nomtha kodwa uyamazi utata. Ucinga ukuba kubhetele ube nabantu bakowenu
kuba mna ndingulo uhleli eqhunywa. Ndizamile. And uyayazi ukuba siyathandana mna nawe, ucinga
ukuba sawube sidyola kwakhe simithisane. Ndizamile.”
Bendinesingqala. Ndibuye umva ndisajonge kuye. Bendiphindela endlini.
Wosule ezakhe inyembezi naye.
Luzuko: ”Nomtha.”
Ndiphethukile ndagoduka.
Luzuko: ”Nomtha! Nomtha! Ndicela ungayenzi lento. Ungandishiyi kanje, ndizamile Nomtha ndizamile.
Nakum kubuhlungu kum. Nomtha!"
Ndiqhubekile ndahamba.
Luzuko: ”Nomtha!”
Ndiyongena endlini ndayongena ekamireni yam. Ndizivalele ndachopha phezulu kwebhendi yam.
Aunty: ”Aneni! We are going my darling. Come over with your bags.” siyahamba sthandwa sam. Yiza
nebhegi zakho.
Ndiyorhuqa isuitcase yam ndayoyibeka ezantsi, ndathutha nezinye izinto zabe zilayishwa kwimoto
endingayaziyo eyobakkie. UAunty noAubrey bebengena moto kaloku. Ndiyokulanda ezokugqibela.
Bekukhala umculo esitratweni. Bendiyazi ukuba ayingomntu walapha nguLuzuko. Okokuqala ibizi
suburbs apha. Ungxola ngomculo. Mnyama. Umise emzini wabantu.
"This isn't goodbye,
Even as I watch you leave
This isn't goodbye
'Cause I swear I won't cry
Even as tears fill my eyes
I swear I won't cry
Any other girl I let you walk away
Any other girl I'm sure I'll be okay
Tell me what makes a man wanna give you all his heart
Smile when you're around, cry when you're apart
15
If you know what makes a man wanna love you the way I do
Girl you gotta let me know
So I can get over you ...”
Ebezobanjwa lo. Abelungu bebezofounela amapolisa.
Sihambile sayofika eSunninghill.
UAunty ebekhwele ngaphambili, mna noAubrey singemva. Bendizigqume ngengubo yam ndingaboni
ubuso bakhe.
Bekuhlala uTete Constance nomyeni wakhe oliNigerian uKemel.
Bebengama Muslim, uTete Constance enxiba ihijab.
Ibingabantu abaright. Ndihleli nabo lanyaka ndawugqiba kunye nolandelayo. Utata ebebhatele iminyaka
emibini in advance esikolweni. Bendizofunda ugrade ten, emveni koko andiyazi.
IbinguMgqibelo ezintsukwini ndigqibile ukubhala qha ndisiya esikolweni.
Bendisekamireni yam ndifunda. Noxa bekuvalwe izikolo bendifundiswa izincwadi apha.
Constance: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Dabs?!”
Constance: ”Woza la baby!”
Ndiphumile. Bebehleli bobabini nouncle Kemel.
Ndichophe kwisofa engaphambili kwabo.
Umalume uthinte umqala.
Kemel: ”Nomtha, you know we love you. Your aunty here loves you a lot. We took you in when your
parents died, it has been pleasant staying with you. But your aunt and I cannot stay with you anymore.
Uanti wakho nami sizoba nengane, manje we can't accomodate you. There is an orphanage we found.
Great Muslim orphanage. You will be taken care of. Allah will see you through." Uyayazi ukuba
siyakuthanda. Udabawo wakho uyakuthanda. Sakuthatha ukusweleka kwabazali bakho, kumyoli
ukuhlala nawe. Kodwa mna nodabawo wakho asisakwazi ukuhlala nawe. Sizoba nomntwana ongowethu
ngoku, asisenayo indawo yakho. Likhona ikhaya lenkedadama, lamaMuslim. Uzawunakekelwa. UAllah
uzokubonelela.
Fatima: ”Asikulahleli ebantwini abangeke bakuphathe kahle. Noba uyaphuma kwiprivate school
uzofunda. Uzolala embhedeni. Uzolala udlile.”
'Ndiza kuWe undincede, uncede lentliziyo ...'
16
TWO
Nomtha: ”King! King!”
King: ”Huh! Yintoni?!”
Nomtha: ”Ndigqibile.”
King: ”So?”
Ndiphefumlele ngaphandle. Bendingenalo ixesha lalenqalo kaKing ke namhlanje.
Nomtha: ”Ndiyaphangela!”
King: ”Yeah, so?”
Nomtha: ”So? So? Hayi khawuvuke uphume kwam wethu. Uyazazi ukuba ulisela kaloku wena,
ndizokushiya apha ndibuye ndingena nix apha endlini! Iphi kwetivi ubuthe uzoyithenga?”
King: ”Ndizoya va bra? Ndizoyithenga iway yakho.”
Nomtha: ”Mxm! Khawuphume kwam.”
Ndimtyhile ingubo ndazigibisela le kude. Undincinele amehlo wagqwashula wasukuma wanxiba ijean
yakhe.
King: ”Khandigaye imali yegawula.”
Igawula ibikukutya.
Ndijikelezise amehlo am ndakhupha itwenty rand ebegini bendiyiphethe. Uyixhuphule nokuyixhuphua
wayitasa msinyane okungathi ndingaphinde ndiyithathe. Ugqibezele ukunxiba izihlangu wabopha imitya
wanxiba nesilamba.
King: ”Late?”
Nomtha: ”Hayi namhlanje.”
King: ”Awuzubuya espani?”
Nomtha: ”Ndifuna ukuba ndodwa ndike ndicinge ngengxaki zam King. Andidingi nawe uzokongeza kwezi
ndinazo.”
King: ”Awukayibhatali irent?”
Nomtha: ”Uyayazi andikayibhatali. Ndithe gabhu ematyaleni andikwazi nokuphefumla. Endaweni
yokuba uncedisane nam uzondincukutha kwa endinazo.”
King: ”Nomtha ndikuxelele nje uba basaqumbile abazali, xa benyibilika ndizokusorta baby girl. Udaddy
uzokwenza grand uyeva? Ndizokusorta ng'wana!”
Ukuba uyalazi iculo lemihla ngemihla. 'Unyenyi uzokwenza nyend' mihla le. Kuhlwa kuphinde kuse
sisahlabela lomhlabelo mnye.
UKing ndandibana naye kuleclub bendisebenza kuyo eJohannesburg CBD. Bendihlala kumaxhaka-xhaka
eflats, eHillbrow. Ibibubukhulu bendlu yangasese. Okay mhlawumbi bendibaxa izinto, kodwa ibincinci
yona. Bendingabaxi koko. Xa kunetha kunethontsi elingenayo kanye ezantsi kwebhedi. Ibhedi yam yona
17
... ibilelinye ibali lenye imini into yayo. Into enye endingakuxelela yona ngayo kukuba ibiphindisa. Ulala
kum? Uzovuka uqaqanjelwa zimbambo nawe. Ingusingle bed obalisa ngobomu.
UKing! Mnkru! Lomfana ebesuka eKyalami. Kwisuburbs, iestates. Ndamvuma eclub ngokubona ingathi
ngumfana oright onemali kanti ndizirhuqela ingxaki. Ebengene nzulu kwiziyobisi. Engena ephuma erehab
waze wancanywa kowabo. Ibingasekho nento bendimgcinele yona kuba ebezisa ezinye ingxaki
ezingaphezulu kwezi bendihleli ndinazo. Qha kuba umntu engancanywa. Bendingafuni ukumncama.
Kodwa ebendikhanda, kakhulu futhi.
Nomtha: ”Khawuhambe King.”
King: ”Ndiphume ngomnyango?”
Nomtha: ”Ngomnyango wantoni ndibakeka uEfe?!”
King: ”Ndizophuma ngefestire.”
Nomtha: ”Ndinga nqonqozelwa nguwe ezinzulwini zobusuku!”
King: ”Angeke baby. Ngizobona ukuthi ngizogidla va vandaag. Ngizok'bona ntwana. Dankie ngaleya
shandies yayizolo.”
Ndincume kancinci ndanikina intloko.
Nomtha: ”Izoba right lomali?”
Unqwalile.
King: ”Umjita uyakuncanywa uyezwa?”
Nomtha: ”Sharp.”
King: ”Sharp sharp, stocko saka saleZimbabwe!”
Ndiyihlekile kengoku ndamphuza emlonyeni. Uyogwencela efestireni wathaka. Ubethe ikhwelo ukuhlika
kwakhe. Ndishiyeke ndisondlula ibhedi yam. Isilungiso- ibhedana yam.
Ndizame ukuqoqosha ndakhupha icuba ebhegini yam ndayoma ngaphandle kwibalcony.
Bendikuthanda phaya, ndijonge ilanga liphuma ukuba ndikhona ngalomini. Apha- bendibona iJo'burg
yonke. Ibikuphela kwendawo ethandekayo ngeziflats. Ukubona iJob'urg. Bendiba nethemba kulendawo.
Ithemba lokuba imini yam izoba bhetele kunezolo. Amaphupho afezeke.
Ndilitsalile, ndibamba ithutyana ngaphambili kokuba ndiwukhuphe umsi. Ndiwuve emiphungeni.
Kukhale iphone yam endlini ndatsala okokugqibela ndalinyathela. Ndivalile ndangena endlini ndahoya
lephone yam ibikhala. Ngeloxesha kutsho iknock erhabaxa emnyango.
”Hello?”
Yolisa: ”Nomtha phuma sawuba late ntombi.”
Nomtha: ”Imizuzu emibini torho.”
”Kutheni esebeza?”
Kubuze udriver wethu uLandile.
18
Nomtha: ”Undifake kuloud for ntoni?”
Yolisa: ”Kutheni usebeza? Sube ubuza inanana!”
Nomtha: ”Ndiyeza wethu.”
Efe: ”I know you're in there! My friend, I want my money okay? Do you hear?! You owe me three
months now. I want my rent or you fokof! Mxm stupid idiot!!”
Ndiqabele phezulu kwekhabhathi ndaphuma ngefestile ndiyowa 'nko' ngomqolo phantsi. Ndike ndazifisa
isiqaqa ndizimamela ezintlungu. Ngendiyihleka ukuba bendingekho sengxakini noEfe. Ukuba uKing
wenza njani yena awe ngenyawo zombini bendingayazi. Inene bendingayazi.
Nomtha: ”Ja ne ... kunzima eGoli sihambele.”
Ndizincamile ndasukuma ndayophuma ndibaleka angandifumani lo unguEfe.
Bendilindwe sisithuthi sethu, ezaBenz zindala, ibimi ngaphandle kwegate ndankcunkca ukuyongena
ngaphakathi ndavala ucango ndiphefumlela phezulu.
Nomtha: ”Hamba! Hamba!”
Landile: ”Nangu umastendi wakho ekukhweba.”
Nomtha: ”Hambisa imoto Landile!”
Uyibalekisile wabe emi ngaphandle kweyadi uEfe enikina intloko yakhe ebambelele esinqeni. Ja
bendisebubhanxeni hayi kancinci. Inyanga ezintathu zonke futhi ikhabhathi zikhala ibhungane. Ifriji
inamanzi netswere kuphela. All white party! Kubi xa kungekuhlanga. Inene, inene.
Ndoyame esitulweni ndiyihleka. Ukuba bendingahleki bendawusitsho esofelweyo. Bendingafuni ukube
ndikhala, bendidikiwe kukukhala.
Yandisa: ”Umenze ntoni ulandlord wena?”
Landile: ”Uyakweleta awumboni?”
Yandisa: ”Nono!”
Nomtha: ”Khandiyeke wethu.”
Yandisa ”Kutheni ungathethi naye kakuhle umbaleka nje? Uyamazi ukuba uphambene kanjani
lamastandi wakho?”
Nomtha: ”Kusasa, ngoku ndibuya kwishift yam ebendivingcele eflatini efuna ndimtswebele ukuhlawula
amatyala am onke.”
Landile: ”Yini manje ukutswebela. Ukumtsipa?”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Ufuna ndilale naye.”
Landile: ”Haa!”
Nomtha: ”Iyandistressa lento yalerent. Ngapha sibhatalwa icent. Umntu angazibona sethengisa nyani.”
19
Nomtha: ”Kuzolunga wethu Nomtha. Mbhatale ngeinstallments”
Nomtha: ”Ngale imali engaphumi nokuphuma emsebenzini? Kulenyanga ephelileyo ndipeye iR350!”
Landile: ”Habe! Enye ikuphi?”
Nomtha: ”Ndandiboleke imali kaloku emsebenzini. Ngapha ndibhatala itransport, andinakwanto
yokuthambisa, andinapads! Ipads ezi! Andinakutya. Eka Efe ndawuyithatha phi?”
Yandisa: ”Yhooo hayi ngqangqa sinazo nathi shame kodwa ezi zakho ... zininzi lolo.”
Ndinikine intloko yam ndaqubuda.
Nomtha: ”Andisedinwe. Iworse noba ndiyamtswebela ke uzondilala akugqiba aphinde afune imali yakhe.
Zizitayile zakhe ezi. Lantombi yaseMalawi wayenza kanje. Kuthwa ayinkulu ngeloxesha ichukumisa
isibeleko.”
Baphelile yintsini nam ndagqibela sendiyihleka.
Yandisa: ”Ungake ulale nalamgquba wesingcoli Nomtha. Noba sewuxakeke kanjani.”
Nomtha: ”Andicingi, ndawukupatanisa de ndiyifumane. Kuthwa akafuni nesikhuseli kaloku uEfe. Betha
inyama enyameni.”
Yandisa: ”Yhooo bayariska abantu. Usuke ulale nesisidlwengu ngaphandle kwesikhuseli! Ikhona lonto?!”
Malaika: ”Abantu baxakekile phela mnganiz.”
Yandisa: ”Yhooo ha.a yiba desperate kodwa faka iskhuseli kaloku sisi. Awusoze uthi unengxaki uzongeze
ngokuyolanda izifo.”
Malaika: ”And nyani isikhuseli ngundoqo.”
Landile: ”Ubhale kahle ntsizwa kamatilitsheni?”
Nomtha: ”Ngubani umntu kamatikiletsheni apha?”
Malaika: ”Yintoni yona leyo?”
Yolisa: ”Ninomona gqithi! Niphendula kuqala okungathi nake angena emnyangweni ka grade twelve
nina. Ndibhale kakuhle bhuti enkosi kakhulu ngokubuza. Ndiyadibana nomntu oyixabisileyo imfundo.”
Malaika: ”Ayiso stress kanje nesisikolo mntakabawo!”
Nomtha: ”Sis'stress into yokufunda sewumdala mntase. Ingxaki zobudala ngapha, umsebenzi ngapha!”
Landile: ”Nangena kanjani nina emsebenzini ningena matric? Ngoba phela kufunwa wona.”
Yandisa : ”Ndinawo mna.”
Nomtha: ”Bekungathethwa nawe. Uyaziwa uba unomatric.”
Yandisa: ”Sendisitsho nje ukuba angabi sabuza.”
Nomtha: ”Ndangena ngendlela zam mna.”
Landile: ”Eziphi lezoyindlela?”
20
Nomtha: ”Hayibo! Azithethwa zonke!”
Landile: ”Hehe! Ustouti wena Nomtha.”
Nomtha: ”Ndiyaphanda mna qha. KuseGoli apha.”
Landile: ”Impela uqinisile. Akukona ekhaya la kusedolobheni.”
Samora: ”Babetshilo ukuba kunzima eGoli.”
Malaika: ”And basho vele! Bathi iGoli lizokuhlafuna likulahlele le!”
Singqinile sonke kwathuleka emveni koko. Omnye nomnye ebezicingela ingxaki zakhe.
Bendingenabo ubomi ngaphandle kweclub le bendiphangela kuyo kunye nalaKing uhluphayo.
Kwiminyaka eyitwenty two bendicinga ukuba ngalamaxesha bendawube sendifundile ndagqiba,
ndiphangela umsebenzi wamaphupho am . Ndinomzi wam nabantwana abambalwa. Kodwa ke kuthiwa
isicwangciso zezethu kodwa izigqibo zezikaThixo.
Ndabaleka ehome ndina seventeen years. Sibaleka kunye nomnye umntwana ndandise nditshomane
naye. Ndandise ndikhutshiwe kuleya ndandithenjiswe ukuba ndawuhlala kuyo nguTete Constance.
Kusithiwa kugcwele kwaye ayikh ndawo yam. Emveni kweveki nje ezimbalwa. Sisiwa kwesisihogo
ndadibana kuso noMbali.
Wayeneminyaka eyi eighteen yena ngelaxesha. Ndandi shiyekelwe ngunyaka omnye ngaphambili
kokuba ndilahlelwe esitratweni kwamna kwaye nempatho yakhona ingaginyisi mathe. Bebukele nje
inzuzo eza nabaxhasi thina singahoywanga.
Sabalekele kwezinye itshomi zakhe eHillbrow. Besiphila ngokuhambisa amaphepha eJoburg de saxabana
ngenxa yokuba befuna sithengise ngemizimba yethu. Bebesengene nakwidrugs, bexhomekeke
kumagweja asetown- belala nabobantu ababaphathele bona. Noba ngamabhurundi noba ngamandiya.
Into ebuhlungu ibikukuba nalomali ibingazi kubo, bebhatalwa ngedrugs. Besenziwa izinto
ezingathethekiyo beyotyiwe, kaloku aba bantu bebethanda indidi nentlobo zesilalo. Abanye bashicilele
yonke lonto.
Ndaphuma kanjalo kubo ndingekaqali mna, mhlawumbi bendingeka betheki ngalendlela bendibetheka
ngayo ngoku mna. Ndibe sendisiva ngomsebenzi wokuthengisa impahla kwezishop zooMy friend
ndaphangela khona ixesha elide kakhulu, ndimana ndifumana nowokucoca izindlu kwaphaya.
Ndabe ndifumana lo ndiphangela kuwo. Ubungabhatali kakhulu kodwa for umntu onograde eleven
bekungafani. Kwawona bekungafanelanga ukuba ndiwufumene, umanager wakhona wandithembisa
ukuba ndakuwufumana ukuba nje ndingalala naye. Andithi ndalala naye kodwa ndithi ndawufunana
umsebenzi. Andithi andizange ndilale naye.
Sibulise kwibouncer ibimi emnyango. Ebengeyo bouncer nje kuthi, simqhelile. Ebesisigantsintso sendoda
enyusa intsimbi. Enedimasana ezincinci ingathi zezomntwana wakhe. Bebesima bebabini emnyango,
bephatha nemimpu kuba bekuyingozi kulandawo ngamanye amaxesha.
Siyonxiba echanging room. Besinxiba izigcebhezana ze uniform ke ithanga lonke libe ngaphandle.
Yolisa: ”Kuthwa uyabizwa ngumanager.”
Ndijikelezise amehlo am. Ebendidika finish ke latata.
21
Nomtha: ”Ndizawuya, enkosi.”
Yolisa: ”Amathanga enu sana! Athe j'wamxa!”
”Rhaaa phuma!”
”Iyindoda etheni le kwichanging room yabafazi?!”
Nomtha: ”Uqale nini ukuba yindoda uYoli?”
Yolisa: ”Khawubabuze tshomi.”
”Nomtha khawuphume naletshomi yakho inezitho eziqinileyo ngathi ngumleqwa.”
”Umdyubha!”
Siphelile yintsini.
Yolisa: ”Sies!”
"Awuseyo moffie!"
Yolisa: "Moffie efresh bogogo!"
Utsho wagqwashula waphuma sashiyeka siphelile yintsini. Ebekuthanda ke naye ukuqhala izinto
ezishushu engena fridge yokuzipholisa.
Ndigqibile ndaya kwioffice yemananger. Ucango beluvuliwe kuqhuma lacigar yakhe ahleli nje
uyayitshaya ezimini.
Ayodeji: ”Umnyango.”
Besendiyazi ukuba usathana akafuni kuthetha apha. Bendibge kruquke!
Nomtha: ”Ayo.”
Ayodeji: ”We have a problem. Inkinga enkulu nalapha ezinkingeni. Please sit down.”
Ndiphefumlele ngaphandle ndachopha phantsi. UAyo Adeleke ebengum'Nigerian kodwa eneminyaka
ehlala apha eSouth Africa. Wahlala kakhulu eKapa ngaphambili kokuba aze ngakwelicala laseGautini.
Nomtha: ”Ndimamele.”
Undincinele amehlo wandiqhumisela lomsi wakhe ebusweni. Ndinikine intloko yam kancinci.
Ayodeji: ”Come sit on top of me now what is this? Acting all fresh. Nomtha, come on.”
Nomtha: ”Ayo ndise msebenzini.”
Ayodeji: ”What is this? This is you working. Yiz'apha. Khulula elibhanti uhlale kimi.”
Ndiphinde ndaphemfumlela ngaphandle ndajikela ngaphaya ndisiya kuye. Ebesezonekile esitulweni
elindele ukuba ndimkhulule ibhanti. Ndimkhulile ke nam, ndamkhulula nezip. Andiyibanxi, bendisothuka
qho xa ndibona indlela amkhulu ngayo. Undinyuse isikeyiti sam wabhekelisa ipeyinti yam ecaleni.
Ayodeji: ”Lace.”
Ubeke icigar wandibamba isinqe endisondezela ukuba ndichophe ngaphezulu kwakhe.
22
Nomtha: ”Condom.”
Ayodeji: ”Argh! Condom, condom. Acting fresh here.”
Ukhalaze eyikhupha edrawini wayifaka. Imithambo ibiphila. Ndike ndafumana ixesha lokuba ndikhokhe
umoya.
Ayodeji: ”Sit.”
Utsho endisondeza wandingqamanisa nobudoda bakhe wandehlisa kancinci.
Nomtha: ”Ayo!”
Ayodeji: ”Shhhh ...”
Usondeze indebe zakhe kwezam wandiphuza. Bendisinekile zintlungu kodwa besingekabiphi.
Ayodeji: ”Look ats me, kiss me like you mean it. It will not hurt. Nomtha.”
Nomtha: ”Khawume nawe! Eish!”
Ukhuphe ilubricant edrawini wandifaka yona kwababhetelana emveni koko. Ebesiza kade ke kengoku
ndikhale kwakudala endivale umlomo ekugqibeleni wagqiba. Undangile wandiqinisa wandiphuza
intamo.
Ayodeji: ”Contract extended. Thank you baby.”
Nomtha: ”Extended ixesha elingakanani?”
Ayodeji: ”Six months.”
Ndinikine intloko yam. Inyembezi bendizibambe ngenkophe.
Nomtha: ”Ubuthe izoba yicontract epermanent!”
Ayodeji: ”And then say what to the owner? Awuna matric Nomtha. I'm doing my best here. I could get
fired! I won't eat your nice cush.”
Nomtha: ”Mxm! Ndiyakuzonda!”
Ayodeji: ”Don't hurt my feelings.”
Ngeloxesha ebebetha ngoluka blanket uncumo. Ubhekisa idreads zakhe ngemva. Bezisesicukwini
nezidreads, engenzanga intloko yonke.
Ayodeji: ”Come kiss papa and get back to work.”
Ndosule inyembezi ndayomphuza. Undibhantsile ndakuphethuka, wayihleka kuba ndimjamele.
Ndiyophuma ngomnyango ndaya ezitoilet. Ndikhale ndonela ndazosula ubuso ndayozilungisa kakuhle.
Ndiright, ndinomsebenzi. Ndiright, ndinomsebenzi.
Ndenzela mna apha, ukuba ndiyawuyeka lomsebenzi ndawuthini?
Ndiphefumlile ndazijinga esipini ndaphuma ndayosebenza.
23
THREE
Bendikuthanda ukuphangela kulanight club. Noxa imali ibingeninzanga ngendlela bendinqwenela ngayo
kwaye imeko zempangelo yam zingaginyisi mathe- bendikuthanda. Mandithi bendithanda ukuphangela
'kwinightclub'. Kukho into ngabantu abaseleyo eyonwabisayo. Indlela bebekhululwa ngayo butywala,
badanise, bahleke, bakhale. Inkululeko yokujula izandla zakho emoyeni uzinikele nje, wonwabe.
Bendiyibawela.
Bendiqonda ukuba bekutheni abanye abantu bebephephela kwiziyobisi. Kuba nzima ukujongana nqo
nobomi. Isibindi namandla ayaphela. Udinwe kukulwa.
Bendiyibawela lentlobo yenkululeko. Ndingakhathaleli amangomso. Ndijule izandla zam emoyeni
ndiyekelele. Ohhhh bekwawuba mnandi. Lonkululeko. Bendiyiva incasa yakhona emlonyeni wam. Oku
kweJerusalema ndiyilangazelela. Kodwa bendiqonda ukuba bendifuna into ekude nam. Bendibotshwe
ngamatyathanga enkxwaleko zobomi obubobam. Ngamanye amaxesha, nxa ndindodwa kulaflat yam
ibhodlokayo bendizibona kwindlu yasekhaya noLumumba notata wam. Ndimbone endixwaya emagxeni
akhe ndihleka. Bendiluva ulonwabo olugqibekekileyo. Imfudumalo yekhaya. Xa ndimamelisisa kakuhle
ndilive ilizwi likatata lindiculela ingoma ndilele ezingubeni zam. Ebecula ngelizwi elimnandi ndizive
ndisindwa ngamehlo. Aqhube ecula, aqhube ... ndide ndilale.
Ndivule amehlo ndidakumbe ngakumbi ukubona ukuba ndiseJohannesburg, eHillbrow. Ndisekobubomi.
Bendikwi floor namhlanje hayi kwibar. Into ethetha ukuba. Tips! Tips! Tips!
Into inye ngokusebenza kwifloor- ukuba ingxaki zakho kwenzekile ukuba ungene nazo kwiclub,
ubuzishiya ngaphaya kwecounter ibengathi awunazo kwawena. Bekubalulekile ukuba uncume, ube
nobubele, umonde kwaye ubenendlela yokutsala amadoda anemali. Ukuba uzoba ngusis'Sindiswa
oginye uYesu esemnqamlezweni ubungenolunga apha. Nangaphandle kwefloor kodwa kwakwi club.
Bekufuneka uzibuze ukuba uJezebel angenza njani kulomeko yakho. Bendisenza njengoJezebel.
Ekugqibeleni bendingatyi imorals mna. Amatyala am bendinga wahlawuli ngesidima. Inye into ngam,
bendenza nantoni na ukuze ndingantywili. Bendinga zukuntywila. Noxa bendinqwenela ukuzintywizisa
ngoku kwam bendiqiniseka ukuba ndivela noba kungonwele.
Ndiyavuma, ibikwicala elibana leJo'burg lendawo kodwa bekungazi iphuqe zabantu kwaye nomgangatho
ubungekho phantsi. Bebesiza nabantu abanemali, abathenga utywala ngemali yokutya kwenyanga
yonke.
Malaika: ”Uyabizwa nguAyo girl!”
Nomtha: ”Ubani? Mna?”
Ibingase ibekanti akabizi mna. Into ibidibene nalandoda ibindenza isizaphu- zaphu.
Malaika: ”Ewe wena!”
Ebefundekelela ukuba ndimve ngaphaya komculo kuba ubufundekela kwawona. Bekugcwele ke
namhlanje, kakhulu kunesiqhelo. Bendingayazi nokuba mhlawumbi kuwe imoto yemali asaxelelwa.
Ndihambise iziselo zabantu ndaya kula Ayodeji ungenanto yokwenza.
Ayodeji: ”Smile!”
Ndimjikelezisele amehlo.
24
Ayodeji: ”Just because ngilala nawe doesn't mean you give me attitude. Lungisa iVVIP. Important people
are waiting for it in the VIP section so nyakaza. Wenze sure ukuthi yonke into iright or else ...”
Ndinqwalile.
Yolisa: ”Ungasigebengi ke njengoba usijonga kanje!”
Ndiyihleke nje ndakhawulezisa ukuyolungiselela ababantu bekuthiwa balindile. Ibingekho ngako nento
caba. Ndiqoshelisile ndahamba ndiyobalanda kulendawo bebehleli kuyo. Ibingabantu abangobhuti
abakwi early and late 30's abane namantombazane amathandathu.
Ababhuti bebenuka imali. Apha ke ububa nesiphiwo sokwahlukanisa phakathi komntu osuka emalini
nomntu onemali entsha, sarha buRAF kanje.
Sisiphiwo ubusufumana apha. Aba bebesuka kwimali, bekwimali. Ububona kwisinxibo sabo, ubona
kwindlela abaziphethe ngayo.
Bayohlala ke ndathatha iorder yabo. Ndizibambe nje kuba ndiphambili kwabo kodwa bendifuna
ukuscreama. Imali engaka?! Bebengabizi zinto nje zicheap. ORèmy martin, iMacallan nechampaign
eziliwaka- konke ngamaxabiso aseclub. Shu!
Nomtha: ”Nkos'enofefe! Andiyiqheli ke le yokubona abantu beyisebenzisa kangaka imali etywaleni
silamba!”
Nomcebo: ”Ukuthi ujwayele ukusebenza ebar iskhathi esiningi! Nomtha!”
Nomtha: ”Oko imihlathi yam ingawanga phantsi!”
Nomcebo: ”Awukho serious ntombazana! Kwakunini usebenza la?!”
Ayodeji: ”Less yada yada! Ladies! What is this? Fish market?!”
Nomtha: ”Bhut'wakho ngefong kong le Versace yase Small street!”
Yolisa: ”Susihlaza yi original leya. Uqobo lweqobelo. Bethunana, xa ningaxakekanga kakhulu nimxelele
ukuba angandi user mna andinangxaki.”
Nomtha: ”Awamaninzi amadoda ngeloxesha uzozincama kuAyo.”
Yolisa: ”Ukuthetha inyani zodwa kodwa beth'nana mhle uAyo.”
Nomtha: ”Ubuhle bekhiwane zimpethu!”
Yolisa: ”Yintoni kanti ingxaki yakho nomanager Nomtha? Siyayazi ukuba ungqongqo and ukrwada
ngamanye amaxesha kodwa leyakho indzondo inzulu sisi.”
Nomcebo: ”Unesidina mara uAyo.”
Yolisa: ”Ndiyaniva ne guys, kodwa mna Yolisa Jolingana ... ndingamnika mna.”
Nomtha: ”Umgangatho uphantsi nono.”
Yolisa: ”Akukho mgangatho xa kuziwa kwicrush. Noba bubusuku obunye.”
Ibingase ndiphalaze mntakabawo. Ibingeyonto ngaphandle kokuba ethetha ngaAyodeji. Bendiqinisekile
ukuba bendingengokuphela komntu ebelala naye kulaclub inye kuba eyazi ukuba kucengwe umsebenzi.
Siwuxakekele. Bendidikwa nakukunga nyaniseki kwakhe mna. Akuthembise izulu kanti uzokwenza into
25
elungela azokwazi ukuquqa ebuyelela . Umntu makabe yilento ayiyo. Atsho nje phandle ukuba uzomane
uhlaziya icontract ngempundu zakho. Kwaye ngenye imini, xa ndinesiyalo ndizokubiza kwaye uzovuma
kuba umsebenzi wakho usesichengeni. Uhlala usesichengeni.
Ndithathe izinto zabantu ndazisa, ndaphinda kwakhona. Ndaphinde ndaphinda. Itafile ibimnyama
ukugqiba kwam ndigqibele ngechampaign zabo ezilayitileyo. Amantombi ebeqinisekise ukuba
ayahlamba hayi kancinci. Ndincumile ndibabuza ukuba ndingabanceda ngenye into na banikina intloko
zabo. Kukho lo ebenendevu ezimhlophe ebejongene namathanga am.
Argh! Bendisonela xa kulapha. Ndincede nezinye itafile ezimbini ngaphandle kwayela. Ezinye bezizolile
noko. Ingabantu abambalwa enye inomntu kunye nomntu wakhe.
Ndiqhube kanjalo phantse ubusuku bonke. Ndihoye itafile ezintathu ukuya kwisine. Ulibale nokuba
unengxaki kuba oko ubusonwabile, uncumile. Kodwa bendibulawa zinyawo ukuphela kobusuku
sendizirhuqa inyawo kukudinwa kodwa besele ndizotshayisa.
Ndihambisele ababhuti namantombi wabo ibill kuba bebesezohamba. Besekukufuphi sivale ngoku
kodwa bekusagcwele. Kuba bekwi VVIP andikhawulezanga ukubasela ibill kuba utsho njalo uAyodeji.
Amantombazana ebejaiva, ejaivela ababhuti. Bekude kunyuka nezikeyiti kodwa bebengena msebenzi
nalonto ngelaxesha kuba bebeshushu kamnandi.
Ithathwe ngulo ebenendevu ezimhlophe wayijonga efinge intshiya.
”Sapha Simba, ndizoyihoya.”
Caba ibinguSimba igama lakhe lobhuti. Khange amphendule kwangoko waqhuba ukujonga ibill.
Ndiyafunga, ndiyafunga amehlo akhe ebesemathangeni kwakhona. Nxa! Amadoda, uhamba
namantombi apha kodwa usenaso isibindi sokube ejongene nam.
Simba: ”Ndizoyihoya.”
Ebenelizwi elikhulu ethethela phantsi.
Ukhuphe isipaji sakhe ekhupha icardi.
Ndenzile ndalibuyisela kuye. Itips zam bezibaliwe kulemali ibitsaliwe. Kodwa ndibone ngaye esithi rhutyu
imali esipajini. Ubale i two thousand yonke wayilahleka eyafileni engandiniki esandleni.
Simba: ”Siyabulela ngomsebenzi wakho omhle. Yitase ngoku ingabonwa ngumphathi wakho. Ubuthe
ungubani kanene igama?”
Nomtha: ”NdinguNomtha. Ndiyabulela.”
Bendimangala nokuba ethetha isiXhosa kakuhle kangaka. Ngaphandle kwamathandabuzo
ebengumXhosa. Ngenkangeleko kodwa ungatsho ukuba ngowase mntla Africa. Andiyazi noba libala
lakhe na elindenze ndicinge kanjalo okanye bubude bakhe- andiyazi kuba yonke lonto ubuyifumana
nalapha kodwa ndicinge njalo mna. Bebe ngabenzi kanje apha eMzantsi. Ebenokuthula ngaye,
engathethi kakhulu ,engakhwazi kakhulu. Kodwa ebencuma kakhulu. Ahlekele phezulu nabahlobo
bakhe.
Ndiyithathile imali ndayifaka emabeleni ngokukhawuleza. Ingxaki zam beziphelile ngobusuku nje
obunye. Ibingase ndixhuma-xhume luchulumanco, bendizoyeka ukutsiba ngefestire xa ndiphuma eflatini
kwaye bendizothenga intwana yokutya kunye nezinto zokuthambisa. Bendibetha ngoluka blanket
uncumo ndaphinde ndakhawuleza ukunquma. Sh*t! Sh*t!
26
Ngoku besendinesazela ngokuthatha lemali. Indisinda amabele kengoku, ngoku bendimana
ndibagcwalisela iziphuzo ndibone iphone ibiphezulu kwetafile ndayithatha. Ibiyi IPhone. Ukuba
yintloboni bendingeno kukuxelela. Qha ibinkulu kakhulu. Into ebendino kuxelela yona kukuba
bendizoyithengisa. Mhlawumbi ngamaxabiso aphantsi kakhulu kunexabiso ayithenga ngalo. Phofu
bekungekho mhlawumbi nganto, ngokuqinisekileyo bendizoy'thengisa ngamaxabiso aphantsi.
Bendingena ngxaki ngoko ukubabela kodwa ngoku endiphe isixa semali ngaphezulu kwetips zeVVIP ...
bawo!
Ndithe sendicinga ukunikisa ngayo ndaphinde ndacinga ukuba ndawube ndizifaka emanzini ashushu.
Ndincumile ndabashiya. Intliziyo yam ibethela ukuma.
Siqoqoshile kwabe sekusimnka abantu, behamba ngokuhamba kwade kwathula. Nditsho ndaphefumla
ukubona bengekho kulatafile kuba oko bendibambe umphefumlo.
Imehlo lam belingapheli emnyango njengoba bendicoca.
Ayodeji: ”Nomtha, a minute please. Vuyani, please come to my office after Nomtha.”
Unqwalile uVuyani. Ndilandele emveni kwakhe ndangena ngaphakathi.
Ayodeji: ”Leave it open.”
Oh so ebengazuzondi chophisa phezulu kwakhe. Ndiyohlala kwisitulo esiphambili kwakhe.
Ayodeji: ”Congratulations. You are officially debt free.”
Ndinqwalile ndajonga iphepha. Ngenyani itips zanamhlanje bezihlawule ityala lam lonke belishiyekile.
Bekungathi izinto ziyalunga ngoku. Andinatyala emsebenzini, andizuba natyala likaEfe.
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Ayodeji: ”Pleasure. You may leave, call Vuyani for me.”
Ndinqwalile ndaphuma. Ingathi onke amehlo ebekum ukuphuma kwam kodwa bakhawuleza balahlisa
ndalubajonga..
Nomtha: ”Vuyani, office.”
Vuyani: ”Eish! Sayophulukana netips zam!”
Ndiyihlekile. Ingxaki zikaVuyo- njengokuba besimbiza emsebenzini, bezenziwa nguye. Ebezibiza ngoku
kwakhe zizihleleli kude naye. Imali abebanayo ngalamhla wokupeya, ngosuku lwesithathu sedinga
neyokukhwela imali. Besinethamsanqa kuba bekunganyanzelekanga siphathe ukutya. Besisitya
ekhitshini koku kuphekelwa icustomers. Ibityiwa ngamankazana kwigroove.
Sigqibile sayokhwela itransport sagoduka. Bekunga ncokolwa ke ukubuya kwethu late. Besilala cum
sonke kukudinwa.
Ndihlike egeyithini ndabaleka ukuyongena ngaphakathi. Ndimelwe yintliziyo ukubona izinto zam
zingaphandle kweflat yam. Yonke into! Bekukho iqhagi elake lalikhulu emnyango. Eish!
Ndiyonqoqoza kwiflat ibilala uEfe xa engayanga emzini wakhe kwisuburbs. Bezilungele thina eziphuqe
zeflats, hayi yena. Ebesenza imali eninzi kakhulu kuthi kodwa ebengafuni kuyichitha ngoku silungiselela.
Kuvuleke ucango wavela sencumile.
27
Efe: ”Nomtha, Nomtha ...”
Ebekwigown mntakabawo.
Nomtha: ”Bendicela undivulele iflat Efe, ndiyiphethe imali yakho.”
Unditsale ngentamo ndingalindelanga wandisondeza ebusweni bakhe. Uqinise kancinci ukundibonisa
ukuba ibingenguwo umdlalo lo.
Efe: ”Don't ever, ever do that sh*t you did in the morning again. Do you hear?!”
Ndinqwalile. Undiqinisile endibamba umphefumlo ndazama ukumsusa.
Efe: ”I'm doing too many favours for you but I'm getting nothing in return. Just trouble, trouble, trouble.
Do that sh*t again when you owe me my rent money. Do it again!”
Undikhulule ndawutsala umoya ndikhohlela into engapheliyo. Bendide ndachopha phantsi. Inyembezi
bezizehlela emehlweni, hayi nokuba bendikhala.
Efe: ”I don't have all night Nomtha.”
Ndisukumile ndamnika imali yakhe ndiyibeka phezulu kwetafile.
Undijamele wanditsala ngengalo endityhalela kulamali ndayowela phezulu kwetafile ndibetheka
ngobuso kuqala. Unditsale ngenwele ephinde esondeza ubuso bakhe kobam.
Nomtha: ”Efe ...”
Ebendibambe kabuhlungu.
Efe: ”You are full of sh*t wena. Nxa! Get out of my flat before I fix you that stupid attitude. Stupid girl. I
will slap you finish!”
Undigibisele ngesikhiya ebusweni ndasichola phantsi ndaphuma. Kukho igama lalanto ebesanda
kuyenza, kwaye ebengabanjwa ukuba ndinga mxela emapoliseni kodwa amapolisa ebengo gumbela
kwesakhe. Ekhokhelisa imali kunezikhalazo zabantu. Ngakumbi abantu bangaphandle abanemali kufana
noEfe. Ebengaphelelanga kweziflats, ebethengisa neziyobisi eyiyo nepimp yomarhosha abambalwa
kwalapha kwiflat zethu. Ebesazana nabantu abayingozi kwaye naye eyenze ingozi.
Ndingenise izinto zam, ndancediswa ngubhuti ebesisecurity ehlala kwiflat engaphambili kweyam.
Ebenga ngenanga namhlanje. Ebezithe brentwood yakhe okungathi akukho sezinzulwini zobusuku.
Inoba ebelala ngesikheyinda, wakhawuleza wanxiba ukuva ingxolo bendiyenza.
Nomtha: ”Ndiyabulela bhut'Duma.”
Duma: ”Nomtha, yingani ungavetane uzohlala nami lana eflatini lami? Ngizokwenzela yonke into,
ngikuphathe kahle. Ngeke ulokho uhlutshwa uEfe.”
Ndincume kancinci.
Nomtha: ”Ndiyabulela bhut'Duma kodwa ndiseright apha.”
Duma: ”Njengoba uxoshwa nje?”
Nomtha: ”Sendimhlawulile kuright.”
Duma: ”Kulungile ke ntombi. Uphi lomfanyana wakho?”
28
Nomtha: ”Andimazi.”
Unqwalile.
Dumi: ”As'bonge ke ntokazi. Usuyolala kahle.”
Ndibulele ndavala ucango.
Ndiphefumlile ndaqoqosha izinto zam kakuhle. Ndikhuphe lamali ibishiyekile ndayifaka kwibible
ndayifaka empahleni zam. Nditase amabele dololo iphone. Yhooo! Bendiyikhangela nasefrijini uzuqonde
ukuba bendimnkelwe zingqondo. Akukho apho bendingayi khangeli khona. Ndicinge ukuba kungenzeka
iwe kuEfe ngoku ebendityhalele etafileni kodwa bendinga zukuphindela phaya. Soze. Hayi ngoku
aqhunyiweyo uEfe. Ebezondingombha andidlwengulele phaya.
Ndihlambile, ndangena ezingubeni ndilala. Ndothuswe yingxolo yento ewayo apha ngaphakathi eflathini
ndaxhuma ebhedini.
King: ”Yimi baby!”
Nomtha: ”King?”
Ubetheke entweni wathukisa. Ulayite isibane. Ebebomvu krwee amehlo akhe, eqhunyiwe naye. Eneneni
andiyazi ukuba ndenze ntoni ukwehlelwa bobububhanxa bebundehlela.
Nomtha: ”Bendithe ungezi apha.”
King: ”Why? Because ufuna ukuza la namadoda wakho? Huh? Izifihle phi?”
Noxa bendiqhuma ngumsindo ndizibone sendiyihleka. Hayi bendingeno ngayihleki. Umntu ukhangela
indoda ezifihle eflatini yam, okay kulungile. Indawo yokuqala azojonga kuyo kusekomityini ephezulu
kwetafile. Ade ayijongise phantsi okungathi uzokhiqika awe lomntu. Ekomityini.
Nomtha: ”King lala okanye uphume kwam! Wawuke wayibona phi into yomntu ozifihla ekomityini?!”
King: ”Ulala namanye amadoda wena, utyiwa ngamanye amadoda Nomtha! Uyandifebela!”
Nomtha: ”Andifebi. Ndilala nenye indoda uzokwazi ukuba nendawo yokulala kwawena kuba ungundinga
s'thubeni. Ndilala nenye indoda kuba lomsebenzi ndiwusebenzayo uzokwazi ukufumana imali yedrugs
nokutya ndiwuvulela amathanga. Kodwa ayilalisi ke, ndiza ngomva okanye ndigaqe ngamadolo.
Ngamanye amaxesha ukuba ndinethamsanqa ndilala kwidesika. And awuzuyifumana apho londoda.
Ucime isibane ukugqiba kwakho ukuziphambanisa ulale. Andinaxesha lemfeketho yakho mna
cheeseboy!”
Hayi namhlanje. Hayi namhlanje!
Ndimve esothula isikhalo ndajikelezisa amehlo ndiyongena ezingubeni. Bendizidinelwe mna. Ndinestress
seIPhone yabantu. Ubuso bam buqaqamba kubetheka kulatafile yakwaEfe. Umqala wam ubuhlungu,
inyawo zam zifutha.
Ukhale wonela ndeva ngaye sengena ezingubeni.
King: ”Ndizoya erehab.”
Ebenesingqala.
29
Nomtha: ”Xa uphuma uphumele kowenu. Ndidikiwe nguwe. Akhonto undinceda ngayo ebomini
ngaphandle kokuba yingxaki yam ndizitsalela dweni. Ungabuyeli apha kwam. Uhambe uye kwezinye
icheese ezifana nawe.”
King: ”Nomtha ndiyakthanda. Ndikuthanda nyani! Ukubuya kwam erehab ndizokukhupha apha.
Ndizolukhupha kobubomi.”
Nomtha: ”Kokwesingaphi undixelela lonto?”
King: ”Ndizokukhupha nyani kulegame. Ndizokukhupha. Xa ndiright, ndisober ndizobuyela kwifamily
company ndiphangelele wena. Ng'zok'sorta ng'wanga. Thula wena!”
Eish bethunana! Bendiyazi mna ukuba uthetha nje. Ebesiva ebuhlungu kuba ndilalwa yenye indoda.
Ebendithanda yena ukundithanda kodwa ebenzulu kwiziyobisi kunzima ukuzihlangula.
Ndimve erhona ndamjonga. Ebemhle yena. Ndimphuzile ndamzela ngomva ndilala.
Ndivuke kusasa ndayoqokelela izinto zokuthambisa nezokutya. Ndizithengele nejeans ezimbini
kumadunusa ngeR50 enye. Ndathenga nezikipa ezimbalwa nesilamba seleather. Yonke lonto ngaphantsi
kweR400 kumadunusa. Bezifresh, izimpahla zoma Zara, ONLY nooForever 21.
Ndiphindele endlini esalele uKing. Ndenze ukutya wavuka sekuvutshiwe wondlula wahlamba satya.
Beziphelile iziyobisi emzimbeni wakhe.
King: ”Uyangena vandaag?”
Nomtha: ”Ewe.”
King: ”Imali yokutya uyifumene ...”
Nomtha: ”Kwi customer. Ngumntu onemali eninzi so ebendibulela ngokubaphatha kakuhle.”
King: ”Ndizokwenzela yonke into oyidingayo.”
Nomtha: ”Ndikufuna uphumile kwam nasempilweni yam. Uhambe uye erehab ulungise ubomi bakho
uye kowenu. Awunanto ekudibanisa nabantu abafana nam wena.”
King: ”Ungayisho kanjani into enjalo? Nomtha ngiyakuncanywa. Ngiyakufatela blind ng'wana. Sizovuka
sonke fede.”
Nomtha: ”Enyanisweni King! Abazali bakho bachithe imali eninzi ukukusa ezikolweni eziright wena
uzothetha 'ofede'. Akufane bekukhuphile kwabo, khawulungise ubomi bakho uphume kobu uzifaka
kubo. Akhonto intle ngentlupheko.”
King: ”Ngeke ngihlukane nawe.”
Andimhoyanga ndayolala. Ndivuke esekhona elungisa i iron yam. Caba ebezimisele ukuhlala apha imini
yonke yanamhlanje.
Ndihlambe ndagqiba ndanxiba iuniform yam ndayotshaya ngaphandle.
Ndive ngaye sendibamba isinqe endiphuza intamo.
King: ”Akhonto yakho ilapha nawe.”
30
Nomtha: ”Kulapho uphazame khona, ubomi bam bonke bulapha mna. Ndinesiqu sam qha apha
emhlabeni.”
King: ”Kutheni ungandi vumeli ndibe ngomnye umntu onaye?”
Nomtha: ”Ayikho nalento uyithethayo, khawume ndihoye iphone yam inoba itransport ifikile. One pull?”
King: ”Andifuni kutshaya ndifuna ukuthetha nawe.”
Nomtha: ”Ungakhiyi xa uhamba.”
King: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Uzame ungandibeli izinto zam uyozithengisela ukuqhuntywa. Ina nantsi iR20.”
King: ”Ndicela undimamele umzuzwana.”
Ndithathe iphone yam phezulu kwetafile.
Nomtha: ”Ndiyaphuma ngoku! Uzobe ulapha late?”
King: ”Andiyazi. Mhlawumbi.”
Nomtha: ”Sawubonana ke.”
King: ”Ungalali namntu namhlanje!”
Nomtha: ”Haha!”
”Nomtha ubufunwa nguAyo.”
Eish!
Nomtha: ”Okay.”
”Inkulu into ekudibanisa noAyo sana. Alitshoni ilanga ningavalelenanga kula office.”
Nomtha: ”Iyakufuna kaloku.”
”Hayibo! Nomtha ndiyadlala!”
Nomtha: ”Okungathi yinto beningayihlebi! Umntu makahoye into ayizeleyo apha ayeke ukugadana
nabanye abafazi. Into esidibanisa apha ngumsebenzi. Ukuba ndingena phi ndiphuma phi andiqondi
ukuba ifuna mntu leyo. Ndiyayazi mna into endiyiquqelayo. Ukuba ibinifuna ngeniyazi kodwa ayinifuni.”
Nditsho ndaphuma ukugqiba kwam. Bendinexhala namhlanje. Bendiba nexhala qho xa endibiza phofu
kodwa ngoku belingaphaya. Bekungavalwanga emnyango naye engachophanga. Ebenyuka esihla etase
izandla zakhe. Umile akubona kukho umntu emnyango wandijamela.
Ebenomsindo. Ebefutha ngumsindo!
Ayodeji: ”Finally! Follow me.”
Undigilile emnyango ndagxadazela kancinci. Ndikhawuleze ndalandela emveni kwakhe, intliziyo yam
ibethela ngaphezulu ukubona apho besisiya khona.
Bekugcwele iscreens kwelagumbi. Zibonisa onke amagumbi eclub ngaphandle kwefitting rooms nezindlu
zangasese. Bendigaibele zingasebenzi icamera zasekhapha.
31
Ucofile kwabonakala iVVIP section. Uyise phambili kancinci kwavela mna ndibeka iziselo phezulu
kwetafile. Ndithathe iphone kwesosithuba ndiyifaka ngaphantsi kwetray ndahamba. Ibicace gca. Iphelile
yacima pam ndisayijamele. Ibingase umnhlaba undiginye ngalamzuzu.
”Unento engeyoyakho, ndizocela uyibuyise ngalomzuzu.”
Bendilazi elolizwi. Ayingawo lamazwi uwalibayo kuba nomnikazi akangabo ababantu balibaleka lula.
Simba: ”Please leave us Ayo. I'll handle it from here.”
Ndijonge uAyo andincede angandishiyi nalomntu. Bekubhetele kwayena kunalomntu.
Nomtha: ”Ayo.”
Ayodeji: ”I can't protect you this time Nomtha. This is a very dangerous man. Mnike iphone yakhe.”
Nomtha: ”Ayo.”
Simba: ”Ayodeji.”
Ayodeji: ”I'm leaving.”
Utsho wakhawuleza ukuphuma. Bekukho ibhotile yeMacallan phambi kwakhe. Ephethe iglass
ebeyigalele kuyo.
Ebenxibe ihempe emhlophe neblukhwe yelaphu egrey kunye neloafers.
Simba: ”Iphone yam.”
Ndiginye ingwiqi ndadlala ngezandla. Ebengabonakali ndawo lamntu ebehleka amehlo abenenyembezi
wayizolo. Bendijongene nomnye umntu ngoku.
Ndive ngeglass isithi tshuu igqitha endlebeni yam yayobetheka kwiscreen isophula kwasona.
Andiyazi ukuba ndisinde kanjanni anga ndichani.
Simba: ”Ndithetha nedonga?”
Nomtha: ”Hayi.”
Simba: ”Sapha iphone yam. Uthathe into engeyoyakho. Emveni kwemali engaka endikunike yona unayo
nentliziyo ende yokuba iproperty yam! Iphi?!”
Nomtha: ”Ayikho.”
Simba: ”Ayikho iphi? Sewuyithengisile?!”
Nomtha: ”Andiyithengisanga.”
Simba: ”Iphi?!”
Nomtha: ”Ilahlekile. Ndiyilahlile, andiyazi ilahleke phi.”
Ugibisele ibhotile yeMacallan, ibisagcwele. Iphihlikile nayo kuba ndiyiphephile. Usukumile wacotha
ukuza kum. Ndibuye umva ndade ndanqandwa yitafile.
Simba: ”Uthengise iphone yam? Uyayazi ukuba yimalini laphone? Icontacts zam eziphaya? Sewuyilahla
nje ubuyintoni kwizinto ezingezozakho?”
32
Nomtha: ”Bendi zoyibuyisa ndiyath-”
Andiyazi noba ufike ngaliphi na ixesha kum kodwa besendiphantsi yilampama ebendigalele ngayo.
Akandinikanga xesha wandinyusa ngenwele. Oh inwele zam!
Simba: ”Ndikubuza okokugqibela, iphi iphone yam?”
Nomtha: ”Ndiyilahlile.”
Uqinise inwele zam wandigibisela le ndayokuwa.
Simba: ”Sukuma.”
Utsho ekhulula amaqhosha ehempe wayidobhorisha imikhono.
Ndisukumile.
Simba: ”Ndinike iphone yam.”
Nomtha: ”Ilahl-”
Kungene enye impama ndaxhathisa ndibambelela ngetafile. Ndive ikhonkco lebhanti.
Simba: ”Ndizokufundisa ukuzihlonipha izinto zabantu. Uthi noba uyibona ithe natya etheni ubalekele
kude nayo. Wakigqiba undisa apho uyithengise khona. Kobabugoxo beflats uyithengise kuzo ...”
Nomtha: ”Andiyith-”
Ungenile umvumba ngagxwala!
33
FOUR
Simba: ”Kuhamba njani? Landa iphone yam kulendawo ekukhomba khona itracker mfondini! Andiyazi
noba ndithetha isigrike na kuwe okanye awundiva ngasibom. Landa lo phone!”
Uyibeke phantsi iphone. Undijongile wandincinela amehlo.
Simba: ”Thula ufe wena okanye ndizok'phinda! Uphakame apho! Uzondixelela ukuba uyibele ntoni
iphone yam!”
Uchole ibhanti lakhe walinxiba walungisa ihempe yakhe ezama ukuyolula kuba ibishwabene kancinci.
Simba: ”Ndithe sukuma! Ndikubethe impundu adikubethanga indlebe.”
Ndizicengile ndasukuma. Ebengandibethanga impundu ebendibhaxabule. Bekutshotshozela kunzima
nokusukuma. Ndosule inyembezi bezisehla ngezidlele ndayochopha phantsi. Bekuqaqamba ngakumbi
kodwa ndazinyanzela kuba ebengekho ngaphezulu kokuba andikhabe kwakhona.
Uzochopha phambili kwam wathatha iphone yakhe wayicofa wayibeka endlebeni.
Simba: ”Ayodeji, bring me another bottle of Macallan please. And two glasses. Tell the waitress not to
get inside. I don't want anyone here ... tell your boss I'm using this room and I'll call him when I'm done.
Thank you. Iphi lemali bendikunike yona izolo? Itips naleya bendikufumbathise yona?”
Ndithinte umqala wam.
Nomtha: ”Ndisisebenzisile.”
Simba: ”Uyaqhunywa? Usebenzisa iziyobisi?”
Nomtha: ”Andisebenzisi ziyobisi.”
Simba: ”Huh? Hlala kakuhle uthethe kakuhle ndikuve, andizube ndisabela ube uthethela emazinyweni.
Usebenzisa iziyobisi?!”
Nomtha: ”Andizisebenzisi.”
Simba: ”Uyenzeni lamali endikunike yona izolo? Nale uthengise ngayo iphone yam?!”
Nomtha: ”Andiyithengisanga ipho-”
Simba: ”Then uyenze ntoni kaloku?! Ndixelele ukuba uyenze ntoni? Ube iphone yam emveni kokuba
ndikuphe itwo thousand rand yam ngaphezulu kwetip yam. Awunaphone ngoku, awunayo necent. Uthi
awuqhunywa. Uyenze ntoni iphone yam?”
Nomtha: ”Ilahlekile.”
Unyakaze ngokukhawuleza ndazigquma ubuso ndibaleka angandibethi ngempama kwakhona.
Uhlale ekucupheni kwesitulo.
Simba: ”Umonde wam ungaka ngoku kuwe ... ungaka. Undibele iphone okokuqala, ngaba ndikunyathele
ungakwazi nohamba kodwa andikwenzanga oko. Ndikunika imizuzu yexesha lam ngesizathu
endingasaziyo. Abantu bam bahla benyuka kuleCBD bekhangelana nephone yam oyibileyo so sundilinga.
Ukuba ucinga uba andisoze ndiphinde ndikukhabe uphazamile. Ndizokukhaba. Thetha.”
34
Nomtha: ”Iphone ndiyithathe ngaphambili kokuba undiphe imali. Bendifuna ukuyiphindisa kuba
bendinesazela kodwa bendisoy-”
Simba: ”Ubusithini imbuzo wam kuwe?”
Bendilibele noba undibuze ntoni usukumile wazoma phambi kwam. Ndizigqume ubuso ndajonga
phantsi. Unditsale ngenwele kwakhona wandijongisa kuye endisondeza ebusweni bakhe. Umphefumlo
wakhe ulapha, siphefumla umoya omnye. Ebendincinele amehlo wabusondeza ngakumbi ubuso bakhe
impumlo zethu zadibana. Bendingcangcazela. Uqinise izandla sakhe entlokweni yam.
Simba: ”Sizohamba siyothatha iphone yam kulendawo uyilahle kuyo Precious and then I will fuck you up
so much uzisole ubomi bakho bonke. Uyabona le bendiyenza apha, ngumdlalo kwinto endizokwenza
yona. Uzowukhomba lomsebenzi, ulale ngaphantsi kweblorhwe. Uyandiva? Uyayiva lento ndiythethayo?
Ndikunika imali yam unyolukela enye, iphi kanti lemali ingaka uyibileyo? Uyenzeni yonke lemali?”
Ngaphambili kokuba ndiphendule kuvuleke ucango kwangena uNamhla, lemtombazana ibindibuza
ngokuquqa kwam eofficini kaAyodeji.
Undikhulule wajonga kuye exinge emnyango. Ujonge kum uNamhla wajonga igumbi eli beliyimess
wajonga kuSimba.
Namhla: ”Uhm hi- umh-”
Simba: ”Simple instruction iyanoyisa apha. Kuthwe ungene apha?”
Urhole amehlo wanikina intloko.
Simba: ”Kuthwe ungene?”
Namhla: ”Hayi.”
Simba: ”Qha uqonde ukuba uzongena wena ngoku kuthiwe ungangeni? Phuma phandle uyonqonqoza.
Phuma.”
Uphume okungathi uyaleqwa uNamhla wavala ucango. Kuthathe ixeshana ngaphambili kokuba
anqonqoze.
Uyovula umnyango uSimba wawuvula wathi gebelele.
Namhla: ”Good morning, I'm Namhla. I'm here with your drinks.”
Ebengcangcazelisa ilizwi.
Simba: ”Namhla bani?”
Namhla: ”I beg yours?”
Simba: ”Ifani, unguNamhla bani?”
Namhla: ”Oh ndinguNamhla Diko.”
Simba: ”Namhla Diko. Awubonanga nto apha, awuvanga nto. Siyevana mos?”
Unqwalile.
Namhla: ”Andibonanga nto.”
35
Simba: ”Ndive usebesebe okanye aviwe nguNomtha apha ndizokundwendwela ndibe namazwi ambalwa
nawe okay?”
Namhla: ”Okay.”
Simba: ”Good girl nongqiza. Hamb'obeka ke etafileni ubuye uzoqoshelisa ezaglasses wosule.
Sewungenile ngoku kyafana.”
Ungenile uNamhla wazobeka lawhiskey phezulu kwetafile. Ebendikrwaqula kancinci kodwa engafuni
ukubhaqisa. Bendingafuni nokucinga indlela bendibukeka ngayo. Inwele zam bezidlaka-dlala zona.
Bendiyenye nje into. Ubekile wandikrwaqula okokugqibela waphuma.
Simba: ”Besiphi kanene? Oh iphone yam. Iphi?”
Nomtha: ”I- inoba ndiyiwise eroomini kaEfe.”
Simba: ”Boyfriend?”
Nomtha: ”Ngulandlord wam. Bendityala irent inyanga eziliqela so bendiyobhatala ngalamali yakho. Le
yetips iye kwimali bendiyiboleke kuAyodeji ne interest. Ndifike eqhunyiwe, ebenawo nomsindo wokuba
ndimbalekile ekuseni so wandi- undityhalile, ndicinga ukuba iwe ngeloxesha.”
Simba: ”Nguye okwenze iblue eye?”
Kunqonqoziwe emnyango.
Simba: ”Come!”
Kungene uNamhla ephethe izinto zokucleana, umnqwalele uSimba wahamba wayoqalisa ukuqoqosha.
Simba: ”Huh?”
Nomtha: ”Ewe.”
Simba: ”Buyintoni ubudlelwane bakho nawe naye?”
Nomtha: ”Ngulandlord.”
Simba: ”Qha?”
Nomtha: ”Qha.”
Simba: ”Oh umntu olala naye nguAyodeji kuphela?”
Ebethethela phantsi apho angeva uNamhla. Inoba ebelalise indlebe kulandwo ebekuyo. Eqinisekisa
ukuba akaphoswa nangu 'is'. Bekuzomnceda ukuba avale umlomo wakhe kuba kungenjalo ebezophela
enjengam. Bendazi bhetele ngoku ukuba uSimba akangomntu wokuhlekelwa. Ade aphume izithuba
kangaka ngenxa yephone? Inoba yontoni le ibibaluleke kangaka kulaphone? Bekumele ukuba kukho
abantu abasebenzayo apha kwi surveillance kodwa bendise interrogation room.
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Ndiyababona abantu abalalanayo. Nina nazana etrassini. Ngumntu wakho yena?”
Ndinikine intloko.
36
Simba: ”Ndiyiqondile. Ncncnc ... ulisela, ulixoli kodwa akuphelelanga apho ukwanguye nomarhosha.
Excuse me! Khasishiye kancinci.”
Namhla: ”Ndiphinde ndibuye?”
Simba: ”Ndizothetha noAyodeji xa ndikudinga.”
Unqwalile wathatha izinto zakhe waphuma.
Nomtha: ”Andingo marhosha mna.”
Simba: ”Kuyafana ukuba unguye, ukuba wenzela umsebenzi akuthethi ukuba ungcono kwaba bathengisa
estratweni okanye i escourts. Niyarhosha qha.”
Nomtha: ”Kulungile ke.”
Simba: ”Ungowalapha eSouth Africa?”
Nomtha: ”Ndikhulele apha.”
Simba: ”Andikubuzanga lonto.”
Nomtha: ”Umama ngowalapha.”
Simba: ”Wena ungowaphi?”
Nomtha: ”EZimbabwe.”
Simba: ”Zimbabwe. Usebenzisa ifani kamama wakho?”
Nomtha: ”Ekatata.”
Simba: ”Awuna ID?”
Nomtha: ”Ndinayo.”
Simba: ”Ukuba uyicitezen yalapha eMzantsi, uneID. Yintoni engakulalisa nomphathi wakho?
Kokukunyolukela imali?”
Nomtha: ”Hayi.”
Simba: ”Yintoni?”
Nomtha: ”Andina ten. And apha kwakufunwa yena, uAyodeji wathi ukuba ndingalala naye angandinika
umsebenzi noba andinawo.”
Simba: ”Usiyeke kubani isikolo?”
Nomtha: ”Kunine.”
Simba: ”Woyiswa yintoni?”
Ndinyuse amagxa. Bendiyazi ukuba ndibe iphone yakhe kwaye ndifanele ukuphendula nantoni na kodwa
hayibo! Ubomi bam bebunento enokwenza njani nephone yakhe endiyibileyo? Ukuba ndilala nabani
nangaliphi na ixesha ibihlahlangana naye ngaliphi ixesha?
37
Ebesazothetha kwakhala iphone yakhe. Uyicofile wayifaka kuloud speaker eyibeka phezulu kwetafile.
Ugalele iwhiskey nam wandigalelela. Okanye ebezigalelela yena kwiglass ezimbini. Enye into awunoyazi.
Siphila ngokuphila, senza ngokwenza.
Bendinga cacelanga newhiskey mna. Kwanto ebutywala ndingayi khathalelanga kakhulu kodwa xa
ndisela bendisela ezizinto zisweet.
”Boss?”
Simba: ”Thetha nam, Sylvester.”
Sylvester: ”Siyifumene iphone yakho.”
Ujonge mna wandincinela amehlo. Ndiphefumlile, indlela bendivuye ngayo ibingathetheki kodwa
ubungenokutsho ngokundijonga ebusweni. Bendinqumile nje. Bendiqaqanjelwa zintsula, ubuso bam
bubuhlungu. Intlonzi yam itshisa. Ngapha ndine blue eye nembambo zam ziqaqamba kukutyhalwa
nguEfe. Inene inene xa linetha liyasingela.
Simba: ”Ayivulwanga?”
Sylverster: ”Hayi, usigolozele kuqala lomfo ukuba akukho phone yethu kodwa sangena sayifumana
elounge yakhe.”
Uphefumlile uSimba ekhangeleka edikiwe endaweni yokuba onwabe. Bendilindele ukuba uzoxhuma
xhuma akuva indaba zokuba bayifumene yindlela ebene stress ngayo.
Simba: ”Simple question Sylvester, ayivulwanga na?”
Sylvester: ”Ndithe hayi boss.”
Simba: ”Ndizokuva njani ukuba uthe hayi kuba undibalisela intsomi.”
Sylvester: ”Siyifumene boss.”
Simba: ”Nimnkile kuye?”
Sylvester: ”Siselapha ngaphandle boss asikahambi.”
Simba: ”Phindelani kulamfo nike nibe namazwi naye. Intlobo yamazwi angadingi kuthethwe. Ningayi
ngamandla kakhulu kodwa yolulani amalungu.”
Sylvester: ”Sure boss! And boss?!”
Simba: ”Sylvester?”
Sylvester: ”Uhm sibone unyana wakho ephuma apha kule building.”
Simba: ”Apho?”
Sylvester: ”Ewe, boss.”
Simba: ”Sylvester wazi ntoni ngalo building?”
Sylvester: ”Kukho idruglord ehlala apha kuthwa nguEfe ukubizwa kwakhe kodwa andikamboni mna
ngoku kwam. Unayo neharem encinci. Nabaqwayizi bassndleleni.”
Simba: ”Nomtha, ngubani ifani yale landlord yakho?”
38
Nomtha: ”Andiyazi, kodwa ngulo bebeyothatha kuye iphone.”
Simba: ”Ndiyayazi.”
Nomtha: ”Oh kodwa ndiva u-”
Simba: ”Ukhona umntu apha ophendula into ayibuzwayo? Sylvester that is the kingpin.”
Sylvester: ”Sawuba namazwana naye.”
Simba: ”Nizise iphone yam.”
Sylvester: ”Siyizise apho eclubbini?”
Simba: ”Hayi, ndiyahamba apha ngoku. Uyayazi ndifumaneka phi. Ufounele uButler umxelele ukuba
andiphandele ngalendoda. Ndifuna ukwazi ukuba ungubani, wenza ntoni, usebenzisana nabani, usupply
bani, ume ngantoni. Sylvester ndifuna ukwazi ukuba utya ntoni ekuseni nokuba unezikhenda ezingaphi.
Ndifuna ukwazi ukuba umntwana wam uyintoni kulobuilding, alandelwe ngumntu ndiyazi uphi ngawo
wonke amaxesha. Ndifuna ifile ngothree sharp edesikeni yam.”
Sylvester: ”Yes boss.”
Simba: ”Ebekhangeleka enjani? Ingathi uyaqhunywa?”
Sylvester: ”Sober boss. Uhlambe nokuhlamba wacheba nenwele. Ukhangeleka eright kum.”
Simba: ”Ingathi uyatya?”
Sylvester: ”Ngumqaba qaba boss.”
Simba: ”Inoba unenkazana ukuba akazanga kuqhunywa kodwa ndifuna ukwazi noba kunjalo. Nayo
yonke inkcukacha eniyifumanayo ngaloEfe.”
Sylvester: ”Sikuyo boss.”
Simba: ”Mlume bobby!”
Sylvester: ”Hawuuuuuuuu!”
Uyihleke kancinci uSimba wayicofa. Ebeqala ukuhleka oko singene apha. Inoba ebonwabele ukuba
iphone yakhe iright, ifumanekile. Nantoni na ibimphambanisa ekulaphone ibikhuselekile.
Simba: ”Bulela amawenu. Uyayifunda ibhayibhile?”
Nomtha: ”Andiyifundi.”
Simba: ”Ndifuna ukukunika isifundo.
Yima ndijonge kugoogle ndizokufundela kakuhle ndingashiyi nto. Errrr yes!
'Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele
ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi
uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.' Yilento ibizokwenzeka kuwe le, mhlawumbi
ngeyisenzeka nangoku. Andifuni ukubona umntu omhle kangaka engena esihogweni. Uhleli umnyama
kakade uphinde uyotshiswa ngumlilo.”
39
Utsho wancuma kwavela lamazinyo akhe amahle amhlophe qhwa. Inoba yilonto ebethanda ukuhleka,
kuba ezazi ukuba unamazinyo amahle. UThixo sana, ezinye nje izinto awusoze uziqonde. Umntu
onentliziyo emdaka njenga lendoda amenze mhle kangaka! Phofu ebengekho mhle wethu, ebebukeka.
Enomtsalane. Mhlawumbi kukuba ekhululekile ngomzimba wakhe, eqinisekile ngesiqu sakhe. Nofafa we
arrogance. Umama watsho kodwa ukuba ubuhle bekhiwane zimpethu. Kulo bezinyuquza, zikhiqika.
Ebendonyanyisa.
Simba: ”Uthetha oluphi ulwimi? IsiNdebele?”
Nomtha: ”Ndithetha isiXhosa.”
Ukhawuleze wandinqumela kwagathi ayinguye lo ebentsintsitheka ngoku.
Bendingasayazi ukuba bendisenzani apha nalomntu unendevu ezimhlophe okungathi nguFather
Christmas. Ibifumanekile iphone yakhe, bendiqaqanjelwa mna zizivubeko zakhe. Ndiyavuma ukuba
kungenxa yam kodwa andibethe ngolahlobo?! Andiqhwabe ndiyonkuleka phantsi? Kufuneke ndijongane
naye ebusweni ndibe ndincokola. Bendinaso nestress sokuba ndizophulukana nomsebenzi wam.
Ndinestress sokuba uEfe uyankulwa phaya ngenxa yokuba ndiwise iphone yalendoda phaya. Iwe ngenxa
yam kodwa ukumbetha bekuzophinde kube yongxaki yam. Akhuphele isigqukru kumu! Kuba oSylvesta
Stallone bona bazobe bengekho noSimba wakhona.
Nomtha: ”NesiShona kancinci.”
Nditsho ndifakelela.
Simba: ”Uthini xa usithi 'ulisela elihle.'?”
Nomtha: ”Uthi 'ndakakuvenga.'”
Simba: ”Uxokela ntoni?”
Nomtha: ”Uthi 'Benzi'”
Uqinise imihlathi ngoku wandijamela.
Simba: ”Ndiyawazi lomagama wesiShona. Ndakakuvenga, ndiyakuzonda. Benzi, sbhanxa. Ncncn uyayazi
umntu angazibona sekubulele wena. Andiyazi noba isibindi sokundiqhela kangaka usithatha phi kuba
sikhiwa ngerhalafu apha kuwe.”
Mhlawumbi bendimoyika kuba ebengenguye lamntu wayizolo netshomi zakhe. Ebekhululeke ngeyona
ndlela enoncumo nje olufudumeleyo xa ethetha nabo. Hayi mna bendinethamsanqa. Oko ebendiqinisele
ubuso. Mhlawumbi ibinento enokwenza nokuba ndimbele iphone. Ebengeno ndityhola ngokundinyoba
ngphezulu kwetips andiphe zona. Ebengathunywanga ndim. Undincedile yena kodwa
ebengathunywanga ndim.
Nomtha: ”Uthi 'uri mbavha yakanaka.'”
Simba: ”Umhle?”
Nomtha: ”Wanaka.”
Simba: ”Ndiyabulela.”
Utsho encuma kwakhona woyama esitulweni.
40
Simba: ”Thatha izinto zakho ndikugoduse.”
Nomtha: ”Ishift yam ayikapheli. Ndiyabulela kodwa ngokuzivolontiya.”
Simba: ”I'm sorry ukuba ucinga uba bendikucela. Ndiyakuxelela ukuba wenzeni. Thatha amasaka wakho
ndikugoduse. Phinde uvule lomlomo uphendule.”
Cwaka.
Simba: ”I thought so. Uzophangela ngomsomnye. Ndizoxelela iboss yeboss yakho.”
Ewe, ndigqibe kwelo. Bendimzonda ngentliziyo yam yonke.
Ndisukumile ndancwina zintlungu.
Kanene ebendibethile losathane. Andiyazi nam ukuba bendicinga ukuba bendawu phangela kanjani
kunzima nokuma nje. Ndinqhwanyaze inyembezi ndizigxotha.
Simba: ”Uyaqaqanjelwa?”
Nomtha: ”Ewe.”
Simba: ”Tshotsho.”
Okay father chrismas omnyama. Ibisuke yancinci intliziyo yam kungase ndikhale ndizibhuqe phantsi.
Ndizicengile ukuyophuma emnyango ndehlika ndaya kwilockera yam ndiyothatha izinto zam.
Bekugcwele eclubbini ke kodwa kungagcwelanga kakhulu. Nditswebe inwele zam. Bekuzofuneka
ndizifrerhe. Ukuba ndizohlukumezeka kanje bekubhetele xa ndenze amarhobhozo.
Ayodeji: ”Ahhh ... you can walk, this is good.”
Nomtha: ”Ndiyagoduka.”
Ayodeji: ”Ngizwile. Nomtha what were you thinking?!”
Nomtha: ”Ndivumelekile ukuba ndiphinde ndibuye.”
Ayodeji: ”Nomtha this not good. Akumelanga ngabe usebenza la nje siqale apho. And then you steal
from our customer! Uboss uzoyazi and-”
Simba: ”Ndithethe nayo iboss yakho Ayo there is no problem. Stay out of this. Ayilothuba lakho lokufuna
impundu eli. Nanini na. Yenza unsebenzi wakho.”
Ndiqinisekile ukuba nobam ubuso bebufana nobukaAyodeji, njengoba eberhole amehlo okungathi
yindubula enyathelwe yimoto nje. Ebethethelela mna?!
Simba: ”Masambe wena!”
Undityhale okungathi ndilibhantinti elityalelwa esiseleni. Bendingayazi nokuba ndihlale njani zintlungu.
Ndichophe ngecala ndajonga efestireni. Ndinbonise indlela wamisa ngaphambili kweflats zikaEfe.
Ebenyakamile enyuse impumlo.
Ndithathe ibag yam ndaphuma, akaphozisanga maseko wahamba ebalekisa. Ndifike ndaziphosa
ebhedini ndasothula isukhalo. Kungamaxesha anje apho bendikhumbula utata wam. Wayesoloko
enendlela yokundenza ndizive bhetele.
41
Kukhatywe ucango. Indlela belikhatywe ngobundobongela ngayo ndilive lisiwa phantsi. Ebehleli
engathathi ntweni nalamacango kaloku. Ndixhumile ebhedini ndabaleka ndizongena ebathroom ndeva
nglmvumba emqolo ndabhena. Kungene omnye, nomnye, nomnye. Bendingakwazi ukuphefumla
bendingakwazi nokucinga. Ukuba bendicinga ukuba uSimba undibhule, bekuworse ngoku. Ukuba
bendingumbona bendawushiyeka ndingumpha nje ngoku. Indlela bendibhulwa ngayo. Yonke nje indawo
ibifikeleleka. Bendingasakhali nokukhala ngoku ndizosonge ndayinyoka. Bekubuhlungu. Bendisopha
nokuba kuba bendisikeka kwezinye indawo.
Efe: ”Enough S'gebengu! You little b*tch! You come into my property, my flat and plant a phone so that
your boyfriend can beat me up. After everything I've done for you! Owing me rent for months. Look ats
me! Look! I want you out of here tomorrow. Futsek!”
Undikhabe isisu ngequza ndapena pena.
Efe: ”S'gebengu! Two lashes sivaye!”
Hayike undithwaxe into engaphaya kwe two lashes wade wanqwandwa. Bendithe natya phantsi
ndimanzi ngumchamo. Ndisopha ngapha. Imivumba yakhona Ibingathi ndisikwe ngeblade. Ndimana
ndiqatshulwa. Ndive ngamanzi abandayo ndagxwala ndisothula isikhalo. Bandishiye apho ndisakhala.
Bendiqinisekile ukuba bendawufela phaya. Bendizo funyanwa ngubani? Bendawufela kulaflat ndodwa.
Yintoni kanti le ndizifake kuyo ngoku?
42
FIVE
Nomtha: ”Ouch!”
Ibingathi nditshayiswe yitrain okanye umzimba wam ubethwe yinkanyamba. Bekungekho ndawo
ingaqaqambi, kusinda nengalo le ingumcimbi ukuyinyakazisa.
”Shhhhh Nomtha, sukunyakaza uzokhupha idrip.”
Bendilazi elilizwi. Ndome nko ndicinga ukuba inoba ndiphi na. Bendiseseroomini yam? Ukuba bekunjalo
uyazi njani yena? Ufike ngaliphi na ixesha?
Nomtha: ”Aaaaawu! Ouch! Ouch!”
Ukunyakaza kancinci nje bekundibulala.
Simba: ”Mkhuseli, ayikho into ongayenza okanye umnike yona ezodoma ezintlungu?”
Mkhuseli: ”Sendimnikile izinto for intlungu, ukuba ndiyamnika ngoku ndawube ndiyamyoba.”
Simba: ”Myobe!”
Mkhuseli: ”Simba ...”
Simba: ”Mkhuseli, andibhatalelanga imedical school ukuba uzothi hayi kum. Mnike nantoni na ukuze
abebhetele. Ukuba iyamyoba mayimyobe.”
Mkhuseli: ”Andizuyenza lont-”
Simba: ”Phuma!”
Mkhuseli: ”Bhut-”
Simba: ”Mkhuseli! Phuma! Thathe inonsense zakho uphume apha! Phuma! Ungaphinde ubuye apha!”
Mkhuseli: ”Ndizobuya late. Uzophinde ayotywe ngoku lomntu. Ungayikhuphi idrip ndizoyikhupha ngoku
kwam.”
Simba: ”Mxm!”
Uyihlekile.
Mkhuseli: ”Kuzotyiwa ntoni ntoni ngokuhlwa?”
Simba: ”Suzihlupha ngokuba sawutya ntoni, okanye ungukitchen girl? Ndikunike negrocery list
uyothenga izinto zokupheka?”
Mkhuseli: ”Ndizawuyotya nosis'Nokulunga since uzawunqaba wena. Kuzothiwa uphi kona?”
Simba: ”Phuma ezintweni zam Mkhuseli. Ungayi emzinam.”
Mkhuseli: ”Ncncnc ...”
Bendiyiva yonke lento yabo, bendincwina zintlungu. Noxa bekubuhlungu ukunyakaza bendinga kwazi
ukuhlala nje. Ibingase ibekho into endiyenza.
Simba: ”Shhhhhh ... zama ukulala, uzovuka ubhetele. Azosebenza lamayeza kaMkhuseli.”
43
Nomtha: ”Kubuhlungu.”
Simba: ”Ndiyayazi kodwa zama ukulala uzovuka ubhetele.”
Nomtha: ”Kubuhlungu.”
Ndiqale ukukhala inyembezi zehla ngamacala. Undibambe ingalo ndancwina. Bekungekho ndawo
engaqaqambiyo emzimbeni wam, ukuchathwa nje kancinci bendiqaqanjelwa.
Simba: ”Shhhhhh ... lala.”
Andiyazi nokuba bufike nini ubuthongo kwezantlungu bendikuzo kodwa ekugqibeleni ndide ndalala
obuhlayo. Bendisothuka kancinci ndiphinde ndilale kwakhona.
Ndothukile ebuthongweni kwakhona kodwa ndaqiniseka ukuba andinyakazi. Bekukhaya isibane ngoku,
kucaca ukuba kuhlwile. Bendikwigumbi elincinanana elihle. Belingahonjiswanga kangako. Iyibhedi ene
side tables nechest of drawers kunye netwo seater yesofa. Kodwa ibizolile. Ibingafani kwaphela
nalaroom kaEfe bendihlala kuyo.
Ndibeke ecaleni kwam ngakwicala lasekunene ndoma. Bekuhleli ubhuti onendevu ezimhlophe qhwaa.
Phofu ebengenguye nobhuti, engutata. Bekungafani noSimba onezixubileyo yena.
Ebefunda ibhayibhile eqwalasele yona.
”Siyabulela ukuba uvukile.”
Andimphendulanga. Ebethetha esajonga kwibhayibhile yakhe watyhila ikhasi elenca umnwe kuqala.
Uphefumlele phezulu esajonge kwibhayibhile.
”NdinguTat'uMluleki Matanzima.”
Nomtha: ”U- ukhona uSimba?”
Undijonge ngoko endiqwalasele ebusweni. Uphinde wajinga kwibhayibhile yakhe kwakhona.
Mluleki: ”Ubethwe nguSimba?”
Bendiyazi noba ndithini kuba ewe undibethile yena kodwa ibingenguye umntu ondibethe ndanje.
Mluleki: ”Uyinkazana kaSimba?”
Ndinikine intloko yam kancinci. Bendilibele nokuba akandijonganga.
Nomtha: ”Hayi.”
Mluleki: ”Ubethwe nguye?”
Nomtha: ”Akandibethanga ndanje.”
Ndigqibele ndisitsho. Bendinga zukumquma kuba nyani ke indiqhwabile, wandithwaxa nangebhanti.
Akukhathaliseki ukuba bendenze ntoni, ibingekabuzwa leyo into.
Mluleki: ”So ubethwe nguloEfe waseHillbrow?”
Oh ebeseyazi! Caba ebefuna ukungqinisisa. Ngokucacileyo ebemxelele uSimba qha engamkholwa.
Ebeyintoni yena kuSimba? Bendisonqena ukuthi ngumntakwabo kuba benendevu ezimhlophe bobabini
44
futhi benamabala antsundu namazwi amakhulu. Kuba zezo kuphela impawu endinothi zindenza
ndikrokrele ukuba bayazalana.
Nomtha: ”Ndibethwe nguye.”
Mluleki: ”NoSimba.”
Nomtha: ”Ewe.”
Mluleki: ”Unexesha elingakanani usazana noSimba?”
Ebeseyibekele bucala ibhayibhile endiqwalasele ebusweni ngoku andincinayo.
Nomtha: ”Andimazi.”
Mluleki: ”Interesting. Zinjani intlungu?”
Nomtha: ”Ndisaqaqanjelwa kodwa ndibhetele kuna ngokuya bendivuka.”
Mluleki: ”Kukho i ointment akuqabe yona uSimba, ndiyakholwa ukuba yiyo.”
Ebendiqabe into ndilele?! Ndiqaphele ngoko ukuba bendinxibe isikipa esingeso sam. Besimnyama.
Ngezantsi bendinganxibanga nto. Nepeyinti le ibingekho. Bendingeva nto engathi ndenziwe into kodwa
kwale yokukhululwa ndilele into bendingayonwabelanga tu. Ingubani ondikhululileyo? Kungenzeka
ngulasathana unguSimba.
Mluleki: ”Yintoni le inidibanisayo noSimba ukuba akudibani ndawo zenu zokuchama? Uzawundixelela
unangaphi mntwanam?”
Simba: ”Nomtha.”
Sibhekile sobabini notat'uMluleki. Eboyame emnyango engqiyame ngomgubasi esongele izandla zakhe
esifubeni. Igathi ebephinda wakhula ubude kwakhona, okanye ebehleli engaka? Hayi maan angakhula
into ebheke ngaphi njengoba sengwevu nokuba ngwevu nje?
Simba: ”Bhuti.”
Mluleki: ”Madiba.”
Simba: ”Ndiyabulela.”
Mluleki: ”Unjani uNokulunga?”
Ukrwaqule mna uSimba wangena ngaphakathi egumbini ethe chu.
Simba: ”Uphilile, kodwa ungamfounela umbuze nawe.”
Mluleki: ”Ndibuza kuwe.”
Simba: ”Uphilile.”
Mluleki: ”Ndiyaqala ndiyagqibelisa ukuba ngunonjanana wakho. Andizuba ngumantshingilane wakho
mna Simba. NoMkhuseli ngokunjalo.”
Simba: ”Andisoze ndiphinde ndikwenze umantshingilani, uMkhuseli ebexakelile eSurgery yakhe so
bekungekho omnye umntu endimthembileyo ukusala noNomtha angazami izinto eziphume ecaleni.
USylvester ebexakekile.”
45
Mluleki: ”Izinto eziphume ecaleni zezi zenziwa nguwe. Uqhwaya uchuku uqala impi namaNigeria. Simba
yintoni kanye le uyidalayo?”
Uqinise imihlathi yakhe wandijonga.
Simba: ”Urikunzwa sei?” uziva njani?
Ndinyuse ishiya kumva ethetha isiShona. Bendigqibele engasazi kakuhle njengoba ebesithetha nje
ngoku.
Nomtha: ”Akarega mukomana wake achindirova.” uyeke lamfana wakhe andibethe.
Zizehlele inyembezi ngalomzuzu. Indlela ebendibetha ngayo okungathi ndiyinto nje engenamsebenzi.
Okungathi andinaxabiso. Noba ndingafa akandikhathalelanga. Noba ndisopha akakhathalela lonto. Noba
sendizintsontsela akabina sizi. Bendinombono wobuso bukaEfe kuba bendimana ndimthi tshe ngoku
bendibethwa yinjanana yakhe. Esisifu ngumsindo. Nendlela ebencume ngayo ukundibona ndipenapena
kulasamente. Isitsho imvubu, ndingayazi nokuba izithonga zawude ziphele na. Bandishiya ndithe natya
phaya ndigodola ngamanzi abadigalele ngawo abandayo. Ndiqhaqhazela ndigodoliswa nayisamente.
Ndingenawo nawokusukuma. Ndizinikele phaya ndilindele ukufa, kuba bendingayiboni enye indlela.
UKing bendinga qinisekanga ukuba uyawubuya nini okanye uzobuya. Into ngaye kukuba
ubungenothembela kuye. Ebesithi gqi esidlangalaleni aphinde anyamalale ngolohlobo. Abuye
senebhabhalaza engcangcazela usizi lwento entushu ntushu luthuli. Emveni kwenyanga emnkile.
Bendiqinisekile ukuba bendawufela phaya. Ngekungcono nokuba bendifele phaya, kunoba ndihlangulwe
ngulo 'mudhara'. Ukuba undisindiseli bekungathethi ukuba ubhetele kunoEfe kuba bebengumgubo
wengxowa enye. Kwaye yena ebengathumeli zinjananan ukwenza umsebenzi wakhe omdaka,
ebezenzela ngoku kwakhe. Kukuba nje yena kulemeko yangalamzuzu, nje oku kwalamzuzu. Ebeyilento
abelungu bathi 'the lesser evil'
Kodwa ukuba ngu evil kona ebenguye. Bendizibona nempondo zakhe.
Simba: ”Ukhuselekile ngoku. Akhonto azophinde akwenze yona.”
Bendikhuseleke nyani? Kuba ngokubona kwam ibingathi ndibalekiswe kobunye ubungozi ndaziswa
kobunye. Noba bendisithini, bendise soupini. Imana nalapha kwisoup. Enengceba ze mince
ezingavutshwayo. Exhabisiweyo. Losoup.
Bendinga senayo nendawo yokuhlala kuba ndigxothiwe nguEfe. Bekubhetele kuba bendise nomsebenzi.
Bendizofuna enye indawo yokuhlala kweza flats zaseJo'burg.
Mluleki: ”Simba ndibuzile.”
Simba: ”And andikuphenduli.”
Utyhale ibhayibhile utat'uMluleki yayowa phaya phantsi. Usukumile walungisa ibhatyi zakhe waphuma
egila uSimba.
Ndiyayibona ekaSimba into kodwa ibhayibhile yona? Yenze ntoni ibhayibhile yabantu!
Mluleki: ”And ungandifaki mna xa uvutshelwa ngumqa! Naxa ivela le into yalentombazana!
Ungandifaki!”
Simba: ”I'm offended kukuba ucinga ukuba andikwazi ukuzilwela amadabi am.”
46
Mluleki: ”Amadabi akho achaphazela thina! Mna! Ndim nawe notata abachaphazeleka kulenyula yakho!
Nefemeli zethu! Ubetha umntwana wabant-”
Simba: ”Ayinanto enokwenza nanto leyo into. Iphakathi kwam noNomtha qha. Excuse yourself.”
Mluleki: ”Excuse myself ndirhuqwe nguwe ngemixhadi ukuba ndizokugadela yena?!”
Simba: ”Yimpazamo yam ukucinga ukuba umntakwethu has my back.”
Mluleki: ”And your front, and your sides Madiba! Kodwa engeyiyo ayiyo!”
Simba: ”Yeyiphi engeyiyo?”
Mluleki: ”Unangaphi lomntwana?”
Umjamele ubhuti wakhe uSimba wayihleka kancinci ngentsini engagqibelelekanga.
Mluleki: ”Andizuk'phendula ndiyabuza unangaphi lomntwana?”
Simba: ”Unangaphi Nomtha?”
Uhleke isiqhazolo ubhuti wakhe wanikina intloko yakhe kancinci.
Simba: ”Get the hell out.”
Mluleki: ”Ndifuna uqaphele.”
Simba: ”Kwaye ndizoqaphela.”
Mluleki: ”Diba uqale impi nabantu abanxanelwe igazi ngokubulala injanana yalaEfe. Kuzofuneka
umkhuphe nalapha, ayikhuselekanga lendawo. Ndiyacinga awuzuhlala ulapha, unomzi ekufuneka uye
kuwo- Simba, ndiphoxekile nguwe enyanisweni.”
Simba: ”Andiqali, ndiyacinga ukuba andigqibelisi. Phofu ndiqinisekile.”
Mluleki: ”Uzawukwenza ntoni ngaye?”
Simba: ”Njengoba ubusitsho kuzofuneka ndimkhuphe apha ndimse kwindawo ekhuselekileyo so
uzohlala eCenturion.”
Unqwalile uMluleki.
Mluleki: ”Unganqabi eGreenstone. Ndiyakucela ke apho.”
Simba: ”Uyayazi ukuba andisoze ndinqabe.”
Mluleki: ”Akhonto ndiyaziyo, into endiyaziyo kukuba andikwazi. Izinto ozenzayo for umntu ongamaziyo
nokum-”
Simba: ”Get away!”
Mluleki: ”Unganqabi eGreenstone.”
Unqwalile uSimba.
Mluleki: ”Uqaphele.”
Simba: ”Ndizodinga imvume yakho yokwenza into ekudingeka ukuba ndiyenze xa kunyanzelekile.
47
Mluleki: ”Ucela imvume ngoku?”
Simba: ”Kunjalo.”
Mluleki: ”Bazawuza emveni kwakho oku kwenja emveni kwethambo. Kuzofuneka uqaphele ngaphezulu
kunakuqala ngakumbi xa usiya kwatata okanye eGreenstone.”
Simba: ”IGreenstone ikhuselelile.”
Mluleki: ”Ifemeli?”
Simba: ”Ndithini kuwe? Womnke umntu ukhuselekile ndiqinisekile ngoko.”
Mluleki: ”UJunior? Usesithubeni, akaziwa noba ukweyiphi na imeko. Ukuba kukho umntu omaziyo ukuba
ngowakho akhuphele isixhiba kuye?”
Simba: ”Ndizomfihla nditsho ndiyazi ukuba uleli phi qho ebusuku. Xa elamba, enxanwa uzoza ephupheni
ndimenzele imfanelo zakhe.”
Mluleki: ”Umntu akalahlwa, umntu akancanywa. UJunior uphume nje endleleni kodwa udinga nina
nimbuyise ngothando hayi ukuba nibe gadala.”
Simba: ”Akhonto ndingayenzanga for uJunior bhut'Mluleki. Akhonto ezweni! Kubhetele xa efile ngoku
kuba nje uyahlupha and akahluphi mna ndodwa. Ukuba bendinesibindi bendizombulala ngoku kwam
qha andikwazi. Kengoku ndilindele ukuba lento ayothandayo imbulale okanye imbulalise. Qha. Ngoku
kufuneka ndibe ndiqashana nabantu abazobe beba yimisila yakhe ehamba ithwabula henge kulaJozi
ngomntu onekhaya nabazali? Mabamfumane bambulale bamzise apha ndimngcwabe. That's that on
that. Ungangenelela wena njengoTamkhulu kodwa mna nindikhuphe. Ndiyabulela kwakhona
ngalefavour.”
Mluleki: ”Yeah, yeah. Ndikhuphe.”
Ujonge mna uSimba ndabe ndizilalisile indlebe namehlo ndiwathe ndwanya kubo ngoku bathethayo.
Simba: ”Ndiyabuya. Ngubhuti wam omkhulu lo uMluleki.”
Ndinqwalile. Bendizothini?
Undikrwaqule nje latata waphuma emlandela uSimba.
Mluleki: ”Mncinci lamntwana.”
Simba: ”Mluleki.”
Mluleki: ”Zintanga zoJunior.”
Simba: ”So?”
Mluleki: ”Mncinci.”
Simba: ”Asiyi ndawo ngalencoko.”
Mluleki: ”Asiyi ndawo nyani kuba sekulate.”
Simba: ”Kulate nangoku.”
Mluleki: ”Damnit Simba. Inzima lento usifaka kuyo!”
48
Simba: ”Akhonto ndinifaka kuyo mna kodwa kuba nisempilweni yam ndizocela ukuba nibe neutral.”
Mluleki: ”Bull-f*ken-sh*t!”
Simba: ”Niyazi indawo yenu.”
Mluleki: ”Uyakwazi lomntwana? Uyayazi into azifaka kuyo apha kuwe?”
Simba: ”Ndim into?”
Mluleki: ”Ungaphinde umbethe.”
Simba: ”Awuzulawula iaffair zam.”
Mluleki: ”Ndiyakuxelela Simba.”
Simba: ”Ubungahambi? Ukulindile uUlatho endlini. Nabantwana bakho.”
Mluleki: ”Ungowothetha ke wena.”
Simba: ”Undibulisele.”
Mluleki: ”Ndizobulisa. Uhlambe abathapha.”
Simba: ”Okay mama.”
Uyihlekile utat'uMluleki.
Mluleki: ”Goodnight kiddo.”
Simba: ”Goodnight boss.”
Mluleki: ”Ungayekeli umsebenzi wakho ke!”
Akamphendulanga. Uphinde wangena wazoma ezantsi kwebhedi endijongile.
Uphakamise lento bendiyombethe wayibeka ecaleni endijonga imilenze namathanga.
Nomtha: ”Nguwe ondikhululeyo?”
Simba: ”Ewe. Ikhona ingxaki?”
Nomtha: ”Wanga uchiitei muflat mangu?” ubufuna ntoni eflattini yam?
Simba: ”Huh?”
Nomtha: ”Ubufuna ntoni eflatini yam?”
Simba: ”Uthe uMkhuseli ungabandejwa uzobethwa ngumoya. Ndikuthengele iunderwear ozozinxiba,
noba ungahamba ngesikipa eso sam.”
Nomtha: ”Ndizohamba nini apha?”
Simba: ”Uri kuzogara pano.” uzohlala apha.
Nomtha: ”Ndifuna ukuhamba ndiyolanda izinto zam kulaflat ndizofuna enye indawo yokuhlala kuba
ndigxothiwe nguEfe kwaye nam bendingazu hlala phaya emveni kwalento andenze yona.”
49
Simba: ”Ndizothumela umntu ayothatha ezozinto zibalulekileyo kuwe qha. Izakhahathi zigxoko gxoko
nebhedi ezine zipringi ngaphandle akukho apho uzozisa khona kuba akukho apho uyakhona. Uvile mos
apha encokweni yam nobhuti ukuba akukhuselekanga. Ndibulele iright hand man kaEfe ngoku ke apho
akubona khona uzokubulala. Awuzuya msebenzini, awuzubuyela kulaflat. Kuba ukungena kwakho phaya
awuzuphuma.”
Nomtha: ”Andizuhlala apha mna. Ndinetshomi endisebenza nazo, ndizocela indawo kuzo ndibone ukuba
ndiyaphi. Ndingaya eSoweto ndiyohlala khona iGoli likhulu.”
Simba: ”Askies bendithe yidialogue le? Siyabonisana mna nawe? Princess, Izvi ndezvekukuudza
zvauchazoita.”
Ndim lo, ndikuxelela ukuba wenze ntoni.
Nomtha: ”Bubomi bam obu! Awunalungelo. Kukundixhwila oku! Andinamsebenzi noba ndibulewe!
Makandibulale uEfe!”
Simba: ”Njengoba uthengisa ngomzimba nje uzowuthengisa estratweni kulaEfe njengoba ucinga ukuba
kuzobalula ngolohlobo. Uzawuyotywa undlwengulwe uphambana yigang kaEfe! Uzokufumana
kwezitshomi nyana zakho and uzozirhuqela ingxaki zakho uzibulalise uphinde uthi nkebe umlomo
omkhulu!”
Nomtha: ”A-ndi-yo-ngxa-ki-ya-kho!”
Simba: ”Ndizokuqhwaba kengoku. Ndawukusondela ngempama.”
Utsho wandigquma wahlala kwesasitulo besihleli ubhuti wakhe.
Simba: ”Ubeyingxaki yam ngalamzuzu ubusiba iphone yam. Ndimenywe nguwe empilweni yakho so
sundixelela ukuba awuyongxaki yam. Ngendikuyeka bakudlwengulele nangphezulu kweroof. Uri
dambudziko rakawanda.” uyingxaki enkulu.
Nomtha: ”Ukuba ubunga bethanga uEfe ngendingekho apha. Ukuba ubungabulalanga us'gebengu
ngendingekho apha! Undigcina apha kuba unesazela.”
Simba: ”Sazela mna? Mamela apha ntombazana encinci awusoze undifumane nasesihogweni
ndinesazela. And ngendinga bethanga uEfe ukuba wena ubunganyolukanga walitutu elinikwa isandla
lifune ingalo. Umntu onesazela nguwe kuba unyele umntu owrongo. Awuzundixelela ngoku ukuba
andiyongxaki yakho kuba undenze ingxaki yakho. Minding my business ndiziselela nabangani bam
wazozenza ingxaki yam. Bendikunyobe ngemali ndaphuma kuwe kuba I knew you wouldn't handle me.
Kodwa wena kuba ubhadlile wafuna iattention yam. Uyifumene kengoku, ndim lo. Phinda uthethe
ingathi udilika eweni ndizokubetha ngomva wempama ufe isiqaqa.
Bekufanele ukuba ndiseGreenstone ngoku, kwam! Kodwa ndilapha ngenxa yobubhanxa bakho. I Was
willing to walk away from you, but you dragged me in. So deal! Uselapho uzilungise xa uthetha nam,
andinaxesha lokuba wenzakele mna ndakwenza worse. Phinda undikhwaze. Khawuzame ngoku ubone?
Benzi!” sbhanxa.
Utsho wasukuma ezophuma.
Ndizigqume ubuso ndakhala. Bendingayazi lento bendizifake kuyo. Bendingena msebenzi nyani ukuba
bandibulele noba bandenze umqwayizi andinaxesha. Bendingafuni ukuba nalendoda mna. Bendingafuni
ukubalapha. Ebendonyanyosa.
50
Nomtha: ”Ndakakuvenga! Ndakakuvenga! Ndakakuvenga!” ndiyakuzonda.
Simba: ”Ndiri kukuuraya iwe!” ndizokubulala wena!
Utsho waphuma wambhakraza ucango kwaphuma ihandle. Andiyazi ebesophula ntoni kwelacala
ebekulo kodwa ibinguphinkilli. Ingukrwaba kutshabalala. Ndizisongile ndathandaza, bendinga kwazi
nokuwugqibezela umthandazo wam kuba bendivele ndafikelwa zimyembezi ndaqaqanjelwa yintliziyo
kuthi ndisothule isikhalo. Bendiyozonda lendoda. Ngentliziyo yam yonke bendimzonda. Ibingase
ndimbambe ndimkrwitshe afe. Ndimbulale ngezam izandla ndingcwabe njengenja ayiyo. Bendimzonda!
Simba: ”Fuuuuuuuuu*k!”
Kukhale iglass eyophukayo kwazola umzuzwana. Bendide ndithule yilangxolo ebeyenza.
Kuvuleke ucango wangena ngaphakathi. Indlela ebekhangeleka ezole ngayo ubungenotsho ukuba nguye
lo ebetshabalalisa. Ubumbona nje ngokuphefumelela phezulu.
Simba: ”Ulambe kangakanani?”
Nomtha: ”Andilambanga.”
Simba: ”Ebekunike ukutya uMluleki?”
Nomtha: ”Akandinikanga kutya.”
Simba: ”Uhluthi yintoni?”
Nomtha: ”Andinamdla wokutya.”
Simba: ”Ingase ufe njengoba uzurakisa nje. Ndizothatha isitulo ndizohlala apha ndikubulale usifa.”
Cwaka. Kukhale iphone yakhe wayikhupha ngobundlobongela kulatasi yakhe.
Simba: ”Simba Matanzima, hello? K'theni ufouna ngeprivate number? Mhhh ... ewe. Umlandele wabona
ukuba ungena kweyiphi iflat? Umntu omnye angaba useless kanjani oluhlobo?! Ndithe- hello, dengane.
Ndithe tail him. Tail him! Ubone ukuba ungena kweliphi igumbi, sundixelela ngebuilding. Ufive to ukuba
ndikukhande wena. Ndikukhande lontloko ingena buchopho. Undifounela ngeprivate number
uzondixelela izinto eziuseless. Enyanisweni ... yizapha. Yizapha. Ndizokuwisa kulebuilding ufe bhetele
kuba akhonto yakho apha emhlabeni! Simple instruction. Izibhanxa yonke indawo! Left right zizibhanxa.
Yizapha uzoziwisa apha ufe.”
Ucofe ngesinyanzelo wabeka umnwe wakhe entloko ephefumlela phezulu.
Simba: ”Mash and gravy? Ukuba awutyi uzofa. Awuzundinceda nganto ukuba ufile. Andikuhlangulanga
kulayiphu uhlala kuyo umanzi toxo, usopha ukuba uzobulawa yindlala apha. Uzotya mos.”
Nomtha: ”Ndizotya.”
Simba: ”Ndizoza nokutya utye uphumle. UMkhuseli uthe kufuneka uphumle. Ndizokosula ngomso
ndiphinde ndikuthambise iointment. Mash and gravy?”
Nomtha: ”Iright.”
Simba: ”Iphekwe ngumkaMluleki. Uzohlupheka ukuba kulahliwe.”
Uzondigquma inyawo bezingagqumekanga waphuma.
51
Simba: ”Ngubani kengoku ozoklina lemess?”
Ebeyibuza nyani lonto? Okungathi ibingeziwanga nguye? Eheeee hayi.
52
SIX
”Nomtha?”
Nomtha: ”Mh?”
Simba: ”Vuka uzohlamba. Amanzi wakho a ready.”
Nomtha: ”Ngoku?"
Simba: ”Ewe ngoku, andizubakho imini yonke. Ndifuna uhamba ndikuhlambile.”
Yho! Ebengadlali na ngalento yakhe yokundihlamba?!
Tyhini bawo! Ndityhile amehlo ndizolula. Ebehamba ngogaga enxibe umzantsi wepyjama ebhinqele
emazantsi. Kuvele inwelana apha emazantsi esisu.
Simba: ”Nomtha?!”
Ndimjonge ebusweni.
Mna: ”Huh?”
Simba: ”Ndifuna ukuphangela mna andinamini yonke, vuka uzohlamba uzophindela ezingubeni
kwakhona ukugqiba kwakho. Ndifuna ukuthambisa nala ointment kaMkhuseli. Uyafuna okanye awufuni
ukuphila?”
Mbuzo mni kengoku lowo? Ikhona into yokuba umntu angafuni kuphila.
Mna: ”Ndiyafuna.”
Simba: ”Mandingabe ndilandelela emveni kwakho ingathi andincedi wena. Uzondifumana ebathroom.
Nd'funa ukuhlamba ke nam ukugqiba kwakho so ulibazisa mna.”
Nomtha: ”Ndizozihlamba ngoku kwam. Ndizokwazi, izandla zam zisebenza kakuhle.”
Undijamele.
Simba: ”Andikhumbuli ndikubuza.”
Mxm! Ayikho nento ibifunisa ukuba ndide ndihlanjwe qha ebesenzela izizathu zakhe ezingemsulwanga
lo. Ebendidika kanjani.
Izolo ndiye ndayotya lamash and gravy yakhona, ibimnandi ukufa ndade ndayigqiba yonke. Umfazi
katat'uMluleki ebepheka kamnandi, bendimnika oko.
Bekusekuyolo mess ngaphandle kwekamire kuba oko ebetshabalalise izinto.
Ibingena ensuit bathroom lakamire bendilala kuyo kengoku ndiphume ndaya kweyomntu wonke kodwa
andamfumana kuyo kwaye bekungekho manzi ebhafini and ebethe seweready.
Bendingayazi nokuba ndizomkhwaza ndithini ke ngoku mna.
Nomtha: ”Simba!”
Ukrobe komnye umnyango edikeke!
Nomtha: ”Oh!”
53
Nditshilo ndaya kuye. Ebesephindele ngaphakathi kwakhona. Ndinqonqozile ndazibetha ngaphakathi.
Ibipeyintwe ngogrey odark yona, inebhedi enkulu eneheadboard emnyama nebedside tables zakhona.
Bekungekho wardrobe nakhona. Kukho icouch nezazitulo zintle ezombini neplazma tv.
Impahla zakhe caba bezikula chest of drawers obiphaya. Ezixhonywayo zixhonywe kwenye nje into
eyenziwe ngentsimbi ibizimele. Bekungekho photo yakhe okanye eyosapho. Abatwana mhlawumbi
okanye abazali. Bendive ngomntwana omnye phofu bendingazi ukuba unangaphi yabo.
Ndingene komnye umnyango okhokhelela ebhathroom.
Ebegalela into kulamanzi ebesebhafini wawava ubushushu.
Simba: ”Inyekevu iyakhawuleza kunawe. Usaqaqanjelwa kakhulu?”
Nomtha: ”Hayi kakhulu.”
Simba: ”Khulula ke uzohlamba. Ndifake ioil neanticeptic izotsweba kancinci kodwa awuzufa.”
Ndikhulule isikipa ndasibeka kwibench ibiphaya. Bezibanda itiles ezinyaweni zam. Undijongile ngoku
ndiza ngakuye. Ebengayifihli tu le yokuba uyandibuka. Perv!
Simba: ”Khawuze ngomva ndijonge impundu.”
Ndiphefumlele phezulu ndamzela ngomva.
Simba: ”Akukubanga. Imivumba estrongo yile kaEfe. Ukukrazulile one!”
Ebendibamba umqolo endijonga.
Simba: ”Umnyama maan nawe! Yiva amanzi ukuba anjani ngaphambili kokuba ungene, ungatshi.”
Ndifake isandla ndaweva. Ebengekho shushu edikidiki.
Nomtha: ”Awashushwanga.”
Simba: ”Ngena ngaphakathi ke.”
Ndingenile ndifaka unyawo olunye ngocoselelo. Andiyazi bekutheni ndiwoyika kangaka nje. Ndifake
nelinye ndazika ukuchopha phantsi. Yhuuuu! Anditswebe amanzi kulamanxeba am. Bendithe gabhu
kuwo ephelela esuswini, amabele engaphandle kwamanzi. Ebengayigcwalisanga.
Nomtha: ”Shu!”
Simba: ”Uyaqaqanjelwa?”
Ndinqwalile sendimenyezelisa amehlo, inyembezi ndizibambe ngenkophe. Bekufanele ukuba
sendihlamba na ngoku? Bekungafanelanga ukuba ndosula iziphaluka kuphela?! Bendinga qondi ukuba
bekufanele ukuba ndingene ndonke emanzini ngoluhlobo. Beziqale phantsi ukutshotshozela izivubeko
zam.
Simba: ”Ungakhali kaloku. Nyamezela kancinci ndizokhawuleza ndigqibe.”
Nomtha: ”Kufanele ukuba ndihlambe?”
Undifingele intshiya.
54
Simba: ”Ewe.”
Bendingaqondi. Uthathe isponge wandihlamba umqolo nentamo. Ebengasiqinisi, engafaki cinzelelo.
Undihlambe amabele nesifuba, ethatha ixesha elide kuwo. Ebendijonge emehlweni. Unxuze amanzi
wandihlamba kwakhona sejonge isifuba sam ngoku. Ibindim okanye bekusuke kwatshisa kulabathroom?
Ndimjonge ebusweni endipura ngamanzi angena gwebu ngezandla zakhe.
Simba: ”Sukuma.”
Ndikhawulezile ukuma ngenyawo kuba amathanga am nezitho bezibuhlungu.
Undihlambe impundu nemilenze wanyuka ngamathanga. Wahlamba umphakathi wawo wandihlamba
ngaphambili.”
Simba: ”Vula kancinci.”
Besikhona isidingo sayonke lento na bethuna? Uginye ingwiqi ndakuwubhekelisa kancinci umlenze.
Ndibambelele egxeni lakhe wandihlamba ke ngesponge eqinisa isandla ngoku. Usijule emanzini isponge
wafaka intamb empompeni. Ibinentloko esilver enemigqobho emincinci. Uvulele amanzi aphuma
kulantloko okungathi yishower head encinci. Undipure ngemva wandipura nangaphambili. Undibambe
ngaphambili ngesandla ebundiphulularha. Bendibambe umzimba kwakhona. Unditshize ebusweni
ndaphepha ndiphantse ukuwa ndamjamela. Uwacimile amanzi wayigibisela phaya lanto.
Uyithatha itowl enkulu wandimela ngaphandle kwebhafu ndaphuma. Undosule ke ngocoselelo.
Simba: ”Done! Ndizokunceda ndikuthambise ulale. Awulabanga?”
Nomtha: ”Andikalambi.”
Simba: ”Yilento ubhitye kangaka awukufuni ukutya. Okanye sewuyiqhelile indlala? Or ukwi hunger
strike?”
Nomtha: ”Andilambanga.”
Simba: ”Mhhh.”
Undithambise umzimba wonke wandigibisela ngepeyinti.
Simba: ”Ndikuthengele zona zodwa ke andikuphathelanga mpahla. Unxiba bani? Ndizozama umntu
ozokuthengela.”
Nomtha: ”Size thirty. Small ngentla.”
Simba: ”Unxibiselana noMalkia and mncinci kunawe ndiqinisekile. Kuzofuna utye Nomtha.”
Nomtha: ”Umzimba wam ungaka kakade ayikokulamba.”
Simba: ”Ndiyawuthanda umzimba wakho kodwa noko ubengu thirty two. Anditsho ukuba utyebe nam.”
Kanene ebewuthanda xa eyintoni kwaye edibana phi? Bendisuke ndabhidwa, okanye ikhona into
ibindiphosile mhlawumbi. Sede andixelele ukuba mawube ngakanani okungathi kukho apho ebengena
khona. Akusemnandi!
Ndinxibile ndaphumela ekamireni yakhe ndisiya kule bendilala kuyo. Undikhwazile wandijulela isikipa
sakhe. Ndisithathile ndanxiba. Besisima entla kwamadolo.
55
Nomtha: ”Ndatenda.” ndatenda.
Simba: ”Wamnkelekile.”
Utsho ebetha ngoncumo olucukhu. Caba bendimcwabile ngokubulela.
Simba: ”Lala apha ebhedini yam, umntu ozozocleana angakuphazamisi kularoom ulala kuyo.”
Ndinqwalile ndayokwela ebhedini yakhe. Undithathele ithrow wandombhathisa. Undiphathele ipilisi
ndazisela ndalala. Bendisuke ndanexhala yilemeko kaSimba. Ibindenza nje uvalo yonke lento yokuhlala
ndixhomekeke kuye ngoluhlobo. Ebezozuza ntoni yena kuyo yonke lento yokundinceda kwakhe?
Bendiziva okungathi ndizifake entolongweni. Umahluko kukuba le ibingena zisele kodwa bendikuyo
ukuba kuyo yona. Kuba ngokubona kwam bendingasena lawulo ebomini bam. Ndigqityelwa nguye ngayo
yonke into ndithathe ngokuxelelwa qha mna. Bendivumelekile kona ukuba ndiphumele ngaphandle
kwalendlu? Kwaleyadi? Okanye bendawuphelela kulamadonga ubom bam bonke?
Bendingafuni nokuyicinga leyo into, ibindivala umphefumlo.
Bekusenzeka ntoni? Ibingandiphosi inkanuko ebendijonga ngayo ngamanye amaxesha- phofu
ngamaxesha amaninzi. Ukusukela eclubbini endijonga ngoluhlobo ebesaqhubeka ukundijonga ngalo.
Bendimoyika futhi. Kuba bendiyazi ukuba akakhonkothi kuphela kodwa uyaluma nokuluma. Ebeyithetha
into ayilandelise ngezenzo. Bendinesibindi nje sokuthetha intando yam ndingagobi lula kuba yimpilo
endiyiqhelileyo. Ndifunde ukuba nesikhumba esiqinileyo nesibindi. Uphila kanjalo kwezizitrato zaseJozi.
Akufuneki mntu unkene nkeke kakhulu kuba uyawukophuka.
Simba: ”Ucingaphi?”
Nomtha: ”Mh?”
Simba: ”Ndiyabuza ucinga phi?”
Nomtha: ”Ndicinga ukuba ndizophuma nini apha?”
Simba: ”Ukuya eCenturion? Ndizokusa ngomso ukuba andixakekanga kakhulu.”
Nomtha: ”Anditsho eCenturion mna nditsho apha ebomini bakho? Apha kuleflat? Ndizophuma nini?
Uzondikhulula nini?”
Simba: ”Awubanjwanga.”
Nomtha: ”So ndingaphuma ngalomzuzu ndihambe?”
Simba: ”Nomtha besiyithethile lento! Andiyazi kuzofuneka ndiyithethe kangaphi into yokuba
awukhuselekanga. Uvile ubungozi okubo ngoku bendithetha noMluleki, ukhuseleke apha kunaphaya
ngaphandle and no awuzuphuma apha.”
Nomtha: ”Ndilibhantinti lakho?”
Simba: ”Andinaxesha lalento mna.”
Nomtha: ”Yintoni le uyifunayo wena kum? Kutheni wandikhathalela kangaka?”
Simba: ”Andiyazi ndikukhathakele ngantoni! Andiyazi ndifuna ntoni kuwe. Ndikuphethe kakubi?”
Nomtha: ”Awundiphethanga kakubi.”
56
Nyani ke ebengandiphethanga kakubi kukuba nje bendingaziva right ukuba lapha naye. Bendimoyika.
Ndibubona ubungozi bakhe noxa sencuma. Ibingathi uncunyelwa ngusathana entla komlilo.
Bendingazazi injongo zakhe ngam kwaye lonto ibindoyikisa. Bendingamazi nokumazi. Ndazi ukuba
unguSimba Matanzima, unomntwana onguJunior noobhuti ababini. Unomzi oseGreenstone. Qha.
Nomtha: ”Ndifuna ukuyothatha izinto zam eflatini.”
Simba: ”Ndithe kuwe zizothathwa izinto zakho.”
Nomtha: ”Nini?”
Simba: ”Xa ziyothathwa.”
Nomtha: ”Ingxaki yileyo. Ndifuna ukuyozithatha ngoku uEfe engekazilahleli estratweni izinto zam.
Ingathi wena awundithathi serious okanye ufuna ukuzithatha ngexesha othande ngalo wena. Ubomi
bam bukula box.”
Simba: ”Ndizozithatha! Ucinga ukuba ukuphuma kwakho uye kula flat yakho wuzubanjwa ngula Efe?
Usiya kwiproperty yakhe. Kwiterritory yakhe! Uzophuma nje ungene ingathi ungena toilet. Sometimes,
noba kunzima kangakanani sebenzisa ngqondo yakho.”
Nomtha: ”Andikwazi ukushiya obuya bom bam phaya Simba, akundimamelanga.”
Simba: ”Into endiyaziyo kukuba ubudinga uncedo nokhuseleko ndakunika oko. Lonto ithi kum kufuneka
ndiqinisekile ukuba awubuyeli kobabom kwakhona.”
Nomtha: ”Awundiva. Ukhetha ukungandiva.”
Simba: ”Ndikuva loud and f*cken clear. Awunambulelo gqithi wena. Yilonto ube iphone yam emveni
kokuba ndikuphe imali, mali leyo you can't account for. Ndibeka isiqu sam esichengeni, nefemeli yam
ukukhusela wena! Ngalomzuzu andilalanga kwam and andikho kwam ndinawe kuba uyandidinga
andizukushiya uwedwa. Andinaxesha lalento. Andiyikhathakelanga. Andikholwa ukuba ndizidina,
ndikhathalele umntu ongena mbulelo kangaka. Andikholwa. Andinaxesha lalento mna.”
Nomtha: ”Awundiva ngesibomu kuba awundimamelanga.”
Simba: ”Whatever Nomtha. What-fu*ken-ever.”
Ungene ebathroom wambhakraza ucango. Inoba ebelungisa qho njengoba ebekhuphela imisindo yakhe
kwifurniture.
Andimvanga xa ephuma ebathroom okanye xa ehamba kuba ndibiwe bubuthongo. Ndivuke ndidiniwe
ingathi andikhange ndilale. Inoba yilento yokulala kangaka. Bendiqhele ukuphangela late ebusuku
ndilale emini. Ngoku apha bendilala ubusuku nemini yonke.
Ndisukumile ebhedini ndizicenga ndaphuma ekamireni. Indlela bendilambe ngayo ibingathi ndigronjwe
namathumbu uqobo.
Bendingayazi noba kukho na ukutya kulomzi. Bekungekho nto ithi bekuke kwatshatyalaliswa kulandlu.
Kusikosi. Andikhange ndive kwalomntu ebeqoqosha.
Nomtha: ”Yhu!”
Ndothuke ndabheka umva ndaphantse ukuwa wandibamba lomntu.
57
”Askies ukothusa, ndiba usalele. NdinguBukhosi mna, uSimba ngubhuti wam. Uthe ndizokugada.
Ndikuphathele nempahla ezimbalwa. Bendizithenga noMalkia so ndiqinisekile ukuba uzozithanda.
Unestyle.”
Nomtha: ”Ngubani uMalkia kanene?”
Bendike ndeva noSimba ethetha ngokuba ndinxibiselana naye kodwa ungaphantsi kum.
Bukhosi: ”Ngumntwana kaSimba. Mgomnye wabantwana bakhe phofu.”
Nomtha: ”Unabantwana abangaphi?”
Bukhosi: ”Kutheni ungazoyazi ukuba unabantwana abangaphi?”
Ndinyuse amagxa am. Bendingazuyazi ukuba kutheni ndingabazi, into bendiyazi kukuba andibazi. Qha.
Bukhosi: ”Bane. NguMalik omdala, kulandele uNura kuze uJunior kugqibele uMalkia.”
Nomtha: ”Unesine sonke sabantwana?”
Unqwalile.
Bukhosi: ”Yep. Awunabo wena?”
Nomtha: ”Ndingamthini umntwana?”
Bukhosi: ”Benziwani abantwana?”
Nomtha: ”Andifuni mntwana mna.”
Bukhosi: ”Uzokwenza ntoni ke apha noSimba ukuba awufuni bantwana?”
Nomtha: ”Chii?” intoni?
Bukhosi: ”Huh?”
Nomtha: ”Andizokwenza bantwana apha mna kanti utheni ubhuti wakho kuwe?”
Bukhosi: ”Anizukwenza bantwana?”
Nomtha: ”Angabenza yena mhlawumbi kodwa akazubenza nam.”
Bukhosi: ”Ungubani kanene igama?”
Nomtha: ”Kuthwe uthengele bani impahla kanti.”
Bukhosi: ”Umh kuthwe kukho 'ipain in the ass endifuna uyithengele impahla and oh! Ukuba
awuzuxakeka uzondigadela yona. Ndim lo ke, ndizogada ipain in the ass.”
Noxa bendingazimiselanga ndizive sendihleka.
Nomtha: ”Aneni Nomtha Tongai.”
Bukhosi: ”Uligweja?”
Nomtha: ”Yintoni igweja?”
Bukhosi: ”Uzondixolela. Uloluphi uhlanga?”
58
Nomtha: ”Xhosa and Zimbabwean. Umama nguMxhosa. Wayenguye phofu.”
Bukhosi: ”So ukhulele apha wena?”
Nomtha: ”Ewe.”
Bukhosi: ”Awuzange wake waya kwelalizwe likatatakho?”
Nomtha: ”Ndimncinci. Ubudlelwane buka tata nefemeli yakhe bebu ... complicated.”
Bukhosi: ”Abasekho bobabini abazali bakho?”
Ndinqwalile.
Bukhosi: ”Askies.”
Nomtha: ”Ahhh it's fine.”
Bukhosi: ”Niyadyola nyani noSimba?”
Nomtha: ”Hehe!”
Bukhosi: ”Umncinci kuye. Ndiqinisekile uyay'bona nawe lonto.”
Nomtha: ”Ndiyayibona.”
Bukhosi: ”Abantwana bakhe badala kuwe, uninzi lwabo. Inoba umshiya ngeminyaka emibini qha
uMalkia. Nemeko enibonana phantsi kwazo zizokwenza ukuba bangakucaceli. Nam andikucacelanga
ncam ukuthetha inyani kodwa kuba ndithanda ubhuti wam ndimenzele ifavour. But I don't approve.”
Nomtha: ”USimba uyandinceda.”
Bukhosi: ”Ngemali?”
Nomtha: ”Akakandiniki mali so akandincedi ngamali.”
Bukhosi: ”Ukuthengela izinto ngemali so potatoe potato.”
Nomtha: ”Undinceda ngendawo ekhuselekileyo endizohlala kuyo. Okwethutyana.”
Bukhosi: ”Indlela endibona ngayo nendlela athetha ngayo uSimba akuyonto yethutyana le. Ndiva
kusithiwa uzohlala eCenturion.”
Ndinqwalile.
Bukhosi: ”Unefemeli uSimba, kuyo yonke lento niyenzayo angayilibali lonto. Unefemeli unabantwana.
Uneresponsibilities. Kungoku uJunior akaziwa ukuba ulalaphi, utye ntoni. Kungoku uxabise wena
ngaphezulu kwabantwana bakhe. Akalalanga kwakhe and kukhangeleka okungathi akazimiselanga
anytime soon. Fine yenzeni lento yomhlaliswano kodwa angalibali ifemeli yakhe. Qha. Asithi yekani,
nibadala sisi nawe noxa ungaphantsi kwakhe ngeminyaka ukhangeleka umdala. Uyayazi into oyenzayo.
Andikuthandi qha.”
Nomtha: ”Akukho ngxaki ngalonto.”
Bukhosi: ”Ndikuphathele ukutya nakuya phezulu kwetafile.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
59
Bukhosi: ”Wenza ntoni apha imini yonke xa engekhoyo uSimba?”
Nomtha: ”Ndiyalala.”
Bukhosi: ”Imini yonke?!”
Nomtha: ”Bendiyotywa zipilisi endiziselayo so ewe. And akukudalanga ndilapha.”
Bukhosi: ”Ipilisi?”
Ndimbonise imilenze yam wakhamisa kancinci waphinde wakhawuleza wazilungisa.
Bukhosi: ”Simba?”
Nomtha: ”Ayinguye, kutheni nonke nicinga ukuba nguye?”
Bukhosi: ”Ngubani unonke?”
Nomtha: ”Nguwe notat'uMluleki.”
Bukhosi: ”Ebekubonile uMluleki?”
Ndinwalile.
Bukhosi: ”Kucacile ukuba noMkhuseli ukubonile mos. Ububizelwe yena?”
Nomtha: ”Ewe.”
Bukhosi: ”Ukuba ayingo Simba ngubani? And ungcwatywe kwesiphi isiganga?”
Nomtha: ”Ngumastandi wam. Libali elide eliquka noSimba. Ndifunyenwe nguSimba phaya eflatini
wandinceda. Ingxaki ngoku ndishiye izinto zam phaya. Andinaxesha lefurniture. Kukho iphoto zefamily
yam phaya neletter ndandizibhalelwa ngutata. Zizo zodwa izinto endinazo eziya. Nezipho wayendipha
zona utatam. Inecklace nebracelets ... andikwazi nozilanda. ”
Bukhosi: ”Kutheni ungayozilanda?”
Nomtha: ”Kuyingozi kum ukuba phaya. Ukuba angandibona uEfe angandibamba, andiyazi into
angayenza kum.”
Bukhosi: ”Uhamba nam? Haha! Nxiba siyolanda izinto zakho.”
Nomtha: ”USimb-”
Bukhosi: ”Akakho apha. Sawuhamba sobabini undibonise ibuilding, undixelele iflat number wena
ushiyeke emotweni ndiyokulandela lento uyifunayo. Sawubuya engekabuyi.”
Bendingaqinisekanga kwaphela ngalento kodwa ezazinto kuphela kwezinto endinazo zosapho lwam.
Ngapha koko ayinobakho into enothi babeke bakhona. Bendiyidinga labox. Njengoba uSimba ebethatha
ixesha lakhe nje ebezofumana siyolahlelwa kwahell. Ukuba bezingekalahlwa.
Nomtha: ”Masambe.”
Bukhosi: ”Nxiba ke. Kukho naba tight benu kunye netrainers kweza mpahla.”
Nomtha: ”Okay. Bendiba awundithandi.”
Bukhosi: ”Andikuthandi nangoku. Kodwa ndikunceda nje.”
60
Ndiyihlekile.
Sihambile noBukhosi. Ndimxelele ukuba ayikhangele phi. Intliziyo yam ibisemqaleni wam kulamoto.
Bendingcangcazela ndithobise intloko ndizifihlile ndingabonwa. Indlela bendinexhala ngayo bekusihla
nenyembezi.
Ungene ngaphakathi kwemoto wabeka ibhokisi ecaleni kwakhe waqhuba.
Ndivelise intloko sakubakude.
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Bukhosi: ”Wamnkelekile. Ayondawo landawo.”
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Bukhosi: ”Kodwa ayenzi nto right kodwa leyo.”
Andiyazi ukuba ebethetha ngantoni so ndizivalele umlomo.
Sifikile wapaka imoto sayongena ngaphakathi. Bendiyibambele esifubeni ibox yam.
Singene ngaphakathi endlini.
USimba ebekhona enyuka esihla. Usibhekile sakungena waqinisa imihlathi.
Simba: ”Emveni kokuba ndithethe nawe kakuhle ukuba andikufuni kulaflat wena urhuqela uBukhosi
phaya?! Ndikulumnkisile wena uzifaka straight ebungozini ufaka noBukhosi.”
Bukhosi: ”Andif-”
Simba: ”Ndithetha nawe?”
Bukhosi: ”Awuthethi nam kod-”
Simba: ”Vala lomlomo. You don't know who you're dealing with. Awubazi. Ukuba bekusuke nonwele
kulontloko yakho utatakho ebezofuna intloko kabani etreyini? Eyam. So shut up! Andithethi nothetha
nawe. I will adress you njengangoku umamakho amelwe yintliziyo. Andithethanga nawe Nomtha?”
Nomtha: ”Simb-”
Simba: ”Kungoba awuvanga ndisithi ndizoylungisa lento?”
Nomtha: ”Nin-”
Simba: ”Bendithe kuwe I will sort this Nomtha! Ndisuka le eGreenstone ... okokuqala andilelanga khona,
ndilele nawe apha nanamhlanje ndizolala nawe apha. Kufuneka ndicuthe ixesha elincinane endilichitha
phaya ngenxa yokuba unenkani zobubhanxa. Ndithumele uSylvester ukuba ayothatha lento yakho
uyifuna kangaka and guess what? Nguwe noBukhosi ngaphandle eHillbrow. Emveni kokuba ndikuxelele
ukuba ungayi phaya. Ndagxininisa. Ndijonge.”
Ndinyuse ubuso nje kwatsho isithonga sempama ndawisa nalobox. Ndithe ndisakhalela leyo
wandinqakula ngenwele ndisawa wandiqhaqhathekisela ekamireni.
Bukhosi: ”Ndim othe sihambe!”
61
Simba: ”Khauwhambe uyonambuzela le kwa hell. UNomtha uyayazi imeko yaphaya kodwa ukufaka
zwaba phakathi, nditheni kuye? Nditheni kuwe wena?!”
Bendikhala nje andamphendula undikhulule ndema ndithobe ubuso undibethe ngempama ngoku
ndibuthobileyo wandiphinda ngenye.
Bukhosi: ”Hay maan bhuti.”
Simba: ”Nxa! Uyaqhela wena! Ndizolala eGreenstone namhlanje. Ulinde kufike uSylvester ngaphambili
kokuba uhambe. Atye lo! Uyoqokelela lamaphepha athe saaa phaya! Nxa!”
Uyophuma ngomnyango ndashiyeka ndichopha dekre phantsi ndisothula isikhalo...
62
SEVEN
Bukhosi: ”Uyamongoza. Jonga phezulu ndizokuphathela itowl enamanzi abandayo ebathroom.”
Nomtha: ”Ndizobaright, ndiyabulela.”
Ndisukumile ndayongena kula bathroom isetyenziswa ngumntu wonke. Ndihlambe ubuso bam kwibasin
ndazijonga esipilini. Ibingekho into ebonisa ukuba ndiqhwatyiwe- ohhhh ibilimehlo nje linobubomvu.
Ngapha koko bendiright. Ukuba kungafuneke ndibethwe kwakhona ukuba ndiyolanga elabox bendizoya
kaliwaka. Imemories zam zonke zikulabox. Bendingabethwa kaliwaka ndingabi namsebenzi. Ndithathe
isikere besiphaya ndaphuma naso. Ndimgqithe emi ngasemnyango ubukhosi ndayoqokelela iphoto
neletter ezi bezithe saa phantsi.
Ndizibuyisele eboxini yakhona ndathi chu ukuya ekamireni. Izidlele zam beziqaqamba, ubuso nje bonke
zimpama zikaSimba. Intlonzi iqaqamba kukutsalwa.
Bukhosi: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa ngokukufaka egxakini nomntakwenu kodwa undincedile.”
Bukhosi: ”Ndikubethisile kodwa.”
Nomtha: ”Andibethwanga ngenxa yakho. Noba ubungekho wena ebezondibetha efuna.”
Bukhosi: ”Ukuba bendingekho ngewunha phumanga.”
Nomtha: ”Ndiright. Ndiyabulela ngokundikhapha. Goodnight.”
Bukhosi: ”Ndizothetha naye ubhut-”
Nomtha: ”Suyenza lonto. Myeke. Ndizozilungisela ngoku kwam.”
Bukhosi: ”Kungcono ukuba ucinga njalo.”
Ndinqwalile ndayongena ekamireni ndatsuxa ndakrama.
Bukhosi: ”Ukutya? Bekuthwe utye.”
Nomtha: ”Andilambanga. Ukuba ufuna ukundinyanzela ngokutya makandinyanzele andiqhwabe ukuba
uyaqonda kodwa andinamdla wokutya.”
Bukhosi: ”Uzohlwaya wena ngokungafuni kutya. Kuzolamba wena.”
Nomtha: ”Andinamdla wokutya ngoku. Ukutya yinto ekude le engqondweni yam ngalomzuzu.”
Bukhosi: ”Okay. Unangaphi?”
Nomtha: ”Bukhosi, enyanisweni andikho mdleni wokuncokola.”
Bukhosi: ”Ndinesiyali apha and uphethe nezinto ezibukhali wazivalela nazo so ingase uthethe.
Ungehlelwa yinto ndilapha.”
Nomtha: ”Andizuzonzakalisa.”
Bukhosi: ”Uneminyaka emingaphi?”
Nomtha: ”Ndina twenty two.”
63
Bukhosi: ”Jeez usemncinci Nomtha. Ubuhlala wedwa kulaflat?”
Nomtha: ”Bendihlala ndodwa.”
Bukhosi: ”Wenza ntoni for a living?”
Nomtha: ”Bendisebenza kwenye ibar etown.”
Bukhosi: ”Uyiwaitress?”
Nomtha: ”Ewe.”
Bukhosi: ”Nidibene khona nobhuti?”
Nomtha: ”Ewe. Ebephume netshomi zakhe namantombi abo so babencedwa ndim. Nda- ndaba iphone
kabhuti wakho-”
Bukhosi: ”Wayiba wahamba nayo engakubonanga?!”
Nomtha: ”Zange andibone. Ndandigqibele icamera zingasebenzi kanti zilungisiwe so wabona ngokuse
ayofuna ukubona ifootage kumananger wam.”
Bukhosi: ”And then nathandana xa kutheni?”
Nomtha: ”Sithandana phi nobhuti wakho? Ndimthiye ngentliziyo yam yonke uSimba. Ndiyayazi ukuba
iqalwe ndim yonke lento ngokuba iphone yakhe kodwa wayifumana. Wandibetha futhi so ibingekho
enye into ngaphandle kokuba ebendimangalele nto leyo ngeyibhetele, ndiyazi ukuba ndilibhantinti once.
Undibethile uEfe wandigxotha kwakhe, wandifumana ndisopha phantsi ubhuti wakho wandinceda
wandizisa apha wandibizela noMkuseli. Andiyazi ukuba ebebuya ezothini eflatini yam kuba into
ibisidibanisa ibingasekho. Into ngoku kukuba sendinga sena nkululeko nje kungoba uqale impi
wayobulala uright hand man wala druglord ingumastandi wam. Kwavuka impi kengoku.
Andikhuselekanga ngenxa yalonto. Andina ndawo yokuhlala andinamsebenzi. Into endinayo enegama
lam yile box qha.”
Bukhosi: ”Ubhuti uimpulsive kwaye uprotective ngabantu abakhathalelayo. Akanangxaki nokususa impi
kufiwe ukuba kuyafiwa. Yilonto ebulele laright hand man. Ngezizathu endingenozazi mna ukukhathalele.
Kwalento yokuba aphindele umva eflatini yakho ithetha ukuba umthwebule. Sikhona isizathu kwaye
ngethansanqa wancedakala. Izolunga lento. Hayi ngalomzuzu, hayi ngomso kodwa izolunga.”
Ndizivalele umlomo wam mna. Ibizolunga ndingekho kwalapha okanye omnye wethu efile. Bendinga
zukuhlalela lento mna nokuba seluthiwa ndihleli ebuntofo ntofweni kangakanani. Le yokunkulwa mihla
le?! Bendingazuyimela mna.
Nomtha: ”Unomfazi ubhuti wakho?”
Bukhosi: ”Andiva?”
Nomtha: ”Ndiyabuza ukuba utshatile na? Akanxibi ringi, nomnwe wakhe weringi awubonakalisi ukuba
ebenxiba iringi. Unomfazi?”
Bukhosi: ”Nomtha ukuba unemibuzo malunga nobomi buka Simba ndizocebisa ukuba ubuze kuye.”
Nomtha: ”Kuzothini xa undixelele?”
Bukhosi: ”Andinagunya lokuxelela ngemarital status sikaSimba.”
64
Cwaka.
Bukhosi: ”Nomtha?”
Cwaka. Ndiyoqabela ebhedini ndalala ngaphezulu kwengubo. Undikhwazile uBukhosi, amatyeli amaninzi
andamphendula. Ndibiwe bubuthongo.
”Nomtha!”
Ndothuswe lilizwi endingalaziyo emnyango. Intliziyo yam ibivele yabethela ukuma ndicinga ukuba inoba
kungene abantu bakaEfe bazondithatha. Ndihlike ebhedini ngo one eight ndahlala ngaphaya kwayo.
Ndizifihla. Bendicinga nokungena ngaphantsi qha bendibambeka umphefumlo ndiphefumela phezulu.
Inzandla bezimanzi kukubila ndizama nje ukuba ndiphefumle. Ndizibambe isifuba ndithoba umoya.
Inoba ebendiva ngoku ndiphefumlela phezulu.
”Nomtha! Yizotya ukutya kwakho! Nomtha!”
Huh? Ndizotya ukutya kwamu? Ibingelolizwi lizwi likaBukhosi mos eli. Kwaye bekumele ukuba swmnkile
yena kufike u- ohhhhhhhhhhh maan uSylvester! Indlela bendirelieved ngayo ndide ndakhala. Oh bawo
wam bekukufuphi ukuba ndizimtsontsele. Enkosi Bawo! Enkosi mnini ntozonke. Yhini ukothuka kangaka.
Sylvester: ”Boss? Akavuli. Andiyazi noba uhleli na kutsixiwe apha. Akatyanga. Nomtha! Uboss ufuna
ukuthetha nawe.”
And yingxaki yam ngoba? Ngoku ebeyolala eGreestone emveni kokundiqhwaba ndide ndimongoze
ebenethemba lokuba mna ndizobambana necalls zakhe? Into bendiyazi kukuba ebengasoze andibethe
engekho apha. Kuzofuneka abelapha kuqala and into endingazuyenza kukuvula elacango
ndizohlukunyezwa yilandoda ndingayizo ihamba ibetha abantu . Bendinga mthembi kwa.
Bendingazuvula kwacango. Ukuba ebezongena ebezongena ngokulibeka phantsi. Cha! Nguhayi kumu
mntakabawo. Nguhayi.
Sylvester: ”Akaphenduli. Okay boss.”
Kuthe cwaka emveni koko. Andinyakazanga nokunyakaza kulandawo bendihleli kuyo. Ume ithuba elide
kuthe cwaka okungathi umnkile ndade ndeva izihlangu zakhe.
Ebenyathela ngocoselelo ukuba ndingeva ukuba kungona ahambayo. Ndikhawuleze ndangena
ezingubeni ndaphindela ebuthongweni kwakhona. Buhle kade kweli ityeli kuba bendisoyika ukulala
kukho lomntu untantayo apha. Bendihlukumezeke ngokwaneleyo ngelaxesha uSimba ebendihlamba
endiphatha-phatha. Umzimba wam ubundikhohlisa kuba ubuyithanda lanto ebendenza yona. Uphila
uhlokome xa ndihogela ivumva lakhe. Ngoku isandla sakhe besikum- bendimzonda kakhulu ngenxa
yalonto. Ngenxa yokuba noba ndimthiye kangakanani, noba ndimqalekisa kangakanani ubusabela.
Bendingumntu onjani?
Kukhawuleze kwasa. Ndiyafunga ikhona into eyenziwayo ngexesha xa sileleyo ayikho le. Bekukho i'clock
kulakamire bendilala kuyo kwaye ibindixelela ukuba nguten past four. Bendothuswe ngamaphupha
amabi ebendibamba ngobusuku.
Bebuzohla kade kengoku ubuthongo bam kuba bendosoyika.
Sylvester: ”Nomtha? Ndiyayazi uvukile, ndikuvile ukhala. Uright?”
65
Bendikhala? Inoba bendiphumelisa ngoku ndibanjwe yile narhmani kuba andikhange ndikhale tu.
Nokuba ndiyakhala andikhaleli ukuba ndiviwe.
Sylvester: ”Wenza umsebenzi wam nzima kakhulu ngokunga sebenzisani nam. Ndixelele ukuba uright
ndizophuma enweleni zakho.”
Eziphi zona?
Ndizisonge ezingubeni ndacula ingoma eyayithanda ukuculwa ngutata xa endilalisa. Ingoma yesiShona,
awayeculelwa ngumamakhe naye. Ndiyimbhombhile ndingavalali kuSylveter. Ngamanye amaxesha,
njenga namhlanje bendiziva ndimkhumbula kakhulu kude kuqaqamba intliziyo yam. Ibingase ndibenaye
kwakhona andixelele ukuba kuzoba right. Kuba bendisuke ndaxakana nobomi ngoku. Kudala
ndandingena ezintweni kulentlalo yam yaseJo'burg kodwa le yona ibindimonqele. NoKing lo ulinxila lelali
akazange nangenye imini abuye andibethe. Akazange nangenye imini athethe amagama arhabaxa kum.
Ebendixelela indlela andithanda ngayo nendlela azosikhupha kobubomi. Mna naye. Andixelele ukuba
uzonditshata. Ndidibane nefemeli yakhe. Ebengathethi kakhulu ngefemeli yakhe kodwa bendiyazi ukuba
unabazali bobabini notamkhulu kunye nomakhulu. Ebenabo nabantwana bakowabo, ndingazi ukuba
bangaphi.
Ndim umntu ebezondlala azoneke kuye. Xa eshushu is'kakhulu. Lafeeling wokuthetha nediary kuba
uyakhuphela qha noxa ungafumani nduduzo okanye impendulo. Eyam ibimana incwina nje ivuma into
engekhoyo indixelele ukuba iyandithanda.
Mhlawumbi yiyo lonto bendibambelele kangaka. Yiyo lonto bendingam khalali kwaphela. Kukuba ndibe
ndodwa ixesha elide kakhulu, ndihoyane nomsebenzi nokuba impilo yam iberight, ndibenento yolutya.
Ndihlawule irent. Ndihlambe. Kwafika yena wandithanda, ndaqala ngaye ukuba nobudlelwane.
Qha ke ingxaki yakhe yotywala ibindichaphazela kakubi kuba ebebela nam lo. Bendisoyika ukuba
ndizawuhamba ndibuye ndingena kwanto endlini.
Kunqonqoziwe emnyango ndephatsha.
Simba: ”Nomtha ndim.”
Eish! Elixesha.
Simba: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Ndiyeza!”
Bendingafuni ukuphinde ndimcaphukise. Umzimba wam ubungasafuni kwanto ngoku bendibethwe
kwanele. Kangangokuba besendiphaku phaku ngoku kuba andiyazi noba izongena nini impama. Lonto
ebeyibeka. Hayi ebeyiplastarisha mntakabawo ihlale ithi nca ubenesiyezi kancinci. Ibikhupha
namafufunyana leya yakhe. Ndivule ikrama ndavula isitsixo ndamvulela ucango. Ume ngaphaya
komgubasi ewarhole onke amehlo akhe nengcambu zawo ekhamisile.
Simba: ”Wenze ntoni Nomtha?! Wenze ntoni?”
Ndizikhuse ubuso xa ephakamisa isandla ndalindela impama. Kuthe kwawugqitha imizuzu ingangeni
ndamkroba kancinci. Ebendijongile etase izandla zakhe.
Simba: ”Why?”
Nomtha: ”Why ntoni?”
66
Simba: ”Uyayazi ukuba ndithetha ngantoni Nomtha. Thiza!”
Ukhuphe isandla etasini wandibamba intloko.
Simba: ”Why princess? Uzothulele ntoni?”
Ndizigqume ubuso ndakhala. Bendiqaqanjelwa yintliziyo izika ngoku into endiyenzileyo ngomsindo.
Bendinomsindo ngelaxesha ngoku besendizizilela inwele zam. Bendine afro enkulu efuku-fuku. Oko
ndandiyikhulisa kusaphila utata wam. Eyinakekele nangaphezulu kwam intloko yam ngokulahlekelwa
kwam nguye ndazixeleleka ukuba ndizoyinika inkathalo ebeyinika yonke intloko yam. Ngoku
bendizichebe zonke ngesasikere bendisithathe ebathroom. Bendifuna ukuzisusa kuba ebenditsala ngazo
gadalala xa evukwe yimisindo yakhe. Bendingayimeli into yokuzibona zishiyekele ezandleni zakhe
ngenxa yokundixhwitha. Bendifuna ukuzibona ziwile. Kodwa ngoku bendizizilela. Bendikhakiswa
nakumbona lo phambi kwam. Ndikhaliswa yindzondo bendinayo ngakuye.
Undiphilule umqolo.
Nomtha: ”Sundibamba!”
Uchophe dekre ngemphundu naye apha ecaleni kwam wathula. Ndikhale ndade ndonela ndosula ubuso
bam.
Simba: ”Ndiyaxolisa. Andisoze ndiphinde ndikuphakamisele isandla.”
Nomtha: ”Ndifuna ukuhamba. Andifuni kukhuseleka ndifuna ukuhamba.”
Simba: ”Nomtha ...”
Nomtha: ”Ha. ana Simba. Ha. ana. Nd'funa uhamba mna, andifuni ukuhlala apha.”
Simba: ”Andisoze ndiphinde ndikubethe.”
Nomtha: ”Akuna msebenzi. Ndifuna ukuhamba qha mna.”
Simba: ”Uzobheka ngaphi?”
Nomtha: ”Noba ndibheke ngaphi akunamsebenzi. IJozi ndazifundela ngoku kwam, ndizofunda nezinye
indawo ndihlale khona. Zininzi ilokishi apha eGautini. Akazundifumana uEfe.”
Simba: ”Nomtha andisoze ndiphinde ndikubethe, andifuni uhambe. Ndifuna uhlale apha nam. Ayikuba
ndicinga ukuba undityala into kodwa kungoba ndikufuna apha. Andika understandi okwangoku kodwa
andifuni uhambe. Ndiyaxolisa ngokubetha. Ndixolele.”
Ndinikine intloko yam.
Nomtha: ”Yintoni le uyifuna kum?”
Simba: ”Andizazi ukuba ndenzani nam apha nawe Nomtha. Bendizixelele ukuba ndizolala kwam kodwa
abuhli nobuthongo kuba ndiyayazi ukuba ndikushiye ungekho right ngenxa yam. Ndizulise ndazincama
ndeza apha. Andifuni ukukukhathalela mna. Kodwa ndizibona ndinexanduva lokukukhusela.”
Nomtha: ”Ngubani ozondikhusela kuwe? And andi understandi xa usithi undifuna apha, ufuna ntoni
kanye kanye?”
Simba: ”Yilento ndingayaziyo nam. Bendikhathazekile kakhulu ngawe. Andiyazi ukuba utheni ureckless
kanje ngobomi bakho. Undikhathaze nyani. Ndize ndiphaphatheka apha. Sumthathela phantsi laEfe
67
Nomtha. Unegang. Ungqungwe zizigebenga zabantu kuba naye usiso. Akanasizi lamntu. Uthengisa
abantu for a living. Ebengazukusizela kuba ngobubhanxa bam ndizibonakalisile ukuba
ndiyyakukhathalela so to settle the score nam ebezokwenza umzekelo ngawe and bekungazuba mnandi.
Kangangoba uziva okungathi usentolongweni ndenzela wena. Ndiba paranoid nam ndibaxe izinto kwaye
ndiyayixolisela lonto kodwa injongo zam ngawe ayizezokulimaza. Ndiyafunga apho. Uzohamba uye
eCenturion awuzuvaleleka endlini imini yonke. Uzophuma phandle ubethwe ngumoya sibone ukuba
awuhli na lomlilo nomuba senza njani ukubheka phambili. Uzichebele ntoni inwele zakho?”
Nomtha: ”Ndenzela xa undibetha ungabe undixhwitha ngenwele.”
Cwaka. Uphefumlele ngaphandle qha wandiphulula intloko wandibamba intamo.
Nomtha: ”Ndifuna ukwazi ukuba xa wehlile umlilo, uzondivumela na ukuba ndihambe?”
Simba: ”Andizukubophelela ebhedini yam ufuna ukuhamba. Ndingathanda ukuba kungafika eloxesha
ube sewundithambele wayeka ukundizonda ngalendlela undizonda ngayo ukhethe ukuhlala nam.
Andizukufuxa. Uzoba nobomi bakho nam ndihlale eGreenstown ndizo kuwe ngalomalanga.”
Nomtha: ”Yintoni kanye kanye le uzobe uyizela?”
Simba: ”Nguwe.”
Nomtha: ”Iyandibhida nyani le arrangement mna ndikuxelele. Ingase ucace ngenjongo zakho kum. Kuba
uyaziphikisa xa uzothi ufuna ukundikhusele undikhathalele kodwa nguwe umntu endiziva okungathi
ndidinga ukukhuselwa kuye. Indlela okulula ngayo ukuba undiphakamisele isandla indixelela ukuba
ungumntu owenza into ayiqhelileyo kakade. Andinawo kemna amandla wakho so ukivuma kwam
uncedo lwakho kukuvuma ukuba sisigculelo sakho mihla le. Andinangxaki mna nokubhadula.
Andinangxaki nokuba ndodwa kuba ndiyakwazi mna ukuzikhusela. Ndineminyaka ndaphima ehome
ndazihlalela ndazikhulisa ndangaka. Ndizibonela mna ukuba ndidibanisa ntoni nantoni and ndilungile
ngoko. Kuba ukwwmnkela uncedo kukuzinikela emntwini akulawule njengoba usenza wena. Andiyiboni
inkathalo kuyo yonke lento mna. Andiyiboni.”
Simba: ”Noba awuboni ikhona. Ndiyakhathala ngawe kwaye ndikufuna ebomini bam.”
Nomtha: ”Ndibeyintoni ebomini bakho? Xa kubuzwa ukuba ngubani lo uzocacisa uthini wena?”
Uzosule ubuso wajonga phezulu ephefumla.
Simba: ”Ungumntu osebomini bam.”
Nomtha: ”Andiyivisisisi lento.”
Simba: ”I like you.”
Nomtha: ”Andifuni nokuthetha ke mna.”
Simba: ”Ndiyayazi undithiyile ngoku. But I just like you. I liked you ndikubona kulaclub kodwa bendibona
okungathi usengumntwana-”
Nomtha: ”You like me ukuba ubeyindoda kum?”
Simba: ”Mhlawumbi.”
Nomtha: ”Andisengo mntwana ngoku?”
68
Simba: ”Ungaphantsi kum ngeminyaka kodwa awunguye tu umntwana.”
Nomtha: ”Ndilingana nabantwana bakho. Unabo nabadala kum so ndicinga ukuba ndingu mntwana.”
Simba: ”Ngubani okuxelele ngabantwana bam?”
Nomtha: ”Akhomntu undixelele ngabantwana bakho ndivele ndayazi nje.”
Undijamele. Bendingakwazi mna. Bendingakwazi ukuba ngomnye umntu ngaphandle kukaNomtha.
Bendingayiqheli futhi ndingaboni ndiyiqhela nanini na into yokubala amagama am.
Simba: ”Ukuxelele nantoni uBukhosi?”
Nomtha: ”Bekukho enye into ekumele andixelele yona?”
Simba: ”Ukuxelele nantoni?”.
Nomtha: ”Ndimbuze ngabantwana qha wandixelela ngabantwana. Ndambuza ngemarital status sakho
wandixelela ukuba ndibuze wena.”
Simba: ”Ohhh. Ubuze mna nyani ngam. Le yokuba uyobuza koBukhosi izondenza bandithathe okungathi
andifikeleleli kuwe. Ndingqwabalala.”
Nomtha: ”Uyalhathala ukuba bacinga ntoni ngawe?”
Simba: ”Uthetha ukuthini? Kakade ndiyakhathala. Indlela abandibona ngayo ibalulekile kum, ngabanta
kwethu. Andifuni bacinge ukuba ndiyakuhlukumeza awukwazi nondibuza nto-”
Nomtha: ”Haha! Awufuni bacinge ukuba uyandihlukumeza noxa undihlukumeza nyani? Ufuna
bakholelwe into engekhoyo yokuba undiphethe kakuhle. Ubone umntu ozomonyula esoupini qha wena
kwazele uzofumana umntu ozomlawula umlale noba kunini. Iyafuneka inyani xa umdala.”
Simba: ”Ukuba bendifuna ukukulala qha Nomtha ngendikulele ndaphuma apho. Ndifuna ubudlelwane
nawe.”
Nomtha: ”Ndiyozela mna.”
Simba: ”Unengxani nobudala bam?”
Nomtha: ”Ndingengxaki nawe as a human being. Andiyazi ucinga ukuba ndizoba nobudlelwane nawe
njani ndikuth- never mind.”
Simba: ”Thetha.”
Nomtha: ”Ndifuna ukulala.”
Simba: ”Awuzucheba kuqala?”
Nomtha: ”Ndiyozela.”
Simba: ”Ingathi utyiwe ngamalulwane.”
Nomtha: ”Ndiright kanye.”
Simba: ”Ngewungazichebanga Nomtha. Unenwele ezintle.”
Nomtha: ”Ziright ngoku zingekhoyo. Ndawuba namatshanda kaloku kukuxhwithwa.”
69
Simba: ”Ndithe awusoze uphinde ubethwe ndim.”
Cwaka.
Simba: ”Awutyanga.”
Nomtha: ”Imihlathi yam ubuhlungu andizukwazi ukuhlafuna.”
Simba: ”Ndiyok'funela into ethambileyo?”
Nomtha: ”Kuthwa uphi kwakho?”
Simba: ”Mxm.”
Ndimgxothile waphuma kulekamire bendilala kuyo eshiya engalivalanga ucango. Ukuba akalumbhakrazi
akalivali.
Ndingene ezingubeni ndalala. Bufike kade ubuthongo kodwa ndide ndalala.
Ndothuke ndisiva amazwi kwelinye icala kuhlekelwa phazulu. Intsini kaSimba isitsho kuqala. Ndagqibela
ukumva ehleka kangakaya ngalamini wayeseclubini. Bendikhumbula umsebenzi. Ibizondibhora le into
yokulala ndivuke ndijikelezane nalendlu.
Ndivukile ndayovulela amanzi ebathroom. Bendingafuni ukuhlanjwa nguSimba namhlanje
mnatakabawo.
Simba: ”Awuzucheba kuqala?”
Ndibhekile wabe enxibe ushorti nje kuphela. Ehamba ngogaga ephethe ikomityi yekofu. Ebendincumele.
Ibindikrokrisa naleyo mntakabawo.
Wonwatyiswe yintoni? Okanye ufumene umngxunya ebezondingcwaba kuwo? Huh?
Nomtha: ”Ungandicheba kodwa ndizozihlamba.”
Simba: ”Ulapha uMkhuseli uzojonga amanxeba akho.”
Nomtha: ”Amanxeba ingathi ndihlatyiwe. Zifa mnyama ezizivubeko uyazibona mos.”
Simba: ”Cheeky ekuseni kuvukwa. Uzondifumana ekhitshini.”
Nomtha: ”Nguwe noMkhuseli nababi?”
Simba: ”NoMluleki.”
Nomtha: ”NguMluleki, ibenguwe, ibe-”
Simba: ”IbenguMkhuseli, ibenguBukhosi.”
Nomtha: ”Amadoda odwa!”
Simba: ”Ewe. Ndim ndodwa umntu onentombi naye yilast born. UMalkia.”
Nomtha: ”Ngulo ubusithi ungaphantsi kum?”
Simba: ”Inoba yiminyaka emibini ukuba akakho mnye. Umntu onolingana naye nguJunior. Unatwenty
bani wena?”
70
Nomtha: ”Two.”
Simba: ”Ungaphezulu kuwe.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Ndimlandele ukuya ekhitshini, bebencokola kodwa bathula ndakungena bandijoga bakrwaqulana.
Mluleki: ”Andifuni nobuza.”
UMkhuseli ebezama ukubamba intsini kodwa esoyisakala. Ndizibone ndincuma kancinci.
Nomtha: ”Molweni.”
Bona: ”Ewe.”
Uze nomatshini uSimba wawufaka kwiplug.
Mkhuseli: ”Nichebela apha ekhitshini?”
Simba: ”Ewe.”
Mluleki: ”Uchetywe ngubani Nomtha?”
Simba: ”Bendiba uthe awufuni kubuza nje.”
Mluleki: ”Ndiyabuza ngoku.”
Nomtha: ”Ndizichebile.”
Simba: ”Ikqayi okanye ibrush?”
Nomtha: ”Ibrush.”
Mluleki: ”Bekuse kwathini?”
Simba: ”Ebesitsha.”
Mkhuseli: ”Ngumlilo?!”
Simba: ”Yimalini ukuba muncu?”
Mkhuseli: ”Utshiswe yintoni Nomtha.”
Ndolathe kuSimba.
Mkhuseli: ”Umtshisile?!”
Simba: ”Ndikutshisile Nomtha?”
Nomtha: ”Ndithi abuze kuwe ukuba nditheni.”
Simba: ”Uzichebile! Ndingena phi mna apha?! Ndifika kusasa mna, bendise Greestone ndafika uNomtha
echebile!”
Mluleki: ”Ubulele eGreenstone?”
Simba: ”Bendilele khona ndavuka ndeza apha.”
71
Nomtha: ”Ngo4.”
Mluleki: ”Simba!”
Simba: ”Khawume Mluleki.”
Mluleki: ”Sukuthi khawume kum!”
Simba: ”Ndiyaxolisa.”
Mluleki: ”Mxm. Izothini into njengoba uNomtha ezoyohlala eCentury? Izoqhubeka le apha naphaya
uyenzayo?”
Simba: ”Andizukwenza apha naphaya, ndizohlala eGreenstone ndiye kuNomtha ngalomaxesha.
Ukhuselekile phaya akukho sidingo sokuba ndihlale kakhulu okanye ndibe ndifuna umntu ozomgada.”
Mluleki: ”Yintoni kanye kanye le uyenzayo?”
Simba: ”Yile ucinga ukuba ndiyayenza, and andikugwexi. Yiyo nyani le ucinga ukuba iyenzeka.”
Mluleki: ”Ngokucacileyo awukabhentsi kakuhle ngento yonke.”
Simba: ”One thing at a time. Andifuni kubalekisa mntu.”
Mluleki: ”Ncncnc.”
Nomtha: ”Awufuni kundibalekisa xa kutheni?”
Mluleki: ”Zithini kengoku intlelo zakho? Long term. Awucingi ukumenza unk-”
Simba: ”Shhhh! Ewe yinto endifuna ukuyenza.”
Mluleki: ”Simba ...”
Simba: ”Awukulimazi lomatshini?”
Nomtha: ”Nithetha ngam.”
Simba: ”Ewe sithetha ngawe. Uyakulimaza umatshini?”
Ndithe cwaka waqhubeka wandiceba. Bendidikwa yilento bebethetha ngam okungathi andikho apha.
And bendibeva ukuba bathetha ngam. Ingathi kanti uzondithengisa lo unguSimba. Andimthembi tu
lomntu. Noba bendizama ukulalisa uboya bekukho nje into ebephezulu kwayo.
Ebendiqwalasele ebusweni utat'uMluleki.
Mluleki: ”Kuzofuneka sithethe Simba. Namhlanje.”
Simba: ”Sawuthetha ukuthetha kona, nawe nomama otata kodwa hayi nmhlanje. Namhlanje sithuthela
eCenturion and siyothenga impahla for uNomtha nezinto zokuhlamba kunye nokutya.”
Mluleki: ”Uthetha nathi ngantoni? Uyayenze vele lento?”
Simba: ”Ukuba kuyavuma ewe. Yinto endifuna ukuyenza.”
Mluleki: ”Akuzubakuhle.”
72
Simba: ”Andilindelanga ukuba kube kuhle. Izolo kutshintshe yonke into. Bendingahlelanga kanje kodwa
kutshintshile ngoku.”
Mluleki: ”Yintoni etshintshe izinto?”
Simba: ”Yinto endiyibonileyo. Khawundijonge ndibone.”
Ndimjongile.
Simba: ”Utsho wamhle kengoku.”
Nomtha: ”Mxm.”
Simba: ”Uyaphi?”
Nomtha: ”Ndiyohlamba. Ndivumelekile ukuba ndihlambe?”
Undincinele amehlo wandolatha ngomatshini.
Mluleki: ”Madiba, sidinga ukuthetha.”
Simba: ”Sizothetha.”
Mluleki: ”Ngoku.”
Simba: ”Bhuti ndizothetha xa ndithetha nawo wonke umntu.”
Mluleki: ”Kuzobe kunini ngoko?”
Simba: ”Andiyazi, ndisaxakekile okwalomzuzu.”
Mluleki: ”Ndifuna ukuthetha nawe ngoku. Andizulinda imini ongayaziyo kwawena ndifuna sithethe
ngalomzuzu mna.”
Simba: ”Masambe ekamireni yam. ”
Mkhuseli: ”Ndiyahamba mna.”
Mluleki: ”Akhomntu unexesha lakho Mkhuseli.”
Mkhuseli: ”Ubungandibizanga ndizojonga uNomtha?”
Simba: ”Ufuna ukumlandela ebathroom? Kuba uvile ukuba uthe uyohlamba. Ukuba ufuna uyomjonga
khona by all means.”
Mluleki: ”Bayafa abantu esibhedlele lomzuzu.”
Simba: ”Mxm. Tyhini!”
Bayihlekile. Ndiyongena ebathroom ndicinga ndizama ukudibanisa lenkcoko yabo ingam kucaba
akanokwazi nokulinda uMluleki. Kakade idibanisa abazaki xa kutheni? Ebefuna ukundibulala lo. Okanye
ebefuna ukundithengisa, likhona kodwa iyelenqe ebephezulu kwalo.
Mkhuseli: ”Nomtha ndizoza eCenturion late!!”
Simba: ”Khawuhambe Mkhuseli uhlukane nalomntu! Uzoza uzoza ntoni?!”
Nomtha: ”OK!”
73
Simba: ”Mkhuseli!”
Mkhuseli: ”Ndiyahamba!”
Simba: ”Ja hamba!”
74
EIGHT
Mluleki: ”Ukuba uyayiva?! Uzoyicacisa uthini?!”
Simba: ”Uzawumxelela wena?”
Mluleki: ”Uphila phantsi kweliphi ilitye na wena? Ucinga ukuba ikhona into efihlakala kude kuphele?
Ucinga ukuba inyani ayinoze ivele?!”
Simba: ”Andimuncwanga, ndiyayazi ukuba kungenzeka ivele inyaniso ngenye im-”
Mluleki: ”So yintoni kengoku le? Unesazela mhlawumbi? Umbone wavukwa sisazela?”
Simba: ”Andinasazela.”
Mluleki: ”Then what the fu*ck?!”
Simba: ”Ndizoyenza lento, Mlu.”
Mluleki: ”Ngoba? Ngoba ubhuqwa sisazela all of a sudden wena?”
Simba: ”Andinasazela.”
Mluleki: ”Kutheni? ndixelele isizathu ke.”
Simba: ”Andizukwenza lento apha mna, uNomtha ulapha. Kungenzeka uyasiva kungoku.”
Mluleki: ”Yintanga yoJunior le Simba.”
Simba: ”Ndigqib'othini?!”
Mluleki: ”Suthetha kanjalo kum!”
Simba: ”Ndiyaxolisa okay. Just- khawubhekele kum undiphefumlela. Sawuthetha Mlu kodwa hayi apha,
hayi ngoku!”
Mluleki: ”This is f*cked up. Ndiyak'thanda uyayazi lonto, and ukuba wenza into endicinga ukuba ayiyo
ndizokuxelela. Lento izochaphazela abantu abaninzi kakhulu and kuzoba kubi kumntu wonke kuquka
noNomtha lo. Kuzobanzima ngakumbi kuye kuba wena uyindoda. Noba nguwe oqale lento uzawumelwa
wena ibengathi uthakathiwe okanye uhendiwe. Ijudgement nendzondo zibe kulomntu. Zilungisele oko.”
Simba: ”Ndiyayazi yonke lonto undixelela yona. Ayonto andingayicinganga yonke leyo kwaye
ndiyakuqinisekisa ukuba ndizoyilawula ngokukwam yonke lento.”
Mluleki: ”Usaqhubeka?”
Simba: ”Sendigqibile.”
Mluleki: ”Ayonto yangoku mos? Uzosinika ixesha sizame ukukuguqula ingqondo?”
Simba: ”Haha! Andikabi lapho okwangoku kodwa ndizosebenzela okokuba kude kufikele apho ndiqonda
futhi ndiqinisekile ukuba xa ndiwothula lombono okanye isicelo sizofika kumntu osamnkelayo.
Kusenzinyana okwangoku kwaye kukhangeleka okungathi ndizikhanda inyawo.”
Mluleki: ”Qhubeka uzikhande.”
Simba: ”Hahaha! Sawuthetha bru uyandilibazisa nyani.”
75
Mluleki: ”Nisafuna ukufaka izinto ezibhokisini?”
Simba: ”Kukho abantu abazondiqoqoshela yonke into endiyisebenzisayo iye eCenturion.”
Mluleki: ”Ithi lonto uzochitha ixesha elininzi khona?”
Simba: ”Ezi zilapha izinto Mlu. Ndinayo yonke into endiyidingayo eGreenstone. Ezi bezilapha ndifuna
zibe kuNomtha xa ndiphaya. Obviously ndizochitha ixesha khona kodwa elininzi ndizolichitha kwam kuba
ndithe kuNomtha andizukumfuxa.”
Mluleki: ”Ndizokuthandazisa kuphume lemimoya ikungenileyo. Khawume ndihambe ndiye kwam,
kumfazi wam endimthandayo.”
Simba: ”Fokof bru!”
Ndisukule emnyango ndayozipurisa izitya esinkini. Andiyazi bendizisukele ngaphi kwazona ndiyeke
ukuyongena ekamireni. Qha besekulate kuba kuvuleke ucango kwaphuma utat'uMluleki k'qala, uSimba
elandela emveni kwakhe.
Mluleki: ”Ndiyanishiya kwenu mna ngoku.”
Ndinqwale nje. Xa esithi kwenu inoba ebecinga ukuba uthetha ntoni kuba bekungekho kwam tu
kwaSimba. Bekungekho nto indidibanisa nezinto zikaSimba. Bendingafuni nto indidibanisa nazo.
Budlelwane? Heh!
Simba: ”Undibulisele kuUlato.”
Mluleki: ”Kunganjani ukuba uyozubulisela ngoku kwakho? Wagqibela nini ukuya kwam? Wagqibela nini
ukubona abazali bakho?”
Simba: ”Ungambulisi ke uNom- mxm maan u nto ... uUlatho.”
Mluleki: ”Yazi Nomtha andizange ndike ndikubuze isiduko sakho. Ungumamni?”
Ndinqhwanyazise amehlo.
Mluleki: ”Awusazi isiduku ukuba yontoni?”
Nomtha: ”Ndiyasazi sona kodwa andinaso mna. Phofu andiyazi noba ndinaso na, andizange ndimbuze
utatam.”
Mluleki: ”Ungubani ifani yakho? Mhlawumbi ndingaqikelela ngayo isiduko sakho.”
Nomtha: ”NdinguTongai.”
Uqinise imihlathi kancinci wakrwaqula uSimba ebendiqwalasele kwayena. Ebendijonge ngenye nje
indlela ebendingayiqondi. Okungathi uyandisikizela. Yintoni kengoku ngesi sibini?
Mluleki: ”Yho! Hayi andinoyazi.”
Nomtha: ”Inoba kukuba iyifani yaseZimbabwe.”
Mluleki: ”Oh! Awungo mXhosa kanti?”
Nomtha: ”Umama wayengumXhosa, utata nguye owaseZimbabwe.”
Mluleki: ”Ohhh yilento umnyama kangaka!”
76
Nomtha: ”Haha!”
Mluleki: ”Hayi kakubi kodwa, ungayiyo ne model ukuba ubuthanda. Ufane naba Lupita Nyong'o
bakhona.”
Ndiyihleke nje.
Mluleki: ”Ndiyaxolisa ngomama wakho ndiyeva ukuba uthetha ngaye njengomntu ongasekhoyo.”
Nomtha: ”Ndiyabulela. Kwakukudala kodwa ngoko.”
Mluleki: ”Kodwa inoba kusenzima nangoku, kodwa kubhetele xa usenotata.”
Ndiyihleke kancinci. Bendinqwenela ukuba bekunjalo.
Nomtha: ”Ngelishwa akusekho nalotata, basweleka kunye nomntakwethu nomama.”
Mluleki: ”Kwingozi yemoto?”
Nomtha: ”Badutyulwa. Ndicinga ukuba yayiyi hit. Ityala lakhona alihambeli ndawo kodwa, ndike ndiye
emapoliseni kodwa bayivalile kuba ayinankqubela. So I guess andizumfumana umntu owandibulalela
Ifemeli yam. Ndiyamnkele kodwa ngoku and ndiyamnkele ukuba ndindodwa ngoku.”
Simba: ”Awukho wedwa, ndikhona mna.”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa kodwa ubukho bakho abundigcobisi nakancinci. Sawuhamba ngoku? Ndifuna
ukucambalala kancinci.”
Simba: ”Hamb'ocambalala.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Ndigibisele ifayidukhwe ndancumela utat'uMluleki ngoncumo okungagqibelekanga ndahamba.
Mluleki: ”Usekunyeni!”
Simba: ”Wena!”
Mluleki: ”Ucing'b-”
Simba: ”Shhhhhh! Khawuhambe kwam!”
Ndiyongena ekamireni ndazijula ezingubeni ndilalala. Indlela bendikruquke ngayo ibingase ndife.
Bendidikwa yilento yokuba ndingayazi ukuba babhunga ntoni aba ngam. Andiyazi lento uSimba ebefuna
ukuyenza kum amnqanda kuyo ubhuti wakhe. Ibindidika yonke lento. Ngaphezulu koko bendifuqwa
nanguSimba ozixelela ukuba ndingathemba yena ukuba ngumntu endinombala ebantwini abasebomini
bam.
'Awukho wedwa, awukho wedwa.' Mxm!
Ndothuke ehleli kwisitulo esise caleni kwebhendi bendilele kuyo elesa. Andiyazi ibiyintoni into yabo
nebhayibhile nobhuti wakhe kuba bebenga hlambulukanga.
Simba: ”Ey.”
Nomtha: ”Ufunani apha?”
77
Ndibuze ndizolula ndaphethuka ndalala ngecala ndijonga kuwe.
Simba: ”Ubumane ukhala. Bendizok'vusa qha ndonqena ukuthethiswa.”
Ndijikelezise amehlo am. Mxm.
Simba: ”USylvester undixelela ukuba ubukhala nangoku ubugadwe nguye, qha ungulo ubungavuli cango
kengoku asiyazi noba ububanjwe zinarhmani na okanye ubhukhala nyani.”
Nomtha: ”Ubuso bakho ayonto yokuqala endifuna ukuyibona ndivuka.”
Simba: ”Uchildish kengoku.”
Nomtha: ”Mudhara!”
Simba: ”Udinga ispace uzovuka kakuhle ebuthongweni?”
Nomtha: ”Ndifuna undixelele ukuba nibhunga ntoni ngam nobhuti wakho kuba kucacile nithetha ngam.
Yintoni le ufuna ukundenza yona angayivumiyo ubhuti wakho?”
Simba: ”Ubumamele incoko eprivate phakathi kwam noMluleki?!”
Nomtha: ”Yinyaniso yantoni le izovela? Sisazela santoni esi ubenaso wakundibona? Uzondenza ntoni?!”
Ebethobe intloko yakhe ejonge ibhayibhile ngoku ndithethayo kodwa ebesendijongile ngoku. Intloko
ebengayinyusanga, ethathe ngokunyusa amehlo wandijamela.
Simba: ”Bendithetha noMluleki.”
Nomtha: ”Ndiyayazi ukuba ubuthetha nabani kwaye benithetha ngabani. Yintoni lenyaniso ebesithi
izovela.”
Simba: ”Nomtha awuzusabela eyiyo kuba uve imbijana apha naphaya, awuvanga incoko epheleleyo.
Akhonto ndizokwenza yona.”
Nomtha: ”Ndiziva okungathi undenza isbhanxa sakho. Ikhona into eniyihlelayo ngam. Okanye wena ke
kuba ubhuti wakho ebevakala ekunqanda.”
Simba: ”Nomtha ... ndithini? Ndinqwena ukuba ubunga mamelanga indaba zethu kuba ngoku sewusiva
izinto ngendlela yakho. Andinanjongo zokukulimaza, ndiyaphinda ndiyatsho nangoku-”
Nomtha: ”Ndixelele kaloku ukuba yintoni!”
Ugibisele ibhayibhile phezulu kwetafile kodwa yatyibilika yayokuwa phantsi. Mnkru! Ibibuthwele
ukunzima labhayibhile.
Simba: ”Singathetha ngalento ngelinye ixesha? Andinamandla wokulwa nawe namhlanje, Mike Tyson.
Ndilambile okokuqala, okwesibini ndidiniwe. Ingase ndizibone sendityile ndahlamba, ndisebhedini
ndilele. Lomlo ndicela siwumisele ungomso emveni kwemini.”
Ndimncinele nje amehlo ndaphethuka ndimzela ngomva. Ukuba ebengandi xeleli kulungile. Bendihleli
ndinga zumnyanzela ukuba andixelele kuba kucacile ukuba akafuni kuthetha ngayo. Ngulo ebethulisa
ubhuti wakhe esithi athobe ilizwi lakhe kuba kungenzeka ndive.
Ndive kunyakaza ibedi, isandla sakhe sandibamba indlebe. Undbambe intloko waphefumlela phezulu.
Simba: ”Awuzuvuka sibambe siyotya?”
78
Nomtha: ”Ndivumelekile?”
Undiyekile wasukuma ebhedini wabuya umva endijonga ebusweni ekhangeleka okungathi uyayicinga
lento afuna ukuyithetha. Okanye mhlawumbi ufuna indlela yokuyibeka. Ukekelise intloko yakhe
kwelinye icala.
Simba: ”Ndifuna sicacise into enye emveni koko ndiyakholwa ukuba asizuphinde sithethe ngalento
kwakhona. Right? Right. It's a free country Nomtha. Kuzofuneka ukuba uzikhethele ngoku ukuba ufuna
ukuqhubela ulalwa nguAyo ukufumana imali ogayiboniyo nokuba iphelelaphi then qhuba-”
Nomtha: ”Ndiyayibona mna ukuba iphelelaphi imali yam.”
Simba: ”Xelela mna. You bend over backwards kaninzi enyangeni, ndiqinisekile kodwa imali oyipeyayo
incinci. Ubusematyaleni erent noEfe, ngapha utyala uAyo ushiyeke nantoni? Nix! Zilch! Nada!
Indawo ubuhlala kuyo inerote ezingange ntloko yam. Amacango eziwela, iroof kufive to ukuba ikuwele
usalele. Listen, unabantu empilweni yakho aba uzixelele ukuba uzobalekela kubo ngoku. Bekutheni
bengaku ncedi? Huh? Ixesha eli lonke uAyo uzinika kuwe azingcwabe nzulu kuwe kanti unabo abantu
bokubalekela?”
Nomtha: ”Bebengazu ndinika umsebenzi.”
Simba: ”Kakade bebengazu kunika msebenzi, kodwa bebezawu kwenza inzame zokuba lomzuzu
ukhangelayo ubenephahla phantsi kwentloko yakho, ukhuseleke-”
Nomtha: ”Andiloxanduva labo!”
Simba: ”Kutheni uzoqala ngoku? Ndiyakuxelela ukuba uhlala ngendlu ngenxa yesimo esikuso ngoku,
osaziyo nawe kodwa ndiyayilungisa yonke lento. Ndiyayilungisa. Kuzothatha ixesha nomonde kodwa
ndizoqiniseka ukuba awube ujonga ngemva usoyika ukuba uEfe angathi gqi akuxhwile. Ndilungisa lonto.
Injongo zam zicacile kuwe, kulapho ke kuzofuneka kusebenze ifaith yakho apha. Undithembe noxa
kunzima. Ndiyayazi kuzoba nzima ukuba uxhomekeke kum okanye wamnkele uncedo kum kuba kudala
wayenza wedwa lento ekuthiwa bubomi. Ndiyayihlonipha lonto, andithathi nto kuwe ndingatsho futhi
ukuba uyivesile eqhekekayo ngoku kodwa ndithi kulungile ukuba uvumele abanye abantu bakuncede.
Kwakhona andithathi kuwe namandla wakho but ndifuna ukukunceda. Ngezizathu zam eziselfish
mhlawubi kodwa andizulala nawe kuba undihlawula. Sawulalana kuba iyinto ethandwa nefunwa
ngumzimba wakho. Nam andizukufixa ngesilalo ngenxa yokuba ndincedisana nawe kodwa kuba
ndakufuna ndiqala ukukubona. Akhonto utshintshileyo nanamhlanje. Kukhona kona, yonk'into
itshintshile. Ndikutyala ukhuseleko nephahla, nemfudumalo nothando. Ndikutyala usapho. Ndikutyala
ifinancial security. Ndikutyala ulonwabo nobutsha bakho. Ndizimisele ukukunika yonke lonto okanye
ndithi yonke endinokwazi nethengekayo ngemali. Okuninzi andisoze ndikwazi ukukubuyekeza Nomtha.
Kukhulu. Ndizokunakekela. Ndifuna nje ukuba uthobe idefences zakho kancinci uzivumele ukuba
uphefumle. Uve. Usinike ithuba mna naw-”
Nomtha: ”Simb-”
Simba: ”Nomtha, no pressure. Uyayazi ukuba ndiziva kanjani mna ngawe. Kungaphandle kwayo yonke
into eyehle netyhileke emveni koko. Uyayazi ideja vu? Uzive okungathi wehlelwa yinto owawuyibonile.
Awuyazi noba liphupho okanye yenzeka nyani na kuba awusaboni nomahluko. Ndizive njalo ukujongana
nawe ngamehlo. Ingathi sasike sajamelana ngolahlobo ngaphambili. Ndiyasiqonda isizathu ngoku kodwa
phaya ndandinga siqondi. Andiyithandi la club. Andiyikhathalelanga kangako kodwa ndiye phaya
ngesizathu ngalamini. Bekufanelekile ukuba ndijongane nempazamo zam, ndizolungisa. Ndenze kakuhle
79
ngakuwe. Nangona ndiphambana nje ndiyavuya ukuba usenaso ispark emehlweni akho, ndiyavuya
ukuba usefeisty.”
Ndimjongile ndaqhwanyazisa amehlo.
Nomtha: ”Ikhona into oyitshayayo?”
Uke wathula ixesha elide endijonge ngobuso obubonisa ukubhideka. Ebengalindelanga ukuba ndimbuzo
lombuzo bendimbuza wona, ndiyacinga. Emveni kwalamdwabo wakhe kodwa bekunyanzelekile
ndimbuze.
Simba: ”Huh? Intoni?”
Nomtha: ”Ndiyabuza ikhona na into oyitshayayo okanye ndim lo? Kuba endaweni yokuba ndicacelwe
ndisuke ndabhideka yiyo yonke lento uyithethayo ye deja vu nantoni. Andinaye noten mna andizuzazi
ezizinto uthetha ngazo.”
Simba: ”Andikholwa ukuba uyaqhula wena ngoku ndiserious kangaka.”
Nomtha: ”Ngaphandle kokudlala andikuva nyani.”
Simba: ”Ndiyadwaba.”
Nomtha: ”Uyadwaba.”
Simba: ”Ndiyayiqonda. Ndicinga ukuba ndiyafuna ukukuxelela ndingafuni. Bendithemba ukuba uzoba
kodwa ikweqile yonke lento ndiyithethileyo.”
Nomtha: ”Okanye ubuthemba ukuba ndingayiva.”
Simba: ”Kungenzeka. So uyavuma ukuya eCenturion?”
Ndiphefumlile ndanqwala. Bendizonda into yokuba besendibona ngalendlela andizobele ngayo ngoku.
Ukuba ndinga nabahlobo kodwa ekugqibeleni ndindodwa. Abayazi nokuba ndilala noAyodeji mihla le
ukuba anyuse icontract yam. Bekulixesha elincinci nje ngaphambili kokuba adikwe ndim. Nam ndafika
bekhona abanye, bahamba ngoku ndikhoyo nabanye ngaphambili. Wabona impundu ezintsha nezifresh
waqonda 'Jackpot' bendivuya ukuba ubuntombi bam ndabunika umntu ndandimthanda. Bendiziva
okungathi walibala ndim kodwa kuba kulaminyaka yokuqala, akazange azame ukuxhumana nam.
Engafumaneki kum efounini nangeleta. Ndandithumela ndithumele iletters. Kufana noKing. Ebendidikile
ukumgqibela kwam kuba ndingulo besendimkhalala kodwa bendimcinga. Ndikhumbula ukuvuka naye
ekuseni. Ecaleni kwakhe okanye ezingalweni zakhe. Amaphupha akhe ebendiculela ngawo busuku
nemini. Ebendilungele kodwa ebengazilungelanga yena. Ebendilungele kodwa ebeke andilungele.
Bendimthanda, ndimkhathalele. Ngaphezulu koko bendikhathazekile ngaye. Kube kanti uright.
Siyotya iburger nesmoothie eKuaia. Besingancokoli ke sijonge abantu bebehleka kumnandi kubo.
Ibingekho into besingancokola ngayo noSimba. Bendimmamela ndimthambela ngamanye amaxesha
kodwa ndiphinde ndicinge ukuba andikho kuBeauty and the beast apha. Ndisemhlabeni. Lendoda
ingandithembisa izulu nomhlaba kuba nayo ifuna ukuzuza into okwangoku. Mna bendifuna ukuba kuthi
kufika ixesha elinjalo ndibe sendizuze yonke into bendiyifuna. Ndithi ndiphuma kuye ndibe
ndingaphindeli kumagoxo-goxo eflats zaseHillbrow.
Bendinomsindo kancinci phofu. Ukuba kudala ndazicubhela apha ebomini ngoku sendidinga umntu
onepincilili ecaleni kwam ukuze ndikhululeke ngokupheleleyo. Ndiyazi ukuba noba ndingaduka kukho
umntu onamandla ongatabalaza andifumane.
80
Ngamanye amaxesha wenza into, hayi ngokuba uvuke ekuseni wathatha esosigqibo kodwa kuba
kuzokunceda ukuba uyenze.
Simba: ”So emveni kokuba uswelekelwe ngabazali uyohlala phi?”
Nomtha: ”Kutete wam. Kodwa nabo bandisa ehome. Bebengenayo indawo yam ebomini babo, bezoba
nomntwana ongowabo. Abanye odabawo zange balinge nokulinga. Emveni kokuva ukuba uSamora
akanayo nepeni egameni lakhe bamnka. ”
Simba: ”Wayesemetyaleni uSam? uSamora.”
Utsho ezilungisa wathintha umqala wakhe.
Nomtha: ”Watsho okungathi ubumazi. Yonke into anayo yatyiwa. Umzi, imoto. Akashiya kwanto
mntwini.”
Simba: ”Ngokumazi kwakho wena angayenza lonto? Anishiye niphaca?”
Nomtha: ”Ukuba wayesengxakini engenayo enye indlela andinomgxeka kakhulu. Kodwa ndiyayazi
ukuba utatam ebengasoze angandishiyi nanto.”
Simba: ”Okanye ebezazi ukuba ubole kanjani ngamatyala wayifihla endaweni ethile for wena. Azange
akushiyele letter? Nto?”
Nomtha: ”Utatam wayengeso sgelekeqe Simba. Ebengasoze acinge ukuba makafihle imali endaweni.”
Simba: ”Sifuna ukucinga lonto sonke ngabantu . Kodwa akuhlali kunjalo. Umntu unelayers Nomtha,
ubayilento eniyifunayo neniyidingayo. Ndifunde lonto mna kule business yasendlini. Awukwazi ukuba
yinto enye. Njengam kwifamily yam, nawe ngoku. Nidinga umntu enizoxhomekeka kuye, nithembele
kuye anikhusele. Yilonto utata wenu ebeyiyo kuni kuba anilotshaba nina. Kodwa kutshaba ndiba
lirhamba, ndombathe isikhumba sakhona ndirhubuluze phantsi ukuba kuyadingeka. Noba andinatyhefu,
andifuni intshaba zam zisondele ngokwaneleyo ukubona ukuba andinabungozi. Utatakho ebengutatakho
kuwe kodwa awunozazi zonke indlela zakhe. Ndithi mna uhleli phezulu kwemali, ukuba ungaserious
ekuqiqeni mhlawumbi ungayifumana. Sitsho sibe zizityebi.”
Nomtha: ”Wena nabani?”
Simba: ”Mna nawe tyhini.”
Ndizinikinele intloko ndaphindela ekutyeni kwam kwakhona.
Nomtha: ”Umntwana wam wokuqala uzoba nguSamora.”
Simba: ”Ndifile! Andina mntwana ozoba nguSamora mna. ”
Hayibo nqandani!
Nomtha: ”Andizuba namntwana nawe mna!”
Simba: ”Oh?”
Utsho okungathi uyothuka nyani. Manyani nyani ebesothuka ukuba andizuba namntwana naye.
Simba: ”Uzoba nomntwana nabani ke?”
Nomtha: ”Nabantu bam.”
81
Simba: ”Mhhhh.”
Nomtha: ”Andimthandi umhhhh wakho. Kuzofuneka ndiyohlaba, ndifake iloop, nditye ipilisi
ndisebenzise nesikhuseli. Noba andilali nawe. Andikhuselekanga nje ukuba segumbini nawe!”
Simba: ”Sijongise ngabantu.”
Nomtha: ”Ngubani onexesha.”
Simba: ”Akakho. UMonti makazosilanda. Uyonqena ukuhamba?”
Nomtha: ”Kutheni ubuza? Ufuna sihambe ngenyawo?”
Simba: ”Ewe kancinci. Ndizomxelela ukuba uzosifumana phi uMonti, ikhona indawo endifuna ukubonisa
yona.”
Siphumile sahamba ke. Besingahambanga umgama omde ndacinga ukuba bendiphethe ipaperbag ene
underwears kunye nephone entsha. USimba ebephume nazo ngempazamo emotweni. Ndithe abe esithi
chu ndizobaleka ndimfumane kuba ebesithi istraight indlela.
Ndiphindele ndayifumana bendibekele ndabulela. Ndiyophuma ndagilana nenye intombi ibingena
netshomi zayo. Kuyowa iphone yakhe nalepaper bag yam. Ndothukile okomzuzwana ndabe sendixolisa
ndimcholela iphone yakhe.
”Thank you, I'm so sorry. Bendijonge iphone yam!”
Ndinqwale nje ndihlohla kakuhle izinto zam ndaphuma. Ndikhawulezile ukuhamba ngalendlela
besihamba ngayo ndajika apho besijike khona. Bendizojika kweyesibini ikona ndihambe straight
kulandela besikuyo ukubheka kwam ndabona imoto. Isuke kanye ngoku bendiphuma yathi chuu emveni
kwam. Bendinamanwele. Into awandixelela yona utata newayesokolo eyigxininisa kukuba ndimamele
umzimba wam. Ukuba uyandilumnkisa ndilumnke nyani. Noba abukho ubungozi kodwa kubhetele ukuba
safe than sorry. Zonke inwele emzimbeni wam bezithe phatsha. Ndinamanwele nje. Ndinyuse isantya
ndiyibheka kancinci yabe inyusa esayo. Hayi ke ndaqhawula. Into bendiyithanda ngomzimba wam
kukuba ubundivumela. Nemilenze yam emide ndithi 'one!' Two!'
Ibiseyibaleka nayo kengoku qha yaxingiswa yenye ibibuya umva. Ndibheke kuthaka omnye emotweni
ndakhala ndibaleka ngakumbi. Ibisisigantsontso esifana nesi sisebenza naso eclubbini. Ndizive
sendiphelelwa ngumoya, inyawo zam sezilenga lenga emoyeni ndangeniswa emotweni yabaleka
ngesantya esikhulu. Bendimangele ukuba ndisayiphethe lepaper bag. Ndivele ndakhala ndisazama
ukukhokha umoya.
”Balahle Monti.”
Monti: ”Yes boss. Address?”
”Jikeleza kancinci usise eCenturion. Ufounele uSylvester as soon as you can. Umxelele aze kum
namhlanje. Afounele noMluleki.”
Monti: ”Yes boss.”
Simba: ”Bloody Foreigners! Damnit! Nguban- Monti ibingubani ebeyi shadow?”
Monti: ”Killer boss.”
Simba: ”Yeses!”
82
Monti: ”Ndizoba namazwi naye.”
Simba: ”Ndizothetha naye ngok'kwam. Jikeleza ulahle umkhondo usise endlini. UNomtha Akakho right.
Ndibize uMkhuseli?”
Ndinikine intloko. Ibingathi kuzobuya konke ukutya bendikutyile. Bendingekho right tuuu. Kwenzekeni?!
Kwenzekeni?!
83
NINE
Ndingene nje ndangqala etoilet ndiphalaza yonke into bendiyityile. Ndithobe phaya ethobhini
ndisakhonyuluka ndikhala nokukhala. Umzimba wam wonke ubungcangcazela. Kungene uSimba
wandinika amanzi asembombozini. Ebendivulele isiciko.
Simba: ”Sela.”
Nomtha: ”Waita zvako.” ndiyabulela.
Simba: ”Ndibize uMkhuseli akuphathele into ezokunceda ulale. Ndiyaxolisa, ngendinga kuyekanga
uhambe uwedwa.”
Nomtha: ”Bekukangaka bandibambe. Andiyazi noba ndiwathathephi amandla okubaleka ... baphantse
bandithatha.”
Uthobile wachopha ecaleni kwam wandiwolela esifubeni sakhe endiphulula umqolo kuba bendikhala.
Simba: ”Shhhhh ... abakuthathanga. Ukhuselekile, abasoze bakufumane.”
Nomtha: ”Bazondilalela. Bazondifumana.”
Simba: ”Ayisoze yenzeke lonto princess. Hayi ndiphila, abasoze bakufumane. Ndizobenza bazisole
nokuba bekuleqela ntoni.”
Nomtha: ”Ndizozifihla kude kubenini? Ndizohlala ndijonge ngemva kude kube nini?”
Simba: ”Nomtha, ndizoyilungisa yonke lento.”
Nomtha: ”Ndiyoyika.”
Simba: ”Ndiyayazi. Ndiyayiqonda futhi. Ukhuseleke kodwa apha. Abasoze basondele tu apha. Nokuba
bayasondela abasoze balenze ixesha.”
Nomtha: ”Uqinisekile abasoze bandifumane?"
Simba: ”Ndiqinisekile. Abasoze bangene apha.”
Nomtha: ”Ndiyoyika.”
Simba: ”It's okay. It's okay. Awufuni ndikuvulele amanzi?”
Ndiphefumele phezulu.
Nomtha: ”Ja.”
Simba: ”Yiza ndikuncede usukume.”
Nomtha: ”Ndizozihlamba. Ndifuna ukuba ndodwa kancinci.”
Simba: ”Bendizokuvulela amanzi qha. Ndilindele abantu.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Awufuni nto yokuphunga?”
Nomtha: ”Ha.a ndiyabulela.”
84
Undivulele amanzi wandishiya. Ndisale ndihlamba ndake ndahlala emanzini ndivale amehlo. Bendimva
ngoku athethayo- phofu ebeshoutisa kwelinye icala.
Ndihleli amanzi ade abanda ceke, nangoko andiphumanga. Bendingenawo amandla okusukuma.
Bendichubhukile. Ibingase ndikhale kakhulu. Ndizile. Ndizilele inkululeko yam. Ibingathi ayibo bomi bam
obu bendibuphila. Ibingathi bobomnye umntu nje.
Kunqonqoziwe emnyamgo ndawujonga nje andathetha. Livuleke kancinci kwangena uSimba.
Simba: ”Unehours ulapha.”
Eboyame ngocango endijongile. Ndimjonge nje ndimqala ngezantsi ndinyuka naye.
Uze ngakum wachophe kwitub enkxuza isandla sakhe emanzini.
Simba: ”Abanda ceke lamanzi, ufuna i pneumonia?”
Cwaka. Uphefumlile wandijonga ebusweni. Ebenamehlo amancinci amnyama. Ebeba mancinci ngakumbi
xa ewancina.
Nomtha: ”Ndifuna ubomi bam.”
Akandiphendulanga.
Nomtha: ”Andizukwazi ukuphila kanje mna. Kubhetele ndizise kubo aba bantu. Agqibe ngam
ndiphelelwe lixhala. Andikwazi ukuphila kanje, andikwazi. Ndifuna ubomi bam."
Simba: ”Uzobufumana ubomi bakho. Ndiyayazi kunzima Precious kodwa kuzofuneka ukuba womelele.”
Nomtha: ”Andifuni komelela, andifuni. Ndifuna ubomi bam mna. Ndifuna yonke lenarhmani iphele.”
Simba: ”Izophela.”
Nomtha: ”Nini?”
Simba: ”Andiyazi ukuba nini kodwa izophela yona. Nomtha ndizamana nokuyikungisa yonke lento-”
Nomtha: ”Ngesasantya wenze ngaso ukuba kube nje ndicela uyilungise ngaso.”
Simba: ”Ayisebenzi kanjalo.”
Nomtha: ”Ndizovaleleka apha ubomi bm bonke, ndizominxeka! Ukujamelana nalamagumbi, ndingaboni
bantu! Bubomi obo?! Andiphangeli, andifundi. Ndenza ntoni?!”
Simba: ”Uzofunda ukuba uyakufuna ukufunda. Uzotsho ufumane umsebenzi obhetelana kunalowa
wakho xa ufundile. Kungadingeki ukuba uzitwezele ndoda ongakholwanga yiyo.”
Nomtha: ”Umzuzwana nje. Ndidibana nawe umzuzwana kodwa sewukwaze ukuhlanga-hlanganisa
ubomi bam ngoluhlobo. Usekhona omnye umonakalo osezowenza?”
Simba: ”Phuma kulamanzi ungangenwa yingqele.”
Nomtha: ”Ndifuna ukungenwa yingqele ndife.”
Simba: ”Awuzufa.”
Nomtha: ”Ndifuna ukufa!”
85
Simba: ”We don't always get what we want.”
Nomtha: ”Ndasinda ukubulawa nabantu basekhaya ukuba ndizotrafeka okuhlobo! Ngendinga hambanga
ndafa nabo mna.”
Simba: ”Nomtha sukuthetha kanjalo. Ungaphinde uthethe kanjalo. Ukuba bekufanele uba udutyulwe
ngewawudutyuliwe. Ungak'linge uthethe kanjalo. Yonke into izolunga. Kunganga khangeleki njalo ngoku
kodwa uzobona kuzolunga. Sukunikezela ngoku, usuka kude kangaka.”
”Boss.”
Simba: ”Nank'uKiller.”
Monti: ”Nank'uKiller ukhona.”
Simba: ”Mseni eflattini Monti, uphi uSylvester?”
Monti: ”Ukhona uthetha noMlu.”
Simba: ”Hambani nobathathu ndiyeza.”
Monti: ”Sure boss.”
Nomtha: ”Hamba, yiya kuye.”
Simba: ”Ndilinde uMkhuseli uzoshiyeka naye de ndibuye kuba noMluleki uzohamba nathi.”
Nomtha: ”Andidingi baby sitter.”
Simba: ”Uyidinga, ungayidinga. Uyifuna, ungayifuni uzoshiyeka nayo. Andizukushiya wedwa ushukuxeke
oluhlobo. Uphume kulamanzi!”
Usukumile wayophuma. Ebehamba ngenyawo phantsi enganxibanga zihlangu. Ndiphumile ndazomisa
ndacoca ibathtub.
Ndithambisile ndayonxiba impahla zokulala negown ndachopha phezulu kwebhedi. Ebenyanisile
ngokuthi bendishukuxelile. Bendishukuxele ngamandla. Izandla zam oko bezingcangcazela, bendiphaku-
phaku. Bendifane ndiziqinisa ndisithi ukuba bebendithathile kodwa bendisoyika. Ndivale icurtains
ndacima isibane ndilayita iside lamps. Kudimishile.
Kuhle, bendingazu bonwa mntu.
Andiyazi ndihleli ixesha elingakanani ndijamile phaya. Bekuncokolwa kwelinye icala, ndisiva amazwi nje
kuphela. Ndingeva ukuba bathetha bathini.
Kuvuleke ucango kunganqonqozwanga wazigibisela ngaphakathi uSimba waxinga ebheka-bheka.
Simba: ”Sitshile isibane?”
Nomtha: ”Asitshanga.”
Simba: ”Intonayo?”
Nomtha: ”Sikhanyisa kakhulu. Ingathi ndiyabonakala ngaphandle.”
86
Uncine amehlo.
Simba: ”Ndiyakuqinisekisa, akubonakali nto.”
Nomtha: ”Ndiyakuxelela kuyabonakala.”
Simba: ”Alright. Ukuba ufuna kube mnyama kanje ukuze uzive ubhetele akukho ngxaki.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”UMluleki ukuphathele imash and gravy kaUlatho. Ndimxelele ukuba uyayithanda wakuphakela
yona.”
Nomtha: ”Batya imash negravy qho kulamzi kanti?”
Uyihleke kancinci.
Simba: ”Benzela umntwana wabo.”
Nomtha: ”Sendithe nqa.”
Usondele kum wandibamba isandla wasiphuza ngaphakathi.
Simba: ”Uyangcangcazela.”
Nomtha: ”Ndiright.”
Simba: ”Sukwenza lonto nam, akukho sidingo sokuba uziqinise kum. Ndiyayazi wothukile and kuzothatha
ixesha ngaphambili kokuba uberight. Masambe uyotya ukutya kwakho.”
Nomtha: ”Ndonqena ababantu baphaya.”
Simba: ”Abazukwenza nto, subonqena. Ulambile?”
Nomtha: ”Kakhulu.”
Simba: ”Masambe ke uyotya.”
Ndinxibe islippers ndalandela emveni kwakhe.
Bekukho uMluleli, uMkhuseli kunye nomnye ubhuti bendingamazi. Ebengengo Monti qha.
Simba: ”Kutheni ushiyekile wena Sylvester?”
Ohhh ibinguye lo uSylvester! Ebemde enxiba ihempe egqamileyo noshoti obeige. Ebenenwele eziblonde.
Ebengeyiyo tu lento bendiyilindele kwaye ebenganxibanga ngoluhlobo bendilindele ukuba anxibe ngalo.
Sylvester: ”Bendiba uzofuna ndishiyeke apha.”
Simba: ”Ndim umntu ozoshiyeka apha, hamba kuMonti. Ubhuti uzoza azothetha naye ngoku kwakhe
uKiller.”
Mluleki: ”Wena?”
Simba: ”Andizukwazi ukushiya uNomtha yedwa, uyandidinga.”
Undikrwaqule uMlu waphinde wajonga kuSimba.
Mluleki: ”Sawukwenza ugaan and treg. Asizuhlala xesha lingako, uMkhuseli nanku.”
87
Simba: ”Ndiyashiyeka.”
Mluleki: ”Andikukholwa.”
Simba: ”Awukholwa ntoni? Ukuba uNomtha wothukile kuba ephantse waxhwilwa wayokwenziwa God
knows what, God knows where! And I'm prioritizing her kuba uyandidinga ngaphezulu kokuba kudingeka
ukuba ndiye kuKiller?!”
Mluleki: ”UKiller compromised uNomtha. Bekumele ukuba uvule amehlo akaqhwanyaza
nokuqhwanyaza kodwa akabonakalanga kwa eleqwa ngabantu bakaEfe uNomtha. Kungenzeka ukuba
ngumngcatshi.”
Simba: ”Mbulale kaloku ukuba ucinga njalo.”
Mluleki: ”Masambe Sylvester.”
Simba: ”Ndiyabulela.”
Mluleki: ”Nomtha, ndiyaxolisa ngento ephantse ukwehlela namhlanje.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”Nizawundazisa ukuba nihambe njani.”
Mluleki: ”Sawukwazisa ukuba sihambe njani ntoni?”
Simba: ”Nimncine.”
Mluleki: ”Inoba ucinga ukuba ndiphethwe nguwe wena. Goodnight Nomtha.”
Nomtha: ”Goodnight.”
Baphumile bavala ucango. Undikhuphele le mash and gravy seyifudumele kakuhle wandinika yona.
Simba: ”Uzohamba nini wena?”
Mkhuseli: ”Ndilinde uNomtha ndizomhlaba le injection.”
Simba: ”Mhlabe uzohamba.”
Mkhuseli: ”Njengoba esatya?”
Simba: ”Mhlabe Mkhuseli, uzoma umzuzwana ngokutya.”
Ukhuphe izinto zakhe wandosula ngewipe wandihlaba.
Mkhuseli: ”Izokulalisa.”
Ndinqwalile.
Mkhuseli: ”Nizombulala nyani uKiller?”
Simba: ”Ndiphi mna?”
Mkhuseli: ”Ndiyabuza.”
Simba: ”Nam ndiyabuza ukuba ndiphi na mna Doctor. Ndilapha endlini nawe. Founela uMluleki
umbuze.”
88
Mkhuseli: ”Mxm! Ufuna ube undiphoxisa ngoMluleki.”
Simba: ”Wawuthe awufuni nto ekudibanisayo. Yiba ngugqirha ke uphume ezintweni ezingadibenanga
nawe.”
Mkhuseli: ”Oh xa kufuneka ndizonithunga apha ndiyangena ezintweni ezingadibenanga nam k-”
Simba: ”Udinga intombi wena, lento uyenza nam ngoku uyoyenza naye. Andinaxesha lalonto mna
ngoku. Kunabantu abafuna uNomtha nam so ndizomosha amandla am kulonto pretty boy.”
Mkhuseli: ”Yintoni le uzifake kuyo kulegame?”
Simba: ”Futsekh ezintweni zam. Uhambe uye kwakho.”
Mkhuseli: ”Aniphekanga?”
Simba: ”Ngeliphi ixesha?”
Mkhuseli: ”Ndilambile.”
Simba: ”Hamb'otya eGreenstown. Andithi uqhele ukutya khona.”
Mkhuseli: ”Ndizobe ndibuzwa wena ingxaki.”
Simba: ”Uzobe ubuzwa ukuba nditheni mna? Bayayazi bendithe ndizoya ngomso kuba ndine date
nabantwana.”
Mkhuseli: ”Uya xa unedate nabantwana qha?”
Simba: ”Ndiyaya eGreenstone. Andiyazi kutheni wonke umntu ecinga ukuba unegunya nelungelo
lokwazi ngokuphuma nokungena kwam emzini wam!”
Mkhuseli: ”Ingxaki ndiyayazi ukuba awudli ngokunqabelana kangaka nabantwana bakho. Kutshintshile
ngoku- kugqithe intsuku ungatyanga nabo idinara nesophoro. Bayakubuza qho, ngakumbi Malkia.”
Simba: ”Ndathetha nabo abantwana ndabaxelela imeko ukuba injani ngoku. Bayayazi. Bayayazi futhi
ukuba ndiyeka nantoni na xa bendidinga. Qha akuzufana nakuqala ngoku ngenxa yemeko but ndiyaya
eGreenstone ndilale nokulala. Ewe bazondikhumbula kakade kuba baqhele ukuba ndibekho 24/7.
Akusenzeki ngoku.”
Mkhuseli: ”UJunior ithini into yakhe?”
Simba: ”Undiyeke ngoJunior.”
Mkhuseli: ”Bhuti! Ngumntwana wakho lowa. Noba uyintlobo enjani yemess kodwa ngumntwana wakho
kwaye uzohlala ekudinga.”
Simba: ”UJunior akalufuni uncedo Mkhuseli. Andiyazi noba kufuneka ndenze njani ngoku yilonto
ndincama kuba akhonto singayizamanga nomamakhe ukumnceda ngengxaki yakhe. Kodwa usithembisa
ukutshintsha simvulele ikhaya labantwana bethu azosibela! Anyamalale. Akasabonakali nakulaHillbrow
ngoku. Andiyazi ube ilaptops wayotshona kweliphi.”
Mkhuseli: ”Ube ilaptops?!”
Simba: ”Utsho umamakhe. Uthi wayeye eyombona, caba bayabonana xa ndingekho mna ndifihlelwe-”
Mkhuseli: ”Omama ngabantwana babo.”
89
Simba: ”Wabela uMalkia noNura ilaptops.”
Mkhuseli: ”Funa ababantu bakho bamkhangele bamfumane ayofakwa ekhabalaza erehab!”
Simba: ”Ndingakunika inumber zawo wonke umntu onganceda Mkhuseli uyenze yonke lonto ngoku
kwakho. NoMluleki angakuncedisa naye kuba bendigqibele efuna. Mna ndi out. Ndizame konke
andisafuni kuzama.”
Mkhuseli: ”Ilaptop zibaluleke ukogqitha umntwana wakho?”
Simba: ”You're being stupid.”
Mkhuseli: ”Andiqondi ingxaki yam. Ufika njani, nini kwisigqibo sokuba unikezele ngegazi lakho? Yinto
enifundisana ngayo notata noMluleki kule business yenu? Ukuba umntu uyancanywa? Ukuba uyawabala
amathuba. Kumnandi nilala nityile ezibhedini ezinkulu, ezintofo ntofo umntwana wenu usesithubeni!
Nilala kanjani?”
Simba: ”Mna ndilala kakuhle nje. Kuba akhonto ndingazange ndiyenze njengotata kuba eluxanduva
lwam lamfana, waziswa ndim emhlabeni. Ndimpha uthando, ndingaphoswa nayenye into efuna umzali.
Ndiphuma naye njengabanye abantwana sijongane kanje emehlweni ihours. Ndamonyula kwizinto
ezininzi ngenxa yobutywala. Si'apoilt brat esinxila nje kuba kumnandi uJunior!”
Mkhuseli: ”Undiphe icontacts ezi. Ndizomfumana ndimfumane mna.”
Simba: ”Good for you.”
Mkhuseli: ”Ndizotya eGreenstone.”
Simba: ”Indoda endala ihamba isitya kulemizi okungathi abazali bakho azange bakufundise ukupheka.”
Mkhuseli: ”Akumnandanga ukutya kwam.”
Simba: ”Ncncnc ...”
Mkhuseli: ”Uziva njani Nomtha?”
Nomtha: ”Ndiright enkosi.”
Mkhuseli: ”Uberight. Goodnightini.”
Simba: ”Ndizoy'thumela imali yakho.”
Mkhuseli: ”Ungayithumela ngoku ndiyofumana into yokutya.”
Simba: ”Hamba eGreenstone.”
Mkhuseli: ”Oh undithumela eGreenstone ngoku?”
Simba: ”Hamba.”
Bajongene ixesha elide banqwala bobabini. Usondele kubhuti wakhe uMkhuseli wamanga ithuba elide.
Simba: ”Ndiyak'canywa.”
Mkhuseli: ”Ndiyak'thanda nam grootman.”
90
Umkhulule wayothatha izinto zakhe wayophuma ngomnyango engaphindanga wathetha. Ujonge
umnyango nangoku sephumile. Ndithinte umqala ndimothusa, wajonga kum. Uphefumlile.
Simba: ”Uyibonile le enye ikamire injani?”
Nomtha: ”Uzolala esofeni.”
Simba: ”Besendibuza ukuba uyibonile na.”
Nomtha: ”Oh okay. Uzolala esofeni.”
Simba: ”Akukho ngxaki. Uzotya imash yodwa kengoku? Kuba xa kutyiwa enye into uyahlutha.”
Nomtha: ”Bendityile eKuaia.”
Simba: ”Oh sendilibele. Khawume ndiyohlamba nam, ndizolala. Uzoba right wedwa?”
Nomtha: ”Ndisharp.”
Undibambe igxalaba wahamba wayongena ekamireni. Bekukhangeleka ndithathe imain bathroom mna.
Ndigqibezele ukutya kwam. Kukhale iphone yakhe ndayijonga nje yade yathula. Iqale apho ibiyeke khona
yathula kwakhona. Yenze lonto amatyeli amaninzi ndancama ndayithatha ndaya nayo ebathroom.
Nomtha: ”Simba!”
Simba: ”Huh?”
Nomtha: ”Phone!”
Simba: ”Yiphendule.”
Nomtha: ”Andizu phendula phone yakho mna.”
Simba: ”Yisapha, ngubani?”
Nomtha: ”Ngu ... Queen.”
Simba: ”Ndicela uyizise apha ngumntwanam.”
Ndingenile wabe ezimisa ekhangeleka okungathi uphuma ngalomzuzu emanzini kuba usemanzi.
Ndilahlisile.
Simba: ”Loudspeaker. Sweetheart?”
”Daddy ndiseBraamfontein. Ndicela undilande abanye abafan-”
Simba: ”GPS. Location. Ndiyeza!”
Malkia: ”Ndiyaxolisa.”
Simba: ”Akukho security guard somewhere?”
Malkia: ”Sikhona.”
Simba: ”Hamba kuso umxelele ukuba ulinde utatakho. Honestly Malkia!”
Malkia: ”Askies.”
91
Uthathe iphone kum wandishiya apho wayophuma ngomnyango wekamire. Ndiphindele ekhitshini
ndachopha kulandawo bendichophe kuyo. Bendisoyika ekamireni. Ingathi kuzovele kuthi gqi umntu
ngaphaya kwecurtains okanye kwiqardrobe. Uphume enxibe umzantsi wetracksuit nerunning shoes.
Simba: ”Masambe.”
Nomtha: ”Nam?”
Simba: ”Andizukushiya wedwa apha. Uright ngoku unje ungatshintshi. Awuzuphuma emotweni.”
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Nomtha andizukushiya wedwa apha usoyika nesithunzi sakho.”
Ndisukumile ndaphuma kuqala. Ndikhwele ngemva. Bendisenzela ukuba umntwana wakhe ahlale
ngaphambili.
Simba: ”Seatbelt!”
Ndothuke ebuthongweni sembhakraza ucango wakhoya eyotshona. Ndithe phatsha ndaphunguza
ndikhangela into endingayaziyo. Uphinde wangena kwabe sekusiza amantombazana amabini enxibe
izigcebhezana zelokhwe nenwele ezibetha entla kwempundu.
Omnye uzohlala ecaleni kwam ngemva, omnye wahlala ngaphambili. Ungene nje waqhuba uSimba.
”Hi.”
Kutsho lo ebehleli ecaleni kwam. Ebenuka phuqu butywala.
Nomtha: ”Hello.”
Ibingenguye uMalkia kuba ayililo eli bendiliva efounini.
Ubhekile yena encina amehlo.
Malkia: ”Hi! Ndithi udaddy uhamba yedwa. Who's this?”
Ubuze utatakhe.
Simba: ”Sundiqhela Malkia. Ukoma Braamfontein ngalamaxesha obusuku uhamba ngaze! Unxilile!
Usakwazi ukuthetha still.”
Malkia: ”Oh askies ndithule. I'm quiet. Shhhhh Mbasa.”
Baphelile yintsini netshomi yakhe. Xa bezama ukuzibamba baphele ngakumbi. Ndincume kancici.
Malkia: ”Askies, askies! Ndifounele uMalik ke sana qha ikuvoicemail iphone yakhe. Hi, ndingu Malkia
mna. Ungu?”
Simba: ”Kia.”
Malkia: ”Oh kanene shhhhhh. Uyasigodusa?”
Simba: ”Ewe ndiyakugodusa.”
Malkia: ”Who's this?”
92
Simba: ”Sela amanzi uthule. Andikholwa ukuba uirresponsibe kangaka Malkia! Uyintoni eBraam
ngalamaxesha. Ufuna ukudlwengulwa ubulawe? Yintoni yakho elapha?!”
Malkia: ”Ayonto.”
Simba: ”Kokokugqibela ndikulanda esithube ngobusuku. Kokokuqala kokokugqibela. Ndiphinde
ndifumane icall yakho ezinzulwini zobusuku! Uphi umamakho?”
Malkia: ”Ukhona.”
Simba: ”Uthe uyaphi kuye?”
Malkia: ”EBraam.”
Simba: ”Ufounele wamxelela ukuba kukho abafana bebenithatha ngenkani?”
Malkia: ”Ndimxelelanga, ndicinge wena.”
Uthule wamkrwaqula. Umncumele uMalkia naye wancuma kancinci.
Malkia: ”Love you.”
Simba: ”Sela amanzi ngaphambili kokuba utipe. I love you too.”
Malkia: ”Bendikukhumbula.”
Simba: ”Ndizoza ngomso.”
Malkia: ”Awuzulala endlini then?”
Simba: ”Andizulala endlini.”
Unqwalile.
Malkia: ”Siyak'khumbula endlini. Nguye lomntu athi umama uhlala naye lo?”
Simba: ”Nguye, and andihlali naye. Ndihlala endlini.”
Malkia: ”Kweyiphi indlu?”
Simba: ”Malkia!”
Malkia: ”Awuhlali endlini. Uhlala phi? So that umntu xa ekufuna azokubona.”
Simba: ”Anytime xa undifuna uzondifumana. Ndifounele nje wena awusoze ungandifumani.”
Malkia: ”Umama yena?”
Simba: ”Stay out of it.”
Undikrwaqule wajonga phambili. Siyomisa ngaphandle wavula ucango lwemoto wayoncedisa uMalkia
ukuphuma bayongena eyadini. Ndiphefumlile ndakushiyeka ndodwa. Ukhawuleze waphuma.
Simba: ”Ndizolalisa uMalkia ndiphume ngoku. Uzokoyika?”
Nomtha: ”Ndizobaright.”
Simba: ”Awufuni kungena?”
93
Nomtha: ”Hayibo!”
Simba: ”Ndizokhawuleza.”
Ndinqwalile. Uyikhiyile wayongena ngaphakathi. Ndishiyeke ndivala amehlo kuba ibibangathi ndibona
umntu xa ndityhilile. Ibengathi usithele emahlahleni.
Ndothuswe licango livuleka.
Simba: ”Yizokhwela apha ecaleni kwam.”
Ndisukumile ndaphuma. Bekukho umntu ongumama omi emnyango esongele izandla zakhe esifubeni
ejonge kum. Ndimjongile nam.
Simba: ”Hey.”
Ndimjonge okokugqibela ndangena emotweni.
Nomtha: ”Ngunkosikazi wakho lo?”
Simba: ”Faka ibhanti sihambe.”
Nomtha: ”This is fucked up.”
Simba: ”Faka ibhanti.”
Nomtha: ”This is shitty.”
Simba: ”Nomtha ngumama wabantwana bam uNokulunga and uyayazi ukuba xa ndingekho endlini
ndiphi. Akhonto ishitty apha.”
Nomtha: ”Ndinengxaki ezoneleyo mna, andifuni ezinye ezingadibenanga nam. Hamb'ondibeka uze
emzini wakho ube nabantwana bakho.”
Simba: ”Ndizolala eCenturion. Ndizolala apha ngomso. Faka ibhanti sihambe.”
Nomtha: ”Usasijongile.”
Simba: ”Faka ibhanti.”
Sihambile ndakufaka ibhanti. Besithule indlela yonke ukubheka eCenturion.
Kukhale iphone yakhe wayijonga nje akayiphendula. Iphinde yaqala phantsi kwakhona.
Simba: ”Ngumama, ndizothetha naye ngomso.”
Nomtha: ”Inoba ufounelwe nguNkosikazi wakho.”
Simba: ”Shit! UMalkia kodwa, eish! Kuzofuneka ndiyilungise ngokukhawuleza lento.”
Ndizivalele umlomo wam ndajonga indlela. Bendingayazi ukuba yintoni le ebezoyilungisa, bendingafuni
nokwazi kuba bendinga ngeni ndawo.
Simba: ”Simenywe ngabazali bam ngomso. Kuthwa ndize nawe.”
Ndikhawuleze ndamjonga! Ebefunda imessage wandinika nam andayithatha yayowa phantsi.
Nomtha: ”Andizuyapho mna.”
94
Simba: ”Sewuyekile ukuchitha imini nabantwana bakho ngoku?”
Simba: ”Sawuya ngokuhlwa.”
Nomtha: ”Akhonto yenzekayo phakathi kwam nawe.”
Simba: ”Akhomntu othe kukho into eyenzekayo.”
Nomtha: ”Umntwana wakho uthi 'ndihlala nawe.”
Simba: ”Kanti?”
Nomtha: ”Uxelele umfazi wakho lonto?!”
Simba: ”Nomtha ... ndinentloko. Niyandi stressa.”
Mxxxxm ebephambene ukuba ebecinga uba ndizoya kubazali bakhe mna ... tyhini!
95
TEN
Ndothuke ebusuku intloko yam iphezulu kwesifuba sika Simba, ndixwelise ebhedini. Andithanga nqa
kutheni bendigodola kangakaya kuba ingubo bezisemazantsi ebhedi.
Ndisukumise intloko wam wothuka ngoko nangoko.
Simba: ”Uphupha kakubi?”
Nomtha: ”Ndiyagodola.”
Simba: ”Uzikhabile kaloku ingubo. Akakhange uphinde ubene narhmani?”
Ndinikine intloko yam. Ndisudukile kuye ndayolala ekoneni yam kwakhona.
Sifike sangqala ezingubeni ukubuya kwethu eGreenstone. Phofu uye wathatha ingubo wayolala esofeni
yena mna ndayolala ekamireni ebhedini.
Ndothuswe nguye ndimanzi xhopho. Waphinde wandothusa kwakhona esithi bendikhala ndabe
ndinenyembezi nyani. Ugqibele selala ecaleni kwam.
Simba: ”Nditshatile.”
Uvele watsho esidlangalaleni. Bendileli ngecala ndimzele ngomva, andiphethukanga nangoku atshoyo.
Nomtha: ”Ndiy'qondile ukuba utshatile Simba. Noxa ubunga ndiniki impendulo xa ndikubuza kodwa
icacile ukuba utshatile.”
Ndimve ephefumlela phezulu.
Simba: ”Ndiyamthanda unkosikazi wam.”
Nomtha: ”Njengoba kufanele.”
Simba: ”Awuvele uyicime imizwa, ngakumbi xa uneminyaka unomntu. Sadibana eUniversity, wayesenza
ifirst year yakhe mna ndikwi last year. Isikolo zange yaba yinto yam. Ndaya nje kuba utata efuna
ndibenento yokuwela kuba bendizongena kwi family business ngokucacileyo. Ebesithanda ke yena
isikolo, esikhuthalele nam ngokuba naye ndazimisela ndifaka I effort ndade ndagraduata ndimshiya
ngemva ke kuba ungaphantsi kum nangeminyaka. Second year ndiphumile esikolweni ndayomlobola
wangunkosikazi wam. Sibe nomntwana wokuqala euniversity, sasingamhlelanga kodwa sonwabile kuba
besithandana kakhulu. Senza nabanye abantwana ke emtshatweni. Ndisafuna omnye okanye ababini
emveni kukaMalkia kodwa wabe engasafuni mntwana yena. Ndayihlonipha lonto ke kuba ekugqibeleni
umtshato unge compromise novisiswano and nguye obathwalayo abazale, ukuba uthi kwanele kwanele
ke ndawufa namthanyane kuba bendifuna abangabam hayi I adoption. NoNokulunga akayifuna lanto
yomntu ozosithwalela umntwana kuba enoloyiko lokuba anga attached emntwaneni okanye efune mna.
So I point yam kukuba sisuka kude ukuba ndingavele ndiyeke ukumthanda ngoku.
Andisokolo ndikhona so nguye okhulisa abantwana kakhulu kunam. Ungumama olungileyo- great
mother and a good wife. At some point siphelile esa spark phakathi kwam naye. Safana njengo mntu
nomntakwabo. Waphuma ngaphandle ke ekhangela lonto- ngalominyaka bendixakeke kakhulu ndihlala
ndingekho endlini. Ukuba ndikhona ndidiniwe ukuba ndifake inkonzo. Ndikhokhelise imali nalempilo
ibalekayo. I adrenaline yomsebenzi onobungozi. Wawungeka zalwa wena-”
Nomtha: ”Haha! Unabantwana abangaphi ngeloxesha?”
96
Ibingathi akade afike kulendawo bendiyifuna. Ndifuna ukuqonda lomntwana ungengowakhe.
Simba: ”Babini. NguMalik unyana wam wokuqala noNura.”
Nomtha: ”Mmhhk.”
Simba: ”Ndifumana three years back, sendinaye noMalkia ukuba uJunior akangowam. Iviwe nguye phofu
uNokulunga ethetha nomamakhe. Utata kaJunior uyayazi leminyaka yonke ukuba unonyana
kuNokulunga. Ngokutsho kukaJunior wayesiya kulendoda baphume bonke kodwa kuba engumntwana
ke ebengaqondi kakhuhle. Ebehleli ethanda utywala uJunior ngeloxesha. Unemali eninzi, uqhuba imoto
eziright azithengelwe ngabazali utya imali angayisebenzelanga. Kodwa ukuva lonto wazinikela etywaleni
kengoku nakwidrugs. Kucacile ukuba zona akazithandanga kuba wakhawuleza waziyeka.”
Nomtha: ”Yilonto unga mkhathalelanga nokuba ukwesiphi?”
Simba: ”Nomtha ngumntwana wam lowa. Ndandikhona ebelekwa. Silala ebusuku noNokulunga, sivuka
ezinzulwini zobusuku simthulise engalali. Oko ndandingu tata ebelekwa njengoba ndingu tata
nanamhlanje. Ukuba akalogazi lam akutsho ukuba ndizomlahla. Ndikhethe ukuyixolela lonto
ndaqhubeka nomtshato wam so bendingazu qumbela yena ndixolele umntu owanzisayo. Ndim utata
amaziyo. Ngunyana wam.”
Nomtha: ”Mh.”
Bendisamzele ngomva ndaphethuka kengoku ndimjonga. Ebengqengqe ngomqolo eqamelele izandla
zakhe. Undikrwaqule kancinci wandijonga umlomo lo bendiwugrenya. Ndiwuyekile waqhubeka
endijonga waphefumla ejonga phezulu kwakhona. Uvale amehlo wakhe.
Simba: ”Yiminyaka ndingasa tshatanga nomnkam. Sihlala kunye, ngaphantsi kophahla olunye, sikhulisa
abantwana bethu kunye kodwa asitshatanga.”
Nomtha: ”Njani ukuba anitshatanga? Nibonana nabanye abantu ngaphandle komtshato?”
Simba: ”Asikho open about it kodwa kuyacaca kuba asisenzi nto mna naye. Kodwa kuba uyandihlonipha
nam ngokunjalo, akhonto ndiyibonayo akhonto ayibonayo kude kubengoku. Ndimxelele ngawe
kwakuqala ukuba kukho umntu endidibene naye and ndikholiwe nguye futhi ndifuna abe ngunkosikazi
wam.”
Nomtha: ”Akhange uthethe nto kum ngokuba ngunkosikazi!”
Nditsho ndichopha ngempundu ndimjonga ndifinge intshiya.
Simba: ”Ndiyayazi andikhange ndithethe nto. Kungokuba bendingafuni ukongamela ngayo yonke into
ngexesha elinye. Kwa wena ungulo usenemisindo ngakum so I wanted to court you kqala. Sithathe
nezinto kancinci kodwa ndiyabona ukuba alikho ixesha lalonto ngoku kubhetele ndikwazise injongo zam
kube kanye.”
Nomtha: ”Kutheni uzofuna ukutshata nam? Yiyo lento ubuyithetha nobhuti wakho le ngalamini nani
valelene ekamireni?”
Simba: ”Ndandimxelela yona ewe. Ndimxelela nokuba ndifuna ukucela intlanganiso kubazali
noNokulunga ndibaxelele ukuba ndizothatha umfazi. Andiyifuni into yokuba sesithubeni, ihleli ingeyonto
yam leyo. Ndifuna into estable enothando. Ndifuna lonto nawe.”
97
Bendirhole amehlo am nenhcambu zawo. Ewe bendiyazi ukuba ufuna ubudlelwane nam, kodwa le
yokuba ndibe ngumfazi wakhe bendinga yilindelanga tu. Bekutsho kwakhanya nakwizinto ebezibeka
uMluleki kulangxabano yabo. Eyokuba kuzobanzima, ngakumbi kum. Ukuba akuzutyholwa yena kodwa
mna. Yonke nje into ibidibana kengoku. Bendingakholwa ukuba bendimfameke ngolohlobo ndide
ndingayidibanisi yonke lento. Bekusekusasa kakhulu for lento yonke andixelela yona uSimba.
Ebendijongile naye enyuse ishiya kancinci.
Simba: ”So ndim lo, ndicela ukukulobola. Ube ngunkosikazi wam, umlingane wam. Umamnci
wabantwana bam. Umam'uMatanzima. Umfazi wam wesibini.”
Nomtha: ”Kutheni uzoyifuna nam?”
Simba: ”Kuba ndiyifuna nawe. Andiyazi ukuba ndizothi kutheni Nomtha kodwa ndiyifuna nawe yonke
lonto. Andisoze ndiphinde ndibe nayo for unkosikazi wam ngezizathu ezicacileyo. Akukho apho azoya
khona ngoku and akafuni sohlukane so uzoyamnkela eyokuba ndinonkosikazi. Nawe uzotsho uyeke
ukuba wedwa. Uzoba nomyeni nosapho.”
Nomtha: ”Hayi ngalendlela. Andikuthandi nokukuthanda, Simba umdala le kum. Ndimncinci
kubantwana bakho bobathathu.”
Simba: ”Ingena phi kengoku yonke lonto?!”
Nomtha: ”Iyangena!”
Simba: ”So I arguement yakho kukuba ndimdala, ndinabantwana?”
Nomtha: ”Andikuthandi nokuthanda, hell ixesha elininzi ndikuthiyile. Unomfazi. Ungulo ubethayo futhi!”
Simba: ”Bendithe andisoze ndiphinde ndikubethe.”
Nomtha: ”Ucinga ukuba mna ndizokholelwa lonto? Ukuba uzovele uyeke nje ukubetha? Ekubeni wonke
umntu ebecinga ukuba ndibethwe nguwe ndize ndibenje. So kucacile ukuba umthetho wakho ungumntu
onesandla.”
Simba: ”Andisoze ndiphinde ndikubethe. Umfazi ukhona ukubakhona kodwa ndigqiboku xelela imeko
ngaye. Ngokwase mthethweni uzoba ngumfazi wokuqala kuba singazukohlukana, kodwa ephepheni
nguwe wedwa unkosikazi wam. Nasentliziyweni yam, nasebhedini yam. Nguwe wedwa. Kodwa
uNolukhanyo uzoba ngumamkhulu kuwe, uzomhlonipha njengomfazi wokuqala njengoba naye
ezokuhlonipha njengo wesibini nowokugqibela. Kuba andinhomntu wesithembu mna qhaa
kunyanzelekile ngoku. Anizukuhlalelana. Uzohlala kwakhe nabantwana bakhe, nawe uzohlala apha
kwakho nabakho abantwana.”
Ndiyihleke kancinci.
Nomtha: ”Nabam abantwana?”
Simba: ”Noba mnye ke.”
Nomtha: ”Ndinomntu mna.”
Undikrwaqule wanikina intloko yakhe kancinci.
Simba: ”Unomntu wena. Uphi ngoku lomntu wakho?”
Nomtha: ”Andimazi. Andisekho eflatini kaloku, ndilapha.”
98
Simba: ”Ubuke wamfounela?”
Nomtha: ”Akana phone.”
Simba: ”Ubumfumana kanjani kengoku xa umfuna? Okanye xa ekufuna yena?”
Nomtha: ”Ebevele athi gqi eflatini. Naye njengoJunior wakho, ebenengxaki notywala. Unongxaki
yotywala phofu kuba ebengeka fumani uncedo ngayo. Egxothiwe kowabo. Ukuba ebengekho zitshomini
ebekwam. Andiyazi inoba uphi ngoku.”
Simba: ”Uyamthanda?”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndiyamthanda.”
Simba: ”Uzofunda ukundithanda nam ngexesha. Kulula kakhulu ukuthanda umntu. Uzofunda.
Awusoze ude uyothengisa ngomzimba koAyo kanti ixesha eli lonke unendoda ekucaba uzomisa ngayo
ebantwini. Usuke ephi yena xa kufuneka kukutshwe imali yerent njengoba ubunamatyala ude uncamele
ebuseleni nje? Uphi yena?
You bend over backwards emsebenzini ubuya ulindelwe nguye naye ufuna eyakhe igame kodwa
akhonto ayizisayo etafileni. Ucomfortable ukuba uzithengise abenephahla ngaphantsi kwentloko yakhe
nokutya esuswini kutshile wena wedwa angakuncedi nganto? Nguye lomntu ozomkhokhelisa xa uthatha
isigqibo esikumila kunje? Njengoba ulilisa ngokumthanda nje uyakuthanda yena? Indoda eyaziyo ukuba
umntu wayo uthengisela ilivelihood yenu. Kungoku ayikuba akayanga kwiflat yakho wabona ukuba
kunjani kodwa I can bet my left eye ukuba noba singahamba siye emapoliseni namhlanje akukho case ye
missing persons, either from him okanye ezitshomi zakho ubufuna ukubalekela kuzo. Nothing. Not from
uAye, not from anybody.”
Nomtha: ”Uyandithanda ndiyayazi. Ebengathandi ukuba ndilale noAyo, efuna ndiyeke.”
Simba: ”Uyeke, uphelelwe ngumsebenzi kwawugqiba kuthini emveni koko? Utye ntoni? Urente
ngantoni?”
Nomtha: ”Andimthandeli nto andenzela yona okay? Ndimthanda kuba ndiyamthanda. Andiloxanduva
lwakhe.”
Simba: ”Mxm. Nomtha ungagqitha kuthwenty akungomntwana. Kukuzathuza komntwana oko and nawe
uyazivela nje. Udyola is'high school wena ukuba uzothetha kanjalo. Nabantwana basehigh school
bafumana ikheri ebantwini babo ngoku. Noba awumthandeli nto akwenzela yona makubekho uncedo
aza nalo. Makanga kusengeli phantsi ke nokuba akakuncedi nganto. Lo wakho umntu akanamva
akanamphmbili ngendlela omthetha ngayo. Lixesha elingakanani engundinga s'thubeni?”
Nomtha: ”Awuzugxekana nomntu wam. Ukuba woyisakala ukuthethela indawo ekungangeyakho yeka.
Kodwa sumenyelisa ngokuba enengxaki yotywala, uyazi kowakho umntwana ukuba kunzima
kangakanani ukuphuma etywaleni.”
Simba: ”uJunior usela kuba efuna ukuvisa umamakhe kabuhlungu. Akayamnkeli into yokuba
akangonyana wam wegazi. Uselela entlungwini yena. Emsindweni.”
Nomtha: ”Ngubani othe nowam umntu akanangxaki ezifana nezika Junior wakho okanye ezogqitha
ezakhe?”
99
Simba: ”Uzohlalela lonto kengoku wena? Noba kunjalo ke sithi unengxaki ezininzi kunathi sonke wena
uzoba lidyokhwe lakho? Ifemeli yakhe uyayazi?”
Nomtha: ”Andiyazi, ndizoyazelaphi?”
Simba: ”Awukwazi kowabo?”
Nomtha: ”Andikwazi nangoku, ebesiza kwam! And ugxothiwe kowabo.”
Simba: ”Oko wayegxothwe niqala ukuthandana?”
Nomtha: ”Akuna msebenzi ukuba ugxothwe nini”
Simba: ”Ifani yakhe yona uyayazi? Ukuba angafela kwakho ungamthini? Ungathi ngubani waphi?”
Nomtha: ”Wena ungathi ndingubani waphi?”
Simba: ”Aneni Nomtha Tongai-”
Nomtha: ”Andizange ndikuxelele igama lam lesiShona.”
Simba: ”Ndi- ndandilive ngoAyodeji ngokuya ubube iphone yam. Awuna close relatives,
awunabudlelwane nefemili yakulo mama wakho. Uzihlalela eHillbrow from eorphanage. Uphangela
etown, eclubini. Awunamntwana, awutshatanga. Ulisela.”
Ndincume kancinci.
Nomtha: ”Mxm.”
Simba: ”Ndiyakwazi. Noba ndinolwazi okushotayo kodwa ndiyakwazi. Uyandazi nawe, uyakwazi kwam.
Uyabazi abanta kwethu. Uyayazi ndinabantwana nomfazi, kunye nabazali. Uyayazi ndinguSimba
Matanzima, ndikwi early fifti-”
Nomtha: ”Uearly fifties yiminyaka emingaphi?”
Simba: ”Ndina fifty three kulonyaka uzayo.”
Nomtha: ”Yho! Umdala!”
Simba: ”Kodwa ubucinga ukuba ndikwi late thirties mos, yilonto usothuka.”
Nomtha: ”Ukwiminyaka yotata wam.”
Simba: ”Utatakho zintanga zoMluleki.”
Nomtha: ”Umazelaphi kengoku uba unangaphi uSamora?”
Simba: ”Akanoba yintanga yam.”
Nomtha: ”Njengoba wena unomntwana olingana nam.”
Simba: ”Ndakhawuleza ukuzala mna. Nabantwana bam abashiyani kakhulu kuba besifuna ukuzala
sigqibe noNokulunga.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Simba: ”Utatakho, wayengutata onjani?”
100
Nomtha: ”Why uzobuza ngotata?”
Simba: ”Kuba nguye othanda ukuthetha ngaye. Zange ndakuva uthetha nomamakho.”
Nomtha: ”Favourite parent yam. Chief parent. Bekufana ukuba ndikhuliswa nguye yedwa kuba umamam
... ebengumama. Ebeyi trophy wife katata, ndingatsho. Andiqondi nokuba wayebafuna abantwana.
Ndicinga ukuba wazala kuba befunwa ngutata. Bendihlanjwa nguye, ndilaliswe nguye. Yonke into
ndiyenzelwa nguye.
Ebengaphoswa nayinto yethu. Umfumane engaphambili kwirow yokuqala ekuhlaza kwabanye
abantwana-”
Uyihlekile endijonge ebusweni. Nam bendithetha ndincumile. Bendinjalo xa ndicinga ngoSamora
ngamaxesha amaninzi. Kuba ngamanye bendikhala ndizibhuqe phantsi kuba enyanisweni kwakungekho
sidingo tu sokuba andishiye ngakumbi andishiye ndingena kwanto. Ndingena khaya, ndingena nto.
Bendixakwa ukuba woyisakala phi? Noba bekunjalo bendimthanda kakhulu.
Nomtha: ”Ebendithanda. Esithanda sonke nomama. Ebebakhona amaxesha abuye esishashalaza
batshikane nomama ibe yinto engako kodwa bendingafane sibabone bexambulisana. Ebeqiniseka ukuba
asiziboni ezozinto. Ebengutata oright.”
Simba: ”Uyamkhumbula.”
Ndinqwalile noxa ibingengo mbuzo.
Simba: ”Ebezowamnkela amalobolo am?”
Nomtha: ”Hell no!”
Simba: ”Kuba ndinendevu ezimhlophe?”
Nomtha: ”Ebezobulawa yintliziyo.”
Simba: ”Awunoyazi.”
Nomtha: ”Ndiyayazi ukuba utatam ebengafuni nix ngam. Akakho umntu ebezondilungela emehlweni
akhe. Ndiqinisekile ukuba unjalo nawe kuMalkia.”
Simba: ”Kunzima ukukhulisa intombi.”
Nomtha: ”Ndizokutshata.”
Unyuse ishiya kuba ebesendijongile kakade.
Simba: ”Okay.”
Nomtha: ”Okay.”
Usukumile wachopha ngempundu wandijonga eserious.
Simba: ”Kanjalo nje?”
Nomtha: ”Ucele ntoni kanti kum?”
Simba: ”Bendinga cingi ukuba uzovuma lula kanje. Besendilungele ukucenga ndibongoze. Uqinisekile?”
Nomtha: ”Ndicinga njalo.”
101
Simba: ”Uthetha ukuthini ukuba ucinga njalo? Awuqinisekanga?”
Nomtha: ”Ndiqinisekile ngokuba anditshateli thando. Ndiyakuzonda kancinci kodwa ndizokutshata.”
Simba: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Kuba ngamanye amaxesha wenza into ongayithandi kuba it's in your best interest.
Ngalomaxesha ngoku. Mhlawumbi ndiyenzela ifinancial security okanye isecurity overall. Mhlawumbi
ndiyenzela istability esi uthetha ngaso nefemeli eyeyam. Ukuba yonke lonto ndizoyifumana ngokuba
nguMrs Matanzima jnr then ndizoyenza.”
Simba: ”Ndinga kukhusela ndiyenze yonke lonto ungatshatanga nam, ndifuna ukucacisa apho. Kodwa
ndifuna ukuyenza ungu nkosikazi wam. I wanna be settled.”
Ndiphefumlile.
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Usuke undibhide xa uzole kangaka. Ndazi uNomtha ofiesty nonentloko elukhini. Lo
andimqhelanga.”
Nomtha: ”Ukuba awumqhelanga akuthethi ukuba akakho.”
Unqwalile esandiqwlasele ebusweni okungathi ubona into ewe nge spaceship ezulwini.
Simba: ”Ndizokulobola kubani?”
Nomtha: ”Userious na ngalento yokulobola?”
Simba: ”Uthetha ukuthini ukuba ndiserious ngumtshato lo ayingo masikhozi. Izinto ezinje sizithatha
serious. Lisiko lethu eli. Awusoze uthathe umntu niye ecourt kube kuphelele apho. Ndizokulobola,
ndikunxibise utye utsiki unxibe, uyalwe uthiywe igama-”
Nomtha: ”Hayike ndivume ukukutshata hayi ukwenzelwa iritual! Yintoni utsiki? Ndizotshintshwa igama
xa kutheni?”
Uzosule ubuso waphefumla.
Simba: ”Umkhono wegusha nenjeke.”
Ndimjikelezisele amehlo kuba ebendilahla worse kengoku and ngabom.
Nomtha: ”Nditshintshelwa ntoni igama?”
Simba: ”Umfazi kwaXhosa uphiwa igama lobufazi, unikwe isidima. Awuzubizwa ngoNomtha okanye
uAneni xa ndikulobole. Uzophiwa igama elitsha kuba ungumntu omtsha. Ungena kwisigaba esitsha
sobufazi.”
Nomtha: ”Ayike zizinto ezizondenza nditshintshe ingqondo ezi.”
Simba: ”Hahaha! This is gonna be interesting. Xa ungazi nenye kwezenziwayo! Ungumntwana waseGoli
nyani wena. Uzawube unyevulela yonke into kwezalali. Ngubani owakowenu ozothatha amalobolo?”
Nomtha: ”Andina femeli.”
Simba: ”Noba ngo aunty bakho aba bakusa ehome.”
102
Nomtha: ”Ndiyobapha imali emveni kokuba bendilahlele ehome?”
Simba: ”Lisiko.”
Nomtha: ”Ukuba libaluleke lomhlobo isiko then makuyekwe.”
Simba: ”Ndizocela kuMluleki akumele ke. Imali yakho yelobola ingene kuwe. Umluleki noMonti
noSylvester.”
Nomtha: ”Andimthandi laSylvester.”
Simba: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Andiyazi kodwa andimva.”
Simba: ”Ikhona into akwenza yona okanye ayithetha ngalamini wayelapha?”
Nomtha: ”Akhonto imbi.”
Simba: ”Uqinisekile?”
Nomtha: ”Ndiqinisekile, ayikho.”
Simba: ”Andifuni ungamvisisisi, nguright hand wam lowa. Ndimthemba ngobomi bam. Obabantwana
bam. Obakho nobukaNokulunga.”
Nomtha: ”Nguright hand man wakho entweni kakuhle, kakuhle?”
Simba: ”Emsebenzini wam.”
Nomtha: ”Nenza ntoni nibulala abantu?”
Simba: ”Drugs neguns kumalazwe emfazwe. Ifraud encinci nje so sisebenzisana namashishini a
legitimate ukucleana imali yethu.”
Nomtha: ”Wenza lomsebenzi kaEfe?”
Simba: ”Andithengisi bantu mna, andiyopimp.”
Nomtha: ”Notatakho ukule business?”
Simba: ”Nguye nam noMluleki. UBukhosi apho nalapho.”
Nomtha: ”Yilonto ubukhali kangaka?”
Simba: ”Andikho bukhali.”
Nomtha: ”Qha utheni? Ukhohlakele?”
Simba: ”Ndikhohlakelanga.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Andikho abusive.”
Nomtha: ”Mhhhhh.”
Simba: ”Ndiyabulela.”
103
Nomtha: ”Andenzeli wena.”
Simba: ”Ndiyayazi.”
Usukumile ebhedini.
Simba: ”Ungalali, ndiyokwenza icelebratory breakfast.”
Ndincume kancinci. Uzondiphuza ibunzi waphuma. Ndishiyeke ndiphefumla.
104
ELEVEN
Andikhange ndizame nokulala emveni kokuba ephumile ekamireni. Bese ndisithathile isigqibo.
Bekungekho kubuya mva ngoku kum. Ewe mhlawumbi bekukhona ukuba akukho nto ibiseyenziwe
kodwa bendingafuni kusitshintsha. Njengoba benditshilo kuSimba siphila kwilizwe lamadoda. Wenza
nantoni na ukuze uphume usaphefumla. Yilonto bendiyenza, kwaye bendinyanisekile ngesigqibo sam.
Ndizulise ndancama ndasukuma ebhedini ndayohlamba ubuso namazinyo. Andiyazi, andiyazi. Njengoba
besithathe esisigqibo noSimba bendimjonga ngenye indlela ngoku. Elaxhego belizoba ngumyeni wam,
mhlawumbi ukuba uThixo uthandile ukuba ndibe ngumzali abe ngutata womntwana wam. Hey, mamela.
Bendingayichasi into yokuba ngumzali, noxa bendingeno xhuma-xhuma yimincili kodwa bendingayi
caphukeli lonto. Kodwa ukuba kungenzeka ndibe ngumzali bendawuba nomntwana omnye. Qha.
Kakade ... bekutheni sendicinga ngabantwana? Bendi ngenawo nombono weso silalo sam naye noxa
bendivuma ebengaba tata- okay mandithule. Into yokuba ngaba tata undenze ndacima zonge ingcinga
ezingendawo engqondweni yam. Kodwa ebengutata. Angangalingani noSamora ngeminyaka kodwa
ebesondele kakhulu kuye kwabe ebezawuba ngumyeni wam. Aneni Nomtha Tongai!
Ndiqinise isibindi ndaphuma kulabathroom, ndiphuma kulakamire. Intliziyo isemqaleni. Ndixukuzelwa
sisisu, intlizoyo yam ibethela ukuba. Bekufuneka ndizikhumbuze ukuba ndiyenzela ntoni lento. Undoqo
yontoni. Amabhabhathane ecaleni. Inkanuko zenyama ndizibekela ecaleni. Bendinga mthandi
nokumthandi, ndixakwa kukuba umzimba wam umthambela kanjani ngoluhlobo.
Kuyenzeka ingqondo nentliziyo kunye nomzimba ziphikisane ngoluhlobo. Ibingu apha naphaya,
nditsalelwa kwelicala neliya.
Ndiphefumlile ndakungena ekhitshini. Bendizithoba izibilini ezi. Ndilungisa ukuphefumla ndibuyisa
nocwangco. Kodwa ndihogele isihogo ndakhohlela ngoko nangoko nditsarhwa yintuthu. Bekukhala
u'ntiiii, ntiiiii' uSimba ephekuza into. Umsi umnyama kwelakhitshi. Umntu omnye ukwazi kanjani
ukwenza umonakalo ongaka na bethuna?!
Simba: ”Yonakele icelebratory breakfast.”
Utshilo ngelokuncamela ndabamba intsini. Bezinge mhlophe indevu ngeloxesha exakwa kukwenza
ibreakfast yakwambala. Ebenxibe nepyjama kengoku ingathi uqhweshe endimangeni, yafana naye
kengoku eyekutshisa indlu.
Nomtha: ”Ubulapha ekhitshini?”
Kuba bendingaqondi kakuhle ngendlela bekuqhuma ngayo. Indlela andijonge ngayo bekucacile ukuba
ebelapha ekhitshini. Andiyazi- ku- yho! Bendingayazi nokuba ndicinge ntoni.
Simba: ”Ziyatshintsha izicwangciso, sawuya eKuaia siyofumana into yokutya.”
Nomtha: ”Ukupheka kona uyakwazi?”
Simba: ”Ndikwi fifties.”
Utshilo. Okungathi bekucacisa ukoyisakala kwakhe. Bethunana! Amaqanda, ibacon nesonka. Ayitshisisi
mzi yonke lonto. Ibinga tshisisi mzi.
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Ndiqhele ukuphekelwa.”
105
Bekucacile. USimba noxa bendingafuni ukuyamnkela lonto ebeyilandoda. Andiqondi ikhona into
ebekwazi ukuyenza ebekelwe ukuba ngumsebenzi wabafazi. Yilontlobo yendoda yena. Into bendinga
yiqondi kukuba ebenyanzelwe yintoni? Yintoni le ibimnyanzelise ukuba azivolontiye kanti uyayazi ukuba
akulalanga nto phaya kuye?
Nomtha: ”Okay.”
Undincinele amehlo. Enkosi bawo ibiseyithulile nalento ibifundekela.
Simba: ”Hamb'ohlamba sizohamba. Ndisaphuma nabantwana.”
Nomtha: ”Kulungile ndizobona ukuba mandipheke ntoni, ungahamba.”
Simba: ”Ndikuthembise ibreakfast kengoku sawuhamba siyofumana ibrekafast.”
Ndimbhebhetile.
Nomtha: ”Besingay'hlelanga le yokuphuma kwaye uzamile. Uzamile woyisakala, ndizobona ukuba
ndipheka ntoni.”
Simba: ”Unentloni nokubonwa nam? Ingalonto yonke lento yakho yokungafuni ukuphuma nam?”
Nomtha: ”Anditshongo lonto.”
Simba: ”Hlamba kaloku sihambe siyotya.”
Nomtha: ”Okay. Ndinxibe ntoni?”
Simba: ”Noba unxibe ntoni.”
Ndinqwalile ndayokha amanzi empompini ndizosela. Uthathe lambiza ibimnyama kukutsha wayifaka
kwisink- eyigibisela phofu. Ndibeke iglass ndizohamba ndiyohlamba wandinqakula ingalo endijonge
ebusweni. Ndijonge kulandawo ebendibanbe kuye ndamjonga ebusweni.
Simba: ”Ukubuya kwam siya eKyalami.”
Nomtha: ”Kyalami?”
Simba: ”Kubazali bam. NoNokulunga.”
Ndiphenfumlile. Beku nyanzelekile na ukuba ndibekho nam? Bendi ngayilungelanga yonke lento mna.
Nomtha: ”Benditheni kuwe izolo?”
Simba: ”Nditheni mna kuwe? Kunyanzelekile bayazi abazali bazokwamnkela kakuhle Nomtha, bangacingi
ukuba ungunondatshaza ondichithele untshato kuba mhlawumbi yinto abayicingayo ngoku.”
Nomtha: ”Ukuba uthethile nonkosikazi wakho wamxelela ukuba ucinga ukuthatha omnye umntu
kutheni efounele abazali bakho? Kuba bafoune emveni kokuba sisuke phaya so kucacile uye
wabafounela.”
Simba: ”Into endikuxelele yona yendiyaziyo. Ukuba ebesithini kubo andizuyazi kuba nam bendinawe.”
Nomtha: ”Ndiyoyika.”
Simba: ”Akhonto yoyikisayo apha, uzobona.”
106
Nomtha: ”Utsho nje wena kuba ungendim. Ndiyodibana nabazali bakho ubaxelele ukuba ufuna
ukundithatha njengo mfazi wakho wesibini. Ndimncinci le kuwe so bazocinga zonke ingcinga ngam.”
Simba: ”Bazocinga bayeke Nomtha. Ukuba beku ngaphambili kokuba uvume ukuba ngumfazi wam
bendizofane ndikuyeke so ngoku akuncedi ukugula kancinci kodwa uzofa. Ekugqibeleni kufanele bakwazi
kuba ndizokunxibisa ndikutshate. Nabantwana bam ndifuna bayive ngam. Seyazi uMalkia kodwa ndifuna
bazi bonke, bazi yonke into.”
Nomtha: ”Bazi nokuba uJunior akango wakho?”
Simba: ”Kunyanzelekile bayazi. Kuzotsho kuphenduleke imibuzo emininzi abanayo ngemeko yasendlini.”
Nomtha: ”Ndiyakuva.”
Simba: ”Uzoba right. Ngabantu bomzi wakho aba, uzobabaleka kude kube nini?”
Nomtha: ”Kodwa bekufanele ukuba uyobaxelela uwendwa kuqala wandule ukundisa khona.”
Simba: ”Sebekubuzile so noba ndinga hamba nawe akukho msebenzi. Okwabo kukumamela into
endiyoyithetha badibane nawe qha.”
Nomtha: ”Ndizonxiba ntoni?”
Simba: ”Jonga noba yintoni kwezimpahla ubuzithengelwe, kuzofuneka uyozithengela ngoku kwakho
impahla ezikholisa wena. ”
Nomtha: ”Ndiyoyika noba ndibe ndisesithubeni mna ngoku. Ndizomelwa yintlizo kwezo shops.”
Simba: ”Uzoya xa ndinga xakekanga ndikukhaphe ke. Okanye ufuna ukukhatshwa ngomnye umntu?”
Nomtha: ”Noba nguwe akukho ngxaki.”
Simba: ”Noba ngubani?”
Nomtha: ”Uyayazi ndithini.”
Simba: ”Ndizokukhapha. Okwangoku nxiba nantoni na oyifumanayo noba yiblukhwe noba sisikeyiti.”
Nomtha: ”Okay.”
Bendilibele noba ebendibambe isandla ixesha eli lonke, ndiqaphele ngokuba andiqinise isandla.
Nomtha: ”Mandiyohlamba.”
Simba: ”Hamb'ohlamba sizohamba sibuye.”
Nditsale isandla sam ndahamba ndayohlamba. Ndingene kwishower ndakhawuleza ukuhlamba
ndazomisa ndanxiba. Bendinganxibanga nto ixhomisa amehlo ke. Ndibrushe nenwele zam kuphela
ndaright.
Isisu sam besesixukuzeliswa lixhala lalento yangokuhlwa yokuyobika lomphanga. Bendiyiqonda nje
ukuba bebezondinyusela ishiya ukuba ngumntwana oyintoni lo utshata ixhego. Bancinge ukuba
ndisenveni kwemali. Bebezobe bengekho wrongo kodwa kuba enyanisweni andiyelanga uthando kuye.
Ebengekho ekhitshini kodwa kuseyi mess kwelakhitshi kunuka. Ndicinge ukuba usaphimile ndaya
kwenye ebathroom ndiyojonga itoothbrush yam kuba enye bendingayiboni. Ibiyenye nje into la kamire.
107
Kugcwele ibox zezinto ekusafuneke ziqoqoshwe. Ingathi ebengazimiselanga nalotata kuba umnandelwe
kukulala nam.
Ndingene ebathroom kukhala amanzi ndaxinga emnyango ndikhamisa. USimba ebemi ngaphantsi
kwamanzi eze. Ebenga hlambi nje kuphela, ethobe intloko amanzi embetha entloko. Esinye isandla
ebezibambe ngaphambili eziphulula ewavale vingci amehlo. Bendiqala ukubona umntu oyindoda
emastubator ndimgayazi nokuba ndithini.
Inyawo zam bezingavumi ukusuka phantsi zinyakaze. Okungathi zincanyathiselwe phatsi. Bendibambe
umphefumlo ndingakwazi nokucinga. Okungathi ubuvile ubukho bam unyuse ubuso wavula amehlo
wandibona ngoko nangoko. Akabonisanga kothuka kukundibona ndime phaya kwaye akayenkanga into
ebeyenza wade wagqiba ebiza ingama lam. Bendingaliva ilizwi lakhe kodwa ndikubona ukunyakaza
kwendebe zomlomo wakhe. Uphinde wathoba intloko amanzi ambetha emqolo ndabuya umva
ndaphuma ndizibamba isifuba okungathi kuzonceda ngento.
Ndiyopura umlomo wam ngemouth wash ndayochopha elounge ndilindele ukuba aphume. Uphumile
emveni kwexesha senxibile waphelela. Uthinte umqala ndamjonga ndingamjongi emehlweni kodwa.
Amehlo am ebe sesifubeni sakhe.
Simba: ”Uready?”
Nomtha: ”Uhm ewe. Singahamba. Ndigqibile, ndilinde wena. Bendilinde wena ugqibe ukuhlamba.
Ugqibe i- ugqibile? Mxm ugqibile kakade naku unxibike, andiyazi ukuba ndibuza ntoni. Singahamba.”
Ebencume kancinci.
Simba: ”Ngalanto oyibonile-”
Nomtha: ”Andibonanga nto.”
Simba: ”Akukho sidingo sokuba ubenetloni Nomtha.”
Nomtha: ”Andinazintloni.”
Simba: ”Izinto ezinje ziyenzeka.”
Nomtha: ”Ndiyayazi Simba andiyontombi emi amabele.”
Simba: ”Unamabele amahle.”
Nomtha: ”Ndiyaya kodwa nditsho ukuba andiyontombi. Ndiyayazi izinto ezinje ziyenziwa, akukho sidingo
sokuba undicacisele. Bekunga melanga ukuba ndigibiseleke ebathroom bendingayazi.”
Simba: ”Andinangxaki mna so let's not make it a bit deal princess.”
Utsho encuma. Siphumile sahamba sayotya. Asincokolanga kakhulu ke kuba imilomo ibigcwele.
Sibuye nje wandibeka endlini endixelela ukuba kuzoza uMkhuseli. Andiyazi noba ebenyanga nini
lomkhuseli lowo and ukuba bekukhuselekile ibiyintoni isidingo sokuba ndibe ndizogadwa, kufuneke
ndibe ndincokola indaba ezibandayo. Ngekubhetele ukuba ibingumntu nje okanye uMonti okanye- hayi
bendinga mfuni laSylvester. Ngekubhethele uMonti ke kuba bendizo zihlalela ekamireni. Ndimlinde
ngokuyovula ibox yezinto zasekhitshini ndayozikhupha.
”Nqo! Nqo!”
108
Nomtha: ”Ndilapha bhuti!”
Ndiphumile wabe engena emnyango.
Nomtha: ”Molweni.”
Mkhuseli: ”Nomtha, akuphekwanga?”
Nomtha: ”Yhu!”
Mkhuseli: ”Ndikhatywe yinkawu kangaka. Nitye ntoni?”
Nomtha: ”Besitye out. USimba uzame ukwenza ibreakfast kusasa wagqibela setshisa nalombiza,
andikahlambi nezozitya zakhona.”
Mkhuseli: ”Ndizo order in. Ufuna ntoni?”
Nomtha: ”Ndiright mna enkosi.”
Unqwalile wacofa iphone yakhe.
Mkhuseli: ”Ndiva kusithiwa uzoba ngumfazi wesibini.”
Ndinyuse amehlo ndamjonga. USimba! Sexelele wonke umntu.
Mkhuseli: ”Congratulations.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Mkhuseli: ”Unabo abantwana?”
Nomtha: ”Andikabinabo.”
Mkhuseli: ”Uzoba nabo?”
Ndimncinele amehlo ndingaphenduli. Andiyazi ukuba ebengena ndawuni kwinzalo yam kodwa
bendingafuni ukumphoxa. Kungoku bendiqonda ukuba andiyo fabourite yomntu, ndingafuni ukuzenzela
izinto worse ngokunyathela abantu ezithendeni.
Bendiyazi futhi ukuba usondelene noNokulunga, bonke phofu bekufanele bayamthande kuba
baneminyaka bemazi. Bayifemeli.
Nomtha: ”Mhlawumbi.”
Mkhuseli: ”Ndive uSimba ethetha ngokufuna umntwana. Enyanisweni Nomtha imnkile iminyaka
kuSimba, ukuba nifuna abantwana ngenikhawuleza kwangoku esenokubenza. Okanye nigcine isperms
zakhe.”
Nomtha: ”Bhut'Mkhuseli ndisandovuma izolo ukutshata noSimba.”
Mkhuseli: ”Uyamthanda uSimba?”
Kwakhona ndimncinele amehlo ngaphaya kweza zitya bendizama ukuzihlamba. Ndiphefumlile.
Mkhuseli: ”Injongo zakho ngalomtshato kukuzuza ntoni?”
Nomtha: ”Kukuzuza ntoni?”
109
Mkhuseli: ”Ewe.”
Nomtha: ”Bhut'Mkhuseli nguSimba ocele umtshato kumu. Mna nje I'm just trying to survive.
Bendamnkele uncedo lwakhe, wandixelela ngokuba ufuna ubudlelwane nam njengoba sefuna umtshato
ngoku nam ndavuma ngezizathu zam endizibekileyo kuye wandiva. Mdala uSimba. Akangomfana ona
eighteen obuqwa sistage.”
Mkhuseli: ”Ingxaki yileyo, kukuba mdala ufuna istability nomntu ozoguga naye. Umncinci wena kuye
ngeminyaka, ngokucacileyo. Uzomelana naye xa egula apha? Xa eluphala ngaphambili kwakho?
Ungamthandi nokumthanda. Most of the time umjonga okungathi ufuna ukumxabela ngezembe?”
Nomtha: ”Ndiyayazi into endizofaka kuyo.”
Mkhuseli: ”Uyayazi nyani? Unabantwana lomntu abalingana nabangaphezulu kwakho. Bendingena
ngxaki ngelaxesha ubungumntu nje wakhe kodwa ukuba ube ngunkosikazi?! Ukhuphe uNokulunga
emzini wakhe.”
Nomtha: ”Andikhuphi mntu mzini wakhe mna.”
Mkhuseli: ”Awumkhuphi kodwa umthathela indoda. Uthathela abatshana bam utata. Ixesha notata
wabo. Akusoze kufane kakade ngoku sekukho wena kuba uzofuna ukubalapha kuba esakubuka wena.”
Nomtha: ”Ndicinga ukuba uke uyithethe xa kukho nobhuti wakho yonke lento bhuti Mkhuseli. Kuba
mhlawumbi ubila nje awuyazi imeko yomtshato kaSimba noNokulunga.”
Mkhuseli: ”Into endiyaziyo kukuba uNokulunga wabakho kungekabikho kwanto. Yonke into abanayo
namhlanje nalendawo ohlala kuyo ngabo bobabini. Ndiyayiqonda ukuba unabantu abasemveni kwakho
ngenxa kaSimba mhlawumbi kodwa ayithi lonto kunyanzelekile ukuba umtshate.”
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Mkhuseli: ”Yi opinion yam.”
Nomtha: ”Thetha nobhuti wakho. Mna andizizelanga apha. Andicelanga mtshato kuSimba. Andiyazi
ndizokuphendula ndithini kuyo yonke lento uyithethayo.”
Mkhuseli: ”Niwrongo noSimba. Nobabini. Kodwa khanibe niqhuba.”
Khange siphinde sithethe emveni koko. Ndihlambe izitya ndagqiba, ndahamba ndayokhupha izinto
ndizibeka ngendawo zakhona. Ndiphumele nakwizinto zokondlula. Bendifuna ukwenza into nje,
ndingahlali phantsi. Ndiyongqengqa ebhedini kuba bendidiniwe.
Ndothuswe lilizwi likaSimba ndothuka ukuba sekhona. Ndilele ngaliphi ixesha na kuba injongo yam
ibikukuthi ngqi nje ixeshana.
Ebendifingele intshiya.
Simba: ”Ndik'thumelele umyalezo ukuba ndifike sewuready.”
Nomtha: ”Iphone yam andiyazi noba ndiyibeke phi.”
Simba: ”Ukuba kubekwe ixesha ledinara Nomtha sifika ngeloxesha. Izothethisa into yokuba sifike late
kuba ibangathi sidelela umama. Xa udelela umama udelela uVenus.”
Nomtha: ”Masiye ngelinye ixesha bhetele. Andisaziva naright ngoku.”
110
Simba: ”Kubuhlungu ndawoni?”
Nomtha: ”Akukho ndawo ibuhlungu-”
Simba: ”Nomtha ngekubhetele ukuba bendingekavumi ukuba siyaya ngoku kuzoba krwada uba
sicancellishe yonke into. UNokulunga sephaya.”
Nomtha: ”Sephaya?”
Simba: ”Ingathi oko ebephaya imini yonke yanamhlanje.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Simba: ”Nxiba ke sihambe.”
Nomtha: ”Ndizoshower fast.”
Simba: ”Shower ke. I'll cover for us. Ndizothi ndilityaziwe ngaba bafana.”
Ndinqwalile ndasukuma ebhedini nyabileyo ndaya ekamireni ndiyoshower ngokukhawuleza. UMkhuseli
ebenga bonakali ndawo ngoku.
Ndigqibile ndanxiba ilokhwe nebox heel emfitshanana. Nelokhwe yakhona ibingendaka.
Bendiyithengelwe nguBukhosi kunye noMalkia. Andizange ndimbuze ukuba wathi uthengela bani kuye.
Uzondikroba ndizijonge esipilini woyama ngomgubasi.
Simba: ”Yintoni ingxaki? Utheni uMkhuseli kuwe ngoku ndingekhoyo? Kuba ndimnke sivumelene
kakuhle kumnandi ngoku ndibuya sewurhuqa inyawo ukhangeleka okungathi uzokhupha ukutya
ngentla? Utheni kuwe lo?!”
Utsho ekhupha iphone yakhe etasini wayicofa.
Nomtha: ”Masambe ndiready.”
Bendicinga ukuba uyamfounela. Undijongile wayibeka endlebeni aphuma.
Simba: ”Masambe. Hello, Mkhuseli? Umxelele andifounele ndiyamfuna.”
Nomtha: ”Masambe.”
Uphethuke wonke wandibamba izidlele endiphuza ibunzi.
Simba: "Ndizobe ndilapha ecaleni ixesha lonke. Into endiyaziyo ngabazali bam kukuba abasoze
bakuhlasele, andiyazi utheni kuwe uMkhuseli kodwa ndizothetha naye.”
Nomtha: ”Myeke sukuthetha naye kuright.”
Ebonyanyile kodwa waworse ngokuva ndisitsho.
Simba: ”Kuright ntoni?”
Nomtha: ”Akathethanga nto.”
Simba: ”Andiyazi wenza ntoni uzama ukumkhusela kodwa akukho nto iright.”
Nomtha: ”Ebefuna nje ukwazi uk-”
111
Simba: ”Nomtha andikhathali. Ispace sakho sesakho, makasihloniphe. Okungenani ke ahloniphe mna.
Ayindonwabisi ukuba unento yokuthetha kuwe, into ezokwenza ukuba ucinge nganinzi ngesigqibo
sakho.”
Ndiphefumle nje andathetha. Amehlo ebemancinci ngakumbi ngumsindo. Into ngoSimba ebesuka
kuzero ayekusixty ngokuphanyaza kweso.
Ngomzuzu uyahleka, uncumile ngomnye ufuna izandla zakhe emqaleni womntu.
Ebeduda ngoku ingase enze into kodwa uzibambile. Siyongena emotweni sebhetele endivulela nocango.
Phofu bendingangeni ndawo kuba umsindo wakhe ubungajolisanga kum.
Bendiqonde ngoko ukuba indzondo yam kuzofuneke ndiyithomalalisa kuba ndim naye nabantu
bakowabo. Bendizomdinga kakhulu ukundixhasa kuba ndijongile nje bekuzoba nzima.
Ukhalise umculo wawulinganisa ngekhwelo. Indlela bendinexhala ngalo bekumnke naloncoko kum.
Oko simamele umculo wakhe, phofu mna bendingeva kwanto lixhala. Ebeswabulukile yena kumnandi
kuye.
Nomtha: ”Asikazufika?”
Simba: ”Asisekudanga kakhulu ngoku. Awufuni ukuthi laqa ishot?”
Nomtha: ”Mxm! Uhlekisa ngam.”
Simba: ”Ixhala elingaka lelantoni ingathi uyoxhonywa?”
Nomtha: ”Kuphi na kulendawo?”
Simba: ”Kyalami.”
Nomtha: ”Khayalamu?”
Simba: ”Ewe.”
Nomtha: ”Khayalamu.”
Undikrwaqule.
Nomtha: ”Ndiyacinga ukuba ngubani kanene owayethe uhlala kulondawo.”
Simba: ”Ngubani?”
Nomtha: ”Andikhumbuli kodwa ukhona umntu ohlala apha. Qha kuba bendingayihoyi.”
Unqwalile. Side safika apho besibhalelwe khona. Bekukhanya ngaphandle izibane zithe qhakra. Simise
ngaphambi kwendlu wabetha ohootara uSimba.
”Hey!”
Uyohlekile uSimba.
Simba: ”Nankuya umamam ke.”
Ndikrobise intloko ndambone esihla kwistairs wathu chu ukuza ngakuthi. Ebelixhekwazana elidala
enomzimba. Ebenxibe kakuhle ke kodwa.
112
Uphumile uSimba wamkhawulela emanga wamphuza.
”Ndizokubetha!”
Simba: ”Bendifuna ukukhawulelwa ngaphandle. Awusemhle, ubuyephi?”
”Mxm silinde wena. Uhamba wedwa?”
Simba: ”Ndihamba nomntu mama, Nomtha.”
”Masingeneni endlini sekuzotyiwa.”
Simba: ”Bendine worry yokuba sawufika kade.”
Ndiphumile emotweni ndayomolulela isandla wandijonga ebusweni. Bendinexhala lokuba
akazusamnkela isandla sam kodwa wandixhawula.
Simba: ”NguAneni Nomtha Tongai. Yilentombi bendinixelela ngayo ukuba ndifuna ukumtshata.
Uvumile.”
”Tongai?”
Simba: ”Ewe ngowase Zimbabwe kodwa ukhulele apha. Nomtha ngumama ondizalayo lo isithandwa sam
Bisola Elizabeth Okeke.”
”Kodwa ungandibiza ngoLizbeth.”
Uphelile yintsini uSimba.
Simba: ”Ungambizi ngoLizbeth Nomtha, unentlonti umama. Uphilile?”
Bisola: ”I'm fine how are you?”
Simba: ”Ndiyaphila ma.”
Bisola: ”UNokulunga akakho right Simba. Ebeleli apha izolo ekhala kulakamire. Yintoni lento oyenzayo
wawugqiba ukubamdala kangaka, ninabantwana abangaka. Yi midlife crisis?”
Simba: ”Mama, sawuthetha ngayo yonke into emveni kwedinara. Bendicela namnkele uNomtha sityeni
kakuhle sawuthetha kengoku.”
Uphefumlele ngaphandle umama wakhe wamphuza isandla sakhe esi ebesibambile emjonga ngothando.
Umphuze ibunzi uSimba.
Simba: ”I love you, mama.”
Bisola: ”God will bless you my son. Aneni, you're welocome sisi. Simba, ulandela ekhondweni likatata
wakho. Ndandimncinanana ndingaka ukutshata naye. Ndimhle.”
Simba: ”Usemhle nanamhlanje, mama.”
Bisola: ”Ohh bless you, unobubele. Ngoku ndisisikoro koro esisimelelayo.”
Simba: ”Usisikoro- koro esihle. Umntu angacinga ukuba unaseventy.”
Uphelile yintsini embetha igxalaba. Bekunuka kamnandi ukungena kwethu. Singene kwikhitshi
elingakanani ukuba likhulu lona. Bekukho umama oxibe iuniform yomncedisi nomfazi kaSimba. Kuba
113
ebemhlophe ebebomvu ubuso ebonakala ukuba ebekhala. Uginye ingwiqi akusibona wajonga izandla
zethu ezi bezidibene. Undikhulule uSimba waya kuye wayomanga emphuza ibunzi.
Simba: ”Nokulunga.”
Bisola: ”Ukhona noAluta, usalalisa umntwana.”
Simba: ”NoMluleki ukhona?”
Bisola: ”Ukhona naye, uhleli notatakho eofficini.”
Simba: ”Kulungile, ndizobabona emveni kwedinara. Kuphekwe nejolofu rice na apha?!”
Bisola: ”Ewe. Yonke into.”
Simba: ”Uyaphila Nokulunga?”
Unqwalile ejonge mna.
Simba: ”Umama uthi ubulele apha, bendiba uthe uze ekuseni.”
Nokulunga: ”Awundivanga kakuhle. Bendilele apha.”
Simba: ”Ibikhona ingxaki?”
Nokulunga: ”Ikhona ingxaki xa ndisiza kubazali bam? Okanye andisenawo amalungelo?”
Simba: ”Uyabona ke itheatrics andizikhathalelanga. Kulungile ukuba uze apha kodwa ungandibuzi
ngongabi namalungelo kwakho. Andikunqandanga ukuba ungazi apha ndiyabuza.”
Nokulunga: ”Bendiba undikhupha nalapha ngalendlela ondilkhuphe ngayo emzini wam.”
Simba: ”Awuhlali mzini wakho?”
Nokulunga: ”Emtshatweni wam.”
Simba: ”Ndizolinda kwelacala, masambe Nomtha.”
Nokulunga: ”Oh indlela ongasandi khathalelanga ngayo awunaxesha nokuba ndiyakhala.”
Simba: ”Ukhalela ntoni?”
Nokulunga: ”Simba ...”
Simba: ”Calm yourself makaMalik Suziphathisa okomntwana omncinci apha kuba uyayazi kakuhle ukuba
ndithethile nawe kakuhle nanjengoba sizothetha nanamhlanje.”
Nokulunga: ”Kulungile. Nditshike phambi komfazi wakho omncinci azobona apha kuwe ukuba
ndiqatyelwa entlono.”
”Bekungatyiwa na kwakho ipotyoyi?!”
Bisola: ”Kuzolunga ngoku siyaphaka.”
Venus: ”Simba!”
Simba: ”Sir?”
Venus: ”Khawuze ngapha.”
114
Undijongile ndanqwala engekathethi wandibamba igxalaba waphuma. Ujonge kum ngoko uNokulunga ...
115
TWELVE
Venus: ”Sicela ubulele Mluleki.”
Mluleki: ”Masivaleni amehlo. God bless our food dear Lord and bless the hand that prepared it, Amen.”
Thina: ”Amen!”
Bisola: ”Hands Mluleki, hands.”
Mluleki: ”Nditshilo nje mami.”
Bisola: ”Na so?”
Uyihlekile uMluleki.
Bisola: ”Masityeni.”
Utata walapha uVenus ebehleli kwintloko yetafile, unkosikazi wakhe ehleli ecaleni kwakhe. USimba
ebephakathi kwam noNokulunga, uMluleki ehleli ecaleni kuka Ulatho. Ebefunqule umntwana olisana
elisemabhayini ngeloxesha bekuthiwa kukho omnye oleleyo okwi nappy nabashiyeke nenanny endlini.
Andingeni ndawo.
Venus: ”Uyafumaneka uJunior?”
Utata uVenus, onyana bakhe bebethathe yena. Ngobude, ngebala nobuso. Lamehlo wabo mancinci
bebewathatha kuye. Eworse yena ingathi atsaliwe awake. Ebenenteshe ke yena. Noxa elixhego ke
kodwa ebefresh kunomam'uBisola.
Nokulunga: ”UtakaMalik umncamile.”
Venus: ”Njani ukumncama umntwana naSimba? Andiva kakuhle.”
Simba: ”Akadukanga uJunior mhlekazi, uyazazi apho akhoyo kwaye xa efuna ukubuya endlini azofumana
uncedo aludingayo uzobuya.”
Venus: ”Simba, ukuba akade azibone ukuba udinga uncedo kengoku kuthetha ukuba uyawuba
sesithubeni ubomi bakhe bonke kungekho nto uyenzayo wena njengotata wakhe?”
Simba: ”Ndidiniwe mna mhlekazi. UMkhuseli uthe ndinikele kuye, uzozama ukumfumana amse erehab.”
Mluleki: ”Into endiyaziyo mna kukuba akasekho eHillbrow. Kutsho kona ukuba uye kwenye indawo.”
Venus: ”Intliziyo yam ayizukuzola engekafumaneki lamntwana. Qinisekisani ukuba niyamkhangela
nimfumane nimfake erehab. Simba, uzawuyeka ukudinwa kancinci ukhangele umntwana. Ayisosicelo
esi.”
Simba: ”Yes Sir.”
Venus: ”Asisakuboni ekhapha, umamakho kudala ekhala ngawe.”
Simba: ”Bendixakekile Mhlekazi, uNomtha ebengekho right bendisahoye yena.”
Undijonge ngoko latata wanqwala kancinci.
Venus: ”Umcimbi wamaNigeria anikawulungisi wona? Ku-”
116
Bisola: ”Abeg, akuzuthethwa ngebusiness kusityiwa.”
Venus: ”Ayo business lento endiyibuzayo Lizzy.”
Bisola: ”Tata kaMluleki.”
Unyuse izandla emoyeni utat'uVenus wabuyela ekutyeni kwakhe. Bendikhe nje mna ndakuphakela
kwiplate yam kodwa bendingekatyi.
Bisola: ”Ubungekho right?”
Ubuze ejongise kum.
Simba: ”Ewe mama. Ebehlala eCBD kengoku ke umni weziflats bahlala kuzo ngumntu oqhunywayo
onobundlobongela, wayomvingcela embethisa ngenjanana zakhe. Ndamphindisela kemna njengoba
seyiyimfazwe nje ngoku.”
Mluleki: ”Ululamile kodwa ngoku, zange onzakale kakhulu noko.”
Umjamele uSimba.
Simba: ”Zange onzakale kakhulu? Wayengakwazi nokuphethuka uNomtha kuqaqamba nembambo,
nangoku usaqaqanjelwa. Wonzakala.”
Mluleki: ”Nditsho ukuba akazange ophuke ndawo. Ngethamsanqa.”
Uyongeze mva le yokugqibela kuba ebejanyelwe nguSimba. Utat'uVenus ebesijongile ede wancina
amehlo akhe.
Bisola: ”Bayasihlaza kodwa ababantu bawo wam. Ingathi sizizilqanyana sonke ngoku ngenxa yokuba
bafike kule South Africa badakisa igama lethu.”
Ulatho: ”Balidakise nyani ke mama kuba into nje eneNigerian phakathi ... mnkru!”
Mluleki: ”Injani laJoburg ngabo?!”
Simba: ”Kodwa ayingabo bodwa abagcwalise iJo'burg!”
Mluleki: ”Wonke nje lamntu wangaphandle uphaya. Somalian, Nigerian's, Ghanaians-”
Simba: ”Zimbabweans.”
Utsho ekrwaqule mna ndamjikelezisela amehlo waphela yintsini.
Mluleki: ”Kanene ungowase Zimbambwe Nomtha. Ndiyalibala.”
Simba: ”Ulibala njani? Akudingeki noba ubuzise apha uyazibonela nje ukuba lilo.”
Bisola: ”Caba ubonakala ngantoni?”
Simba: ”Akadingi ukubuzwa umntu othi 'urere' xa efuna ukuthi ulele. Uyazixela nje.”
Bisola: ”Make you no vex me! Awusoze ube xenophobic emzini wam! Abukho nje obububhanxa
ubuthethayo. Ungandicaphukisi."
Uthathe ngokuyihleka nje uSimba, wabeka isandla sakhe ethangeni lam ngaphantsi kwetafile.
Simba: ”Yitya ukutya kwakho.”
117
Bendilibele nokuba kufanele nditye ndijongene nabo ebusweni. Ndikrwaqule utat'uVenus wabe esitya
ukutya kwakhe naye kodwa iliso lakhe likhuthi.
Simba: ”Uxenophobic nawe, awukutyi ukutya kuka mama?”
Bendiphake ceazer salad kuphela. Bendifuna into elula, ndingaqondi ukuba kuzongena okwakutya. Hayi
ngoba kutheni qha nje ixhala. Bendibambe umzimba nje kulatafile ingathi akude kuphele sizohamba
noSimba.
Bisola: ”Konke ukutya okuletafile kuphekwe ndim.”
Ulatho: ”Nathi sincedisile.”
Bisola: ”Mhhh.”
Uyihlekile uUlatho.
Simba: ”Kuzofuneka umama akufundise ukupheka okukutya uzondiphekela ukutya okuright. Ngapha
koko ndizokushiya wedwa ndizohlala apha.”
Mluleki: ”Yitsho phandle ukuba ungumama's boy qha wena, ungabe utshona ezikoneni ugwegweleza.”
Simba: ”Ndingu mama's boy.”
Ndiyihleke kancinci. Uthinte umqala uNokulunga ndavala umlomo wam ngokutya.
Nokulunga: ”Ugqibele kudala ukutya okuphekiweyo, yilonto uhlile emzimbeni.”
Simba: ”Andihliswanga kukungatyi, ukutya kona ndiyatya qha zistress ezindibhuqayo.”
Bisola: ”Lonto uhle nyani, unyanisile uNokulunga. Ubunenteshana umhle.”
Simba: ”Ndizoba right.”
Mluleki: ”Kodwa uSimba akangomntu womzimba nenteshe njengathi, nangoku akagxekekanga.”
Bisola: ”Njengoba enentamo ende apha!”
Mluleki: ”Inde nyani yona.”
Simba: ”Ndiyekeni.”
Mluleki: ”Nomtha, uyakwazi phofu ukupheka wena?”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Kwayanzeleka ndifunde kwangoko ukuziphekela. Ngokuya ndiqhela ke ndazifundisa nezinye
izinto. Ndizama irecipe ezintsha. Ndingasa phekeli nje ukuphila.”
Uyihlekile.
Nokulunga: ”Ukuba bekungekho ngam ngabe wafa kudala uSimba, akukho kwanto akwazi ukuyipheka.
Wancama kudala ukupheka. Umntu otshisa nenoodles ezi zakwambala!”
Mluleki: ”Umama wayebukhali kum ndodwa apha endlini. Kupheka mna ndodwa oSimba
ingabantwana.”
118
Bisola: ”Abantwana bam abanobulawa yindlala ukutya nembiza zikhona. Sukulinge, bayakwazi ukupheka
abaya. Umntu oyingxaki mnye qha nguSimba.”
Simba: ”UMkhuseli lo uhamba esithubeni ekhangela umzi onokutya. Lowo? Ukuba uyonqena ukuya
eGreenstone uyakwi takeaways.”
Ulatho: ”Uke athi gqi nakwam!”
Simba: ”Uyay'bona!”
Bisola: ”Kuba esonqena hayi ukuba engakwazi. Hayi wena kokwezandla okwakho.”
Simba: ”Ndincame xa ndoyiswe yibacon qha. One, two ivutshwe! Ndiyibeke nje ndaphethuka
ndiyokhupha amaqanda xa ndiphinda ndiphethuka sekumnyama tsu.”
Mluleki: ”Hahahahahaha! Kuyaqhuma?!”
Simba: ”Bru!”
Mluleki: ”Hayi uyimomish. Ubuseza ibreakfast caba?”
Simba: ”Sancama sayotya ezanto zihealthy zase Kuaia.”
Mluleki: ”Ismoothie!”
Simba: ”Tyhini! Ndizixekele ngamafutha one way!”
Mluleki: ”Into ebuhlungu ke awusoze ubesakwazi ngoku sewuphekelwa ngapha nangapha. Okanye yinto
emnandi?”
Uthinte umqala uSimba akaphendula. Hayi ke kwathula emveni koko ku awkward into endingayaziyo.
Kukhale izitya, uSimba ebesitya ngesinye isandla esinye endibambe ithanga. Ebesitya ifried rice nenyama
yebhokhwe. Bekukho nefufu, nejolofu rice ... itafile ibidekiwe. Ingathi yiKrismesi. Andiyazi ukuba
bebekwenzani okushiyekileyo kuba bendiqinisekile ukuba akuzugqitywa konke okuya kutya. Ndisele
ijuice ndatya isalad yam. Mna mvundlana. Indlela besixekuzela ngayo isisu sam bendikrokra ukuba
notat'Venus ebesiva kulandawo akuyo.
Ulatho: ”Hayi maan Nokulunga.”
Utshilo ejonge uNokulunga wabe sentlimpinika ekhala. Caba ebekhalela phantsi njengoba
eqhashumbisiswa nguUlatho ngoku, ngokumthulisa.
Usukumile efundekelisa isitulo wankcunkca ukuphuma.
Kujongwe kuSimba wabe ezibambe intloko. Esinye isandla besisesethangeni lam waqinisa ukundibamba.
Bisola: ”Hamb'omjonga.”
Uphefumlile wasukuma wahamba elandela emveni kwakhe. Kushiyeke kuthulekile. Bendingayazi nokuba
ndithini ngesiqu sam, ndijikelezisa ukutya kwam ndingafuni kujonga mntu. Kuba bendiqinisekile ukuba
bendawufumana onke amehlo ejonge kum.
Bisola: ”Unangaphi Aneni? UnguAneni, abi?”
Nomtha: ”Ehe. Ndina twenty two.”
119
Ulatho: ”Uthe twenty two?! Shuuu awabimncinci. Uxakwe yintoni wangena isithembu umncinci
kangaka?”
Mluleki: ”Hayi Ulatho.”
Ulatho: ”Hayi ndiyabuza. Awekho mhlawumbi amakhwekwe alingana naye angatshatanga?! Naba
noBukhosi ukuba ufuna umntu omdadlana uthathe bona.”
Mluleki: ”Ulatho.”
Venus: ”Ungumntwana kabani?”
Ndifinge intshiya.
Nomtha: ”Ndingu mntwana kaSamora Tongai.”
Unqwale kancinci endiqwalasele ebusweni.
Bisola: ”Samora Tongai?”
Mluleki: ”Ewe mama. Ulatho khawuyojonga umntwana sthandwa sam.”
Ulatho: ”Ayinoba sevukile umntwana, usandolala.”
Mluleki: ”Sapha, hamb'ojonga umntwana.”
Umfingele intshiya wamikisa ngomntwana wahamba. Ndikutyhalele kude le ukutya kuba
bekungasangeni futhi ndingaboni kuzophinde kungene. Bendise ndaphelelwa ngumdla ngoku.
Kungene uSimba etshincekile. Ebetsintshe apha ebusweni uzuqonde engathi usele imagi yeholsum
yonke.
Uzochopha ecaleni kwam waphefumlela phazulu. Utata wakhe ebemjonge ngeliso elibi. Ukuba
ebeyiqaphele lonto uSimba akakhange ayinanze. Usele amanzi wandikrwaqula kancinci.
Simba: ”Askies.”
Nomtha: ”Akhongxaki.”
Simba: ”Awukutyanga nokukutya kwakho.”
Nomtha: ”Akungeni.”
Uphindisele isandla sakhe ethangeni lam wandinyusa ilokhwe endibamba umva wedolo ephulula.
Kuphume uNokulunga noUlatho belandelelana. Ayindiphosanga indlela ebendijonge kakubi ngayo
uUlatho! Bendiyiqonda kuba uthembeke kuNokulunga, ebengandazi mna. UNokulunga naye bengosisi
ngokomtshato, beneminyaka besazana.
Bazochopha phantsi bobabini.
Nokulunga: ”Ndiyaxolisa.”
Bisola: ”Akho ngxaki mntwanam.”
Nokulunga: ”Ndiyabulela mama.”
Ukhuphe umoya wafixiza ezibhebhetha ubuso. Ndibone uSimba emgxelesha.
120
Venus: ”Uphambene Simba?!”
Simba: ”Sir?”
Venus: ”Uphilile kakuhle na apha entloko?!”
Uke wamjonga utatakhe engaphenduli. Ebefana nonyana wakhe ngokusuka kuzero ukutsho ku eighty
ngokuphanyaza kweliso. Ebesisifu ngumsinto ebethe netafile kwangcangcazela ijolof rice. Bejongane
ibingathi ngunyaka utat'uVenus ede efutha. Ebezole okungathi ufile uSimba wandibamba isandla ngoku.
Kwangaphantsi kwetafile.
Simba: ”Ndiphile kakuhle.”
Venus: ”Andiqondi. Izinto ozenzayo zizinto zomntu ongenanto ebuchopheni Simba. Zizinto zomntu
ongaqiqanga apha entloko. Ayizonto zokuphila!”
Bisola: ”Uzozimisela ngentliziyo takaMluleki. Yehlisa umoya.”
Venus: ”Zizinto zokubhadla ezi uzenzayo Simba?! ZIZINTO ZOKUBHADLA EZI?!”
Mluleki: ”Tata!”
Bisola: ”Hayi khawuthethe naye Mluleki.”
Venus: ”ZIZINTO ZOKUBHADLA?!”
Mluleki: ”Tata.”
Bisola: ”Venus! Make you no vex me, abeg. Abeg.” ungandenzi umsindo.
Uphefumlile utat'uVenus wazosula ubuso.
Uyihleke kancinci uSimba woyama ngesitulo esajonge kutatakhe.
Venus: ”Usahleka?! Iyahlekisa lento uyenzayo? Uyibona ihlekisa wena? Huh? Simba- Simba! Simba!”
Mluleki: ”Tata yehlisa umoya. Akuzunceda nto ukuba umelwe yintliziyo ufele apha. Thoba umoya
mhlekazi.”
Venus: ”USimba akazutshata nalomntwana. Akukho mtshato namlobolo uzokwenzeka apha! Kunzima
ukuza apha endlini uhlale nam phantsi indixelele yonke into kuba uyayazi ndizokwala. Uthatha izigqibo
eziphambeneyo apha uchitha umtshato wakho weminyaka, uchitha usapho lwakho ngomtwa- uchitha
umzi wakho! Uvula itoti yezibungu?!”
Simba: ”Akukho mzi wam ndiwuchithayo tata. Akukho mzi ndiwuchithayo kuba andinamzi. Umzi wam
sewuchitheke kakade so ndizama ukwakha lonto noNomtha.”
Venus: ”Ngomphi lomzi uchithekileyo? Nanku uNokulunga ebelila ubusuku bonke izolo njengoba
esaxhwaleke nanamhlanje- ngenxa yesigqibo sakho!”
Simba: ”Akho mzi wam uwukhathaleleyo tata qha wena utyiwa sisazela sokuba ujongane n-”
Mluleki: ”Shut it Simba. Ngaphambili kokuba uthethe into ozozisola ngayo.”
121
Simba: ”Into endizoyenza kukutshata. Kuba umtshato wam noNokulunga wafa kudala. Umama uyazi
ekulandawo ukuba bendinga sonwabanga emzinam, noxa engasazi isizathu kodwa uyayazi ukuba
umtshato wam kudala waphela. Mna noNokulunga sayeka kdala ukuba ngabalingane. Three years ago
yafa yonke into bendiyiva entliziyweni yam for uNokulunga. Ndahlala naye kuba sisuka kude kwaye
akafuni ukuba umamakhe athi usisahluleki ngokubuyela kowabo. Noxa ndisithi ndizomshiya nomzi
akafuma. Kwakhona I sacrificed my freedom and happiness ndibuyela kulandlu. Three years singazani
njengomfazi nendoda noNokulunga. Sizi strangers. Ndithathe isigqibo sokuba ndithathe umfazi
ndingagugi ndodwa, ndingabi miserable and bitter ubomi bam bonke uzondixelela ukuba ndophula umzi
wam?! Akhonto uyaziyo ngengxaki zomzi wam! NguMluleki qha ondaziyo, yilonto elwile kodwa
wasamnkela isigqibo sam kuba uyayazi. Uzondixelela ukuba andinangqondo ngokuse ndifune into onayo
nomama? Ndihlale kulomkhenkce womtshato obubuxoki. Ndiphila ubuxoki iminyaka emingaka?!”
Venus: ”Nyana andina ngxaki mna nokuba ufune ukuthatha umfazi wesibini. Ukuba uNokulunga nawe
nifike kwesosigqibo akukho apho ndizolandula khona. Ikons itshisa wena Madiba. Kodwa hayi
lomntwana. Tshata noba ngubani kodwa hayi lomntwana. Uyabona leyo ayisoze yenzeke ndisaphila.
Anisoze nizifumane intsikelelo zam!”
Bisola: ”Venus ...”
Venus: ”Hayi Lizzy. Uyazi kulandawo ahleli kuyo uSimba ukuba ndimlwela ntoni. Uyayazi ukuba kutheni
ndingeke ndimnike intsikelelo zam.”
Bisola: ”Awusoze umkhethele umntu emakathandane naye. Intliziyo iyazenzela oko.”
Venus: ”Ukuba izomlahlekisa lontliziyo yakhe makayikhuphe okanye aze ndimkhuphele yona mna
ngalomzuzu.”
Mluleki: ”Tata ndicinga ukuba uSimba uyicingisisile yonke into ngaphambili kokuba athath-”
Venus: ”Mluleki cebisa into eyiyo emntwaneni. Umdala ungaka, cebisa into eright. Ungavumi lonto
ngenxa yokuba. Nyaniseka. Uyayazi nawe ukuba ayikho lento yenziwa nguSimba. Klaar!”
Bisola: ”Kungoba emncinci?”
Simba: ”Ayiyo lonto mama qha umyeni wakho unengxaki noNomtha.”
Bisola: ”Xa emazelaphi?”
Simba: ”Mbuze. Usose umbuza ukuba ingxaki yakhe indichaphazela njani mna.”
Venus: ”Young man!”
Bisola: ”Ukhona umntu ozondixelela ukuba kwenzeka ntoni apha? Kuba kucacile ukuba ikhona into
eniyazi nodwa kuletafile.”
Mluleki: ”Akhonto-”
Bisola: ”Simba?”
Simba: ”Buza kutata.”
Venus: ”Awuzuhamba apha ndinga kukhabanga.”
Mluleki: ”Ndicinga ukuba sehliseni imisindo sizothatha kaluhle.”
122
Venus: ”Ndifuna ukwazi isizathu mna Simba.”
Simba: ”Kuba ndiyamkhathalela. Ndifuna ukumnika usapho angenalo. Ndifuna ukumkhusela kubantu
abafana noEfe. Kuba akanaye umntu ozomkhusela. Akanatata, akanamama. Uyedwa. Ndimtyala oko.
Ndimtyala okuninzi kodwa koku endingakwazi ukumnika kona. Unezicelo nezinto azilindele kum,
ndimtyala ukuba ndibe zezozinto kuye. Ndiyayazi futhi ukuba ndizomthanda kakhulu"
Venus: ”Uqinisekile ukuba zizizathu zakho ezo nyani?”
Simba: ”Believe it or not andenzeli wena. Ndenzela mna. Indawo engangeyam.”
Venus: ”Kwakunyazelekile.”
Simba: ”Njengoba kunyanzelekile nangoku.”
Venus: ”Akunyanzelekanga. Qha senza impazamo yokuba singazigqibi-”
Simba: ”Kwakunga nyanzelekanga.”
Venus: ”Simba, khulula. Khulula yonke into uyamnkele ngokuba kwakufanele ibenjalo.”
Simba: ”Nandihambela ngaphambili.”
Venus: ”Kuba sasibona ukuba sawulinda ukuza kukanxele.”
Simba: ”Ndinike intsikelelo zakho nditshate uNomtha.”
Venus: ”Andisoze ndamamnkela njengomolokazana walapha kwaDlomo nyana. Andihlali nenyoka mna.
Ingqab-”
Simba: ”Sir, umthathi uyawuzala umlotha.”
Venus: ”Simba, ndithi umolokazana wam nguNokulunga qha. Onondatshaza, nonopatazane obarhugula
eHillbrow bethengisela amagweja kweza flats zidilikayo zimdaka abasoze babe part of usapho lwam.
Susirhugulela inkukhuma uzocela sikuxhase ngobobubhanxa. Simba, ungafumana nayiphi na intokazi
oyifunayo ukuphuma kwakho kulomnyango ukuba umtshato wakho udinga omnye umzi kodwa suharika
nantoni na uyizise emzini wam. Suzisa amathole amagqwirwa kwam. Inyoka zihlala ezoo hayi kowam
umzi. Ezam intsikelelo nenkxaso ndizozinika umntu okufaneleyo hayi nje noba ngubani. Hayi umntwan-
hayi Simba. Okwakho nje kukuba ube yindoda ugqibe umsebenz-”
Simba: ”NDIGQIBE UMSEBENZI?!”
Mluleki: ”Simba!”
Simba: ”NDIGQIBE UMS- hehehe!”
Bisola: ”Venus yintoni ingxaki ngawe uthetha ngoluhlob-”
Simba: ”Kulingile mama yiyeke. Akukho ngxaki kum. Ukuba utata ufuna kube ngoluhlobo andinangxaki
mna. Andinangxaki nentsikelelo. Ukuba kunyanzelekile ndizolikwaya ikhaya. Ndizonincama. Kuba
ukutshata ndizotshata. Otamnci bazondinceda ngento yonke ndiphume kuni. Ukusukela namhlanje
ndiyazi ukuba andinabazal-”
Venus: ”Uncama usapho lwakho nge- nge! Siyakuzala damnit! Awulizeli ngomva isapho nangeliphi na
ixesha. SIYAKUZALA! uzawusikwaya? Ngenxa yonondatsha-”
123
Simba: ”Ndiyalikwaya kuba ndizomenza umfazi lonondatshaza.”
Venus: ”Ndifile.”
Simba: ”Singayilungisa ngoku lonto.”
Bisola: ”Simba! Abeg comot! Khawuhambe uyobethwa ngumoya emzinakho mntwanam
ndingekakubuyiseli apho wawuvela khona ngalomzuzu kuba awuzugrogrisa utata wakho ndikhona.
Ndakukubulala ndenze icurry ngawe ndikutye.”
Usukumile uSimba.
Simba: ”Nisale kakuhle. Masambe Nomtha.”
Nokulunga: ”Tata kaMalik!”
Simba: ”Masambe.”
Ndisukumile ndiqhwanya qhwanyaza. Bebekhala bobabini utata nomama bakaSimba. Ezam
bendizibambe ngenkophe. Bendizele uyandiva ukuba ndithini? Ndibhidekile. Ndixhelekile. Ndibindekile.
Ibingathi kukho into endihleli apha esifubeni eyenza kubenzima ukuba ndiphefumle. Undibambile
uSimba ndixhomekeke kumandla akhe kuba bekungasebenzi namadolo la. Egevezela.
Mluleki: ”Simba ...”
Simba: ”Khawuyeke bru. Khawuyeke.”
Mluleki: ”Ndizokufounela.”
Simba: ”Okay.”
Mluleki: ”Ndiyak'thanda.”
Simba: ”Goodnight mama.”
Bisola: ”Simba, ubuye.”
Simba: ”Ndizohlala ndikuthanda.”
Bisola: ”Simba.”
Simba: ”Uzinakekele.”
Bisola: ”Uzoza apha ngomso Simba. Uzoza njengoba ubuqhele ukuza.”
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
Bisola: ”Ayingo bye bye lo. Please my son, don't kill me with heart attack. ”
Simba: ”Ndizokubona mama.”
Bisola: ”Uzondibona apha endlini. Ngomso uzobuya apha suzophunga ikofu kunye sana lam.”
Uphuze umamakhe ibunzi wandikhokhelela emnyango saphuma. Siyongena emotweni wangena kwicala
lakhe wathoba kwisteeeing wheel ixesha elide. Uvule ucango waphindela ngaphakathi endlini ehamba
ngesantya. Ndive amazwi. Utat'Venus. USimba. UMluleki. Bakhwazene nomam'uBisola engxola nabo
evakala ekhala. Uphinde waphuma ihempe seyivuleke wonke amaqhosa waqhuba imoto ...
124
THIRTEEN
Singene silandelelana endlini ndakhulula izihlangu zam ndazishiya apho. Ndiyokhupha amanzi efrijini
ndasela ndizama ukuthoba esisigaqa besisemqaleni wam. Bendingcangcazela. Izandla zam
zongcangcazela. Utsixile uSimba wama ngasemnyango endijongile.
Ndisele amanzi ndagqiba ndahamba ndisiya ekamireni. Undimbambe ngengalo ndisagqitha kuye
ndamjonga ebusweni ndilindele lento ebefuna ukuyithetha kodwa undibuke nje akathetha nto.
Nomtha: ”Simba, utatakho uyamazi uSamora? Niyamazi uSamora?”
Simba: ”Nomtha ...”
Nomtha: ”Ibingantoni yonke lanto? Ndiyinyoka? Ndilithole legqwirha? Unopatazane. Unondatshaza
inkukhuma?! Mna?”
Simba: ”Nomtha ...”
Nomtha: ”Yintoni ayaziyo ngoSamora utatakho? Kuba yonke lento yakhe yokuba nengxaki nam ivele
emveni kokuba ndibaxelele ukuba ndingumntwana kaTongai. Ndiyayazi niyamazi utata, nawe lo and
inkulu into. Kwalento utatakho asuke andithiye, andiyuce kungoba uyamazi utatam and ndifela izono
zakhe!”
Simba: ”Mhlawumbi utata uyamazi-”
Nomtha: ”Nawe!”
Simba: ”Andimazi mna utatakho Nomtha.”
Nomtha: ”Uyamazi Simba. Nonke nobhuti wakho niyamazi.”
Simba: ”Andimazi mna utatakho. Ukuba utata okanye uMluleki uyamazi andimazi mna. Neyokuba utata
ebekuthuka ngenxa yokuba umxelele ngegama likatata wakho ndiyiva ngawe mna. Ndimnke kulatafile
kuright.”
Nomtha: ”Ucinga ukuba kutheni endithuka ke ukuba ayinanto enokwenza noSamora? Angandithukelani
ngokubayinyoka engandazi? Ndibe yinyoka ngowuphi umzuzu?”
Simba: ”Kuba engafuni ndik'tshate.”
Nomtha: ”Isizathu kaloku sokungafuni unditshate siyintoni? Kuba uyibeke yacaca ukuba akanangxaki
nokuba uthathe umfazi wesibini, ingxaki kukuba ndim lomfazi wesibini. Lenkukhuma indim yiyo
engamnkelekanga emzini wakhe. Mna! Ungatshana noba ngubani kodwa hayi mna. So kucacile ukuba
ingxaki yakhe ndim!”
Simba: ”Andiyazi mna lonto. Into andiyaziyo kukuba ndithe ndifuna ukukulobola and yinto endizoyenza
lonto.”
Nomtha: ”This is too much. Ndiyabhanxwa apha. Wena nobhut'Mluleki notat'uVenus nazi into
ngotatam. Andiphambani.”
Simba: ”Anditshongo ukuba uyaphambana.”
Nomtha: ”Niyamazi uSamora.”
Simba: ”Mna andimazi.”
125
Nomtha: ”Uyamazi Simba, uyamazi.”
Simba: ”Andimazi mna utatakho Nomtha. Ndiyakuxelela ukuba andimazi. Mhlawumbi utata uyamazi,
mhlawumbi uMluleki uyamazi kodwa akhonto indidibanisa nabo mna.”
Nomtha: ”Nikwi business enye Simba akuno kwenzeka ukuba ungamazi umntu okucaca ukuba uthiywe
kangaka ngutata wakho. Sundenza igeza! Sundenza uthonqo.”
Simba: ”Utata usondelene kakhulu noMluleki kuba uthathe isihlalo sakhe kwibusiness and ngunyana
wakhe wokuqala. Mna ndiphendula kuMluleki. So kunezinto endingazuzazi abazazi bobabini and
mhlawumbi uSamora ngomnye wezozinto ke ukuba bayamazi.”
Nomtha: ”You are insulting my intelligence.”
Simba: ”Ndikuxelela inyaniso yam mna. Andiyazi ukuba uthi I'm insulting your intelligence ngokuse
kuthini.”
Nomtha: ”Andiyikholelwa ukuba awunomazi uSamora. Andiyikholelwa tu. Intetho yakho noba indeqile
na and andikwazi ukudibanisa kakuhle niyamazi utata wam. Into endingayaziyo nendinga yiqondiyo
kukuba udityaniswa yintoni nabantu abafana nani.”
Undikhulule ingalo wabuya umva kancinci endincinele amehlo.
Simba: ”Abantu abafa- abantu abafana nathi? What the hell do you mean xa usithi abantu abafana
nathi?”
Nomtha: ”Nditsho lonto kanye, abantu abafana nani.”
Simba: ”Kungoba singabantu abanjani thina?”
Nomtha: ”Ifraudsters. Idrug dealers!”
Simba: ”Uhlike kwelohashi ukulo kwakusasa sisi kuba lawuphala likuwisele phantsi. Awuzusinyusela
impumlo apha uzenze bhetele kuba ukuba utatakho unento emdibanise noVenus then naye ungabantu
abafana nathi. Andicingi ukuba babedityaniswa kukuncokola ngetea negolf notata. Either bubo ubufraud
obu, zizibhamu okanye idrugs. One way or the other ufana nathi kwayena qha swumazi wena.”
Nomtha: ”Utata wam ebengasoze abenento emdibanisa nedrug dealers. Ebeyindoda enyanisekileyo,
indoda engenzi izinto eziphume ecaleni. Ebengabulali bantu okanye athumele mntu ayobulala umntu.
Ukuba ebenento enokwenza notatakho kungoba utsalwe ngezixhanti wamfaka. Akangenanga kuzo
ngentando yakhe.”
Simba: ”You are so naive it's not even funny. Kuzobangcono ukuba uyamnkele into yokuba udaddy
dearest akanguye lomntu ubucinga ukuba nguye and yes ndizizo zonke ezozinto and I'm not apologetic
ngalonto. Ndikwishishini apha, andikhathali ukuba imali ndiyenza ngaluphi na uhlobo into
endiyikhathaleleyo yimali. I will call a hit and ndingabulala nomntu ngoku kwam. Ndithengisa izibhamu
ezibulala abantu kwimpi. Ndiyilondoda. Into endingazange ndiyenze ebomini bam kukuzenza umntu
endingenguye. I own my shit mna nana. Andizange ndizenze indoda elunguleyo kuba andiyiyo.”
Nomtha: ”Utatam yindoda elungileyo. Ebengenathambo ligwenxa emzimbeni wakhe. Ebelungile
utatam.”
Simba: ”Akhomntu othe ebengalunganga utata wakho Nomtha. Akakho tu. Nam ndilungile ebantwaneni
bam, ndilungile kuNokulunga. Naku ndihleli naye ithree year emveni kokuba ndifumanise ukuba
126
ndikhulisa umntwana wenye indoda, andamdubula ngeloxesha. Andilunganga ngokupheleleyo so ikhona
i1% elunguleyo kum. Utatakho inoba ibingaphezuku eyakhe kodwa akuthethi ukuba ebengenoba
sisikelem azane nedruglords ezingoVenus noMluleki.”
Nomtha: ”Ebene business. Legitimate business. Besithandaza qho xa silala. Qho ngeCawa sisecaweni.
Esendlini qho ebusuku andifake ezingubeni andiculele. Esenza yonke into ngokwencwadi. Ebesithanda
...”
Nditshilo ndizama ukuzixolisa. Ndizama ukuziqhatha. Bendizibambe ngenkophe inyembezi. Noxa
bendingafuni ukukholwa ukuba utatam bendingamazi bekunyanzelekile ngoku kuba inyaniso ibindijonge
emehlweni. Ebengutata olungileyo onyanisekileyo kuthi, ozinikeleyo kusapho lwakho kodwa
bendingamazi. Bendisazi lomntu amvezayo kuthi. Kukho lo amfihlayo. Lo umsebenzisana namagintsa
ukucoca imali yegazi.
Ndayiqonda lonto ngalamini kwakuthathwa imoto nezindlu zasekhaya ngenxa yefraud. Ngulo
wayesebenza imini yonke kodwa kungekho nto ibonisayo ngoku. Umntu ubungenomazi. Ndigqibe ngelo.
Awunoqiniseka ngaye kuba ekugqibeleni uzokuphoxa. Ngoku bendiqinisekile ngaphandle
kwamathandabuzo ukuba ebephila idouble life.
Ingaba ngutata kaSimba lo umbuleleyo? Ubabuleleyo. Okanye bekukho nezinye izikrelemnqa
ebesebenzisana nazo kobubuqhophololo ebebenza? Kuba bekucace gca okwekati emhlophe ehlungwini
ukuba uSamora ebe ngomnye wabo. Xa ndisithi wabo bendithetha ngooSimba nootata wakhe. NoEfe
nooSgebengu bakhe. Ebeyigusha eyombhethe ifele legusha. Wabulalisa abantu abamsulwa. Nam
ngendifele phaya ukuba. Noba ebeyintoni umama bekunga fanelanga ukuba ufele izono zikatata.
Bekungafanelanga ukuba uLumumba ufele ubuqhophololo bukatata. Bendimthanda ngentliziyo
nomphefumlo wam wonke kodwa ngebebulele yena a kuba kuyacaca ukuba nguye umntu bebemfuna.
Andiyazi ndifike njani phantsi kodwa bendichophe dekre kwitiles zakwelakhitshi ndizama ukuphefumla.
Bendingakwazi. Intliziyo yam ibiqaqamba. Ibibuhlungu. Ndisothule isikhalo nangaxesha nye ndizama
ukuphefumla.
Ibingubani utatam? Bebebulewe ngubani ebabulalela ntoni? Bekuqhubeka ntoni? Yintoni le bendizifake
kuyo?
Nomtha: ”Tshata umntu ofunwa ngutatakho. Andizukwazi ukuyenza lento mna.”
Nditsho ngaphakathi kwesingqala bendinaso. Andiyazi bendisakwazi njani ukuthetha kuba
bendiyinyhididi.
Uhleli ecaleni kwam uSimba wandiwolela kuye endiphuza intloko.
Nomtha: ”Andisafuni mtshato nawe ngoku. Ndizobaleka. Awusoze uphinde undibone. Utatakho akasoze
aphinde andibone. Ndizoya kude.”
Simba: ”Awuyi ndawo. Ufune ukuba ndikuhoye, ndikukhusele. Ndikuphe ifamily kwaye yinto
endizoyenza leyo.”
Nomtha: ”Andifuni mna. Andisayifuni yonke lonto.”
Simba: ”Nomtha akukho ukubuya ngamva ngoku princess. Akusekho ukubuya ngamva. Ndiyayiqonda
ukuba-”
127
Nomtha: ”Akhonto uyiqondayo Simba. Andifuni ukudealer nefamily yakho okanye nawe mna.
Andisafuni. Utatakho akandifuni, ngokucacileyo and kunokwenzeka ukuba nguye obulele utata wam so
ndizoyithatha njani ifani yomntu obulele utata wam? Ndizoba ngumntu onjeni otshata unyana womntu
othiya utata wam ngobomi bakhe bonke. Othiya mna.”
Simba: ”Uzokwazi kakuhle nje. Akhonto ezokudibanisa notata.”
Nomtha: ”Andifuni ukutshatela apha mna. Andifuni into endidibanisa nani Simba. Ningababulali.”
Simba: ”Nomtha, uyazi ungekavumi ukunditshata ukuba ndingumbulali.”
Nomtha: ”Nibulele utata wam!”
Simba: ”Andibulelanga tata wakho mna.”
Nomtha: ”Nimbulele!”
Simba: ”Nomtha ...”
Ndisukumile.
Nomtha: ”Yiz'othatha ingubo zakho sesikhona ispace phezulu kwebhedi. Ndifuna ukulala mna.”
Nditsho ndizosula ubuso ndamshiya apho ndayongena ekamireni. Ndikungise ibhedi ndakhulula
ndingena ezingubeni. Andikhangelanga nezompahla zokulala, bendinxibe ipanty nje kuphela.
Ndizigqumile ndikhalela ngaphantsi kwengubo. Bendicinga zonke ezazithuko zikatata kaSimba.
Ngekubhetele ukuba bendive ngondiva. Kodwa ukuba andithuke ngazo ebusweni bam ngaphambili
kwawo wonke lamntu. Inkukhuma mna? Bendiyazi ukuba bendilali noAyo kwaye bendisaqhubeka
ukulala ngenxa yomsebenzi kwaye abanye abantu bangavuma ukuba ngenene ndinguye unondatshaza
kodwa bekubuhlungu ukuthukwa ngesosithuko. Ngakumbi ngumntu omdala. Fine mandibe lithole
legqwirha. Kulungile noba angathi ndiyinyoka kodwa inkukhuma? Mna inkukhuma yonke!
Hayibo! Hayibo!
Kuvuleke ucango andeva footsteps zakhe. Ndive setyhila ingubo ndayiqinisa kodwa wandityhila.
Uphinde wayinyusa kancinci akubona ukuba andinxibanga ngentla. Uginye ingwiqi wandijonga
ebusweni.
Simba: ”Ndiyaxolisa ngezithuko akuthuke ngazo utata. Ndizoqinisekisa ukuba awuphinde unyamezela
into enjengaleya kwakhona.”
Nomtha: ”Uzoqinisekisa ngokuba undincede ngemali ndihambe apha. Noba ayininzanga kakhulu
okokuba ndifumane noba yibhasi, noba ndiye kweliphi icala. Ndingaya naseKapa okanye
komaMpumalanga. Simba andizukwazi ukuqhubeka nalomtshato utata wakho endithiye kangaka.
Kuzochaphazeleka umama wakho okuthandayo kuba uzozisudusa kubo ngenxa yam.”
Simba: ”Leyo yinto endingasoze ndivume ukuba yenzeke. Njengoba ubuthatha isigqibo sokuba uzotshata
nam ngenxa yezizathu zakho akuka bikho nto itshintshileyo. Nangaphandle koko andisoze ndikuyeke uye
God knows where ungena plan. Ngoluhlobo besihlele ukuba sawukwenza ngalo, sawukwenza ngalo.
Ndizokunika yonke into oyidingayo, ndibe yonke into oyidingayo. Wena uzoba ngumfazi wam, xa kufike
ixesha sizame abantwana. Into engewuzikhathaza ngayo kukufuna isikolo qha wena. Sizolungisa nezonto
zamalobolo kuba sawukwenza njani ngazo. Kulenyanga izayo uyonxiba ekhayeni. Eyama Kapa yona
uyilibale kuba awuyi ndawo. Ukungakuthandi kukatata akukuchaphazeli zigqibo zethu. Yingxaki yakhe
128
azobona ukuba uyilungisa njani yena. Ukumbona umama ndizombona nangayiphi na indlela kodwa into
engazukwenzeka kukuba athi jump ndithi how high. Lonto ayisoze yenzeke. Ndizolala kula kamire.
Goodnight.”
Ndivale umlomo wam ndaphethuka ndijonga kweminye icala ndizigquma kwakhona. Uphinde
wandityhila endiphuza isidlele. Uvale ucango waphuma. Andiyazi ukuba ingqondo ikwazi njani ukuzola
ngokwaneleyo ukuba ude ufumane ubuthongo ngexesha nye ibe iphithene zizinto ezininzi. Ndivuke
kusasa ndibuva ubuso bam ukuba budumbile. Amehlo phofu. Umzimba udiniwe ungafuni kwanto.
Ndiphinde ndizigquma kwakhona ndalala ubuthongo. Ndothuke sekukhanya ngaphandle ndazincama
ndivuka kuba bendilambe ndisifa. Ndinxibe igown ndayopura ubuso ndixukuxa. Ndizijonge esipilini
ithuba elide ndaphumla ndaphuma. Bekuthe nkcwee endlini ingathi ndim ndodwa umntu okulendlu.
Ndingene ekhitshini ndothuka ukubona Sylvester echophe esofeni ebukele itivi. Ubhekile akundinona
wandincumela kancinci. Ndibe namanwele nje umzimba wam wonke. Bendingamthembi lomntu,
ndingamva. Andiyazi ukuba ebefuna ntoni apha.
Sylvester: ”Boss lady.”
Nomtha: ”Uphi uSimba?”
Sylvester: ”Kzn.”
Nomtha: ”Huh?”
Sylvester: ”Uboss useKzn. Ushiye mna ukuba ndikujonge ade abuye.”
Andijonge okanye andigade. Bendiba kuthiwe andikho setrongweni nje. Bekutheni ndane warder
kengoku? Bekutheni ndaziva okungathi ndinamaketanga. Okungathi ndingaphaya kwezisele?
Ndinqwale nje ndayobeka amanzi ekofu. Ndiwalinde abile ngokuqaba isonka ndayongena ekamireni
ndatsixa. Ndityele khona, ndahlamba ndaphindela ezingubeni.
Sylvester: ”Nomtha!”
Ndothuswe lilizwi lakhe ndisekude nobuthongo. Ndizolulile ndizamla yonke lonto.
Sylvester: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Huh?!”
Sylvester: ”Ndicela uvele. Kukho umntu ofuna ukuthetha nawe.”
Namu? Huh? Inoba ibingubani lowo. Ndicinge ukuba mhlawumbi ngomnye webrothers zikaSimba.
Okanye ngubhut'Mluleki okanye uMkhuseli. Mhlawumbi nguBukhosi azondixelelisa kuba
ebengekathethi nto yena yedwa ngobudlelwane bam nobhuti wakhe. Bendiyazi ukuba uzoba nento
yokuthetha endingazuku yonwabela kwayena kuba watsho esaqala ukundobona ukuba akandithandi.
Ezinkonkxeni.
Nomtha: ”Ndiyeza.”
Ndiyopura ubuso ndaphuma. Bendilele ndinxibe icycle short nesikipa so akhange ndibe ndikhangela into
yokunxiba. Ndiphume engasekho emnyango ndaya elounge. Ndixinge kulandawo bendikuyo ndancina
amehlo am.
129
Nokulunga: ”Sishiye Sylvester.”
Sylvester: ”Askies ma'am kodwa andizukwazi ukukushiya naye. Ifavour yam iphelela apha.
Bekungafanelanga nokuba ulapha kuba akhange atsho nto ngokuza apha umlungu.”
Nokulunga: ”Sylvester uNomtha ngumfazi wesibini womyeni wam, ukuba ubungayazi lonto uyayazi
ngoku. Andidingi mvume ukuba ndizobona umom'omncinci wabantwana bam. Andiqondi futhi ukuba
umyeni wam uzawukuyonqabela into yokuba undiyuse undehlisa ngobukho bam apha. Andiqondi ukuba
ndidinga ukukukhumbuza ukuba ndingubani apha. Ndingu boss kuwe, andiphenduli kuwe. Yazi indawo
yakho kule food chain ungaziboni ulahlekelwa ngumsebenzi okanye umyeni wam edeala nawe.
Khawizinqabise ndithethe nomomnci wabantwana bam.”
Sylvester: ”Ndithatha iorders kusikhulu ma'am and njengoba benditshilo ukuba ufuna ukuthetha noboss
lady uzokwenjenjalo ndikhona. Ngaphandle kokuba uboss undinike ired light.”
Utsho wabeka iqatha ngaphezulu kwedolo wanyusa volume. Ebebukele iNBA. Umjamele uNokulunga
okungathi angamqhwaba ngempama. Lamplastarisho wendoda yakhe. Usongele izandla zakhe esifubeni
wajonga kum. Ebenxibe all black. Ingathi ngumhlolokazi. Mhlawumbi ebenguye, ebezilele utshato wakhe
ofileyo. Ebenxibe ilokhwe emnyama nehat enkulu emnyama. Umlomo ubomvu krwe.
Nokulunga: ”Ndizothetha nawe woman to woman. Kwalento yokuba unqike imilenzana yakho uyinqikele
indoda elingana notata wakho kucace gca ukuba awusenguye umntwana koko ungumfazi omdala.”
Nomtha: ”Nangaphandle kokunqikela uSimba imilenze andinguye umntwana. Ndingumfazi omdala
kakade.”
Undincinele amehlo wasondela kancinci ngakum. Umkrwaqule uSylvester waphindela etivini.
Nokulunga: ”Ndiyabona ukuba uze ngento enye nenye qha kumyeni wam. Kwaye ke ndizokunika lonto
mna ukuze uphume uphele emtshatweni wethu. Uhambe uyofumana intanga zakho kuba sthandwa sam
you will be miserable kulomtshato wakho. Akakho umntu ozokucacela ngaphandle kukaSimba kuba
uyakutya yena. Uzoba ngumfazana wale two room nyana, uphelele apha. Njengoba utata engakufuni nje
kwaye uvule ithanda phakathi kwabo uyawuba nezothe ubomi bakho bonke kule family. So ke kubhetele
uphume kwangoku nesidima sakho. Uyofumana enye indoda enemali nencanca enkulu. I'm sure intlanga
zakho zikhona and ndiva kusithiwa baphethe abobantu, baleka uyokhangela umthombo wemali khona.”
Ndiginye ingwiqi. Everyday bendizibona ndiqheleka.
Nomtha: ”Yintoni le othi uzondinika yona ukuze ndiphume emtshatweni wakho nendoda yakho?”
Ebengawulindelanga umbuzo wam wake waqhala amehlo. Yena noSylvester. Ebengasajonganga tivi
ngoku, ejonge thina. Mna phofu. Uthinte umqala uNokulunga wakrwaqula uSylvester naye.
Nokulunga: ”Imali. Andithi ufuna imali?”
Nomtha: ”Imalini?”
Sylvester: ”Ma'am ndicinga ukuba kubhetele uhambe. Andikuvulelanga apha ukuba uzokwenza lento
uyenzayo.”
Nokulunga: ”Twenty five thousand. Ndiqinisekile izokugcine ixesha elaneleyo ude ufumane omnye
utamkhulu osezofa.
Nomtha: ”Ndizoyifumana njani?”
130
Nokulunga: ”Andidlali apha ntombazana!”
Nomtha: ”Ndizoyifumana njani?”
Nokulunga: ”Ndinike iaccount number yakho ndizokufakela khona.”
Nomtha: ”Ndiphume kanjani kengoku apha?”
Nokulunga: ”Ngalendlela ubungene ngayo mhlawumbi. Andizukwenzela yonke into kaloku nawe
khawusebenzise ingqondo uphume apha qha into endiyifunayo. Ina faka le account apha. Mhlawumbi
ndingafaka ne extra uzokwazi ukuzothengela ichampaign ucelebrate kuba ndikusindisile ekugqibeleni.
Hayi kwifemeli qha kodwa nakuSimba. Uzondibulela ngenye imini.”
Ndithathe iphone yakhe ndayobhala ndamnika. Uyiqwalasele wanqwala.
Nokulunga: ”Uthathe isigqibo esiroght nono. Ndikuxelele into enye ngoSimba, uyazifela ngam.
Wandityumba kwabaninzi mariri wakhetha mna. Ndimxhasa leminyaka, ndilapha ecaleni kwakhe.
Ndamzalela oonyana abathathu bonke. Nantoni na akuxelele yona ngonyana wam omncinci nesizathu
sokuba akufune wena libala nono. Kuba noba kunjalo ndim lo ndisesemzini wethu. Ndisengumfazi kuye,
ndisalala kwimatrimonial bed. Awusoze udlule kwezizinto ndidlule kuzo nalendoda nangenxa yalendoda
wakugqiba uvumele umavukengceni we gold digger yase Hillbrow izokuthathela yonke into. Landoda
osenomsondo nje kodwa iyandithanda. Isandondla, ihoye izidingo zam nezabantwana bethu. Uzawuba
yonto yokuzunywa qha wena kuba ngumsebenzi wakho qha lowo. Intliziyo yona yathatyatywa ndimu lo.
Hamba sanalam. Hamba mhimhi. Ndizoythumela imali. Sylvester ndiyabulela.”
Sylvester: ”Uboss uzoyazi yonke lento. Ungekafiki nasendlini.”
Nokulunga: ”Ukuba uyakwazi okukulungeleyo uzovala umlonyana wakho.”
Sylvester: ”Ukuba ucinga ukuba uzondigrogrisa ngokuba ndandike ndakuzeka ungaqhuba. Into
endiyaziyo kukuba kuzofa mna kuqala kulandele wena. Baleka uyoxela. Kodwa ndiyakuxelela ukuba
uboss uzoyazi lento.”
Ibingathi uzowa phantsi uNokulunga wabambelela ngesofa. Caba enesibindi esingaka nje uyayazi ukuba
uzomgrogrisa.
Nokulunga: ”Ndizoyifaka imali Nomtha. USimba waziwa ndim. Ndizodealer naye mna. Uhambe. Ndicela
undikhuphe Sylvester.”
Unkcukcile ukuphuma eqhwashuzelisa izihlangu.
Nomtha: ”Sylvester.”
Sylvester: ”Boss lady.”
Nomtha: ”Bendicela ifavour.”
Sylvester: ”Andenzelani ifavour nomntu womlungu wam sisana. Ukuba ufuna ifavour kum uzoxelela
uboss, ibenguye uboss oxelelela mna. Ndiyenze ndibaleka lonto.”
Nomtha: ”Ndizokunika ihalf yalemali ndizoyinikwa nguNokulunga.”
Uphelile yintsini.
131
Sylvester: ”Yazi ingxaki yakho yintoni? Wena noNokulunga? Nibukela ifilm too much, nicinge ukuba
nizokwenza ezazinto zaphaya apha. AyoGodfather le! Bubomi bamanyani, and ihalf yaloten thousand
okanye twenty five thousand ayonto kum. Twelve thou five? Ndiyigibisela kwistrippers ngobusuku
obunye lomali. Andina favours zakho mna. Ungumntu kaboss qha. Don't cross the lines. Ndizokuhlopha
nawe undiyeke ndenze umsebenzi wam. Sigqibile mos.”
Nomtha: ”Ndizokunika yonke lemali.”
Sylvester: ”Andizukunceda boss lady.”
Utsho wandishiya apho ndaphefumla. Oko bendiwubambile umphefumlo wam ngoku ndithetha naye.
Ukuba bendingekho desperate bendingasoze ndimcele qha bendi desperate.
Nomtha: ”Bendicela ungamxeleli ke!”
Undijonge nje waphuma endishiya apho. Bendithandaza ukuba angamxeleli. Andincede!
132
FOURTEEN
Ndizive nditsalwa ngemilenze ndothuka ebuthongweni ndibambelela ngengubo ndayokunkuleka nazo
phantsi.
Oko bendikhala ke kuba bendingayazi ukuba kwenzeka ntoni and kumnyama nokuba mnyama
kulekamire.
Nomtha: ”Ugqekezile?”
Ebendigcadisa lo.
Nomtha: ”This is a serious invasion of privacy. Xa nditsixile emnyango kuthetha ukuba andifuni mntu
ongenayo.”
Simba: ”Bendizoyazelaphi ukuba uzitsixele ngaphakathi okanye umnkile washiya utsixile mna?”
Simba: ”Ndazi njani ukuba ukhona? Kuba ndiva kusithiwa une escape plan nomama wabantwan bam. So
ndiba akukho mntu kaloku mna.”
Nomtha: ”Ndiyoxukuxa.”
Ndiqinise imihlathi yam ndaphefumlela ngaphandle. Ugibisele iphone wasondela kum ndabuya umva
kancinci. Bendilumkela nokutyatyekwa ngempama ekuseni kuvukwa mntakabawo.
Utsho esima.
Nomtha: ”Uzondiqhwaba.”
133
Indlela ebeserious ngakhona ndivele ndanesiyezi nje ukucinga impama yakhe.
Simba: ”Ucela ifavours koSylvester ngoku wena? Ubathembisa nangokubanyoba ngemali. Uyayazi
itwenty five thousand ukuba yimalini njengoba sewuphakuzela ukufuna ukuphaphatheka ngenxa
kaNokulunga okunika itshintshi?”
Simba: ”Andifuni kuthiwe ndiyi abuser. Ukuba ndikulekamire omnye umzuzu ndizokhaba umntu.
Ndizama ukuba yindoda engcono kodwa zizilingo left right and center. Ndiyalingwa nje nguwo wonke
umntu. NgoSylvester. NgoNokulunga, ngoNomtha. NgoVenus. Fucking everybody trying me. Kusebaleni
kuni nenza itheko. Kuzothiwa ndiyahlukumeza emveni koko ...”
Ndishiyeke ndiphefumla ndachopha phezulu kwebhedi. Imali ibingenile ebankini yam, ine two thousand
ngaphezulu. Bendiyazi ukuba andizugqitha kuSylvester noba bendithanda ndakhetha ukuzilalela.
Bendisenza izicwangciso ngelaxesha ndilele kulabhedi. Ndicinga indawo okanye idolophu bendizoya
kuyo. Ndifike ndikhangele indawo yokurenta, umsebenzi ndiphole. Ngokucacileyo bendinga
cwangcisanga kakuhle. Bendiyazi futhi ukuba lemali ibizophela mhlawumbi ndingekawufumani
umsebenzi kuba njengoba ebetshilo uSylvester.
,akukho sefilmini apha. Andizufika kwidolophu entsha ndifumane indawo nomsebenzi ngemini enye.
Bendizoqala ngaphi kona kwidolophu endingayaziyo? Bendingayazi maan. Kodwa bendizibona
ndiphambana ukuhlala nababantu mna. Indzondo engaka kubantu abanga ndazi nokundazi ngenxa nje
yokuba ndinonyana wabo, umntakwabo, utata wabantwana babo, ubrother ... bendingazifuni apha.
Bendingazifuni kwababantu mna kodwa bendingena plan kwaye bendisoyika.
Ndingene ebathroom ndavulela amanzi ndizohlamba. Indlela belungongoza ngayo uvalo lwam ibingathi
intliziyo izoma ngalamzuzu. Ndikhulule ndangena ebhafini ndahlamba. Andiyazi noba yibhafu bendiyi
khathalele ngantoni leya kuba bendizithandela ishower mna. Ndikhawuleze ndaphuma ndazomisa,
ndaya ekamireni ndiyokhangela impahla zokunxiba. Kukhale iphone phezulu kwebhedi. Oko ebeyijule
phaya uSimba ngelaxesha ebethetha nam. Ndiyisukumisile ndijonga iscreen. Bekufouna uVenus. Ithulile
yaphinde yaqala phantsi kwakhona. Ungene ngokukhawuleza waxinga emnyango. Oko bendihamba
ngaze.
Simba: ”Sorry?”
134
Yebethuna! Ndisondele kuye ndathatha isandla sakhe ndamnika iphone yakhe, phofu ndiyibeke
esandleni kuba kaloku 'ngutyekelele uthanda bani' yena.
Ndiphethukile ndayokhupha ipanty kwidrawers yepanty zam ndigoba kuba ibisezantsi ndimve ehlihliza
emveni kwam andamhoya. Ndiyinxibile ndakhupha nebra ndanxiba. Ndiphethuke esandijamele.
Ndifinge intshiya.
Simba: ”Good, uyandikhupha for ibreakfast. Unxibe nice siya ebantwini abahlambayo.”
Simba: ”Uphangela kwamlungu bani kanene wena? Yimali yam leyo, naloNokulunga wakho akanatwenty
five thousand. Yimali yabantwana bam le, ukuba ndifuna ukuyitya ibreakfast ndizoyitya ibreakfast. Klaar!
Unxibe futhi uyeke ube undiseducer apha.”
Ndiyihleke kancinci. Bendizibona nje sendiseducer (na) naye. Ebenditya ngamehlo ngelaxesha.
Simba: ”Boss? Ewe ndiyise ngoku kwam. Ewe bendiye khona izolo ...”
Uphume ngomnyango wayotshonela. Ndikhangele into yokunxiba ndanxiba ilokhwe esilk ema entla
kwamadolo. Ibiyenye yezi zithengwe nguMalkia. Bendimvuma usisi ebeneliso lezinto ezintle.
Ndondlulile ndayococa ebathroom ndaya ekhitshini. Lomntu ebesithi ndixibe kakuhle ebesathetha
nephone ehamba ngogaga.
Uqhubekile wathetha nephone kodwa amehlo akhe ebekwimilenze yam. Ebe obsessed yimilenze yam
kuba naseclubbini wayebusy ejongongana nayo. Ebendidanise ngokuyizolela kangaka lento yemali
nokucela kwam ifavours kuSylvester. Bendilindele ukuba abe nobundlobongela. Ebenomsindo ewe
kodwa ebengeyiyo lonto bendiyilindele. Mhlawumbi nam bendilindele ukuba andibethe ndizoba
nesizathu nyani sokuhamba.
Ndiyovula umnyango ndarhola amehlo ukubona uSylvester. Ebene blue eye enjani yona emehlweni!
Umlomo wakhe ubusikekile kancinci.
Simba: ”Hey! Umfazi wam ukuvulela ucango, ndime apha. Awumjongi amabele. You don't do that shit!”
135
Uthinte umqala uSylvester walahlisa. Ebengandijonganga namabele ke ejonge mna ndimmangalele.
Ndisudukile emnyango wangena. Ebejanyelwe nguSimba obesabeke iphone endlebeni emamele emana
ngokuvuma nje.
Simba: ”Sylvester you are scating on thin ice bru! Right hand man or not ukhona umntu ozokwenza
umsebenzi wakho ngcono kunawe. Andizube ndimamelene namaxolo akho ube usenza ifuck ups.”
Nomtha: ”Ebetheni?”
Nomtha: ”Umbethile?”
Simba: ”Sundenza isilwanyana Nomtha adimbethanga uSylvester ibiyifair fight kwiboxing ring. Ngenxa
yokuba engandivezanga blue eye akuthethi ukuba akandichananga mna.”
Simba: ”Uyabona? Argh bendisa thetha nephone kanene. Hello, yes boss. Ewe ndiyayazi mhlekazi
umsebenzi wam ndiyawazi. Ndineminyaka ndiwenza. Akukho siphazamisi ngandawo apha ndiyawenza
umsebenzi wam kwaye ndiwenza kakuhle. Ndise Centurion. Uxelele umama ukuba ndiright noNomtha
uright ndiyabulela ngokubuza. No thank you, goodbye. Yes boss.”
Simba: ”Masithethele ekamireni Sylvester. Ungabe ungena khona undilayitele ilaptop yam
ndisezithendeni zakho ngoku.”
Unqwalile uSylvester wahamba esishiya sobabini. Ebephunga ikofu wayirhabula endijonge emehlweni.
Uphefumlile wakugqiba okungathi bekukho into ebefuna ukuyithetha waphinde wazibamba.
Undincinele amehlo ecingela kum.
Simba: ”Ungaphinde ucele ifavours kubantu endibaqashe ukuba bakugade. Ndiyitsho okokuqala
nokokugqibela lento. Uzoqala ngokucela ifavours into elandelayo senisenzelana ikofu apha. Xa ndishiye
uSylvester apha ndimshiyele isizathu esaziwa ndim wena qhubeka nobomi bakho ubengathi ubona
idonga xa umbona. Ungaphefumleli ngakuye, ungathethi naye, ungancokoli naye. Andimshiyeli ukuba
nakhe ubuhlobo niplote iescape plans zenu. Bendithethe kakuhle nawe ndakuxelela ukuba ukhuseleke
xa usecaleni kwam kunaxa ungaphandle nalowelve thousand five hundred. You are under fucken
surveillance Nomtha Tongai. Bendicinga ukuba lanto yokuphantse uxhwilwe yakubonisa imeko okuyo
nabantu odeala nabo kodwa ngokucacileyo usazithatha lula izinto nangoku. Usacinga ukuba
ungaphaphatheka uye God knows where ndingafikeleli khona? Uzohambe ushiya itrail every-fucken-
where ungafunyanwa nguTiger ndingekakufumani mna. Yiza ndikuxelele into kemna princess, utata
akazukwenzanto ukuba usenam. Ungumntu wam. Uzokuthiya ayoma kwaphela ibhongo kodwa into
nomntu othandwa ndim yi no go area. Njengoba uxhamazela nje wena ngenxa yokuba eziphambanisile
izolo, noNokulunga aboyikisa ngenyoka ezifileyo bezokunyoba ngemali zam uzozibona etivini.
136
Sivumelene kakuhle mna nawe njengoba sewumpumputheka ucelana nefavours nje. Bendithe
andizuphinde ndikubethe, benditshilo kodwa ngoku uyazicelela. Uyandicenga ukuba ndikuqhwabe
uzotsho urestate isebenze kakuhle lengqondo yakho ucinge ngaphambili kokuba wenze. Uyayicela uthi
'ndibethe Simba, ndibethe Simba.'”
Simba: ”Awubhadlanga wena. Ndizoba ready ngoku, lombala walelokhwe uyakufanela kodwa umhle
kakhulu xa unganxibanga nto.”
Ndinqwale nje. Uphume ngomnyango wahamba. Ndiyomlinda ngetivi uSimba lomzuzu. Inoba
ebehlamba kulakamire.
Ndimlindile kulasofa kwakudala. Uphume semhle egqibile. Undincumele kancinci. Ebesuke wanice
kakhulu for umntu ofumanise ukuba ndinyotywe ngumfazi ukuba ndihlukane nendoda yakhe. Hayi
bendisuke ndaphathwa yintsini ke nam ukuyicinga nje yonke lanto yayizolo. Ibufilmrana nyani maan.
Inoba uNokulunga ebebukele iZee world wacinga ukuba yes! Ndizokwenza kanye lento kulantombi
yaseHillbrow. Heheee hayi mntakabawo. Besekushota aze nayo cash ngebrief case. Inene, inene
bayathandwa abantu. Lonto Bendingayazi ukuba ndithini ngala information yokuheshana kwabo. Yena
noSylvester. Bendinga bacacelanga bobabini, ndifuna ukuxela ngoku kodwa ndacinga ukuba ndiyibekele
umbeko.
Kukhale iphone yakhe wayiphendula sengaphambili kwam. Unyuse isandla ndambamba wanditsala
ukuba ndisukume. Ebenuka kamnandi ingase ndizingcwabe esifubeni sakhe.
Simba: ”Bru! Siyaphuma ngoku sisesendlini, ndenze ireservationd ngegama lam. Full name, Simba
Nkokheli Matanzima. Sure, uMluleki inoba isendleleni naye ngoku nathi sizokhawuleza. Sure.”
Nomtha: ”Nkokheli!”
137
Nomtha: ”Ndithanda eli likaNkokheli mna. Litsho lakufanela wayindoda yomXhosa yokwenyani.”
Nura, Arabic. Light. Ukukhanya. NguMkhanyiseli ngesiXhosa okanye uKhanya. Kukukhanya kwethu.
Isibane sethu.
Nomtha: ”Qha?”
Nomtha: ”Hayibo! So akathathanga igama lakho aze abizwe nguJunior ke kuba unguSimba Nkokheli
Junior?”
Simba: ”Aneni Nomtha Tongai, nguJunior qha. Wathiywa ngumamakhe so entliziyweni yakhe inoba
unguz'bani bani Junior. Igama likatatakhe wamanyani.”
Simba: ”Ewe.”
Unqwalile.
Nomtha: ”Ebesithi ndizofumana 'incanca enkulu' qha kuwe. Yena unentliziyo yakho. Kuba ufumanise
ukuba uJunior akangowakho kodwa usesebomini bakhe.”
Simba: ”Uzofumana incanca nentliziyo kunye nendoda. Uzoyeka ukuthetha kakhulu xa unguMatanzima
kuba unguBooi yena.”
Nomtha: ”AkangoMatanzima?”
Simba: ”Matanzima etshate nabani? Umfazi wam akazungabina fani yam ngenxa kaNokulunga. Uyazazi
ukuba ume ndawoni kum. Ndiyamhlonipha, wenze umsebenzi omhle ukundikhulisela abantwana.
Wenza indlu yethu yalikhaya waphinda way'bhidliza yena ngobufebe bakhe. Ukuba bendingayivanga
into kaJunior ngesisekunye nangoku.”
Nomtha: ”Uyatsho mos nawe ukuba wawusoloko usesithubeni, ubuye udiniwe ungafuni nokumbamba.”
138
Simba: ”Besingazukutya orgasms nedoggy style. Indleko bezingazuku hlawulwa ngu 'yifake yonke'.
Besiyenza xa ndinexesha okanye ndingadinwanga. Ukuba uhleli endlini imini yonke akhonto uyenzayo
uzofuna isex yemihla ngemihla kakade. Yilonto ndifuna ufunde nawe ungabe undibalela ihours
endimnke ngazo nerounds esizenzileyo ngeveki.”
Simba: ”Ubona lento ubufuna ukubaleka netwelve thousand five hundred? Hehe! Niphila kamnandi
maan noNokulunga. Yazi ingase ndibe nini. Ndiboniswa kamnandi.”
Ndizivalele umlomo wam. Ebeyithetha lula ngoku kodwa ebenomsindo ukundivusa kwakhe kuba ebeyazi
ukuba ngendihambile ndithanda.
Nomtha: ”Unesibham?”
Simba: ”Ubuyibambela. Ucinga ukuba umntu othengisa izibhamu angangabi nezibhamu? Ndineroom
yazo phaya kwam, zikwi display. Ubuzozibona ukuba ibingengomzi kaNokulunga. Andiqondi
angabonwabela ubukho bakho.”
Nomtha: ”Mxm.”
Nomtha: ”Mxm.”
139
Simba: ”Korean restaurant, igama layo yiBanchan. Uyakwazi ukutya ngechop sticks? Ungandihlazi sizotya
nebest buddy yam apha.”
Nomtha: ”Mxm.”
Uphelile yintsini. Sifike kwitafile kukho umntu ongubhuti nosisi. Bebezintanga zoSimba bobabini.
”Nkokheli!”
Simba: ”Yifiancé yam uAneni Nomtha Tongai lona. Nomtha ngumhlobo wam omkhulu uSiyanda
Mahamba nonkosikazi wakhe uLuleka.”
Ndibaxhawule bobabini.
Sichophe phantsi sabuzana impilo sonke sancokola ngokufika kwethu kade apha. Ebekhululeka uSimba
xa enetshomi zakhe. Ehlekela phezulu engayeki ukuncuma. Bebengazisusi izandla komnye oSiyanda.
Siyanda: ”So umcele nini uNomtha akutshate?Ndagqibela ngokuya wawusithi akakho right mna.”
Simba: ”Ayikabikho-”
Luleka: ”Nkokheli!”
Simba: ”Ni aware ukuba nini nodwa abandibiza ngelogama. NdinguSimba kuwo wonke umntu
ngaphandle kwenu.”
Simba: ”Iringi yinto yokugqibela kaloku Lulu. Sendikhuphe ilobola kuqala emveni koko ndimfake iringi
yomngejo. Ndizobe ndiyadelela xa ndizomgaxa iringi kungekho nento ngaphambili. Asingoma gqobhoka
kaloku thina.”
Luleka: ”Omnye ubhuti wandigaxa nge engangement ring engaziwa nokwaziwa ekhaya.”
Nomtha: ”Bendiphangela kodwa ndisawuyekile ndizotya imali kaSimba. Umntu makucace xa eyi sugar
daddy.”
140
Luleka: ”Girl!”
Siyanda: ”Hahahaha!”
Simba: ”Unyobe uNomtha ngemali izolo. Twenty five thousand, ukuba aphume empilweni yam. Unyoba
umntu wam ngemali yam.”
Nomtha: ”Ndiyithathile.”
Simba: ”USylvester ingathi ungxamele ukuba yingxaki. Akaqali ukwenza izinto ezinje kodwa impazamo
ikum ngokuba ndimxolele kuqala.”
Siyanda: ”Uneminyaka esebenza nawe uMonti. Years. Uthembekile akake aphoxe. Nyusa yena and get
rid of trash. Enyanisweni andiyazi ubuxolela kanjani ububhanxa obungaka kuloSylvester. Ulunge gqithi!"
141
Simba: ”Okanye wena ukhohlakele gqithi.”
Siyanda: ”Okanye wena uthemba gqithi. Ukuba uyonqena ndingakwenzela mna. Ngomso lo usayo.”
Unikine intloko yakhe kancinci eqinise imihlathi. Yhuuu hayi ababantu banjani! Indlela ebesetshintshe
ngayo laSiyanda ubungenotsho ukuba ngulo ebentsintsitheka aqethuke intloko ngoku. Umfazi wakhe
umbambe isandla bancumelana. Waphinda waqinisa ubuso xa ejonga kuSimba kwakhona.
”Molweni!”
Bakhawuleze basukuma uSiyanda noSimba sasukuma mva thina. Baxhawulile banga Ulatho.
Ndimxhawule mna bangana noLuleka. Ubhuti undangile wandiphuza isidlele.
Mluleki: ”Uright?”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndiright.”
Yhu! USimba. Ndinqwalile. Unikine intloko yakhe kancinci wachopha phantsi ecaleni konkosikazi wakhe
ebendijamele enyuse nempulo.
Luleka: ”Besizotoastela uSimba noNomtha. Mhlobo wam congratulations, ndiyavuya ukubona unomntu
okonwabisayo ecaleni kwakho kwaye ndininqwenelela uthando olunyulu nolunomonde. Cheers!”
Thina: ”Cheers.”
Luleka: ”I'm ready to order! Uright Ulatho, ingathi uconstipated mntase. Ndinazo ke ipilisi ze contipation
emotweni.”
142
Simba: ”Ubuthe kanene uyakwazi ukutya ngechop sticks?”
Nomtha: ”Bendikuxelele ukuba andingeni ndawo kwindlela umzimba wam oreacta ngayo kuwe.
Andikuthandi qha.”
Kutsarwe mna ngamathe ndakhohlela isidala sento ephelile yena yintsini ecaleni kwam.
Simba: ”Hahaha!”
Simba: ”Ndikuyekile.”
143
SIXTEEN
Ndothuke ebuthongweni ndizama ukugqushalaza kodwa ndibambekile. Ndiwavule ngokukhawuleza
amehlo am ndijonga indawo bendikuyo. Beku empty ngaphandle kwesitulo besihleli ngaphambili kwesi
bendibotshelelwe kuso. Ibuyile ingqondo.
Bendithetha noSylvester ngaphandle kwendlu, ndimbuza imibuzo. Warhola itshefu etasini. Efe! Bendive
ilizwi lika Efe!
Bekupeyintwe mhlophe kukho iburglars ezifestireni. Bendinga kwazi nokuthini, ndiqinilwe kwesasitulo
bendibotshelelwe kuso. Ndigqushalaze ndancama ndakhala kuba bendiphelelwe ngamandla
namathemba. Ndikwaze kwakudala. Bendiqonda ukuba uEfe angayiyo yonke into kodwa ebengesiso
isibhanxa. Ukuba ebeyazi ukuba xa ndikhwazwa ndizofumana uncedo ngendivale umlomo so noxa
bendikwaza nje, ngethemba lokuba kukho umntu ozondifumana bendiyazi ukuba bendizawuhlala phaya
ixesha elide. Kodwa noba bekunjalo andiyekanga ukukhwaza ndicela amancedo kubantu. Emntwini.
Noba ngubani. Andincede andikhuphe apha. Kuvuleke ucango ndisakhwaza, kungene uEfe. Ebenxibe
impahla ezingathi zezemilitary namaquza akhona. Ebenesicuku esinedreadlocks wazitsweba zaya
ngemva. Ebehamba yedwa. Ungene setsho ngoncumo okudikayo nje ndanyakama.
Efe: ”What do they say again in Zulu? Huh bebe? What do they say? Mhhhh what is it now ... 'Entlek
wena o re o tlo fela kae?' Aha! It's Sotho right. Abi?”
Undichwakaze kancinci ubuso. Bendinga khali nokukhala, inyembezi zizehlela nje ebusweni bam.
Bwndimonyanya ngentliziyo yam yonke uEfe. Ngentliziyo yam yonke. Ndigqushalazile ingase
ndimbambe ngezandla zam. Bwndingayazi ukuba bendawumenzani ndingena mandla akhe kodwa
bendifuna ukufa ndizamile.
Efe: ”Honest to God Nomtha, I dey miss you. There's somebody else in your room, you know? Another
sweet, gorgeous looking Zimbwabwean ass. But I dey miss you much much. You are the one that got
away. The one I never got to savour. But what do they say again? God for everyone. Na wa oo. We are
going to have a beautiful night you and I. All night long, till the morning comes. And then I'll send you
over to my G's in Saudi Arabia. They are looking for a melanin queen like you. Nice body. Exotic African
beauty. A little sex slave there. How about that? Mh?”
Uphindele emnyango enyuse amagxa wayotsixa ucango. Ubuyele kum wazondikhulula lantambo
ebendibobhelelo ngayo wayigibisela le kwenye ikona.
144
Uphinde wandiyusa isilevu kwakhona endiqwalasela ebusweni. Undiqhwabe ngomva wempama
ndazikhusa sele ingene yonke. Inditsho ndadizzy kodwa ibingafani neka Simba. Eka Simba ibiphuma
yodwa leya. Zizehlele nje inyembezi emehlweni. Bendibulela ukuba ndingena nwele kuba ndiqinisekile
ukuba ngenditsala ngazo ngoku.
Efe: ”Stupid b*tch! Who the hell do you think you are? Bringing your man to my flat to kill my brother!!
For what?!”
Ebendibambe intamo endikwritsha ndazama ukususa isandla sakhe entanyeni yam ndiphelelwa
ngumoya. Undityhalele umva ndayobetheka kabuhlungu ngentloko ndibuyisa umoya. Ndiphefumle
ndazama ukuphefumla kwakhona. Bendizoba neduma kulandawo bendibetheke kuyo ngentloko.
Bendiziva nje.
Efe: ”My day one! My brother died because some low life stupid b*tch from no where comes into my
flat and traps me. After everything I have done for you. Huh? You getting away with not paying me my
rent on time. I didn't abuse you! I didn't sleep with you! I let you dodge me and pay me at your damn
time! YOU COME INTO MY HOUSE! my flat and you trap me? Me? Get my man killed by your drug dealer
boyfriend! You will bleed baby get. Out of your pussy, out of your ass! And then I will sell you stupid ass
to Arabians. You will wish I had killed you!”
Efe: ”Entlek wena o re otlo fella kae. Kere batho bamona never baloke! Hahaha. Tonight is the night of
the butternut. Tomorrow we are shipping the goodies! Heh! Money, money! Where is boyfriend now?”
Uchophe kwesasitulo besiphambili kwesi sam woyama ekhupha icuba elilayita. Ndichophe ngempundu
phantsi ndakhala. Bendiyazi ukuba noba ndingamcenga kangakanani ebengasoze andisizele. Noba
ndingam thembisa izulu nomhlaba ebesela egqibile ngam. Bendisoyikiwa nayilento ebezoyenza kum
ngalamzuzu. Ndingcangcazela umzimba wam wonke. Mhlawumbi ibingu msindo okanye iluloyiko.
Undijonge ngamehlo agcwele indzondo, eqhumisa umsi ewuqhumisela phezulu esandijamele. Bendifuna
ukuthetha kodwa ipride yam indibambe yandiqinisa.
Kunqonqoziwe emnyango. Indlela ibingxola ngayo ibingathi banqonqoza ngehamile. Usukumile uEfe
wayovula. Kubekho usebe sebe waluvula gebelele ucango. Andicinganga nangeziphumo zento
bendiyenza. Ukuvuleka nje kolacango ndibone inkululeko yam. Ndabalela ukuya emnyango, undinqakule
lula nje uEfe wandibamba ngempahla endigibisela kula matress ubusemveni kocago enxapha. Kungene
umntu ephethe ibox. Uyivulile wakhupha into eblue. Bayimpompile yankulu.
Kungene omnye nepipe bayivulela kwaphuma amanzi. Ibizeza swimming pools zimpontshwayo.
145
Efe: ”Huh?”
Efe: ”You don't have to beg, you will get it for free.”
Utsho wadukuma waza ngakum. Unditsalile wandibamba intamo endiqinisa intamo kwakhona sibuya
umva. Ndimcengile ndibona ukuba undisa kulamanzi bebewagalele kulanto.
Nomtha: ”Efe.”
Nomtha: ”Efe.”
Ndizamile ukutshela kuye wandinyanzela endifaka kulamanzi embamba intloko yam ngaphantsi
ndigqushalazisa inyawo. Undibambe nezonyawo wazifaka ngaphakathi wandiyeka. Ndikhohlele ndataka
amanzi ngomlomo nempumlo.
Uphinde wandifaka kwakhona endibamba ixesha elide. Ndizame ukubamba umoya ndoyisakala
nditsarheka kuba undibambe ixesha elide.
Undiyekile ndaphuma ndigqushalaza kwakhona. Ulayite elinye icuba watshaya embhombha ingoma
bendingayazi nokuba ithini. Eneneni bendinga yikhathalelanga.
Ngengomso akhange ndithengiswe njengoba ebetshilo. Ndivalelwe kula one room ndingakwazi
nokuthini. Bendingasukumi nokusukuma ndichamela kulamatress bendijulwe kuwo. Bendithi ndokuziva
ukuba nditshiswa ngumchamo ndisothule isikhalo kuba bekunga tshisi bekuvutha. Kuvulwe ucango
146
ndothuka kodwa andanyakaza. Bendingenawo namandla ndiqaqanjelwa ndiyozo-yozo, amandla
engekho.
Kulandele abanye abantu emveni kwakhe, ibingantu abamsebenzelayo. Bangene netanki eliclear
balibeka phaya kwatsalwa upipe kwakhona awavulelwa amanzi. Bebendijongile ababantu ubabona nje
ukuba abasoze balandule ukuba banganikwa mna. Bendingeno kwazi. Bendingeno kwazi tu.
Kungene abanye kwakhona bephethe into ibingathi ngumqamlezo, uncumile uEfe akubabona bengena.
Bayixhone edongeni bazondifunqula bendibophelela kuyo. Omnye umlenze ubuphaya, omnye
ungaphaya. Izandla nazo zivulekile. Bendingakwazi nokuzigquma ndawo, nditwezekile kubo. Uhleli
esitulweni uEfe wabukela lo omnye esiza kum. Undiphulule ngaphambili ndazama ukugqushalaza
okungathi ndingakwazi ukuzigihla kuye wandiqhwaba ngempama phaya ngaphambili. Undifake umnwe.
Ndizamile ukuyisusa kungoku ingqondo yam, ndibe kwenye nje indawo engelo leligumbi. Bendicinga
uSimba. Ndinqwenela ukuba angeza andifumane andihlangule. Noba undihlangule njani, ibingase
ndimbone selapha ebabulele bonke ababantu. Umzimba wam ubungcangcazela wabe ecwabekile
ezokhuphile eziphulula noEfe ngokunjalo. Ubakhuphile ngokungxama wakhulula iblukhwe waqala apho
ebeyeke khona ngezolo.
Beaendimcenga ngoku. Ndingamcengi ukuba andisindise okanye andixolele kodwa ndimcenga ukuba
andibulale.
Kuphinde kwasa kwakhona ndikulamqamlezo uEfe ekum. Ibikhona into ebeyisela noba yintoni. Undiyeke
phaya wahamba endishiya. Bendibanjwa bubuthongo ndothuka ngokuva iburglar ikhala. Kungene
omnye bendingamazi wandothula emqamlezweni. Unzomba ubunkonkene ndasothula isikhalo.
Ndiyafunga bendibone igazi lisehla ngemilenze. Ndizosongile kulamatrasi. Bendinga qaphelanga nokuba
bendinxibe amacikici ndade ndazibamba indlebe. Ibingase ndiwakhuphe ndiwagibisele kude le! Phofu
besekusheke elinye.
Undiyeke phantsi waphuma etsixa kwakhona ndashiyeka ndikhala. USimba ebethe uyoze andikhangele
mhla ndaduka kodwa bendiphelelwe ngamathemba ngoku. Ebetshabalele. Kona noba ebendikhangela
ebeyawu ndifumana njani?
Kuphinde kwangena uEfe kwakhona ehamba yedwa. Uvule lanto ibingathi litanki wazondifunqula
endifaka khona.
Uthathe upipe wawufaka komnye umgxunya waphuma ngaphandle eshiya ucango luvulekile. Kungene
amanzi ndazisonga. Ubuyile wachophe esitulweni ecofa iphone yakhe. Ebethontsiza kancinci lamanzi.
Efe: ”Enjoy your bath. You're going to Saudi tomorrow. Jameel has paid all your money and your extra
bonus. You're lucky your buyer doesn't want damaged good because I was not done with you, my men
wanted a piece of that your cheap mean. But you're lucky. Jameel will do the damage himself. I hope
you said goodbye to that your Simba boyfriend because you will never see him again. You are an Arabian
hoe. When they are done with you, they will throw you in the bin like the trash you are. When you think
of Efe you will tremble! You will wish you were dead my girli- oo.”
147
Anyuke amanzi ade andigqumelela.
Mluleki: ”Simba.”
Mluleki: ”Utyhilile?!”
Mkhuseli: ”Uyaphaphama.”
Mluleki: ”Sinishiye?”
Simba: ”Ndifuna umntu ozomjonga kakuhle kwakhona, ndifuna lagqirha. Ndizombhatala, andithi ulala
naye? Mcenge aze apha ndiyamdinga. UNomtha uyamdinga.”
Mkhuseli: ”Ndizombiza.”
Simba: ”Ndiyabulela.”
Kukhale izihlangu kwangona ndivula amehlo. Ebengaphumanga ubhuti Mluleki, oyame egumbini.
Undibambe isandla esiphuza uSimba.
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Ndilapha.”
Nomtha: ”Ungahambi.”
Nomtha: ”Ndimdaka.”
148
Nomtha: ”Ndi- ndimdaka Simba. Ndimdaka. Umzimba wamu ... umzimba wamu! Ndiyopha. Ndi- ndi ...
ndimdaka.”
Ibingase ndiphethulwe kungoku ndilale ngesisu kuba bekuqaqamba. Kodwa bendiyazi ukuba
bekungazukwenza mahluko, kuba bekuqaqamba nangaphambili. Kuqaqamba umzimba wonke.
Simba: ”Awumdakanga baby, awusoze ubemdaka nanini na? Ndithembise ukuba uzoqina, for mna.
Ungamvumeli awine laEfe.”
Simba: ”Shhhhh uright ngoku baby, uright. Andisoze ndisuke ecaleni kwakho.”
Simba: ”Nomtha akazukwenza nto uEfe. Akasoze akubambe nangokhuni. Akazukwenza nto sisi. Lala
uphumle.”
Nomtha: ”Awuzuhamba?”
Ebesonda wona amehlo kodwa ndisoyika ukunikezela ndilale kuba bendimbona yonke indawo. Bekukho
apho angekho khona. Yena nelizwi lakhe nevumba lakhe, nezandla zakhe. Bendingafuni ukucimela.
Simba: ”Uzondifumana apha baby, uzondifumana apha. Andiyi ndawo. Shhhhh. Sukukhala ngoku,
usekhaya. Ukhuselekile.”
Nomtha: ”Ungahambi.”
Nomtha: ”Uzondihlamba?”
Simba: ”Ndizobuhlamba ngeJeyes fluid, ibleach, iDomestos, iHandy-andy .. yonke into. Abuzuba
nachoice baby wam!”
Simba: ”Lala ke sisi. Cimela ulale, xa uvuka uzondifumana ndilapha ecaleni kwakho. Akukho apho
ndiyakhona.”
Nomtha: ”Ungahambi.”
149
Simba: ”Andizuyenza lonto.”
Nomtha: ”Undifumene.”
Simba: ”Ndikufumene. Ndikuxelele ukuba akukho apho ndingasoze ndikufumane khona. Hayi lula
kanjalo. Ndizohlala ndikufumana noba uya ngakweliphi na icala.”
Ndinqwalile.
Uncumile.
Simba: ”NgeDomestos.”
Nomtha: ”NgeDomestos.”
Simba: ”Yhoooooooooo!”
Simba: ”Yhoooo!”
Mluleki: ”Hayi apha Simba. Akakalali ubuthongo uNomtha. Ufuna akuve ukhala kangaka? Uzophelelwa
lithemba xa ekuva unje. Yomelela.”
Mluleki: ”Simba.”
Ebengcangcazelisa ilizwi kwayena wafixiza. Bendizenza ingathi ndilele kodwa inyembezi zam bezisihla
ngamacala.
Mluleki: ”Simba.”
Simba: ”Ndiright.”
150
Simba: ”Ndiright, ndiright.”
Utsho lonto kodwa waqala phantsi ukukhala. Bendikhala nam ndade ndabiwa bubuthongo.
Ndothuke ebuthongweni kukho umntu othandayozayo ... kodwa ebengathandazi. Ebefunda ibhayibhile.
” ..For I know the plans I have for you” declares the Lord. ”plans to prosper you and not to harm you.
Plans to give you hope and a future.”
”Amen!”
Bisola: ”My Lord will see you through my children. He has big plans for you. Eningazazi nina ngoku.”
Simba: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”Ndikhathazekile.”
Bisola: ”Kuzolunga. Uhlambe maan Simba ndizoshiyeka noNomtha. Akukho mnandi ukunukiselwa
ngamakhwapha endoda endala.”
151
Bisola: ”Hahahaha! You are your father's son. It's okay, uyayazi ukuba ayikho kowenu into yokuba
indoda ayikhali. Xa kukhala uVenus 'Tiger' Matanzima ungubani wena?”
Simba: ”Ndiyak'thanda.”
152
SEVENTEEN
Nomtha: ”Uyandixhesha, ndiyeke.”
Nomtha: ”Simba.”
Ndiyihleke kancinci ndasineka kwangoko ndibambelela ngebhanti likaSimba. Ebehamba ecaleni kwam.
Mluleki: ”Xolo.”
Ndincume kancinci.
Ukuba angathi ufuna ukundazi ndibhetele ndinga mbetha ngenqindi empumlweni kuba bekungekho
'ukwazi umntu bhetele' okogqitha okuya. Ibiba yihour okanye ezimbini ndingasese.
Mluleki: ”Sure.”
Simba: ”Shhhhh kaloku Nomtha. Uzobhitya zinyembezi njengoba ungasafuni nokutya nje.”
Nomtha: ”Kubuhlungu.”
153
Simba: ”Ndiyayazi sisi, ndiyayazi.”
Nomtha: ”Ndifuna ukuba right. Ndifuna nje- ndifuna ukuba right. Ezintlungu ziphele.”
Nomtha: ”Ndifuna ziphole kwangoku. Andizukwazi ukuphila kanje mna. Ezintlungu. Ingathi, ingathi.”
Simba: ”Shhhhh.”
Ndibheka-bhekile.
Simba: ”Hayi! Ungaphinde ebomini bakho bonke undicele lonto Nomtha kuba andisoze ndize ndiyenze
nanini na. Soze nangaphantsi kweziphi imeko ndikunike iziyobisi! WTF!”
Nomtha: ”Ndiyakucela.”
Simba: ”Baby ndiyayazi ukuba usezintlungwini and idesperate kodwa ungandiceli into endingasoze
ndikunike yona. Andizukufaka kwidrugs mna.”
Nomtha: ”Awundifaki Simba, awundifaki. Ndifuna nje into ezondenza ndindisholo kwitlungu. Lento
yakho izondinceda ndiyayazi. Ndiyakucela.”
Nomtha: ”Kodwa ndiyafa zintlungu, andikwazi nokuhamba kakuhle. Uyabona nawe. Ndizoba bhetele
kancinci. Oko mzuzwana.”
Nomtha: ”Apha ngaphakathi? Ugqirha akakhange athethe nto ngokuphola ngaphakathi. Ngaphakathi
andisoze ndiphinde ndiberight-”
Simba: ”Nomtha-”
154
Ndiyochopha phantsi ndingakhange ndihlomle nto okanye ndiphendule. Caba ndiye ngamandla ukuhlala
kuba ndisukume ngokukhawuleza ndizithunuka ngakumbi.
Mluleki: ”Nantso ke. Ndimphushe okanye ufuna ukumphusha ngoku kwakho Simba?”
Unqwalile uSimba.
Nomtha: ”Mhhhhh.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Mluleki: ”Alright.”
Ndingene emotweni ukubuya kuka Simba, undifunqule wandingqemgqisa kwisitulo esingemva. Ebeyazi
ukuba ndiqaqanjelwa kangakanani xa ndichophe ngempundu.
Ndimrholele amehlo akandihoya. Undombathise ithrow ibingemva wangena emva naye, endisukumisa
inyawo ngocoselelo wazobeka phezulu kwamathanga akhe.
Simba: ”Lala.”
Mluleki: ”Uqinisekile?”
Unqwalile nje kuphela akaphinde athethe. NoMluleki akaphindanga wathetha okanye abuze nto,
waqhuba sayindlela. Ebehambe kakuhle ke indlela yonke ndingathunukalanga kakhulu.
Singene eyadini samisa. Kutake uSimba kuqala wayobula indlu washiya ucango luthe gebelele.
155
Ubuye wazonceda mna ukuphuma emotweni. Kuthathe ixesha elide kunangoku bendingena kodwa
ebenomonde, endinika ixesha endilidingayo ndade ndehlika.
Ndibone uMluleki ejikela neWheelchair ndawarhola onke amehlo am. Ye bawo! uMluleki!
Ndityhalwe nguSimba ukuya ngasendlini. Uzame indlela yokuba iwheelchair ingene ngaphakathi
ingandishukuxanga.
Andiyazi. Kodwa kulandawo bendikuyo ngoku azama ukundingenisa emnyango- bendinge kudanga
kakhulu kulandawo ebenditsarhose kuyo uSulvester. Ndizive ndiphelelwa ngumoya kodwa ndaziqinisa.
Bendizibambe isifuba ndiva okungathi ndizoyeka ukuphefula ndife indlela bekunzima ngayo. Bendine
panic attack. Andiyazi undiqaphele nini uSimba wabe ethetha nam ezama ukudithoba umoya.
Bendingamva nokumva. Into bendiyiva bubukho bukaSylvester. Ivumba lakhe. Ibingathi undilalele
ekoneni ulindele ithuba eliright ukuba azondixhwila kwakhona andiphindisele kuEfe. Bendiyazi ukuba
andisoze ndiphinde ndisinde kuEfe ukuba bendinophindela kuye. Kwelityeli ebengazuphozisa ukundisa
eSaudi Arabia. Andiyazi nokuba undifumene kanjani uSimba kulandawo kuba iphone yam ibingekho
kum. Bekungekho nto okanye indlela ebenondifumana ngayo kodwa ebendifumene kwaye yilonto
ibibalulekile kum ngalamzuzu. Bendiyazi kona ukuba ebengasoze andibulale uEfe. Hayi ngokuba
endikhathalele okanye endivela kodwa ngenxa yokuba bendingase ngowakhe. Phofu bendingengo
wakhe kwasekuqaleni. Undilalele wandiba. Nakulamanzi bendiyazi ukuba ebengasoze avume ndife,
ebefuna ukundingcingcuthekisa ngokwaneleyo ukuba ndophuke. Engqondweni, emoyeni,
emphefumlweni.
Simba: ”Nomtha.”
156
Mluleki: ”Ucinga ukuba kuright uba abuyele apha?”
Mluleki: ”Ugqiba kubanjwa yipanic attack Nomtha andiqondi ukuba buburight obo. Lendawo is
triggering you. Ndinomzi mna, ndinamagumbi oneleyo andisoze ndingabina one extra bedroom for nina.
Kwaye i advantage kukuba sawuba kufuphi noUlatho, sikwazi ukuncedisana noSimba ukukukhathalela.”
Mluleki: ”It's not a matter of ukoyiswa kodwa nawe uzolidinga ikhefu for your mental health.
Nizoludinga uncedo lwabanye abantu kuba ekugqibeleni anikho right nobabini.”
Simba: ”Asikho right sobabini?! Bru andixhwilwanga ndayokwenziwa God knows what for intsuku mna.
Kwakhona andizukoyiswa nguNomtha. Mental health yam iright.”
Mluleki: ”Really? Ukhumbule ukuba njengoba bekuxhwilwe uNomtha ushiyeke emva nam. Ububonwa
ndim uphambana apha so xa ndisithi udinga ikhefu kukuba ndiyayazi you've been through shit.
Ngenddlela eyohlukileyo kuNomtha ngokucacileyo, andisoze ndifanisa intlungu yenu kodwa nilimele
nobabini.”
Simba: ”Andiqondi kuright for uNomtha ukuba abe kwitoxic enviroment. Ndifuna alulame kakuhle.
Ngoku uvulnerable. Uva iintlungu kwaye udesperate , andithembi umfazi wakho angangamniki i'fix' xa
eyifuna. Uzokwenza nantoni na ukumbuyisela umva kuba usecaleni likaNokulunga, uNomtha ugqithe
kokuninzi kungoku andifuni ukuba aye komnye uhell. Asinayo enye indawo. Asizukwazi ukuba
eGreenstone, asizukwazi ukuya eKyalami.”
Mluleki: ”Ucinga ukuba uUlatho angenza lonto kuNomtha? How low do you think my wife would go
ngento engamchaphazeli ngqo?!”
Simba: ”Uderground low. Usix feet ukufutshane kakhulu kuye. Lower. That's how low. Wena uright,
ukuba ubuwedwa bendawumnyanzela uNomtha siye kwakho kodwa andizumenza lonto.”
Simba: ”Zivela kuSiyanda noLulu. Bathe sibaxelele xa ulungele indwendwe. ULulu uthe ndikuxelele
ukuba usemithandazweni yakhe.”
Nomtha: ”Undibulelele.”
157
Simba: ”Sukwenza lonto kum. Ndim lo uthetha naye, ndiyayazi awuzuba right. Uyayazi ukuba awuzuba
right. Sukwenza ingathi awundidingi. Ndifuna undidinge.”
Siyongena ekamireni. Bekutshintshwe izinto zokondlula kukho intyatyambo kwibedside table nasecaleni
kwebhedi.
Nomtha: ”Azintle!”
Nomtha: ”Zonke?”
Nomtha: ”Ha! Kancinci? Ukuba kukuthatheka kancinci oku, ndibawela ukubona xa uthatheke mpela.
Ndiyabulela.”
Uthathe. Ipaperbag encinci wandinika. Ndiyivulile ndibona ibox encinci yevelvet eblue.
Nomtha: ”Yiringi?”
Simba: ”Ayiringi.”
Nomtha: ”Ayoringi.”
Nomtha: ”Yiringi?”
Simba: ”Yiza ndikufake, ukuba ibingengo macici wakho ngabe asikutrekhanga kulandawo ubukuyo.”
Ndiwarhole ngakumbi kengoku amehlo. Undikhulule eli linye belishoyekile wandifaka la matsha.
Unqwalile.
Nomtha: ”Kutheni uze kade kangaka kodwa ubuyazi ukuba ndiphi? Kutheni ufike kade kangaka kodwa
kukho itracker?”
158
Simba: ”Ibibamba iyeka baby wam. Nam ndimnkelwe zingqondo ukubona ifootage, uthathwa
nguSylvester ndalibala ukuba ndandikunike amacikici ane tracker. Ndicinga ngoku ndimane ndibukela
lafootage for into nje. Iclue. Ndiyakuthembisa ukubona nje ilocation sibaleke saya eBotswana.”
Simba: ”Ndiyaxolisa ngokukufaka kulemeko. Ndiyayazi ukuba amaxolo akazukwenza uba ungagqithi
kuyo yonke into ogqithe kuyo kodwa from the bottom of my heart I'm so sorry. USylvester yena
ndizomenza azisole ukuba ebekuncingela ntoni ukundingcatsha. Uzofa kancinci, kancinci. Akazubulawa
ndim. Uzobulawa zintlungu zakhe and if ukuna ifront row seat ndizoyilungisa lonto. Every dog has it's
day, uEfe yena uzokufumana okumfaneleyo ndifunga ngobomi bukaMha. Bazozisola baby. Bazozisola.”
Simba: ”Kwangala mini. USiyanda usemanza ioperation encinnci ngoku, ndiomchecker ukuba uhambe
njani. Awufuni kungqengqa?”
Unyamalele wabuya sendosula. Undosule umzimba wonke wandigquma ngethrow endiphuza ibunzi.
Nomtha: ”Ndisezintlungwini.”
Simba: ”Ndikubele ipilisi ngaphezulu kwezi ubuzinikiwe, ne injection ngaphezulu. Ndizobuza uDoctor
Matanzima ukuba iright na le dosages singamubulali.”
Nditsho ndisebeza. Undiphuze ubuso, bonke ubuso. Ebegentle nam. Ibingathi ndingophuka.
159
kula mnqamlezo. Ndingakwazi nokuzonwaya. Ebekhona uEfe. Ndisiva ivumba lakhe necuba ebelitshaya.
Endinyanzela emanzini. Ndibambe umoya etankini. La tshomi yakhe ibingapheleli ngokundinyukubeza
ngezandla kuphela xa ndivale amehlo am. Ebesenza okuninzi. Nabanye. USimba ebefika ndidada egazini
lam ndingaphefumli. Bendisothuka ndigxwala, into yokuqala bendiyibona ibinguSimba. Endiqinisekisa
ukuba ndikhuselekile. Akhonto iyawuphinde indehlele. Akhomntu uzondithatha. Bendiphindela
ebuthongweni kwakhona kuba bendiyotywa zipilisi ndiphinde ndothuke ndibile ndimanzi xhopho
ndikhala. Ekhona. Ngalo lonke ixesha. Bendimonyanya ngamanye, ndimlwe asuduke kum. Kuba
bendingawuboni umahluko kuye noEfe. Bendibona yena de ndive ilizwi lakhe. Andilelanga. Asilelanga.
Kude kwasa iyinto enye.
160
EIGHTEEN
Ndothuke ebuthongweni ndindodwa ezingubeni. Bekukhanya egumbini, kuvulwe icurtains ilanga
lingena. Ndiphefumelele phezulu ndolula isandla ndisiva ubushushu kulendawo ibilele uSimba yabe
ibanda ceke. Inoba bekukudala evukile. Ndiguqukile ndalala ngomqolo ndivala amehlo am kancinci.
Simba: ”Uchwechw-”
Ebehleli kwisitulo besingasebhedini ephethe ibhayibhile. Bekukho into nje ngebhayibhile kowabo. Ukuba
ayingoMluleki okanye umam'uBisola, uzofika inguye onkonye ibhayibhile. Bendimqonda umamabo-
kancinci kodwa bona! Iz'gelekeqe ezifocus zifunda ngoMeshack noShedrack noAbednigo? Heh! Zange
zange.
Phofu wayetshilo uSylvester ukuba akukho kwiGodfather apha. Inoba izigelekeqe zokwenyani bezifunda
ibheyibhile. Kodwa ... ibingeyo nyani na lanto yeGodfather?
Nomtha: ”Ndiyachwechwa?”
Nomtha: ”Ndihamba kakuhle. Ndiyabulela Detective walker. Njengoba uhleli kwesositulo, uzimele nje
ufuna ukuba ngu inspector we walks zethu.”
Lincumile elizothe lomntu. Ebekhangeleka sehlambile kuba ebemhlana. Ebemhle. Ebenganxibanga zinto
zixhomisa amehlo kuba ebesendlini, esekwi 'compassion leave' ngokutsho kwakhe. Oko ndaphuma
esibhedlele ebengekahambi imini yonke endlini. Ibusiness eyenzela apha. Kuphuma kungena abantu
abazise imali ye'stuff'. Bendingaqalisi kwa ukuvela. Bendingasa bathembi abantu bakhe kuba ndifunde
ukuba abanamqolo nakuthembeka bonke. Ukuba ebengcatshwe nguright hand man wakhe, amthembe
ngokujonga intshaba azifulatheleyo yena kanti nguye utshaba ixesha lonke.
Ukuba bekukho uJudas Escariot emhlabeni, ebenenwele eziblonde. Igama lakhe inguSylvester.
Umgcatshi. Bendizibuza ukuba inoba uzuze ntoni kulomngcatsho wakhe? Bebedibene pho noEfe? Baze
bakha iyelenqe ngeliphi ixesha? Efe lowo ubone ntoni ukuba angafumana ubhululu kuSylvester? Kucacile
bekukho indonga somewhere. Ndonga leyo ebengayiboni uSimba okanye ngenxa yeminyaka amazi
ngayo nezinto abadlula kuzo noSylvesyer, wakhetha ukumpha elinye ithuba. Atyhilele kwikhasi elitsha,
alibale ziziphoso zakhe. Uyihlekile lento bendiyithetha wafaka ibookmark kwibible wayoyibeka kwi
coffee table wabeka iqatha lakhe ngaphezulu kwedolo.
161
Besilala ebhedini enye ngokupheleleyo, kwintsuku okanye iveki yokuqala ndilandwe nguSimba
eBotswana bendinga bubhaqi ubuthongo. Phofu sobabini. Kuba bezindibamba inarhmani ndivuke
ndibile ndimanzi xhopho, ndisothule isikhalo. Oku kosana oluncinane ndiyolala kwakuvela ilanga.
Ebenomonde ngalo lonke eloxesha. Ungasoze umbone edikiwe. Noba ebedikwa ke kuba bendinombono
indlela bekudika ngayo ukothuswa uzileleli kamnandi kodwa ebenobubele nomonde.
Umzimba wam ubululama, istitches ziqhaqhekile. UMkhuseli ebenganqabanga kakhulu kuba uSimba
ebemfounela qho ukuba azondibona. Ebengajongi nto kuba ngulo ebengafuni ndibonwe umzimba
ngomnye umntu. Ibingekho ncam into ayizelayo ngaphandle kokuba endijonga amehlo, ivitals kunye
neweight. USimba ebekhathazekile kukungafuni kwam ukutya namanzi. Bekungoko ngoko, bendizama
ukutya ngoku noba ngamacephe ambalwa. Kusaqaqamba kodwa kubhetele. Ndikwazi ukuchopha
ngempundu kungabingathi ndizixhwithe inwele xa ndichopha.
Nomtha: ”Andothukanga.”
Nomtha: ”Awusaphosisi.”
Nomtha: ”Hayi kakhulu. Umzimba wona ubaright. Kukuba nje andisaziva right.”
Bendingayazi ukuba ndiyibeke okanye ndiyicacise njani kuye. Bendiright kodwa ndingekho right.
Andiqondi ukuba ukhona umntu ogqitha kulanto ndigqithe kuyo ophuma ongenazivubeko. Uhlobo
lwezivubeko ongaziboniyo. Ongakwaziyo ukuziqaba iointment ziphole. Ezo zivubeko.
Nomtha: ”Andiyazi ndizophila kanjani nayo yonke lento, nezizivubeko. Kodwa ndiyayazi ukuba andinayo
enye ichoice. Enye kukufa kwaye andifuni ukufa. Ndiyafuna ukuphila, ndifuna nje ukuba kuphele
ezinarhmani zindibambayo. Ndiyayazi ndikhuselekile xa ndinawe kodwa ndinalento engathembi ncam.
Ingathi nanini na ndizophethuka esegumbini nam. Okanye ndizoqaphela ukuba liphupha yonke lento
yokuba ndilapha kwakhona. Ndothuke ebuthongweni ndizifumane kularoom. Nala Efe. Kukho into kum
engakholwa ukuba ndikhuselekile. Ayifuni ukukholwa ukuba ndiqhweshe lula kangaka.”
162
Uzosule ubuso ngezandla waphefumla.
Simba: ”Ndikuphoxile.”
Nomtha: ”Awundiphoxanga Simba, undisindisile. Ubungeno kwazi ukuba uSylvester uzondinikela oku
kwedini kubo kuba ubumthembile.”
Simba: ”Ndibe muncu ngokumthemba kangaka, nokwenza ukuba kubelula uba angene apha ngaphandle
kokugqitha kum kuqala. Bendiyazi ukuba uSylvester akanguye lowa ndimaziyo, bekukho nje
okutshintshileyo ngaye ebendinga kuqondi kodwa ndanethemba. Andikwenzelanga favours
ngokukukhupha phaya, bekungamelanga ugqithe kuyo yonke lanto ogqithe kuyo.”
Nomtha: ”Usaphila?”
Simba: ”Usaphila yena, andikafuni afe. Ukufa kulula kakhulu kuye. Akandiniki nempendulo endizidingayo
so uyandicaphukisa. Unikezele at this point. Akasa bukhathalelanga ubomi. Phofu uyayazi ukuba noba
angandinika impendulo uhleli ezofa. Ayikho indlela endinomxolela ngayo. Isono sakhe singaphaya
koxolo. Ndimsikile isandla Nomtha, andithi itsho ibhayibhile? Lento imhluphayo ikhutshwe. Neliso lakhe
likhutshiwe.”
Ndizive ndihlasimlelwa ngumzimba. Uyabona lowo, ibingu mbono bendinga nqweneli ukuwubona tu.
Simba: ”Ndifuna andixelele ukuba udibebe phi naloEfe. Nokuba uzuze ntoni yena ekukunikeleni ngeplate
yesilivere kubo? Zininzi nje izinto endifuna ukuziva kuye kodwa ndamnkele ukuba andizufumana nenye
impendulo kwimibuzo endinayo for yena.”
Simba: ”You have great instincts. Kodwa zange zibekho undibela iphone.”
Simba: ”Ndizophindela emsebenzini kuleveki izayo, andiyazi noba uzoba right ukushiyeka wedwa na
apha.”
Nomtha: ”Mhlawumbi. Kodwa njengoba sekwazi nje apha angathumela ummtu azondithatha.
Ebesethembise umntu ngam, lamntu uzondifuna.”
Simba: ”Akazukufumana.”
Bekunzima ukuyikholelwa lonto. Kodwa bendinga lindelanga ukuba uSimba amise ubomi bakhe ngenxa
yokugadana nam imini yonke. Bendisoyika kona ukushiyeka ndodwa emini kodwa bendizozibona ndenje
njani? Bunyanzelekile. Bendiziva ndikhuselekile kulendlu xa ekhona. Xa engekho .... bendingayazi.
163
Simba: ”Akakho umntu ozongena apha. Isecurity itight. Umntu ozokwazi ukungena apha nguMonti
kuphela. Nakhona ndizokwazisa qho xa esiza. NoMkhuseli noMluleki qha.”
Ndinqwalile.
Ndinqwalile ndizongena ekamireni ndema emnyango ndimjonga esukuma kwesasitulo ebechophe kuso
eqalisa ukondlula.
Nomtha: ”Simba?”
Simba: ”Huh?”
Unqwalile.
Ndisose ndingena eshower ndahlamba once. Ndiphume emgasekho ekamireni, ndathambisa ndinxiba
itracksuits. Bendinxiba zona mva nje. Itracksuits, iblukhwe. Izilamba. Ilokhwe bendingasa khululekanga
ukuzinxiba. Okwangoku. Bendizofika apho ndikhululeka ngokwaneleyo ukunxiba izinto eziveza umzimba
kodwa eloxesha belingekho namhlanje.
Ebesitya ekhitshini. Ndihleli ecaleni kwakhe wajonga isinxibo sam kodwa akathetha. Ebeqaphela yena,
bendiqinisekile ngoko. Kodwa ebengake athethe.
Bekukudala befuna undibona kodwa bendingeka ziva ukuba sebantwini. Bendingafuni ukube ndijongwe
ngamehlo anosizi. Bendinga qondi ukuba bendawuyikhona leyo. UMluleki noSimba bebendiphatha
ngendlela efanayo nangaphambili kokuba- ngaphambili koEfe. Ebegentle yena ngoku kodwa
ebengandijongi abone isiaram. NoMluleki ngokunjalo. Noba bebendisizela bebenga ndenzi ndizive
ndingu'shame'.
Ndikhawuleze ndamjonga wabe senomdla kulanto yesmoothie ibingasa phethanga nto ngoku.
Simba: ”Ufuna ukuza kum. Andisayi eGreenstone. Uyandikhumbula. Bendingazukwazi ukukushiya apha
wedwa. Nangoku andikafuni ukukushiya so ndicinga ukuba eze apha, kuba kuzobakho oSiyanda kuzoba
less awkward.”
164
Bendi ngekayivumi nale yokuzobonwa ngoSiyanda. Bendingena ngxaki nayo yona kuba noxa
bendingekatsho kuye kodwa bendizovuma uba baze namhlanje kuba kudala esithi bafuna ukundibona.
Le yabantwana bakhe yona bendinga qinisekanga tu ngayo. Bendingena mandla nomdla wokudeala ne
attitude yabo. Abantwana ngomama wabo, bebezobe bene attitude ngakum ... yho hayi. Bendinga
qinisekanga tu.
Simba: ”Andizukushiya wedwa noSiyanda. Uyabazi kodwa udibene nabo kanye nje qha. Awubaqhelanga
lomhlobo.”
Nomtha: ”Andiqondi ukuba kuzawuba nzima lomhlobo ukubaqhela kuba banice and ngamancoko.”
Simba: ”Ekugqibeleni kuzofuneka udibene nabo bonke abantwana bam. Ungayihlehlisa uthini kodwa
ekugqibeleni. Uzoba ngumfazi wam, andizuhlala ndidibana nabo kwirestaurants xa ndifuna ukuchitha
ixesha lakho. Ndibe ne double life.”
Nomtha: ”Andiyazi. Yilendlela ubundibone ngayo? Andiqondi uzoba nomdla kumntu owonakele
kangaka.”
Simba: ”Nomtha andinafiveteen years mna. Ndiyindoda endala, ekudala ibona izinto. Ukuba u-
akutshintshi nto kum. Akutshintshi isigqibo sethu, sendifuna ukuqalisa ngamalobolo kulenyanga izayo
uzokwazi ukuyonxiba ekhaya.”
Simba: ”Andinaxesha lakhe nangoku. Andidingi mvume yakhe ukuba nditshate bani ndingatshati nabani.
Mna naye siqhuba ishishini qha, ukuba ndivumela bani ebhedini yam nokuba nditshata bani akangeni
ndawo. Abantu endibakhathaleleyo ngabantwana bam qha xa kuziwa kwi affairs zam and badala
bayaqonda. Ndibaxelele ukuba mna nomamabo sohlukene ngenxa yokuba umamabo unomntwana
nenye indoda.”
165
Simba: ”Kunzima. Ukufumanisa ukuba umntwana wakowenu uyi half sibling? Ibangathi ubomi bakho
bonke bubuxoki kodwa ndabakhulisa. Ngabantwana bam bonke, andiyikhathalelanga into yokuba iDNA
ithi akangowam. Oko ndandikhona. Ndim umzali amaziyo. Ndim utata amaziyo so ndizoqhubeka ukuba
ngumzali wakhe. Izobakuye ke ukuba yena uyazikhupha kum kuba mdala ngokwaneleyo uJunior. Kodwa
kum akhonto itshintshileyo. Nakubantakwabo akutshintshanga nto.”
Nomtha: ”Andimtyholi mna uyazi? Ngokuphephela etywaleni. Andifuni nokuyicinga ukuba ibuhlungu
kangakanani into yokufumana ebudaleni ukuba umzali wakho akangomzali wakho. Ukuba wafunyanwa
ngokudyola. Yhu hayi ndingasela kwamna.”
Nomtha: ”Mxm! Ebengelo nxila. Ebenengxaki notywala. Ngoku sendigqithe kuyo yonke lento endigqithe
kuyo nalandoda yom'Nigeria andimsoli umntu osebenzisa utywala okanye idrugs to escape. Ubomi
bubanzima ingase ube ndindisholo.”
Simba: ”Bubugwala obo. Sewuthathe isigqibo sokuphila ufuna ukuphila uqhunyiwe? Ubaluhlupho
kubantu abakukhathaleleyo, bayakhathazeka ngawe nesigqibo sakho sokuba ndindisholo. Intlungu
kufuneka uzivumele uyive. Ujongane nayo. Le yona kukuhlukumeza abantu and andisoze ndiyiqonde
nanini na. UJunior akangomntwana wam straight. Ukusela kwakhe abe ngundinga sthubeni kuzomnceda
ngantoni? Sekwenzekile, akangowam. Kutshitsha ntoni ukunxila? Nix. Yena ngesamnkela xa ndimxelela
ukuba akhonto itshintshileyo kum.”
Nomtha: ”Ukuba uphuma erehab esithi ufuna ukuba nobudlelwane notata wakhe omzalayo?”
Simba: ”Makabe nabo. Yindoda endala uJunior. Indoda endayifundisa ukuba ikwazi ukuzithathela
izigqibo ngobomi bakhe. Ukuba ufuna uba nobudlelwane nalandoda imzalayo kukuye. Andingeni ndawo
mna apho. Ndizodlala indima eyeyam, ukuba uyandivumela.”
Uphelile yintsini.
Simba: ”Intoni? Ukuba ndiyomithisa omnye umntu ngaphandle ndawugqiba ndithi umntwana
ngowakho?”
Nomtha: ”Ndifuna ukuqonda kaloku ukuba kusazoba ngalandlela wawuthe kwaba ngayo. Uhlale
eGreenstone full time uze nje apha.”
Nomtha: ”Oh?”
166
Undigxeleshe ngeliso elibi ndayihleka.
Simba: ”Ayenzi sense eyokuba nditshate nawe kodwa ndiyolala eGreenstone. And uyanqwakuza xa
ndilele khona. Wenze itea ezinzulwini zobusuku.”
Nomtha: ”Hahaha! Awusazithetheleli nje. Ubona lento utshintshe ikey ngoku. Kuba awusaculi lengoma
wawundiculela yona ngaphambili.”
Simba: ”Noba awundithandi kodwa uthe uziva ukhuselekile xa unam. Ndifuna uzive ukhuselekile
everyday. Ispare room ibe sispare room, hayi ikamire elala mna.”
Nomtha: ”Yehake.”
Nomtha: ”Mabeze.”
Simba: ”NoMalkia?”
Siyanda: ”Leadership!”
Simba: ”Molweni.”
Bahlikile emotweni bezosanga. Uvule oboot uLulu bayothutha iplastics bezigcwalise iboot oSimba.
Luleka: ”Ndizoniphekela. Uthe uSimba kuzoza noMalkia and nigqibele kudala ukutya okuphekiweyo.
Ndizokwenza ukutya kwamagweja.”
167
Siyanda: ”Awuthethi nokuthetha ntangam. Awuceli nokucela, uthi uvela nje intombi zikubhentsele!
Uvele nje qha!”
Simba: ”Ubuzoyicinga nini eyokubhentsa ujonge iphone yam. Wandibela iphone kaloku lo
unguNomtha.”
Simba: ”Kwakulo nyaka. Wayiba etafileni ndambhaqa ngeCCTV footage. Ndimphe itwo thousand ke
lomntu! Ndimnyobile nje kuba wayenemilenze emihle, ndiziva ndinethamsanqa nje ukuphefumla umoya
omnye naye. Kungathi ndimhlawule ukuba nelothamsanqa. Kanti ndizonkurwa.”
Simba: ”Ndaqonda ukuba noba angandibela ubomi bakhe bonke. Abe intliziyo yam, abe ibhedi yam, abe
umzi wam, abe ifani yam.”
Simba: ”Anditshintshi mntu mna, umntu makabe yilento afuna ukuba yiyo.”
Luleka: ”Ndiyazi yonke lefamily. Notat'uVenus. Bayafana nefamily kuba uSiyanda noSimba bangumtya
nethunga. Nakulo Siyanda uSimba uyaziwa. Ingathi kukowabo.”
Luleka: ”Kakhulu aba. Nam ke bandifakile kulonto yabo kuba andinachoice. USimba sefana nobhuti
wam.”
168
Nomtha: ”Andibasondezi kangako abantu kum.”
Ndiyiqonde ngoku lonto. Hayi ngalamzuzu kodwa kuyo yonke lanto yokubethwa nguSgebengu nokuduka
kwam, ngekukho umntu ondifumeneyo. Nomntu okhathalayo ngam.
Ndimrholele amehlo. Ebengatshongo ukuba kuza bonke abantwana bakhe apha! Lendoda!
Simba: ”Relax.”
Bendisiya ngasekamireni.
Nomtha: ”Ndiyozifihla.”
Nomtha: ”Ewe!”
Luleka: ”Uyozilungisa.”
169
NINETEEN
Kunqonqozwe kanye nje ngaphambili kokuba kuvulwe ucango. Kungene wabheka-bheka amehlo akhe
ade andifumana ngaphambili kwesipili. Bendingeka nxibi, ndisajonga umzimba wam. Bendipholile
kwizivubeko zakudala. Umzimba wam ubugqithe kokuninzi. Kwintlungu eninzi kweziveki zigqithileyo.
Ndijonge kuye.
Unqwalile wasuka emnyamgo esiza ngakum. Ngakumbi esondela, andiyazi bekusenzeka ntoni esuswini
sam. Bendixukuzelwa ngamathumbu.
Simba: ”Ukuba ubuza mna bekungekho sidingo sokuba utshintshe isinxibo. Uburight ngaphambili,
njengoba uright nangoku.”
Usondele wazoma ngaphambili kwam. Undibambe isinqe wandisondeza kuye. Ndiginye ingwiqi
ndazincumisa kancinci.
Usondeze ubuso bakhe kobam ndamjonga emehlweni ndibona ukuba uzondiphuza. Ngezizathu
endingazaziyo bendiyazi nje ukuba lo umphuzo uzokwahluka kwaba 'mbaa' siqhele ukubenza.
Bendibona emehlweni akhe. Ndinyuse obam ukukhawulelana naye saphuzana. Ndijikelezise izandla zam
entanyeni yakhe ndizama ukungcotsha ndilingane nobude bakhe. Undisomdeze ngakumbi kuye
imizimba yethu yadibana.
Undibambe impundu endingqamanisa naye ngaphambili. Bendimva ukuba ukhukhumele. Uphide wenza
lanto yokufeja kancinci ndavele ndoma nko ndanemibono bekungafanelanga ukuba ndiyayo. Uqaphele
ukuba andisamphuzi wandikhulula ebuya umva kancinci.
Simba: ”Nomtha?”
170
Simba: ”Nomtha.”
Undibambe ingalo ndoma ndiqhale amehlo wandikhulula okungathi lilahle elitshisayo. Into bendiyibona
nguye, yonke indawo bendibona yena. Zange ziphuzane ixesha lonke ngokuya endinyukubeza, ebesiya
nqo apho athunyelwe khona. Athathe, athethe. Ukuva ubudoda bukaSimba ndivele ndanombono wento
yonke kwakhona.
Utase izandla zakhe kuba engazazi ukuba azenzeni. Ebefuna ukundibamba kodwa ebeqaphela ukuba
bendingafuni kubanjwa. Bendingayazi ukuba bekutheni ngam? Yintoni yona le? Ndonakele ngalondlela
ngoku, xs ndibanjwa ibangathi nguEfe?
Simba: ”Nomtha, baby. Andiyazi noba ndenzeni kuba ndifuna ukwanga qha andiyazi noba uzoba
comfortable na.”
Bekutsho lukhulu kum ukuba wandikhangela. Bekunga nyanzelekanga. Ngethe 'good riddance'
waqhubeka nobomi bakhe, efumana umntu ongenazingxaki njengam. Ongonakalanga njengam. Ngoku
ebefuna ukunditshata, ndibe ngunkosikazi wakhe nasemveni kokundibona ndonakele. Ndisopha ngapha
nangapha, ndikrazukile. Usafuna ukuba nam. Usafuna ukuba nobomi nam.
Ndazi abantu bakhe, nabo bandazi. Ibingekho into ebendisiza nayo mna ngaphandle kwesiqu sam.
Bendizom'dibanisa nabani mna kuba umntu ebendinaye nguKing qha. Kwaye bendingasoze
ndimdibanise noKing. Ukuba bendawumfumana phofu, kuba bekukhangeleka okungathi uduke nelizwe.
Ndive izandla zakhe endiwolela kuye, intloko yam isesifubeni sakhe endiphulula umqolo.
Nomtha: ”Ndiyaxolisa.”
Andiyazi bekutheni ndase ndane breakdown. Itiming ibingekho right. Indlu ibigcwele abantu bebeze
kuthi, mna bendiphalala kukongayelwa.
Undibambe isilevu ukuba ndimjonge emehlweni. Mekumangaza indlela ebesoft ngayo amehlo akhe
okungathi akake abenzima ngendlela yokuba uzive uqhaqhazela qha ekujonga. Wayetshilo phofu ukuba
akayonto enye kumntu wonke.
171
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ha!”
Simba: ”Uhlambe ubuso. Kuzothwa bendikubetha ke apha njengoba unamehlo abomvu nje.”
Uqwalile waphuma. Akaluvalanga ucango. Ndihlambe ubuso bam ndabuthambisa ndilandela emveni
kwakhe.
Undijongile uLulu. Uyayibona lanto yokujonga umntu ngokungxama uphinde umjonge kwakhona
umqwalasele kuba kukho into oyibonileyo? Ebenze kanye lonto. Andimhoyanga ndabulisa uMalkia.
Ebendiqwalasele naye.
Ndinqwalile.
Malkia: ”Long story. Kodwa sasinxilile sistranded. Ubhut'Malik engafumaneni so ndafounela udaddy.”
Luleka: ”Andiqondi noba wayekhaliswa ngumsindo, kodwa kukuphoxeka. Uyayazi ukuba uJunior yi
alcoholic so ukukufumana unxile ngohlobo othi wawunxile ngalo wayephoxekile. Inoba wayeziva
okungathi woyisakele njengo mzali. Ndiyayazi ndingazityhola mna okukwam. Kuyingozi kulatown Malkia,
ningama ntombi, ninxile ningazazi namagama. Ngekwenzeke nantoni na. Utatakho inoba ebecinga
yonke lonto.”
172
Malkia: ”Andiphinde ndisele. Bendine stress nje.”
Luleka: ”Istress santoni na ntombi? Uyanxityiswa, uyafunda, uyatyiswa. Awuna stress se rent ne
installments. Okwakho nje kukuba uzikhathaze ngencwadi zakho nokupasa imodules qha.”
Malkia: ”Easier said than done. Bendibona nje ukuba izinto azisafani. Bekukudala zingasafani kodwa
ngoku bendibona nje ukuba ba miserable. Abahlalelani.”
Luleka: ”Nibadala ngoku Malkia. At your age seniqonda. USimba unyamezele ixesha elide kuba engafuni
nihlukumezeke kukohlukana kwabo kodwa ebengonwabanga. Unyamezele kuba efuna nina
nibenefamily kodwa ngoku ubeka isiqu sakhe nolonwabo lwakhe kuqala kuba nibadala. Babethandana
abazali benu, kakhulu futhi-”
Malkia: ”Kodwa abantu abangotata benza abantwana ngaphandle kwemitshato kungohlukwanwa. Utata
semkhulisile uJunior, njengomntwana wakhe. Ngeqhubile wamkhulisa wamxolela umama.”
Luleka: ”Bayahlala kuba bakhetha lonto. Yimpilo abazikhethela yona leyo yokwamnkela abantwana
bangaphandle komtshato. Andimangalanga mna sisigqibo sikatata wakho kuba amadoda awafani nathi.
Amadoda azithanda ukufa. Azixabise ukufa. Awanyamezeli bubhanxa. Uzokudyolela kaliwaka umntu
kodwa dyola kanye nje wena iyachitheka indibano. Andi mangalanga mna. And ewe ukuba ibinguye
onomntwana ngebesekunye noNokulunga. Unjani yena?”
Malkia: ”Oko engekho right kwezintsuku zigqithileyo. Uyaphalaza qho. Unezinto ezimnukisela kakubi nje
nokutya angasakutyiyo. But xa esitya ke uyatya kuba indlela atyebe ngayo. I think she's stress eating.”
Malkia: ”Qho. Umakhulu ude wamcebisa enze iginger inausea izoba bhetele.”
173
Nomtha: ”Inoba ngoka ...?”
Ndibheke emveni kwethu koSimba elounge. Kuba ibiyi open plan, besibabona kuba balapha nje emveni
kwethu. Akukho madonga asohlukanisayo.
Ndinyuse amagxa. Eneneni bendingayazi futhi bendingafuni nokwazi. Okay bendifuna kodwa
bendisoyika. Ukuba ebeke walala naye ngelixesha emana kuya kwakhe wamkhuleliswa ebengazufuna
ukuchitha nantoni na eyenzeka phakathi kwam naye abuyele emzini wakhe. Bendibuhlungu nje
kukucinga ukuba usabelana ngesondo noNokulunga. Bendinomona ukuba ebemazi ngendlela
bendingamazi ngayo. Kodwa uNokulunga ebemthanda. Mna bendingazazi, so kukho noko. Kwaye
wayetshilo uku- yho hayi bendishukuxekile bendingafuni ukuxoka.
Wayetshilo kwezintetho zakhe uSimba ukuba kudala bengaliweli iziko. Bagqibela kudala ukuba ngumfazi
nendoda. Bendingafuni ukukholwa ukuba bebeke bazekana ngoku sendikho. Okanye ngelixesha
ndikuEfe? Hayi maan ngengekaboni mpawu ukuba bekungoko. Mhlawumbi ngelixesha bakhangela
uJunior, bazibona sebekunye. Huh?
Luleka: ”Ndifuna ukuthi akasoze uSimba kodwa umzimba ngumzimba kwaye inkanuko zinkanuko,
iworse umntu xa sele umazi ngolohlobo kulula ukubuyela kuye uhendeke. Never say never. Andiyazi ke
ukuba kungathini ukuba bamithisene.
Ndive ngesandla egxalabeni yabe inguSimba. Ebemi phakathi kwam noMalkia esibambe sobabini.
Ndinqwalile.
Ndimjonge ngoko wandinyusela ishiya caba undilindele ukuba ndiqhanqalaze. Ndizilume ulwimi.
Malkia: ”Besesidibene.”
174
Luleka: ”Kucacile ukuba ububuza nje uzotsho ukuba ububuzile. Iworse ke sisi nguwe umntu ozotshata
neNigeria hayi mna. Umyeni wakho uzothi efuna iEgusi soup ungayazi ukuba mawudibanise ntoni
nantoni!”
Ingathi bekuvele kwathi cwaka naba baseLounge bejonge kuthi beyekile ukuncokola.
Malkia: ”Uzotshata?!”
Malkia: ”Awukhange uthi uzotshata! Utshate nomama, umama akakho right kungoku ngenxa yokuba
wena uhlalisana nentanga yam ngoku uzotshata?!”
Malkia: ”Umama uyaxolisa okay?! Uyazisola ngokuba nomntwana ngaphandle komtshato. Everyday
ndimva ekhala eroomini yenu daddy, uva kabuhlungu!”
Simba: ”Mna nomamakho asisatshatanga baby, we divorced three years ago. Asisatshatanga. Ndisingle,
ukuba ndifuna ukutshata uNomtha ndizomtshata kuba ndiyamthanda.”
Malkia: ”Awuzutshata nentanga yam! Itshomi zam zizothini! Umama uzoziva njani xa unomfazi olingana
nelast born yakho? How disgusting is that?”
Nura: ”Yeah ngubani? Into enisixelela yona nomama kukuba akangowakho kodwa anilikhuphi ukuba
ngokabani. Kuba uJunior uyafana nawe. Unayo indawo efana nawe.”
Nura: ”Fine akangowakho, mna ndiyayikholwa lonto kuba watsho uJunior ngomlomo wakhe ukuba
wazivela ezinkonkxeni umama ethetha noMakhulu. Into endifuna ukuyazi kukuba ngubani utatakhe?”
Unqwalile.
175
Simba: ”Ndinomntwana ngaphandle komtshato wam mna?”
Simba: ”Uthini?”
Nura: ”Andithethi.”
Simba: ”Andina mntwana ngaphandle komtshato mna. Ukuba ufuna ukwazi utata womntwana kanyoko
ubuza kunyoko not kum. I'm divorced nomama wenu, usahleli kuba esafuna ukuhlala nam ndiya
eGreenstone ngenxa yenu. Bendilala khona ngenxa yenu! Ndinikhulisile nibadala nonke ngoku, you are
in fucken university. Ukuba nizolwa amadabi eningangeni ndawo kuwo ekubeni ndahlala kulamtshato
for three year, ndilala ecaleni komama wenu ukuba nje nikhule ngokwaneleyo I'm gonna get very mad!
Nibadala! Andizuhlala nomama wenu for nina anymore. Abantu bayohlukana and that's that.”
Simba: ”Kukuba bendicinga ukuba nizoqonda kuba ndahlala nani phantsi ndanixelela ukuba kwenzeka
ntoni. So andiyazi ukuba kwanina nizimangaza njani ekubeni ndathetha nani kwangathi niyaqonda.
Ndinomsindo wokuba niza ngendelelo futhi. Akakho umntu othi ningabina zimvo kodwa sawuba
nengxaki xa nizoza ngendelelo nizodelela uNomtha. Akangeni ndawo emtshatweni wam nomama wenu.
Ubincinci bakhe aningeni ndawo kuko. Akangomama wenu, akangomanci wenu ngumntu wam.
Ndizomlobola ndimtshate. Ukuba anifuni nto edibanisa naye namnkelekile ukungezi apha eCenturion,
mna ndizoza kuni. Kungazubakho ngxabano. Nd'yanithanda, kodwa ndiyamthanda naye. Umama wenu
ndimthande ubomi bethu bonke sikunye Malkia, angazisola ngoku kodwa into andenze yona ayixoleleki
tu. Into ayenze uJunior ayixoleleki.”
Malik: ”Ngowefemeli?!”
Kungenzeka ukuba ngumntu wasefemelimi? USimba wayetshilo ukuba uJunior wakhe watsho uba
wabeva bethetha uNokulunga nomamakhe. Nokuba wayembona utata wakhe xa engekho uSimba. Qha
enze ingathi uzombona nje. Mna kum bendizicingela ukuba akayazi yena ukuba ngubani kodwa ngoku
besendicinga ukuba uyamazi. Kungenzeka ukuba ngumntu wasefemelimi? Noba kunganjalo ke
bendingakholwa ukuba ngokaMluleki. U-Ulatho ebengasoze amlwele kangaka ukuba ebeyazi uba
umtyele indoda. Mkhuseli? And ebethanda ukuya eGreenstone! Ingaba ibinguye?! Okanye uBukhosi?
Indlela wayibeka yacaca ukuba akandithandi, mhlawumbi ebe- hayi maan bendidekile.
176
Malik: ”Madiba?”
Malik: ”Subhanxa wena, nditsho lo amkhulelweyo umama. Ngowakho okanye ngowomnye umntu?”
Malik: ”Ubungayazi?”
Malik: ”Ukhulelwe. Umakhulu uzohlala nathi kuba ehlutshwa zimorning sicknesses. Zimgulisa kakhulu.
Into bendino msindo ngayo mna yileyo, ukuba uyayazi ukuba ukhulelwe kodwa you are not there for her
xa ekudinga.”
Simba: ”UNokulunga akandixelelanga kwanto ngokumitha mna. Bendistressed kukuduka kuka Nomtha
ukumgqibela kwam andinokuxelela nokuba wayenxibe ntoni. Andiqaphelanga nto.”
Simba: ”Malik ndina three years ndingatshatanga nomamakho. Akunokwenzeka ukuba abe ngowam.”
Malik: ”Kuleminyaka yakhe usenza abantwana! Inoba ngubani kona utata walomntwana?! Ukuba
uyamazi!”
Malik: ”Usamthethelela nangoku? Una two yabantwana ngoku ngaphandle komtshato kodwa
usamthethelela. Umoshe umtshato wenu- ndiyayiva lebull yokuba ubungekho yada yada kodwa ayo
excuse leyo. Umoshe ubomi bethu qha yena. Ewe ubuhleli kulathree year emveni kokuba uvile
ngoJunior kodwa bekubonakala ukuba you are just tolerating each other. Noxa bebengaboni aba mna
bendibona ukuba kukho icrack enkulu and you were cold kumama. She's just ruining things and wena
you continue to protect her honour.”
Simba: ”Kuba wayengumfazi wam. Wandipha nina Malik, wandikhulisela nina wandinyamezela ndi
abusive kuye. Endiquma okungathi I'm the best husband ezweni. Nam kule three years bendiba nabo
abantu kuba nomamakho sohlukene noxa sihlala kunye. Umahluko kukuba mna bendizikhusela kuba
ndingafuni mntwana nomntu nje. Umama wenu ebenelungelo lokuba nomnye umntu kuba mna
bendinga mfuni. Ukuba ukhulelwe ayikho into enizoyenza ngaphandle kokuba nomxhase qha.
Khanikhule maan.”
177
Malik: ”Ndiyaphuma kwasendlini mna. Bazohlala bodwa nomakhulu noMalkia. Andifuni nto enokwenza
mna. And ekugqibeleni uzovela lomntu nimqumayo. Akhonto ifihlakala kude kuphele. Uzovela. Ukuba
asixelelwa nguJunior sawuzivela. Ndiyahamba mna.”
Luleka: ”Ukutya?”
Uphume kuqala uMalik kwalandela uNura esanga utatakhe kuqala. Uphume nje uMalkia wamphepha
utatakhe xa ezama ukumanga. Ulandele emveni kwabo ebajonga bengena emotweni bahamba. Ubuyele
ngaphakathi wangqala ekamireni wambhakraza ucango emveni kwakhe.
Luleka: ”Akaphumi ezintweni uNokulunga. Iyintono emmithisayo ngoku kodwa ebezenza okungathi
ufuna ukubuyelana noSimba. Ndiyamcaphukela mna lamfazi shame. Umdaka gqithi and uyayazi ukuba
uzokhuliselwa nguSimba lamntwana njengoba angafuni ukuphuma kuye.”
Siyanda: ”Khawuyomjonga Nomtha, sawube sigqibezela ukupheka apha. Into engazukwenzeka kukuba
singayityi ledinarha siyizele apha.”
Luleka: ”Donori!”
Simba: ”Ndifuna undixele ukuba ngowakho na nalona umntwana, yiyo into endifuna ukuyazi?!”
Ndingene ethetha nephone ndalumbhakraza ucango azova ukuba kukho umntu ongenileyo, ingabingathi
ndiyamchwechwela.
Ubhekile wabe enamehlo abomvu. Ebekhala. Wosule amehlo waphinda wandizela ngomva. Ndibuye
umva ndizomshiya.
Simba: ”Nomtha!”
Ndibhekile wandikhweba.
Simba: ”This is fucked up. This is so fucked up. You are fucking up abantwana bam! Nobabini!! Nobabini!
Ndiyayazi ukuba ngowakho nalo umntwana noba ukhanyela nje ngowakho! Ngokabani ke? Uzothini
ungayazi?! Uzothini ungayazi! Nx!”
178
Nomtha: ”Ukutya sekuzolunga. OSiyanda bathi abazuhamba bengatyanga dinara so ndicebisa ukuba
silungise itafile kuba bayapheka bona.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Ndiyavuya ukuba abantwana bam sebekhule ngokwaneleyo, bazozihlalela. NoMalkia kuzoba
ngcono ayohlala esikolweni kulonyaka uzayo. Ndizohoya abantwana bam kuphela. Andizukondlala
noNokulunga nomntwana wakhe mna. Ndiphumile apho. Uzozibona ngalo umntwana.”
Simba: ”Andizazi. Andiyazi. Ndicinga ndiphoxwe kukuba careless kwakhe. Ucinga ukuba kuleminyaka
yakhe usakulungele ukube emitha?”
Simba: ”Ndiyayazi ukuba akamplananga kuba ebese nethemba lokuba singalungisa izinto. Ebefune
ukulala nam some time ago. Ebeyazi ngoko ukuba umithi.”
Unyuse amagxa.
179
TWENTY
Siyanda: ”Ninga yilungisa kengoku itafile sekubhadlile ukutya.”
Simba: ”Ingena phi lonto?! Singatyi ngoku Lulu ngenxa yokuba singakwazi ukupheka?”
Simba: ”Tyhini!”
Kukhale iphone kaSimba. Enye, hayi le ayibethekise edongeni. Ibisaphasalake phaya yona. Le ibiyile
ndandizame ukuyiba.
Ndimjongile ndimncinele amehlo. Ingaba utsho lonto kuba inguye utata wabantwana bakaNokulunga?
Simba: ”Entweni?!”
Siyanda: ”Madiba.”
Siyanda: ”Hahaha! Andizutsho ukuba vela bembhentsele. NguSimba yedwa ovela bambhentsele!”
Simba: ”Injani na lento? Indwendwe ibelilo elibuza impilo, libuze indoda yomnye umzi.”
Mluleki: ”Ndiyaphila akhonto, sonwabe nje kakuhle. Zifiva nje. Ninjani nina?”
180
Simba: ”Akhonto intle kodwa siyacenga mfo kabawo. Siyacenga.”
Bukhosi: ”Ndanditshilo ukuba ndiyaxolisa bhuti, bendingayazi ukuba ungumfazi mna unezixhiba.”
Simba: ”Azoba yinyanda lomazinyo ukuba uphinde nje wathi ndingumfazi. Uzothi ntlubu izisini njengoba
uhleli nje uqhekeke into engekhoyo. Andiyazi noyifuna apha.”
Simba: ”Une nonsense ingathi akangomntwana uBukhosi and uyandazi andimfuni umntu oyibullshit
yomntu. Ukuba awungomhlobo wam usisitha sam, kwamanye wamalanga kuzofuneka ukhethe ukuba
uyintoni kum. Kuba mna ezam izitha andizisondezi, azingeni emzini wam zitye nam etafileni sagqiba
zindingcatshe.”
Siyanda: ”Hlisa umoya Simba, sithethile noBukhosi uyiyekile lanto. Ungakwicala lethu.”
Simba: ”Andidibani nomntu ongenazigqibo mna. Usebenzela isitha sethu, usisitha sethu qha. Ukuba
uphinde wabe unanazela emveni kukaSesh Bukhosi uphumile mna empilweni yam. Uxhasa isitha sam
usiso wena kuqala gazi okanye hayi uphumile. Andinaxesha le bullshit mna and andiyizuyithatha from
anyone. Blood or not, family or not ndizokophisa. Awusebenzi ne enemy yefemeli yakho. Rule number
one. Wena notata ningumgubo wengxowa enye mvanje. Backstabbers and traiters. Ukuba nisaphilelani
ningase nizibulale nje nincede wonke umntu niyazi nodwa. Nibhetele nifile nje.”
Utsho wahamba wayolungisa edining table esishiya sirhole amehlo, ngakumbi uBukhosi. Ebentanya
tanyaza okungathi ukhwele itrain ewrongo. Uthinte umqala uMluleki.
Siyanda: ”Hayi noko. Besizobona aba bantu sibaphekele nedinara. Sekulithuba ingabonani kakuhle,
kuxakekiwe.”
Siyanda: ”Bekukho abantwana apha. Bonke. Izinto azihambanga ngohlobo besicinga ukuba zawuhamba
ngalo.”
181
Mluleki: ”UNokulunga?!”
Simba: ”Ungasose uthatha imic nespeaker uxelele wonke umntu walengingqi?! Nondaba.”
Simba: ”Akangowam.”
Simba: ”Ungumngcatshi!”
Bukhosi: ”Sukhuphela umsindo wakho kaNokulunga kum. Ayindim umntu omithise umfazi wakho
ukhona. Kabini!”
Umgibisele ngevase wamchana entloko, sathi sisajonge leyo into wabe sele elapha enqandwa
nguMluleki.
Simba: ”Mnike imoto aphume kwam uBukhosi. Andimfuni apha ngoba uzophuma ngestretcher.
Makahambe.”
Simba: ”Makafokofe kwam angaphinde angene apha. Andihlali nomntu endingamthembiyo mna.
Ndifunde the hard way kuSylvester and andifuni buphinde benzeke obobubhanxa.”
Simba: ”Kuworse xa ndizongcatshwa ligazi lam. Andikufuni anywhere apha Bukhosi, I'm not even joking.
Ndikubone nje ngaphandle kwaleyadi ndizokudiliza. Andikuthembi ngefemeli yam. Andiyazi noba ubuye
nyani na ngoku okanye uthunyiwe uzonikisa ngabantu.”
Bukhosi: ”Andikholelwa ukuba ucinga ndingenza lonto kuwe mna. Andiyikholelwa lonto.”
Simba: ”Suyikholelwa ungaphandle komzi wam. Ube uyagqibelisa ukungena apha! Khaphume uyeke
ukophela izinto zam, phuma!”
Bukhosi: ”Awufuni mna? Ndingumntwana wakowenu? Awufuni mna? Ugxotha mna kanje emzini
wakho?”
182
Simba: ”Uphumile kum mhla wayokwenza ubuhlobo nomntu owadubula umama wabantwana bam
wayongena eICU. Uphume kum mhla uyosebenzela abantu abathengisa amantombi wabancedisa nawe.
Uphume ngoko kum.”
Bukhosi: ”Uthengisa idrugs nawe! Suzenza bhetele. Izinto ozenzayo kwawena awungowothetha
okungathi unonembeza.”
Simba: ”Andithengisi bantu mna. Andikho kwihuman trafficking. That is where I draw the line.
Ukutshaya idrugs yichoice yomntu. Umntu uyazikhethela ipoison yakhe. Andiphumi apha
ndiyoyikhankasa ndenze obuy one get one free. Bayazikhethela. Amantombazana atwenza imilenze
wona awayikhethi lampilo. Iyabakhetha yona. Kukuxakeka kwabo okubenza bazinikele kulompilo.
Abantu abafana nawe abasenzisa lonto ukutyebisa itasi zakho abawakhathalelanga amanina. Nawaphi
na. Ndibomntwana oyintombi. NdinoNomtha apha, wena xa umjongile ubona ibusiness. Uphantse
wayophelela eSaudi Arabia ethengiselwa God knows who ngabantu abafana nawe. Usenenarhmani
nangoku. Othuke ekhala ebusuku uphinde ucinge ukuba ndizovumela umntu ofana nawe angene emzini
wam ahlale etafileni nathi nabafazi bethu. UMluleki unabantwana bamantombazana. Uzokuthemba
kanjani ngabo ukuba ubomi bentombi awubuxabisanga. Kuba uyifamily kufuneka sikuthembe.”
Simba: ”Andimfuni kwam nasempilweni yabantwana bam uBukhosi. Yenza lonto mna nawe sawuvana.
Udlalele kude kuMalkia okanye ndizokulimaza. Uligazi lam ewe kodwa ifemeli yam iza kuqala. Ndizame
nje. Ndilinge. F*ck off kwam!”
Umjonge ixesha elide esazibambe intloko. Yaba ngulo mjamelwano kuba noSimba ebengamyekanga,
ejame kwayena. Unyuse izandla zakhe uBukhosi wabuya umva. Uphethukile waphuma elandelwa
nguMluleki.
Simba: ”Nx!”
Uphindele kulatafile ebeyikungisa eshiya ivase le yophukele komnye yawela phantsi. Caba ibizothathwa
ngubani? Ndimu?
Ndiyothatha ibrush yokubutha nedustpan kuba bekungekho mntu wenza umnyakazo. Ndibuthile
ndalahla kwidustbin.
Siyanda: ”Doctor!”
Simba: ”Nive kusithiwa kukho ntoni kwam nazogcwala apha? Uke uye kwaMluleki okanye ndim ndodwa
lo ufanelwe lizothe?!”
183
Siyanda: ”Ulwe noBukhosi. Ubukhosi ebesebenzela uSesh.”
Siyanda: ”Ushushumbisa idrugs naye kodwa ukuyo nehuman trafficking. Usebenzisana namagweja.”
Simba: ”Ngulo wadubula uNokulunga efuna ukubulala mna. Ewe, ebesebenzela yena ngenxa yokuba
singamfuni kwibusiness. Ngukhanda shisa uBukhosi. Uzofa ngoku kuba uyaxhamazela.”
Mkhuseli: ”There is no lesser evil apha bhuti. Nani anirightanga ngalo niwenzayo kuba ngulo ufaka
abantu abasondele kuni ebungozini.”
Mkhuseli: ”Bendinga thethi ngoNomtha nam kodwa good point. Ngumzekelo omhle uNomtha.
Bekufanele ukuba noyayicingi-”
Siyanda: ”Doctor ndizokunqanda apho. Yenza into oyenzayo nathi senze esiyaziyo ukubeka ukutya
etafileni. Ungazenzi bhetele kunathi ngenxa yokuba ungugqirha. Ndizokrazula esocertificate ngoku
ubone uzoba namabhongo antoni ungena qualificstion.”
Mkhuseli: ”Hahahaha! Mxm! Ndinga kuphathela nokuphathela sibone ukuba ndizoyekiswa si certificate
esikrazukileyo na ukuba ngugqirha. Nomtha, Lulu. Kunuka kamnandi apha.”
Mkhuseli: ”Ingathi undivile indlela endilambe ngayo. Isisu sithe nca emqolo.”
Simba: ”UyiHobo wena. Yintoni uziphatha kanje? Lagqirha wakho uthandana naye akakuphekeli?”
Simba: ”NoLulu.”
Mkhuseli: ”Ndidiniwe.”
Bathuthe zonke izitya beseziphekiwe sayohlala etafile. Akaphozisanga maseko uMkhuseli waziphakela.
Yena yedwa. Kuba thina abanye besisalindele ukuba kuthandazwe kuqala ngaphambili kokuba kutyuwe,
nobhuti ebengekabuyi kuBukhosi.
184
Ungenile wazochopha kwintloko yatafile. Mna noSimba besikwicala lakhe lasekunene ooSiyanda
bengakwelokunene, uMkhuseli ecaleni kuka Siyanda. Kuba uLulu ebephakwathi kwakhe nobhuti.
Thina: ”Amen!”
Siyanda: ”Nyani? Uzosenzela umthandazo wase pre-school unkosikazi wam etshile kangaka!”
Siyanda: ”Bendingaqondi kaloku ukuba uzokwenza uphela sonwabe womthandazo. Sawufane sithini?
Nomtha ufundise lomntu wakho ukuthandaza.”
Baphelile yintsini.
Nomtha: ”Ayikho enye iverse oke wayitsho ngaphandle kwaleyo. Ukesa indawo enye wena.”
Siyanda: ”Wamfundela nini lendawo yokukutshwa amalungu? Ngoku wayebe iphone yakho? Okanye
ikhona enye into ebephinde wayiba.”
Simba: ”Siyanda sukuthi umntu wam lisela. Ndim ndidwa onelungelo lokuba atsho kanjalo. Linda
akubele kuqala wandule ukutsho ke. Kuba andiqondi usafe.”
Simba: ”Ewe xa ningekho. Andina ngxaki ukuthetha indaba zam kuni kodwa zezika Nomtha ezi. Andifuni
ukuthetha ngezinto zakhe esidlangalaleni.”
185
Luleka: ”Oh alright.”
Luleka: ”Ndiyabulela.”
Utsarhwe kukutya wakhohlela isidala sento uMkhuseli. Ungonjwe nguSiyanda umqolo wade waright.
Amehlo ebelila kukutsarhwa. Ebebhetele kodwa esakhohlela. ULuleka umkhele amanzi wanikeza
uSiyanda amnike.
Mluleki: ”Uright?”
Unqwalile.
Mkhuseli: ”UNokulunga?”
Mkhuseli: ”Ayongowakho?!”
Simba: ”Ndina three year ndingalali noNokulunga mna. Andiyazi kutheni sizothetha ngoNokulunga
etafileni.”
Siyanda: ”Malik.”
186
Mkhuseli: ”Mna? Andilali naye?! Kutheni ucinga ukuba ndilala naye? Ubone ntoni? Andilali naye mna!
Mna? Hayibo! Uthi ngokabani yena?”
Simba: ”Ungazibambisa wena. Ingathi ungumntu oguilty. Sawumazelaphi thina umntu uNokulunga
akrwempana naye umqolo. Akangowam, utata kaJunior uthi akasekho kwibaby making business and
nangona ndingafunu ukumkholwa andiqondi ukuba nguye. Asizubazi ke abanye abantu bakhe and
asinamsebenzi nalonto thina.”
Mkhuseli: ”Uqinisekile utata kaJunior ukuba ayinguye? Yima, ide yaba ngubani utata kaJunior?”
Simba: ”Uqinisekile ukuba ayinguye. Ndim utata kaJunior. Case closed. Asidibanelanga ukuthetha
ngoNokulunga apha. Ukuba kukho into ofuna ukuyazi kutheni ungayi eGreenstown ngalendlela uqhele
ukuya khona? Nincokola ntoni kakade noNokulunga ukuba awazi ukuba ukhulelwe?”
Mluleki: ”How about uyeke ukutshomana ne ex wife yomntakwenu njengoba seninikana ispace ingathi
niyagwencelana.”
Simba: ”Kungenzeka ukuba bayagwencelana kaloku. Ulindele nantoni na kuNokulunga. Akusekho nto
ayenzayo inondiphoxa mna. Andithi noSylvester ngulo othe ebelala naye.”
Mluleki: ”Huh?!”
Mluleli: ”USylvester noNokulunga?! Akathethiswa kuba efuna ukukuvisa kabuhlungu ngalendlela umvisa
ngayo nawe.”
Siyanda: ”Akavakali njengomntu oxokayo. Yinto yakudala, uNokulunga wazifunela kuye. Kwakhona
ngaphambili kokuba axhwilise uNomtha.”
Mluleki: ”Ngaphambili kokuba kuxhwilwe uNomtha? Aka- huh? Angayenza lonto uNokulunga?”
Simba: ”Noba kunjalo andifuni kwazi kuba andifuni ukubulala umama wabantwana bam okhulelweyo.”
Simba: ”Phinda ubuze. Ingathi ngumntu ohleli nje unempene. Uzigudla nakubani na ojingisayo.”
Simba: ”I doubt.”
Mkhuseli: ”Shu!”
Akhange siphinde sithethe ngento enoNokulunga noSylvester nempene kaNokulunga kwakhona. Sityile
sincokola nje ngezinto ezingena msebenzi. Enkosi kuSiyanda. Bendinga qondi ukuba bendawuhleka
ngohlobo bendihleka ngayo emveni kwayo yonke lanto. Bamnke sekuhlwile. Besihlambe nezitya
187
sesiyohlala elouge. Bebesela bona noLulu mna ndiziselela ismoothie endisenzelwe nguSimba.
Bendingeka kwazi mna.
Sikhalise umculo ozolileyo kwahamba uMkhuseli kuqala. Xa ndisithi besincokola, kumnandi bendinga
mbali yena kulonto kuba oko ethule edining room. Nangoku sesiye elouge unkonye ibeer enye ejonge
enkalweni wade wahamba. Sibakhuphile ke savalelisa sithembisa ukunganqabelani.
Undiphuze ibunzi
Simba: ”Hayi.”
Simba: ”Bendiba sawuthetha nawe umele uNomtha. Sifumane nomnye umntu. Kuba akafuni nto
emdibanisa nabantu bakuloSamora and ndiyafuna ukwenza izinto ngesiko.”
Mluleki: ”Amelwe ndim? Kufuneka umntu wakwaTongai. Noba imali izoya kuNomtha kodwa kufuneka
umntu wakwaTongai. Noba akakho sezityeni.”
Unyuse amagxa.
Mluleki: ”Andiyazi ngalendlela nithetha ngayo nina kodwa andizukwazi ukumela oTongai mna.
NdingumXhosa andingom'Zimbabwean. Andiyazi nenza njani. Ukuba ufuna ukwenza into yenze kakuhle.
Ingxoxo yelobola ayifani nokuhambisa umntu kwi isle. Ndingayenza ndinga celwanga leyo, hayi le.
Askies.”
Simba: ”Ndiyakuva.”
188
Nomtha: ”Uhambe kakuhle.”
Simba: ”Baby?”
Simba: ”Andithi-”
Nomtha: ”Uzokondlala?”
189
TWENTY ONE
Simba: ”Nomtha, sewulele?”
Simba: ”Ndifuna ukwenza iDNA nabo bonke. Ndicinga ukuba kwenzeke uba ayingobam bonke aba
bantwana.”
Simba: ”Ngendlela ekungayo ngayo ndiyayicinga neyokuba kube kanti ndenzelwe bonke abantwana
bam. Ixesha eli lonke andizilibali ndingutata kanti ndincedisiwe.”
Nomtha: ”Ngubani kanti utata kaJunior? Kuba kuthiwa ufana nawe and kungenzeka abantwana bakho
ngabalomntu. Kuba ndibabona benguwe mna. Ngakumbi uMalik. Unguwe.”
Simba: ”UMalik ngowam yena. Samenza kuqala noNokulunga. Engekaqhelani kakhulu nefemeli yam.
Kufanele ukuba abe ngowam.”
Nomtha: ”Njengoba usithi kufanele abe ngowakho, kungoba awuqondi njalo kuNura noMalkia?”
Nomtha: ”Kuthini kengoku xa sewuqinisekile? Ubaxelele ukuba abangobakho? Bafane noJunior bonke?”
Nomtha: ”Ndicinga uyeke ngalendlela kungayo mna. Ungutata abamaziyo, ngabantwana bakho.
Akuzunceda nto ukwenza iDNA. Endaweni yoko izokwaphula abantwana benu.”
Simba: ”Andikwazi ukungazi Nomtha, andikwazi. Ukuba abangobam uNokulunga kuzofuneka abaxelele
utata wabo. Andiqondi ukuba ndingakwazi.”
Nomtha: ”Ungakwazi ukuthini? Ukuba ngutata kubo? Njengoba wawuthe akutshintshi nto ukuba uJunior
akalwanga nguwe kodwa ngumntwana wakho kuba oko wabangutata kuye ezalwa? Kutheni ungasose
uzixelela ukuba naba ngabakho. Ubazele, ubakhulisile. Nguwe utata abamaziyo. Ungalungisi into
engonakalanga.”
Nomtha: ”Akusoze kwenzeke ukuba bangabi ngabantwana bakho bonke. Bayafana nawe aba
bantwana.”
190
Simba: ”Bafana nam kuba ndifana notata wam. UJunior ngumntwana kaVenus.”
Unqwale.
Simba: ”Uyayazi.”
Nomtha: ”Utata wakho! Yho hayi uyabona bendingamva kuqala kodwa ngoku ndimthiyile. Kukungcola
okunjani oku kokulala nomfazi wonyana wakho? Ungakanani uNokulunga kuye?”
Simba: ”Uthi nguNokulunga owazifunela kuye. Yindoda yena. Ndandingekho ndiseRussia into engange
nyanga. Wayehlala ekhaya eKyalami nabazali. Bazokwazi ukumncedisa ngabantwana.”
Simba: ”Walala notata. Ekhaya. Umama ekhona ekamireni, utata wayolala noNokulunga kwiguest
bedroom. Yiyo lonto ndavele ndafuna idivorce. Kuba uyenza njani into yokulala nomzali wam uphinde
uzolala nam ngaphandle kwesazela? Ungazikhuseli, ungatyi nemorming after pills. Wakugqiba
uyandiyeka ndikhulise lomntwana iminyaka ndicinga ukuba ngowam. Ndiqale apho ukuba physically
abusive. Emveni kokuba ndive uba akangowam uJunior. Ndimbethe ayolala esibhedlele.
Bendimonyanya, ndinomsindo.”
Simba: ”Bendinga funi ukuhamba kuba noxa enze yonke lonto bendimthanda. Nguye umntu bendimazi.
Umoshe uhappily ever after wam. Kuba bendizixelele ukuba ndawuguga ndife naye. Zange ndijonge
omnye umntu ndinaye. Naxa ndingekho endlini, singalali inyanga yonke bendinga jongi omnye umntu.
Umsindo wam bendiwu khuphela kuye. Ndimcuphela nento encinanane.”
Nomtha: ”Bobabini nje babolile. Andiyazi ukwazi njani ukuqhubeka nobudlelwane notatakho emveni
kwayo yonke lonto. Bendingasoze mna.”
Simba: ”Akukho lula kanjalo ukuphuma kutata. Andiyazi ukuba bekungekho ngoMluleki ngekunjani
ngoku. Ngendambulala. Ndicingela nje umama kuyo yonke lento. Ndiquma utata for umama.”
191
Simba: ”Singaqala ngaphi ukumxelela ukuba umzukulwana wakhe si stepson sakhe? Ukuba umolokazana
wakhe yinkazana katata?”
Simba: ”Emthanda kangaka utata. Emthanda kangaka uJunior! Kaloku ebehlala nabo phaya eKyalami
yena engahlali nathi. Emgrooma utata ukuba abe kwibusiness ngenye imini.”
Simba: ”Asinoba sebugebengwini sonke kaloku Nomtha. Udoctor uluncedo kakhulu kuthi nabantu
abasebenzela thina. UBukhosi wenze ilaw khona ukuze asincede xa kukho into efunisa umthetho. Thina
sizizigelegeqe. Impilo yethu yile. IDegrees zezokuba sibenento zokuwela but failure is not an option.
UVenus ke yena zange waya esikolweni. Waphela ePrimary kodwa unengqondo yemveli.”
Simba: ”Andiyazi. Kodwa andizukhulisa abantwana bakaVenus. Noba umama akayazi kodwa abantwana
bona kunyanzelekile beyazi ukuba uba kuzobakho ubudlelwane kum nabo bubudlelwane obufana
nobam noboMkhuseli, hayi ukuba ngabantwana bam. Andizuqhubeka ukuba sisibhanxa sikaNokulunga.
Ukusukela namhlanje akusekho nto indidibanisa naye. Ndizothatha yonke into yam eGreenstone.
Andizumthengela kutya, andizumbhatalela nix. Uzozibona. Uzocela kuVenus okanye kutata
walomntwana umncinci amncede. UMalkia ndizomzamela iflat ekufuphi nesikolo aphume phaya.”
Simba: ”Andizukondla uNokulunga mna. Ulala notata wam, ulala neright hand man yam?! Undidelelisa
ngapha nangapha. Inoba kuthiwa ndiyindoda etheni ngabantu? Ukuba andimonelisi uhamba ezigudla
kuwo wonke lomntu ndikhona! Kuthiwani ngobudoda bam?!”
Nomtha: ”Yho hayi! Fine ke uNokulunga. Kodwa utatakho lo ukuzalayo, wakukhulisa. Azenze indoda
emfazini wakho! Hayibo! Wakugqiba uba bukhali ngomntu omtshatayo ngeloxesha yena uyilento ayiyo
elala umolokazana wakhe.”
Simba: ”Njengoba ebetshilo akanangxaki nokuba ungumfazi wam. Unengxaki yokuba ungumtwana
kaSamora.”
Nomtha: ”Ingathi kanti unengxaki noSamora kuba wayelala noNoxolo utatakho. Ukuba ndinga
ngumntwana wakhe, ndiyakuxelela Simba ndingazixhoma.”
Simba: ”Ndizozama ukudibana nabo apha evekini abantwana. Ndifuna zikhawuleze ziphume eziresults.”
192
Simba: ”Ndifuna ukuyenza. Ukungazi nokungaqiniseki oku kuzondiphambanisa. Ndifuna ukwazi.”
Ndinqwalile. Yhuuu hayi shame bendiqala mna ukuyiva into enje! Utata alale nomfazi wonyana wakhe
aze ammithise. Ukuba ebengegowakhe lo wokugqibela umntwana inoba ngokabani? Bendimvela
kulento ebefuna ukuyenza uSimba. Kuba ukuba kungenzeka ukuba akanabo abantwana yena. Ibekanti
ngabantakwabo nodade wakhe abantwana bakhe. Akanofa kengoku? Yhu hayi shame.
Ubuyele emsebenzini uSimba kwiveki elandelayo. Bendingoyiki kangako ukushiyeka ndodwa kodwa
bendinemini ibengathi kukho umntu ebendijongile. UMonti ebesima ngaphandle kweyadi xa
engaxakekanga kumsebenzi wabo.
Bendicinga ukuba uSimba akasathembi mntu. Akathembi mna, akathembi ndoda. Bendingamsoli.
Bendingeno themba kwamntu nam ndenziwe ngoluhlobo uNokuluga amenze ngalo.
Kuba unyaka ubusewuphakathi, bendizoya esikolweni kunyaka ozayo. Besendisifunelwe isokolo. Zezi
beziba nwshortlist. Bendiqhelile kakade ukufunda kwizikolo eziright kuba utatam wayendifundisa kuzo.
Bendingena xhala ngalonto.
Bendisenza umsebenzi wasendlini emini. Yonke into kaSimba ibilapha eflattini. Ethathe kwanto yakhe
eGreenstone, njengoba wayetshilo. UMalkia ebengafuni ukuhlala ngaphandle kuka mama wakhe. So
utatakhe ebezomnika yena ubuqu imali. Elingene izidingo zakhe kunye nezesikolo. Ebeyiphume nyani
into kaNokulunga. Inoba ebecinga ukuba kungenxa yam uNokulunga kwaye bendingena msebenzi naye.
NaloVenus wakhona nakakade. Bendingaba khathalelanga.
Kukhale iphone yam ndisekhitshini ndipheka. IbinguSimba. Ebenganqabi ke efounini xa engekho endlini-
phofu bendisithini. Yontoni into ibizomfounisa esendlini.
Ebefouna mhlawumbe kahlanu ngelanga. Ndiyakrokra ebenexhala neworry yokuba ndibe ndodwa
ekubeni ndingeka lulami kakuhle. Wazithatha isamples zabantwana bonke wazisa elaboratorie. Ebelinde
zona ngexhala ngoku.
Nomtha: ”Hello.”
Bendiwuthathela phantsi umonde wakhe. Into yokuba semathandweni nomntu ongekho ncam apho
ungagungqi! Bendimazi umntu osemathandweni ukuba unjani kwaye ebenjalo uSimba. Bendifuna
ukumthanda nam, ngendlela andithanda ngayo okanye esondele kuyo kodwa bekundithatha ixesha
ukufika apho. Nento kaEfe ibindibuyisele umva. Bendisoma qho xa endiphaya ibengathi kukho apho
ezoya khona. Wandincama. Besilala nje. Siphuzane njengabantwana besikolo ndimve encwina ngasese.
Bendimvela ukuba ade azincede kodwa unzimba wam ubungeka lungeli into enjalo. Bendidinga ixesha.
Ukuba bendawude ndikulungele ukuwela iziko.
Nomtha: ”Hi.”
193
Nomtha: ”Ewe ndiyafuna.”
Simba: ”UMonti uzoza in twenty minutes akuse eSandton. Uzongena nawe akugade. Uzohambela kudala
kodwa hayi kakhulu. I'm not compromising apho.”
Nomtha: ”Ndingakulindi?”
Simba: ”Ungandilindi.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Nawe.”
Nomtha: ”Bye!”
Ufoune uSimba sendizogqiba. Ndithathe ipurse yam ndayokhwela imoto ngaphandle kwegate.
Ndimbulise nje asikhange siphinde sithethe sade sayofika eSandton. Undinike icard ngaphambili kokuba
sehlike ndalijonga ndifinge intshiya.
Nomtha: ”Yehake Mqinisekisi. Yehake Sol Kezner. Yehake Motsepe. Ndizosebenzisa eyam imali.”
Undiqinisele ubuso wavala umlomo. Ndiqale ngokutya ngaphambili kokuba ndikhangele ishop zempahla.
Bendibuka indawo kunye nabantu ngelixesha ndityayo. Ndiyothenga impahla ndagqiba. UMonti
ebendiphathisa noxa ebengathethi nam. Ndicinge izinto zokuthambisa. Ngaphambili kokuba ndibe
ngugirl weVarden Glycerine neDawn ndandithambisa izinto eziduru zazithengwa nguNoxolo. Kodwa
ndandingade ndibe noluya lusu lwakhe lumpuluswa. Wayekhanya nokukhanya yena njengoba mna
bendingu mtsuguru intombi kaSamora Tongai waseZimbabwe. BendinguAneni kunoba nguNomtha.
Ukutsho, bendithetha ukuba bendithathe kulo tata.
Siye ebody shop noMonti ndathenga izinto zokuthambisa. Bendizophuma ukubona umam'uBisola no
Venus. Bendinga kwazi nokubaphepha, ndibazimele kuba ebesendibonile uBisola esiza kum.
194
Ndizincumisile ke nam noxa ingase ndigabhe kukubona ubuso buka Venus. Ebendijonge okungathi
ndiyintshungama ngaphantsi kwesihlangu sakhe. Enyise impumlo wayobekela phezulu.
Nomtha: ”Mhoroi, ndiri rayiti. Makandini zvenyu?” molweni, ndiright. Ninjani nina?
Bisola: ”I dey fine. Umhle! Ubuke wazibona?! Ndikugqibele kudala ungekho right, ululama kakuhle abi?”
Ndithinte umqala.
Bisola: ”Angathengi indlu enkulu na uSimba ebhatalwa kakuhle. Umnandelwe kukuhlala kulandlwana
angakwazi nokuzonwaya.”
Bendingafuni ndlu enkulu kakhulu ebandayo mna. Apho ndingazumva umyeni wam elala nendodakazi
yam. Bendiyicinga nje lonto kodwa andikhange ndiyithethe. Bendinga soze ndiyothethe.
Bisola: ”Akanohlala phaya ubomi bakhe bonke. Angahlala okwangoku kodwa aphume kulandawo. Utwo
rooms ebeqale wayontoni?”
Nomtha: ”Kulungile.”
Nomtha: ”Ndizomxelela.”
Venus: ”Ungahlala phaya utye imali zomntwana wam uzothenga imfeketho kodwa unyana wam
uzokutshata ndifile!”
195
Undincinele amehlo.
Venus: ”Kucacile ukuba alikwenzanga nto elaNigeria lalikubambile ukuba usenale attitude! Usadinga
umntu ozokufundisa ukuba inyoka zenziwa ntoni. Ukuba ubungathandwa ngunyana wam, ngendigqibe
kudala ngawe. Ngendiqiniseke mna ukuba awubuyi nokubuya apho ubukho. Kodwa uzoba nethamsanqa
kuba uthandwa ngunyana wam. Kodwa awusoze in your miserable life ubengumolokazana wam!”
Ndiyihleke kancinci. Hayi bendingafuni nokuba ngumolokazana wakhe. Ukuba omolokazana bakhe
ebebaphatha ngalendlela amphatha ngayo uNokulunga. Ndiyaxolisa. Athi eyokhalela kubo amthulise
ngencanca! Ndiyabulela enkosi. Kubhetele ndingabingo molokazana.
Nomtha: ”Unjani uJunior erehab? Uyalulama? Inoba Uyamkhumbula, ndiva kusithiwa ngonyena nyana
umthandayo. Senditsho unyana wonyana wakho. Umzukulwana.”
Bisola: ”Venus!”
Monti: ”Ncncncnc.”
Sifike kumise imoto kaMkhuseli ngaphandle weyadi. Undibambise ibags zam wazifaka nje eyadini
wahamba.
Nomtha: ”Uright?”
Ndimfingele intshiya.
196
Nomtha: ”Wakhetha mna kengoku?”
Ndibeke izinto phezulu kwebhedi ndatshintsha izihlangu ndinxiba islippers ndayochopha kwisofa
engaphambili kweyakhe. Ebegake izandla zakhe ngaphakathi kwamathanga.
Mkhuseli: ”Ndadlwengulwa.”
Ndirhole amehlo.
Nomtha: ”Andiyazi ukuba ndizothini mna Mkhuseli. Andiyazi nokuba ulindele ukuba ndithini. Askies?
Uyayazi mos ukuba nam ndidlwengulwe nguEfe.”
Bendinga thethi ngento yokudlwengulwa kwam ndingagwantyisi. Ibindikhathaza nje ingase ndenze
okungathi ayizange yenzeka.
Mkhuseli: ”Ndiyoyika ngoba andiqondi ukuba ukhona umntu ozondikholelwa xa ndiyithethayo. Ukuba
kukho umntu ozokholelwa ukuba indoda engangam, enamandla ingadlwengulwa ngumntu obhinqileyo.
Kodwa kwenzeka. Ngomnye umzuzu besihleka kumnandi siziselela, ngomye sendivuka ebhedini yakhe
ndinentloko enzima and ndihamba ngaze. Size sobabini. Ndithathe itests ndafumana itraces zedate rape
drug egazini lam.”
Mkhuseli: ”Ingxaki kukuba lomntu ukhulelwe kwaye kungenzeka ukuba ibendim utata womntwana.
Ndiyoyika ukuba noba wenzeke njani ndizozondwa ngulomntu ubomi bam bonke.”
Nomtha: ”Bhut'Mkhuseli?”
197
Mkhuseli: ”Uzondibulala ubhuti!”
Nomtha: ”Sebenzisa ubuchule nawe. Yiya kuNokulunga uyombuza ngalomntwana, uyishicilele incoko
yakhona. Uthethe nangendlela akuyoba ngayo wakudlwengula nokuba uzomxelela ubhuti wakho.
Uzompola. Uthathe lomshicilelo uwufake kwimvulophu neresults zakho uzinyengeze apha xa kunganethi
ke. Ndizozifumana mna ndinike uSimba. Kuright ukuba awukafuni ukumbambisa, thatha isigqibo sakho
kodwa ungavumi lanondatshaza wenjanana akuxabanise nomntakwenu. Angawino kobubugqwirha
bakhe!”
Ndothukile uSimba xa engena ezingubeni. Ndaphethuka ndamphuza. Ebenuka fresh, caba ufike
wahlamba.
Simba: ”Ndiyaxolisa.”
Nomtha: ”Ebefuna ukuqonda ukuba zisandibamba na inarhmani nokuba kufuneka ndithethe nomntu.”
Simba: ”Andithethanga ngokulala. Mna nawe siyiproof yokuba akudingeki silalo ukuba sibe
nobudlelwane. Yinto endiyitshoyo leyo. Mabaye kuNokulunga lo bamqhelileyo. Goodnight.”
Nomtha: ”Mxm.”
Mxxxm! Zimnkile intsuku ndisenza into enye yokucoca indlu ndifunde incwadi. Besiphuma noSimba
ngezinye intsuku, siyotya idinner ngaphandle. Ebephuma kanye evekini. Xa engaphumanga eqinisekisa
ukuba ubuya kungekarhatyeli. Bendingeka mlindeli ukubuya kwakhe. Bekusesemveni kwemini ndibeka
isophoro. Ungene nje wabulisa wayongena kwispare bedroom. Bendimangazekile kuba ebengayenzi into
198
yokungandiphuzi xa ebuya emsebenzini. Noba ebedinwe kangakanani na. Ebendiphiza andibuze impilo
nemini yam ukuba ibenjani noxa besendimxelele kaliwaka efounini.
Ndizothengile noxa bendicaphuka kancinci. Ndinqunqe iveg ndapheka. Ndive uguluguqu ndalalisa
indlebe. Bekusophuka nezinto inguphihli-phihli nje. Bekukho isipili eside kularoom. Bendiqonda ukuba
asisindanga. Ndive ngo'Yhoooooo' omkhulu emveni koko. Ngulowa wayewutsho ngelaxesha ndandilele
ebhedini ndibuya kuEfe. Ndimnyamezele ithuba elide ndazincama ndayongena. Ebezisonge phantsi
esothula isikhalo.
Ndiyochopha ecaleni kwam ndambeka esifubeni sam ekhala okosana ede enesingqala. Ude wathula
kwasala isingqala.
Simba: ”Abangobam Nomtha. Owam nguMalik kuphela. Nura, Junior, Malkia. Abangobam.”
Indlela bendothuke ngayo akuphumanga namazwi. Bendingenalo nelizwi. Uqale phantsi ukukhala
ndamncedisa nam kuba bawo yintoni le? Abantwana abane bonke emtshatweni owakhe mnye qha!
Bekucacile ukuba ibingabakaVenus bonke. Bawo wam ukuba lona ngoka Mkhuseli?! Yho!
199
TWENTY TWO
Ndothuke ekuseni ndindodwa ebhedini yethu. Bendombathiswe ithrow ndisanxibe ezampahla
bendizinxibe ngezolo. Bekunga khangeleki okungathi ebeleli nam uSimba. Ukuba ebezondilalisa nini
apha andinokuxelela kuba ndigqibele sikwenye iroom ndimduduza.
Ibuye yonke lanto bendi yixelelwe nguSimba izolo. ONokulunga banzulu maan! Isithathu sonke
sabantwana ngabaka bawozala wakhe. Yenye into ukulala notata womyeni wakho, umzalela!
Ndizame ukumfounela ndancama xa ndingamfumani. Ibikhala nje kodwa ingabanjwa. Bendi nexhala
kengoku. Bendine xhala lobudenge angabenza. Ebenomsindo, ebuhlungu apho akhoyo ndingafuni
azigake engxakini angazukwazi ukuzonyula kuyo ngenxa yokuba esemisindweni. Ebesenza qha kaloku
yena acinge mva.
Ndibe ndizilungiselela isidlo sasekuseni lomzuzu esadukile ndatya ndacleana. Bendingayazi nokuba bendi
zoyiqala ngaphi leya yalakamire ndavele ndavala nje ndingayiphathanga.
Bendifake impahla kwiwashing machine ngaphambili kokuba kufike oSiyanda, ndiyikhuphile ndayoneka
izobethwa ngumoya.
Ndichophe ngaphandle kwendlu ndasemlindweni- iphone esandleni kwazele ndiyive xa ebuyela kum.
Bekusemveni kwemini ukuva kwam igate. Besendi ncamile ngeloxesha ndaphindela endlini ndipheka
idinara ndibukele netivi. Kodwa yona iphone yam ibikufuphi nam ukuba nje kungenzeka afoune.
Ndibaleke ndayokroba, kwabe kungena imoto yakhe. Uyifake egarage wayivala. Ndingene endlini
ndamlinda khona, kuba ebezongena ngomnyango okhokhelisa khona njengoba ebevale ucango lwe
garage nje. Ebenxibe ushoti omfutshane nehoodie egrey, efake nerunning shoes. Bekungathi akakhange
abubhanje ubuthongo. Amehlo ebomvu krwee.
Simba: ”Morning.”
Ndinqwalile.
Simba: ”Kuzoba nentlanganiso apha endlini, noba awuphekanga. Phofu sukupheka. Ndiyakwazisa nje
ukuba uzilungiselele. Ungaboni ngabantu sebengena apha.”
200
Ndiphinde ndanqwala. Usondele kum wandiphuza ibunzi wahamba wayongena ekamireni yethu.
Ndigqibezele ukupheka ndazishiya apha nezombiza ndayongena ebathroom. Ndingene kanye xa ephuma
kwishower wothuka kancinci.
Simba: ”Ubundifuna?”
Simba: ”Andikho right Nomtha. Namhlanje ndizotshintsha ibomi babantwana bam for the worst. Ndiziva
ndinesazela ngokwenza lento kodwa ndizoyenza. Ndiyayazi ukuba ubomi babo njengoba bebazi abusoze
buphinde bufane. Kuzofuneka baqhelane nento yokuba utata wabo ngutamkhulu wam, mna ndingu half
brother wabo. Ndithemba nje ukuba bazawu komelela bangafani noJunior.”
Nomtha: ”Ungaba xeleli ukuba utata wabo nguVenus kuba nawe awuqinisekanga ngalonto.”
Simba: ”Ndiqinisekile.”
Simba: ”Kuba ndathatha nesamples zikaVenus kwaye nguye imatch, kubo bobathathu. Kucacile ukuba
into yabo yaqala kwakudala njengoba noNura engowabo nje. Mna ixesha lonke ndenziwa udengana,
ndithunyelwa komaRussia nomaLagos niAfghanistan khona ukuze bazofumana ixesha kunye.
Ndisebenza ihours ezinde emsebenzini kanti utata wenzela ukuba akwazi ukungena umfazi wam! Enze
abantwana naye! Abantwana abathathu bonke Nomtha. Kucacile ukuba I didn't stand a chance
kuNokulunga. Umntu ebemfuna nguTiger, qha mna ndiyasetyenziswa nje. Iminyaka emingaka!”
Nomtha: ”Kudala yaqala lento yabo and bebelumnkile ngokuba bangabhaqwa ixesha elide kangaka!
Over twenty years!”
Simba: ”Njengoba ebeyokhalela ekhaya ade alale khona esenzisa okungathi uyikhathalele into yokuba
ndinawe kanti uyazenzisa, ufuna ukuyoqinisa ifokotho.”
Simba: ”Well ucinga ukuba ikhona into esuka kulamlomo walandoda endophinde ndiyikholelwe ngoku?”
Nomtha: ”Ufile?!”
Simba: ”Kutheni undibuza ngalotone nje? Ubucinga ukuba sawum ngcungcuthekisa simse esibhedlele
mhlawumbi?”
201
Nomtha: ”Anditsho kanjalo. Qha andikho comfortable ngendlela ekulula ngayo kuwe
ukungcungcuthekisa umntu uyomlahla le!”
Simba: ”Well andinasizi ngomntu okuxhwile in the comfort of your home wayokunika abantu esazi
ukuba bazokuhlukumeza either physically, verbally or sexually! Okanye zontathu njengona bekunjalo.
And ebeyazi kakuhle ukuba uzothengiswa uyokwenziwa ikhoboka lesolalo God knows where! So ukuba
uzolindela uba ndibenosizi, novelwano emveni kokuba ndimbulele. Ndenze imemorial nesingcwabo
esikhulu uzolinda uthe ukhokhobe princess kuba I'm not gonna do that shit. Ufe njengenja ayiyo.
Ebendityela nomfazi lamntu!”
Simba: ”Ndenze njani baby? Ndiyomonyula eJukskei ngoku ndi organise isingcwabo sakhe? Ndiye
emapoliseni ndiyowaxelelela ukuba aze ne search party ayokhangela umntu endimbuleleyo ndamlahla
emanzini? Huh? Yinto ofuna ndiyenze leyo? Andina ngxaki ndingayenza. Noba ndibanjiwe akukho
msebenzi. Unyana wam mdala uzozikhulisa nawe uzotsho uyeke ukuzinyanzela kum uye kwiboyfriend
yakho ekuthandayo nawe oyithandayo. Siya ngoku? Ndizonxiba impahla ezifudumeleyo ndingagodoli
kwiholding cells?”
Simba: ”Thanks.”
Nomtha: ”Zvanaka.”
Kodwa kufuneka uqonde indoda endiyiyo ukuba yindoda ozochitha ubomi bakho bonke nayo. Kwimeko
ezinje, xa ndijongene nezinto ezifana nezi zoSylvester noEfe andizibuzi ukuba 'uThixo angenza ntoni xa
enoba kulemeko ndikuyo.' Ndizibuza ukuba 'uSathana angenza ntoni?' Ndenze into endicinga ukuba
ingenziwa nguye ndilale ubuthongo obuhlayo ebusuku. Ubomi buqhubeke.
UThixo ndimbone ngemini elandelayo sendicela ukuxolelwa izono noba ndizophinde ndone kwakhona
ngengomso. Xa ndisithi ndingabulala for wena andithethi line yakwi ncwadi kaSydney Sheldon.
Ndithetha ukuba ndingabulala. For wena, for uMalik. Ndiyimob justice yomntu omnye mna baby,
njengoba izikoli zibizelwa abahlali bazixhake ngevili bazitshise mna ndingumhlali ndimnye. Ndim ndodwa
imob. Ukuba ndifumana uEfe ndizomenza worse yena uzoma iminced meat. Uzawukopha.”
Uthathe itowl wazomisa. Ndimjonge ixesha elide ndingayazi nokuba ndicinge ntoni ngayo yonke lento
ebeyithethile. Ndimshiye apho ndayogaibezela idinara ndaphaka ndiyobeka kwidining table. Uphume
esanxibe ngokuyahlobo ebenxibe ngalo wandijonga ekhitshini wade wabona ukuba ndisedining room.
Uyobilisa amanzi kwakhona, wazigalelela ikofu wazohlala nqo ecaleni kwam. Bese ndisitya mna.
202
Ebecofa iphone ikofu yakhe eyibeke ngaphambili kwakhe. Uyibeke etafileni waphunga, ebeka esinye
isandla phezulu kwethanga lam endiphulula. Ndimjongile wabe engahoyanga nalento ebeyenza kum.
Simba: ”Andimkhathalelanga uVenus. Noba uyove njani andinamsebenzi. Ufile lamntu kum, andinanto
enophinde indidibanise naye emveni kwalento. Bendimyekile ngoJunior ndaqhubeka ndiba ngunyana
kuye, ndimsebenzela, ndimenzela izothonga zemali kodwa ngoku ndihlamba izandla zam kuye.
Ndiphumile nakulo business.”
Nomtha: ”Huh?”
Ujanyelwe ndim kwelityeli. Hayibo njani kaloku?! Ebezothini ukuthi uzoyeka umsebenzi wakugqiba
angakhangeli omnye? Lomntu ebendithembise ngokuba uzondisa esikolweni, andondle!
Simba: ”Ndizokusa esikolweni Nomtha akukho nto itshintshileyo into endingazuyenza kukufuna
umsebenzi kuba xa ndikulungele ndizozisebenza mna. Into yokuba nomlungu ozondilawula
andisazumelana nayo, nangaphandle koko andizulamba ngokuse ndiyeke ukusebenza iveki okanye
inyanga ezimbini! Andingo masebenza eyitya mna, I don't live from hand to mouth. Qha ndifuna ukuba
strategic kuba ndizothatha abantu bakaVenus ngokuphuma kwam. Andifuni kuxhamazela.”
Nomtha: ”Ubhuti?”
Simba: ”Ewe tyhini Nomtha. UMluleki notatam bavana kakhulu okay. NguMluleki, nguMkhuseli,
nguBukhosi ibendim. Ngalondlela. So akazulandela emveni kwam ngenxa yokuba endityele umfazi,
engutata wabantwana bam.”
Nomtha: ”Bendicinga ukuba uzoyeka mna kuba ndibona indlela akuthanda ngayo.”
Simba: ”Uyandithanda ewe kodwa uneqhuma labantwana abafuna ukondliwa nomfazi nendleko.
Andilindelanga ukuba ashiye umsebenzi aqale nam phantsi. Bendiyotshintsha newill yam namhlanje.
Nendlu yam ndizoyifaka kwimarket ndiyithengise.”
203
Nomtha: ”Uthengisa nendlu?! Ayikho gameni lenu nobabini kanti?”
Simba: ”Satshata out of community of property with no accrual. Into yam yeyam, eyakhe yeyakhe.”
Simba: ”Izothengiswa landlu. Uzondiphumela kwam uNokulunga axelele utata wabantwana bakhe
amthengele indlu. Akukho necent yam azoyifumana, abantwana bakhe uzozibonela ngabo. Ndiyeka
namhlanje ukuba sisibhanxa sakhe. Uzofumana I eviction notice kungekudalanga.”
Yho! Bekutshintshe yonke into ngoku. USimba ebetshintshile. Indlela ebesuke wabukhali ngayo engena
xesha lokuba nabantwana bazochaphazeleka kulento yakhe ibithetha kona oko ukuba akasatshayi
ngalonqawa. Ebecaphuka nje ngokuthetha ngayo.
Simba: ”Imoto yam izothathwa namhlanje yona. Inoba ngoku emveni kwemini. Ndizoyutrader
ndithengele uMalik imoto ayeke ukusebenzisa ipublic transport.”
Simba: ”Ngokwenzela umntwana wam. Utata wabo nankuya unemali zonke akondli mntwana kuba
sizimele thina siyaziphangelela. Akanokoyiswa ngabantwana abathathu. Abane ngalo ammithoyo. Kuba
ukuba ngoka Sylvester kuzonyanzeleka ondlele inkazana yakhe. Ndizomxelela ukuba ayomkhangela
eJukskei utata womntwanakhe.”
Nomtha: ”Umsindo wakho uwujolise kuNokuzola, hayi abantwana. Abacelanga ukuba nomama olihule
bona. Bangama xhoba njengawe. Uqonde ukuba abazuzithatha kamnandi ezindaba.”
Simba: ”Nditsho ukuba bendiba uyawube sewundinike inkcukacha zala dabawo wakho ulapha eGautini
ndizomkhangela siqalise ingxoxo zelobola sizotshata.”
Simba: ”Andifuni phela sonwabe womtshato mna. Ndikuxelele ukuba ndifuna ukwenza izinto ngendlela.
Ndikulobole ndikutshate ngelokhwe emhlophe ukuba ukholwa yiyo, kodwa andifuni mntshato
waseHome affairs.”
Simba: ”Akukho sidingo sokuba udeale nabo. Ifamily yam izodeala nabo emveni koko uphume kubo.
Ndiyayazi awifuni futhi awuthandi kodwa compromise kancinci.”
Simba: ”Nomtha kudala ndacela ukuba unditshate wavuma. Ndiyayiaonda ukuba awunamincili futhi
andithi yiba nayo. Into endikucela yona kukuba ungandilindisi iminyaka ekubeni uvumile. Ndifuna
sitshate mna.”
204
Nomtha: ”Ndidinga ixeshana.”
Simba: ”Ungalithathi de ndibe ngwevu ke elixhesha ulidingayo. Kuleveki izayo ube sewuyazi ukuba
uyanditshata na okanye hayi.”
Nomtha: ”Sundixhesha.”
Nomtha: ”Ndiyakuva.”
Simba: ”Awundiva.”
Nomtha: ”Ayikuba senditshintshe ingqondo okanye ndiyathandabuza. Ndiqinisekile ngesigqibo sam qha
ndidikwa kukuba ndizobe ndijongana notete. Ukuba ubungafuni nto yelobola ngesatshata kudala.”
Simba: ”Ndizoyibona.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Nokulunga: ”Imoto izothathwa, nantsiya isimnka! Kutheni ubungasayihlawuli kanti? Kwenzeka ntoni?”
Simba: ”Uzova yonke into xa ulapha Nokulunga. UMluleki uzogqitha ngani azonithatha.”
Nokulunga: ”Ndikunike iminyaka ebomini bam, ndingumfazi wakho. Ndakuzalela abantwana Simba
ndibakhulisa ndodwa ndinendoda ephilayo kodwa isetheni! Uabuse kum ndakunkcekelela, namhlanje
unesibindi sokuthumela abantu bakho bazothatha imoto ngenxa yempundu ezintsha?! Wenza umama
wabantwana bakho nomfazi wakho kanje ngenxa yomntwana olingana nelast born yakho! Ingantoni
yonke lento undibizela yona?”
205
Nokulunga: ”Andikholwa ukuba ndim lo umenza kanje. Umdelelisa ngababantwana, bazocinga ukuba
mna nabo sikwilevel enye xa uzosidibanisa. Ndingumama wabantwana bakho. Nditshate nawe iminyaka
Simba. Lomntwana umazi imizuzu emibini sewuthetha ngokumtshata. Ndaphantse ndafa ngenxa
yakho!”
Simba: ”Nokulunga wenza irasi and andizuyimamela mna. UMluleki uzonilanda, uqinisekise ukuba
abantwana bonke bayakhwela kulomoto. Uxelele uMalik apakishe impahla zakhe azokwazi ukuzipakisha,
kukho apho endifuna siye khona ngomso.”
Uyoyivula ngoku kwakhe igate. Bendiyikhulule impahla bendiyinxibile ndanxiba ilokhwe epholile ema
entla kwamadolo. Bangene belandelelana, besendigqibile ngezitya ndiziqoqosha nje.
Mluleki: ”Nomtha.”
Ebeze nonkosikazi wakhe abantwana bengekho bona. Inoba bebene sitter ebancedisayo.
Ndibabulisile bonke bayohlala elounge. Bebencokola ke, caba baqhuba incoko yase motweni. Ndiyobeka
itray enejuice nedrinki etafileni bazithathela.
Ebenikwa yitshomi yakhe uUlatho. Kuphume uSimba ekamireni ephethe ienvelope enkulu. Uzochopha
ecaleni kwam ndamphulula umqolo wandincumela kancinci.
Simba: ”Oh. Ukuba ufuna abekhona Andinangxaki. Uhm ndibize lentlanganiso le- ayikho lula kum yonke
lento. Ndingatsho ndithi yeyona nto emzima endake ndayenza ebomini bam bonke kwaye zininzi izinto
ezizima endanzayo. Kubuhlungu kodwa kunyanzelekile. Ndifuna niyazi ukuba ndiyanithanda. Nonke
futhi. Ndibekhona nisafihla emhlabeni ndathembisa ukuba ndawungabikho mhla ndalala ngomqolo.
Nindikhulisile. Ukukhulisa nina nam ndizibone ndikhula, ndathatha iresponsibility yokuba ngutata
okhoyo hayi ogibisela imali nje. Ewe ningatsho ukuba bendinga soloko ndikho kodwa bendizama
ukubeka ukutya etafileni ndinifundise kodwa ndibe present. Andizisoli nge sacrifices endazenza
ndizenzela nina kuba zazisuka entlizwiyeni ekhathalayo nasothandweni. Niyayazi ukuba umama wenu
nam sohlukene, sineminyaka singatshatanga. Akhonto ningayaziyo ngalonto. UNokulunga wafumana
ubhuti wenu kwenye indoda etshate nam. Utata kaJunior-”
206
Nokulunga: ”Simba! Awungeni ndawo kulonto! Abantwana bam bazova ngam ukuba utata wabo
ngubani! Awunandawo wena apho! Awuyonto apho! Ayondlela leyo!”
Malik: ”Yena utata asixelele andithi kudala sikubuza wena ungafuni kuyithetha? Uright asixelele utata.
Kwanele ngezimfihlelo zenu ngoku! UJunior use rehab ngenxa yakho! Uyilento ayiyo ngenxa yakho!
Endaweni yokuba uqinisekise ukuba uyalulama wenza omnye umntwana nenye futhi indoda!”
Mluleki: ”Malik!”
Malik: ”Ndiyaxolisa.”
Simba: ”Njengoba bendisatsho ke. Ubomi bam nomama wenu bubuxoki. Bonke nje. Umtshato wethu
ubu bubuxoki. Ndikhohliswe iminyaka yonke ndicinga ukuba ndinabantwana abane nonkosikazi wam-”
Nokulunga: ”Sasiyithethile lento three years ago! Ubhuti uyayazi! Abantwana bayayazi, wena uyayazi
uUlatho uyayazi! Akhomntu ungayaziyo. Ndakrexeza ndiyavuma, ndacela uxolo sagqitha apho. Ngoku
ugubhulula izinto zakudala ngenxa yokuba ufuna ukubukisa ngam emntwini wakho!”
Nokulunga: ”Malik! Simba ndiyakucela ungayenzi lento phakathi kwabantu. Ndiyakucenga tata
wabantwana bam!”
Simba: ”Ndicinga ukuba ndinabantwana abane kanti bathathu. Sendamkele leyo ndizofumanisa ukuba
andina bantwana bathathu noNokulunga kodwa ndinomntwana omnye qha naye.”
Malkia: ”Mama?”
Nokulunga: ”Ngabantwana bakho Simba! Sukubenza kanje abantwana. Ngabantwana bakho aba.
Sabafumana sobabini, sukohlwaya abantwana ngenxa yokuba ungafuni mna.”
Simba: ”Aningobantwana bam kodwa ningabanta kwethu nodade wethu. UMalik nguye kuphela
ongowam. Nura, Malkia. NoJunior, ninotata omnye-”
Malkia: ”MAMA!”
Simba: ”Utata wenu nguVenus Matanzima. Nazi iDNA tests, nomama wenu bubungqina bokuba
wanenza notatam.”
207
Inyembezi bezizehlela emehlweni akhe. Bezisehla kwezikaSimba, engcangcazela apha ecaleni kwam.
UMluleki ebebambe uMalkia ebegixa naye ezakhe ziphalala. Uphume waphela kulondlu uMalik yena. U-
Ulatho ebekhamisile.
208
TWENTY THREE
Nura: ”Mama, ngubani utata wethu?”
Nokulunga: ”Ndicela uxolo bantwana bam. Nguye, nguTamkhulu wenu uVenus utata wenu.”
Simba: ”So ayikuko nokuba ubungaqinisekanga kodwa uyayazi ukuba ngabantwana bakatata aba. Uthule
nento enkulu kangaka ixesha elide kangaka?!”
Simba: ”At some point kuzofuneka ume ngale bullshit yakho Nokulunga. Inyaniso seyiphumile ngoku.
Abantwana bayayazi ukuba abangobam, bayayazi futhi ukuba utata wabo ngutamkhulu wabo. Bayayazi
futhi ukuba mna andingotata wabo. UMluleki akangotamkhulu wabo. Umama akangomakhulu wabo.
Akayonto kubo ngaphandle komntu omngcatshileyo ungena emzini wakhe uyokhala kubo kanti ufuna
indoda yakhe. The very least you can do kukuba ubaxelele inyaniso. Awusoze in your miserable life
ucinge ukuba ukhusela umntu ngokumxokisa ubomi bakhe bonke. Umkhusela entweni? Uyamkhusela
okanye umincele ukuba amanyala akho angatyhileki? Naziwe ukuba niluhlobo okunjani lwabantu.
Yeyiphi lento ububakhusela kuye. Yinyaniso nge partenity yabo?”
Nokulunga: ”Bendibakhusela. Ndayazi kuNura ukuba akangomntwana wakho kuba bezingadibani idates,
bendifuna abe ngumntwana wakho kakhulu Simba kuba bendikwazi kuMalik ukuba ungutata oqotho.
Bendiyibona indlela ubumthanda ngayo.”
Simba: ”Wayiphinda kuJunior, wayiphinda kuMalkia. Impazamo enye yokuba nendoda etshatileyo,
ubawozala wakho ozala umyeni wakho ngaphandle kwesikhuseli. Kukho imorning after pills,
ngewuthathe zona.”
Nokulunga: ”Ngengekho uNura ngoku ukuba ndandisebenzise imorning after pill. Ndakhetha yena
kwaye andizisoli ngesigqibo sam. Ndiyabathanda abantwana-”
Mluleki: ”Nokulunga suzenza uMsamariya olungileyo apha ngoSimba. Njengoba uzosixelela ngokuba
ngengekho uNura ufuna kubengathi uSimba uthi ngewakhupha uNura? Kulomonakalo ungaka
sewuwenzile uzonyula ngokufaka lomntu umkhohlise 20+ years ube ngu good guy wena? Akakho umntu
othi ngewumkhuphile umntwana qha uSimba uthi ubune options. Okokuqala ngewuzikhusele. Ukuze
ungafini nasekusebenziseni imorning after. Sekhona ke lomntwana umthanda kakhulu, wamkhetha
kutheni ungakhululi umntwana kamama kuba kucacile ukuba umntu ubumfuna wena nguVenus. USimba
ubumsebenzisela izizathu zakho kodwa umntu ubuze ngaye apha ekhaya ngutata. 20+ year uSimba
ukhulisa abantwana owazi kakuhle ukuba ngabantakwethu. 20+ years! You have the nerve! The gull!
Yokufaka umntaka mama ukuze kuhlambeke igama lakho ebantwaneni bakho. LoVenus wakho sisperm
donor yena kucacile, agibisele imali aqhubeke nobomi. Okamama umntwana ungutata emntwaneni
wakho usenesibindi sokuyokwenza abanye?! Bakhuliswe ngulomengce while uVenus ephila ubomi
ebukele ekhuliselwa abantwana!”
Simba: ”Futhi angayenzi into yokuthi yimpazamo. Yintsomi emini leyo. Impazamo ingaba yinto yakanye.
Emveni koko ukuba uzimisele ukuqhuba ubudlelwane bakho nobawozala wakho uyahlaba, ufaka
isikhuseli. Nabenza ngabom ababantwana.”
209
Mluleki: ”Into endonyanyisayo bubumene mene bakho. Bubumene mene benu. Nimosha ubomi
babantu abaninzi kulenyuva damn yenu kodwa anikhathalelanga nto kuba niyayazi into eniyenzayo.
Awuzange wamthanda wena uSimba. Wabona umntu ozokusondeza uTiger kuba wawusiva ngaye,
wasebenzisa uSimba umyuca imali zakhe akondle ube nguIce princess wena. Wawufuna utata kakade.”
Nokulunga: ”Bendimthanda mna umyeni wam. Kakhulu futhi. Bendingasoze ndivume ukutsh-”
Simba: ”Get away Nokulunga! Andina msebenzi mna noba ubuze ngeziphi na injongo. Andina msebenzi
noba ubundithanda okanye ufuna ukusondela kutata akuna msebenzi. Andisayi khathalelanga yonke
lonto ngoku. Nanjengoko benditshilo ngaphambili, andisisoli. Andinamsebenzi noba ndibe sisibhanxa for
that 20+ years ndazinikela kuwe nabantwana bethu. Ekugqibeleni ngabantwana bakatata, baligazi lam
so akukho monakalo. Bona abasoze bafela izono zenu kuba njengoko etshilo uNomtha zange bakucenge
ukuba ubazise emhlabeni and abacelanga indlela abaze ngayo. Kodwa ndiyazigutyula mna ukusuka apha.
Empilweni yakho, abantwana ngokucacileyo bazoba sempilweni yam kwaye bazoba ngabantakwethu-”
Nokulunga: ”Abanasono abantwana bamu Simba. Sukubohlwaya ngenxa yezenzo zam noVenus. Bazi
wena aba bantwana. Bazi wena ungutata wabo, nguwe utata abamaziyo.”
Mluleki: ”Akhomntu othe abantwana banesono. Bayamazi futhi utata kodwa ngenye indlela. Banike
ithuba ukuba bazane notata wabo njengotata hayi utamkhulu. Ukuba bayafuna. Badala ngoku aba
bantwana awuzubagqibela njengoba ubagqibele ubomi bakho bonke. Uyeke ukwenza iexcuses and take
accountability of the fact that you fucked up ngobomi babantu. USimba akasoze aphinde abe
nobudlelwane nobunjani notata ngenxa yenu. Ukuba ubumkhathalele, umthanda njengoba usitsho
ngewawuthethe zonke inyani ngelaxesha kuphuma ekaJunior. Ubuthuleleni? Kuba mhlawumbi uJunior
ngoyame kubantakwabo angaziva eyedwa ongengokaSimba ade aphume ngaphandle. Ngefumabe
inkxaso kubantakwabo, bathuthuzelane baxolisane ukuba noko awugqithi kulento uwedwa. Nangoku
awuxolisi mntwini.”
Kushiyeke kuthuleka kuthe cwaka. Usukumile uSimba wayohlala esiphakathini sikaMalkia noNura.
UMalkia uvele wabeka intloko yakhe esifubeni sikaSimba emkhalela. Umbambile USimba
wamshushuzela, kodwa kwangathi ugalela uparaffin emlilweni.
Simba: ”Shhhhh sisi sukhala. Ndingubhuti wakho. Ngalendlela bendikuthanda ngayo ndizoqhubeka
ndikuthande. Ndizoqhubeka ndinithande. Ubonile mos nakuJunior ukuba andizange ndimfulathele
210
ngokuva ukuba akangowam? Andizu kunifulathela nani. NooMluleki noMkhuseli bakhona. Four times
the love. Utamkhulu wenu ebenithanda ningaba zukuwala bakhe, uzonithanda ngakumbi ngoku.”
Simba: ”Askies Madlomo. Askies Sophitsho. Ndiyayazi kunzima kuni nobabini ngoku kodwa zixoliseni
bantwana bam. Nam ndibuhlungu kulendawo. Intliziyo yam iqhekeke kaliwaka.”
Nokulunga: ”Uyayazi.”
Nura: ”Kodwa naqonda ukuba nizoqhubeka nobuxoki benu? Uziva njani ngokuba engena budlelwane
nathi kodwa abanye abantwana bakhe banabo ubudlelwane nathi. Sizizinto zokufihlwa thina?”
Nura: ”Asifuni lonto mama. Asifuni ukuba ngabazukulwana kuba asingabo. Singabantwana bakhe.
Umakhulu uyayazi yena yonke lento?”
Simba: ”Ungakulinge uthi mama. Yithi Bisola kugcwale umlomo kuba umamam akasoze aba ngumama
kuwe. Ungena emzini wakhe umithela indoda yakhe?! Kunjani kuwe xa usiya kula Kyalami ubone umama
ekubeni umntya izithende? Kunjani? Umjonga njani emehlweni okungathi awunabantwana baliwaka
kuye? Wenza njani? Intliziyo yakho yenziwe ngestena seyiphi ihardware? Ubalekela kuye xa sele kukho
ingxaki ezenziwe nguye emtshatweni kanti awubalekeli kuye, ubalekela kwikrexe lakho. ”
Mluleki: ”Uthi ungaphandle eKyalami umnke nemoto yam so ndizolandwa nguBukhosi- bendinga
mfumani uMkhuseli, inoba uon call.”
Mluleki: ”Sure.”
Mluleki: ”Ubu expresile njena. Andizukwazi ukube ndigqitha endlini ngoku ULatho, sawuhambeni sonke
xa ndihamba nam.”
211
Ulatho: ”Okay.”
Unqwalile uUlatho waphuma akuva ihutara ngaphandle uMluleki. Bezehlile izijwili ngoku. Noxa
ebengayeni ukukhala uMalkia.
Nura: ”Ndifuna nje ukwazi ukuba niyathandana na okanye kwenzeka ntoni? Wawuke wamthanda utata-
u- wawuke wamthanda na okanye njengoba esitsho wawufuna ukusondela kutamkhulu.”
Nokulunga: ”Andiyazi ukuba lemibuzo yakho inento enokwenza njani nokuba ngabantwana bakaVenus.
Kodwa nenziwa ngothando. Mna notata wenu sanenza sithandana. Sasinga zimiselanga kodwa
kwenzeka.”
Unqwalile.
Nokulunga: ”Sathandana ewe. Sayifihla ke kuba singafuni ukophula intliziyo kama- kaBisola nekaSimba.
Abantwana bethu, nina sanenza ngesibom. Sanihlela, wena ngakumbi. UMalkia was a beautiful surprise
ngakumbi ngoba yintombi ekudala wayilangazelela uVenus.”
Simba: ”Ininzi into yakho and uzimisele ngoku ngabina nyani. Okokuqala ubuthe yayiyimpazamo. Ngoku
uthi 'nyunyuyul nyaprayisi' niyathandana.”
Simba: ”Nokulunga awuno ndivisa ubuhlungu obogqitha obu bokundixokisela ngabantwana bam.
Eyokuthandwa nguwe nokuba wawundithanda waze wabona indoda enesipaji esityebe ukogqitha mna
wakhetha ukuthanda wena. Kokwakho oko hayi mna, into endiyitshoyo kukuba thetha inyani and stick
to it. Abantwana babhidekile kungoku usafuna ukubaphixanisa intloko ngobunye ubuxoki.”
Nokulunga: ”Besithandana.”
Nura: ”Akasengo makhulu wethu njengoba utata engengo tata wethu. Ngumakhulu kaMalik hayi thina.
Asinaye thina umakhulu ngenxa yakho. Usihluthele utata ngoku usihluthela nomakhulu. Inoba bobuphi
obubudlelwane singaphinde sibe nabo nomakhulu ngoku emveni kokuba 'uthandane' nomyeni wakhe
wafumana thina? Ucinga ukuba uzocacela amaveza ndlebe.”
212
Nokulunga: ”Nura, umakhulu wenu uyanithanda.”
Nura: ” Ngenxa yokuba ixesha eli lonke ebecinga ukuba singabantwana bonyana bakhe. Ngekungena
ngxaki ukuba besingabantwana benye nje indoda hayi umakhulu. Isazela sizotya mna, mna. Ukuba wena
ukwazi njani andiyazi. Kuba ndiyamthanda mna umakhulu. Kakhulu futhi. Bendimthanda
njengotamkhulu noVenus kodwa kuzofuneka samnkele indlela izinto ezingayo. Njengoba ebetshilo
utamkhulu ukuba ngekungenje uba uJunior wayeyazile uba sobathathu asingonantwana bakatata.
Kubuhlungu nangoku kodwa kubhetele. UMalkia usemncinci yena kuzomthatha ixesha elide. Ndimdala
mna. Ndiyayazi ukuba ndingabuhlungu ndizibhuqe phantsi kodwa akuzitshintsha ukuba ndingokabani.
Andinagunya lokuzikhethela umzali. Awubakhethi, bayakukhetha. Ndizohlala ndibuhlungu nje ukuba
kubo bonke omama engabe wandinika bona uThixo wandinika wena. Umama onganyanisekanga
kubantwana bakhe nophixanisa impilo zabantu. Ndinomsindo mna. Kuwe, kuVenus. Ndinomsindo.
Andiqondi ukuba ndawunixolela ngento enisenze yona. Ndicingela umntwana wasekhaya kuba
uyakuthanda uMalkia and usezohlalelana nawe kuba akafuni ukuphuma endlini. Ndifuna nindiphe
umoya. Seninonke. Ndike ndizicinge. Ndizozobona uMalkia qha. I need to process all this ndiresete.”
Simba: ”Ndiyaziqhenya mna ngendoda oyiyo. Indlela okwazi ukuzichaza ngayo, uthethe kanye lento
isentliziyweni yakho. Awuzufa ndoda. Uzophila. Ayibulali lena intlungu. Thatha ixesha ofuna ukulithatha
kuba nam ndifikele kwesosigqibo. Into endiqiniseke ngayo kukuba andifuni nto enoNokulunga phakathi.
UMalik yindoda endala. Akhonto yakhe ezofuna sibe sidibana mna nawe. Awusekho kwiwill yam. Imoto
yam ndiyithathile, indlu yam ndizoyidinga kungekudala. Ingathi ngewusenza amalungisekelo noVenus
akufunele indawo yokuhlala.”
Nokulunga: ”Awuthengisi umzi! Awuthengisi umzi, Simba ndawuhlala phi?! Likhaya endilaziyo eliya.
Sawumisa kunye nabantwana bethu. Kufuneka ibekhona into endiyifumanayo kulomtshato! Iminyaka
emingaka ndizophindela e Meadowlands?”
Nokulunga: ”Ndithengisele yona bhetele. Imemories ezingakaya zam nabantwana bam ozovele
uzithengisele umntu nje esingamaziyo.”
Simba: ”Ndiyayithengisa indlu yam and andizuyithengisela wena. Ndigqibile mna ukuthetha nawe. If you
want to sue andizukunqanda.”
Ndisukumile ndizoya ekamireni okanye ekhitshini. Ndenze ntoni? Andazi. Bendidunyelwa yintloko.
'Besithandana noVenus'? Noba angaziqinisa uSimba bendiyazi ukuba kubuhlungu ukuva lonto. Ukuba
unfazi wakho wakuthanda okomzuzwana nje ngaphambili kokuba abone obetele kunawe. Azinikele
kuye, anikele nesibeleko sakhe kuye kuba 'oh' kwakungeyo mpazamo. Unombono kengoku wena,
umbono womfazi wakho notata wakho besenza abantwana. Omnye emveni komnye okungathi yitaxi
erank. Ebeke wamthanda na ekuqaleni? Okanye kwangoko wayebona otikiti lakhe lokuphuma
eMeadowlands? Andithi ndibhetele kunaye mna kuba nam ndifuna itikiti lokuphuma kwantlupheko.
EHillbrow. Kodwa mna ndingama ngento enye yokuba ndinyanisekile kuSimba. Hello gold digger
yaseMeadowlanda, dibana nonopatazane waseHillbrow. Ha! Izolo ebendibona ubundatshaza kanti
213
ukwanguye naye unondatshaza. Ngonxibe iunderwear yakwaLa senza yena nefur coat yakhwa Burberry
kunye nered bottom. High class nono.
Simba: ”Uyaphi?”
Nura: ”Ewe.”
Uyihlekile uMalkia, ebesethe nca esifubeni sikatata wakhe. Ihoodie imanzi zinyembezi zakhe.
Ndibenzele into zokuphunga nam ndazenzela ikomityi. Ifikile imoto kaNura waphuma engavalelisanga
mntwini. Ulandelwe nguMalkia, kwabuya uNura sebizela uSimba ngaphandle. Ubalandele esishiya
ngaphandle. Indlela bekuthuleke ngayo ubunova inaliti isiwa phantsi. Ukuvale ngomfixizo okokuthula
uNokulunga. Khange ahoywe mntu. Enye into besingengoVenus thina, mna phofu. Ibinguye kaloku
uMthulisi noMesuli wenyembezi zakhe.
Nokulunga: ”EKyalami!”
Simba: ”Undinga umakhulu wakhe umntwana. Noba kokokugqibela. Uthe akazuthetha nto, ukuba
uthethile uthethile.”
Nokulunga: ”Ndiyabulela kakhulu ngokundi thiyisa ngabantwana bam nokuthatha ikhaya labo.”
Simba: ”It's my pleasure. Ndiyabulela nakuwe ngokundibambisa ilahle nokulala notata wam. Ungcatshe
umama ekuthanda ekuxhasa. Uzoyazi soon. Undithembe kwelo. UVenus uzombhala, uzomkhomba.
Kuba phakathi kwakho nomama uzokhetha umama. Uzolinda afe wena ube umiserable
kulaMeadowlands nomntwana ongenatata. Xa uyombika lomntwana wakho womngcatshi notata
ongena mqolo uye eJukskei, utata wakhe umcwila phaya. Nigibisele amatye.”
Uthe esothuka ezothetha kwabe kungena ubhuti elandelwa nguMalkia. Uyomanga utata wakhe.
214
Simba: ”Uncedile ungangeni. You're better than him. Ungaze uzithobe kulomgangatho wabo, awuyiyo
londoda wena. Awuzenzi ezozinto. Siyevana?”
Simba: ”Ndiyakthanda.”
Malik: ”Ndiyakuthanda nam. Ndibuhlungu ukuba oNura abangobakho kodwa ndiyavuya mna. Ndiyavuya
ukuba ngunyana wakho. Ndiyabulela.”
Unyuse amagxa.
Uyongena ekamireni.
Bendisozela kwamna.
Ebesekhona na uUlatho?! Indlela ebethule ngayo ibingathi akakho indlela ebethule ngayo.
215
TWENTY-FOUR
Ndive ngoSimba engena ezingubeni wasondela kwelicala bendileli kulo endincamathela. Undiphulule
umphakathi wethanga wanyuka ngalo ukusuka emadolweni endibamba kancinci ngaphambili.
Usijikelezise esinqeni sam waphefumla.
Nomtha: ”Andinabuthongo.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Simba: ”Ucinga ukuba andizamanga? I'm fucken upset! No andikho upset, ndinomsindo!”
Nomtha: ”Ngokufaneleyo.”
Simba: ”Ndiyamzonda!”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Nomtha: ”Nam andiyazi ukuba ndizothi deala kanjani? Andizukwazi nokukucebisa kuba ndididekile.”
Simba: ”Bendimthanda.”
Nomtha: ”Mh.”
Simba: ”Azange andithande kwasekuqaleni. I was just a means to an end kuye. Istep ladder sokufikelela
kulendawo afuna ukuba kuyo. Kutata. KuVenus.”
Simba: ”Of course ndiva kabuhlungu. Ndibe muncu andibonanga yonke into. Bendixakeke ngumsebenzi
kakhulu ukuba ndiqaphele. Ndihleli ndixakekile. Ndingena xesha lokuba endaweni enye umzuzu, soloko
kukho apho endixheshele khona. Ndifuna ukwenza yonke into ngoku kwam ukuba ndizofumana i
216
approval kaTiger ukuba ndiwufanele lomsebenzi. Ndingakwazi ukuwenza. Ndayipasa itest. Kanti
andipasanga.”
Nomtha: ”Awuzutyhola isiqu sakho ngabantu ababesebenzisa ubuchule ukuba zipuppet masters
ebomini bakho. Babeyazi into ebabeyenza, uVenus wayeyazi into wayeyenza.”
Simba: ”Zange andithande. Usemathandweni noVenus, uzimisele ukuba ngu makhwapheni nokuba
alinde ixesha angalaziyo kubhubhe umama. Kuba akasoze aphinde aphile ncam njengoba engekho right.
Mdala, badala. Kuzosoloko kukho into. Ukuba ayile yileya. Uzobe elindile yena. Ndiyayazi ukuba uVenus
akasoze enze into ukucutha ubomi bukamama. Noba semthanda kanjani uNokulunga ngoku kodwa
umama ngumama. Umama ... she is everything kuVenus. Angacutha nobakhe ongeze kobuka mama.
Uyayazi xa etshintshe ispice ekutyeni kwakhe. Wazi amancumo akhe, wazi intsini zakhe then kutheni?
Andi understandi. Okanye unento nam?! Ingalonto lento? Kuba ukuba usisitha sam ngevela.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”There is this elegance ngawe. Awuzami kakhulu, awuzami nokuzama. You command respect.
Effortlessly beautiful, awuzazi ukuba umhle kangakanani. Nesikhumba sakho sihle. Andiyazi noba
awuqapheli into oyiyo okanye awunamsebenzi. Sewuqhelile. Umhle. Unenwele uneshort hair. Ikhona
lendlela ondijonga ngayo ... awuziqapheli wena kodwa mna ndiyaqaphela. Kwakutheni ubemncinci?”
Simba: ”Ndiyathanda ukulala nawe. Sendisozela. Kakade kutheni uzolala ngepeyinti xa ndisithi ndizolala
noMalik? Uhlala unxibe ipyjamas zakho mos wena. Ube khofu khofu ingathi uyibhere.”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Kuyatshisa.”
Simba: ”Ewe ulele. Ngomnye nje owenza ndingabubhaqi ubuthongo. Uyarhona lamntu!”
217
Simba: ”Yho hayi, andiyiqhelanga mna lonto.”
Undibambe ibele.
Simba: ”Mh-mhhh.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Nomtha: ”Mh?”
Nomtha: ”Uqaphela ngoku ukuba ndize ngomva? Kuba oko ndikuzele ngomva ixesha eli lonke
ungathethi.”
Nomtha: ”Oh?”
Simba: ”Mhhhh.”
Undinyuse umlenze wawubeka phezulu kwakhe esondela ngakumbi kum endibambe impundu.
Simba: ”Andizu penetrator ude ube ready. Ndifuna ukwenza lento. Ungangenzi nto wena akukho ngxaki,
andifuni nto kuwe- okwangoku. Ndifuna ukwenzela lento.”
Intliziyo yam ibilele ibethela ukuma ngoku, nesisu sixukuzela. Hayi ngesizathu esicacileyo sokuba
ukufuphi nam kwaye umzimba wam uyamva. Bendivele ndibe negoosebumps xa ekufuphi oluhlobo.
Ingono zime nkqo, ibengase andibambe. Hayi ngohlobo lokubamba qha. Kodwa bendisoyika. Bendoyika
kuba bendiyazi ukuba ndizoyimosha yonke lento ndicingane noEfe. Kuba bendimfuna yena. Bekungaqali
ngoku ukuba ndimbawele. Ndaqaphela kudala ukuba noba ndiziva kanjani mna ngaye, umzimba wam ...
umzimba wam ubumthanda. Bekunga dingeki nokuba enze into engako ngaphambili kokuba ndizibone
sendigxiza.
Usondeze ubuso bakhe kobam kodwa akandiphuza. Umlomo ubulapha phambi kowam. Ebendijonge
emehlweni eserious. Ukekelise intloko wandiphuza, endikhokhela. Isandla sakhe besisezimpundwini
zam. Ebetasta oku kwebranti nechocolate. Bitter and sweet. Ebedibana phi nechocolate. Ufake ulwimi
ndamkhawulela ngelam sendiphefumlela phezulu. Undiphethule wabe sephezulu kwam kodwa imilomo
simgayiqhawulanga. Undiphuze intamo. Phakathi kwamabele. Ngaphezulu kombobho. Ngaphantsi
kwawo, bendimjongile ndimjongele ezantsi kwenkophe. Uphuze esinqeni wandiphuza ngaphambili.
218
Uvule imilenze yam endikhotha. Wenze kanye nje wandijonga ephefumlela phezulu, umphefumlo
wakhe undibetha ngaphambili.
Simba: ”Nantsi into ezokwenzeka. I'll eat you out, uze. Kodwa ndizodinga ukuba uthethe ixesha lonke
ungazocinga izinto ekungafunekanga uba uzicinge side sigqibe okay?”
Simba: ”Ndibalisele noba yintoni uzophazamiseka ungankonki. I'll be gentle, ndiyathembisa. And
akhonto izongena apha ngaphandle kolwimi lwam.”
Uyihleke kancinci.
Ndiphefumlile.
Nomtha: ”Mhhhh.”
Nomtha: ”Undincede!”
Nomtha: ”Ndiluyekile.”
Ndiphelile yintsini. Bendihlekiswa nayilento ubuso bakhe bukwi vjay yam njengoba ethetha nje.
Undehlise ipeyinti wayikhulula eyigibisela emva kwakhe.
219
Ndicingile.
Ndide ndavuma. Ukuba bendingazu thetha ngoKing okanye uLuzuko bendingayazi ukuba bendizothetha
ngabani.
Simba: ”Mh?”
Nomtha: ”Charmer.”
Simba: ”Mh?”
Simba: ”Mh?”
Ebenyusa isantya ecinga ukuba ndizokwazi njani ukucinga ndithethe mna kuba bendimnkelwa
zingqondo. Ibingathi andizitwezanga ngokwaneleyo ndamenzela igumbi sendincwina ndilibele noba
ndiyabalisa.
Ebendijongile. Ngamehlo amancinci ayozo, yozo eqhuthe lamlomo ubukum kungekudala. Zange
ndayibona into enjeya. Indlela ebendijonge ngalo ibingathi ndizonyibilika. Ndisisiqede elangeni. Nento
ebeyenza ngezandla zakhe. Endibamba amadonga, ndisiva kamnandi ngeyona ndlela. Ungene nzulu.
220
Simba: ”Uyicharmer and? Uyathula ndiyayeka.”
Nomtha: ”Sukuyeka!”
Simba: ”Mhhhh?”
Ebenyuse isantya endibamba amadonga am kuthi ndikhale kuba bawo! Besisezulwini na apha. Ukuba
ebesenza kanje ngezandla bekunjani uku-
Simba: ”Ndiyeke?”
Nomtha: ”Engafuni commitment mntwini. Efuna nje into ecasual. Udibene nalentombi, uCharlotte.
Phofu abadi- ohhhhhh.”
Besendiphaya kakade. Ndiwuva umzimba wam ungcangcazela, intloko yam ... ingathi ndibhabha
emafini. Ingathi ndiqhunyiwe. Bendiwuva umlomo wakhe kum ngoku ndizayo. Ndide ndaphefumla
kakuhle ndicinga ukuba icebo lakhe lisebenzile. Andikhange ndicinge ngoEfe ixesha eliya yonke.
Bendizama ukugqiba elibali, ndisiva yena kwelinye icala. Indlela awudlala okwe grand piano umzimba
wam. Mhlawumbi ispanish guitar sikaToni Braxton. Okungathi uyandinqula. Uyayazi ikey. Yenza ingoma.
Langoma kuthiwa ishaya ubusuku bonke- bendingenoba nangxaki nam. Ubusuku bonke.
Simba: ”Indlela endikufuna ngayo ... you are so damn beautiful. Ndiyakuthanda.”
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Umhle and ndiyakuthanda. Kakhulu. Umhle kakhulu xa usiza. Ingathi uyingelosi emnyama.”
Nomtha: ”Ndiyabulela kodwa ingelosi emnyama ngusathana. Andithi kuthiwa wakhutsha ezululwini
wasuswa nalomaphiko.”
221
Simba: ”Andingo Yesu.”
Nomtha: ”Ndothuka ukuba bamanyelwa nguwe. Ngubani omamela oJudy Boucher noElvis Presley?”
Nomtha: ”'Take my hand, take my whole life too ... for I can't help falling in love with youuuuu!”
Ndimncumele.
Simba: ”Enkosi ngoku ndithemba ngomzimba wakho kodwa ndifuna ukuyozikhulula nam.”
Nomtha: ”Askies."
Simba: ”Ewe.”
Simba: ”Akho sies ngandawo apha. I loved it. Yonke into yakho ndiyayithanda.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Namu?!”
222
Simba: ”Hey, show me yours, I'll show you mine little one. Ngapha koko ndizokutsixela ngaphandle
kwala bathroom.”
Nomtha: ”Okay.”
Ukhulule i underwear. Bahlali! Ibigoso xa imile. Bendike ndayibona ngaphambili koku kodwa ibingekho
nje. Umi ngamadolo ezantsi kwam wandivula imilenze eziphulula. Ebendijonge emehlweni ngeloxesha
ndicinga ukuba inoba ndisezulwini. Inoba bezisenziwa phofu izinto ezinje khona? Kuba bendingaziva
okungathi ndikulomhlaba. Ndinemincili yento endingayaziyo. Uziphulule nam ndadlala ngesiqu sam sade
seza. Kuqala mna. Ukhuphele esiswini sam wazondanga ndincangathi ndinjalo. Bekuthethwa lento xa
kusithiwa ibimessy isex.
Nomtha: ”Ulele?”
Sihlambe kwishower sayolala. Ndothuke kusasa engekho ebhedini. Ibingathi bendiyiphupha yonke lanto
besiyenze ebusuku. Mmmmh hayi! Ibingelo phupha tu. Bendikhumbula kakuhle. Ndincume okwesitunxa
ndayohlamba ndanxiba ilokhwe. Ndondlulile ndaya kwelacala. Ebehleli yedwa efunda inewspaper.
Ngubani ebesadunda inewspaper kulamaxesha?!
Okungathi undivile uye wabheka. Andiyazi. Kodwa bendinva emzimbeni wam xa esegumbini. Bekukho
into ibindixelela ngobukho bakhe. Ngoku kungqamana amehlo ethu ... bekune chemistry eyenzekayo.
Mhlawumbi ibingalama bhabhathane esuswini okanye indlela bendiba negoosebumps ngakhona.
Umzimba wam ubuyithanda lendoda.
Simba: ”Sikuncede?”
Ndifinge intshiya.
Mxm!
Bona: ”Hi!”
Bendinga mqaphelanga uMalik esofeni. Ebehleli nentombazana besitya into ekwibowls nabo, bebukele
itivi.
223
Simba: ”Morning baby. Bendiba ndizokuvusa ukugqiba kwam apha.”
Simba: ”Ndifuna siphume naba bantwana ngaphambili kokuba aduke uMalik. For brunch.”
Malik: ”Sinezicwangciso.”
Simba: ”Andikubuzanga. Igirlfriend yakho iphefumla umoya wakwam, itya ukutya kwam so iyandityala.”
Malik: ”Ngasese.”
Simba: ”Okay.”
Malik: ”Ubuphi?”
Ndiyihlekile.
Malik: ”Ndiya nje. Ndifuna ukusila nembhizana. Andikasili oko ndifumene lomsebenzi.”
224
Simba: ”Sikhona isipho endikuthengele sona. Undikhumbuze ndikunike ngaphambili kokuba uhambe.”
Simba: ”Masambe.”
Nomtha: ”Ukuba akanangxaki uMalik. I think ebefuna ibeyinto yenu nobabini le.”
Siyasanga: ”Andihambi.”
Simba: ”Akazutya ukutya kwam, aphefumle umoya wam aphinde kwakhona ekhayeni.”
Simba: ”Ayahlawulwa ke amanzi walapha. Umntu azihlambele. Ningenzi izimanga kwam, ndiyalala
kulabhedi. Ucango ningaluvali.”
Umgibisele ngomqamelelo utata wakhe wayihleka emphindisela. Uyobatha itivi wawa phantsi.
Malik: ”Ndiyakuzonda.”
Uyihleke nje uSimba wabuyela kwiphepha ndaba lakhe. Bebebambene ngezandla ukuya ekamireni
beyihleka. Umbhakraze ucango.
225
Simba: ”Nkokheli Matanzima! Abantwana.”
226
TWENTY-FIVE
Luleka: ”Ngenisixelele kwangethuba ukuba niyahamba yazi.”
Simba: ”Lulu noba ungakhama ifayidukhwe awungowase Komani. UngawesePorth Elizabeth wena.”
Siyanda: ”Yho hayi uyahlaselwa umfazi wam kodwa apha. Lityala na umntu xa efuna ukubona ilali
zabantu?”
Simba: ”Ningeza ngoDecember xa nifuna ukuza. Inoba sawube sesitshata ngoko ukuba uNomtha uyeke
ukurhuqa inyawo!”
Simba: ”Andifuni ibengathi ndim lo ungeja ifive years. Mabayazi abantu ukuba nguwe umntu ongafuni
ukunditshata.”
Nomtha: ”Kum ewe. Into yelobola idibanisa ifamily, mna andifuni nto endidibanisa neyam kuba andibazi
nokubazi kakuhle and zicrooks zabantu.”
Luleka: ”Seniyihamba imarriage counselling. I recommend it mna. Sasiyihamba kumfundisi weCawa yam
noSiyanda ngaphambili kokuba sitshate.”
Bephelile yintsini.
Ebesayihleka uSimba.
227
Luleka: ”Hahaha! Ngulomntu ekuthiwa ulesa oko lo?”
Nomtha: ”Ufunda ngomshunqulo wamalungu kaloku. No eye for and eye. No 'turn the other cheek'.”
Simba: ”Kuphela kwento endingasoze ndiyifunde leyo. Umntu andimniki nethuba lokuba andiqhwabe
kabini, ndimonzakalisa esagadle kanye.”
Luleka: ”Yaya kubo eyam. Andiyazi noba benzani ngayo kuba abanoyikhomba kwabona.”
Luleka: ”Bangasose bayitye emnqwazini ndingafumani necent. Ndim umntu otshilayo apha.”
Siyanda: ”Utshila ndawoni ke? Hayi suhleka utsho ngamacikici aseAfrika apha. Tyhini! Niyathanda
ukwenza ingathi niyathengwa ngelobola kanti ngumbulelo kubazali benu lo welobola. Zange ndithenge
mntu mna azosebenza. Awusebenzi nokusebenza ndifetsha ndodwa apha.”
mtshato!”
Luleka: ”Caba ndilala ngomqolo mna ndibale ipali. Hayi uyamkhanyela umntu Judas. Ulimene-mene.”
Nomtha: ”And!”
Siyanda: ”Sityana nine-nine thina nomnkam. Hayi le yenu yokukhululana ngamehlo. Oko ndinijongile
nijongana snaxana.”
Siyanda: ”Sawuthetha xa sisodwa ntanga yam. Kodwa ibalulekile into yokuthetha ngezinto ezinje xa sizi
couples.”
Luleka: ”Andiyazi ngokuthetha kodwa ihealthy sexual relationship kum ibalulekile. Ukwazi ukuthetha
nomntu wakho ngezinto ozonwabelayo xa ezenza nongekho comfortable ngazo. Imnandi into yokuba
228
nomntu ocomfortable naye. Ungoyiki ukuthi 'baby zama kanje kwazele sonwabe, sive kamnandi
sobabini.'”
Simba: ”Nam ndiyayithanda lonto Lulu. Umzimba womntu uyawufunda kodwa ukuba umntu unelizwi
kuba lula.”
Luleka: ”Right! And ingabi serious kakhulu isex. Ayizuba perfect. Uzothi efuna ukuyifaka eNiniva
iyongena etalashishi-”
Nomtha: ”Bendiba ndim ndodwa oncithekayo uSimba xa endibiza ngegama. Ndingu 'baby' mna. Ndingu
'Precious'.”
Undibambe isandla wandincumela. Ndisondele kuye ndamphuza. Andiyazi noba ibizeza bhotile zewayini
besizisela noLuleka ezindenza isibindi kangana na. Kuba nguye umntu ebendiphuza kuqala ndingafane
ndumqale mna.
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
Ndimncumele.
Siyanda: ”Ukuba xa ucinga ukwenza uMluleki uNomtha akukhumbuze ukuba wawuyibest man kum.”
Simba: ”Ukuba kubaluleke kangako kuwe Siyanda uzoba ngubest man. UMluleki akazikhathalelanga
ezizinto. Andiqondi noba uyayazi ukuba yintoni ibest man.”
Simba: ”Andidikwanga.”
Siyanda: ”Ngumbuzo wewayini lo soze! Ucinga ukuba angahamba ngantoni uMalik? Ngehashi?”
Luleka: ”Ndiyabulela.”
229
Simba: ”Sawukwenza iconvoy yemoto ezimbini Lulu. Ndimthengele imoto yakhe so uzohamba ngayo
ayoyibika.”
Siyanda: ”Hayibo!”
Simba: ”Ja.”
Nomtha: ”Ebekhala.”
Luleka: ”Methuna. Yazi bendisitsho kuSiyanda sikuhleba kwi pillow talk ndithi kungcono ukhona
ongowakho umntwana kwaba bantwana bakaJezebel-”
Luleka: ”Kungcono uJezebel kunoNondatshaza mntuwam. Askies Simba kodwa nguJezebel uNokulunga
kum. Apho ndimbona khona! Andifuni nombona!”
Siyanda: ”Umlungisile futhi Simba awamnika nanto. Ndandikusola ke kula out of community wakho,
kodwa kucacile ukuba wabethelwa.”
Simba: ”Ndabethelwa.”
Simba: ”Kucacile ukuba uzophindela khona. Andithi basathathe ibreak noTiger kuba umama 'engekho
right'.”
Siyanda: ”Ayingo mntwana kaTiger lo amkhulelweyo uNokulunga and uyayazi lonto uTiger. Yilonto bekwi
break nje ngoku.”
Luleka: ”Andisafuni noba kuthethwe ngabo abobantu ngoku mna. Bamosha umdla wam.”
Siqhubile sancokola ngayo yonke into ngaphandle koNokulunga noVenus. Besendingqengqe kuSimba
ngoku. USiyanda ehleli kwisofa yomntu omnye, uLuleka ehleli kweyakhe. Besisiya ekhayeni namhlanje
ebusuku bezosibophisa imithwalo bashunqule namaphiko enkukhu zingabhabhi endleleni. Mnkru.
Ibingekho nemithwalo bebeyibophile kuba bafike sigqibe yonke into saziselela noLuleka satya ke kuba
bebephethe itake-aways nomyeni wakhe. Besingafuni ukuhamba sishiye izinto ezimdaka ke nathi sibuye
kuvalelisile endlini kuba bendi ngazuhlamba zitya mna mntakabawo.
Simba: ”Uyayazi ukuba ndiyekela ntoni. Inkazana yakhe ibiseyimxelele yonke into. Ndimxelele nje ukuba
ufile kum kwaye andisena nto endidibanisa naye.”
230
Siyanda: ”Uzimisele ukuqala nini ukuziphangelela? Bendifuna ukujoina nam uze necontacts zakho nam
ndize nezam. Ndiyayazi ukuba ndim umntu ozozuza kakhulu kuba unabantu abaninzi obaziyo we-”
Simba: ”Mntakwethu, noba uze nomntu omnye nje qha ndingabulela lonto. Ukuba uyakholelwa kum nje
kuthetha lukhulu kum. Kodwa ngewuncekelela okwangoku kuba ndifuna ukuqoshelisa into yelobola
kuqala. Andifuni uyeke umsebenzi ngento engekazulunga ngoku.”
Simba: ”Siya kuzofuneka ukuba ube nomonde mntakwethu. Ngalomzuzu ubambe apho usabambelele
khona. Kuzolunga kona kodwa I'm prioritizing into yelobola kuqala. Ngabe ndiselfish xa ndinothi yeka
umsebenzi wakho kwangoku. Unosapho, unoLulu othanda izinto.”
Luleka: ”Ndizithanda nyani ke mna izinto. Mna myenam bendicinga ukuba okwangoku umamele
ubhut'Nkokheli. Ndiyayazi ukuba kudala unentshisakalo yokuziphangelela kwaye ufuna ukuxhasa
umhlobo wakho-”
Simba: ”Oh sendingu mhlobo kaSiyanda qha ngoku? Wena awusayingeni eyam?”
Siyanda: ”Ndiyaniva. Gqiba ngelobola. Uzondazisa ke xa sele ufuna ukuqalisa. Ungahlali kakhulu uqhele
ukungaphangeli.”
Simba: ”Andisoze. Ndinga phambana ukuba ndingahlala nje. Ndisemncinci for ukuhlala phantsi kwaye
nemali ayindivumeli.”
Luleka: ”Ndiyafuna mna shame ukuhlala phantsi. Ndifuna ukuba nguhousewife ndimithe, ndikhulise
abantwana bam uSiyanda andisebenzele.”
Umncumele uLuleka. Uye wafika uMalik waqala ngokutya. Andiyazi noba bekungekho na ukutya
kulandawo ahlala kuyo kuba ebengqala efrijini xa efika apha.
Siyanda: ”Xa nishusha niyashusha Luleka suba bully apha ufune singatsho ukuba uyashusha.”
Siyanda: ”Hahaha!”
231
Nomtha: ”Uyafuna ukuya kwakho?”
Utsho eyojonga ngoku kwakhe akabuya nanto. Yonke into besele siyipakishe emotweni kushota
siyokhwela qha. Sivalelisene noSiyanda saba yindlela. Bendisa sela iwine yam kemna kuba bendinga
qhubi. Ndinyuse umculo ndiwuncedisa nowuncedisa. Ebedikwe! edikwe uSimba emana kundikrwaqula.
Nomtha: ”Ngoba?”
Uyihleke kancinci.
Siqhubile kwakudala. Bese kusebusuku ndingekatipi kuba bendisasela, bengungona ndiyigqibezela iwine
yam.
Simba: ”Ndancunyelwa?”
Bendimncumele nyani. Ndimbambe ithanga wajonga isandla sam wandijonga enyuse ishiya.
Nomtha: ”Huh?”
232
Simba: ”Ndingazi sebenzisa nabani na Nomtha? Andihlali nawe kanti endlini?”
Simba: ”Kengoku?”
Ndinyuse amagxa.
Simba: ”Ushushu.”
Ndinqwalile.
Simba: ”Yima ndikhangele indawo eneshed ndizomisa khona ndikubonise ixhego njengoba uphapha
nje.”
Ndincumele ecaleni ndakhupha iseatbelt ndamfaka emlonyeni. Uhlihlizile. Ndiqhubile ndade ndabona
semisa imoto kwezindawo zokuphumla. Ebebetha izibane qha. Undikhuphile kuye wandiphuza.
Ngelixesha andiphuzayo ndikhwele phezulu kwakhe, walalisa isitulo endibamba isinqe.
Ndinqwalile. Undinyuse ilokhwe wakrazula ig-string yam yelace yashiyeka indibamba esinqeni. Uhlise
ushoti wavela wonke. Uzirabhe kum kuqala ndabe ndibambelele emagxeni akhe.
Simba: ”Chopha.”
Ndiphelile yintsini.
Ndosule inyembezi ndisahleka. Unikine intloko yakhe wazingqamanisa nam. Ndichophe kuye engena
kancinci, kancinci.
Nomtha: ”Mhhhhhhhh.”
Simba: ”Shit!”
Ebephakathi kum kodwa hayi wonke. Besendixakene nento njengoba bendiphapha nje. Undiphuzile
esandingena.
233
Undibuze sendibambe ubuso endosula inyembezi.
Nomtha: ”Andinyanzelwa.”
Nomtha: ”Ndiready.”
Simba: ”Baby awukho ready. Uyakhala and you've zoned out ngoku. Andiziva kakuhle ngalento, ingathi
ndiyazenzela kuwe and nawe uzondithiya worse ukuba ndiyanyanzelisa kuba wenzela mna. Andiyazi
ngoba andikufakeli pressure mna ukuba kutheni uzobona isidingo sokwenza into ongekabi comfortable
ukuyenza.”
Simba: ”Uyandonwabisa. Andonwatyiswa sisilalo qha. Ndiyakufuna wena, kakhulu futhi kodwa hayi
ngoluhlobo baby.”
Ndinqwalile.
Ufake umculo wakhe waqhuba. Uthathe isandla sam wasibeka phezulu kwethanga lakhe ebeka esakhe
kwesam.
Nomtha: ”Ayikehli.”
Nomtha: ”Andizukubamba.”
Simba: ”Uright?”
Nomtha: ”Mh.”
Simba: ”Good.”
234
TWENTY-SIX
Simba: ”Nomtha! Nomtha!”
Nomtha: ”Mh?”
Nomtha: ”Andilelanga kakuhle kaloku kuba bendimana ndisothuka. Ndifuna ukulala kakuhle ndigcwale
ibhedi.”
Simba: ”Indlu inoba ingcwele ithuli. Izofuna ukucocwa and kuzoqaliswa ukusilwa for lembiza
izokwenziwa.”
Bekucacile kwalento yoba ndide ndibuze ukuba andiyazi. Bendinga wuqondi kengoku umbuzo wakhe.
Simba: ”Ukuba sifuna ukutya intsipho ezine garlic neginger singa phekelwa nguwe umqombothi.”
Simba: ”Andihlekisi ngawe ndithetha inyaniso. Uzoncediswa ngudabawo, sawucela yena. Uzobe ucleana
lomzuzu sisiya etown mna noMalik. Sithenge nezinto zokupheka for thina nabantu.”
Nomtha: ”Andisayonqeni into yokuzo setyenziswa ngenkani. Ugqibele nini ukuya emzinakho?”
Simba: ”Kudala.”
Simba: ”Bekukudala.”
Unqwalile.
235
Simba: ”Andizudiliza umzi wam ndokhe omnye ngenxa yokuba ndinomnye umntu. Andizuwuthengisa
futhi.”
Simba: ”Awutshongo.”
Nomtha: ”Kengoku?”
Simba: ”Suthi kengoku kum kaloku. Itone owubuze ngayo lombuzo wakho-”
Simba: ”Indlebe zam zisebenza kakuhle kwaye ibingesiso istatement ingumbuzo. Nendlela owubuze
ngayo nge attitute andiyithandi.”
Nomtha: ”Shame ngoku ngayithandi kwakho kodwa andiqondi ukuba ndiyakuthanda nam ukuhlala
emzini owokhiwe nguNokulunga ewokhela abantwana bakhe.”
Simba: ”Abantwana bakhe noVenus. Ukuba ubafuna benekhaya uzobokhela utata wabo. Eli lokhiwa sithi
ndiyavuma kodwa yimali yam. Sonke isitena endisibeke kulamzi yimali yam hayi eka Nokulunga. Ngenxa
yokuba udecide ukungabi ngumfazi wam ayithethi ukuba ndizodiliza ndithengise umzi wam.
Sawukongeza omnye umzi ke mhla ndaphangela uzokwazi nawe ubenento oyikhombayo kungathiwa
ungene oku kwenyoka.”
Simba: ”Ufuna singene sisilwa endlini. Uqhwaya uchuku ngento engekhoyo and uyandidika.”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa ukuba ukubuza kwam imibuzo kukuqhwaya uchuku. Andizukubuza nto ke kuba
andifuni kukudika. Andithini ndiyadika mna?”
Simba: ”Baby sundenzela inerves kusasa, ndidiniwe. Azange ndikubone ukhalaza ngokuhlala eCenturion.
Esidlangalaleni unengxaki nomzi wam.”
Nomtha: ”Akufani.”
Nomtha: ”UNokulunga ebenomzi wakhe eGreenstone. Ndizolala ebhedini yakhe, ndisebenzise icutlery
yakhe.”
Uphefumlile.
Simba: ”Ukhona umkhukhu wetools. Ungalala khona ukuba unengxaki nokuba umzi ndawokha ndino
Nokulunga. Uzokondlala umatress uzilalele phaya. Phela kwento ethethisayo. Bendinga kuvuseli
kuxoxiswa mna. Bendikuvusela uba ujonge ilali ezi njengoba ungazazi ilali. Unochuku gqithi wena
uyacaca ukuba ubuyi brat. USamora ebekutefisa too much.”
236
Ndiyihlekile.
Simba: ”Suka!”
Nomtha: ”Yehake.”
Nomtha: ”Yehake Simba! Yho hayike mntakabawo! Ayikho nalento siyilwelayo njengoba sewude
undiqinisele ubuso nje. And ndinentloko mna.”
Simba: ”Yila BJ ubuyenza ebusuku usiva iwine. Awubuxabisanga ubomi bakho. Uzawufela endleleni
njenge qhude.”
Nomtha: ”Hahaha! Yehake qhude. Eyonanto ubuqethukise intloko uncine amehlo apha, ungatsho ukuba
andibuxabisanga ubomi bam.”
Simba: ”Anditsho ukuba bendinga yonwabelanga okay? Ndikuncoma ubudela kufa obu bakho mna qha.”
Simba: ”Ibingase ndizifake kwezamoto bezigqitha kodwa akunani. Njengoba benditshilo ungazinyanzela
xa ungekabikho ready. Ndifuna ube present, hayi lanto ubusewuyenza yokuzona out unyuse amadonga.
Ibangathi ndiyanzinyanzela kuwe.”
Nomtha: ”Ndikuvile.”
Simba: ”Is it fair na ukuba ungafuni ukuba ndikubize ngegama lakho-owalithiywa ngabazali bakho,
elikwipasi yakho kodwa mna ndinguSimba? Okanye kuba mna ndikuthanda?”
Simba: ”Ayi! Andiyithandi lanto yokubizwa ngesiduko ngumntu endiwela naye iziko.”
Nomtha: ”Oh ndim lowo? 'Umntu owela naye iziko' okay. Alright. Iworry yam akuwelwa neloziko.”
Simba: ”Fiance ewe kodwa awungomntu wam kuba awufuni ukuba nguye. Ndisavuyela into yokuba
sewuyekile ukundithiya ngoku. You like me kancinci.”
Nomtha: ”Ndiyakuhlonipha.”
237
Simba: ”Oh hayi bendingayazi. So uthi uzolalaphi ke njengoba ungawufuniyo umzi wam?”
Simba: ”Wokhiwa zi contractors. Saqasha abantu. Inoba ebenqwenela ukuwokha ngoku kwakhe. Abeke
izitena-”
Nomtha: ”Compromise. Ukhuphe ibhedi yenu ke kularoom sizolala kuyo. Uthathe noba yeyabantwana.”
Simba: ”Besendayitshintsha kudala labhedi. Ibizezi bedroom suit zakudala ndifuna into yesimanje manje
ethi 'soka'”
Nomtha: ”Ulixhego elinice shame ndikunika oko. Andinoba nentloni ukuthi gqi nawe phakathi
kwabantu.”
Simba: ”Ndiyiboyfriend!”
Nomtha: ”Hahaha!”
Ndimncinele amehlo.
Simba: ”Uyekile?”
Nomtha: ”Ndiyekile. Heh Simba, lantombi wawuhleli nayo eclubbini yayingumntu wakho?”
Nomtha: ”Wayebonakala nje. Ezigudla kuwe xa ndisondela etafileni yenu. Ibiyindelelo lanto by the way.
Undijonga ngoluyahlobo nokundinyoba ngemali phambili komntu wakho!”
Simba: ”Wayengengo mntu wam. Utshatile lamntu and umyeni wakhe unengxaki ye early ejaculation-”
Ebephelile yintsini.
Simba: ”Eyam izovuka senditotoba. Ndingasaboni nangamehlo, ndiyiphutha phuthe ndenze umsebenzi
wam. Uyamthanda umyeni wakhe shame yena and sebala iminyaka afe azotsho afumane ukoneliseka on
a regular basis. Lixhegwana lomlungu, abelungu bahleli bedisadvantaged ke shame. Uninzi lwabo phofu.
Ndingabaquki. Mna bendinikezela eluntwini. Ndincedana nomntu oswelayo. Ndinikela ngeservices zam
kumphakathi. Icharity ethile. Kubalulekile kaloku ukunikezela ngobutyebi kumahlwempu-”
238
Uyihlekile.
Nomtha: ”Qha mna ndithi umntu uyoze abone xa inguye oyicharity case. Ubutyebi sebuphelile elasta
two seconds. Ithi yowuva ubushushu inikezele. Karma. Ukhamensitha uzokunqonqozela emnyango
kusasa bhuti!”
Simba: ”Suzenza iAngel apha. Nenze izimanga zenu nani. Akanamfazi uAyodeji? Unomfazi.”
Simba: ”Nomtha, i owner yala establishment ngumhlobo wam. UAyodeji unomfazi womXhosa osuka
eMatatiel. Uneminyaka emtshatile. Unomfazi ekhayeni uAyo wakho.”
Uyihlekile sana uSimba. Bendothuke nyani kuba sana hayi elasela lempundu libe nomfazi. Yhu! Amadoda
ebedalelwe ukusihlaza. Bafumana itraining yokuhlaza abafazi bona. Bebephilela lonto.
Simba: ”Ungupopeye. Kodwa ke ndiziva ndidinga ukuxelela ukuba akakho omnye umntu endinikela kuye
inkonzo zokwanelisa umphakathi. Inkonzo zam ndizozinika wena undenzele ommye unyana.”
Nomtha: ”Ngesimenza namhlanje lomntwana, angabi notata osimelelayo. Umntwana wam abe notata
olixhego amgayazi noba athi tata okanye athi tamkhulu.”
Simba: ”Yep uyandi user straight wena. Abanye abantu bafuna abantwana nabantu babo kuba befuna
ukuba nomntu nabo. Kuba bebathanda befuna ukunika umntwana olothando. Kubekho wena mncuvi.”
Nomtha: ”Ndiyamfuna yena umntwana ndizoba nomntu ondithanda ngaphandle komda. Umntu obona
uThixo xa ebona mna. Umntu wam. Ndiyayifuna lonto. Ukuba lomntu akazusokola njengam, yibonus
leyo. Ukuba uzoba notata onjengawe yibonus. Abantu abaninzi bathandazela ukuzalela abantu abafana
239
nawe. Umzalele qha kodwa ungamtshati kuba uzokoyikiswa ngezibhamu. Ngapha unexhala lokuba uba
angabanjwa kwezidrugs zakhe. Ukuba angaya eDurban angabuyi kuba kukho into engahambanga
kakuhle bamdubula. Noba uthe ungamlindeli awukwazi kuba unexhala. Uthi xa umva engena ezingubeni
ubenenyembezi zovuyo kuba ubuyile. Ndisesosibhanxa esizokutshata kemna.”
Kuthe cwaka emveni koko. Bendingasa lindelanga nempendulo ndoyama esitulweni ndijonga iview.
Ibizilali nyani. Ndothuka into yokuba kubekho imizi emininzi emzini omnye. Umzi omnye ube
nezibhazalala ezintathu nehut. Nokugqagqana kwemizi. Umhlaba omninzi. Ukuzola. Bekukuhle.
Simba: ”Huh?”
Simba: ”Ndicinga ukuba xa sifika endlini uzondinika yonke inkcukacha oyaziyo ngoaunty wakho. Nokuba
wamgqibela ehlala phi kuba ukuphindela kwethu eGauteng ndifuna ukuyodibana nabo siqalise
ngengxoxo ndikwenze umnkam. Undiphe indodana.”
Ndiginye ingwiqi.
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Okay?”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Uronta?”
Simba: ”Ewe.”
Ndinqwalile.
Simba: ”Nguronta! Ngubani ofika emaXhoseni athi uronta nguHut? Abazuyazi lonto abantu!”
Simba: ”Ngabantu bam aba ndiyabazi. Sazi ihart thina, imbiza. Iheart eyintliziyo. Awuzuthi xa kubuzwa
umntu uthi wena ukuhut. Uzothelwa nqa. Uwavalela ntoni amehlo?”
Ndiphefumlile.
Nomtha: ”Ndiyalala.”
Simba: ”Asincokoli?”
240
Nomtha: ”Sigqibile ukuncokola.”
Simba: ”Uqumbele uhut? Andikhange ndithi ungabi ngomXhosa mna. Kodwa ndizokufundisa ubize izinto
right kuba kuzobe kusithiwa yilantombi kaSimba. Awazi mqombothi, awazi ronta. Awukwazi ukusila!”
Nomtha: ”Akunyanzelekanga.”
Ndothuswe nguye esithi baya etown noMalik ndingalali kakhulu, ndicleane. Bekuluthuli nyani kodwa
ndifuna ukuphungula obungaphezulu kuqala. Bendiniwe. Andiyazi ndigqibele nini ukuhamba umgama
omde kangaka. Ndiphindele ebuthongweni emveni kokuba evale ucango.
241
TWENTY-SEVEN
Bendinge nxaphe halala! Bendingaqondi ukuba bendino msebenzi ongaka bekufuneka ndiwenze
kulandlu. Uthuli belukulandlu. Ibinkulu inekamire ezintlanu ukuquka nemain bedroom. Ibezibathroom
ezimbini, ipantry, ikhitshi, idining area nelounge. Ebenegarage ezimbini nenye ezimele yokwa ejonge
endlini ingasebuhlanti.
Fane ucinge ke lomagumbi angako kunye noronta ngaphezulu. Into ibincitha kukuba bekungekho
washing machine. Ibedding necurtains ndizihlamba ngezam izandla. Bendixakeke zizo ngaphandle
kwendlu emthunzini xa kungena umntu ongumama ehekeni.
Ebethe chuu ukuza nganeno ebeleke izandla zakhe emqolo. Bendimana ndimjonga ngoku asondelayo.
Lomama: ”Nivukile?”
Lomama: ”Ehhhh. Ndingabafumana abantu abadala? Utata walapha okanye umama walapha?”
Nomtha: ”Utata walapha usetown ma. Ebemnke ekuseni kwaye andiyazi ukuba uzothatha ixesha
elingakanani.”
Nomtha: ”Oh hayi usaphila yena benditsho umama wam, uNokulunga akango mama wam.”
Lomama: ”Oh ndiba ungumntwana walapha. Awuno mfounela ntomb'yam? Ndisuka kwilali ekude ukuba
ndihambele ilize. Ndive ngomntu bendithe andibekele iliso mhla wafika. Bendinqwenela ukubona yena.”
Nomtha: ”Akayibambi ke nale phone. Andiyazi nyani ukuba bazobuya ngaliphi na ixesha. Xa usithi usuka
kwilali ekude ...”
242
Nomtha: ”Ha.a mama, ndingumntu katata walapha.”
Lomama: ”Nitshatile?!”
Lomama: ”Ndiyabulela.”
Uwasele wawagongqoza.
Lomama: ”Yhuuuuu andisehlupheke. Bendifuna ukumbona ke lomfana kuba kudala ndimdinga qha
sibhidana.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Lomama: ”Kumntu osemtsha noko iba nguqhwi-qhwi. Singabantu abahlutshwa yimilenze thina ngoku
kubakude.”
Nomtha: ”Ehhhh.”
Lomama: ”Mhhhhh oh! Ndizocela wena kesisi umshiyele umyalezo noko xa usithi ungunkosikazi wakhe.
Ndincinga ukuba ungumntwana walapha mna. Kuba seku semveni kwemini ngoku kuzorhatyela ngoku
kulamasimi nendonda. Ndingumam'uNothingubani mna sisi. Nothingubani Maqhwazima ndihambele
umba wentombi yam uThoziwe. Mdala yena apha kuwe noko. Bendifuna ke sisi uxelele uSimba ukuba
umama kaThoziwe ebelapha, uNothingubani Maqhwazima. UThoziwe unomntwana walapha ekhaya,
onguSonwabiso. Ngenxa yokuba etshatile ke zange simbike umntwana, wayephila ke utamkhulu wakhe
ngeloxesha simondla ngalemali yakhe yenkam-nkam kuba wazolahlwa kuthi nguNcumisa ophaya
kulatawuni ngoku. Ndiyaso-ko-la!
Utsho endikhombisa sona. Ibingutommie. Abateki bakhona. Oobhontsi bobabini bebengaphandle iphele
izithende.
Nothingubani: ”Ndiphelele kulaThoziwe ukuba nomntwana andinayo nevela ngaphi imali kuba
andinapasi ndizopeya. Sasiphila ngomyeni wam kodwa wasweleka naye. Nditsala dweni ngalamntwana.
Omnye umzali sisilerha, omnye ngulo unemali kodwa akafaki nepeni emdaka emntwaneni. Oko wazalwa
zange ndava kusithiwa wayeke wambona umntwana. Yinkwenkwe endala ngoku uSoso efundayo.
Umntwana akanaso nesinjani isihlangu. Akanazo nezinjani impahla zasekhayeni. Ezesikolo uziphiwe
243
ngumisi wakhe. Uphatha incwadi ngengxowa yelayisi. Ndifuna ukuqonda nje ukuba njengoba ehlala
naba abantwana, besitya benxiba ucinga ntoni ngoSoso? Ngekubhetele noba kuthiwa sisilerha esifana
noThoziwe esizinikele emadodeni ukuphila kodwa inemali lendoda. Mayithathe uxanduva emntwaneni
wayo. Imhoye umntwana noba ayimfakanga zityeni. Akenzelwanga naliphi na isiko. Ngumntwana nanku
onezimbo oba inkukhu zabantu, uba ukutya emizini. Agqekeze athathe ukutya. Uyabona umntwana
ukuba kuyalanjwa kowabo. Imali endiyifumanayo kulamatorho am okuhlamba impahla yabantu iphelela
ematyaleni. Akasekho kulalali umntu ofuna ukundinceda nganto. Ndithwele ndweeeeeni, nditsala dweni
mntwanam. Besimhlonipha, sihlonipha umtshato wakhe kodwa usiyekelele kakhulu.”
Nomtha: ”Xa ithetha intombi yakho iyatsho ukuba waxelelwa uSimba ngokuba ukhulelwe? Yamxelela?”
Nothingubani: ”Mdala uSonwabiso. Unomsindo futhi. Ukhula ungumntwana onomsindo zimeko akhula
kuzo. Ndoyika nokuba ndizofa mna ndimshiye engenabani. Utata wakhe makabe nosizi. Noba ujule
iR200 ngenyanga bhetele. Amenzele imfanelo zakhe umntwana. Amhoye. Noba uthenge i50kg kamealie
mealie qha neswekile. Atye umphokoqo onamanzi aneswekile, uzokhula akunani. Ndizoncamela apha
kuba ndiyabona ndoyisakala kudala qha bendihleli ethembeni lokuba uzobhadla uThozi. Kuthwa
uyabonwa kulatown. Uhlala elokshini phaya unenzipho namashiya afakelwayo. Andizanga kulwa
kuSimba koko ndizocenga kuba naku ndoyiswe ngowam. Ayikuba uyasokola, hayi. Qha akafuni nto
imdibanisa nomntwana.”
Nomtha: ”Ndizomxelela uSimba mama. Ndizomxelela ndizame ukumcenga ukuba ayovela azosabela
kuwe. Andazi nto ngomntwana mna ngaphandle kowase mtshatweni. Zange ake abhude nangayo
eyokuba unomntwana ngaphandle komtshato. Inoba ebezondixelela okanye ebengasoze ayithethe
asinoyazi. Yaziwa nguye. Kodwa ndizomxelela ngayo yonke into ondixelele yona.”
Nomtha: ”Kulungile ke ma. Uzondixolela akukho nephungwayo into kungona ziyothengwa ngoku kuba
besifike ekuseni.”
244
Nothingubani: ”Akukho ngxaki mntanabantu. Ndiyabulela nje ukuba uzondigqithisela umyalezo mna.
Enye nenye andiyikhathalelanga kakhulu.”
Nomtha: ”Hello?”
Simba: ”Ubundifounele.”
Nomtha: ”Ndiyavuma kaloku ukuba ubuxakekile nam ndiyiqondile kodwa sose uyeka.”
Simba: ”Ngoba?”
Simba: ”Inoba udinwe nyani. Ndilubonile uthuli kwezozindlu. Nebedding necurtains! Ibininzi isepha na?”
Simba: ”YiMaq?”
Nomtha: ”Ewe.”
245
Simba: ”Lala baby.”
Mnkru! Bendizoke ndive ukuba uzozithethelela athini lonolwimishe ungondli umntwana kuba wayethe
akazange amdyolele uNokulunga. Kucacile bubuxoki obuphinda phindeneyo obo kuba naku kusithiwa
unomntwana. Mntwana lowo angamhoyanga kodwa uyayazi ngobukho bakhe. Akhonto ibindicaphukisa
njengomntu ongahoyanga umntwana wakhe. Okungathi wamthuma ukuba makamenze lamntwana.
Kuba ngelaxesha wayelala nomntu ngaphandle kwesikhuseli wayezazi izophumo. Mdala kaloku uSimba
mntakabawo wafundiswa kdala ngo'birds and the bees'. Bendingxamele ukuyiva. Yazi bendingxamile.
Ukuba uvuma njani umntwana asokole ekhona. Nyani njengoba ebebiza umam'uNothingubani ucinga
ntoni? Abomtshato abantwana bayatya bayahlutha, banxiba koSuperbalist noZara kodwa omnye ucela
amalizo. Yhu! Hayi bendiphoxekile shame kuba bendimthemba kwicala labantwana. Kanti ngomnye
utoki.
Nomtha: ”Mh?”
Simba: ”Kungoba andidinwanga mna? Besisehla sinyuka kulatown ekubeni bendiqhuba ubusuku bonke
ndafika andalala ndahamba. Ndicela nje okwecephe ndizolala. Qha. Kuba akakho umntu
ongadinwanga.”
Nomtha: ”Bendinga zukwenza nto itake aways usuku olunye. Yho hayi kemna!”
Ndisukumile ebhedini ndakhulula lagown bendiyinxibile ndanxiba utight omnyama omde nehoodie
emnyama. Ulandele emveni kwam ukuya kuronta. Imbiza beziphaya. Hayike ibizotshintsha yonke lonto
ngomso kuba belikhona ikhitshi kulandlu. Le ka up and down ifriji ibe sendlini enkulu kodwa imbiza
zingapha zona.
Ndiyobaxhawula.
246
Nonzaliseko: ”Unethemba lomendo kengoku xa ulala kodwa kufuneka usilile?”
Manci: ”Akudinwa kaloku emzini. Uma kusasa kungekavuki mntu ulale mva.”
Nomtha: ”Andinolunga mna. Eyoma imini yonke ndingazubhatalwa! Kubhetele xa ndise msebenzini and
andiboni nento emisa imini yonke.”
Ndibabone bekrwaqulana.
Ndijonge uSimba wabe encumile. Inoba ebencume ntoni na shame? Uncume ukungondli oku kwakhe?
Ubakhuphe nje uSimba bezokhatshwa nguMalik. Besendibeke irice ndizokwenza inyama ebomvu
ndiyifake iveg.
Nomtha: ”Ndiyayazi umlwo yiforeplay yakho kodwa andinawo namandla indlela endidinwe ngayo.”
Nomtha: ”Ndiright.”
Undiphuze intamo.
247
Simba: ”Sawuthetha ngoNokulunga qho na apha kulomzi? Ayikho enye into esinoncokola ngayo?”
Simba: ”Yeka ukungqunga, thetha lento ofuna ukuyithetha. Uthi umntwana wenze njani?”
Nomtha: ”Kukho umama ebezokufuna apha. UNothingubani Maqhwazima. Ebesithi usuka kwilali
ekudana kunale. Uhambele kuwe-”
Nomtha: ”Malunga nomntwana onguSonwabiso owamenza twelve years ago nentombi yakhe. Mntwana
lowo ongamenzeli kwanto. Ongazange wambona nakanye ebomini bakho. Uthe ndikucenge uthathe
inxaxheba emntwaneni wakho. Ubenesazela. Kuba umama womntwana ngundinga sithubeni, wena
unemali ubhadlile kuba abantwana bakho uyabenzela kucacile ukuba awenzi kuba uthanda. Kodwa
umntwana uyakudinga, umakhulu uyedwa uzimele ngenkqayi elangeni. Akanasihlangu, akanampahla,
akanakutya. Akanawo nobhaka lo wesikolo uphatha ngeplastic yerice. Ubonelelwa ngabantu. Ebefuna
ukukuchukumisa isazela umakhulu.”
Simba: ”Baby andinaye omnye umntwana ngaphandle kwaba. Njengoba benditshilo mna andizange
ndanomntu ngaphandle komtshato wam. Ngendizazi ukuba ndinomntwana kwaye engasokoli. Andina
mntwana mna ongaphandle. Andinaye.”
Simba: ”Intombi yakhe kuzofuneka imxelele kakuhle umama wayo ukuba ngubani utata kuba
ayikabindim. Zange ndanomntu mna apha ezilalini. Zange ndadyola.”
Simba: ”Ewe kaloku nawe. Ndizohlamba igama lam once and for all. Kuba ungafika igcwele yonke lelali
ukuba mna ndinomntwana endingamhoyanga. Ndizohamba nawe kanye kuba sewundinika iattitude
ungekava nokuba ndiphendula ndithini kwezontsolo. Sewukholelwa lomama ungamaziyo.”
Nomtha: ”Sawuhamba nyani ke. Kuba ndimangalele lonto yokuba noba ndingakwazi kangako ndiyayazi
uyabathanda abantwana bakho. Lo yena ohamba esiba inkukhu negrocer emizini kodwa umfazi wakho
uhamba enyoba amankazana ngetwenty nto thousand ingathi ngumntu wasefilmini. Sawuva ngomso.”
248
Simba: ”Noba ungakuyeka ukutya andisena mdla.”
Simba: ”Ebetye iburger uMalik. Ungenza isonka wena utye. Ndizohlamba ndize nomatress. Sizolala apha
kuba utywala abuzulala bodwa. Ndizolala noMalik kwelacala wena ulale wedwa kweli.”
Simba: ”Asizulwela amacala. And kufuneka uziqhelise kwangoku, licala labantu abangomama elo. Xa
kukho abantu awuhlali ngapha, uphelela ngapho qha. Ungandibuzi ngoo why. Ndisayohlamba.
Simba: ”Makakhangele utata womntwana wakhe. Amncine kakuhle hayi mna. Ndazibona sendino
twelve years old nje.”
Andimphendulanga ndacima imbiza ndenza isonka ndatya. Bendingafuni nokucinga, kuba xa ndicinga
bendicinga izinto eziwrongo.
249
TWENTY-EIGHT
Simba: ”Nomtha!”
Bekumnyama kulandlu besilele kuyo nto leyo ethetha ukuba bekungeka si. Andiyazi ebendivusela ntoni
uSimba. Kona? Ebengatshongo ukuba uzolala kwicala labantu abangotata njengoba ebesese
mondlalweni wam nje ngoku.
Nomtha: ”Huh?”
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Oko ukhala ubusuku bonke. Ndikuvusa nje uvale amehlo umzuzwana uphinde ukhale.”
Simba: ”Ukhathazwe yintoni? Did I trigger them? Ezinarhmani zakho? Kuba besezikuyekile.”
Nomtha: ”Andilikhumbuli lona kodwa ndiyayazi ukuba bendiphupha kakubi nje qha ndingakwazi ukuvula
amehlo.”
Simba: ”Ndicinga ukuba kudibene izinto zakho kakade nemimoya emdaka. Akufuneki mntu unentloko
ethambileyo kwezilali kuba uzoshicilelwa qho. Andinayo nento yokuqhumisa ke.”
250
Simba: ”Ndilala noba kusentla mna.”
Nomtha: ”Goodnight.”
Ndothuke sekukhanya ngaphandle. Umondlalo wabo ubungasekho kwelacala kukho owam wodwa.
Ndizolulile ndasukuma ndondlula.
Simba: ”Uvukile.”
Nomtha: ”Bendifuna undincede ukuthutha imbiza nestove kuqala, ziye kwelacala. Andiyazi noba
ndiyagabadela na?”
Nomtha: ”Ndidikwa ngulomquqo mna. Ikhitshi likhona kulandu nedining room. Kutheni singasebenzisi
zona sizotyela ezandleni kuloronta?”
Simba: ”Nguwe umntu ophekayo so kuzobona wena ukuba wenza njani. Uba ufuna ukuphekeka
kwelacala it's fine kodwa akukho sidingo sokuba uqubule izinto ngapha, zikhona kwelacala.”
Nomtha: ”Oh.”
Uphelile yintsini.
251
Simba: ”Kukho imbiza ezinkulu phaya emkhukhwini, nizopheka ngazo ngaphandle. Kufuneka lento
ikulomphanda ibe neconsistency yesidudu. Kuthwa ligwele xa inje. Kuqhele ukutshukuzwa kudidiyelwe
kodwa ngenxa yexesha kuvele kwagalelwa amanzi akhushu apha izokhawuleza.”
Unqwalile.
Simba: ”Kuzofuneka uthambise yona unga rhawulwa ngumlilo xa nipheka. Unxibe nabatight bakho bade.
Ngoku uhleli umnyama shame uphinde uzotshiswa yimililo.”
Nomtha: ”Yehake!”
Nomtha: ”Mxm.”
Simba: ”Ndiya khathazeka ke uyazi ngezi narhmani zakho. Ndisuke ndingayazi noba ndithini xa
zikubambile, ukhala kabuhlungu.”
Nomtha: ”Exesheni, ewe. Kufanele ukuba zihambe ziphele. Uzohamba unxibe kanje?”
Simba: ”Ewe.”
Nomtha: ”Ohhhh.”
Simba: ”Andiwazi kodwa sizomfumana. Zilali ezi, wonke umntu uyazana. Sawubuza umzi kamama uNo-
uthe ngubani?”
Ndondlule ndagqiba ndayohlamba. Ndinxibe imidi skirt yesatin eblush pink, isikipa nje esimhlophe
nepush in sandal.
Ndigqibezele imbiza zam zayizolo ndahlamba izinto bekutyelwe kuzo zamdaka. Nekomityi- yonke into.
Malik: ”Nomtha.”
252
Nomtha: ”Ndide ndavuka.”
Nomtha: ”Uyaxoka!”
Nomtha: ”Yep.”
Malik: ”Mh?”
Ndinqwalile. Bendinga mjonganga ngoku sithethayo. Ndijonge izitya ezi bendizihlamba. Khange
kuphinde kubekho mbuzo. Xa ndimkrwaqula ebecofa iphone yakhe.
Nomtha: ”Sendigqiba.”
Simba: ”Kunini! Ndikuxelele ukuba kufuneka sibuye kwangethuba kuzophekwa izidudu. Kuzoba njani xa
kufikwa singekho. Kuba kufuneka uncedise, izoba funny eyoba ungabikho.”
Nomtha: ”Ndiyagqiba.”
Ndimjonge ndimncinele amehlo. Ebengenalo nexesha lalonto, edikiwe qha. Uphume embomba into
engavakaliyo. Ndizihlambe ndagqiba ndosula itafile. Ndiyokhulula iapron ndathambisa izandla zam
ndaya kuye ngakwikraal. Eboyame khona ecofa iphone yakhe.
253
Nomtha: ”Ngoba?”
Simba: ”Yho! Kusezoba nzima. Masambe sizobuya. Awumhle ngosilky silky bakho.”
Nomtha: ”Ngiyabonga.”
Sihambile. Khange sisokole kakhulu sabuzisa sakhonjiswa lamzi bekuthiwa uhlala kuwo. Ibinguronta
omnye. Ubusikoni qona utyatyekiwe kungekho veti ngaphezulu. Ubrown nje ngumhlaba. Bekukho
imbiza emnyama encinci eziko kusaqhuma, caba kuyaphekwa.
Umkhwaze engahliki emotweni. Ubalekele weza. Ebenxibe iblukhwe ezidlaka-dlaka netakkie ezingena
mitya. Zikhamisile.
”Molweni.”
”NdinguSonwabise Maqhwazima.”
Unqwalile.
Unqwalile.
254
Simba: ”Hayibo! Seyingumgqibelo?! Okay ke ndoda hamb'jonga imbiza yakho sawumlinda apha
emotweni umakhulu wakho. Uyawutya umqwayito? Khawubambe apha sibone.”
Uwuthethile wabulela. Uyohoya imbiza yakhe wongeza ezinye inkuni wavutha. Uthule ixesha elide
uSimba emjongile lamntwana ngoku axakeke ngumlilo wakhe. Uvule laplastic yomqwayito
wawuqwalasela ngaphambili kokuba atye.
Simba: ”Into endibhidayo kutheni ezotyhola mna nditshatile kodwa uBukhosi akanakwanja akanakati.”
Simba: ”Ngumntwana kaBukhosi lo baby. Ufana nqo naye. Nangamazinyo nangokuthetha ngokaBukhosi.
Umntwana asokole kangaka, kuleminyaka sekwazi ukupheka imiphokoqo ngaphandle kodwa unotata!
Hayibo!”
Nomtha: ”Ayenzi sense yonke lento ukuba ubuza mna. Uthi uyayazi nje umama walomntwana ukuba
ngokaBukhosi? Okanye engqondweni yakhe uzixelela ukuba walala nawe. Mhlawumbi wayenxilile ke.
Okanye kwalo Bukhosi akazazi ukuba unomntwana.”
Simba: ”Ndixakiwe mna baby. Uyabona ngoku sisaxakene nento kaVenus onesithathu sonke
sabantwana, ngapha ngoBukhosi abenza ohit and run kutyholwe thina!”
Uyongena endlini nembiza umntwana waphuma nenye. Ukhe amanzi kwidrum ibiphandle wawagalela
kulambiza wayongena endlini. Uphume nesitya se enamel esikhulu esifake kwitray weza kuthi
emotweni.
Simba: ”Akukho ndawo ethengisa amasi apha boy? Mna bendityile kwam andilambanga ndibuzela
wena.”
Simba: ”Yiza nepeni nephepha ndibhale phantsi ukuba uthunywe ndim Ungahambi udlala ke
ukhawuleze ubuye imali ingalahleki.”
Sonwabise: ”Eh!”
Ubaleke wayophindela endlini wabuya nezizinto ebezithunyiwe wahamba. Khange sincokole emveni
koko. Kungene intombazana endlini. Ebephethe ibag enkulu waphuma sengaphethanga nto. Umi
255
emnyango ejonge emotweni. Ebenxibe ilokhwe eyelloe efake neza razor cut. Kuthiwa zibump kwezinye
indawo.
”Molweni.”
”Ndiright wena?”
Uthinte umqala.
”Benihambele apha?”
Ndikrwaqule uSimba wabe ezivalele umlomo wakhe. Ebene stress. Ndiphinde ndajonga kulosisi.
Nomtha: ”Ewe sisi qha sifike kukho inkwenkwe yalapha uSonwabiso. Silinde umakhulu wakhe, nguye
umntu esihambele kuye. Kuthiwa uyokha into kanene?”
Nomtha: ”Amalongwe.”
”Ohhhh nihambele kumama? Ndiyintombi yalapha, andiyazi noba nizofuna ukungena na okanye
nizomlinda apha emotweni.”
Thoziwe: ”Siyazana?”
Uhlike ngoko nangoko uSimba nam ndahlidika ndayongena ngaphakathi. Bekurhidiwe nangaphakathi.
Noxa kungekho nto icacayo bekusikoni ngeyona ndlela. Kukho isingle beds macala. Kwakho ikhabhathi
yeplangwe entla evetwe dark green netafile enamapheyile. Bekusindiwe phantsi kuthe ncwaba.
Bekubetha umoya. Imbiza zakhona noxa zingena miqheba, zimenyezela phezulu kwekhabhathi.
Uyihleke kancinci ingahlekisi uSimba. Besendiqhele loSimba unice, uhleka oko bendimlibele lo
unomsindo ukhawulezileyo ne temper. Ebenguboss ngoku. Hayi uSimba, hayi uNkokheli.
256
Thoziwe: ”Ufana kwatat'uVenus. Awungobhut'Mluleki?”
Thoziwe: ”Ungubhut'Mluleki.”
Ndimbone ecimela kancinci waphefumlela phezulu. Uthinte umqala ngaphambili kokuba aphendule.
Thoziwe: ”Etown. Nalapha elalini ndike ndiyibone imoto yakhe. NgoDecember usela kulatarven
ingezantsi.”
Simba: ”Awumazi?”
Thoziwe: ”Umntu endiqiniseke ngaye nguwe qha. USimba andimazi yena ubuqu kodwa ndiyeva ngaye.
Ndazi unkosikazi wakhe uNokulunga. Ndandike ndayomcleanela kwakhe komnye unyaka. Kwakukudala
ngoko, uSonwabise engekabikho. Ndimhlambela impahla nengubo. Wayendinike itorho.”
Unqwalile uSimba.
Simba: ”Njengoba uhamba usithi umntwana wakho ngokaSimba kodwa awumazi nokumazi ebusweni,
udala ntoni?!”
Thoziwe: ”Zange ndixelele bantu mna bhuti! Akakho kulelali umntu omaziyo utata kaSonwabise. Zange
ndixelele bantu ukuba ngokaSimba. Zange!”
Simba: ”Ndize apha ngenxa yokuba umakhulu wakho kuthwa kudala equqa emzinam endifuna. Ufumene
umnkam wamxelela ukuba ufuna uSimba. Wamxelela ukuba agqithise umyalezo wokuba uSimba
makathathe inkxaxheba emntwaneni wakhe onguSonwabiso- nguSonwabiso mos umntwanakho?”
Thoziwe: ”Oh bawo wam umama! Bendingaqondi mna ukuba uzosuka apha ayogqogqa umntu
emzinakhe! Ndatsho lonto kuba ndiyazi ukuba akazulandelela umntu otshatileyo.”
Simba: ”Ngokabani?”
Thoziwe: ”Ngowam.”
Simba: ”Ungandenzi isibhanxa sisi. Uhambe usithi umntwanakho ngokaSimba. Kucacile ukuba
akangowakhe kuba awumazi nokumazi uSimba. Awumazi noba sewujongane naye emehlweni. Udlala
ngomntu omdala uyahlupheka uya ngaphaya ngaphesheya uyofuna mna kuba uthe unomntwana nam.
Ukuba bendixabene nomfazi wam wathwala izinto zakhe wahamba? Kuba mna ndinomntwana
257
ongaphandle komtshato one and two andimhoyanga. Utsala dweni umntwana. Okanye awuna msebenzi
wena nokumosha impilo zabantu?”
Ebengcangcazelisa umlomo wasuke wakhala. Usukume waphuma uSimba ndashiyeka ndodwa kula
bunk. Nentombi ekhalayo.
258
TWENTY-NINE
Ukhale wade wathula ndihleli phaya ndimjongile. NoSimba oko ebephumile. Bendingafuni noba ndibe ndiyomdika
ngaphandle ngakumbi njengoba ebhubha nje ngumsindo. Ndizichophele ndihoye ezam ndizidlalela igame.
Nothingubani: ”Siyaphila nathi. Akhonto, sonwabile. Inoba ndigxothwa nguwe. Kuba bendingumntu ongazukwenza
nto namhlanje. Ndasuke ndacinga ukuyoqokelela amalongwe ngaphaya emadlelweni.”
Nomtha: ”Akukho ngxaki ma. Ubungayazi ukuba sizoza, qha sizosabela ke kuba ufike ndamxelela lotata ukuba
ubuyombona. Nokuba lithuba umkhangela.”
Nothingubani: ”Uzenaye?!”
Nothingubani: ”Okay ke sisi. Ndiyabona kukho noThozi. Kubhetele xa nikho nobabini. Ndizonibuza nidibene into
eniyicingayo ngalomntwana. Uyambona ke ntombi ukuba mhle kanjani? Ubone umntwana! Akanayo neblukhwe
yena uyadlakazela. Ukuba undixelela ngoThozi mna. Mhle upermile inwele ziyayokozela!”
Nomtha: ”Hey.”
Simba: ”Ukhona?!”
Simba: ”Kubhetele xa ekhona kuba akhonto endizoyithetha nalantombi mna. Uyandicaphukisa nje. Kakhulu.”
Simba: ”Ngam?! Kubo bonke abantu oMluleki noMkhuseli uzibonele mna! Ubone ukuba sisibhanxa esiright
endingaphephela ngaso?! No Mluleki utshatile, ebenothi nguye. Kodwa ndim lo ulula ebantwini!”
Nomtha: ”Akakwazi nokwazi loThozi, wazi uNokulunga nokuba umyeni wakhe nguSimba waqonda ukuba uzotsho
atyhole wena.”
259
Bekungathethwa ngaye! Uthe gqi ephethe amasi ngeplastic.
Uphefumlile watsixa imoto, salandelelana ukuphindela endlini. Ebesitya umvubo wakhe uSonwabiso isitya sithe
gabhu.
Thoziwe: ”Suphanga.”
Usondele kuye wamolulela isandla. Umqwalasele ebusweni uSimba lamakhulu wanikina intloko ezigquma
ngefaskothi ekhala.
Nothingubani: ”Umlahle umntwana sefana nawe! Sisono esinjani esi nisenza emntwaneni?! Lusizi lwantoni olu?
Yhu yhu yhu!”
Uvele wema phambi kwakhe uSimba wabuya umva wazochopha phantsi. Iyomthulisa untombi yakhe wakhala
isidala sento wade wathoba umoya. Umphathele amanzi wawasela amehlo akhe ekuSimba.
Simba: ”Makhulu ndingu Simba mna. USimba Nkokheli Matanzima. Ndingunyana kaVenus. Unkosikazi undixelele
ukuba ubuke wafika kwam uzondifuna. Usose watsho ke ukuba uze malunga nantoni. Ndiqonde ukuba ndinga
phozisi maseko xa sele ufikile umyalezo kum. Ndiyitshaye isaqhuma.”
Nothingubani: ”Ndivuya kakubi ukuba nilapha nobabini noThozi. Kudala ndiquqa emzini wakho ndikufuna. Ndade
ndayaleza kummelwane ukuba andincede, xa ebona nje kuvuliwe athumele noba ngumntwana kwaba bakhe
bolusa kulamasimi akufutshane.”
Simba: ”Ndiyakuva mama. Kwaye ndizivile zonke izikhalazo zakho kunkosikazi. Undixelele yonke into nangokuswela
kwamasiko komntana- yonke into. Andifuni sibe siyitsala. Mama usisi lo uThozi ndiyaqala mna ukumbona
namhlanje. Andizange ndandibana naye nasemdudweni-”
Nothingubani: ”Hayibo!”
Simba: ”Ngaphambili kokuba ufike ke bendisambuza imibuzwana, ebenga ndazi nokuba ndingubani. Uthi
ndingumkhuluwa wam uMluleki. Mna akandazi kodwa uyeva ngam. Uyamazi futhi unkosikazi wam ndanditshate
naye wamenzela ijophu. Angakuxelela naye. Kucacile ke ukuba uyamazi utata womntwana, uyayazi ukuba
akandim. Nguye futhi nanjengoba wayekukhohlisile uzoyithetha inyani aphinde athethe ukuba wayendisukele
ngantoni. Kuba ndiyatsho ukuba kuzothwa ndingumntu ongena nyani mna kwam. Bendixabana izolo oku ndibuya
etown ndiqunjelwe kuba mna ndihamba ndishiya abantwana.”
Nothingubani: ”Mntakabawo! Thoziwe! Wawutheni kanti kum ndikubuza ngotata womntwana wakho?”
260
Thoziwe: ”Ndanditshilo mama.”
Nothingubani: ”Wawuyenzela ntoni lonto?! Into yokuxoka ngendoda yomzi?! Huh! Thoziwe! Zintoni ezi undifaka
kuzo?! Huh? Ndiyaphaphatheka ndiyoqweqwedisa umntu kanti undixelele ubuxoki?! Uyenzela ntoni lonto
yokuxoka kangaka ngomntu wabantu.”
Nothingubani: ”Wawunga zimiselanga ntoni? Yhiii?! Iminyaka le ndazi ukuba utata womntwana ngumyeni
womntu. Ngulomfana wakwa Matanzima. Ndikukhulisela umntwana Thozi! Ndiwa ndivuka naye! Asinayo
neparaffini apha endlini, sibasa phandle. Umntwana akanaso nesikhenda esi sakwambhala! Umomozelisa iperm
wena, ufumbethe ubuxoki iminyaka le kuba ungafuni siyohlawulisa lomntu wakwenzakalisa. Ulahlisa umkhondo
ngenxa yokuba uyazi uba isisu asibikwa emzini womnye umfazi?! Uyenzela ntoni lonto?!”
Simba: ”Ungaxolisa ngokuba usixelele utata womntwana. Mna andiwakhathalelanga amaxolo akho nokuzisola
kwakho. Xelela umakhulu utata womntwana. Awenzeli makhulu kuphela kodwa wenzela nomntwana lo wakho
usokolayo. Mhlawumbi uyotsho ancedakale ngokudibana notata wakhe. Kubekho umzali omhoyileyo kuba
awumkhathalelanga nokokuqala wena. Inimba yakho wayipha izinja. Asoze umntwana aswele nesikhenda umhle
kangaka wakugqiba ungafuni ukuchaza ikhaya lakhe. Ungacingeli nomama wakho lo okuzalayo nokukhulisela
umntwana?!”
Usothule isikhalo umakhulu ndaziva ndivakalelwa. Into yokukhalelwa ngumntu omdala ekhala ngesikhalo esikrakra
okuhlobo!
Simba: ”Uyabona kemna into endizokwenza yona ndizokukhaba uphume wonke lomazinyo. Fine ungamkhohlisa
umama wakho iminyaka kokwakho oko. Ungamhluphekisa nomntwana wakho kokwakho oko. Ngumzali wakho.
Kodwa ufake igama lam kulonto yakho so uzotsho ukuba ngumntwana kabani lo futhi uzoyichaza kwanamhlanje.
Sishiye izinto ezibalulekilyo thina engesizenza endaweni yokuba sibe sijongene nawe apha. Uzomchaza utata
walamntwana and uzoyenza ngoku. Kubhetele uzithethele ngaphambili kokuba ndikwenze uthethe mna. Kuba
uzothetha.”
Nothingubani: ”Mna- ndi- ndi. Ndide ndiyayikholelwa into yokuba nyani lomntwana ngowakwa Matanzima kuba
uyaxelelwa kwangabantu ukuba utatakhe ngowakwa Matanzima. Bambona ukufana bamse phaya.”
Simba: ”Andiyikhanyeli lonto nam makhulu. Andithi nawe ngokundibona uvele wabona uba ndinguyise nyani. Nam
akhange ndidinge ukuxelelwa ukuba ngowakuthi. Uzibuze kengoku ukuba inoba abantu bathini ngathi. Sinemoto
eziphezulu nemizi emikhulu kodwa soyiswa ngumntu omnye. Soyiswa ngumntwana, ngenxa yomntu ozimisele
ukuqina enyaleni. Kuthwa singabantu abatheni abayeka umntwana omncinci kangaka asokole kangaka? Kuba
ngewumse noba kubani endlini. Uyakosiya mos wena. Umlahlele endlini sizibonele thina ukuba simthini, ngowethu
mos. Ligazi lethu.
Into endifuna undixelele yona kukuba ngokabani qha. Sizosabela kulomntu nathi silusapho ukuba kumnandi kuye
na umntwana xa enje. Uyakholwa na umntwana xa esokola kanje enomzali. Enabazali. Wena ke ayisekho eyakho
kuba awunasizi selapha phambi kwamehlo wakho. Umjonga nje. Ndixelele mna lomntu ungutata womntwana.”
Wosule ubuso.
261
Thoziwe: ”NgowakwaMatanzima. Ngunyana katata uVenus.”
Uthule ixesha elide besendizigqibele ukuba nyani wadlwengulwa ukuze afumane lomntwana. Kodwa ukuba ade
axoke ngoSimba kengoku kumama wakhe. Umntu wakwaMatanzima!
Nothingubani: ”Awuzukwazi njani ukuthetha ndikhona? Andizuphuma ngaphandle kwam mna. Into ozoyenza
Thoziwe kukuthetha. Ndikhona futhi.”
Thoziwe: ”Sasinxilile-”
Nothingubani: ”Nantsoke into yakho! Watsalwa emxilweni kuba kaloku nawusela ibeer ezimbini nifuna amadoda
apho angakhoyo. Utywala buhla ezantsi. Wawinwa kuleveki ingapha kwalena, wabethwa ngumfazi walandoda
ngemvubu wathi 'shuuu'. Wafika embrutsu apha endlini ingathi ligqwirha eliwiswe yikhetshi. Ukuba uthetha
ngoThozi wena. Ushiye indoda kuladolophi ngeloxesha. Uyinto edlala amadoda wabantu kwezilali. Sesaziwa. Two
beers, bhedi. Uthengwa ngebeer ezimbini qha. Kwezindonga, kulamasimi, emizini yabafazi babantu. Akufani
engafuni nto enokwenza nawe utata walomntwana kuba akayazi noba uyamdyoba na. Ungunondatshaza
wehenyukazi owaziway-”
Nothingubani: ”Eleleke kusisa nguwe nesishiqi. Eleke kusisa. Akwanelanga ukuba ndisematyaleni nezitilesi
zomntwana wakho owamthi dimfi kum uyazi ukuba ndingumpha uchutyiwe. USonwabiso lisela. Uba ukutya
emizini, baba igusha zabantu. Ndingenelwe lityala legusha ngoku. Babe igusha bayoyityela kwinxiwa. Sixoxa
kosibonda sihlawula amatyala ngenxa yentlupheko omfake kuyo umntwana. Andinasana mna. Indoda yam
yatshaba owam umntwana sasimfundisa waziyekela ngenxa yobungantweni bakhe. Simnika ubomi wakhetha
ukuba sisigculelo samadoda. Indawo yokuzikhulula. Umthunzi wokuphumla. Uzothatha umntwana wakho
ndizisokolele ndodwa ngemali yejophu zam.”
Thoziwe: ”Wathi ndimkhuphe ukuba ndikhulelwe. Wandinika nemali kuba wayengekho - wayengeyedwanga.”
262
Thoziwe: ”Zange. Wathi nje ukuba andimkhuphi ndingaze ndiphambanele kuye ngoba angandibulala. Ndathi
ndiyacwangcisa, ndandicwancisa. Andiyazi kwenzeka ntoni. Wacinga ukuba ndifuna ukumbamba ngomntwana
kodwa ndandinga funi kumbamba ngomntwana mna. Ndandingazazi noba ndikhulelwe, ndingafuni nomntwana.
Ndiyamoyika uBukhosi kuba nabantu balapha elalini bandixelela ukuba uyingozi. Yena nawe nobhut'Mluleki.”
Simba: ”Hehe! Kuthwa siyingozi kodwa unesibindi sohambe uxelela abantu ukuba ndim utata womntwana?”
Thoziwe: ”Ndaxelela umama qha. Ndaxoka kanye ngaphambili kokuba ndicinga andabi sakwazi ukuyitshintsha into
kuba wayeyekile ukundityhalela ekubeni ndibabonise utata womntwana. Ndandiyazi ukuba umama akasoze
ayithethe mntwini. Bendinga qondi ukuba uyoze aze kwakho. Ndiyaxolisa ukukufaka kulento.”
Simba: ”Ayolento lento. What do you mean kulento. Akhonto uyithatha serious wena. Awumkhathalelanga
lomntwana. Okungathi wakuthuma ukuba uyokwenza ithree somes nabantu ongabaziyo. Sesiphi kengoku isizathu
esibangela ukuba udlakazelise umntwana? Wena ube ngumadam ngelokhwe eziyellow umntwana ingathi ubethwe
lizulu. Ade abelisela emncinci kangaka ukhona ungumzali wakho, awuloxhekwazana. Namaxhekwa awabadlakazisi
kangaka abantwana. Cwaka.
Makhulu mna andinanto endizophinde ndiyithethe nentombi yakho mna. Bendize apha ngenxa yakho nokuba
ndihlambe igama lam kwam. Kuba ibingathi ndingumntu ongena nyani. Umntwana yena ... ndizothetha
nomkhuluwa wam naye umntakwethu lo ungutata. Sawubona ukuba senza njani kuba akasoze umntwana wethu
aphile lempilo. Kodwa sinemizi thina, sinabafazi. Kufuneka singqubanise intloko nabo singazigqibeli. Kuba
asizumnyanzela ngomntwana uBukhosi esithi akamfuni kananjengoba noThoziwe engamfuni ngoku ahlala aye.
Sifuna ukumenzela imfanelo zakhe. Enzelwe amasiko, yonke into yakhe ilunge. Asizozigwili thina mama kodwa
asingawo amaxelegu abantu. Siyazama. Sawuzama. Sawuthetha nomfana sibuze ukuba njengoba sekunje nje
uthini yena. UThozi kuzofuneka uqonde izigwegwe uhoye umzali wakho. Akakho umntu ozokuhoyela umzali
wakho. Umntwana yena sawubona ngaye kodwa kuphelela apho. Umama ngumama wakho.”
Nothingubani: ”Ndiyabulela, ngokuba usabele xa ubizwayo. Into mna enondonwabisa kukwazi ukuba umntwana
womntwana wam uhoyekile akasokoli. Ukuba ukhula kanje uzofa emncinci. Uzobanjwa emncinci. Yiyo lonto
ndiqonde ukuba ndiyisukumele into yakhe. Abahlali bazombetha bambulale ibe ngunam nam.”
Simba: ”Umkhulise kakuhle makhulu. Unembeko, uthobekile. Ndiyathemba nyani ukuba sawuthetha into
edibanayo nabanta kwethu. For nje umntwana. Enye nenye asisayikhathakelanga.”
Simba: ”Ndizoyilungisa ngaphambili kokuba ndihambe. Bendinga phethanga nemali ke kum kodwa nantsi intwana
yokuba niqokelele izinto ezimbalwa, noba kuse Supermarket. Nezinto ezibunyamarha azoyeka ukuba igusha
zabantu lomfo.”
Siphumile esikhupha umakhulu. Ebengabonakali ndawo uSonwabiso. Esasitya ebetyela kuso besihlanjiwe sabekwa
phezulu komphanda.
Simba: ”Bendiba ndizombona ke lomfo ngaphambili kokuba ndihambe ndike ndithethe naye ngalento yakhe
yobusela.”
263
Nothingubani: ”Nankuya ezantsi kwegadi kwelaqhuma lidlala ibhola. Andinalo nelizwi lokukhwaza.”
Usishiyile wehla ukuya ezantsi kwegadi. Ufike waphoselwa ibhola wadlala nabo ithutyana ebamakisa. Bakhethene
noSonwabise bathi chu ukunyuka. Ebemjongele phezulu emamele into ebeyithetha emana ehleka kancinci. Indlela
ebehleka ngayo ibingathi akanazo ezingxaki anazo emncinci. Ibingathi akadlakazeli. Abantwana ebedlala nabo
bebebahle benxibe kakuhle netakkie ezintle, yena ulwimi lukhamisile. Kodwa ebenoncumo kwaye ebengavimbi.
Noba ngumphokoqo ongena nto na. Noba mhlawumbi ngumealie meal wokugqibela lowo bapheke ngawo.
Simba: ”Bendicela ukumboleka makhulu. Ngomso kusasa, bendifuna ukuba sithi tshe edolophini ngaphambili
kokuba ndixakeke.”
Nothingubani: ”Akukho ngxaki mntwanam. Wagqibela kudala nokuya edolophini akazulala yimincili. Andiyazi noba
ndawumnxibisa ntoni.”
Unqwalile saxhawulana sahamba saya emotweni. Ukhwele kwicala lakhe sendiphakathi. Engekachophi nakakuhle
ndasondela kuye ndimphuza ndimanga.
Simba: ”Unomama uBukhosi. Umama uzomthatha ahlale naye. Akazuhlala phaya lamntwana. Ndiyamvela
lamakhulu kodwa akayongxaki yam. Ingxaki yam nguSonwabise. Ngumntwana womntakwethu.”
Nomtha: ”Makamthathe nyani uBisola. Hayi! Umntwana asokole kangaka! Ayimandanga umdala ungangam
intsokolo. Cinga kengoku una12 years, kufuneka upitilize wenze imizabo. Hayi ayibobomi bomntwana. Bekufanele
ukuba wabizelwa onontlalo ntle laThozi.”
Mluleki: ”Madiba.”
264
Mluleki: ”Kwenzeke ntoni?”
Mluleki: ”Hayibo!”
Simba: ”Kunjalo!”
Simba: ”Njengoba ndisitsho nje. Libali elide kodwa qha andifuni ukungena nzulu kuyo ngoku qha ke bensifuna
ukukuxelela.”
Mluleki: ”Unangaphi?”
Simba: ”Yinkwenkwana ena twelve. Akhonto intle bhuti. Uhlala nomakhulu wakhe. Zange badyole nomama
womntwana, yaba ngumwino nje kwakho isiqhamo. Kwathiwa makakhutshwe-”
Simba: ”Ewe. Wayengakholwa nokuba ngowakhe kuba babebathathu. Zezanto zothree sam.”
Uyihlekile uSimba.
Simba: ”Andonwabanga yindlela endimfumene ngayo kangangoba ndizoyomjongela izinto etown ngomso kusasa.
Akanazo nezokuya edolophini. Ngamadlaka-dlaka. Uyagqekeza nokugqekeza emizini abe ukutya. Umakhulu wakhe
unetyala legusha abayibileyo bayotyela enxiweni.”
Mluleki: ”Nam andikwazi ukuthetha ngoku, I'm in the middle of something. Kodwa kubhetele athathwe.
Sawuhlawula thina sibone ukuba umntwana wethu simenza njani. Noba uhleli nomama.”
Simba: ”Hayi.”
Mluleki: ”Hahahaha!”
265
Simba: ”Ukuba kuthethwa ngomntu othwele idombolo nanku apha.”
Mluleki: ”Nomtha!”
Ndivele ndayihleka.
Simba: ”Hahahaha!”
266
THIRTY
Sifike kungona besandogalela igwele ezimbizeni noSimba. Umlilo ubudwadwazela ukuvutha.
Bebebathathu eziko, ingudabawo uNonzaliseko, uManci nomnye umakoti ongaphezulu kancinci apha
kum ngobudala.
Simba: ”Molweni!”
Manci: ”Simba sawunidla! Lixesha lokufika eli?! Bekumele ukuba kubase uNomtha apha hayi thina?”
Ndimgxeleshile.
Manci: ”Kuyafundwa kaloku tyhini. Uzoncedisa uNosikhokhele bathuthe igwele bagalele apha
ezimbizeni.”
Simba: ”Uzorhawuka uthi shuu ufuna ukuba lilady eziko. Nxiba le incinci. Ude waba uyiphethe
isunscreen?”
Ibingaphandle kwebag yam itoiletry bag wayithatha wayigqogqa ndabe nditshintsha mna lomzuzu.
Simba: ”Nantsi.”
Nomtha: ”Ndiright?”
Ndiphumile ndaya eziko. Bebephembela umlilo ngoku ubuhleli uvutha. Udabawo kaSimba ebeqabe
icalamine yena.
Bayiqhwebule intsini.
Manci: ”Kaloku sisi awukwazi ukuxiba iblukhwe apha wena, uzoba ngumfazi walapha.”
Nomtha: ”Kodwa andinguye and uSimba uthe ndinxibe wona ndingazo rhawulwa ngumlilo so andiboni
nto ewrongo xa etshilo.”
267
Manci: ”USimba yindoda mntwanam and akazi kwanto. Uzotshatela apha ube ngumfazi walapha.
Akufunekanga ukuba unxibe iblukhwe.”
Nomtha: ”Yho!”
Nditshilo nje ndazithulela. Into bendinga zukuyenza kukuyotshintsha mna. Bendingakuqondi futhi
ukuzathuza kwakhe kuba nyani 'zingaphi inkomo?'. Ebezolobola sitshate, ewe, kodwa okwangoku
bendisengu Aneni Tongai.
Sithuthe igwele ke sapheka izidudu simane sizamisa xa kugalelwa intlama. Ilanga belime nkqo, ngumlilo
ngapha. Besekuphele nencoko kum. Bebesebenza ukuqhela bona ingathi abenzi nto. Siziphakile
zakubhadla simane siyogalela ezityeni ezikhulu.
Unikine intloko yakhe udabawo kaSimba. Ndiyomthathela ibowl engenkulwanga kakhulu ndizomphakela
kuyo. Bendiyifake kwitray. Bekukho ezatrays zeplanga kwaSimba.
Manci: ”Inoba kuxhomekeka kumntu anaye ke kuba uNokulunga wayemphakela kuso esa sitya uSimba.”
Uphakile udabawo kaSimba wabe ephuma endlini ngeloxesha. Ebetshintshile senxibe ushoti ngoku
negolf T-shirt.
Simba: ”Manci?”
Simba: ”Yebo?”
268
Manci: ”Hayi kaloku ndoda, akana lungelo lokunxiba iblukhwe apha asikhindele uNomtha.”
Uyihleke kancinci.
Simba: ”Akanalungelo?”
Ndimnike isidudu sakhe ngeloxesha wathatha ibowl ejonge kuManci esafinge intshiya zakhe.
Ndihambe netray ndayomthathela iswekile wayigalela emana ukuva wanqwala ukugqiba kwakhe.
Simba: ”That's the thing ke Manci. UNomtha akangomfazi wamntu apha. Ngendingqinelana nawe ukuba
bekukwaVenus apha kodwa kukwam akazuhlonipha nto kuba uyintombi, intombi inxiba isintombi. Xa
sele engumfazi elapha ekhayeni akazunxiba blukhwe. Masinga gabadeli. Andizunxibisa umntwana
wabantu ilokhwe ezinde ndingekaziwa nakowabo sibe sikwam.”
Nonzaliseko: ”Kodwa uManci ngumazala- okanye uzoba ngumazala kuNomtha njengoba ubutshilo ukuba
uzomthatha. Akazuhamba ngeblukhwe ngaphambili koMazala wakhe.”
Simba: ”OoUlatho bahamba ngoshorti nebathing suit ngaphambili komama, dabawo. Batshatile ke bona,
uNomtha yintombi nje.”
Simba: ”Sanuba strict kakhulu noba akukho sidingo nani Manci, sizobalekwa ngabafazi.
NgowaseZimbabwe kaloku lomntu, uzobona kakuhle ukuba uzorhutyuziswa apha. Nawuqinisa isandla
mhla wangumam'uMatanzima. Mxoleleni okwangoku. Sewutyile wena isidudu?”
Simba: ”Isidudu sotywala sinqabile kengoku ke ngeloxesha sikho ngalo ukhwela kuso. Noba kusebusuku
noba kusekuzeni kusa. Ina khamisa uve.”
269
Nomtha: ”Siright. Bendiba sawubangathi yicartoon.”
Nomtha: ”Hahaha! Ndiyazibona kaloku indlela ezinganikisi ngayo umdla xa ndizibona kwababantu bazo.”
Simba: ”Ngumqombothi lo. Unentsipho, ayingalamanzi edama enziwa ngesonka. Ina khamisa.”
Manci: ”Ndingayonwabela into ehlwahlwazayo mna mntanam. Original ke. Iqobelo le khokha, hayi
abaSoda-T banerhasi eninzi.”
Nonzaliseko: ”Uyandazi kemna ke. Lanto yam, undiphathele necuba. Kudala ndagqibela ukutshaya.”
Manci: ”Mxm!”
Usishiyile uSimba wayotyela emotweni. Uvulele umculo phezulu evule amacango amabini angaphambili.
Zibhadle zonke izidudu saphaka sayozibeka emthunzini. Bekuthiwa kufuneka ziphole ngaphambili
kokuba ziyofakwa. Imbiza bezizohlanjwa ndim noAyola bona bayophumla. Kuthiwe sizihlambe kwangoko
ke zisathambise. Senze lomduntsunzo ke sijijisana nentshwela.
Ayola: ”Unangaphi?”
270
Intoni ke? Mna noAyola akhange sincokole nto ingakho ngelixesha sisebenza. Phofu khange siqalise kwa
ukuncokola ngaphandle kokucela ukugqithiselwa into ethile nam ndimnike ke. Nokuduntsuza oku
besikwenza kunye. Ukuba unguAyola bendiyive ngokubizwa. Nam uve ngokubizwa ukuba ndingubani
igama lam. Eyokuba atsibele iminyaka yam nje esidlangalaleni bendingayazi. Ngubani umntu obuzisa
ngeminyaka.
Nomtha: ”Intoni?”
Ye bawo!
Nomtha: ”Andikwazi!”
Manci: ”Yho! Ndiyaqala uyibona! Uzozigqiba nini imbiza ezi esalibele kudanisa?!”
Bebenabe ecaleni kwendlu nodabawo kaSimba. Ndigibisele ifayidukhwe embizeni ndaya kuye.
Bendifuna nokuphumla kancinci kwezimbiza. Bekuqaqamba isinqe.
Simba: ”Ma'ehleka nje amazinyo uthotho. Ma'ethule indlathi z'gcwel'uthando kodwa ma'ebheke le
indlovu iyasithela ...”
Ndiyihlekile.
Undibambe isinqe.
Simba: ”Sapha esiye isandla. Sibeke apha esinye, ubeflex ke khulula umzimba.”
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Huh?”
Simba: ”Nditsho nam. Ndandingeno danisa nomama wakho kuba ndandilinde wena.”
271
Ndinikine intloko.
Simba: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Ndidiniwe.”
Simba: ”Ndilibele ukuxelela uba mhlawumbi anganengxaki nawe. Ucinga ukuba ukhuphe uNokulunga
emzini wakhe, ndiyabona nje indlela ebethethe ngayo ngoku bendixelela udabawo uba ndizotshata.
Uvana kakhulu noNokulunga and basathetha so umfeeda ubuxoki kuba akazuyivuma nje eyokuba ulala
noVenus. ”
Simba: ”Andifuni ivele kwangoku nomama engekayazi and ukuba umntu uyazigqibela andizumlungisa.
Makacinge into afuna ukuyicinga azibone. Andizobe ndizithethelela mna ndizichaza. Andibatyali nto.”
Simba: ”Abangeni ndawo. Sebebonke. Andino zihlupha ngabo mna. Lomto bacinga ukuba yiyo yiyo.
Ungabe umlungisa umntu. Ungaqaqanjelwa yintloko.”
Nomtha: ”Shuu!”
Nonzaliseko: ”Inene- uyakwazi mos ukupheka isidudu? Uzamisa isidudu usipholise usifake ngeswekile
ibeninji. Ufake isilumiso, ungandibuzi ukuba yintoni isilumiso! Senza munqu ke sona. Lisefwe kengoku
basele abantu. Kuba bakhona abazosela idrinki, bakhona abe hewu, bakhona abotywala kubekho
o'mandingagqithwa Yesu' ephambi kwakhe umntu ubetha kuye.”
272
Ndiyihlekile.
Nonzaliseko: ”Uke undiphe le lokhwe yakho xa uhambayo ndizimince ngayo edolophini ngepeyi!”
Nomtha: ”Hahahaha!”
Malik: ”Ncncncnc.
Andiyazi ibiphekwe ngubani isophoro kodwa ibiphekiwe. Ndihlambe izitya bezimdaka ndagqiba
ndahamba ndaya ekamireni ndizotshintsha ndilale. Bendingenawo nomdla wokutya indlela bendidinwe
ngayo. Bendiwuqhelile kemna umsebenzi. Eclub bendisima ishift yam yonke, ndisehla ndinyuka. Hayi
andiyazi ngoku. Bekusuke kuqaqambe yonke indawo.
Simba: ”Yintoni?”
Nomtha: ”Ndizolala.”
Simba: ”Ungathethi nam kanjalo. Akhomntu uzolala yedwa apha, uyazilimaza nokuzilimaza ngamanye
amaxesha and- I'm not discussing this. Hello? Ja ndisathetha noNomtha. Ubundifounele? Yintoni
Nomtha? Ndijanyelwe mfondini! Nix!”
Simba: ”Ewe. Thetha kuthethwa nawe, uyeke ube uthwele umlomo ingathi yindununu yetyiphu.”
273
Nomtha: ”Ndiyaphila enkosi, unjani wena buthi?”
Mluleki: ”Ndiyaphila nam shame ungenile ezilalini. Kaloku ubusithi ngikhona uphume emntwini.
Ungambuzi noba unjani. Ungenwe sisiGoli.”
Mluleki: ”Hahahaha!”
Bukhosi: ”Ndamnike imali yokuba asikhuphe lamntwana kuba ndandinga qinisekanga nokuba ngowam.
UThozi ngumntu wabantu.”
Simba: ”Engumntu wabantu enjalo wabandakanyeka nawe. Ngaphezulu koko awuzikhuseli, ukuba
awufuni mmtwana. You didn't pull out. Ulindele ukuba lamntwana akhuphane nezisu lula nje kanjalo
ngenxa yokuba wena awuqinisekanga? Awufuni ukuba ngutata? Awufuni kumithisa umntu wabantu?!
Yet you didn't take necessary precautions! Ngoku kukho igazi lethu elisokolayo ngenxa yobubhanxa
benu. Umntwana wethu ulisela kulalali, uzamela ukuba kungalanjwa. Ubusela obu sikukhupha kubo
wena umntwana ona twelve ungena kubo ngenxa yokuba udesperate. Wena kulaminyaka istress
wawunaso kukuba itakkie ekhutshwe ngezolo uzothenga umbala onjani? Uzoya ezoo okanye kwi
amusement park. Lamntwana uyasokola.”
Bukhosi: ”Bendingayazi noba ndinomntwana kuba bendingafuni mntwana mna. Zange andixelele-”
Simba: ”Ndiyayazi kemna. Ukuba ufuna intwana yobudlelwane nam uzonyusa ikawusi. Uzonyusa nemali
kuyohlawulwa lamntwana. Ndizohlala mna kude kube kugqityiwe ndibuye naye. Uzothetha noBisola
umcele akuhoyele umntwana. Uzoyeka umntwana wakho aphile lempilo ayiphilayo?”
Bukhosi: ”Uzony* laThozi. Ndinyuka ngomso ndizobona nalentwana kuthwa yeyam. Eish!”
Bukhosi: ”Bhuti singazintoni noMkhuseli kodwa asisoze siyenze lonto. Soze. Ungasifanisi noVenus.”
Simba: ”Andithathi machances. Liphandlwa kanye libona. Sawuthetha ndixakekile pha. Bhuti.”
Mluleki: ”Kulungile.”
274
Simba: ”Tshintsha, uthatha ingubo zakho uye kulandlu. UMalik uzondiphathisa umatress wakho
uzokondlala ulale. Siyevana mos?”
Nomtha: ”Ja.”
Uphumile wandishiya ndodwa. Ndiphefumile ndayokhangela inighty ebagini yam. Into ibisithi ndizolala
kuronta ke.
275
THIRTY ONE
Bendingekho kuronta. Ibinguronta lo? Ndityikitye amehlo am ndizolula.
Simba: ”Hey.”
Nomtha: ”Ngoba?”
Simba: ”Ngoba ububanjwe zinarhmani kwakhona. Kwaye into eworse ngoku uyasukuma ufune
ukubaleka.”
Nomtha: ”Hayibo!”
Unqwalile.
Simba: ”Ufuna ukubaleka kuba 'uzokufumana akuxhome phezulu'. Uzokuphindisela kulandawo. Ndicinga
ukuba nguEfe lomntu. Ubungcangcazela luloyoko.”
Simba: ”Ubuyenza silapha yonke lonto, ubonwe ndim noMalik. Ndikuthathile wakuqalwa zinarhmani
kulandlu. Ubuncwina ngenye indlela.”
Nomtha: ”Andisenantloni!”
Simba: ”Ndikhawuleze ndakuthatha Nomtha akukho sidingo sentloni. Bekulelwe futhi. Bothuke ngokuse
ndizame ukuvusa wabe sewukhala. Khange bave ncwina.”
Nomtha: ”Yho!”
Simba: ”Udinga uncedo. Andiyazi, ibingathi zizoziphelela ezizinto kodwa kuya kusingela. Udinga
uncedo.”
Simba: ”Awumdakanga.”
Nomtha: ”Ndiyayazi kodwa ndiziva ndimdaka nje ukuphupha ndi- ndiyayicaphukela yonke lento Simba.
Ndifuna iphele. Akazundimoshela ubomi ngoluhlobo lamntu.”
276
Simba: ”Akasoze ayenze lonto. Sokufumanela uncedo, uzoba right. Okay. Uzoba right. Qha zezizinto
zingavele zizihambele ezi, udinga uncedo lomntu. Professional help.”
Nomtha: ”Andifuni mntu uzondenza ndibe ndithetha ngerape yam nayo yonke lanto. Andifuni ukubuyela
umva. Andifuni. Andifuni nokuyicinga nje yonke lanto. Ayizange yenzeke.”
Simba: ”Ingxaki yileyo. Kukuba yenzeka and you need to deal with it ngoba kungenjalo awusoze
uberight.”
Simba: ”Fine!”
Simba: ”Bendi thembise uSonwabiso ukuba ndimsa edolophini namhlanje. Ndifuna siye
eHemmingsway.”
Nomtha: ”Hamba.”
Bendingayazi nalo Hemmingsway ebendixelela ngayo. Into bendiyazi kukuba nyani ebemthembisile
umntwana. Ebezophoxeka kakhulu ukuba angabanjiswa iliwa, nomakhulu uNothingubani angaphoxeka
kuba ebene mincili for umzukulwana wakhe. Bendimdinga nam kuba bendingaziva right. Bendingekho
right ncam, umntwana kodwa ebemdinga kakhulu yena.
Simba: ”Uzobaright?”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Ungasebenzi namhlanje. Bazozihluzela bapheke, benze yonke into wena uphumle. Undifounele
xa undidinga.”
Simba: ”Besithenge necereals ke nala granola yakho uthanda ukuyikhuma. Zenzele ibreakfast uhlambe
uphumle.”
”Nqo! Nqo!”
277
Nomtha: ”Ngena!”
Manci: ”Hayi kaloku ntombi akulalwa kubesemini apha. Kusezilalini hayi edolophini.”
Bawo wam!
Nomtha: ”Ubundidinga?”
Manci: ”Njani ukuba ungabinaso? Intombi yam yendele kwintlanga. NgumZulu, unaso isiduko.
Ungumntu otheni wena ongena siduko?”
Nomtha: ”Andinaso.”
Manci: ”Mhhhhh ... uhlambe ke uzoncedisa kulandlu wethu. Siyabuthanda nathi ubuthongo kwaye
sinebhedi ezinkulu nathi, kodwa ke xa kusetyenzwa umntu uyazincama.”
Unqwalile waphuma. Ibingase ndimgibisele ngalaside lamp afe isiqaqa etsho ngempundu ezininzi apha.
Tyhini bawo ade azondigqogqa okungathi akavanga ukuba andikho right. Ayinoba ebengavanga qha
ngababantu badala bagezayo. Bendizomphoxa kemna ndiphinde ndibe ngumntu ongenasimilo.
Akafuneki umntu omdala okungqada mbekweni. Akacaceleki.
Bekungekho nento bendiyenza kuba bendizityhafele wethu mna. Ukuba nje ndingasose ndizivalele
kulandlu kukho abantu. Bendingazuzinyanzela ngomsebenzi ke futhi. Bangase bandibethe ukuba
bacacile.
Ubuye emveni kwemini uSimba efika noSonwabise. Ebengemhle, engemhle bawo wam! Ebemtsha
ukusuka entla ukuyotsho ngezantsi, echetyiswe necut. Ngeloxesha besekufike ootata abadala omnye
wabo ingumyeni kaManci. Bekukho nabantu bokuhlala ke. Beswkuthungiwe kwathethwa. Abantu
abangomama bebehlala kwelicala nyani. Okomzuzwana bendicinga ukuba uSimba udlala ngam ngokuthi
omama baba necala labo notata ngokunjalo. Izitulo zonke bezikotata thina sityatyulwa ngamakhukho.
Ndisele kancinci umqombothi kodwa bendinga wuthandi. Ebengene senxibe overall yena, caba ebeqale
wayotshintsha. Iflusk kadabawo ibiseyibambe ubushushu sesombela. Bekukho abantu bebendibuza
ukuba ndingumntwana kaNokulunga noSimba na, ndingabasi kude ndithi ndingoka Venus. Bandijonge
ngamacala xa endiveza udabawo ukuba ndingumntu kaSimba waseGoli. Bothuke ke. Bebesothuka
278
ubuncinci ndiyacinga. Ibingathi intsha ngam into yokuthandana nokutshata nomntu ongaphezulu
ngeminyaka. Okungathi bayaqala ukuyibona ngam.
Uchophe phakathi komyeni kaManci nelinye ixhego, uSobwabiso esoyama kuye. Baqundene ngentloko
bencokola. Usukumile ke kwathulwa kujongwa kuye.
Bona: ”Ewe!”
Simba: ”Ndibulisa nakubamelwane. Ehhh sidibene apha namhlanje ngalembizana incinci, unyana wam
uNkokheli undikrwecile wathi uyanyuka kuleveki ufuna uzokwenza imbizana encinane kuba kudala
kwagqityelwa ukusilwa kowabo. Nyani ke emzini kufuneka kuhlale kusilwe, kuvulwe umzi. Ndiqonde
ukuba mandimncede nam sisose siyandisa kancinci lembizana. Kulembiza uzobika nemoto entsha
ayithengileyo. Kukho ke nezi zamagqobhoka iziselo nazo zizokutshwa kuselwe kubemnandi.
Ndiyabulela.”
Tamnci: ”Ndibhotisa kuwo wonke umntu. Uhm siyabulela Madiba. Malkia, uyindoda mntwanam. Indoda
yenza kanje ke. Umntu kubalulekile ukuba ahlale, ahlele asile, ewe. Noba yimbizana nje kuke kuditywane
kanje kubemnandi. Andimdanga, imiqala yomile emadodeni. Siyabulela maan. Siyabulela nyana.
Izinyanya zawukukhanyisela, sivuyisana nawe nangemoto. Sigugile thina, sifuna nina kanye ngezimoto
zenu nisibalekisele kogqirha singafeli ezindlini. Ndiyabulela, amade lityala.”
”KoMadiba, oYem-yem. Amantande! Siyabulela. Siyabulela kakhulu ngosibizela nganeno xa kukho into
efana nale. Malkia, ndingqinelana notamkhulu wakho ngokuthi bubudoda obu. Izinyanya
zizokukhanyisela mntwanam. Siyabulela.”
Kuthethe nomnye emveni kwakhe, kwathungwa emveni koko. Undikhwebile uSimba ndalandela emveni
kwabo.
Bendinxibe ilokhwe ke namhlanje. Noxa ibiveza umqolo wonke ke, ibiyilokhwe. Kwaye ibindana imela
ezantsi kwamadolo.
Simba: ”Unjani?”
Uncumile ezibhenca.
Sonwabiso: ”Enkosi.”
Simba: ”Sihambe kakuhle kakhulu. Siphantse saphuma neshop yonke nguSonwabiso. Akazazi ukuba
ufuna ntoni.”
279
Nomtha: ”Kulungiswe lento kaSonwabiso?”
Simba: ”Uyavuma.”
Unqwalile.
Simba: ”Ndiqinisekile akazuba nangxaki. Akakho umzukulwana owake wahlala naye. Wayefuna
umntwana omnye kwaba bakaUlatho baninzi qha akafuni ngabantwana bakhe. Abafuni noMluleki.”
Simba: ”UJunior uye semdala komama. Ukuhlala ke kuba ebethanda ukuya khona.”
Simba: ”Sifuna ukuhlawula yonke into, uBukhosi phofu kuba asimhlawulela umntwana wakhe
ephangela. Imali inikwe lamakhulu wakhe abone ukuba wenzani ngayo. Sawukhupha nenkomo
yesondlo. UMluleki uzityumbile. Akhonto ndizoyenza mna.”
Nomtha: ”Uyalunga xa uthanda uyazi? Xa ungabethu abantu ngamabhanti ubaqhwaba, usenza nezinye i
extra mural activities ozanzayo ezingahlambulukanga.”
Nomtha: ”Sendiright ngoku. Bendingekho right kusasa qha bendingafuni ukumosha imini yakho
noSonwabise.”
Simba: ”Mnandi umqombothi. Uyafuna ukusela? Kukho ibhotile yerosé kulandlu. Ndiyiphathelwe
ngulasisi walamoto imhlophe, andiyazi wayendibona phi ndisela irosé mna.”
Simba: ”Yifriend.”
Nomtha: ”Yakho?”
280
Simba: ”Bendimazi ngomyeni wakhe, yena noNokulunga bahlobana ngalondlela. Umyeni wakhe
wasweleka ke. U- uyandithanda usisi. Mhlawumbi ngaphezulu kobuhlobo. Soloko endiphathela izinto.”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Ukuncwasile.”
Ndimjikelezisele amehlo.
Simba: ”Hahahaha!”
Simba: ”Ngelaxesha besikwi process yesohlukaniso Nokulunga ndandike ndazohlala apha ndifuna
ukupholisa ingqondo kuba ndandi stressed kakhulu.
Indlela ibincume ngayo nalevictim ibingathi uxelelwe ukuba iKrismesi izofika early kulonyaka.
Nomtha: ”Ndak'betha victim! Uright ke angamxhasi kodwa angazinikeli kuwe ngolohlobo bawo losisi.”
Uphelile yintsini.
Uthinte umqala.
281
Nomtha: ”Msinya kanje?”
Unqwalile.
Simba: ”Bahlala ePretoria. Ndithe kuMluleki aye ingekapheli leveki. Ayosa iletter. Kuleya siqalise
ngengxoxo.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Akhonto ikhawulezayo. Andikwazi ukulinda ude ubenguAneni Nomtha Matanzima ngaphambili
kokuba ubaleke nalamakhwenkwe mancinci okanye kubuye la no-name alcoholic boyfriend yakho.”
Simba: ”Noba kunjalo andifuni kulinda. Mandihambise uSonwabiso ndizohoya abantu aba. Awufuni
uhamba nathi?”
Nomtha: ”Ndizobe ndithe ngcu ecaleni kwakho ingathi ndiyinjanana yomlungu ngoku?”
Nomtha: ”Awuhlekisi.”
Simba: ”Bendingafuni ukothusa. Ndizolala nawe. Ndibaxelele otamkhulu ngenxaki yakho, nodabawo
wandingqinela.”
Bethuna lendoda. Ndiphethukile ndamphuza. Undiphuzile naye ekhwela phezulu kwam. Uphethuke nam
ndaba ngaphezulu kwakhe wandinyusa ilokhwe esehlisa ipanty. Ebengaphozisi maseko umntu wenkosi.
Ndimncedile nam ndayikhabela le waphinde waphethuka nam. Unyuse yonke ilokhwe wayigibesela le
esondeza ubuso bakhe kobam siphuzana kwakhona. Ndimkhulule iboxe le ebesele ngayo.
Ebengazihluphanga ngepyjamas.
Simba: ”Uright?”
282
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Simba: ”Ndinyakaze?”
Ndiphefumlile. NguSimba. NguSimba. Ebendixelela indlela andithanda ngayo nendlela endimhle ngayo.
Indlela ebeziva kamnandi ngayo. Oko ethetha endlebeni yam nangoku sendibona ukuba sekufuphi.
Bendingeka zi mna kodwa bekungekho msebenzi. Bendivuyela nje ukuba ndingankonkanga. Uqhubile
ethetha endlebeni zam, ndiyacinga ukuba ebesenzela uba ndingalibali ukuba ndinobani. Ndingalibali
ukuba ngubani ophalathi kwam kwaye lomntu uyandithanda. Uyandikhathalela. Akathathi nto
ndingamniki yona. Uyithatha ngononophelo. Ndimve ezimbamba umzimba ndeva ubushushu ngaphathi
kwam wavungama. Undiphuze intamo walala phezulu kwam nasemveni kokuba egqibile. Siphefulela
phezulu sobabini. Bwndikhala kuba okokuqala bendingavanga okungathi ndikwelagumbi. Bendingeva
vumba lakhe nelizwi lakhe. Nezandla zakhe zindibamba.
Simba: ”Ndiyak'thanda.”
Undiphuze emlonyeni wasuka kum endiwolela kuye ndangqengqa esifubeni sakhe ndingena msebenzi
nanto.
283
THIRTY-TWO
Simba: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Ye-na!”
Simba: ”Sies!”
Nomtha: ”Hahaha!”
Nomtha: ”Lento?!”
Simba: ”Abantu bayampasa ugrade twelve behlala ehome. Ngaphantsi kwemeko ezifana nezakho.”
Nomtha: ”So?”
Nomtha: ”Okay.”
284
Simba: ”Ndakuxelela mna ukuba ndizithandela imali. Umsebenzi endiwenzayo unemali, ekhawulezayo
nalapha ezimalini so ndangena ke ndijoina uVenus noMluleki ukugqiba kwa idegree. Yayiyi hustle katata,
nguye umntu wayesokola wabhenela ebutsotsini ke. Thina zange sasokola. Siyiva ngembhali intsokolo.
Yimpilo esizikhethele yona le.”
Nomtha: ”Nangoku sewunethuba lokuyiyeka njengoba ungasaphangeli notata wakho okanye for utata
wakho, awusoze uyeke?”
Unikine intloko.
Nomtha: ”Ndiyakuva.”
Simba: ”Mxm!”
Simba: ”Ngubani okhathalayo? Ndimfundisile ukuba abenemali yakhe naye izotyiwa ngumntu wakhe.
Andinaxesha lokuba uziva njani ngemali zam.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Simba: ”Lesson number one: ungabahoyi abantu. Nakancinane nje. Ngokucacileyo bazoba nento
yokuthetha kuba umncinci kum. And abazuba nento yokuthetha kum kodwa izoba kuwe ingxaki yabo.
Okungathi awutyi mali yomntu ongafuni ityiwe. Uba uzikhethele ubomi be unapologetic ngabo.
Ungathandisi mntu. Ungakhangelani no ewe wamntu kuba abantu aboneli. Bazothatha apha bathathe
phaya ngaphambili kokuba uqonde sewuligobho- gobho lomntu. ”
285
Nomtha: ”Okay Oprah Winfrey.”
Nomtha: ”Hahaha! Yehake. Kodwa ngamanye amaxesha, ndiyalibala ukuba unaleminyaka yakho-”
Nomtha: ”Kuba umhle ewe. Hahaha! Ulixhego elismart, nendevu zakho ezimhlophe.”
Simba: ”Ndandikuthanda.”
Nomtha: ”Strange thing yazi. Bendike nento xa ndikujonga, kwangathi andiqali kukubona. Amehlo akho
ndandike ndawabona ngaphambili. Andiyazi. Inoba ndiyaphambana.”
Simba: ”Mhhhh.”
Baqoshelise izinto ngengomso. Bebusekhona utywala kodwa bungekho buninzi kangako, bebuleqile
abantu. Ndincedise ngokupheka ilunch. Bendipheka kamnandi ke mna ndingakugxabhisi ukutya.
Njengabanye abantu.
Bendithwele ihat kuba kukho notata bakwaMatanzima. Obawozala bam bangomso mntakabawo. Noba
bendinxibe ilokhwe ema entla kwamadolo ke bekungenani.
Kugqityezelwe utywala ke kuncokolwa. Ndijonge uSimba ngeoveralls ezi grey nehat yakhe emadolweni
kuba 'indoda ayothwali endlini'. Ebencokola nomnye wotamkhulu bakhe beserious bejongene ebusweni.
Bendicinga indlela ebendibamba ngayo izolo. Indlela ebenesineke ngayo, nezinto ebezisebeza endlebeni
yam. Ivumba lakhe, ukuqina nokomelela kwakhe. Lamehlo akhe abamancinci ngakumbi xa sisenza izinto
zakwigadi yase Eden. Noba intliziyo yam ibingekafiki apho kodwa umzimba ubu there. Unono ebefuna
icontact twenty four seven. Temperature ikulamaqondo aphezulu. Bendithanda nentliziyo yakhe, indlela
angutata ngayo - angumzali ngayo. Bendingaba nguAlutha ndibakhiqize omnye emveni komnye.
Ndibonile ebantwananeni bakhe, ndibonile kuSonwabiso. Bendiyibona kumntakwabo noSiyanda kunye
286
noLulu. Isihleko sakhe esimnandi. Ibongase ndimonwabise qho kuba bawo ebegevezelisa amadolo am
ngolancumo nalantsini. Kodwa bekukho noBoss. Ja ... bendiqaqanjelwa zizidlele ndakumcinga. Ebekhona
yena kodwa ibingase ndingabikho gumbini elinye naye. Into ke kukuba ebengekudala. Uthi unoSimba
uqhwanyaze sewukwi WWI. Undijongile wanyusa ishiya ndancuma ndilahlisa. Bheqiywane. Bathini
kanene abelungu xa beyikhumtsha lento yabo? 'There's a thin love between love and hate' bekumaxa
ndiphi kanene mna? Bendingekho apha ndingekho phaya. Kodwa kukho intetho nokuba sesiphakathini
futhi. Bendizama ukuqonda ukuba leliphi icala bendizowela kulo ndifele kulo. Uphinde wandijonga
kwakhona wafinga itshiya. Ndimncumele qha wancuma naye.
Umnkile uMalkia kusasa ngalaMvulo yena kuba ebengafani naba mahlalela besithi. Bamnkile odabawo
baphindela emizini yabo. Ndonwabe ukufa ndizoshiyeka nomntu wam. Sileli kwangethuba ke sothuswa
ngumntu onqonqozayo ngaphambili. Uyovula uSimba akaphinda wabuyeka ekamireni. Ndiphindele
ebuthongweni ndothuswa nguye senuka kamnandi esithi baya ngaphesheya noBukhosi. Kucacile ukuba
nguye lo obesinqonqozela. Bamnkile ke ndavuma emveni kwemini mna ndacoca indlu. Bendingena
ngxaki nokusebenza kuba umsebenzi wasendlini ubusenziwa ndim kakade eCenturion. Ndiphekile ke
bazobuya batye. Bebeshiye imoto caba kumnkiwe ngekaSimba.
Simba: ”Molweni!”
Simba: ”Askies.”
Utshilo akufika kufuphi nam ndanqwala. Ndimphuzile kuba ebesesondeza ubuso kum.
Simba: ”Uright?”
Simba: ”Ndibuza empilweni nam. Kutheni umana ujonga emnyango, ingathi kuzongena bani?”
Ndimjongile.
Simba: ”Size naye uSonwabise, umakhulu wakhe uleli akavuka. Use mortuary ngoku. Ifamily yabo
uphumile kumngxunya bebekuwo ixesha eli lonke besokola nomntwana. Kugcwele nje kularonta
sisiphithi-phithi.”
287
Simba: ”Imagine kengoku ukuba ebesweleke enomntwana qha. Kube lithamsanqa nje ukuba ebekhona
uThozi wabhanqwa nguye. Akusaziwa noba ziphi ezimpahla esizithenga ngoku! Zezi azinxibileyo qha.”
Nomtha: ”Njani?”
Simba: ”Ndazelaphi? Ukuba ebenga mqhwabanga kuqala uBukhosi ngendimqhwabe mna kuqala
laThoziwe. Ukuba akazuzithengisa uzazi yedwa.”
Nomtha: ”Kakade uyazazi, uncede amqhwabe aphambane uBukhosi. Kodwa uba ubuke wamqhaba
ngoku kwakho avuke phantsi.”
Uyihleke kancinci.
Simba: ”Inoba setshatyiswa nayinto yokwazi ukuba umzukulwana wakhe akazusokola. Kudala wasokola
lamama uright aphumle. Ebengenayo neID.”
Simba: ”Kodwa nyani uphumle ke. Nalemali yentlawulo ebezoyirhwaphiliza iphele laThozi kuba
ebezoyidihla phi? Ngaphantsi komqamelelo?”
Simba: ”Sihlawula ntoni bezotya imali yomntwana abangamondlanga? UBukhosi uthe uzokwakha ilitye
ke kuba bahleli bezopatanisa for isigcwabo kuba akanambutho. Imali yenkomo yesondlo sesiyishiyile.
Baby, asingo Bill Gates. Ingxaki yethu ngumntwana wethu, esinamandla kwako koku esikwenzileyo. ”
Nomtha: ”Akukho apho singxamele khona kodwa. Andikholwa ukuba umenzela yonke lomntu
umntakwenu emveni kokuba uphantse wambulala ngevase. Okanye unesazela sokuba umtshana wakho
uphantse akabina tata.”
Simba: ”Sundikhumbuza.”
Bukhosi: ”Dumelang.”
288
Uncumile. Uzondixhawula uBukhosi wabuza impilo. Ndiphakile kwatyiwa. Bamnkile ke ngokuhlwa.
Umnke ngengomso uBukhosi washiyeka nathi uSonwabiso. Simnke emveni kwesingcwabo. Ilitye
belingelikhulwanga lomhlobo kodwa lilihle. Siphindele eRhawutini ukuphuma nje kwethu kuso.
Ebesedikwe finish zilali uSimba. Bendingu mama ke kuSonwabiso, uSimba andiyazi umyekisele ntoni
ukuthi sisi. Bendimhoya ixesha eli lonke sisekhayeni. Ebengengo mntwana ohluphayo. Ebesefumene
netshomi zokudlala ibhola. Utamkhulu wakhe ebesithi ugood ukufa ebholeni, sembiza ngoMessi.
Ebeqhela msinya. NoSimba bebevana kakhulu.
Nomtha: ”Ndiqhele ukuvuka ungekho mna kuqala kodwa awusoze undive ndikhalaza.”
Simba: ”Uphumile. Uthi uziva eright and landawo is depressing him. Uphume kuleveki iphelileyo,
uphumele kutatakhe.”
Nomtha: ”KuVenus?”
Simba: ”Ebehleli ehlala khona kakade, anagaphandle koko umzi uyathengiswa ngoku so ukuba akayo
eKyalami uzohlala eMeadowlands.”
Nomtha: ”Utata wakho wabanjani kodwa?! Akasamfaki kwi apartment noba kuse Braam umama
wabantwana bakhe? Usuka kwisuburbs waya straight elokishini!”
Simba: ”Ndikuxelele ukuba utata akanantliziyo. Uzozibona yena, yena uzohoya abantwana bakhe qha
but kuba senomntwana komnye umntu akazumfuna. Mhlawubi emveni kwethuba, kodwa ngoku
akamsebenzisi. UJunior ufuna ukwazana notata wakhe hayi utamkhulu so yilonto empha ichance
utatakhe. Inoba uzotsho ayeke ukunxila. And undibiza ngobhuti ngoku.”
Simba: ”Ukuba uzimisele ukuyeka uzoyeka. Asizufihla tywala bethu thina kuba ekugqibeleni uzohendeka
everywhere. Makafunde iself control.”
Simba: ”Kuzoba sisithukuthezi kengoku apha engekho uSonwabiso. Kumnandi ukuba nomntu
wokunqanda nathi asixabani kangako.”
289
Simba: ”Hayi ndiyamfuna mna unyana Nomtha.”
Nomtha: ”Swwumane sithatha uSoso ngeweekends ukuba umfuna kangako umntu ozosiphathisa
ngentloko.”
Nomtha: ”Heh!”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Uphelile yintsini.
Nomtha: ”Sefikile?”
Ebeqinise ubuso emveni kwam uSimba. Okanye ndithi uBoss? Kuba ebengengoSimba wam tu lo. Utase
izandla zakhe.
290
Junior: ”Ndizibiza njalo estratweni.”
Nomtha: ”Estratweni? Ubulala ebhedini yam, ulala nam! Andilazi negama lakho?! Are you for real?
Ndithanda umntu andilazi negama lakhe.”
Junior: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Sundibamba.”
Utase izandla zakhe naye endijonga ndinyembezana emnyango. Bendivuya ukumbona, ukubona ukuba
ukhuselekile, nokuba akafelanga kulaJozi kodwa Wtf?! UnguJunior?! Unyana kaSimba? Umntakwabo
ngoku kodwa Wtf?!
291
THIRTY-THREE
Bendinga yikholwa kele into. Bendinga yikholwa tu. Yiminyaka emingaphi ndisazana noKing? Mingaphi?
Ndimnyamezela nobuphara-phara, nobunxila bakhe. Ndibambelela kwizithembiso zokuba uzozilungisa
anditshate kodwa into bendiyazi ngaye 'ligama lases'tratweni' wow. Wow!
Uvale amehlo kancinci ephefumla wazosula ubuso enqwala. Ndizibambe isifuba kuba bendiyiva
ityumnka intliziyo yam.
Nomtha: ”Ungandixeleli ngokuba uEfe wathi! Ndifuna undixelele ukuba kwathini emveni kokuba ubone
iflat yam injeya? Ikhona into owayenzayo ukuqonda ukuba kwenzeke ntoni? Ndiphi? Kutheni kugcwele
igazi eroomini yam mna ndingabonakali ndawo?! Huh?”
Mna mntu ebezoyeka utywala ngenxa yam andi'sorte'. Sitshate. Mna. Bendingazi negama lakhe
lamanyani.
Nomtha: ”Andazi negama lakho lokwenyani! Emveni kwento yonke endikuxelele yona ngam kunzima
nokundixelela negama eli lakho?!”
Uqinise imihlathi wajonga emveni kwam. Bendisabuva ubukho bukaSimba noxa ebenganyakazi
engathethi nokuthetha. Bendimva ephefumla.
Undijongile.
Junior: ”Bendikuthanda.”
Nomtha: ”Wathini kengoku emveni kokuba ubone iroom yomntu omthandayo injeya? Uyile
emapoliseni?”
292
Junior: ”Ndabuza kuEf-”
Junior: ”Nomtha bendingenoya emapoliseni ngento engaphelelanga. Bendingayazi ukuba ndicinge ntoni
okay? Bendicinga nokuba ngalamadoda wawulala nawo, mhlawumbi ubene clatch-”
Ujonge emveni kwam waginya ingwiqi. Ndive izihlangu zikaSimba. Ziyotshona. Khange ndibheke
nokubheka ukuba uye ngakweliphi icala.
Junior: ”Ubungandithandi wena. Ulala namanye amadoda unam. Ungabina xesha lokuba ndizoziva
kanjani ngalonto. Bendiyi project nje kuwe kuba ubungenaye omnye umntu. Amadoda uyawa user
uwalaxaze. Ndim ndodwa umntu ubungazuzi nto kuye. Jonga ngoku ulala nomntu nonyana wakhe. Into
ebalulekileyo kuwe yimali. Oko kwakubaluleke imali kuwe.”
Undirholele amehlo okungathi umangazwe nakukuba ndiyayazi ukuba akangotata wakhe uSimba.
Nomtha: ”Kumnandi kuwe ukuthi ndikhonze imali xa ndizizamela kuba usuka ebutyebini. Yonke into
uyayenzelwa into obuyikhathalele nobuyixabisile butywala nesitrato. Mna bendizama ukuphila
nangayiphi na indlela ebendinokwazi ngayo. Andizuzisola nakancinci ngalonto. Only I have to live with
the concequences zezigqibo zam. Mna! Ikhona into ubundinceda ngayo?”
Junior: ”Yiyo kanye lento endiyitshoyo, awuthandani nomntu kuba umthanda. Uthandana naye kuba
ufuna ukuzuza into kwaye ayilothando olo. Kwa ukundivuma kwakho kukubona ndithenga utywala
obuduru ndinxibe kakuhle hayi ukuba wawufuna ukwazi mna. Ukuba wawufuna ukundazi ngewulazi
igama nefani yam.”
Nomtha: ”Ukuba ndikhonze imali ngohlobo otsho ngalo yintoni into owake wandenzela yona wena?
Zange ndikuncekelele undirhunta usiba uthengise kwa izinto zam endizizamelayo?
Uphinde kwawena uzotya lemali ndiyifumana ngokwehlisa ipanty ndiyithobela enye indoda wakugqiba
nawe ufune igame yakho kwalapha kum?! Unditye esiqwini uphinde unditye imali! Ndikuphiphe
uphalaza kwam. Ndikunike indawo yokuhlala kwam! Kwindawo ebhatalwa ndim! Ngemali yam!
Uzondixelela lento undixelela yona. F*ck you!”
Junior: ”Into bendiyidinga kuwe kukuba undithembe ukuba ndizobaright ndibe yinto oyidingayo.
Bendinyamezela ulala namanye amadoda ndikhona kodwa bendikuxelela qho ukuba uphume kulampilo.
Bendidinga ube nomonde.”
293
Junior: ”Bendinomsindo ngelaxesha. Bendiyicaphukela ifamily yam, ndingafuni kwanto endidibanisa
nabo. Ndifuna ukuba ngomnye umntu. Yilonto ndibe nguKing. Ayithethi lonto ukuba andikuthandi xa
ndinga kwazisi igama lam. Nomtha ... you were the only thing that made sense ebomini bam. Ndayibona
iroom yakho ewe kodwa ndandinomsindo kuba ndicinga ukuva uzifake wena kulameko ngenxa
yokuthanda imali. UEfe wandixelela ukuba ubethwe yindoda yakho wahamba nayo. Ndamkholwa.
Ndabuyela nzulu ekushusheni kuba ekugqibeleni bendikukhathalele.”
Junior: ”Wow! Nomtha suyenza lonto. Buyela kum. Ndiyakuthanda. Uyamthanda kona ukumthanda
oku? Okanye ufuna imali? Ndizokunika imali. Nam ndinayo imali, utatam unemali. Akunyanzelekanga
ukuba uzitshatise ngenxa yokuba ufuna imali. Kuba awumthandi, ufana namanye amadoda
owasebezisayo uwalaxaze kodwa awumazi wena uSimba. Akafani noAyo. Uyingozi uSimba Nomtha-”
Junior: ”Noba kuphi sizoya. Silibale yiyo yonke into siqale kwislate esitsha mna nawe.”
Junior: ”Awukatshati naye and usebungozini xa unobhuti. Utata akonwabamga tu ngaye ngoku kwaye
angenza nantoni, angambulala nokumbulala. Okanye yinto oyifunayo leyo? Ukuba afe uzofumana amafa
abantwana basekhaya nakamama?”
Nomtha: ”Junior-”
Junior: ”Ntwana ng'yak'ncanywa. Ngiyak'fatela. Lomntu lo akanguye lomntu ocinga ukuba nguye
Nomtha. Uyingozi. Ndiyamazi undikhulisile. Yena noVenus banje. Ngababulali. Uzolala kanjani ebusuku
ecaleni komntu onjalo? Huh? Uabusive uSimba, ubuze kumama. Mhlawumbi nesizathu sokuba umama
amdyolele yila abuse wayinyamezelayo kuSimba. Ngubani olaxaza umfazi wakhe kanje? Angamniki
nepeni emdaka? Umfazi wakhe weminyaka engaka? Umama wabantwana bakhe? Nokuba seluthiwa
uziva emone kengakanani kodwa ukumphindisela eLokshini. Alale ebackroom yakowabo kuba indlu
igcwele! Yimpilo ephilwa ngunkosikazi womntu onemali njengoSimba leyo? Kumnandi kuwe ucinga
ukuba akuzukwenzeka the same thing? Umama ngesizathu sokuba udyolile fine kodwa nawe
uzokhutshwa ngesinye. After iabuse, sexually and physically. Akhonto inormal ngokuthandana nomntu
olungana nelast born yakho. Uyayidabulisha iminyaka yakho lomntu. Ungutata wakho kodwa unesibindi
sokwehlisa ipanty kuba desperate. Uzokutshata akwenze isigqila sakhe se sex ne abuse. You will be
miserable ubomi bakho bonke engekho apha iinyanga. Yimpilo oyifunayo leyo? ”
294
Ndive kumbhakrazwa ucango, ebesakamireni caba.
Unqwalile uJunior wangena ngaphakathi endishiya ndimi ndodwa emnyango ndizama ukuphefumla.
Ndimana ndizifaka nam ezintweni. Uyayibona le bendikuyo into bendingayazi. Bendingayazi tu
kwaphela. Ndiphumele ngaphandle ndiyobethwa ngumoya kuba bendiwudinga. Bendidinga nje
ukuphefumla.
Andiyazi ndihleli imizuzu emingaphi ngaphandle ndizula-zula nje kungekho apho ndiyakhona. Ndicinga.
Indlela ibiphixene ngayo ingqondo yam bekunzima nokokucinga.
Nomtha: ”Sewuhamba?!”
Uncumile.
Sonwabise: ”Andizunqaba.”
Unikine intloko yakhe. Ndinqwalile. Ebenga ndijongi nasemehlweni uSimba engathethi nokuthetha.
UJunior ebesenamehlo abomvu krwee ngoku. Ebengenjenganga ngelixesha ebengena ngaphakathi ke.
Ndimnyusele ishiya wafixiza waphuma. Uyongena emotweni yakhe waphuma wahamba.
Utsho engandijonganga nangoku, urhuqe ibag wayophuma emnyango wayilayisha emotweni wangena
ngaphakathi wahamba naye. Ndime kulandawo ndade ndalibala. Bendizigqibele ngoko engena
emotweni.
Ndiphindele ngaphakathi ndahlamba izitya besityele kuzo nezinye besikwi sink ndaziphindisela
ngendawo zazo. Ndicocile kwasikoni kubetha umoya. Bekusuke kwathi cwaka njengoba ebengekho
uSonwabiso. NoSimba lowo nakakade.
Bendingacingi ukuba uSimba uzofuna ukumsa ngoku kwakhe umntwana ngenxa kaVenus. Bendiba
uzozolandwa ngutata wakhe amse ngoku kwakhe.
295
Nomtha: ”Ndiright unjani wena?”
Luleka: ”Ndiyaphila nam. Uzoba free nini siphume for ilunch? thina sobabini nje.”
Luleka: ”USiyanda uthi uzolotyolwa soon, congratulations wethu! Enye into ndifuna undibalisele ukuba
ubhayize wenza njani ekhayeni and ingase ndikubheke emehlweni xa undibalisela.”
Nomtha: ”Ndizokufounela.”
Luleka: ”Phumla ke sisi. Ndizova ngawe ke malunga nelunch date. Ungandilindisi kakhulu.”
Nomtha: ”Soze.”
Ndibone kubhetele ndiyolala nyani ndizophumza nengqondo le. Buze kade ubuthongo kodwa ndide
ndalala.
Ndithuke kummyama tshu ekamireni ndajonga ixesha yabe ingopast 2AM. Ebengekho ecaleni kwam
uSimba. Ndiyive isithi xhiwu intliziyo yam. Ndisukumile ndamjonga ebathroom kuqala. Andiyazi
bendicinga ukuba inoba wenzani ebathroom ngelaxesha.
Bendizo mfounela ukubuyela kwam ekamireni. Intliziyo yam ibibuhlungu, bendingaboni nto elalisa
ngaphandle kwendlu. Ndandimxelele ukuba ndinomntu, ayilotyala lam ukuba lomntu kube kanti
ngunyana wakhe. Okanye umntakwabo. Umhlaba mncinci kucacile kodwa awenziwanga ndim.
Akazutyhola mna ngempazamo zikaThixo. Kwalento yokuba utatakhe esazana nowam kubonisa kona
oko ukuba umhlaba awumkhulwanga ngoluhlobo sicinga ngalo. Ndithini?! Ebithwalisa umlomo imlalise
ngaphandle ibingekho.
296
Ndothukile ukubona umntu esofeni. Ebechophe ngempundu kwi one seater ethobe intloko okungathi
uyathandaza. Ebesebuthongweni kodwa kuba eberhona kancinci.
Nomtha: ”Simba!”
Uxhumile wema ngenyawo ngokukhawuleza wabamba isinqe. Uphefumle wakubona ukuba ndim.
Andiyazi noba ebecinga ukuba kuzobakho uSteven Segal na apha endlini kuba besihlala sobabini qha.
Ndijonge lativi imnyama tshu naye wayijonga. Iremote ibikulandawo bendiyibeke kuyo ukucima kwam
itivi ngaphambili kokuba ndiyocambalala. Ndimyekile andambuza nto ngobixoki bakhe. Ndiye ekhitshini
ndabeka amanzi.
Simba: ”Itea.”
Ndinqwalile ndagalela izinto ezigalelwayo, namanzi akubila ndayomnika eyakhe ndimbekele kwitray
ndafaka nescones.
Sihleli phaya siphunga sisitya. Ngepast 2AM amaxesha. Khange ndiphinde ndithethe okanye ndimbuze
nto kwaye bekukhangeleka eright ngalonto kuba uzityele wagqiba wabeka kwi coffee table wayongena
ekamireni. Undiphuze ibunzi kuqala. Isiqhelo. Ndishiyeke ndigqibezela eyam ndicinga ukuba
ndawububhaqa kade ubuthongo ngoku.
297
THIRTY-FOUR
Technology. Ndiyafunga ukuba ubuthongo bundifumene elounge kuba andizikhumbuli ndisukuma
kodwa ndothuke ndisebhedini. Eyokuba ndingabiseva naxa ndiqutyulwayo ibindibhida. Bendawubiwa
ndothuke eDubai ngenye imini. Bendikhululwe nokukhulilulwa. Bendihamba ngepeyinti qha ngentla
ndingaze. Ndiphefumile ndakucinga indlela izinto ezingayo mva nje. Hayi na mva nje kodwa ukusukela
izolo. Juniya!
Bekungona kukhanya ngoku ukuba mna noSimba sasithetha ngomtu omnye ixesha eli lonke. Ukuba
wayendixelele igama lakhe lokwenyani uKing ngendazi kudala ukuba nguye lo. Bendawu kwazelaphi
mna ukuba uKing ngunyana kaSimba. Bebaninzi kanje oskhotheni nonontyintyi kulaJoburg! Bekungekho
sezilalini zoSimba apho ubuzisa ngomntu ube sewumazi. Besisedopophini apha, nakwidolophu enkulu.
Ewe bebengamanxila bobabini. Kodwa bekuphelele apho. Bendingazi ukuba ngumntwana kabani,
bangaphi kowabo, uhlala nabani kula Kyalami wayesithi uhlala kuyo. Ebengafani nakangako noSimba
kuba ukumbona kwam, ndibone nabantwana bakhe bendingeno ngafanisi. Ebethathe uNokulunga
kancinci kodwa naye engestrongwanga kuye. Kuphela komntwana ebengafani noVenus yena.
Bendifuna ukwazi ukuba uSimba ucinga ntoni? Bendicaphukela nalento ebendivalela ngaphandle
okungathi ndinetyala. Ibingezo zicwangciso zam ezi. Ndiyamthanda uKing kodwa bendiqonda ngoku
ukuba mhlawumbi uthando alwanelanga. Mhlawumbi mandincekelele kuSimba kuba kuthiwa kubhetele
umntu okuthandayo kunomthandayo wena.
Bendiyindidi. Bendiyazi ukuba uSimba unesandla. Bendisiva ngobhuti bakhe, bendizazela kum. Bendiyazi
ukuba wenza umsebenzi onjani, ukuba imali yakhe uyifumana njani. Bendazi ukuba mdala le kum,
mhlawubo kuwrongo ukuba sibe ngalendlela siyiyo, sazane ngokwa sekhukhweni.
Simba: ”Morning.”
Ebejameleme netea ibisekomityini. Ndiyobeka amanzi for eyam ndaqaba isonka ipeanut butter ne
butter. Bendinge namdla webreakfast ethe xaxa. Bendingena mdla wanto enyanisweni. Kodwa
bendizinyanzela nje kungekho nto esuswini. Bendilele ndingatyanga nokutya ngaphandle kweza muffins
zakusasa.
Hayike ubuvele waphetha tu umdla wam kokwakutya bendizokutya wakutsho lonto. Ndibenexhala nje
kuba bendiziva okungathi andizuyithanda into afuna ukuthetha nam ngayo. Ndiginye ingwiqi ndimjonga.
Bekunga khangeleli okungathi ebeke wabubhaqa ubuthongo. Ebhalwe ukudinwa nje ebusweni bakhe
enawo namehlo abomvu.
Nomtha: ”Ngoku?”
298
Undijonge emehlweni ithuba elide engathethi. Uphefumelele phezulu wazamisa itea yakhe efundekela
ngeteaspoon.
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
Ookay!
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Simba: ”Uyayazi.”
Simba: ”Hayi andifuni uzithethelele okanye uzame ukuzathuza nam. Ndiyayazi, yinto endiyaziyo leyo
kwaye ndizibonele izolo. Bendisazama ukuyinambitha ndizibuza ukuba yinto endizokwazi ukuphila nayo
na leyo. Eyokwazi ukuba uthanda umntakwethu kodwa unam. Uzotshata nam.”
Nomtha: ”Simba-”
Simba: ”Ndibone indlela ekubelula ngayo ukuba ulibale nokuba ndisegumbini kwakuthi gqi uJunior.
Ngokunokwenu ibinini nobabini, nangoku sendimnkile awunaxesha lokuba ndimnke ndayaphi nokuba
ndiziva njani apho ndikhoyo. Ndiqinisekile ukuba awubhekanga nokubheka.”
Ebenyanisile. Andikhange ndimbheke. Bendiziva izihlangu zakhe ukuhamba ndabe ndijongane noJunior.
Kukuba bendothukile ukumbona. Bendimthanda uKing, ewe kodwa bendimkhathalele uSimba. Kakhulu
futhi. Andiyazi ibiyintoni lento ibindinqanda ndingamthandi kuba ebeyiyo yonke into ebengeyiyo uKing
Ebendithanda, endikhathalele. Iveki ezigqithileyo zindibonise yonke lonto. Ukuba undixabise
kangakanani ebomini bakhe. Bendingasena msebendi wokuba sidibene ngaluphi na uhlobo ngoku.
Bendizomthanda yena. Bendiyazi ukuba bendizomthanda. Kodwa noba kunjalo uKing yena ndimthande
kuba ingumntu wokuqala endibe nobudlelwane obusondele ngolahlobo. Njengoba ebetshilo
bewasebenzisela isizathu amadoda mna. Yena ibingekho into aza nayo endidika ngamaxesha amaninzi
kodwa ndithanda ukumnakekela. Bendiziva ndibalulekile ukumnceda. Ndiziva ndingekho useless.
Simba: ”Ndiyakuthanda kakhulu kodwa hayi ukuba ndigqithe kwinto endigqithe kuyo noNokulunga-”
Simba: ”Ndizohlale ndingathembi. Ayompilo endiyifunayo nawe leyo andifuni ukukufuxa kuba
ndizokufuxa. Andithembi mntu ngawe. Andithembi obhuti bam andithembi Malik ngawe. Ayibobomi
endifuna ubuphile obo. Njengoba sekukho noJunior ngoku endiyaziyo ukuba uyabathanda ingase
ndizixhwithe inwele. Ndoyika ukuba uzoba nobomi naye ecaleni undiphinde esika Nokulunga. Andikho
299
right, andizithandi ingcinga bendinazo izolo ndingehlelwa bubuthongo. UJunior ngumntakwethu, kodwa
besendicinga- andiyifuni lempilo mna. Andisoze ndibe sathemba ukuba akukho nto enizoyenza xa
ndingajonganga.”
Besendithaka imifinya. Bendimva kakuhle ukuba uthini kodwa ndinqwenela ukuba athethe enye into.
Angandixeleli lento ebefuna ukundixelela yona.
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
Utshilo. Ebendidikela nokuba ebengandijonganga ebusweni ixesha eli lonke athethayo. Ejongene
nobubhanxa bemug.
Nomtha: ”Andisoze ndikwenze lonto Simba. Andisoze. Andisoze! Ndibonile ukuba uKing
akandikhathalelanga ngendlela ondikhathalele ngayo wena.”
Simba: ”Nawe awundikhathalelanga ngendlela omkhathalele ngayo uSimba. You don't consider my
feelings. Izolo you didn't consider my feelings. Ibingathi ndingumphandle ezintweni zakho noJunior.
Ingathi nikweliqampi lenu nodwa mna ndingaphandle. Ucinga ukuba ndigangter lomhlobo andiva
kabuhlungu xa endimthandayo nendizamayo engayiboni imizamo yam. I'm constantly trying kuwe and
ndinomonde kuwe. Andithi ndithande. Wenze iprogress so far kuba awundithiyanga ngendlela
wawundithiye ngayo, ndingathi zinyanzele undithande kodwa lenkathalo olilisela ngayo andiyiboni
mna.”
Unikine intloko yakhe esaqubudile. Ebekhala naye. Noxa ebengakhaleli phezulu inyembezi bezisihla
emehlweni akhe.
300
Simba: ”Ungayenzi nzima yonke lento. Ukuba ufuna ukuhlala apha kulungile ndizophuma mna. I will
deposit imali emini. Enye izongena xa uqalise isikolo. Ukuba kukho apho woyisakala khona undifounele
ndizokunceda. Eyesikolo yona just send the email ndizobhatala yonke into upfront ungabe uba nestress
qho ngenyanga.”
Nomtha: ”Okay.”
Ibingathi wothukile ukuba ndivumile kodwa ebenga ndiniki choice tu. Ebegqibile ukuba yinto ayifunayo
le. And ukumkhathalela kwam ibikumnika into ayifunayo nayidingayo. Ibiyi peace of mind ngoku. Nam
bekungazuba mnandi kum ukuba aphile obubom ngenxa yam. Bendimzonda ngakumbi uNokulunga.
Ebengaqondi yena kodwa ebeyonzakalisile lendoda. Ngalendlela uEfe ebendonakalise ngayo nam.
Unqwalile wagalela itea kwisink wasukuma wayongena kwispare bedroom embrakraza ucango.
Ndichophe dekre phantsi kwezatiles zelakhitshi ndasothula isikhalo. Ndivule ndizisonge phantsi kubanda
icala lobuso nengalo. Ndisukumile ndayolala ebhedini.
Ndothuke ebusuku kumnyama ekamireni. Ndiphuma phuthe iphone yam ndabona imoney in. Ibininzi
kakhulu izondikhona. Ndiqale phantsi ukukhala.
Ndivuke ekuseni ndapakisha impahla yam kwisuitcase yam. Bendinempahla qha. Kuzofuneka ndiqale
phantsi ngebhedi nayo yonke ifurniture. Kunqonqoziwe emnyango wangena exinga khona endijonga.
Simba: ”Nomtha, ndingemnka apha ndiyokhangela enye indawo. Akukho sidingo sokuba uphume and
isecurity itight apha.”
Nomtha: ”Xa ndihlala apha ndizohlala nawe. Siqhubeke nezigcwangciso zethu, sitshate sibe
nabantwana.”
Nomtha: ”Simba, awuzuphila ubomi bakho bonke uwedwa ngenxa kaNokulunga. Uzoguga wedwa
ngenxa yoloyiko ngento ongayaziyo. Bubomi obunjani obo?”
Simba: ”Bobubhetele kunobu ndinobuphila ukuba ndingaqhuba nawe. Kuba andisenayo intliziyo
yokuxolela mna ngoku Nomtha, ukuba ungandenza kakubi ndingakubulala. Andifuni trongo and
ndiyakuthanda. Andifuni ubulawe ndim.”
Nomtha: ”Thatha ichances ibone ukuba uzodana kangakanani, Simba ayikho lento uyenzayo.”
Simba: ”Uyandithanda?”
Nomtha: ”Simba-”
Ndivale umlomo wam ndaqhubeka ndapakisha impahla yam ibiphezulu kwebhedi. Umile endijongile
ndipakisha ndigqiba waphuma.
301
Luleka: ”Ndibusy namhlanje babes. No date for you.”
Nomtha: ”Ndidinga ifavour. Ndidinga ungaxeleli mntu. Undithembise ngobomi mntu ukuba awusoze
uxelele mntu. Hayi uSimba, hayi uSiyanda.”
Luleka: ”Ndiyakucela Lulu torho. Ndiyayazi ukuba andikwazi lomhlobo kodwa ndidesperate kakhulu.
Ndidinga uncedo lwakho, akakho omnye umntu endimaziyo.”
Uphefumlele ngaphandle.
Nomtha: ”Ndiyabulela. USimba wohlukene nam. Yindaba ende so ndifuna indawo erentisayo eSoweto
noba kuphi. Namhlanje.”
Luleka: ”Ndine friend ehlala eNoordgesig. Ibe room kowabo kodwa ebefuna ukuyirentisa kuba uyohlala
nendoda yakhe so ndizomfounela ndimbuze ukuba isekhona na.”
Luleka: ”Ewe.”
Luleka: ”Ndimthumele imessage uthi isekhona and ukhona namhlanje. Ufuna irent for the month cash.”
302
Nomtha: ”Imali yokuba ndiberight apho ndiyakhona.”
Luleka: ”You people are mad. Nizozisola stru nasi! Undifounele xa uready.”
Luleka: ”Sharp.”
Simba: ”Ndithe kuMonti akufunele indawo esafe ozohlala kuyo. Naye akazunqaba kakhulu uzomane
esenza irounds, abe yishadow. Ungathatha le enye ibhedi ude uzithengele eyakho ukuba uyafuna,
kodwa isefresh.”
Nomtha: ”Okay.”
Unqwalile waphunga itea yakhe. Uyiphunge wagqiba wayongena ekamireni. Ndizenzele ukutya ndatya
ndahlutha sathi mpo isisu. Ndihlambe izitya ndaqoqosha indlu yonke. Bendifuna ukushiya kusikoni.
Yonke into ibiyeyam ibiqoqoshiwe. Nebhokisi yam.
Uphume ekamireni sehlambile. Indlela ebemhle ngayo ibingase ndikhale. Ibingathi sisigebenga ke kodwa
ngamehlo abomvu. Phofu ebesiso.
Simba: ”Ungandilindeli.”
Yhu lomntu! Ebeya eyiqaqambisa intliziyo yam. Caba ebezobuya ngobusuku qho.
Nomtha: ”Andiphuzwa?”
Ndibuze seziqengqeleka inyambezi ndazirhewula. Ume ixesha elide endizele ngomva waphefumla.
Uphethukile wazondiphuza ibunzi. Ndimbambile ndamphuza emlonyeni. Ebethandabuza ekuqaleni
kodwa ndamkhokhela. Ebenuka imint. No chocolate, just mint. Bezithambile indebe zakhe. Ndimangile
ndimqinisa kakhulu. Ndimkhulule ndachopha esitulweni. Ume ecaleni kwam ixesha elide engahambi.
Ude wahamba wastater imoto yahamba. Ndiyothatha iphone yam ndafounela uLuleka eze.
Akathathanga xesha lide. Nditsixile ndirhuqa ibag yam enkulu ndingayiboni nendlela zinyembezi.
Ndimnke kanjalo ke. Ndiphume kanjalo ebomini bukaSimba.
303
THIRTY-FIVE
Luleka: ”Sawubulawa thina nguSimba.”
Nomtha: ”Andingekhali!”
Nomtha: ”Yhooo ndingagxwala. Azimandi ezi doughnuts. Kodwa ligwinya eli tshomi.”
Uyihlekile wazosula.
Ndiphefumlule. Bendiyifuna yona imfundo, ewe kodwa isikolo besikruqula! Ukuba yifull time student
bekubhorha hayi kancinci. Bekubhetele kuba ibingeso sokolo sabantwana ne uniform. Bendizozibhuqa
phantsi ndife. Yhini ndimdala kangaka ukuphundela esikolweni. Bendisenza ugrade eleven kuba
ndamyeka phakathi kwayena. Ngekubhetele ukuba bendiku grade twelve.
USiyanda ebekwicar eccident kodwa njengoba ebesitsho uLuleka eberight, engenawo nomgruzuko.
Luleka: ”Awumkhumbuli?”
Luleka: ”Haskaaa! Uyayazi ukuba andithethi ngoSiyanda. Ungade ukhumbule umntu wam every second.”
304
Nomtha: ”Umsizela ngoba?”
Luleka: ”Ndimsizela ngenxa yokuba ephoswa zezi memories nizezayo noJellytots. Uphoswa yiyo yonke
nje into. Akayazi nokuba kukho uJellytots.”
Nomtha: ”Sundistressa.”
Nomtha: ”Andikho ready ukudeala noSimba nefamily yakhe ngoku. And uyabazi abantu bakowabo
banjani, uVenus. Ndifuna ukumbamba ngezandla lomntwana andifuni ukufakelwa ityhefu
ngalamagqilwirha.”
Nomtha: ”Andimzondi qha ndicurious ukuba uzondifumana and then athini? Bekufanele ukuba
unepeace of mind kaloku kuba akazube eneworry yokuba ndizolala nomntakwabo.”
Luleka: ”Udinga ukwazi ukuba usafe na apho ukhoyo. Wemnka engekho Nomtha. Wafika endlini kukhala
ibhungane-”
Nomtha: ”Wayeyazi ukuba ndizohamba kuba ndanditshilo qha zange ndilindele ukuba andifunele
indawo yena kuba bendingafuni lento yokuba ezokwazi wonke umnyakazo wam ekubeni angandifuni
ebomini bakhe.”
Luleka: ”Ayikuko nokuba akakufuni ebomini bakhe Nomtha intonayo ulimele kakhulu. Watsho kuwe mos
ukuba akazukwazi ukuthemba ukuba awuzukwenza nto emveni kwakhe.”
Nomtha: ”Ndifele izono zikaNokulunga ndinguYesu mna? Uright kakade, wenza isigqibo esihle for isiqu
sakhe kuba wayezazi ukuba akazuphila kamnandi. Ayikuba zange ndizame ukumnqinisekisa ndimxelele
ukuba andingoNokulunga mna andisoze ndiyenze lonto. Andiyazi into ebefuna ndiyenze.”
Nomtha: ”Yhoooo! Sawukhonza oSimba ngoku? Ndandingeka bikho apho. Andizugqina umntu
ngokumxelela into afuna ukuyiva ndibe ndingaziva ngalondlela. Kutheni ndastresswa nje?”
Luleka: ”I'm stressing you ngoba bekufanele ukuba nikunye kwicheck ups nezidates sibanazo kodwa
akazazi noba unomntwana.”
Luleka: ”Ndiyekile. Ndiniyekile. Ndibuhlungu nje kuba noba engatsho nje uyakukhumbula yena. Kule
eight months andikamboni namntu.”
305
Nomtha: ”Hahaha! Ingxaki mna Lulu ndafunda ukungabambeleli kakhulu emtwini. Kwakufanele ukuba
ndafunda kubazali bam kuba zange ndiberight kukulahlekelwa ngabo, ndafumana esasikade singuKing
ndandi sithanda ngentliziyo yam yonke. Wandifundisa ukuba ndingaze ndithande umntu ngaphezulu
kokuba ndizithanda. USimba unengxaki engaphezulu kwakhe nam. Mna ke ndihleli ndilihule emehlweni
akhe kuba ndingulo ulalelwa eziofficin so ebezoba njani omnye kengoku?”
Nomtha: ”Ndizithengile. Kubhetele yonke enye into bese siyithengile. Luleka, andiyazi ndinga kubulela
kanjani ngendlela osixhase ngayo noJellytots. Ndiyabulela sisi, kakhulu.”
Nomtha: ”Kwakukubi.”
Luleka: ”Kusekubi nangoku kuba une anger and I anger ayikho right for umntwana. Kona uzomhoya
kanjani umntwana ungaphangeli?”
Nomtha: ”UThixo uzolenza icebo. Ndinayo nemali endiyisavayo, noSimba uyandipha imali.”
Luleka: ”Nam ndicinga ukuba uSimba akafuni ukufumana amaxesha. Nithumelana ie-mails, uyayazi i
account yakho angakwazi uukutracer. Andikholwa ukuba utya imali yakhe kodwa awumfuni.”
Nomtha: ”Hello? Ngubani owohlukana nomnye phakathi kwam naye? Ezonditshata. Iniba ndihlekwa
nangotete apho bakhoyo ukuba akukho nendoda endifunayo.”
Nomtha: ”Uhhhhh laShaka! Mhle yena qha ndidikwa sesasihluthu nendevu ezinde. Ndivele ndiphathwe
sisifuthu-futhu ingathi zikum. Ndingampha yena shame. Osule amanqagisa ke. Andimbali umntu wakhe
kuba ndingangumfazi wesibini for yena.”
Luleka: ”Hahahaha! Inoba uyifuna naphantsi kwamatye lencanca ude ufune ukuba ngumfazi wesibini!”
Nomtha: ”Ndincame ndikhale sisi akukho apho ndizobhaqa khona. Yho! Undihlukumezile uJellytots
ebomini. NalaShaka ke naye ingathi uyayazi into yakhe.”
Luleka: ”Hahaha! Uziphethe kakubi ubawela amadoda abantu. Ukuhluphe kakhulu uJellys! Uhlukumeze
nam phofu. Hayi mna ndihluthi ngoku. Kunini sisitya!”
Luleka: ”Awunazintloni!”
306
Luleka: ”Yehake ntombadzana. Uzobanjwa uphambane sisi ube abantwana babantu.”
Luleka: ”Rude!”
Luleka: ”Sies!”
Luleka: ”Sisomiso.”
Nomtha: ”Sana!”
Nomtha: ”Hahaha!”
Uyihlekile wanikina intloko yakhe. Zifakwe kwidoggy bag idoughnuts bezishiyekile ndathatha imikshake
yam ndalandela emveni kuka Lulu ukuphuma. Besine dates ezinje qho ngeveki. Noba siye kwindawo
yekota okanye icoffee shop. Besesi ngabahlobo abakhulu kule eight months ndimnkile eCenturion.
Bekungekho lula ukuqhela ukubandodwa kwakhona emveni kokuba noSimba. Bendikhumbula yonke
into ngaye. Ukuvuka ecaleni kwakhe. Ukunakekelwa nguye nokumenzela izinto. Bendikhumbula lampilo
besele ndiyiqhelile yokuba nomntu ekoneni yakho. Umntu okukhathalelayo nokuxhasayo.
Ndifumanise kwiveki ezimbalwa ndifikile phaya ukuba ndikhulelwe. Andilazi ukuba ibilibhadi lantoni eli
belindivelela, ngelaxesha besendibhetele ndaqala phantsi apho ndandiyeke khona. Inyanga ezintathu
zonke zepregnancy ndingunyembezi.
Undenze ndaqonda ukuba yinto bendiyifuna. Bendisoyika kancinci xa eyithetha uSimba kodwa ibiyonto
bendiyidinga. Uvale isikhala bendingayazi nokuba sikhona ngoku ebengekafiki. Ebendigqibelelisa.
Bendiba buhlungu ukuba uSimba akakho kuba naye ebemfuna umntwana kodwa ndibuye ndizixokise
ngelokuba ebezomthandabuza nalomntwana abe endenzisa iDNA tests endenza unondatshaza.
Bendimthanda umntwana wam, ndingeka mboni bendimthanda.
307
Undibeke ngaphambili kwegate uLukeka. Akangenanga namhlanje.
Ndimjikelezisele amehlo ndayongena endlini. Bendisarenta iflat eback kodwa bendiphumile eNoordgesig
ngoku ndirenta eDiepkloof Extension. Bekuhlala ifamily eright kulomzi bendiqashe kuwo. Umntu
nomyeni wakhe. Bebebadala ke abantwana babo bezihlalela ingamadoda nentombi ezindala, njengam.
Abanye betshatile abanye behlalisana . Utata uMazubuko ebesaphangela yena, umam'uKhethiwe
ethathe umhlala phantsi.
Ndincumile ndayeka igate le bendiyivula ndamncumela. Ebehamba negirlfriend yakhe izithe front kula
front seat yequantum.
”Umuntu wesithembu vele uShaka, kungcono nje makungaba uwena umnakwethu ngoba
ngikukhonzile.”
Bekuthule eroomini yam. Kuphole kamnandi futhi. Ndibeke izinto ndakhulula, ibingase ndihambe ngaze
xa ndisendlini.
Ndiye esikolweni ngoMvulo. Ibibhonga ilele kodwa ndincekelele ndibuya ndife bubuthongo. Zimnke
okungathi ziyaleqwa iveki. Siqhubeka ngedates zethu noLuleka. Bendisendlini ndeva ngento isihla
ngomlenze. Imini yonke bendisiva intlungu zimana zithula. Bendingazihoyanga kakhulu noxa bezisika nje
kodwa bendiqonda ngoku ukuba zeza contractions kwakuhleli kuthethwa ngazo and amanzi am.
Bekusebusuku ukufounela uLuleka. Besiqaphela singabhaqwa nguSiyanda.
308
Abantu balapha bebeseKzn. Bendisekunyeni. Ndikhumbule ukuba bendine number kaShaka for i
emegerncy yomntwana wakhe kuba enetransport. Ndimfounele waphendula wabe selapha kwamsinya.
Ibag yomntwana ibihleli iready enkosi kumam'uKhethi.
Dzuba rabuza
Machongwe aimba
Muka muka
Muka upenye
Ndincumele ingoba bendiyicukelwa ngutata wam qho ekuseni xa endilungiselela isikolo. Ekama inwele
zam ezininzi ezingalawulekiyo. Bendiyiqonda indlela ebeziva ngayo ngoku. Ndiyiqonda indlela uSimba
ebeziva ngayo ngabantwana bakhe. Intliziyo yam ibiphuphumala luthando. Bendingena zicwangciso
zingako kodwa bendiyazi ukuba uThixo uyawusibonelela. Bendimfunela okuhle konke. Ndinemibongo
ngaye. My whole entire galaxy. Intombi kamama. Bendingumama.
Dear Jellytots
Uyadingwa. Ndibhala le letter kwione bedroom house yethu, uyandihlupha ke namhlanje kuba awufuni
tu ndilale. Oko ndiphethuka ebhedini ndizama indlela yokulala.
Ndikuthanda kakhulu kodwa ndoyika ukuba andizuba ngumama oqotho kuwe. Uyabona, andibazi
ubudlelwane buka mama nentombi kuba zange ndibe nabo nowam umama.
Kodwa ndicinga ukuba andizufana nowam umama kuwe, ndizohluka. Kuba ndizokunika lonke
olwathando ndandilulangazelela kumama wam.
Andifuni uzive ngendlela endandiziva ngayo okanye ukhule ngendlela endakhula ngayo. Ungaze
uluthandabuze uthando lwam kuwe. Ungandixelela noba yintoni. Ndawuhlala ndikhona.
309
Andiyazi ukuba ndizothini kuwe xa undibuza ngotata wakho ... ndizobe ndicinga lomzuzu ungekakwazi
ukuthetha. Kuninzi endigqithe kuko kodwa ndizoba bhetele. Ndifuna ukuba bhetele for wena.
Andifuni ukhathazeke ngam. Andifuni ukuba ngumthwalo kuwe kodwa ndawunyaniseka kuba
ndiyakuthanda.
Undithande wethu, andiyazi ndingathini ukuba awunondithanda. Kunzima ngamanye amaxesha kuba
I'm used to being by myself. Ukuhamba kulula kum kuba andikoyiki ukubandodwa. Andifuni ukubanjalo
kuwe. Andifuni ukukhalala. Ndizoba nesineke nomonde. Ndizobambelela noba sendisopha.
I love you Jellytots yam. Ingase ube yintombi, ndicela ube yintombi. Andino ngalali kangaka ube
yinkwenkwe. Okay ungaba yinkwenkwe ukuba uyathanda. Yiba yinto ofuna ukuba yiyo. Umama
uzokuthanda anyways.
Love,
Mommy.
310
THIRTY-SIX
Kukhale iphone yam ndayixhumela ngokukhawuleza ingothusi uZendaya ebuthongweni. Bendidiniwe
nguye! Bendikuthanda ukuba ngumama omtsha, yonke into ilibhongo. Ukuncancisa. Ndimvuse
ebuthongweni kuba ingase ndibone lamehlo akhe angathi avaliwe ngoku ahlekile. Bendithanda
nevumba lakhe. Ebenuka kamnandi. Nendlu yonke inuka ivumba losana.
Kodwa imincili ibiphela msinya mntakabawo. Ebeyikhala into umntanam bendingena bhongo. Ngakumbi
kwintsuku zokuqala abethe kuse phandle usisi alale wakonela. Ibingase ndiyomnika umamakhe kodwa
umamakhe ibindim. Ndim umzali wakhe. Yilendibani nomanyano olungena sohlukaniso oku. Aphinde
alale ixesha elide ndimana ndiyobeka umnwe ngasempumlweni ndimve ukuba usaphefumla na kuba
andifuni ukungabona mntwana. Bendincacisa ibele. Xa ndiye esikolweni ndim expressela. Umama wase
next door ebendigadela yena simahla. Bendipha ke imali mna kodwa wayezivolontiyile. Bendimbulela
kakhulu. Bendiyibona ngoko intetho yokuba 'it takes a village'
Nomtha: ”Hi.”
Besingasa bonani noLuleka. Ebeseqala ukuba nezikrokro ngokunqaba kwakhe qho ngeweekends
uSiyanda savumelanga ngokuba siyeke ukuxhumana. Ebendifounela yena xa efumene ithuba kodwa
mna ndingamfouneli.
Bendimkhumbula ke. Naye ngokunjalo. Ebefuna ukubona uZendaya kakhuhle qha ke ngenxa yemeko
engakwazi.
Luleka: ”Kakuhle kakhulu sthandwa sam. Qha ndidikwa zihours ezi zabo ngoku kodwa kuthiwa kuzoba
ngcono.”
Nomtha: ”Nyamezela.”
311
Luleka: ”Suthi 'oh uLulu' kum Nomtha. Usokola wendwa nomntwana ngoku ngenxa yokuba ungafuni
ukuxelela uSimba ukuna unomntwana! Asikwazi nokunceda. Asikwazi nokuba nobudlelwane noZendaya.
Andikwazi nokonwaba ndibalisele umyenam ngomtwana womhlobo wakhe omkhulu!”
Luleka: ”Ndigqibele indim kuphela itshomi yakho ke mna. Ubuzofaka bani? Andikusoli, intonayo sekukho
umntwana ngoku. Umphefumlo wonke, kufuneka umxelele uSimba sisi. Please. Angase abe nonyaka
wonke engazazi ukuba unomntwana.”
Nomtha: ”Akakayazi?”
Luleka: ”Andikuphoxi sisi qha akakho kaloku umntu ebezomxelela ngaphandle kwakho. Akayazi. Ukuba
ebeyazi ngendisazi.”
Ndiphefumlele ngaphandle.
Nomtha: ”Ndizomxelela.”
Luleka: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Ndifuna ixesha ngaphandle kwe stress azondiphathela sona uSimba. Uyayazi uzobe ebuzisa
ngepaternity neDNA's. Ndisonwabela umntwana wam mna andiyifuni lonto.”
Nomtha: ”Ndiyeke ndibe selfish kancinci. Ndizomcingela xa ena eight months okanye.”
Nomtha: ”Ndizomxelela.”
Nomtha: ”Goodnight.”
Ndiphindele ezincwadini zam ndaphazanyiswa nguJellytots efuna ukuncanca. Bawo wam yayike yakho
phi into entle kangaka. Umntu asose abemhle oluhlobo ke eyedwa. Bendicinga uSamora, ndicinga
ukuba ngengutamkhulu onjani kuZendaya. Bendibuhlungu nje ukuba nejngoba izinto bezinje nje
ebengenaye utatomkhulu kuba bendingafuni aphefumle umoya omnye noVenus. Bendimthiye latata!
312
Luleka: ”Benisalele?”
Luleka: ”Hayibo Nomtha ngoku ndikhumbula uJellytots mfana! Hayi sungcola mbhem khawenze kaloku
tyhini!”
Luleka: ”Ndizothumela imoto inilande. Ndenze ireservations under igama lam. Luleka Mahamba.
Nizofika kuqala okanye ndifike kuqala. Nibe nisitya ukuba nifike kuqala, it's on me.”
Nomtha: ”Rhaaa.”
Ndifinge intshiya zam. Xa eqala kanje ebenzoba serious. Bendisiva nje ekutshintsheni kwetone yakhe
yokuthetha. Ndithinte umqala ndanqwala.
Nomtha: ”Ewe.”
Luleka: ”Ngaphandle kokuba ndikwazi ngoSimba, mna nawe sesinobuhlobo obubobethi. Uyafana nosisi
wam omncinci. Yonke into ndiyenza with your best interest at heart. Kuba unentloko elukhuni kakhulu
uyayidinga ipush ngamanye amaxesha. Uzondiqumbela ewe kodwa ndiyathemba uzoyazi ukuba yonke
into ndiyenza with good intentions.”
Luleka: ”Andimxelelanga!”
Nomtha: ”Okay.”
Ndimve ephefumla.
Ndimve esebeza.
Nomtha: ”Huh?”
313
Luleka: ”Oh sorry ndichithele ifile ye colleague yam ngekofu.”
Luleka: ”Ndicinga ukuba ndinecopy somewhere akukho ngxaki. Lungisani ke nepunky kamakazi. Imoto
yenu ifike niready.”
Nomtha: ”Ditto!”
Andiphozisanga maseko ndahlamba ndenza imake up yam ndingekanxibi. Bendononwele ke, iafro yam
seyiphinde yakhula yankulu. Ibingalawuleki ifuna ndihlale ndifakele okanye ndirobhozile. Kodwa kuba
bendiyitreatile intle. Ndinxibe nesigcebezana selokhwe emhlophe esinyuke kancinci emadolweni.
Amathanga omdlezana engaphandle. Ibongekho plain white. Inefloral, bezingekho kangako. Ndizijonge
esipilini ndizibhenca. Yaaas mdlezane!
Bendishota ngamazipho kengoku qha bendisoyikisela umntwana wam xa ndimosula impundwana zakhe.
Ndimvusile ndaye ndamncancisa ndamhlamba. Ndipakishe yonke into yethu ngaphambili kokuba
ndimvuse kube ebehlupha uncame sewulibala ezinye izinto. Ndimfake kwistrawler sakhe asithengelwa
ngumakazi wakhe uLulu. Besibeige ngombala. Ndithanda ubuneutral obu. Sibe semlindweni nentombi
ezilishumi ke. Bendingafuni nokumosha umlomo wam ngokutya.
Undifounele esithi ingaphandle imoto. Sikhwele sahamba. Ebendixelele igama lerestau njengoba
ebendixelela ukuba udriver ungaphandle.
Undincedise ngestrawler sayongena ngaphakathi nomntwana wam. Sifumene itafile ndabe ndi order
into yokusela. Bekukuhle ke iyindawo epholileyo kukho namasapho.
Ndizicofele iphone yam ingathi ndisisibhanxa kuba ibingekho into bendizoyincokola no Zendaya.
Ebencwina and bendingayazi mna la language yakhe. Emveni kwethirty minutes engafiki, engafouni
ndimfounele. Imthathe ixesha ngaphambili kokuba ayiphambe. Ebesemotweni.
Luleka: ”Ndifounelwa ngubrother wam uthi umama uwe kwistairs wakruneka. USiyanda ngulo okwi
business meeting noSimba, andiyazi noba iphi ndonqena nokumphazamisa.”
Nomtha: ”Hayi maan Lulu sude uxolise sisi yiba nomamakho. Oh maan akophukanga?”
314
Luleka: ”Hayi!”
Ushoutise ndade ndaxhuma kukothuka. Ebengenwe yintoni na bethu uLuleka Mahamba? Okanye
wothuswe ngumamakhe. Ebestrange wethu.
Uthinte umqala.
Luleka: ”Askies. Hlala tshomi maan. Ibill ikum sukuzikhathaza. Awunongena erestaurant usele ijuice qha.
Nabantu balapho bazokuthela nqa. Hlala utye uzimamarishe. You deserve it. Mhlawumbi uzofumanela
uJellytots umalume. Kuza abanatu ananice ke apho.”
Luleka: ”Hahaha! Yityani. Sanuhamba. Full course meal. Nihambe kengoku niyolilelana endlini.”
Luleka: ”Alright.”
Uyibeke phantsi iphone ndaphefumla. Okay kutsho ukuba ndizoqubeka ukuhlala ndibengathi
ndisisibhanxa apha. Shu!
Ndibize uwaiter ndaorder. Starters. Main and desert. Ndizincumele okungathi ndisisibhanxa.
Mhlawumbi bendingaso sibhanxa kakhulu. Bendizikhuphile, okanye ndikhutshiwe nomntwana wam.
Idate yokuqala yezininzi ezizayo.
Ndimbale isandlana sakhe esincinci. Kufikile ukutya kwam ndaqalisa. Indlela bekumnandi ngakhona
bekunyibilika emlonyeni. Ubungeno kufumana kwamayi-mayi oku. Ingathi bendikulanqanawa kaJack.
Kakade uZendaya ebezondimonela kuba yena ukhethe ukungabi namazinyo. Ndimfunqule ndamfaka
ekoneni yakhe ndimkhuphela ibele ndamgquma kungaveli ibele lam. Ndimncacise wahlutha
ndamfunqula ndibhodlisa ndisitya ngesandla esinye. Bekunjena ke ukuba ngumama. Ufuna ukwenza
izinto ezininzi ngexesha elinye. Bendimana ndimphulula umaqolo lomzuzu ndihlafunayo wade
wabhodla. Ndimbeke kwistrawler ndimana ndimdlalisa.
”Ngumntanakho?!”
”Uxolo sisi! Umzuzwana ulapha omnye sebaleki. Iminathi nditheni ngokubaleka ushiye utata?”
315
”Bendizothi ungazali kodwa sendilate.”
”Subamba izandla zomntwana Imi, umntwana uyazitya izandla zakhe and unegerms. Linangaphi
elichina?”
Ndiphelile yintsini.
”UIminathi ngumntwana wam wokuqala ngoku ndisenemincili kakhulu unguba ngutata. Abantwana
bayandichasa.”
”Mhle ufuze umamakhe. I can't take credit. Iminathi umamele? Xa uxelela umama ukuba bendithetha
nosisi kamntama umxelele ukuba ndithe mhle umama kaIminathi mhle.”
Uyihlekile uIminathi.
”Shona?”
Nomtha: ”Ewe!”
Nomtha: ”Hahahaha!”
”Besincokola ngabantwana!”
Siyanda: ”Mhlekazi!”
”Uzoguga msinya ke wena ungugrumpy. Sisi, siyabulela ngomzuzu. Mhle umntwana wakho.”
Bendibuva ubukho bukaSimba emveni kwam. Ndinqwale nje andathetha. Bahambile yena noSiyanda
noIminathi baya kwitafile yakhe andambona ehamba uSimba. Ubhekile ezomkhwaza uSiyanda amehlo
316
akhe awela kum wawakhupha negcambu zawo, wajonga emveni kwam. Ebesekhona kodwa ebethule.
Bendingemva ephefumla kungathi uwubambile.
Simba: ”Nomtha.”
Uzoma phambi kwam ndimbone. Undijongile wajonga uZendaya kwistrawler sakhe waphinde
wandijonga.
Ndimolulele isandla.
Nomtha: ”Molo.”
Utase uzandla zakhe engandibambi, wajonga kwistrawler ixesha elide engathethi. Uncwinile uZendaya.
Wagqushalaza wakhala.
Nomtha: ”Shhhh baby, shhhh nana. Ncence? Mh nxenxe? Yiz'oncanca kumama sisi. Thula ke mntan'am.”
Ndimbone ebambelela esitulweni engathi uphelelwa yincindi, wathi dekre phantsi esitulweni ejinge
uZendaya.
Ebendijonge ngamehlo aneglass uSimba. Wajonga umntwana kungathi ufuna ukusondela kuye.
Khange ndinqwale ndajonga uSimba ezosula ubuso okungathi uzonyamala umntwana. Uyekile
ukuncanca ndafaka ibele lam ndambhodlisa.
Siyanda: ”Sh*t!”
Bendiyazi kengoku kutheni uLuleka ebevakala okungathi unesazela. Kukuba ebenesazela nyani yilento
ayenzileyo. Andiqondi nokuba ibiyinyani le yokuba umama wakhe uwile qha ibiyintsomi yokuba
ndibelapha kenye ngelixesha oSimba bazobe belapha ngalo. Kwaye ebefuna bangandifumani naye,
bandifumane ndodwa nomntwana. Ebefuna uSimba abone umntwana. Andiyazi ukuba bendiziva kanjani
ngayo yonke lonto. Andizandi bendiziva njani kodwa ibingeyo feeling entle. Ndiginye ingwiqi ndajonga
umntwana wam ndimdlalisa isandla.
317
THIRTY-SEVEN
Simba: ”Ngubani igama lakhe?”
Ubuze engandijonganga mna ebambe isandlana sikaJellytots. Oko emfunqule into engange thirty
minutes yonke ukuba ibingagqithanga kwayona. Emjonge ebusweni, embuka. Ebemane esosula
inyembezi afixize kungekho nto ayithethayo. 30+ mizuzu. Besendiyeke nokokutya bendikutya kuba
bekubanda ceke ngoku. Nangaphandle koko bendinga senamdla wako.
Uncwinile uZendaya okungathi uyemva wancuma uSimba esosula inyembezi kwakhona. Bekungathi
akakwazi ukuzinqanda. Zingumthonbo nje.
Simba: ”Andisoze ndi understande, ukuba undifihlela kanjani into enje. Ndizama ukungabina msindo
kuba ndizokwenza ndithethe into endizozisola ngayo kodwa this is just wrong. Ngandlela zonke iwrongo
into oyenzileyo, andiyiqondi and- noba undizonda kangakanani. Noba uziva wenziwe kakubi
kangakanani awundifihleli umntwana wam. Three months yonke nding- f*ck. This is messed up.”
Uzigqume ubuso enikina intloko yakhe. USiyanda uyiqhube ngoku kwakhe intlanganiso yade yaphethwa.
Uthe uzomlinda ngaphandle uSimba esinika igumbi. Indlela ebendijonge ngayo ngaphambili kokuba
aphume, ebenomsindo. Ebenyembezana naye kuba ngela xesha ebekhala ukukhala uSimba. Indlela
ebothuke ngayo.
Simba: ”Undizonda ngolohlobo ungade undihlwaye ngenzala yam? Huh? Undithiye lomhlobo Nomtha?”
Nomtha: ”Ayikho ngawe yonke lento. Ayikuba andikuxelelanga ngenxa yokuba ndifuna ukukohlwaya
ngumntwana. Andithathanga isigqibo sokuba ndodwa kuyo yonke ipregnancy yam nezinyanga ezintathu
kuba ndicinga ukuba 'okay izomvisa kabuhlungu uSimba, good'.
Ibizizizathu ezi selfish ngendlela yokuba ngumntwana wam wokuqala lo, mhlawumbi owokugqibela.
Ndiyayazi ukuba ndaxelela wena ngepregnancy okanye ngoZendaya uzoba usiza ne insecurities zakho-
andikusoli ngazo ngaphantsi kwemeko kodwa bendinga mfuneli lonto umntwana wam. Bendingafuni
ipregnancy yam ibe stressful ndibe ndincinwa ngokuba ngowakho na, naxa ekhona ube umthandabuza.
Bendingafuni xa endibuza uZendaya ngentsuku zakhe zokuqala emhlabeni utata wakhe
wayemthandabuza efuna ziDNA. Bendifuna lento for thina. Le bond endinayo naye yokuxhumana
nomntwana wam sobabini qha. Wena wabanalento nabankho abantwana, so lona ngomnye wabaninzi
mna ngowokuqala kum so bendingafuni ifocus ibe kwipaternity yakhe kodwa icelebration yobukho
bakhe.”
Simba: ”Ngomnye umntwana kwabaninzi kodwa ngowam. Ngumntwana wam! Ligazi lam!”
318
Ndinqwalile. Uncwinile umntwana ezandleni zakhe. Ndiyacinga ebesiva nje ukuba kukho into ewrongo.
Umshushuzele waya enyukelana.
Undifingele intshiya.
Nomtha: ”Ndiya expressa, kodwa andiyiphethanga kuba ndifuna ancamce ebeleni xa ndikhoyo.”
Simba: ”Ngendinani through ipregnancy yonke. Ndiphoswe zi doctors appointments nokuzalwa kwakhe
... nentsuku zakhe zokuqala emhlabeni. Three months yonke and then uzolindela ukuba ndiqonde uba
ubungayenzi ngokundithiya yonke lonto? Undohlwaya ngomntwana wam ngokuba ndohlukene nawe.”
Nomtha: ”Not everything is about you, kufuneka uyiqonde lonto. Ndiyakuqonda unoloyoko lwakho,
uNokulunga wakonzakalisa. Ndiyayoqonda lonto. Nam ndisavuka ebusuku ndibile xhopho zinarhmani so
ndiyayazi apha kum ukuba you don't just get over intlungu. Akukho lula kanjalo. Kodwa ndifuna uqonde
into yokuba ndingumama kuqala.
Ngendikuxelele ndiyayazi kodwa bendimfunela lento umntwana wam. Ukuzola. Bendizifunela lento
nam. Ndiyabulela futhi ukuba ubungayazi ngepregnancy kuba-”
Simba: ”Khawuyeke!”
Simba: ”Three months yonke ndingekho ebomini bomntwana wam kusafuneka ndiphinde ndilinde
ungomso ube ready wena!”
Ndiphefumlele ngaphandle.
Nomtha: ”Ingxaki yam kukuba ngoku izochaphazela nam lento yakho, ngomso izoba nguwe nomntwana
wakho qha. Nobabini. Ndizoyekelela ubuso ngoku nam ndinibukele?”
319
Simba: ”Ungubani? Ngubani esisikhohlakali siphambi kwam? Huh?! Undifihlela ngomntwana wam
unyaka wonke. A whole year ndingayazi ngomntwana wam, ndikucela ezihours zishiyekileyo
zanamhlanje undixelela nge excuse efileyo. Wenza izinto ngawe kodwa ugqiboz'defender ngoku usithi
ubungafuni ndenze izinto ngam. Wenza kanye lonto wena lonto and makube right kuba inguwe. Kuba
ayikho ngawe nawe lento kodwa ingokuchitha ixesha nomntwana wam endiphoswe zinyanga ezintathu
zonke ebomini bakhe. Ngubani ebesazi ukuba bendizoyazi nini ukuba besinga dibenanga apha? You are
very spiteful! Ukhohlakele Nomtha! Andikhathali noba uthini nokuba zithini izizathu zakho kodwa you
are a vile human being! Undingcolele. Ubuyazi ukuba izondibulala yonke lento wenza ngoluhlobo.
Ubuyazi ukuba ndizozizonda ngokwahlukana nawe because then ngendinga phoswanga kangaka.
Umntwana wam ngenefani yam.”
Nomtha: ”Yiyo kanye into bendingayifuni leyo, uhlale nam ngenxa yokuba ndizoba nomntwana wakho
ube uyazi ukuba awundithembi nalomntwana awuthembi ukuba ngowakho.”
Simba: ”Ndicinga ukuba kufanele ndilumnke ngaphantsi kwemeko. Usebenzisa uloyiko lwam against me
and andizicelelanga ukuba ndibenje okay? Wazi kakuhle ukuba kutheni, bekufanele ukuba wena
uyaqond-”
Nomtha: ”Ndiyaqonda nangoku. Yilonto nditshilo ukuba ndiyakuqonda apho usuka khona kodwa
akuthethi ukuba umntwana wam kufuneka agqithe kuyo yonke into ebezogqitha kuyo ngenxa
yezozoyiko zakho.”
Simba: ”Umntwana wethu! Ngumntwana wam nam! But usebenzise izoyiko zam against me. Andisoze
ndiyixolele leyo.”
Nomtha: ”Ndiyayiqonda leyo into kodwa njengoba benditshilo umntwana wam uza kuqala kum. Ndenze
into bendibona ukuba iright for yena, bendiyidinga inkxaso yakho njengo tata womntwana kodwa
bendingafuni istress esiza nalonkxaso. Bendingafuni zintandabuzo zakho kuba emehlweni akho ndihleli
ndisisifebe! Kumosha uNokulunga esidlangalaleni sesithwaxelwa le kwahell nathi ngokuba yena ube
sisifebe. Wakwazi ukumnika elinye ithuba emveni kokuba ufumanise ukuba uJunior akangowakho,
wanyamezela obobudlelwane nibe nabo emveni kwalonto kodwa mna undigabha nje kungekho nento
endiyenzileyo. Uyolanda ifamily kaSamora uyixelele ngelobola wakugqiba undixelela ukuba awusafuni
nalomtshato. Undihlekisa ngabo! Kuba inoba ndandiyinto yokuhlekisa kulaZimbabwe behleli bengandi
khathalelanga. Ndingafuni kwanto endidibanisa nabo kodwa ndazincama ngenxa yokuba bendiwufuna
umtshato nawe. Andiyazi into oyifuna kum! Andiyazi into ubuyifuna kum! Ababantu benza okungathi
bayandikhathalela bazondisa kwiMuslim home enesihoyo kodwa beyazi ukuba bazondisa kwasathana
emveni kwentsuku, mna bendilungele ukudlula kulonto kwakhona ngenxa yakho wandilaxaza nje
kanjalo! Ndikucenga ukuba undiphe ithuba ndizibonakalise ukuba andingo Nokulun-”
Siyanda: ”Guys andiqondi yindawo eright yokukhwazana oluhlobo le. Kubhetele siyeni eCenturion
bhetele. Nijongwe nguwo wonke umntu kule restaurant. Please guys, nike niyeke ukuba nentloko
ezilukhuni nindimamele. Please.”
320
Ukuba ebendishiyile bendizothi kuLulu afounele lamntu wemoto ndiziyele eDiepkloof. Bendingazube
ndiphambana ndifounelana naye. Bendidiniwe nje. Ndingene ecaleni kwakhe ngemva ndavala ucango.
Noxa ebesahlala kulaCenturion ebengasahlali kulandawo ebehlala kuyo. Ebethenge indlu. Ibintle
ngendlela engabaxekanga. Nangaphakathi ibi elegant. Inemibala eneutral, nefurniture yakhona. Obeige,
nocream nonude. Ibintle ngendlela engaphaphanga. Bendiyithanda.
Usishiye nje uSiyanda wahamba. Oko kuthulekile endleleni ngaphandle kwencwina kaZendaya.
Ebemncumele uSimba emdlalisa izandla.
Bandishiye apho bayotshona ekamireni. Uyayibona ke into bendiyitsho! Bendizokwenza ntoni ngesiqu
sam mna. Bekixhonywe ifoto zika Simba nabantwana bakhe- abantwana bakowabo phofu. Bekukho
neyam eblack and white ndikuloSimba ndizamisa isidudu sotywala. Bendihleka, caba ikhona lonto
ibithethwe nguNonzaliseko. Bendiqinisekile ukuba ibinguye kuba nguye umntu onondihlekisa kangaka
phakathi kwakhe noManci kaSimba. Bekungekho nothuli kulandlu kubetha umoya.
Bekukho ibalcony ekukhuphela kwi pool. Ibingase ndifake inyawo zam. Ndingqengqe kweza zotulo
emthunzini. Caba ndibiwe bubuthongo kuba ndothuswe nguSimba. Hayi nam ndihamba ndilala. Phofu
bendizothini kuba bendidiniwe, hayi kancinci. Ibingekho lula into yokufunda unomntwana ona three
months. Hleli nje uyakhala. Xa elambile. Xa emanzi. Xa engazazi ukuba athini. Yhu!
Nomtha: ”Askies.”
Simba: ”Unjani?”
Nomtha: ”Huh?”
Ndincumile.
Nomtha: ”Uyafeketha. Andilali ebusuku. Umama wase next door uthi umntwana webele udla
ngokufeketha ke kodwa ndingayeki umncacisa kuba liright for yena ubisi. Ndoyika umqalisa isolids
kwangoku, andiyazi noba ndenzani ngaye most of the time. Kodwa ululonwabo nje.”
Ndimrholele amehlo ndaphinda ndacinga ukuba ebetshilo uLulu wathi inoba uyayazi ukuba ndihlala phi
kuba ebenazo zonke indlela zokundifumana. Bendithemba ukuba akukho njalo kuba ndawalahla kwi
hughway nalomacikici wakhe aneyracker kuba ndingafuni andifumane. Ndandi nomsindo ndibuhlungu
ndingasafuni nento endidibanisa naye. Ewe imali, hayi imali.
Simba: ”Ukuba bekukho into ibikwehlele ndingakwazi nokuba uphi, wenziwani ngubani?”
321
Simba: ”Ndandizokufunela indawo-”
Nomtha: ”Bendingafuni undifunele indawo. Bendifuna undiphe ithuba, usiphe ithuba. Yiyo into
bendiyifuna leyo, hayi ukuba undifunele indawo.”
Simba: ”Ahlale apha! Akhulele apha, kowabo. Hayi kwibackroom eSoweto. Abe neroom yakhe.”
Nomtha: ”Heh! Simba sawuba ne joint custody yomntwana. Akakho umntwana ozohlala nawe.”
Simba: ”Ndifuna ifull custody yomntwana wam. Andifuni zivisits mna abe esiwa ngapha nangapha.”
Nomtha: ”Hehehe! Iphinde ibengathi bendiphambana ngokuthatha umntwana wam ndihlale naye
eDiepkloof ndingakixeleli ngayo. Namhlanje sewufuna ukumxutha. Qhuba ngohlobo obona ngalo.
Umthathe ukuba uyafuna.”
Simba: ”Anditsho kanjalo, Nomtha. Into endiyitshoyo kukuba ndifuna ukuhlala nan-”
Nomtha: ”USimba ufuna ifull custody yomntwana wam. Uzomthatha ke mna mhlawumbi ndizoba ne
visitation rights ukuba ube nenceba. Lulu, ndiyathemba wonwabile kengoku umhlobo wakho uzotsho
onwabe. I hope you're happy with yourself sisi. Ndiyabulela kakhulu.”
Simba: ”Ndicela undimamele ndigqibe. Andifuni kukuthathela umntwana Nomtha, into endiyitsho-”
Nomtha: ”Simba a ngentando yakho. Ukuba ufuna ukuthatha umntwana mthathe. Yenza ngentando
yakho.”
322
THIRTY-EIGHT
Simba: ”Ndibe ligwala.”
Ndimve esitsho.
Simba: ”Ndivumele izoyiko zam zimoshe into ebesinayo. Bendikubona undithambela, kwangokuvuma
umtshato ndibonile ukuba uyandithambela. Indlela omvuyele ngayo nobumkhalela ngayo uJunior
indenze ndaziva ndingeyonto kuwe. Indlela oye wandilibala ngayo wafocusa kuye ekubeni ndizama
inyanga ukuba undithande ngalendlela bendikuthanda ngayo mna. Bendifuna undithande ngalendlela
ndandikubone uthanda ngayo uJunior. Zange waba luncedo nganto ebomini bakho kodwa ibingathi
usisizathu sakho sokuphila.”
Nomtha: ”Waba ligwala nyani Simba. Bendinga soze ndingothuki ndibona umntu endakuxelela ukuba
unentliziyo yam. Zange ndiyifihle into yokuba ndinomntu, endimthandayo. UJunior ... andifuni ukuxoka
ndandimthanda ngentliziyo yam yonke. Kwakungekho nto andenzela yona kodwa ndandimthanda kuba
wayendithanda. Noba wayethanda utywala ngaphezulu kwam kodwa ndandimthanda. Olothando
belungasoze luphele nje ngokuba ndidibene nawe. Kodwa ngelixesha ndinawe ndibone indlela
ubuyiphethe kakuhle ngayo intliziyo yam. Indlela ubundibeka kuqala ngayo nendlela ubundimela ngayo,
mhlawumbi ekuqaleni ndandifuna ukutshatela izinto ubunondenzela zona nokhuseleko ebendinoba nalo
kuwe kodwa besendifuna ukuchitha ubomi bam bonke nawe. Ndakunika inkcukacha zikatete Constance
no uncle Kemel kuba besendifuna ukuba ngunkosikazi wakho ngentliziyo yam yonke. Ndiyamthanda
umntu onguye nentliziyo yakho kodwa
undiphoxile ngokundilaxaza kwakho. Ndakucenga Simba, ndicela undiphe ichance. Ndandiyazi ukuba
andikho perfect kodwa zange ndacinga omnye umntu ndinawe mna. Kwa uJunior. Ndandimthanda ewe
kodwa ndandimthanda kuba yayinguye umntu endandinobuya budlelwane ndandinabo naye.
Wayexhomekeke kum, ndivuyela lonto. Uba kukho umntu oxhomekeke kum, umntu endimnakekelayo.
Ndothuka kakade ukumbona kwam kwaye ndandi nomsindo wokuba ndide ndincedwe ngumntu nje
endadibana naye kwiclub ekhona why? Ebona ukuba ndidukile kwaye ndisengxakini, kwalento efumene
iroom yam isisiphithi-phithi kukho namagazi kodwa waphola. Ekubeni ndandimthatha njenge family
yam. Ndicatshukiswa nakukuba ndizinikele ngolahlobo kumntu ondinike igama nje lasestratweni.
Kuthetha ukuba mna naye sasingekho khasini elinye mos. Kwalonto yokuba angandixeleli nto ngosapho
lakhe yacaca nje kum ukuba wayendi thengisela iphupha ngomtshato nobomi obubhetele kunobuya
bam. Kuba wabona indlela endandi desperate ngayo. Wena, wena weza kum undazi. Usazi ubomi bam
nendlela ndandiphila ngayo kodwa wawufuna ukuba nabantwana nam, nonyana. Wandisa kowenu,
undithanda nokuba mna ndandingekabi lapho. Ukuthi gqi nje uJunior sewune insecurities ezingaphezulu
kothando owawunalo kum? Sewundigxotha oko mshologu.”
Simba: ”Yilonto ndivuma ukuba ndaba ligwala. Ndabona ukuba andina chance. Ndoyika nokukuva ukuba
ume ndawoni. Ndagqiba nje ukuba izoba nguJunior kuba umthanda kwaye watsho kum ukuba unam nje
ngezinto ubunozizuza kum. Kodwa Nomtha andifuni kukuthathela umntwana-”
Nomtha: ”Uthetha ukuthini ngokuba ufuna ifull custody yomntwana ke ukuba awufuni kundithathela
umntwana?”
323
Bendingafuni, bendise nomsindo ndingafuni ukumhlekela kodwa ndizibhaqe sendincumile. Ubhidwe
sisilungu? Yena mntu wafunda esilungwi ubomi bakhe bonke?
Simba: ”Andifuni kumthatha umntwana. Andisoze ndiyenze lonto kuwe, kodwa Nomtha ndifuna
ukubuyela emntwaneni wam xa ndibuya empangelweni. Ndifuna ukuba ngufull time dad njengakubo
bonke abantwana bam. Okanye abantwana bendicinga ukuba ngabam. Ndifuna simkhulise kunye
uZendaya-”
Nomtha: ”Sizomkhulisa kunye noba uhlala eBhayi mna eTinarha. Akunyazelekanga ukuba side sibe
kunye ukuze sikhulise umntwana wethu-”
Nomtha: ”Ngenxa yomntwana andithi? Kuba uba ubusazi apho ndihlala khona kwaye ufuna ukuba nam
ngewawuzile eDiepkloof kuba uyayazi apho ndihlala khona.”
Simba: ”Ndazi ukuba uhlala eDiepkloof qha, bendingayazi ukuba uhlala ndawoni phaya kuba zange
ndithumele mntu akulandele. Ndandibona nje ngetransactions obuzenza kula Dk. Ukuba kwakukho
umntu endambeka ukuba akugade ngendazi kudala ukuba ukhulelwe kwaye ngendaxhumana nawe
kwakudala. Ndandingayazi ukuba ukhulelwe umntwana wam kodwa ungabuza noba nguSiyanda,
Nomtha. Bendifuna ukuxolisa kuwe. Ukuba ungabuza uSiyanda angakuxelela. Ekhona umntwana okanye
engekho bendifuna ukuba nawe. Bendifuna ukuzozithoba kuwe, kukuba bendisoyik'-”
Nomtha: ”Senditsho ukuba ukuba utsho kanjalo, and ufuna ukuba sebomin-
Simba: ”Kakade ndifuna ukuba sebomini buka Zendaya, ndifuna ukuba sebomini bakho.”
Nomtha: ”Ngokuse kubekho uZendaya ngoku izoyiko zakho ziphelile? Sewuzoyeka ukuhleli nje ucinga
ukuba xa ndingekho nawe ndibusy nomntakwenu? Itrust issues zakho ziphelile? Awuzundifuxa
ngalandlela ubucinga ukuba uzondifuxa ngayo? Wathi awundithembi kal-”
Nomtha: ”
Simba: ”Akhonto itshintshileyo yiprocess le. Kodwa wena noZendaya nibalulekile kum. Andizuvumela
izoyiko zam zindiphosanise nethuba lokuba ngutata nokuba ngumyeni wakho.”
Nomtha: ”Ukuba ufuna ukuba ngutata emntwaneni wakho uzoba ngutata. Abe neroom apha kwakho
kuba yinto oyifunayo mos leyo? Kodwa into endingazuyenza kukubuyela kumntu ongaqinisekanga
ngento ayifunayo mna.
Kubelula ukundishunqula ebomini bakho kodwa uthi uyandithanda. Andiyazi nithanda njani nina kodwa
apho ndisuka khona mna awumlahli ngolohlobo umntu omthandayo. Ekwakufanele ukuba wakwenza
wena ngewawuthethe nam ngeinsecurities zakho, ngendikuxelele ukuba umi ndawoni nam. Undiphoxile
maan Simba. Undidanisile. Bendinga yilindelanga lanto kuwe. Wenze intlekisa ngam, wophula intliziyo
yam. Bendindodwa ndikhulelwe uJellytots. Ndingena mntu wokumtefela njenga banye abantu.
Ndingena nkxaso. Ndindodwa. I was trying to enjoy my pregnancy kodwa engqondweni yam ndicinga
ukuba ngelapha uSimba.
324
Kodwa awukho kuba wagqiba ukuba uyandikhusela ndibe ndingafuni kukhuselwa ntweni qha ndifuna
ubomi nawe. Intliziyo yam ...
Undivise kabuhlungu. I can't get over that. Andikwazi. Andikwazi ukuzibeka kulo risk kwakhona,
ndiyafuna ukuba nawe nangoku. Yinto endenza umsindo leyo. Ndisafuna ukuba ngunkosikazi wakho. I'm
so mad and angry. Ndinonyaka wonke ndingalali namntu.”
Simba: ”Ndiyaxolisa. Ebunzulwini bentliziyo yam ndiyaxolisa. Ndinesazela sokuba ndiphoswe yiyo lonto.
Akhonto bendifuna ngaphezulu kokuba nomntwana nawe. Ewe bendifuna ukukubamba ngaye ekuqaleni
kuba ulilahle elitshisayo nawe. Kodwa bendifuna ukuba ngumzali nawe. And I'm sorry I wasn't there for
you guys ngenxa yokuba ndibe ligwala.”
Nomtha: ”Awungo boss kum Simba. Unguboss kwaba bantu bakusebenzelayo. Hayi kum. Xa unomntu
awuzithatheli wedwa izigqibo ezichaphazela nina nobabini. Uyahlala nomntu phantsi uzoneke kuye,
uthethe naye. Into yakho yokungathembi bendiyiqonda kuba ndandilapha ukufumana kwakho itests
zabantwana ubucinga ukuba ngabakho. Ndandilapha ubothulela ezondaba ndibona nendlela
wawubuhlungu ngayo. Ngakumbi ngokuba yonke lento uyenzwe ngumntu ubumthemba nobucinga
ukuba he has your best interest at heart. Awusoze ungazithandabuzi. Awusoze uthembe. Mna bendizo
kuqinisekisa ukuba awuziva okungathi awunondithemba. Andithethi ngomnye umntu kodwa mna. Fine
ndine history yokuphithizela kodwa ndinawe ngalondela ndandinawe ngayo andizange ndakunika
sizathu sokuba ungandithembi, awuyenzi into yokundohlwayela ubufebe buka Nokulunga. Kuba ayonto
intsha. Wayazi four years back ukuba uyafeba, andizufela izono zakhe. Andizulaxazwa ndilaxazelwe
ubufebe bakhe mntakabawo. Wandithembisa ngomtshato and ndifuna unditshate. Hayi kuba
ndinomntwana wakho kodwa kuba isisicwangciso sethu.”
Nomtha: ”Andinamsebenzi ukuba nditheni. Andizuxolisela into yokuba ungekho ebomini buka Zendaya.
Ubungekho ngokuba wazikhupha wena-
Ndishunqulwe kukukhala kwephone yam ndayodropha. Undijongile wakrwaqula iphone yam. Ndiyibeke
phantsi ndiphefumlela phezulu. Ndithe ndisajonga kuye kwakhona yaqala phantsi. Ndiphinde
ndayidropha.
Simba: ”Ungayibamba.”
Ndimjikelezisele amehlo.
Nomtha: ”Ubundinike umntu njengoba undilaxazile nje? Wawunyengeze umntu ebhegini yam?”
325
Simba: ”Uthi ufuna ukunditshata kodwa indzondo onayo emehlweni akho. Okanye ufuna ukundibulala
ndilel-
Ushunqulwe yeyakhe iphone naye. Uyibambile eyifaka kuloud. Andiyazi ebesenzela ntoni.
Simba: ”Hello.”
Utsho endijonga.
Siyanda: ”Erm Simba. Ndiyayazi nozama ukuthetha apho noNomtha. Nawe ufuna ukuchitha ixesha
nomntwana wenu kodwa uLulu ebefuna ukumbona kancinci. Umntwana. Oko endimele uba ndithethe
nawe. Nanku nangoku eyekelele ubuso apha.”
Uyihlekile uSimba. Ndinikine intloko yam ngokukhawuleza. Unyuse ishiya wathi 'why'. Ebengakhuphi
lizwi kodwa, enyakazisa indebe zomlomo. Andiyazi bekutheni kodwa ndivele ndoma ndimjonge umlomo.
Nempumlo. Bendinovalo endingalaziyo ukuba lelantoni nje.
Uthinte umqala. Bendimva ethetha kodwa ibingathi ndimvela kude. 'Why' 'I'm sorry' 'Why'. Ndimjonge
intamo kodwa ebengena nto.
Ndixhumile akundibamba.
Simba: ”Huh?”
Simba: ”Hayi.”
Uqinise imihlathi yakhe wazincumisa. Okanye ebencuma kakuhle qha mna bendibona izinto zam.
Bendididekile. Kukuba bendine flashbacks ngalamntu. Bendingaboni amehlo ukunyuka kuzo zonke.
Bendibona ukusukela empumlweni ukuhla. Enditeketisa. Sihleli naye etafileni nomama nLumumba.
Kodwa andikho na fifteen apho. Ndimncinci kakhulu. Lamntu ndandimbona ngalamini kuphuma
326
imizimba yabantu basekhaya, ecela uxolo kum wayengumhlobo katata. Wayenokuza endlini okanye xa
utata ehambe nam kwintlanganiso zomsebenzi ndimbone. Kodwa wanyamalala ixesha elide kuba
andimkhumbuli ekhona ngelixesha sendibhadlile ndikhulile. Bekunzima kum kuba bendingayazi ukuba
ibizingcinga nje okanye ingqondo yam ibidlala ngam. Ibingathi ndiqalwa kukuphambana kengoku.
Simba: ”Hayi.”
Ebendiqwalasele emehlweni ndambona eginya ingwiqi. Ndinikine intloko yam. Ayikho. Lento
bendiyicinga.
Nomtha: ”Askies undifanela nomntu. Kukuba mva nje, ngoku ndindodwa kwam. Bendicinga kakhulu
ngabazali bam nababulali babo. Icase yakhona yavele yaphela emoyeni ngenxa ye evidence engekhoyo.
Zange bafumane ubulungiswa obubafaneleyo. Umntu okanye abantu ababa bulalayo baqhubeka
nobomi okungathi abazange bashiye mntwana eyinkedama. I think yonke lento ndiyicinga ngoba
ndinoZendaya. Ukuba ndingaya esikolweni nditshayiswe yimoto ndibhubhe, anganabani? Ndihlala
nabantu abangandaziyo, abangakwaziyo wena. Ubungazazi noba unomntwana wena so ubungeke
uzame ukumfumana. It's sad you know. Ukuba umntwana wam angakhuliswa ngoVenus uba kungenzeka
into kuthi kuba andinamama ozomthatha mna. Andina family, bendifuna ukuba nefamily yam nawe
kodwa nawe wandilaxaza ndaqonda ukuba ndindodwa-
Simba: ”Nomtha, baby. Uright? Uthetha apha uthethe phaya, ayidibani yonke lento uyithethayo.”
Nomtha: ”Ugood ekufumaneni abantu Simba, unabantu abagood ekufumaneni abantu. Ndifuna lomntu
unetatoo entanyeni. Ukuba ndingafumana yena ndingafumana umbulali wabazali bam nomntakwethu.”
Simba: ”Baninzi Nomtha abantu abanoba ne tatoo. And sawukhangela sithi sikhangela itatoo yomlilo?”
Undifingele intshiya.
Simba: ”Usandotsho.”
Bendiphambana.
Ndinqwalile.
Ndimjonge intamo nalamlomo. Hayi maan Nomtha! Ndinqwalile. Ndiyothatha umntwana, uSimba
wathatha izinto zakhe.
327
THIRTY-NINE
Bendikruqukile! Bendiyithatha yonke into entle endake ndayithetha ngoZendaya. Indlela ebendidike
ngayo ibingase ndikhale isijwili. Ndinyuke ndisihla naye ndizama ukumthulisa wabe enyukelana.
Bekungekho nto ndingayizamanga ukumthulisa. Ebetyile, ehluthi. Engekho manzi. Ibele engalifuni.
Nomtha: ”Oh Zendaya kodwa! Yintoni mntanam? Mh? Xelela umama kubuhlungu ndawoni? Kubuhlungu
phi sisi?”
Ithule yaqala phantsi kwakhona. Ndiyixhwiphulele emsindweni wayona kuba ibindidika ngaphezulu
kokuba ndihleli ndidikiwe kakade.
Nomtha: ”Simba.”
Wayesigqibele ngalamini wayezosibeka usibona. Ebefouna andibuze ukuba unjani wathumela nemali nje
esidlangalaleni ukuba ndimthengele izinto azidingayo. Wayemboleke ngempelaveki le besikuyo.
IbinguLwesihlanu ngokuhlwa.
Undifounele esithi ungaphandle uSimba ndamxelela ukuba makangene. Uzonqonqoza eroomini. Ebeyazi
kuba wsyengenile ngalamini. Esiphathise izinto. Ufike esathule umntwana enesingqala.
Simba: ”Molweni.”
328
Nomtha: ”Ewe.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”It's unfair uba ufike ethule wena. Oko ndishushuzela engafuni nokubelekwa, engafuni
nokuncanca.”
Simba: ”Kukwenza i excuse ngomntwana wam. Yilento yakho yokuba nenkani noba kungekho sidingo
kuba benditshilo ukuba nawe uze.”
Ndinqwalile ndakhupha impahla zethu nenappy zomntwana. Umthwalo ububa mnintsi ke xa uhamba
nomntwana. Ndipakishe ndagqiba ndamthatha xa endinika yena ndakhupha ibele ndamncancisa.
Uncancile ngoku. Ebemi phambi kwethu uSimba ebambelele esinqeni.
Simba: ”Kufuneka uyicingisise lento yokuyohlala nam eCenturion. Ndizokwazi ukunceda nam
ngomntwana uzokwazi uphumla, ungahlali nje ujongene nomntwana qho.”
Nomtha: ”Ndizoyicinga.”
329
Nomtha: ”Ndim lo unethamsanqa lokuzala ixilongo laphezulu.”
Nomtha: ”Haha! Yazi kwezizinto zam. Labox. Ndifumene ienvelope enesitsixo nenumber endingayaziyo
ebhaliweyo. Ibhalwe igama lam ngaphandle.”
Simba: ”Oh?”
Ndinqwalile.
Uyoyikhupha wayibeka ecaleni kwam. Ndikhuphe la envelope ndamnika. Ufunde ingama lam elibhalwe
ngaphandle wayivula encina amehlo wakhe.
Ndinqwalile.
Simba: ”Indlela onokwazi ngayo kukuba uyoyithatha qha. Le yomqikelelo ayizukunceda nganto. Ina.”
Simba: ”Uqinisekile?”
Nomtha: ”Enkosi.
Ndinqwalile.
Simba: ”Awumindi?”
Wolathe kula box ndanikina intloko yam. Uchophe ebhedini ecaleni kwam wakhupha ialbum. Uncumile.
Iphoto yokuqala ibiyeyam ndimncinci. Bendincumile ndinyuse izandla caba ndizinyusele umntu
othwebula iphoto.
Simba: ”Ngekakhohlakali.”
330
Undikrwaqule kancinci watyhila kwenye. Uzibuke zonke. Isithi nje kwifamily outings . Eyadini endlini,
esikolweni. Bezininzi.
Nomtha: ”Kakhulu.”
Simba: ”Ndiyabona.”
Uyivalile wayibuyila kwibox. Uthethe enye iphoto yam sendibukhula. Mhlawumbi bendikoma eight.
Benditsala ingalo yomntu. Ebengavelanga yena kodwa ingalo yakhe ivelile. Caba bendifuna ukufota naye
yena engafuni. Uyiphethule yabe ibhaliwe ngemva. Aneni and her Godfather.
Ndiphinde ndajonga okungathi azange ndayibona kaliwaka. Ndizama ukuqonda lomntu uyiGodfather
yam ungabelanga ngobuso. Ndinyuse amagxa.
Ndimfingele intshiya.
Nomtha: ”Uzoyithini?”
Ndiyihleke kancinci.
Simba: ”Iright.”
Simba: ”Ndiyithathe?”
Nomtha: ”Usancanca.”
Ndimkhuphile wancwina kancinci kodwa akakhala. Utase laphoto waphindisela ibox endaweni yayo
waphatha ibags zethu.
331
Simba: ”Masambeni.”
Unyuse amagxa.
Simba: ”Uvele agibiseleke noba kunini apha. Andiyazi noba kukho into emtyayo na okanye usube
ephelelwe kukuya kwiflat yakhe.”
Simba: ”Mhlawumbi.”
Malik: ”OK.”
Uphinde wawarhola onke amehlo akhe. USimba ubeke izinto phantsi wazothatha umntwana kum.
Ebengencume ebeveze onke amazinyo ngaphandle.
Malik: ”Unomntwana?”
332
Simba: ”NguZendaya Nyeredzi Tongai. Sisi wakho omncinci.”
Ubuze utatakhe.
Nomtha: ”Malik!”
Simba: ”Yehake.”
Malik: ”Nisose nisenza omnye kwangoku ke. Andifuni kubekho isiphazamisi xa ndinowam umntwana.
Utamkhulu angakwazi ukuteketisa umzukulwana wakhe kuba unabantwana.”
Malik: ”Andibuzi otata babantu mna. Umntu umazi yena utata womntwana wakhe.”
333
Simba: ”NgokaSylvester. Nguye edada eJukskei.”
Malik: ”UMalkia useMeadowlands, uNura uyazihlalela, uJuju useKyalami. Usober ngoku which is good.
Uyaphangela.”
Simba: ”UMalik uyibhatala nje iflat yakhe kuba uhlala elapha kwam esitya ukutya kwam.”
Malik: ”Bendigada wena ke apha ungabi lonely. Ngoku umntu wakho ubuyile andisafunwa. Kulungile!”
Nomtha: ”Ndiyishiyile.”
Simba: ”Ngoba?”
Siyolala. Andilalanga phofu mna- hayi kwangoko. Ndifundile kuqala ndandula ukulala. Ndothuswe
kukukhala kuka Zendaya. Ebeleliswe ecaleni kwam. Ndithathe iwipe ndosula ingono ndamncancisa
uphindele ebuthongweni.
Malik: ”Morning!”
Nomtha: ”Undothusa!”
334
Malik: ”Askies.”
Malik: ”Le benza ezizinto zabo zitshaywayo zingekho mthethweni. Uthe uzobuya ngoku kodwa.
Ndiyahamba mna.”
Malik: ”Kukho into besiyoyithatha. Uthe uye ekamireni phezulu kwebhedi. Sharp! Usalele uZendaya?”
Ndinqwalile.
Ndinqwale nje ndayongena ekamireni kaSimba. Bekukho ibag phezulu kwebhedi. Ebrown.
Ndisondele ndayinkqika ndakhuza ndindwa. Ibigcwele imali ithe qhu! Zange ebomini bam ndake
ndabona imali engaka. Samora Tongai! Imali emgaka esematyaleni. Bendizibuza uba akayifakanga
bankini kuba ezazi ukuba ubolile ngamatyala na. Ebolile ngamatyala ebeyithatha phi imali engaka.
Bekukhi itape recorder nefile enkulu ebrown. Ndivule iletter yabe ibhalwe ngesandla sakhe. Ndizive
ndiphelelwa ngumoya ndingekamameli itape recorder okanye ndifunde iletter kuwe iphoto phantsi caba
ibiphakathi kwe envelope nayo. Ndiyicholile ndiyijonga ndazibamba isifuba. Bendingcangcazela.
Ndiyijonge ngemva yabe ibhaliwe ....
335
FORTY
'Panguva yaunoverenga izvi ndinenge ndafa ...'
Bendingayazi ukuba ndawuyigqiba ndinjani kuba bekunzima kwa ukugqitha kulamgca nje wokuqala.
Bendiyibona kaluzizi zinyembezi bezisemehlweni am. Bendingazuyifunda le letter ndingena mfanekiso
welizwi likaSamora. Noxa wayeneminyaka ehlala apha eRhawutini wayelwimi elilukhuni. Umva nje
ukuba akangowalapha.
Iqhubeke yatsho.
'Noxolo, sthandwa sam. Lumumba nyana wam olibhongo neqhayiya kum. Aneni-'
Nomtha: ”Hello?”
Luleka: ”Ndiba uzoyidroppa. Nomtha askies. Kunini ndizama ukukufounela, ndizama ukudibana nawe
ndizothetha nawe kodwa awufuni nento edibanise nam. Andikuxheshi kodwa bendifuna ukubuza ukuba
uzoxola nini. Usuku nonyaka ndizokwazi ukuyeka uba sisicefe kuwe ndilindele lomhla?”
Nomtha: ”Andiyithandi into yokuba you went behind my back wanditrepa ukuba ndidibane noSimba.
Bendiziva okungathi ndingcatshiwe nguwe. Uthathe ichoice yokuzithathela mna esosigqibo and
ayindivisi kamnandi lonto. Andithandi ukunyanzelwa ngento, andithandi nyani.”
Luleka: ”Ndiyaxolisa kakhulu Nomtha. Ndiyaxolisa ukukungcatsha kodwa bendiziva okungathi ndenza
into eright. For wena, for uJellytots. Akumnandanga and ayinoba kulula ukukhulisa umntwana ufunda
kungekho nenkxaso kumntu osondeleyo kuwe. Ubuzoba lonely kuba nam bendinga zukwazi ukuqhubeka
ndixokisela umyeni wam. Ebesendikrobele ukuba kukho into eyenzekayo ndancama ndamxelela ngoku
sebekuboni erestau noSimba uba bendikwazi apho ukho kwaye bendiyazi ukuba unomntwana qha
ngenxa yokuba undithembile ngemfihlelo yakho bekuzoba wrongo ukuba ndithethe. Bendikwenye nje
iposition. Ulose, lose.”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa ngokufaka engxakini nomyeni wakho kwaye ndiyayibulela yonke into ubusenzela
yona noZendaya. Andiyazi ngendiyintoni ngaphandle kwenkxaso nobukho bakho. Usincede kakhulu
336
ngexesha kanye besidinga ngalo umntu. Ndiyayibona into ubuyenza ngoku kodwa bendigekabikho ready
ngalamzuzu ukudeala noSimba.”
Nomtha: ”Hayi. Wasuke wathi uyicikozile kuba yena ebefuna ukuthi ufuna ukuba yifull time parent. Hayi
ukuba ufuna ukumhlutha kum.”
Ndiphefumlile.
Nomtha: ”Ndiyavuya ede wasempilweni yommtwana wakhe uSimba. Uyamthanda, ebelele naye izolo.
Ungutata oqotho yena ndiyayazi lonto kodwa into bendingayifuni kukuba umntwana wam abe ejongwa
nge magnifying glasses kutsalwa nesamples ayokwenza iDNA's-”
Luleka: ”Uthini?”
Nomtha: ”Kuthwa unamehlo akhe, naye wonwabile ngaye I guess. Andiyazi noba uzokwenza itests zakhe
bucala na kodwa athandaze ndingambhaqi ukuba kunjalo. Kuba Lulu ndawumbulala ngoku kwam!”
Nomtha: ”Xa kuziwa kuZendaya akhonto ndiyiqondayo. Ungandithandabuza mna uyoma apho uphela
khona kodwa umntwana wam hayi!”
Luleka: ”Ndirelieved ke ukuba niyazama. Ayikho into eyogqitha lonto. Bendinga zukwazi ukuhlala
ndikubukele usokola wedwa nomntwana kodwa utata wakhe uyaphila. Nathi asikwazi nokukunceda
simthathe ngezompela veki kuba uyafihlwa. Umntwana makamazi utata wakhe. Bonke abazali.
Ngaphandle kokuba yena akafuni ukuba sempilweni yakhe. Njengoba nawe ungathandanga
uluthathelwa izigqibo ungakwazi ukwenza ichoices zakho yindlela ebezoziva ngayo uSimba.”
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Luleka: ”Siright?”
Luleka: ”Andinaxesha labantu abasileyo mna ndizifunela uJellytots wam. Yehake uvile ngewarehouse?!”
Nomtha: ”Ndothuka lonto ngoku. Ndivuka engekho kemna uSimba, uMalik uthi uleqise khona. Inoba
kwenzeke ntoni na?”
Luleka: ”Yinto yangabom ndikuxelele mna. Umntu onomona. Umntu onokuzuza nto ngokuwa koSiyanda,
kodwa ngethamsanqa ishipment ibingekafiki. Konakele nangoku kodwa kubhetele banayo iproduct yabo
and abazotyala bantu mali.”
Luleka: ”Kakhulu.”
337
Luleka: ”Hahaha! Khawume wethu. Kengoku nisaxhwithana intsiba noSimba?”
Luleka: ”Uright. Ningabe nimosha amandla nisilwa nodwa kukho intshaba ezilindele ukuba uSimba alose
ifocus. Bangaphantsi koxinzelelo oluninzi abobantu. Be his peace.”
Nomtha: ”Peace yakhe nguZendaya, hayi mna. Ndisenomsindo wokuba endilaxazile endithembise
ngomtshato. Ndiba nengcwangu nje xa ndimbona.”
Ndijikelezise amehlo.
Luleka: ”Alright sthandwa. Ndizonibona evekini! Noba nize kwam sizobona umntwana nomalume
uSiyanda.”
Nomtha: ”Nawe uyeke ukuba maka, umcofa cofe mhla ndisiza. Ndifike inzwane zithe saa angabinawo
nomdla wokuxabana.”
Luleka: ”Haaa!”
Ndiye emnyango ndibeke uZendaya esinqeni sam. Ebemkhulu ke lonto! Bekuthiwe ndingamxheshi
ngesolids kuba unomzimba.
Mluleki: ”Ndonqene ukugibiselela ngaphakathi ke kuba ndinaso isitsixo. Molweni! Hey nanku loSun Li!”
Undangile ngoku ndiphethe umntwana, wabeka ibox enkulu ibiribithelwe ngento zakhona
ezimenyezelayo phantsi wafunqula umntwana.
338
Mluleki: ”Mkhulu! Wenza ntoni na uUlatho engangeni?! Latho!”
Ulatho: ”Ndiyezoo!”
Ndivele ndanaar! Bendingaqondi ukuba ndawuze ndimcacele uUlatho. Ibingase ndizibethekise edongeni
ukucinga ukuba ndizobonana nobuso bakhe. Ayikho ebeziyenza apha ngaphandle kokuba nguSuthukazi
Arosi kulaNozimanga unguNolungula. Bendifana mna noSimba. Ukuba awungomhlobo wam usisitha
sam.
U 'apha naphaya' womntu bendinga dibenanga naye. Kungene bantwana kuqala. Ababini
bebengashiyani kakhulu ngeminyaka nomdala kunabo. Bendingamazi ke yena nabanye abantwana babo
ababini. Ndibabulisile bonke nomama wabo. Sibashiye endlini sayohlala ngaphandle emthunzini. Umzi
kaSimba ubuyindawo eright for usapho.
Ndiyihleke kancinci.
Mluleki: ”Hayi usincede thina. Yini usiphosanisa nentombi yokuqala kaSimba. Ndiyathemba niyazilungisa
izinto nizoqhubeka ngelobo njengoba nanihleli nizokwenza uzohlala apha nomntwana. Ngumzi wakho
lo. Awuzuhamba uqasha nomntwana ekhona uSimba.”
Nomtha: ”Okwangoku sihoye umntwana. USimba kunezinto ekufuneka ezilungisile ngesiqu sakhe
ngaphambili kokuba ndicinge nokuba ngunkosikazi wakhe.”
Nomtha: ”Kuyafundeka. Yonke into ihamba kakuhle. Sendingxamele ukuba ndide ndigqibe yonke into
edibene nesikolo ndizoziphangelela.”
Ndinqwalile.
Mluleli: ”Ungaphangelela mna. Ndidinga i assistant izondinceda ukusorta izinto zam. Kunzima
ukufumana umtu endimthemba ngokupheleleyo ngezinto zam kwaye endibafumanayo abantu abahlali.
Sewusazi ngokwaneleyo ngesikwenzayo wena kwaye uyifamily so ndiyakthamba.”
339
Mluleki: ”Uyiyo Nomtha. Ubalulekile kumntakwethu, ungumama womntwana wethu. Ukuba beninga
phakanyelwa ziziciko noSimba ngesewungu nkosikazi.”
Ndiyihleke kancinci ndikrwaqula uUlatho ebebambe ucwangco ecaleni komyeni wakhe. Indlela ebethule
ngayo ubunothi sisobanini qha nobhuti.
Mluleki: ”Ngoba?”
Undishunqule.
Nomtha: ”Ukuba ubuphangela wedwa ungasebenzeli uVenus. Utata womntwana wam ukwelishishini
lifana nelenu and ukuxhasa nina ndawube ndisebenza against yena. Ngendlela izinto ezingakhona
ulutshaba lukaSimba, andizukwazi kemna ukudebenzela utshaba lukaSimba.
Nento nje endibene nalandoda- ndiyaxolisa ukutsho kodwa hayi andiyifuni. Umamakho ndiyamthanda,
andifuni aswele indoda kuba andithembi ukuba andinomfakela ityhefu ukuba ndinosondela kuye
ngokwaneleyo.”
Unqwalile.
Mluleki: ”Ndiyakuva. Indzondo yakho kuye ikhangeleka ingaphezulu kokuba engcatshe uSimba.”
Nomtha: ”Ingaphezulu koko ewe kodwa ndimthiye ngeso sizathu. Andisazi isikhohlakali esilala nomfazi
wonyana wasa simzalise abantwana sawugqiba sivume, sibukele unyana waso emkhulisa sibe sisaqhuba
ukulala naye.”
Unqwalile endiqwalasele ebusweni. Yena uVenus ... ilanga lakhe belisiza. Ebezawuhlawulela izono zakhe.
Ndifunga utata.
Siqhubile ke sincokola nobhuti ngezinye izinto ezingengo Venus. Bamnkile ngokuhlwa. Akhange
ndiyivule ipresent yabo sizoyivula kunye noSimba. Ibinkulu.
Ndihlambe umntwana ndamlalisa, nam ndahlamba ndanxiba ipyjamas zam. Ndiyotya i ice cream
ekhitshini ndizulisa kuba ndilinde uSimba abuye. Bendifuna ukulala sekhona ndizova ukuba konakele
kangakanani kwi warehouse. Ndive imoto iduma egarage ndibukele itivi. Ebesevuke kabini uZendaya
ndiyomshushuzela ndimncancisa.
Ndiyovula olwacango lwasegarage lukhokhelela endlini wabe evala umnyango omkhulu. Uze nganeno
wandincinela amehlo ukundibona emnyango.
Undifingele intshiya.
Simba: ”Baby, andikho mdleni wokuxabana nawe ngoku. Ndiyayazi ukuba unezinto odinga ukuziqonda
kum kodwa mna ngoku I'm only in the mood yokulala or f*ck.”
340
Ndiphefumelele phezulu ndimjonga emehlweni.
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Andikayifundi- andikakwazi. Ndibone imali qha. Ndisadinga amandla okuba nesibindi.”
Unqwalile.
Simba: ”Okay.”
Undijongile wahla nam. Usondele kum kancinci wandibamba isilevu erhabaxa kancinci, wasinyusa ukuba
ndimjonge. Usondeze ubuso bakhe kobam ndake ndayeka ukuphefumla. Bendiwubambile.
Uze wonke endihlasela umlomo wandinyusa endikhokhelela ekamireni yakhe. Bendijikelezise imilenza
yam esinqeni sakhe.
Simba: ”'Mntana?!”
Nomtha: ”'Lele!”
Ibe seso siphithi-phithi endikhulula yonke into eyilahlela kwa hell. Ngokuphanyaza kweso besendihamba
ngaze. Ukhulule ngokukwawuleza waphezulu kwam endiphuza kwakhona. Undibambe amabele wafaka
umlomo wakhe ndambona enyakama.
Nomtha: ”Yintoni?”
Simba: ”Bisi.”
Ndimhlekile.
Ndithe ndisayihleka wabe sewubuyisele umlomo wakhe endiphulula ngaphambili. Indlela bendimanzi
ngayo bendinga funi nokuthetha. Umzimba wam ubusamthanda, bendibona. Ebewazi amaqhosha
emakawacofe. Ufake iminwe endiphulula kamnandi ndaziva ndincwina ndifuna yena ubuqu. Uyabona
kudala ndalala namadoda. Ibingekho efika kuSimba ngokwazi indaba zakhe. Bendifunga ebene PhD
yokonwabisa nokuvisa umntu kamnandi. Ebengezi lamxhokonxo u uncomfortable yena. Ndizive
sendingcangcazela ndawabala mbhakra amehlo am. Ukhuphe iminwe ngoko nangoko akalinda nokuba
ndikhokhe umoya ngaphambili kokuba andingene ngamandla. Bekungekho sidingo sokuba ndithi ayifake
yonke okanye ngamandla kuba ebesenza kanye lonto. Ndimva esibelelweni. Ebetshilo phofu wathi he
wants to f*ck. Ebesenza kanye lonto. Bendingayazi ndithini ngesiqu sam. Ndifike kwiclimax kwakhona
wabe engayekelanga. Ebejdingena ngesantya segeza ndithi sendizixhwitha inwele ndibe nditsala
amashiti ndibe ndimnkrempa umqolo. Zange ndabaswzulwini kodwa bendinombono ukuba kunje
341
okanye ndiswzulwini. Okanye mhlawumbi bendimana ndikroba xa ndinyukela amaqhina. Inoba
ibiseyikokwesine ngoku ndifika kwaO wam wabe naye sevungama oku kwesilwanyana sasendle ndeva
ubushushu bakhe ngaphakathi kum. Waqhuba eyifaka kancinci okungathi ubuyisela ezi ziphumayo.
Undiphuze umlomo.
Nomtha: ”Ndirirayiti.”
Andiyanga kuye ndahamba ndayongena kwibathroom bendihlambe kuyo ndangena eshower ndikhama
namabele am umntwana angancanci ubumdaka. Ndiyeke amanzi andibethe entloko ndeva ngomnyango
uvuleka.
Sigqibe sendidinwe ndiyinja. Akukho ndawo ibingena mkhilindane. Ndikhamile kwakhona endibukele
ekhangeleka ekude ngengcinga.
Unqwalile.
Ndimshiye apho esaqubudile ndafika encwina. Ndimncancisile waphindela ebuthongweni nam ndalala.
342
FORTY TWO
Ndibeke iphone yam endlebeni ndiyimamele ikhala ingade icholwe. Bekukowesibini ngoku ndiyizama
ikhala ingene kwi voicemail. Eneneni besendikruqukile.
Nomtha: ”Ndikudikile.”
Nomtha: ”Akukho sidingo sokuba ude utsho, uyavakala ukuba udikiwe. Akudikwanga wena wedwa ke.
Nam ndidikiwe ngumntwana wakho. Andikwazi nokuzonwaya kuba uhleli nje uyang'winiza. Iveki yona
usiza. Andiyazi noba sewujike wanguYesu na.”
Simba: ”Ndizomthini mna. Nomtha ndidiniwe, ingase ndifike ndihlambe ndilale. Ndidiniwe.”
Simba: ”Nyamezela.”
Nomtha: ”Yhoo!”
Simba: ”Suxoka.”
Nomtha: ”Umntu ndimgadele umntwana itwo weeks yonke usafuna elinye ixesha.”
Nomtha: ”Nam?”
343
Nomtha: ”Ndandikuxelele mos ukuba ndizomqalisa ibhotile ukufika kwam eDiepkloof.”
Simba: ”Ohhh.”
Nomtha: ”Wakuncancisa ke wena uBisola. Owam umntwana ufuna ancance ibhotile. Okay.”
Simba: ”Mxelele I love her to the moon and back. Uxelele nomamakhe.”
Simba: ”Goodnightini.”
Nomtha: ”Night.”
Bekugqithe iveli ezimbini- correction, ezine emveni kokufumana iletter nemali nala recording.
Ndazithatha kodwa bendingekagqibi ukufuna iletter, ndingekaqalisi ukumamela itape. Imali
bendiyisayishiye kule bag phaya kwaSimba. Lomzuzu bendingeka yazi ukuba ndizoyi investa okanye
ndizokwenzantoni bendifuna ihlale kula bag lomzuzu. KwaSimba, kuba ibikhuselekile phaya kunalapha.
Ndothuswe yiphone yam ekuseni ndaphethuka ndiyithatha. Ibingathi kukhawuleze kwasa maan.
Nomtha: ”Mh?”
Nomtha: ”Phi?”
344
Simba: ”Khawuvule.”
Ndibeke iphone yam ndakhangela igown ndayibhinqa ndaphuma ndiphethe isitsixo. Bendizileleli
ngepeyinti qha kuba kutshisa.
Ebephumile emotweni emi ngaphandle kwemoto, ndimvulele igate wandincumela. Ebenxibe itracksuits.
Phofu umzantsi nesikipa nje netrainers. Ebephethe itake-aways.
Nomtha: ”Phi?”
Nomtha: ”Andiziqaphelanga.”
Simba: ”Sisikolo?”
Nomtha: ”Nomntwana.”
Nomtha: ”Kuyafana naphaya mos kuba uzobe ukwezi business trips zakho.”
Nomtha: ”Ndizobona.”
Nomtha: ”Ubundikhumbula.”
Simba: ”Early in the morning undibuza ngokuba siyintoni. Nomtha masiqale sitye kuqala.”
Nomtha: ”Okay.”
Singene ngaphakathi wakhulula wangena ezingubeni. Usondeze umntwana kuye emphuza. Ndityile mna
lomzuzu besalele ndathi ndigqiba wabe sekokude ubuthongo uSimba. Ndithethe iphone yam ndibafota
nentombi yakhe ndayongena kwelinye icala ndibazela ngomva ndiphindela ebuthongweni nam.
Ibingekho into bendizoyihlalela ndibukelane nabantu abaleleyo. Bendihleli ndingeka zimiseli ukuvuka.
345
Bendibuza ibhasi ibhaliwe kuba ebesekomini yakhe emhlamba uSimba.
Kodwa unqwalile.
Undijongile.
Simba: ”Andizuphuma kakhulu. Bendigqibelisa ngoku. Ukuba ndimnkile ndizobuya kwangalo mini.”
Ndinqwalile. Khange ndikhalaze nokukhalaza ngokumnka kwakhe iveki ezine zonke kuba bendiqonda
ukuba ikhona into ibubalulekile ebeyihambele ngenxa yala warehouse yabo itshisiweyo. Kodwa
bendimdinga ke, ngakumbi kule iveki. Bendindinga uncedo lwakhe ngomntwana kuba bendidinwa nam.
Ndidinwa na sisikolo.
Uphefumlile.
Simba: ”Iyalunga iWarehouse. Sawube sesisebenza kuleveki izayo. Besisebenzisa enye for- besisebenzisa
enye kodwa ayikho mgangathweni uright.”
Simba: ”Kuba ndimxelele lomntu utshisileyo ukuba sizoyixolela okwangoku, kodwa yaphinde yenzeka
into enje yimpi. Ndithemba ukuba undivile kuba ke mna I keep my promises. Uyayazi lonto.”
Simba: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Nje.”
Nomtha: ”Undixelela ukuba zange uyimamele okanye ufunde iletter yam ngalamini wawyuyozithatha?”
Nomtha: ”Wayifunda.”
Simba: ”Okay.”
346
Simba: ”Awuyo fish kaloku Mamntande, zifish zodwa izinto ezihlala emanzini.”
Simba: ”NguMluleki.”
Nomtha: ”Unantoni?”
Nomtha: ”Nini?”
Simba: ”Ngomso.”
Simba: ”Sendimthengele ipresent. Esuka kum nawe. Singumntu mnye. Mna nawe.”
Nomtha: ”Mxm.”
Ndiyihlekile.
Simba: ”Hayi Nomtha tyhini! Andizanga kuzobukela wena ulele mna. Uzolala nazendlini.”
Sichithe imini sihleli nje singenzi nto. Besizipholele ngaphandle kwendlu sisemthunzini. Bendilala
ndivuke. Bekumnandi nyani ngoku sendimlule uZendaya kuba bendikwazi ukuphumla kakuhle. Inkani
zam ngamanye amaxesha! Kuba eberight uSimba ngokuthi ndiyeke ukuncancisa. Bendingayazi ukuba
ndizothi sibuyelene okanye hayi. Bendingayazi kwamna into ibisenzeka kodwa ibiright kanye ngoku
ingenagama. Silalise umntwana kwasa phandle sijongile. Oko bendimgqibele ngalamini sasileli apha
njengoba besiphinda nangoku. Ubusuku bonke. Besenzela nezamini ndandivele ndinkonke.
Emveni kwemini siye kwaMluleki. Besekugcwele ngaphandle kuzijumping castle kuzigames nje
ezohlukeneyo. Bendinexhalana kuba bendiyazi ukuba uMluleki umeme ifamily yonke, bekunokwenzeka
ukuba notatakhe abephaya. Simise imoto estratweni uSimba wathatha umntwana. Ndithathe ibag yakhe
mna sangena. Sigqithe kwisiphithi-phithi sayongena ekhitshini. Abafazi bakwaMatanzima bonke
bebesekhitshini bejongene emehlweni beyihleka.
347
Bisola: ”Oh! Oh! Nantsi lengelosi kudala ndifuna uyobona, mzise mzise! Yhuuuu Simba! Akasemhle.
Amehlo hahaha! China lakwabani. Ohhhh methuna Zendaya. Nomtha.”
Bisola: ”Ungumdlezana nyani uyabona uhlile nasemzimbeni? Okanye kukuba ndakugqibela kudala?”
Nomtha: ”Ndehlile. Andiyazi noba sisikolo na okanye ngumntwana. Kodwa ndehla ngoku seyeke
nokuncanca. Bendizothi kukuncancisa.”
Bisola: ”Uke uye kwagqirha maan. Abanye abantu babanengxaki xa begqiba kubeleka, ezinye zizifihle
ziyoziveza sekonakele. Uke ubone ugqirha. Uyatya kodwa? Kakuhle?”
Simba: ”Awusemhle.”
Bisola: ”Angakubeka apha, uyayazi naye lonto. Tyhini bawo angade ahambe ethetha obobubhanxa. Ze
kusuke nonwele nje kulontloko uzawundibhaqa. Uyabona uzoqiniseka ukuba akukho kwanto yenzeka
kuwe kengoku noba ayinanto enokwenza naye. Kanti konakele phi na Simba. Nabantwana bathi
awusababoni.”
Simba: ”Oh alright. Uzomxelela nini umama ngabazululwana bakhe? Mh? Lungas? Hey liqheya nyani
lentwana! Kuthwa ngubani igama lakhe? Junior?”
348
Nomtha: ”Sylvester Stallone mntakabawo! Mhle nyani ufana notatakhe. Abantwana bangoku! Usokole
wedwa aphume efana noyise. Kubhetele kum ngamehlo qha. And akafani notamkhulu, andithi
Jellytots!”
Bisola: ”Huh? Simba? Sikhona isizathu sokuba uthi abantwana bakho nguMalik noZendaya qha? Benzeni
abanye?”
Simba: ”Ayikuba benzeni, kukuba umamabo wenzani kwaye wayenza nabani. Abazukulwana bakho
nguMalik noZendaya. Qha.”
Ulatho: ”Ndiright nam. Naziya ibites, ungazinceda ngazo. So senikunye kwakhona nobhuti?”
Ulatho: ”So waxola ukuba wamfihlela umntwana wakhe ipregnancy yonke nenyanga ngaphezulu?”
Nomtha: ”So umntwana yaba ngoka Sylvester. Inoba unjani ukukhululeka uMkhuseli. Indlela
wayenexhala ngayo ecinga ukuba ngowakhe. Ndamxelela avule icase once and for all. Irape noba
yenziwa ngubani, bubulwanyana. Ikuxutha isidima sakho ikuhluthule umntu onguye. Anditsho ukuba
wamdlwengula. Andifuni ukutshiswa mna. Kaloku kuthwa utata wabantwana bakho yiArsonist. Kunjani
eMeadowlands?”
Ulatho: ”Uyazi Nomtha. Singamanina kufuneka sibambane, sixhasane. Ngakumbi thina bafazi
bakwaMatanzima. Ukuba asibambani thina singabafazi abayeni bethu bawuxatyaniswa sithi. Ungavumi
ukuba omnye umfazi alale ngenyembezi ngenxa yakho. AwungoThixo yena ogwebayo.”
Nomtha: ”Bendizolungena olumanyano lwenu ukuba beningajiki kwanina ninyathele umazala wenu
izithende. Sibambane sixhasane ntoni? Ubugqwirha?! Nibe nihleka nomama kaSimba apha kanti
niyampretenda. Mhla yavela le yona kwawufa umntu sibone ukuba lombuthwano wenu uphelelaphi.
Wena uyafana nje noNokulunga kuba endaweni yokuba umcebise kakuhle usaqhubela uyamxhasa.”
Ulatho: ”Nomtha ndineminyaka mna ndendele kulomzi. Iminyaka. Ungekazalwa nokuzalwa. Alukho
usapho olungena mfihlelo. Ukuba umkhathalele umama, wena nomyeni wakho nawumkhusela kulento
ingafiki ezindlebeni zakhe!”
349
Mluleki: ”Hey! Hey! Siniva singaphandle! Ndenzela umntwana wam iparty apha! Andivulanga ndimanga.
Nilweni ngenye imini kodwa ningamosheli umntwana wam usuku. Nomtha, uzokhathazeka uSimba xa
ndinigxotha kwam. Hlonipha umzi wam nalento niyizeleyo apha okanye uphindele eCenturion
uyozicinga kakuhle ukuba ungumama womntwana kaSimba na okanye unguNondatshaza esitratweni.
Wena ungumfazi okanye unguNondatshaza esitratweni, kuba ngendlela eniziphethe ngayo anohlukanga
kubo!”
Mluleki: ”Tyhini.”
Simba: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Ndiright.”
Ndisukume ngokukhawuleze caba kuba ndivele ndanesiyezi ndabambelela ngetafile. Uxheshise weza
kum uSimba endibamba okungathi ndizowa.
Simba: ”Uright?”
Ndinqwalile.
Undive ibunzi qandiphuza. Ebekhathazekile nam ngokunjalo. Inoba ibingumsindo lo. Bendingasafuni
ukuba kulapati. Sendonele kodwa sisandofika.
Nomtha: ”Masigodukeni.”
Ebendisebezela endlebeni.
Simba: ”Kuninzi okusesichengeni. Ngendlela oqhuba ngayo ngoku nendlela ongakwazi ukuzibamba
ngayo uzothetha izinto. Uzopotya izonto. Nditheni kuwe?”
Simba: ”Ndingaphinde ndikuve unyusa ilizwi ke. Yitya something ngaphambili kokuba usiwele. Ikhona
into odlula kuyo endingayaziyo?”
Nomtha: ”Ayikho.”
350
Nomtha: ”Khange bandijonge. Bandinike ipilisi zokicacisa ukutya. Ndenze neHIV test kuba besendicinga
nayo.”
Utsho waphindela kobhuti esishiya sodwa. Undijonge nje waya ngaphambili ebantwaneni.
351
FORTY ONE
'Panguva yaunoverenga izvi ndinenge ndafa ...
Noxolo, sthandwa sam. Lumumba nyana wam olibhongo neqhayiya kum. Aneni mwedzi yanhu.
Ndiyayazi uzova ubuhlungu kakhulu yiyo yonke lento kuba ububona uThixo kum. Ndibuhlungu ukunazisa
ukuba andinguye lomntu bendicinga ukuba ndinguye. Umama wenu uyayazi, akukho nto angayaziyo.
Bendisoloko ndifuba ukunikhusela kobabomi bam bumnyama ningaba ntwana bam. Kodwa andinogcina
imfihlelo engaka ndide ndife nayo. Ekugqibeleni kufuneka niyazi ukuba utata wayengengo Yesu. Utata
wayeneziphene naye kuba ungumntu. Andina zikrokro ebomoni. Andina mathandabuzo ngempilo
endiyikhethileyo kuba ukwenzenjalo bendiqinisekisa ukuba niphila impilo enifanele. Ndithengise
umphefumlo wam and made a deal with the devil ngenxa yokuba ndifuna ukugcona lempilo ndiniqhelise
yona noNoxolo. Ishishini lam lapotyakala kudala. Bendingasenzi mali, ndingakwazi nokuhlawula
abasebenzi bam ndafumana icash injection kumntu owrongo. Kusathane wasemhlabeni. UVenus 'Tiger'
Matanzima. Bendimcocela imali yakhe emdaka. Ndimgcinele iziyobisi nezibhamu kwipremices zam.
Ngomzuzu omye bendinolawulo lwento yonke ngomnye ndazibona sendiyi puppet kaVenus. Selawula
ishishini lam mna ndiphendula kuye. Ndinyamezele kuba benifumana the best of everything kodwa
ibingebo bomi bendibufuna obu.
Bendifuna ukuba ngumntu onyanisekileyo ndibe ngumzekelo kuni. Bendinesazela qho xa ndinenzela into
ngemali emdaka. Ibinditya kancinci lonto indibulala kodwa bendawu kwenza njani? Indoda kufuneka
yenza ekufuneka ikwenzile. It was my obligation.
Ndibhala lencwadi kuba there is a hit on my head. Umhlobo wam undilumnkisile ukuba ndimnke
ndibaleke kuba ndizobulawa. Uyabona, ngenxa yokuba ndifuna ukuphuma kobubomi ndenze impazamo
yokubela uVenus. Ndikwasebenzisana namapolisa ndiwanika ubungqina bokumwisa phantsi neshishini
lakhe. Lendoda ayina sazela, ayina ntliziyo Noxolo. Akana mphefumlo. Sisiporho somntu, ndiyayazi
ukuba uzondibulala kwaye ngesihlungu. Andiyazi bendicinga ntoni ukumsa emapoliseni kuba akaqali
kuphandwa kungafunyanwa nto. Bendicinga ukuba ndawumnaqoba mna. Kukhangeleka okungathi
ndizibizele ukufa. Andizubaleka, ayibubo ubomi endinifunele bona obu. I'm gonna take this like a man.
Into angazuyifumana yimali le ndiyibileyo. Ndithemba ukuba ngexesha eniyifumana ngayo nawube
ningeka thwaxeki kangako. Andikwazi ukuyishiya nommeli kuba nangaphandle kokuba ndimtyala
kwayena uVenus uzoyazi. Akakho umntu ongekho sentendeni yezandla zakhe. Sekela. OoMinister,
ooCeba. Amapolisa aphezulu nabaphathi abambalwa. Une army yabantu abamsebenzelayo. Abantu
bekumele basebenzela ukumfaka eziseleni. Andiyazi bendicinga ntoni kodwa ndiyaqonda ngoku,
ukungena kwam kuye yayikukuvuma ukufa kuba ibingekho enye indlela bendinophuma ngayo
kobubomi.
Nijonge lephoto ndiyifake apha, nakubona lomntu nibaleke. Ningabalekeli mapoliseni kodwa nikhangele
iGodfather kaAneni uSimba Nkonkheli Matanzima. Ewe, uzalwa nguTiger kodwa ndimthemba ngobomi
bam ... nani mthembeni-
Ndizive ndixukuzelwa ngamathumbu. Godfather? Simthembe nathi kuba umthembe ngobomi bakhe
bonke? Simba.
Simba: ”Nomtha!”
352
Ndikhawuleze ndafaka iletter kwi envelope ndayiqhusheka ngaphantsi komqamelelo. Kuvuleke ucango
wandijonga.
Simba: ”Yonk'intw'iright?”
Ndiphefumlile.
'USam.'
'Ndiyakutyala okuninzi.'
'Ndiphe yona.'
'Uzoyithini?'
Ndiyihleke kancinci.
'Ndithanda le.'
'Iright.'
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Mh?”
Bendingaqondi ukuba besendikude nengcinga. Ndimjongile wavula ucango lonke lathi gebelele
wasondela kum echophe ecaleni kwam ebhedini.
Undiphulule umqolo kanti uvula umthombo wenyembezi. Undiyekile ndakhala ndonela engathethi nto,
endiphulula nje.
353
Nomtha: ”Babenyanisile ababantu ngokuthi uSamora uzibandakanye nabantu abangalunganga.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Andikayigqibi. Kodwa ndiyifundile. Ebemazi nyani uVenus. Umbiza ngomngcatshi nenyoka
kuba wamxela emapoliseni-”
Nomtha: ”Uyayazi.”
Bendingafuni ukungena kuyo eyokuba undifihlele ukuba uyamazi uSamora. Hayi nokuba undifihlele
kodwa ukhanyele ndimbiza ngamatyeli amaninzi. Kodwa ebesoloko ephuluka qha mna ndingahoyi kuba
naye ebevele andibhebhethe. Wayenyanisile ke ukuthi wandithanda kwakudala kuba noba imemory
yam inokuba mfiliba xa ndicinga igama elithi godfather bendivele ndiyive intliziyo yam ikhukhumala
luthando. Bendinga senakumkhumbula ngoku kuba ndamgqibela kudalaa ndiselula kakhulu Ebohluke
kakhulu kulamntu bendimbona engqondweni yam.
Nomtha: ”Yikondawo qha. Nokuba lemali le yimali ayiba kuVenus and ebemfunela yona. Ekhuphe ihit
egameni lakhe. Ebezazi ukuba uzosweleka kodwa sandingayiboni yonke lonto thina. Ndsndingayiboni
yonke lonto. Wayengabonisi stress sokuba usengxakini. Wayesoloko enoncumo nomonde nangemini
zokugqibela.”
Simba: ”UVenus upowerful ngeyona ndlela. Uxhumene nabantu abaninzi. Abantu onolindela ukuba
baxabise abantu nezidingo zabo. Lamntu usebenzisana noceba ukuze izinto zakhe zihambe kakuhle
kwingingqi. Noba bambona eshushumbisa benze ingathi ababoni. Ungumthetho uqobo.
Amapolisa uwaphethe kanje. Ibusiness katata wakho wayiwisa ngoku kwakhe ukuze azokwazi
ukumbamba ngamaphambili amsebenzise. Wawela kulotrap uSam ngaphandle kwezilumnkiso zam.
Kwangathi ndifuna ubutyebi ndodwa ndamyeka.
Buye baphela ubuhlobo bethu ngenxa yalonto. Ndayeka ukuza kowenu, ndaphuma kuye. Kodwa
ngelixesha sesengxakini noVenus wabalekela kum endicela ukuba ndimncede ngani kuba yena
senikezele. Bendiyazi ukuba kukho imali ayibileyo kutata nokuba uyiqhusheke somewhere so yilonto
bendingaqondi kakuhle ukuba uhamba uthengisa ngomzimba njani kodwa u'Sam' une half a million
ukuba ayomillion ayibileyo kuTiger.”
354
ubundithambele. Bekukho into ekutsalela kum njengoba nangoku ikhona. Noxa unomsindo onawo
ngakum.
Unikine intloko yakhe ngokungathi ebeyazi into bendifuna ukuyibuza. Ngokungathi ebenesiphiwo
esithile sokufunda ingqondo.
Andiyazi bekutheni ndifuna ngentliziyo yam ukuba ingabinguye owabulala abazali bam nomntakwethu.
Bendifuna kubekanti akanaso kwasandla ekufeni kwabo. Ndithemba ukuba wayenga phazami utata
kulaletter yakhe ngokucinga ukuba singamthemba uSimba.
Bendixukuzelwa ngamathumbu intliziyo yam inzima. Ibiseyicaca ukuba nguVenus umntu obulele utata.
Ebenaso sonke isizathu sokumgudluza kuba ebelimeva esithendeni sakhe. Bekuright kengoku ukuba
ndibe nosapho, ndithandane nonyama wombulali wosapho lwam. Ndimzalele abazukulwana, ndibe
ngumolokazana wakhe? USamora ewe ebenthembile njengamntu ebenokusikhusela kodwa ebeyilindele
eyokuba sawukwazana ngoluhlobo loSimba. Eyokuba akazuba yiGodfather yam kodwa utata
wabantwana bam. Womntwana wam. Andiyazi bendiziva kanjani ngalonto, andiyazi. Bendingeno kwazi
ukumginya ngoku umntwana kuba ebesekhona.
Simba: ”Ndandizobuya ngemini elandelayo mna endise eCape Town. Kukho enye ikingpin
ndandiyothetha nayo ngoku distributa phaya. Kwakufanele ukuba kuye uMluleki kodwa wayitshintsa
lonto ngomzuzu wokugqibela. Zange sivane nalamntu ndathatha iflight ebuyayo. Ndifounelwe nguMonti
esithi kugcwele amapolisa apha, amapolisa neambulance. Andiyazi kwenzekani kuba ndsndibeke
uSylvester agade. Ndafika sekulate. Sekudityulwe uSam noKoyo. Umntu ndandicinga ukuba iniba
usindile nguLumumba kuba wayendixhaphakele kwiclubs. Qho ndimbona edlakaza imali ngotywala
obudurhu nomarhosha abasemgangathweni ophezulu. Ndothuka ndokubona kuba ndandicinga ukuba
ukhona nawe. Ukuba umzimba wesithathu kuleya yayikhutshwa ngowakho. Ndakubona.”
Simba: ”Ndayisusa ngelazer surgery kwangaloveki. Ndifuna kuphele noba yinyanga ndizokufumana
ndikufake kwiboarding school.”
Nomtha: ”Kwathini?”
Simba: ”Ndasiwa eSaudi ngutata. Ndahlala inyanga ndabuya ndingayazi noba utshone ngaphi.
Ndancama de ndadibana nawe eclubini.”
Nomtha: ”Yayingubani?”
Simba: ”Baby andiyazi. Ndafika sekonakeke mna kodwa ndeva nje ukuba utata wathi kungaqhweshi
nekati. Yayi personal into yakhe noSam kuba uyifanisa nekaJudas noYesu. Wayemthembi uSam utata.
355
Andiyazi noba kukuba wayecinga uba ngenxa yokuba emvalele ekoneni akasoze enze nto kuye kodwa
wayesomdeze nangaphazulu kwam. Uyayazi mos ukuba mna notata zange saba nobudlelwane obufana
nabanta kwethu? Ingathi kukho apho intambo zethu zingadibani khona. Akandivisisi. Uthi kukuba
ezibona kakhulu kum, indim omthathileyo konyana bakhe kwaye endaweni yokuba ndisondele kuye
ndiya ndibhekela. Ndizibona amandla kakhulu. Ekuqaleni bendizama ukuba ngulonyana amfunayo.
Ndibaleka ilizwe lonke kuba ndicinga ukuba uzobona uba ndithembekile kuye kodwa besingafiki apho.
Ndiyaqonda ngoku ukuba besingafikiswa nakukuba ethanda unkosikazi wam. Noba ebengamthandi nje
ngomama kwaye engasoze kodwa kwezizifebe ebezithanda ecaleni ebeyi official mistress yakhe.
Emzalisa ngesibom- for some sick reason endingasoze ndiyazi. Ebengulonyana ndandingenguye uSam.
Besitya bonke emxaelela imfihlo ebengungafanelanga ukuba uzixelela mntu. Eberecorda uSam. Esenza
icopy, enye wayinika kanye elipolisa lisebenzela uTiger. Wayephambana ngumsindo. Yilonto
wayengafuni kuphume nempukane. Yilonto wonyanya ukuba awuqhweshanga kuphela kodwa unonyana
wakhe.”
Uphefumlele phezulu.
Simba: ”Ndandingenaso isizathu sokukufihlela inyani. Mhlawumbi ndandiyazi iwrongo into yokuba
ndikufune ngalendlela besendikufuna ngayo. Nomtha ukuqala nje kwam ukubona ndandifuna ukuzibona
ndiphakathi kwamathanga akho. Ndisajonge leyo ndafuna ukubona ndinabantwana nawe. Ndisafuna
lonto nnangoku. Ubenabantwana abaninzi bam. Ube nguUlatho.”
Simba: ”Ndandiyazi ukuba kuzofuneka ndikuxelele yonke inyani. Ndikuxelele ukuba ndiyintoni kuwe.
Bendifuna ungandithathi njengomntu ongutata kuwe. Umntu othenjwe nguSam ukuba akugade mhla
kwenzeka into kuye. Kodwa bendinesazela mihla le. Isazela sokuba ndifuna ukwenza umfazi nomama
wabantwana bam. Ngaphezulu koko ndinesazela sokuba ndabalate. Zange ndiqonde ukuba utata
undibalekisela ukuba azobulala uSam, nomntu endandimbekile weza ne excuse eweak yokuba walamba
wayothenga ikota. Ngoku ndicinga ukuba wayeliliso likaVenus.”
Simba: ”Process izinto ngendlela ofuna ngayo. Uyifunde laletter ukuba uyafuna, xa uready umamele la
recording. Kodwa kuyo yonke lonto ungandikhalali mna. Ndiyayazi unezizathu ezininzi zokuba ungafuni
nto ekudubanisa nam nabantu basekhaya kodwa ndifuna uyazi ukuba ndakuthanda kudala. Ngendlela
eyihlukile kule ewe kodwa nangoku ndisakuthanda. Ukuba ufuna ubulungiswa ndizogweba umntu ofuna
ukumgweba kodwa uyazi ukuba akukho ukubuya mva. Ndiyayiqonda ukuba uzoba nomsindo ngoku
ufune ukumbona etshabalala uVenus kodwa ungaxhamazeli. Ndiyakwazi ngokwenza ungacingi.
Wabhatyaza uzofa Nomtha and sinabantwana ngoku. Sinomntwana. Kufuneka senze yonke into
ngobuchule baby. Ndiyakuthanda, uyazi lonto. Ndandingayazi ukuba ungumntwana kaSam-”
Nomtha: ”Kodwa ngoku undibetha impundu ngebhanti uyayazi. Ngoku undiqhwaba ngempama
ndayonkule phantsi uyayazi.”
Unqwalile.
356
Nomtha: ”Andiyikholwa yonke lento le. Ingathi ndikwifilm. Andiqinisekanga nganto ebomini bam. Kuba
lomntu bendicinga ukuba ndiyamazi andimazi. Nguye umntu owabulalisa uNoxolo noLumumba.
Bekufanele ukuba kwabulawa yena yedwa, kungachaphazeleki abantu abamsulwa.”
Simba: ”Angasisigebenga uSam kodwa ebeyiyo yonke lanto ubucinga ukuba yiyo. Uyakhumbula
ndimuxelela ngokuba you can't be the same thing kuwo wonke umntu. Nam andinguye uboss kuwe,
ndinguSimba, utata kaZendaya. Yilonto endiyiyo. USam wayengutata kuwe kwaye wayekuthanda
ngokunga zenzisiyo. Wenza impazamo yokuthemba umntu owrongo qha. Wenza ngako konke
ukunikhusela nokuzikhupha kulampilo. Ayompilo yakhe leya. Yayingeyo mpilo yakhe. Wayeyi dolphin
phakathi kwesharks. Sizisharks thina obubomi sithi, thina sibobubomi kodwa akuthethi ukuba
asinokwazi ukuzisa umphefumlo emhlabeni nokuwunakelela lomphefumlo kuba sithatha eminye. Hold
on to that memory of your father uzixelele ukuba it was written in the stars. Kwasekugqityiwe ukuba
ibali lakhe liphele ngoluyahlobo kwaye wena kwakufanele ukuba elakho liqhube. Unefemeli yakho
ngoku, nabantwana abangabakho-”
Nomtha: ”Nomntwana.”
Simba: ”Huh?”
Simba: ”Yenza njalo. Bendimthengele idummy uZendaya izolo. Besiyifake amanzi awarm noMalik.
Awuzukwazi ukumpompela ubisi noba azikho zakhona. Umsengele?”
Nomtha: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Andiqondi kukho ingxaki kulonto. Abanye abantu bancancisa abantwana bade bade no one.
Undixelela ukuba abalalwa bona unyaka wonke?”
Nomtha: ”Usemncinci lomntwana Simba, unenyanga ezintathu qha. Usalidinga ibisi kebele.
Andinangxaki nokuncancisa.”
357
Unqwalile. Uphumile ndashiyeka ndiphefumla okungathi bendiwubambile umphefumlo wam. Yhooo
inene. NguDays of our lives obam ubomi sana.
358
FORTY THREE
Simba: ”Yintoni ingxaki wahlala wedwa apha?”
Nomtha: ”Ebekhala?”
Simba: ”Kuzothiwa kutheni wandibambisa umntwana kabani? Kutheni uhleli wedwa bebaninzi abantu?”
Nomtha: ”Ndizohlala nabani? Andifuni kuhlala ne ex wife nomfazi kabhuti wakho. Bayandidika nje
indlela abapretentious ngayo.”
Simba: ”Nomtha kuzofuneka wehlise umoya baby ngoba uzifakela istress. Suyingena kakhulu into
yoNokulunga, inyaniso izozivelela ngemini evela ngayo. Ndiyayazi yonke lento uyenzela ukundimela
kodwa andiyidingi lonto kuwe. Ngokucacileyo you're going through a lot noxa ungafuni ukutsho ukuba
yintoni kodwa awunguwe ncam plus nomsindo ngaphezulu. Uzocinga ukuba uyanceda kanti wenza
umonakalo. Thoba umoya uziyeke ezaba.”
Nomtha: ”Ndidiniwe.”
Nomtha: ”Ndidiniwe.”
Nomtha: ”Andiyazi kwenzeka ntoni ngam Simba kodwa andiziva kakuhle. Ndinexesha ngoku ndingaziva
kakuhle. Ndihleli nje ndidiniwe ingase ndilale. Andiziva right tu. Ngapha kufuneka ndihoyane noZendaya
noba andiziva kakuhle, abe ekhala into engapheliyo. Sisikolo ngapha.”
Simba: ”Mhlawumbi awuzithathanga kakuhle zonke ezindaba zikatata wakho nam. You have to deal
with everything Nomtha. Uzive ngendlela oziva ngayo. Ungenzi okungathi uright ungekho right. Ngoba
ngoku ukhuphela umsindo ebantwini and uzomosha izinto uzisole.”
Nomtha: ”Andizithathanga kakuhle, ewe kodwa umsindo woNokulunga awudibenanga nento kaSamora.
Uyandicaphukisa nje yena nalatshomi yakhe uUlatho. Andiyazi nendiyizele apha. Nokungabi right kwam
akudibenanga nabo.”
359
Simba: ”Ndithe yiza eCenturion. Ngalondlela ndizokwazi ukukunceda ngomntwana de siyazi lengxaki
yakho ukuba yintoni. Andisoze ndiphinde ndiphume ixesha elide benditshilo kuwe.”
Nomtha: ”Umqolo wam ubuhlungu, akukho ndawo engaqaqambi. Nalo mzimba undifakela esinye
istress.”
Ndiphefumlile.
Simba: ”Ndizocela uUlatho akuvulele kwenye yekamire uphumle. Ingathi uyozela nokozela.”
Nomtha: ”Andiqondi ufuna into edibene nam uUlatho ngoku. Ndibekrwada kuye noNokulunga. Kodwa
ngokufanelekileyo.”
Simba: ”Uzokuvulela ikamire xa ecelwa ndim. Okanye sawuhamba ke. Awuzuhlala kanje.”
Ndive umntu ethinta umqala ndaqonda ukuba andiqalisi kwa ukuvula amehlo am. Ukuba ebefuna
ndimhoye ebezobiza igama lam hayi le ebendenzela yona. Bendingekho mdleni wayo yonke ne
nonsense kemna ndizicubhukele.
Kuvele kwexhiwu ixhala kengoku ukuva ilizwi likaVenus. Bendinga lindelanga ukuba uzoza apha. Phofu
ibiyiparty yomzukulwana wakhe.
Kodwa mzumulwana okanye hayi, ibingafani naye into yokuhamba iparty zabantwana.
Bendisavale amehlo am. Ndiyayazi bekukrwada yada yada, blah blah blah! Kodwa bendoyika umsindo
wam uzondenza ndenze into endizozisola ngayo. Bekudingeka ukuba ndithobe umsindo
ndingaxhamazeli. Bekukhangeleka kunzima ukuzibamba kum. Andiyazi.
Venus: ”Good move. Ubone ukuba njengoba ungazukutshatwa ngunyana wam mawumzalele bhetele
kuba amehlo am akuwe. Ndikujonge oku kokhozi. Well ndibotshelelwe izandla nenyawo ngoku,
andizukwazi ukubulala inyoka kodwa kukhangeleka okungathi inyoka itsica ityhefu yonke indawo.
Ipoisina wonke umntu kwelisapho. Iveza amabibi esawaquma iminyaka. Mamela apha ke ntomb'am,
uNokulunga undixelele ukuba you have a lot to say about everything. Ungumama womntwana kanyana
wam okanye hayi uvule lomlonyana wakho kunkosikazi wam mna ubuqu ndizodeala nawe. Uzokwazi
kakuhle ukuba kutheni ndibizwa ngo'Tiger'. Know your place okanye lamntwana wakho uzokhuliswa
360
ngamankazana kaSimba. Ukuba ucinga ukuba ndizokubukela utshabalalise usapho endisebenze nzima
kangaka ukulakha kukho okuzokwethusa. Ukuba kukho into ekufuneka uyazi ngam kukuba andizenzi
izethembiso ndingazifezi.”
Simba: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Mh?”
Simba: ”Uright?”
Ndinqwalile, kakade ebengazondi kholelwa kuba bekucaca nkuthathatha ukuba andikho right tu.
Simba: ”Sihambe?”
Ndikhawuleze ndahlunguzela intloko yam. Bendingafuni ukumoshela usuku ngenxa yokuba olwam
lonakele. Nobhuti wakhe bendingaqondi ukuba uzokonwabela ukumnka kwakhe kwamsinya kangaka
kungekenziwa nto.
Simba: ”Masambe, uthe ulale kwiroom kaOyintando. Yiyo engathi ibhetele kunezinye.”
Ulatho: ”Nkqo!”
Simba: ”Ngaphakathi!”
Kuvuleke ucango.
Ulatho: ”Ebengasakhali!”
Simba: ”Uyozela.”
361
Ulatho: ”Sesizoqalisa ngaphaya, uMluleki ebesekubuza.”
Simba: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Mh?”
Nomtha: ”Zininzi.”
Nomtha: ”Hayibo!
Ukuba ebeziva impumlo zam zixinene akakhange abonakalise. Ndiphethukile ndajonga kuZendaya.
Ndimphethule ndimjongisa kum. Ndathatha ibhotile kutatakhe. Bendiweva uba amehlo akhe akum
kodwa andikhange ndimjonge.
Simba: ”Wenzani?”
Nomtha: ”Ebendincumela.”
Simba: ”Mhhh.”
Simba: ”Ndizoya.”
”Alukh'usana olungena nina. Alukh'usana okungena bani. Yas'ke yadlul'inkedam'ingena nina. Yas'ke
yadlul'inkedama ingenabani. Alukh'usana olungena nona. Alukh'usana olungena bani-”
362
Nomtha: ”Hahaha! Uzoba cula wena o'twinkle twinkle little star' andiyazi ingo twinkle little spider nje.
Kuzoba nzima.”
Simba: ”Hahaha! Asizazi ezizinto thina. Kodwa siyazifuna for abantwana bethu. Yiza ndiphuze.
Ndizonishiya.”
Simba: ”Mba.”
Nomtha: ”Mbaaaa.”
Simba: ”Ndiyak'thanda.”
Simba: ”Ayonto.”
Nomtha: ”Wandijamela?”
Uyihlekile waphuza umntwana wakhe waphuma. Ubuye nebag wayibeka nje waphinde waphuma
kwakhona. Ndizame ukulala. Noxa bekunzima kangakanani kuba ingqondo yam ibibaleka izinto ezininzi.
Bwndifuna ukuqonda ukuba kwenzeka ntoni ngam, okokuqala. Okwesibini bendingxamele le plan
kaSimba ngotata wakhe. Bendifuna ide ivele nenyani yokuba abantwana bakaNokulunga ngabakaVenus.
Bendifuna amshiye aphambane umama. Noba yinyanga ke kuba abantu abadala ngokuhlala kwimitshato
yabo. Futhi ebezohlaliswa nakuba ezibona segugile ukuba aphindele kowabo.
Ndive ilizwi likaSimba ndothuka ndixhuma. Bendisothuswa nayilento ethetha ngoJunior. NoJunior.
Uphefumlile uKing.
363
Junior: ”Bendifuna ukuthetha noNomtha.”
Simba: ”Uxelelwe ngubani uba ulapha uNomtha sewufuna ukuthetha naye nje? Njengoba umjamele,
ujamele nomntwana wam elele uthetha naye? Huh?”
Simba: ”Waqonda ukuba mawuzochwechwa uzomjinga elele. Isibindi zokuvula ucango ude uzojama
apha ujamela umntu oleleyo. Uthetha, uthetha ntoni noNomtha?”
Ebesondela kuye.
Simba: ”Isibindi sokundiqhela usibolekwe ngubani? Ungena apha umntu wam ulele, uyazingenisa
uzomjamela! Elele! What shit is that?!”
Junior: ”Bendif-”
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Uyintoni?”
Simba: ”So wena isibindi sokuzongena apha ubona ukuba kulelwe awuphendulwa xa unqonqoza,
utyhala ucango uyangega. Uzojamela amathanga womntu wam. Womama womntwana wam. Ngubani
lo ukuqhelise mna?”
Simba: ”Ndikuzele Junior. Ndikukhulisile wayilendoda oyiyo namhlanje njengoba seyivuka nje. Ungamili
amasende ucinge ukuba uzokwenza noba yintoni na ngenxa yokuba utata wakho enguTiger. Andimoyiki
utata. Umbuze naye uzokuxelela the same thing. Ungacingi ukuba ndiyamoyika. Andifuni ukuxabana
nawe. Ngumama wabantwana bam lo, ngumntu wam lo. You fucken respect that and you fucken
respect me kwedini!”
Ebekruquke!
Simba: ”Ayingo Junior ozochwechwa apha uNomtha elele. Uyavuya uyazingenisa uzojonga amathanga
kaNimtha njenge pervet.”
364
Simba: ”Masambe Nomtha.”
Khange ndithethe nokuthetha ndasukuma ndasonga lanto besiyombethe ndathatha ibag yomntwana.
Ndithobile kuba isiyezi kwakhona. Ndibambelele ngamadolo waxheshisa kum ubhut'Mluleki. NoSimba
ukhawuleze wazondichophisa ebhedini.
Mluleki: ”Uright?”
Nomtha: ”Ndinesiyezi.”
Simba: ”Ndizombetha qha into endizomenza yona. Ukuba uzoba nemikhuba katatakhe ndizombetha
ndimbulale. Andiyondawo yokuphambanela.”
365
FORTY FOUR
Sifike ngobusuku endlini. Bendingenawo namandla nomdla wokuthatha ibag yomntwana. Ndiziphumele
emotweni ndaya endlini ndimshiya ekhupha umntwana kwi car seat. Ndivulile ndakhanyisa isibane,
besingalayitanga ngaphakathi sikhanyise izibane zangaphandle kuphela. Bekusuke kwathi ncwe
nakulendlu. Ndigilwe yinto ndaxhuma ndikhala.
Nomtha: ”Undothuselani!”
Undifingele itshiya wagqitha kum engena ngaphakathi. Ebexhakazela, ephethe ibag nomntwana
kwelinye icala nezitsixo zemoto. Ndiphefumlile ndabheka ngaphandle ngaphambili kokuba ndivale
ucango ndatsixa. Ndiyongena ekamireni efaka umntwana kwisleeping cott. Ebengeka mlungiseleli
ikamire yakhe kengoku besimlalisa kwicott kule besilala kuyo ikamire.
Nomtha: ”I'm just so sad. Akhonto endihambela kakuhle ebomini bam. Akhonto elu- akhonto elungayo.
Andisakwazi nokuba ngulomama endifuna ukuba nguye emntaneni wam kuba ndihleli nje ndidiniwe.
Andibiright and andiyazi yintoni ewrongo ngam. Yonke into yimess Simba. Andonwabanga tu,
ndiyazinyanzela kodwa andonwabanga tu. Andonwabanga.”
Simba: ”Kulungile ukuthi udinga uncedo baby. Uncedo olungaphezulu kum, uncedo olungaphezulu
kwakho. Umntu ozothetha naye, ndanditshilo kuwe.”
Simba: ”Andiyazi ndizokunceda kanjani xa ungavumi ukuncedwa. Andiyazi ndizokwenza njani ngoku.”
Ndifixizile.
Simba: ”Kodwa siyaya kugqirha ngomso. Okungenani sizokwazi ukuba okungaziva right kwakho ayikuko
oku kukwenza dizzy, kukuphelisa ngomzimba na. Mhlawumbi unesigulo esithile, sizokwazi ukufumana
uncedo sinyangwe ukuba siyanyangeka.”
366
Ndinqwalile. Bendinesingqala kukukhala, noxa bendiyekile ngoku ukukhala inyembezi bezingekayeki
ukuphuma emehlweni am. Ukwazi ukuba uVenus ngumbulali kaSamora kwaye ayikho into endizoyenza
ngoko, andizukwazi ukumbambisa. Ukuba ndiyambulala, ukuba ndiphumelele ndizobanjwa. Nokuba
andiphumelelanga ndihleli ndizobanjelwa oko kuzama ukumbulala. Ibingathi nale plan kaSimba ithatha
ixesha. Umonde lo ebefuna ndibe nawo bendizibona ndiphulukana nawe. Bendifuna kubekho into
eyenzekayo kwaye bendifuna yenzeke ngoku. Ngalomzuzu. Bendifuna awe bhu phantsi angabinawo
namandla okusukuma. Ngalomzuzu. Kodwa bwndiyazi ukuba kunganzima kuba engumntu onamandla.
Nezingena nto enokwenza nabantu bakuloSimba kodwa nesiqu sam. Noloyiko lwam lemihla ngemihla.
Ukuziva okungathi ndizothi ndiphuma emnyango kubekho umntu ondigquma ngento. Hleli nje
ndiyabheka-bheka. Naxa sele nditsixile endlini ndikhangela nangaphantsi kwebhedi nakwi wardrobe.
Ndijonge ukuba sisodwa na noZendaya. Bekukuninzi.
Ibingathi kukhawuleze kwasa kuba ndibhaqe ubuthongo ekuzeni kusa. Ndiye ndalala kodwa ndothuswa
liphupha elibi ndaphaphama, khange ndiphunde ndibubhaqe ubuthongo. Ebehoywe ndim ubusuku
bonke xa ekhala uZendaya kuba bendihleli. Bendibawela nobuthongo buka Simba kuba ebelele ezole
kamnandi. Enendawo ezincumayo. Bendimthanda ke kona, yima! Ngelaxesha- ohhhhh bendivumile kuye
ukuba ndiyamthanda.
Ndicinga ukuba sekulithuba ndimthanda. Bendingafuni ukuyivuma lonto esiqwini sam, bendingafuni
ukuyivuma kuye. Kodwa ngoku bekungona ndiba ne confidence yokumthanda ndivumele ukuba
ndimthande kuba bekungekho xinzelelo nasinyanzela. Bekungalindelekanga. Bendimthanda nje, just
because.
Ungene efunqule umntwana. Ebekwi romper qha waphela yintsini ukundibona endolulela izandla.
Ndimncumele. Ndibancumele.
Nomtha: ”IJellytots zika mama! Ilekese zam! Hello Madlomo! Molo mimi! Molo Mamntade!”
Ebechophe ebhedini endijingile nditeketisa umntwana. Ebenxibe ijean elight blue nesikipa esimhlophe.
Into ebemhle yona! Ebengena buhle bo pretty boy. Obu buphambanisa abantwana bajule ipanty
emoyeni. Ibisenzeka phofu lonto? Kweliphi ilizwe?
Ebenobuya buhle buxutywe nobungozi. Nezindevu zakhe zimhlophe zimnika lanto. Ebelixhego elihle
shame. Kodwa ibindim lowo, kuba mna bendimjonga ngamehlo othando, amehlo enkanuno.
Nomtha: ”Ulambile?”
Nomtha: ”Amachips?”
367
Simba: ”Yehake skhwenene.”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Ingxaki yam ndilost mntakabawo. Ukutya okanye amachips? Yintoni amachips?”
Uqobe imehlo ndaphela yintsini. Lendoda ibingathethi isex! Ebengathi isex kufraya itapul chips! Hayi
soze!
Nomtha: ”Yho ha.a andiziqondi mna izinto zamaxekwazana namaxhego. Mhlawumbi umntu ona50+
njengawe angayiqonda lo language kodwa isex yisex.”
Nomtha: ”Kakade.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”Pleasure sthandwa sam. Omnye usisi ke izolo! Tyhini ngumhlolo wam.”
Ndimfingele intshiya.
Nomtha: ”Kutheni?”
Nomtha: ”Izolo besikwa Mluleki nje, ngusisi ubudibene naye phi lowo?”
Simba: ”Pha!”
Simba: ”Tyhini!”
Bendingamkholwa.
Simba: ”Ndinomsindo.”
368
Nomtha: ”Uyiclown.”
Undincumele nje akathetha. Nditeketise umntwana wathi ndihambe ndiyotya uzokondlula. Inoba
ibiyilento ndithe ndiyamthanda kuba indlela ebesonqena ngayo uSimba. Phofu ebekhuthala xa ethanda.
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Nantoni na ogqitha kuyo ndifuna uyazi ukuba ndikhona. Uba ufuna ukuthetha, nantoni na.
Ndikhona. Ungaziva okungathi uwedwa.”
Nomtha: ”Uzondililisa.”
Simba: ”Ndifuna ube right mna. Yiyo into endiyifunayo leyo. Ukuba uberight. Kungamnandi ukuba ubone
umntu ngokukhawuleza kodwa ukuba awukaziva uready kulungile. Xa ukulungele undixelele.”
Simba: ”Ndiyak'thanda.”
Undiphuzile.
Nomtha: ”Into endizoyicela. Kwifamily gatherings zakowenu okanye iparty nantoni na. Bendicela
ukungayi mna. Kuba ndinomsindo and ukubona utata wakho is triggering. Andikwazi ukuwubamba
umsindo wam. UNokulunga andikwazi mommela, ndimthiyile lamntu ingase nje ndimvise ubuhlungu.
Ndicaphukiswa nabubuxoki obu.”
Simba: ”Kodwa kufuneka uqonde ukuba umama asimxeleli thina ngokuba sifuna ukukhusela uNokulunga
noVenus. Akunjalo. Sikhusela umama. Izombulala yonke lento ndiqinisekile. Uzofa. Ekugqibeleni
kufuneka eyazile, kukuVenus ke ukuba uyamxelela athathe lorisk okanye akamxeleli. Andifuni ayive
ngam mna. UMluleki akafuni ayive ngaye, abantwana abafuni ayive ngabo. Ingani ngamanye amaxesha
iyakhubaza.”
Nomtha: ”Ndiyakuva kodwa ingxaki ngulaNokulunga uyinyoka. Usafuna ntoni kona kwizinto zakowenu
ayeke ukuhlala eMeadowlands?”
369
Simba: ”Umenywe nguUlatho. Bayavana.”
Nomtha: ”Angathi hayi. Uyayazi ukuba uBisola uzobe ekhona, uyayazi ukuba wena uzobe ukhona
usathwatshuluka uyaya. Yazi ndifaswa nguVenus uyandigrogr-”
Nomtha: ”UVenus, ewe. Caba unfowunele emveni kwala confrontation wandikila kuye. Uzondixelela
ukuba uzondibulala uba ndithethe izinto zomzi-”
Nomtha: ”Ewe.”
Simba: ”Kwathini ke wena ungandixeleli yonke lonto? Bwndithe angathethi nawe, angasondeli na
kuwe.”
Simba: ”Une anxieties zakho usake abesebusweni bakho akugrogrise emveni kokuba ndithethile naye
ukuba angasondeli nokusondela kuwe. Kuba ethunyelwe nguNokulunga!”
Nomtha: ”Andimhoyanga.”
Simba: ”I don't fucken care! Ndithe angathethi nawe wenza kanye lonto! Caba nditheni ndiyaphambana
mna kuye?!”
Nomtha: ”Andizuthetha ndaba zomntu mna. Yiyo lonto ndisithi andifuni nto indidibanisa nabantu
bakowenu. Ndihleli ndingavani nanoUlatho soo ...”
Sityile sagqiba ndayohlamba. Umntwana ndimtshintshe nje kuba uSimba ebesemhlambile. Ndinxibe
ushorti omncinci wedenim nesikipa nje.
Simba: ”Awusefishe!”
Nomtha: ”Kushushu.”
Simba: ”Yeyonxitywa endlini kodwa loshoti. Impundu zingaphandle, amathenga wonke angaphandle!”
Ungenile naye eqinise ubuso. Ukhawuleze waswabuluka kodwa kuba ebesendibalisela ngoSonwabiso
ozoza ngempela veki kuba utatakhe engazubakho for iweekend. Nendlela sekhule nakrele krele ngayo.
370
Sifikile kugqirha salinda kancinci sabe siyongena. Ndimxelele ingxaki yam nendlela endilose ngayo
iweight nendidinwa ngayo.
USimba uthethe nangokukhala kwam oko, neanxiety ayibonayo. Usinike ibusiness card yetherapist
endingathetha nayo kuba ebesithi kungenzeka ukuba ndineAnxiety kakade okanye ndine PTSD okanye
idepression. Ebeyithe tsuphe neyokuba ndandike ndaxhwilwa.
Doctor: ”Upregnant.”
Nomtha: ”Andimithanga.”
Simba: ”Baby-”
Nomtha: ”Andimithanga.”
Simba: ”Nomtha-”
Simba: ”Four.”
Simba: ”Sekhona.”
Nomtha: ”Kodwa andizukwazi mna ukuba nomnye umntwana. Andimfuni omnye umntwana hayi
ngoku.”
Simba: ”Uthini?”
Simba: ”Sisibusiso lomntwana. Kum. Lithamsanqa ukuba ndisenenzala kuleminyaka yam. Ababa
bantwana sawubakhulisa kakuhle nje and we will manage. Asoze sibe ready nanini na. Kuzobanzima
kuwe ewe kodwa ndizozama ngamandla am onke ukwenzela izinto lula. Ndizofumana uncedo for
uZendaya uqhubeke ngesikolo. Sizoba right. Ndiyaqonda wothukile ngoku and wonganyelwe kodwa
sizoba right. OK?”
Ndinqwalile. Uphefumlile. I think ebenexhala. Uyandazi ngenkani nokwenza into endiyifunayo. Inoba
ebelindele ukuba ndibenenkani nangoku.
371
Nomtha: ”Andikholwa ukuba uphinde wandimithisa kwakhona. Awunditshati nokunditshata into oyaziyo
kukundizalisa unyaka nonyaka.”
Ndimjamele ndajonge phezulu ndivala amehlo am. Ebendidika nje for undimithisa oku!
372
FORTY FIVE
Luleka: ”KwaMatanzima!”
Nomtha: ”Uyafundekela!”
Ndimangile ndanga noSiyanda. IbinguLwesihlalu late. Undixelele ngezolo uSimba ukuba bazoza
namhlanje. Besizothenga itake aways sitye zona kuba besisonqena ukupheka. Mna phofu. Bebephethe
isnacks neziselo. Worry kengoku ibikukuba ndingazusela mna. Bendiyimess ebhetele kuleveki.
BendikwaSimba iveki yonke noZendaya. Besithathe izinto zethu zokunxiba ezizokonela iveki,
ebesashiyeka kula mama wase nextdoor eDiepkloof. Esiwa nguSimba xa ephangela abuye amlande
ngeloxesha amlanda ngalo. Ubeluncedo kakhulu.
Luleka: ”Tyhini!”
Nomtha: ”Ja uza nathi kakuhle. Sezoba neroom yakhe ke sana! Ndizotsho ndikwazi ukuncwina kakhle!”
373
Luleka: ”Ukuminxekile?”
Nomtha: ”USimba ubize aba bantu bakhe. Ipipeyintwa isenziwa neflooring kuzongena izinto kule
sizongena kuyo iveki. Sizoyenza ngoku kwethu.”
Siyohlala nabo phantsi. Besise lounge. Ndiyothatha iglasses. USiyanda noLuleka bebesela ired wine.
USimba ke ebengumntu webeer. Qho.
Nomtha: ”Simba.”
Nomtha: ”Ndingu mmithiswa mna, wena ungummithisi. Nguwe onezinto ezimithisayo and wazikhuphela
kum.”
Ebengcangcazela yintsini.
374
Nomtha: ”Ndikuxelela ngoSimba mna. And ebeyazi into ebeyenza.”
Nomtha: ”Uphambene.”
Simba: ”Hahaha!”
Luleka: ”Benimplanile?”
Nomtha: ”Ndikuxelela ukuba ndothuka ndaphantse ndafa ngalamini ndixelelwa ngugqirha. UZendaya
una three months qha-”
Simba: ”Four.”
Nomtha: ”Mncinci kakhulu ukuba olekeliswe. Ndineworry nje kuba akazufumana le attention
bendizomnika yona ukuba ebemnye. Bendifuna noba yiminyaka ke ngaphambili kokuba senze omnye.
Sibonde nomntwanam.”
Simba: ”Into ekufuneka uyiqonde kukuba ndimdala mna. Emveni kweminyaka emibini emithathu noba
ndisakwazi ukubenza abantwana ndizobe ndingekho mdleni wokutshintsha amanapkin nokumpelesa
mna. Ndimdala kaloku mna andingo mfana omncinci. Ndina fifty nto-”
Nomtha: ”Four.”
Nomtha: ”Hahaha!”
Ndinikine intloko.
Simba: ”Ubuzothandabuza uze nale argument uze nayo ngoku kodwa mna andiboni ngxaki ngokolekelisa
msinya. Phofu bendingacingi nokuba ungabamba kwangoko, ndithatha amachances kodwa naku kwaye
ndinemincili. Ngowokugqibela lo.”
Simba: ”Hahaha!”
375
Siyanda: ”Ndilambile kodwa mna. Andikuthandi nokusela ndilambile.”
Kufikile ukutya kwethu satya sincokola kumnandi njengesiqhelo. Ndimbambe isandla uLuleka,
esidlangalaleni. Ndisiqinisile kancinci wandijonga ndamncumela undangile wandiqinisa.
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Ibingathi ebeyazi into bendimbulelela yona kuba akabuzanga. Uvele wanqwala wandiphuza isidlele.
Ndiyolahla izinto besityela kuzo engqomeni ndizama ukuqoqosha kancinci. Undilandele uLulu neglass
yakhe yewayini.
Luleka: ”Ungamqumbeli. Ukhathazekile. Uthe ugqirha usuggeste itherapy kuba urhanela imental illness.
USimba ukhathazekile ngawe. Undicelile izolo uba ndizame ukuthetha nawe.”
Luleka: ”Andiqondi injongo zakhe kukuxhesha Nomtha. Ukhathazekile ngomntu wakhe qha. Uyakubona
awukho right ncam and uSimba ngumntu wesolutions. Ufuna ukusolva. Ufuna uberight. Ngakumbi ke
ngoku sewukhulelwe. Uzokhathazeka ngawe akhathazeke nangokuba kuzochaphazeleka nomntwana.”
Nomtha: ”Ndiyayiqonda lonto kodwa andikho ready. Ndiyazazi ndinengxaki, ndiyayazi ndidinga uncedo
kodwa andikabi ready ukughubhulula yonke lanto. Yonke nje into.”
Nomtha: ”Andikafuni ukusithunuka. Kubhetele noba bekuthiwa sisilonda sokwenyani bhetele kodwa
ndonakele umphefumlo. Andifuni ukuphinda ndigqithe kulonto. Andifuni ukuphinda ndigqithe kuyo.
Andifuni nokuyicinga. Zange yenzeka. Zininzi maan ezizinto and zongezelela kwezinye I'm like can I get a
break! Please.”
Luleka: ”Nangaxesha nye awukwazi ukuphila kanje. Ungafumana noncedo ngale anxiety athi unayo
uSimba. Uthi ube nepanic attack apha evekini esikolweni kwanyanzeleka ukuba akulande kuba ubone
umntu ofana no-”
Nomtha: ”Ndiyakuva sisi, ndiyakuva. Ndiyamqonda ukuba usuka phi uSimba. Ndiyaqonda futhi ukuba
ukhathazekile kuba he has to deal nayo yonke lento-”
Luleka: ”Nangaphandle kwalonto kunzima kakhulu kuye ukukubukela nje ugqitha kuyo yonke lento
akhonto akwazi ukuyenza. Uziva ehelpless.”
376
Nomtha: ”Ndiyayazi. Yazi kufuneka emane ethetha xa silala, xa-”
Nomtha: ”Ewe. Noba akathethi oko ke kuba akasosithethi ebhedini uSimba kodwa ingase ndive ilizwi
lakhe.”
Nomtha: ”So Ndiyayazi ndiyaludinga uncedo kodwa andikabi ready ukulivula elocango okwangoku.
Mhlawumbi ndizobanaso isibindi kodwa ngoku. Ngalomzuzu. Andikabikho apho.”
Unqwalile.
Luleka: ”Ndiyakuva sthandwa. Ebethe ndithethe nawe qha. Ndithethile ke, andiyazi noba ndimphe
ifeedback okanye uzomxelela ngoku kwakho na?”
Nomtha: ”Ungatsho nje ukuba uthethile naye ndathini kodwa ndizomcacisela nam.”
Luleka: ”Okay.”
Siyanda: ”Lulu!”
Luleka: ”Lhalha?”
Simba: ”Mkru!”
Luleka: ”Kufuneka sike siphume some time next week. Mna nawe noZendaya qha. Sagqibela kudala.”
Sibakhuphile bahamba.
Simba: ”Akasezi.”
377
Simba: ”Kuthwa angezi apha, andiyazi noba nguBisola okanye nguVenus ongabumanga na. Kuthwe
kuBukhosi uba umzisa apha asose empakishela yonke into yakhe.”
Simba: ”Kucacile nguye. Makangamzisi uBukhosi kuba andizukwazi ukumhlalela nomntwana mna.”
Nomtha: ”Yho hayi iwrongo landoda ekuthiwa nguVenus andinamabhongo! Umntu akwenze ukunya
wakugqiba uyakugezela. Inoba noKing lo uthunyelwe nguye ukuba andichwechwele. Inoba uthe
khawubuyele kwelahule, kuzophela nesosodyolo samabhongo.”
Simba: ”Ndizombulala kemna. Ukuba uzosetyenziswa nguVenus ukwenza umsebenzi wakhe omdaka
ndizombonisa icala angazange walibona. Uzama ukundincukuva uVenus. Utshise iwarehouse yam,
wabulala idistributor yam. Yenye emveni kwenye. Uyayazi ndiyaphola kemna and akuzubamnandi xa
ndimhoya. Kuba ndizomhoya. Kuba andimnquli mna. There's no love lost. Sekucacile ukuba lutshaba.”
Simba: ”Hahaha!”
Nomtha: ”Ndizolinda ke ndibe nomonde kodwa ebunzulwini bentliziyo yam ndifuna kwenzeke yonke
into ngoku.”
Nomtha: ”Ewe.”
Nomtha: ”Andibatyali ngcazelo. Ndifuna bandincede ngokuhlalela ezingxoxo qha. Bandinike imali yam
ndiphume kubo ngalendlela bebendikhuphile kakade.”
Nomtha: ”Ndizozibamba.”
378
Simba: ”Andisoze ndidinwe kukuva usithi uyandithanda.”
Bendine nerves nje indlela yonke ndingenanto yokuthetha. Kuncame kwaphela nendaba.
Caba bebehleli efestireni okanye belalele kuba ndibone ngoTete Constance ephuma erhuqisa ihijab.
Ndiphefumlile.
Ndinqwalile sagxidika emotweni. Usondele kuthi wema ecaleni kwemoto. Kuphume uUncle Kemel
wama ngaphandle kwegate akeza kuthi.
Nomtha: ”Tete.”
Constance: ”Salam.”
Sijongene nje singayazi nokuba masenze ntoni. Bendizixelele ukuba ndizoza ndifrizise intliziyo yam.
Ndiyiqinise kodwa ndizibone sendikhala. Undangile endithulisa. Naye ebefixiza kodwa. Ndibanjwe
nguSimba ndakhalela kuye endiphulula umqolo. Usondele u uncle Kemel.
Simba: ”Uright?”
379
FORTY SIX
Kemel: ” Asallamulailakum.”
Uthinte umqala uUncle Kemel wajonga mna. Ndijonge kuSimba mna naye wathinta umqala wakhe
ngaphambili kokuba athethe.
Kemel: ”We know who you are, we spoke via email.” siyakwazi ukuba ungubani, besithethe kwi email.
Unqwalile uSimba.
Simba: ”Njengoba benditshilo kwi e-mail nanjengoko abantu bam bebethethe nani, besizocela ukuba
nimele uNomtha kwingxoxo zamalobolo. Njengoko besesithethile izinto zayondelela kubekho ingxakana
noNomtha wafumana umntwana. Kengoku ke sayimisa into yelobolo. Ngoko ke sizocela ukuthumele
abantu ngempelaveki.”
Kemel: ”Ndiyakuva. Sasinivile futhi kodwa safumana I e-mail ethi azisazukuqhubeka ingxongxo.
Ngeloxesha bekuhle abantu bakulo tata kaAneni uSamora, njenga bantu bakwaTongai. Kuba mna
andingoTongai. Andingo wase Zimbabwe. Andizikwazi ukuqhuba ingxoxo abantu basebukhweni
bengekho kuba lonto izodala ingxaki phakathi kosapho. Into yangempela veki yinto yesaquphe.”
Kemel: ”Ewe. Intombi yeyabo. Mna andikwazi ukuthatha imali yabo, ndingakwazi ukubaxoxela. Ngoku
kuzodingeka ukuba ndiphinde ndixhulumane nabo ukuze bazilungiselele ukuza.”
Simba: ”Ingxaki ilapho ke bawo. Ndiqinisekile ukuba uyayazi, nodabawo kaNomtha uyayazi ukuba
bebengenabo ubudlelwane nabantu bakuloSamora. Kwakudala. Into esiyifunayo qha thina kukugqithisa
isiko, ndiqinisekile ukuba abasoze bafune ilobola kaNomtha ekubeni wazikhulisa emveni kokusweleka
kwabazali bakhe. Nasemveni kokuba beqokelele yonke impahla yakuloNomtha waphuma ephaca.
Ilobola ikukubulela abazali okanye omalume, otamkhulu bomntwana ngokukhulisa umntwana.
Kukwakha ubuhlobo phakathi kwamasapho amabini. Mna andinamdla wokwakha ubuhlobo nabantu
bakwaTongai andiqondi kwa uNomtha unomdla kulonto kuba akanozinyhala kubantu bamlahlayo
ngexesha wayebadinga ngalo. Ayomali yabo ukuba bayithathe eneni bebengadingeki nokudingeka.”
Kemel: ”Ndiyala. Singabantu besintu. Xa sele uthathe isigqibo okanye unyathelo lokuba uzokwenza
izinto ngokwesiko neaithethe sethu kuzofuneka wenze izinto ngendlela eyiyo hayi ukunqumla
uyokwenza ezikholisa wena akukho kuthi ukuba sitshintshe indlela zobawo mnkhulu bethu.
AndingoTongai mna, unkosikazi wam akasoze axoxe ungumama. Ndim indoda. Abantu bakwaTongai
bakhona. UAneni asimtyali nto thina. Xa eze kuthi wafuna simenzele inceba akazusilawula asinike
umgaqo wokuba nawukwenza ngokuhlobo. Okanye athi ngenxa yokuba ningandikhulisanga ilobola
izothathwa ndim. Ilobola yeyabazali xa bengekho yeyomalule bentombi. Asixoxi ndaba yakulahlwa apha.
Umntu owenza kube ngohlobo okungalo ngoku nguSamora. Nguye umntu owafulathela usapho lwakhe
ekubeni babesokola bonke. Mhla elungelwa wazogutyula kuye. Ngenxa yokuba ubutyebi bakhe
380
buphelele emoyeni ngenxa yokunyoluka kwakhe asizuthatha maxanduva akhe thina. Mna nonkosikazi
wam nabantu bakwaTongai. Ukuba uze apha nje ulindele ukuba sixolise ngokukusa kwikhala lenkedama
sawuba ngwevu sikhokhobe kuba kunotshe lowo. Ukuba nifuna sibekho kwinto yelonola kaAnena
sawukwenza izint-”
Constance: ”Kemel-”
Kemel: ”Constance.”
Simba: ”Hayi ndinendlebe nje ndivile. Ukulungisa nje uNomtha andiqondi ikhona into ebeyilindele kuni
malunga namaxolo. Khange nam undive ndithetha ngokuxolisa. Akalindelanga nto kuni. Ndiyakuva
nange lobola futhi siyabulela kodwa kubhetele sirhoxe thina xa kunjalo. Kutshatwe nje isigqobhoka kuba
into engazukwenzeka kukuba ilobola yethu iye kubantu bakwaTongai.”
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Ndiright.”
Simba: ”Ndiright.”
Simba: ”Ndiyaxolisa ngokufaka kulento. Bendingayazi ukuba kuzohamba kanje. Bendingaqondi ukuba
uzofuna ukufaka abantu bakulotata wakho.”
Nomtha: ”Ubungenoyazi.”
Simba: ”Indicaphukisile indlela ethethe ngayo landoda. Wawuhleli njani ngoku wawuke wahlala apha?”
Nomtha: ”Kakuhle. Iyandimangaza indlela angayo ngoku kuba wayelungile ngoku ndandihlala apha.
Sawuthini ngoku?”
Nomtha: ”Singabanika ilobola ke. Bayithathe imali. Ndiyayazi ukuba yonke lento yelobola ibalulekile
kuwe.”
381
Simba: ”Ayibalulekanga ukogqitha wena. Ukuba siyaqhubeka nababantu kucacile ukuba sawubaninzi
isigezo ekuzofuneka usinyamezele ukusuka kubo.”
Nomtha: ”Askies.”
Simba: ”Uxolisela ntoni? Mabayoziqengqa aba bantu. USam unesizathu sokuba abakhuphe ebomini
bakhe, ebengasoze abagutyule nje ngaphandle kwesizathu.”
Nomtha: ”Masihambe.”
Ustater imoto sezohamba kwaphuma utete Constance ekhawuleza esiza kuthi. Ndihlise ifestire
ndimfingele intshiya.
Constance: ”These are your uncle Edward's numbers and address. He is a cousin of ours and he is from
the same clan. He will help you, I will talk to him to help you.” Zinumber zika nedilesi kamalume wakho
uEdward ezi. Ngumzala wethu osebenzisa iziduko zethu. Uzokunceda, ndizothetha naye akuncede.”
Nomtha: ”Edward.”
Simba: ”Sihambe?”
Ndinqwalile.
Ndiphinde ndacimela. Enyanisweni bendiyenzela yena yonke lento. Kuba bendibona ukuba ibaluleke
kangakanani kuye. Bendimbona ukuba uyavuma nje kuba soyisakele nokuba siphoxekile kodwa
akayibisisisi into yokunga loboli.
Simba: ”Silapha.”
Simba: ”Khawume ndifounele lenumber ndimxelele ukuba singaphandle. Andiqondi ukuba sizovunyelwa
ukungena.”
Uqhubile ukumxelela ukuba ungubani nokuba uhamba nam, sithunyelwe nguTete constance kuye.
Unqwalile uSimba encuma kancinci endijongile. Uvalelisile.
Nomtha: ”Happy!”
382
Simba: ”Suba njalo. Kuzohamba kakuhle.”
Singene ngaphakathi sayomisa kwiparking. Kuze umntu kuthi. Ebemde kakhulu enxibe iglasses zamehlo.
Nomtha: ”Molweni.”
Edward: ”Aneni.”
Nomtha: ”Kunjani?”
Ndinqwalile.
Simba: ”Ungumama.”
Edward: ”Uyintoni?”
Ebethetha isilungu ke. Simana sifana nechiShona apho nalapho. Bekukho unkosikazi wakhe ngaphakathi
elungile efana naye. Besingaqinisekanga kangako phofu kodwa bebenobubele. Bekungekho bantwana.
USimba akaphozisanga maseko wangena endabeni. Umxelele ngayo yonke into ukusukela kwiletter
ukuzotsho kule yanamhlanje. Bendizithulele mna ndibayekile bethetha.
Edward: ”Ndiyakuva. Akukho ngxaki. Mna ke andicengi ndolalaphi, bayayazi nabo. Andibahoyanga mna.
Ndizokwenzela umntwana kaSamora kuba utata wakhe ndandimthanda kwaye sasivana nocousin.
Kwaye andimsoli mna ngokuzishiya ezoya ncukuthu. Kwakunyanzelekile enze into ekufuneka ukuba
ayenze for usapho lwakhe. Ningeza ngoMgqibelo sizoxoxeni. Bakhona ootamnci nabazala abazokuza
bazonceda kuba hayi wonke umntu wakwaTongai umkwayile uSamora.”
Ndinqwalile ndincuma.
383
Nomtha: ”Ndiyabulela kakhulu.”
Edward: ”Wamnkelekile sisi. Utata wakho ebezozingca kakhulu ngawe. Ebekuthanda kakhulu.”
Nomtha: ”Siyabulela.”
Nomtha: ”Mna?”
Nomtha: ”Andiseli.”
Nomtha: ”Hahaha!”
Ndiyoncedisa ekhitshini ngokutya lomzuzu baselayo. Bekuvulelwe netivi bebukele irugby. Bendinga
ncedisi phofu, ebeziphekela ukutya kwakwakhe ndihleli phambi kwakhe ndifunqule umntwana wam
sincokola.
Sityile kwakulunga ukutya. Simnke sekusaziwa ukuba ndikhulelwe omnye umntwana. Ebesithi
akankonyanga zinkolelo zokuba akulunganga ukuchaza ukuba ukholelwe ungekafiki kwinyanga ezithile.
Mnkru!
Sifike ngokuhlwa endlini. Oko sincokola ngoEdward nobubele bakhe nonkosikazi wakhe. Sifike endlini
salalisa umntwana sayolala. Asihlambanga nokuhlamba indlela besidinwe ngayo. Mna ndodwa phofu.
USimba uyongena eshower wahlamba. Hayi bendidiniwe mna mntakabawo yhini!
Simba: ”Hayi Nomtha khawuhlambe. Ndizolala nomntu onuka ilanga ndihlambile mna?”
Simba: ”Hayibo!”
Nomtha: ”Ndidiniwe.”
Simba: ”Noba inye iround? Ihleli ingekho nento oyenzayo kakade. Lala ngomqolo kuzobila mna.”
Nomtha: ”Khawuthi ndihlambe ndikubonise umntu olala ngomqolo. Uzawuba nesiphika uny*”
Simba: ”Yizapha ndiqale ndiphuze. Ndiyakthanda. Ndiyayazi uyenzele mna yonke into oyenze namhlanje.
Ndiyabulela kakhulu.”
Simba: ”Ndiyaxolisa.”
384
Nomtha: ”Ndiyayazi. Yima ndihlambe sizofraya itapul chips.”
Simba: ”Hahaha!”
385
FORTY SEVEN
Nomtha: ”Khawuyeke undincanca ibele umdala.”
Nomtha: ”Hayi.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Ndiqabelise nomlenze kuye. Khange abe ebuza nokubuza wandibamba ithanga endisondeza ngakumbi
kuye endiphulula ithanga. Ukuba uthetha ngebattery wena, uqobo luka Eveready. Simba Matanzima.
Simba: ”Ubuthe hayi. Uzopheka? Hayi? Ewe? Yibe ucinga ukuba ubawele ntoni okanye ndizokuthengela
noba yintoni.”
Uphume senxibile ekamireni uSimba. Phofu ebenxibile? Ebenxibe nje ushorti ewubhinqele ezantsi.
Ebehamba ngogaga. Inteshana yakhe ingaphandle. Besendigqibile uphunga ngeloxesha, ndihleli esofeni
ndisitya.
Nomtha: ”Simba, galela igranola esityeni ufake ubisi qha. Uba uyafuna ufake nefruit iseskhaftineni apho
ibishiyeka kum.”
386
Nomtha: ”Kukuthini ukungahoyeki na?”
Nomtha: ”Uxolo.”
Simba: ”Mxm. Kuzofuneka ulungiselele umtshato kwangoku. Uthethe noLulu, wazi abantu.”
Simba: ”Satshata.”
Nomtha: ”Ndiyayazi ukuba natshata. Ndibuza ukuba yayingulo mtshato uwufunayo nam?”
Simba: ”Satshata qha. Andiyazi kutheni uzixaka ngemitshato engengoyakho. Ngewuplana wena qha.”
Nomtha: ”Nguntshato wethu! Ndinomntwana mna, ndinomnye osendleleni. Ukuba bekusiya ngam
ngendisiya ehome affairs kodwa omnye ubhuti ufuna umtshato omkhulu so kunyanzelekile ananazele
ezilokhweni mntakabawo umntu weNkosi kuba mna mntwana kaSamora noKoyo Tongai andizuyenza
ndodwa lento. Thank you.”
Ndinikine intloko yam. Kuthe cwaka satya. Ndinabele kuye wandikrwaqula kancinci wanditsweba
ngaphantsi kwenyawo.
Ndinqwalile.
Simba: ”Ndiyavuya ukuba ndizobakho kule ipregnancy. Ndikwazi ukuxhasa. Unditefele. Ungasokoli
uwedwa.”
387
Nomtha: ”Nangelobola.”
Uphefumlele phezulu.
Simba: ”Bleh.”
Simba: ”Ngalomzuzu adinothi sinobudlelwane. Baphila impilo zabo nam ngokunjalo. Bendike ndafounela
uMalkia kuleveki iphelileyo qha wabe engxamile yabamfutshane naloncoko. And that was the first time
since ndabaxelela ukuba bangobam. Okwangoku ndidinga ispace. As umntu ebengutata wabo, as ubhuti.
Nabo bebedinga ispace bazokwazana noVenus. Bayayazi xa bendidinga ndizobakho.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Yep.”
Ndibeke isitya kwicoffee table nam ndachopha phezulu kwakhe ndijikelezisa izandla zam entanyeni
yakhe.
Uyihleke kancinci.
Nomtha: ”Good.”
Simba: ”Ufunani?”
Ndimhlise ushorti endincedisa ndachopha kuye ndimfaka wonke. Ndimve evungama ndabe ndikhala
nam. Ebengene nzulu. Ndimbambe amagxa ndixhathisa ngawo ndinyakaza ngokukhawuleza phezulu
kwakhe. Ebendigcwalisa ngenye indlela.
Undibambe isinqe encedisana nam naye endingena ngamandla, nzulu. Ibingase ndikhale. Woyame
esofeni endanga endiqinisa enyakaza ngokukhawuleza. Ebesekufuphi.
388
Nomtha: ”Oh bawo wam, Simba!”
Nomtha: ”Ohhhhhh!”
Kunyamalele yonke into. Bendiziva ndikwelinye nje ilizwe. Ndibhabha emafini. Uqhubile wanyakaza
ngoku ndisensitive endingena ngamandla endingazange ndawabona. Besiphefumlela phezulu sibile
simanzi xhopho. Ndizibone sendiphinda ndisiza kwakhona, ngeloxesha ebengekudanga naye. Ukuba
bendinga khulelwanga kakade bendizoba nexhala nguloMessi ukhabela ezipalini qho. Siphefumle kunye
sidiniwe, sonele. Ebengeka phumi kum wavala amehlo ephefulela phezulu.
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Ndiyohlamba.”
Simba: ”Hayibo!”
Simba: ”Uyaphi?”
Nomtha: ”Ndisaphuma.”
Simba: ”Usaphuma?!”
Nomtha: ”Ewe.”
Undijongile wehla nam. Bendinxibe ilokhwana encinci emnyama enamachokoza amhlophe. Ibinemikho
emidana. Bendifake nesihlangu esichophileyo. Uyothatha umntwana wakhe wamfunqula wajonga kum.
Simba: ”Hm?”
389
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Uyaphi?”
Simba: ”Ikhona?”
Nomtha: ”Ndibona izenzo zakho ezi kaloku, caba izoxoxisa into yokuba ndiphume.”
Simba: ”Ndimangele qha wamhle kangaka waphuma. Awutshongo nokuba uplane ukuphuma.”
Nomtha: ”Hayi.”
Simba: ”Monti, m chọrọ gị ebe a na 5 nkeji. Nwunye m na-ahapụ ụlọ ugbu a. ị maara ihe ị ga-eme.
Andifuni kubulala mntu ke kuba ukuba kuke kwenzeka- good. Good.”
Huh?
Nomtha: ”Huh?”
Nomtha: ”Oh.”
390
Simba: ”Igbo. Mbambe ndiyolayisha istrawuler necar seat.”
Nomtha: ”Uzothwala umlomo kanje qho xa ndiphuma na? Ndingabimhle mna ndiphume?”
Nomtha: ”Nguwe.”
Undunike umntwana waphuma nezizinto. Yho hayi mntakabawo ebezowuthwala aphinde ayeke
lomlomo wakhe. Into ibingazukwenzeka kukuba ndibe nguNozimasile mna ndungaphumi ndibethwe
ngumoya ndibone nabantu. Soze kaloku, andikho trongweni.
Ndimjonge nje ndazivalela umlomo wam. Usikhuphile sayokhwela emitweni wavala ucango.
Ndimkrobile ehamba ngenteshe eqinise imihlathi. Ukhuphe iphone yakhe wayicofa eyibeka endlebeni.
Andisisebenzisanga istrawler ndamphatha ngembheleko. Amagxa am ebezoba buhlungu kodwa
bendingafuni ukuba ndimpusha ndiphethe neplastic bags.
UMonti besimshiye ngaphandle. Inoba ebezosilinda side silungele ukubuyela endlini. Ndikhangele
indawo enokutya kuqala ndayohlala phantsi ndatya. Indlela besendilambe ngayo ibingathi andikhange
ndikuchathe oko kusile. Bendifuna nento ebunyamarha.
Nditye ndagqiba ndayoqala ebodyshop ndalandela kwishop yempahla yabantwana. Ndimthathele izinto
ezimbalwa kuba bezizincinci ezinye.
”Nomtha?!”
”Ndim uLuzuko!”
Luzuko: ”Yho! Iminyaka emingaka, ixesha liyabaleka. Awusekhule! Awutshintshanga tu, oko wawumhle
kwakudala. Ulidark dindy eligrand. Umnandi?”
Luzuko: ”Fede. Ndimnandi mna, ngakumbi ngoku sendibone wena. Yingcosi yakho le?”
Ndinqwalile.
391
Luzuko: ”Mhle.”
Nomtha: ”Ndiyabulela. ”
Luzuko: ”Nawe umhle, oko wawumhle. Yho! Andikholwa ukuba nguwe lomntu. Uright?”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Ndiright.”
Luzuko: ”Askies kwakhona ngabazali bakho. Ndakuphoxa back then. Ngendakuthatha uzohlala nathi
ekhaya. Waphelelaphi? Awufuni sitye ilunch sincokole kancinci.”
Nomtha: ”Sendityile.”
Ndimxelele ke ukuba ndayohlala eHome, ndaya eTown njengoba bendihlala eDiepkloof nase Centurion
ngoku.
Nomtha: ”Watshata?!”
Luzuko: ”Usaphila. Ebeke ... wanengxaki. Umfazi wakhe ebelala noSakhiwo so you can imagine
obobunzima. Bohlukana wafumana enye ipikinini seright ngoku.”
Luzuko: ”Hayi ndimshiye endlini but kudala ndilapha. Ina inumbers zam. Keep in touch, sapha iphone
ndizibuzze ndizoba neyakho nam.”
Nomtha: ”Ungummeli?”
392
Nomtha: ”Lantsooo!”
Luzuko: ”Haskaa! Ndincedwe nangutata. Xa unemali ubomi buba mtyibilizi. Ndiyaxolisa ukuba zange
ndikwazi ukutshintsha ingqondo zikatata uhlale nathi. Ndiyavuya kodwa ukubona umhle wonwabile.
Ndiyavuya kakhulu awunambono.”
Iphinde yakhala iphone yakhe wayiphendula. Kukhale eyam ngeloxesha yabe inguSimba.
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Ungakhululeka.”
Uthe ndimxelele apho ndikhoyo uMonti wazosiphathisa. Andiyazi noba ibindim na kodwa ebendiqinisele
ubuso uMonti eyinto endingayaziyo. Ndimkrwaqule nje ndavala umlomo. Inyawo zam besezidiniwe yila
heel.
Sifike endlini ndamisa imbiza. Ubuye ngobusuku uSimba, bekubethe noten. Umntwana ebesando
kothuka ebuthongweni engafuni ukulala so ndimncacisa ngoku ndibukele itivi.
Simba: ”Dumelang.”
Nomtha: ”Yebo.”
393
Simba: ”Ubuyothini emall?”
Ndimfingele intshiya.
Nomtha: ”Ewe!”
Simba: ”Ungasebenzisi lotone kum mna. Ngubani lendoda ubuhleli nayo ibamba umntwanam?”
Nomtha: ”Kutheni ungatsho ukuba uzondilandela nangaphakathi? NguLuzuko lowa ndandimazi kudala.
Ndam-”
Simba: ”Ndiyibonile iphoto yalaLuzuko. Wayekhona ngalamini. Wawuthandana naye. Into yam kukuba
umshiye owam umntwana. Dibane namasoka akho wedwa hayi nosana lwam. Ngomso siya emadlakeni
uzilungiselele.”
394
FORTY EIGHT
Nomtha: ”Simba-
Simba: ”Uright uNorman. Xa umthemba nam ndiyamthemba. Ewe. Kulungile ndiyabulela Siyanda.
Alright. Huh?”
Ubuze ejonga kum. Umntwana ebeleliswe kwicott yakhe yena esezibgubeni noxa ebengangenanga
ngaphakathi. Ebehamba ngeboxer brief qha.
Nomtha: ”Awuzutya?”
Simba: ”Sendityile.”
Ndimfingele intshiya ndavala umlomo wam. Ebevulele amanzi ebhafini. Ndimcimele wona kuba
ebezogcwala. Ebengengo mntu webathtub ethanda ishower njengam so bendimangala.
Ndivulele amanzi kwi shower mna ndabe ndifaka ishower cap ndakhulula ndayongena. Ibenguqhwi-qhwi
ndabe sendiphuma. Drama King! Ebengqungwe ligwebu mntakabawo oka Venus umtwana wavala
amehlo. Bekukhala iMusiq Soulchild, ikhalela phantsi. Mnkru.
Bendinga mthembi ncam ke ndikuxelele qha ndintswayize ndasondela kuye. Undikhwebe ngomnwe
ndathoba ndibeka indlebe yam phambi komlomo wakhe azosebeza lento ebefuna ukuyisebeza.
Nomtha: ”Simbaaa!”
Simba: ”Andina msebenzi nenwele zakho. Andikho happy nge attitude yakho. Andiyikhathalelanga.”
Simba: ”Ngelaxesha bendikufounela ndikubuza wenzani wathi wena uthenga impahla kanti
userestaurant phambi kwalomfana.”
Nomtha: ”Ndiyabuza kakoku kuba ndiva okungathi andivumelekanga uba ndihlale nabantu.”
Simba: ”Into endiyitshoyo mna kukuba ungafaki umntwana wam esidyolweni sakho.”
395
Nomtha: ”Utshatile uLuzuko.”
Simba: ”So?”
Nomsa: ”So ntoni? Utshatile that's it. And mna ndinendoda endiyithandayo nendicinga ukuba
iyandithanda-”
Simba: ”I'm pissed off ngoba awundixeleli ngamabomu ngaye. Kutheni ungazondixelela ukuba uhleli
nesdala sakho?”
Nomtha: ”Bendingafuni ukukuxelela ehleli phambi kwam. And andingomntwana omncinci mna. Ndina
twenty freaking three years old. Awuzuthi ungena ndikutsibele ngokuba ndidibene nobani wathini
ndathini. And andiyithandi into yokuba uzozebenzisa abantu bakho to invade iprivacy yam.
Ndiyayiqonda ukuba uMonti umbekele ukuba andigade, ndiyayiqonda lonto kwaye ndiyabulela kodwa
sanusebenzisa lonto uku invada iprivacy yam wakugqiba uyenze into engeyiyo ungalindeli kum.
Bendingasoze ndingakuxeleli ngoLuzuko, nangeliphi na ixesha bendizokuxelela. Ayilwisi lonto.”
Simba: ”Undidikela ukucikoza oku kwakho. Asoze angareporti kum uMonti. And akusoze kubemnandi
nanini na ukubona umntu wakho ehleli nesidala. Kufuneka ndiunderstanda kuba inguwe. Mayibendim
uzobona. Mna izobangathi I'm projecting kuba ndadyolelwa nguNokulunga yada yada. But asoze
ibemnandi nanini na. Mna ke ndiyavuma ndiyindoda enesikhwele, nangaphandle kwahistory yam
emtshatweni ndiyakhweleta. Uphume umhle apha, awutshongo noba uzohamba uthi gqi sewumhle, all
of a sudden kukho some criminal laywer ohleli nayo.”
Nomtha: ”So uthi kufuneka ndiqale ndithethe kuwe xa ndifuna ukuphuma? Andikwazi ukuvele
ndihambe njengoba nawe uvele uhambe nje kodwa ubungumntu ebezohlala endlini? Mandithethe
nawe kuqala ndilinde imvume?”
Simba: ”Anditsho.”
Nomtha: ”Uthi anditshongo ukuba ndiyahamba kaloku yilonto ndibuza. Kuba ndigqibe ukuba
mandihambe ngoku ekuseni kuba bekungekho nto ndizoyenza and nawe uyaphangela. Bedizokwazisa
ukuba ndiya emall kukho izinto endifuna ukuzithenga ngaphambili kokuba ndihambe only for security-
masithi mhkawumbi awukho apha endlini. Ngapha koko ndingahamba ndikuxelele sendibuyile ukuba
oh! By the way bendiye emall okanye ndisemall ukuba kukho into oyifunayo ndingakuphathela.
Andizubabaleka futhi abantu endidibana nabo endibaziyo kuba bengamadoda. Andizuba krwada
ebantwini kodwa ndizokuhlonipha ndihloniphe nento esinayo.”
396
Nomtha: ”Andiboni nto mna. Ndihlala apha endlini and andinaMonti ozoreporta back. Kodwa
anditshomenanga naLuzuko. Bendiqala ukumbona namhlanje after iminyaka and ebeziva okungathi
undityala ingcazelo ngokungakwazi ukundinceda sathetha ke kodwa iphelele apho. Andisenanto
enondidibanisa naye nyani, andinabuhlobo naye.”
Simba: ”Unganabo ubudlelwane naye kuba unenkani and ufuna ukuprova ipoint kodwa ndizombulala
mna. Ndizomdubula apha afe.”
Nomtha: ”Uyandidinisa.”
Simba: ”The feeling is mutual baby and undidika ngokuba nomlomo omkhulu.”
Nomtha: ”Uba ubumncinci lomlomo bendigazukwazi ukufana uDiba omncinci. Ndenze naladeep throat
uyithandayo.”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Askies ukuba ndikwenze uzive ngenye indlela. Ndizokuconsiderisha ngexesha elizayo.
Ndikuxelele nangaphambili kokuba ndihlambe ukuba ndiyazophuma- hayi kuba ndicela imvume. Ukuba
wazi nje uzoxelela nabantu bakho ukuba bandilandele.”
Nomtha: ”Andikhange ndibe nepanic attack phambi kwabantu so ndithi ibiright. Bhetele kunoright.
Ndiyazingca ngam. Bendikoyika kakhulu ukuba phambili kwabantu abaninzi ndindodwa so kubhetele
ngoku.”
Simba: ”Nifunda kamnandi. Awukafuni ukuthatha yonke into yakho kulaDieptloof? Kuba senihlala apha,
futhi kuleveki izayo uzobe ungunkosikazi wam so ndizolindela ukuba uhlale apha.”
397
Simba: ”Aha! Bendilindele umlo.”
Nomtha: ”Namu.”
Simba: ”Ndiyathanda ukuba in control. Ebomini bam, kwishishini. Ndim lowo. Ndifuna izinto zenzeke
ngendlela yam and sendiqhele kanjalo. Ukuba xa ndisithi jump kuthiwa how high. Ndizozama
ukuziqhelanisa nokuba ayizukwenzeka qho kuwe kodwa ayitsho ukuba ndizoyeka ukufuna ulawulo
nokuba ndizoyeka ukukukhweletela. You are fucken beautiful. Ukuba bekuya ngam ngewunga phumi
kwalapha endlini. Ubomi bakho buqale ngam buphele ngam. Andizuyeka ukukhweleta kodwa andisoze
ndigabadele. Ndizolinda- kuzobanzima kakhulu. Kakhulu. Kakhulu. Kakhulu-
Ndiyihlekile.
Simba: ”Ndikufunele omnye umntu. Ebesebenza close noSiyanda. Ugood kakhulu and umthembile.
Ndiyayithemba ijudgement kaSiyanda kuba eyam indiphoxile so ...”
Simba: ”Slash mpimpi. Unguboss wakhe kodwa ndingubig boss so uzomamela mna ngaphezulu kokuba
emamela wena. Izobangathi uyapitshwa okanye iprivacy yakho asiyihlonophi kodwa ndenzela
ukhuseleko lwakho nabantwana bam mna. Undoqo ngulowo. Nokukugada ke kodwa ndenzela
ukhuseleko lwenu. NgoVenus ngoEfe ngoMaximilan, ndinentshaba. Nendingazaziyo. Andifuni zifike
kuwe ungakhuselekanga.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Phethuka uchophe phezulu kwam ngaphambili kokuba uphume. Ndikubhasele ngokuba yigood
girl.”
398
Simba: ”Undilambele. Ugxiza ngoku usemanzini.”
Uyihlekile. Ebendirabha iclit kamnandi. Ndiphethukile ndachopha kuye ndikhamisile, naye ngokunjalo.
Ungene wonke. Ndimangile andanyakaza.
Ndixhume kuqala ekuseni ndisiva umntwana ekhala. Ndiyomthatha ndamfaka ngaphakathi kwethu
ndamncancisa.
Kucacile ukuba ndiphinde ndabiwa bubuthongo kuba ndothuke ndilulwa umlomo ngumntwana kaSimba.
Nomtha: ”Jellytots!”
Uyihlekile.
Ndivukile ndayomenzela ipuree ndimtyisa. Kungene uSimba emnyango. Ebenxibe ihempe emhlophe
neblukhwe egrey ema entla kwamaqatha. Ebemhle kangaka eswenkele amadlaka! Kulandele umfana
emveni kwakhe ndazibona sendibambe isifuba. Ebenebala lika Simba lobumnyama. Enze ezicut zikhoyo,
indevu zakhe bezinde kakhulu yena zimnyama qhu futhi ezakhe. Ebemhle maan! Ndithe ndijonga
uSimba wabe endinyusele ishiya ndakhohlela into engapheliyo nditshaba zintloni.
Simba: ”Wife.”
Simba: ”Hlamba sizohamba. Kukho umntu endifuna udibane naye, sondela ndoda. Ngunkosikazi wam lo
uAneni Nomtha, Nomtha nguNorman Jack lo.”
Undolulele isandla ndosula esam kuqala ndincuma kancinci. Bawo wam ebemhle!
Nomtha: ”Nam. Ndiyavuya nam ukwazi. Hayi kakhul- okay mandithule ngoku. Uzombamba umntwana
ndiyohlamba?”
Unqwalile wayophuma. Ndive uSimba ethintha umqala ndamjonga. Bendinga senazintloni ukubhaqwa
ndijonge uNorman.
Simba: ”Calm down sisi, andikuphathelanga soka apha. Uyeke nokuvuzisa izincwe.”
399
Oh bawo wam ndizintloni!
Nomtha: ”Yena?!”
Simba: ”Uthetha ukuthini ukuba yena. Ewe yena. Ngulomntu bendikuxelela ngaye izolo.”
Nomtha: ”Mhh.”
Ndinikine intloko. Kodwa ibikhona. Kakade ibikhona. Bendibhidwa nayilento ebona ukuba ndiyilendlela
ndiyiyo ngalaNorman kodwa ufuna asebenze nam. Bendiba unesikhwele. Okanye ndim? Bekusenzeka
ntoni apha? Ndiyalingwa mhlawumbi? Ndiyacutshwa?
Nomtha: ”Andizuba nangxaki naye kodwa ndicinga ukuba angayingxaki kuwe. Kuthi. Uyajongena. Andithi
ndimncwasile kodwa mhle kakhulu Simba, andifuni ube insecure kuba ndimbona eyindoda entle.”
Ndimncumele.
Simba: ”Akukho mdlalo ngandawo. Ndiyavuya ukuba unyanisekile ngendlela akuaffecta ngayo.
Awuyimfama, njengokuba nam ndingeyiyo. Akazuba yingxaki uNorman. Akazuba yingxaki kum. Akazuba
yingxaki kuwe, akazuba yingxaki kuthi. Ngendlela endibona ngayo mna angayingxaki kuwe. Ngendlela
yokuba akabakhathalelanga abantu abangomama. Uthandana namadoda.”
Ndikhamisile. Yilento ebemandelwe yiyo yonke lento kosathana wendoda. Ndithe nqa egigitheka into
engapheliyo, bloody swine.
Simba: ”Hahahaha! Akazulinga kuba ndizithandela abafazi qha mna. Ndizithandela wena.”
400
Simba: ”Indoda ayintlanga.”
Nomtha: ”Awumhlanga nyani wena, ndithetha ngoNorman namanye abadoda. Ngabo o'Nina'”
Simba: ”Uyabatya nyani abantu. Ndiyavuya ukuba uyayithanda into oyibunayo cause I'm happy with my
view.”
401
FORTY NINE
Simba: ”Uright sisi, uright. Shhhhh.”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa.”
Simba: ” Ndiyayiqonda.”
Ndifixizile ndosula ubuso. Undibambe izidlele wandiphuza. Ndiyihlekile kuba bendiyimess nje njengoba
endiphuza.
Nomtha: ”Kuzothini xa sihamba naye? Andifuni ukushiya umntwana wam oyintombi nomntu
endingamaziyo.”
Ndimbone eqinisa imihlathi wakrwaqula uNorman kulandawo ebemi kuyo wanikina intloko.
Umkhuphe ngecar seat sahamba sobathathu. Sifike sabeka izinto besiziphethe waphindela emotweni
eyothatha iflowers besizithenge endleleni eza ngapha.
Ubuyile wazogaqa ecaleni kwam endibamba isandla wanqwala. Bendingayazi nokuba ndiqale ngaphi
ukuthetha. Njengoba ndiliciko nje kumaxesha amaninzi ebengekho kwa amazwi. Bendingayazi nokuba
ndiqale ndithini. Ndiphefumlile ndosula inyembezi beseziqaqalele phantsi ukuphalala. Andiyazi
ndagqibela nini ukuzobabona. Bekukhule ingca nentsangu kufunwa ukucleanwa kuba andisezi. Naxa
ndinqwebe isibindi bendiphelela kwiparking ndingabinaso esokusondela nganeno. Intliziyo yam
ibinzima.
Nomtha: ”Baba, ndim uAneni. Ndiyaxolisa ngokungazi ndizonibona. Andibinawo amandla- ndi,
ndiyanikhumbula. Kakhulu wena. Ndibuhlungu nje nayinto okanye izinto endizifumeneyo ngawe. Izinto
nempilo bendingayazi ukuba uyayiphila. Ndiziva okungathi bendingakwazi. Hayi ngalendlela bendicinga
ukuba ndikwazi ngayo. Ndinqwenela ukuba ubungazange uzifake kulampilo owazifaka kuyo. Mhlawumbi
bekungafingeki butyebi bungako. Ubunifumana umsebenzi uqashwe uphangele njengawo womke
umntu mhlawumbi ubunofumana amandla kwakhona. Akwaba. Akwaba. Akwaba. Ndiyayazi ndithetha
nje kuba sekulate ngoku. Eight years emveni kwesiganeko ngoku ndiziva okungathi kuyizolo. Nirhuqwa
ngaphandle kwendlu nigqunyiwe. Nileli kulamikhenkce ngaphaya kwala glass- zolileyo ingathi
bubuthongo nje bomzuzwana. Ingathi uzovuka undixelele ukuba uyandithanda nokuba yonke into
izolunga. Kwakungekho sidingo sokuba uthengise umphefumlo wam, ndandikuthanda anyways.
Ndikuthandela inzame zakho nendlela ubusikhathalele, usithanda ngayo. Ndisaluthanda nanamhlanje.
Indoda endiyithandazeleyo xa ndifuna indoda yindoda efana noSam. Ethanda usapho lwayo ukogqitha
ubomi. Ndiyifumene- ndizolotyolwa kulempela veki. USimba ufuna umtshato emveni koko. Ndizohamba
402
ndodwa enkundleni, noba andindodwanga izobe ingenguwe lomntu. Ndandisoloko ndinomnqweno
wokuba ibenguwe ondinikelayo- kumntu endizochitha naye ubom bam bonke. Ubekhona ukubona
abazukulwana bakho. Unomzukulwana ngoku, intombazana. NguZendaya igama- uyakhumbula
wawuhleli usithi umntwana wam abenguZendaya oyintombi, oyinkwenkwe ibenguSamora? Elinye
nguNyeredzi. Ndiyabona ngoku ukuba ngumzali. Intliziyo yakho iphuphumale luthando uzive okungathi
intliziyo yakho ingaphandle kwesifuba sakho. Ufune ukumenzela yonke into ayidingayo, ndiyakuqonda
somehow. Ndiyasiqonda isidingo sakho sokuba singasweli nto, sifumane only the best. Kodwa
ngaxeshanye awufuni ukwenza into engakohlukanisa nomntwana wakho. Ezokohlukanisa nosapho
lwakho kuba akakho umntu onolithanda nje ngawe. Ilizwi libi kakhulu. Izinto endidlule kuzo ungekho.
Ndinomsindo. Ndiyazama ukuba right kodwa andikho right. I'm not coping. Andizazi ipanic attacks
endibenazo esikolweni okanye kwindawo enabantu abaninzi. Ndihleli nje ndijonge ngemva ndilindile.
Ingathi kukho umntu ozofika andixhwephule ndingaphinde ndibuye. Ngamanye amaxesha kusa phandle
ndijamile kuba ndinenarhmani okanye abukho kwa ubuthongo. I'm so sad. USimba uyazama nam ndiziva
okungathi kufuneka ndipretende ngamanye amaxesha kuba I'm so sad and andifuni ukumdika. Andifuni
akhathazeke ngam. Ingathi kuzuza mna qha kulomtshato. Ndonakele, ndiziva okungathi andikho good
enough. I can't get over the fact yokuba wandibona ndingalandlela. Ndi- andikwazi ukugqitha kuyo
lanto. And ndisola wena kuba ndikulemeko nje kungenxa yakho. Kungenxa yakho. Ndinomsindo,
ndicaphukela nento yokuba ndisakuthanda. Ndikufuna apha-
Andibanga sakwazi nokuqhubeka wandanga uSimba. Undibambile ndade ndagqiba ukukhala uthethile
naye saqalisa ukucleana. Sibabacocele bonke sababekela intyatyambo. Ndithethe nakuLumumba kodwa
hayi kuNoxolo. Oko ndandingena nto yokuthetha naye njengoba bendingenayo nangalamzuzu. Sigqibile
sayokhwela emotweni.
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndiright.”
Simba: ”Kuzofuneka sithethe mna nawe. Ha.a don't give me that. Sizothetha. Andithi?”
Nomtha: ”Okay.”
Ndimjikelezisele amehlo wayihleka kancinci. Ibingathi ebefuna ukuba seduze nam azondibamba. Nam
bendinqwenela lonto kodwa imoto besihamba nayo incinci. Ukhuphe iphone yakhe etaseni wayicofa
eyibeka endlebeni.
Simba: ”Ey! Ungafouna ke beze. Sesiphuma. Noba kusemveni kwehour ke kuba uNomtha usezoqokelela
izinto zabo and ababantu babanento eninzi. Hahahaha! Kakhulu uyayazi mos nawe kudala ndiyifuna.
Kakulu bruh. Ndizok'thumela le address ke ubanike. Sure. Ndizombulisa. Uthi uSiyanda ndikubulise.”
403
Nomtha: ”Oh okay.”
Simba: ”Undidunele abantu abazosinceda ngokumova but uthi simxelele xa siready kuba baphaya
eSoweto nabo. EDlamini. Uyayazi iDlamini?”
Nomtha: ”Andiyazi noba bendicinga ukuba sawuzithwala entloko na ezizinto kuba andicinganga
transport.”
Simba: ”Uyayazi ukuba ndawuyilungisa andithi? So uyaphola wena ube ngumadam ndikwenzele yonke
into.”
Simba: ”Yazi akakabhabhatiswa uZendaya. Kufuneka simse eCaweni sometime nextweek. Ndizobuza
uBisola ukuba kwenziwa njani athethe nomfundisi wakhe.”
Nomtha: ”Ukuba kukho into eyenzeka kum okanye wena abantwana bethu bazawushiyeka nabani?”
Simba: ”Ukuba kukho into eyenzekayo kum, wena usekhona nawuba sorted nabantwana bam. Andina
matyala, ndizobashiya beright noSiyanda ukhona. Ukuba awusafuni ukuhlala apha eJoburg kungakuwe
kodwa uba uyahlala uzoqiisekisa ukuba awuhlutshwa mntu.”
Simba: ”Noba kunzima kangakanani kuyafuneka ukuba sithethe ngazo ezizinto. Sizotshata futhi ngoku
kuzofuneka sithethe ngezinto ezininzi.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
404
Bekuhlanga hlangene kularoom, iyibox yonke indawo. Bwsendixelile ukuba ndiyahamba kodwa uSimba
wabathembisa ukuba sawuyibhatalela nenyanga ezayo kuba sihambe ngesaquphe baqubuleka.
Bavumile ke ababina ngxaki. UZendaya ebekwi room esenext door kulamakhulu ebemgada.
Simba: ”Benditshilo ke kuSiyanda ukuba izoba ngunyaka wonke uqoqosha izinto zakho kuba nibanento
eninzi nina.”
Nomtha: ”Ibhedi newardrobe ndiyazishiya. Umakhulu uthe uzolahla ezakhe afake ezi zam
ndimthengiseka ngediscount. Ezinye andiyazi.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndithungise ilokhwe endizoyinxiba ngalamini yelobola. Iblue. Navy blue, bodycon. Apha
ezantsi inelalaphu lesishweshwe. Ndifuna ubamhle.”
Nomtha: ”Yes!”
Gogo: ”Sawuqhela nyani noxa kunzima nje ukuqhela ummtu omtsha, nawe sakuqhela.”
Simba: ”Ndibuza kuba asinamntu wokugada uZendaya noNomtha. Uyafunda, ndiyaphangela kwaye
andifuni aye kwidaycare esemncinci kangaka.”
405
Gogo: ”Andiyithandi nam idaycare kumntwana osemncinane kangaka. Angafika etyabuke
nezompundwana.”
Simba: ”Ukuba awunoba nangxaki ukuqhubeka umhoye. Andifuni sleep in kwaye akukho kufuphi ukuya
eCenturion. Kodwa lamfana ungaphandle ukwalapha eSoweto naye so angamane egqitha ngawe
akubuyise. Ngemali sawuthethana.”
Bafike abantu kwathuthwa izinto zayolayishwa. Besekusele ezimbalwa sayoma ngaphandle noGogo.
Besincokola nje wethu waphidela ngaphakathi.
Nomtha: ”Ndimfumanele utata owondlayo umntwana wam and akafuni sithembu yena.”
Shaka: ”Sanibonani.”
Nomtha: ”Yebo.”
Shaka: ”Hawu? Angisakuboni vele la sekudala wathutha vele. Bekusele iyimpahla zakho kphela.”
Ndihleli qha.
Nomtha: ”Ngutata kaZendaya wamanyani lo, Simba. NguShaka lo. Uhlala apha enextdoor. Ndakhatshwa
nguye nonkosikazi wakhe esibhedlele ngokuya ndandilunywa.”
Shaka: ”Ungamemezi!”
Nomtha: ”Awuphosisi!”
Shaka: ”Sikahle nathi. Nizohamba kahle ke ntombi. Ungazifihli phela kuleyoCenturion yakhona, sibone
ingane.”
Shaka: ”Yaze yasinda imali yam ama ice cream neyinyama zentloko!”
406
Nomtha: ”Hahahaha! Uzotsho uthenge iaeroplane.”
Shaka: ”Ngizozithengela indiza mshini vele. Nibambe kahle ntombi! Awuthi ngiyophumula, ngikhathele.”
Simba: ”Kuhle.”
Unqwalile wanqwala noShaka emqwalasele ebusweni. Uyovula igate wangenisa imoto oko emjongile
uSimba. Uphefumlile wajonga kum endincumela kancinci.
Simba: ”Awufundi.”
Nomtha: ”Hahaha!”
Simba: ”Landoda-
Nomtha: ”Ngoba?”
Simba: ”Kuba wayekhona kwipregnancy yakho, wakhona ulunywa. Wabona uZendaya eseliyuku. Jonga
wazi necravings zakho, ingathi ndisisibhanxa mna ngoku ndimi apha.”
Unqwalile wancuma akundijonga isisu. Okungathi kungona akhumbulayo ukuba sizoba nomnye
umntwana. Bendithandazela enye intombi.
Nomtha: ”Bonele nakum ababini. Uncede ufune abanye abantwana kuba ukuba ubulelinye ixhego,
mhlawumbi ngewuthe awusafuni bantwana.”
407
Bekungathi iqengqeleke yakhawuleza iveki. NgoLwesihlanu ndikhatshwe nguSimba sayolala ePretoria
noZendaya. Sihleli phantse ubusuku bonke sincokola kwakhawuleza ukusa sekufuneka kuphinde
kuvukwe. Siphekile kuculwa ingoma. Isalads zona zenziwe ngengomso. Bendinga lindelanga yonke into
bebeyenzile ngelaxeshana. Bekukuhle isisiwili wili nje. Ibingeyonto inkulu kodwa bendibulela kuba
bendingalindelanga kwanto. Bekuzoxoxwa ngoku ihlawulwe kwangoku ingazuba yiprocess ende
njengesiqhelo, ngenxa yemeko. Ezethu bezohlukile.
Bafikile omalume bakaSimba noSiyanda kunye noMluleki. Ndibabonile kuba bendibakrobile. Kuxoxwe
iiyure ndade ndalala nokulala ndilindile. Ndivuke kusaxoxa kwazonqonqoza emveni kwenye ihour ukuba
ndiphume ndiyonikezwa umyeni. Bendinyembezana kuba bendicinga ukuba abazali bam abekho for
lomzuzu. Bendibulela uSimba kodwa ngokufuna izinto zenziwe ngoluhlobo kuba ibintle lento. Noba
ibingeyiyo nqo kodwa bendivuya. Bawo wam ndingu Aneni Tongai- Matanzima.
408
FIFTY
Simba: ”Nomtha.”
Indlela bendidinwe ngayo ibingase ndiyekwe ndiphumle ndizovuka ngeloxesha ndivuka ngalo.
Bendidiniwe hayi kancinci.
Simba: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Mh?”
Simba: ”Khawuvuke.”
Unqwalile.
Simba: ”Andiyazi. Ubuzile ukuba sikhona na wathi uyeza. Andimbuzanga nto ininzi nam ndivele
ndavuma.”
Nomtha: ”Ndizokwenza icreamy chicken pasta. Ukuba uyatya okanye akakutyi andingeni ndawo.
Ungayothenga ucarrot cake wena lomzuzu. NeTin roof ice-cream.”
Unqwalile.
Nomtha: ”Hayibo ngoba?! Simba awuvani noVenus. Andiyazi kutheni uzofaka noBisola kulonto uyazi
ukuba ukuthanda kangakanani umamakho.”
409
Simba: ”Umama ngunkosikazi katata. Uzoza apha abuyele endlini afike amnike iupdates ngempilo yam.
Andiyifuni lonto.”
Nomtha: ”Sumenza kanje umamakho Simba uzomvisa kabuhlungu tana. Sumtyhalela le. Makangafeli
izono zikaVenus.”
Ndivukile ndondlula ibhedi ndaqoqosha ikamire ndayohlamba. Indaba ezimnandi kakhulu, uZendaya
ebesezilalela eroomini yakhe. Bendisonqena nento yokuba abe esiva incwina zethu ebusuku.
Bendiqonda ukuba akakabhadli kodwa bendingathandi. Kuba nathi sakhawuleza ukulaliswa sodwa.
USamora wayesithi sasilala sodwa ndinentsuku. Uba uthetha ngoNoxolo mna! Nangoku sesibhadlile
ufune ukulala nabazali uthi uyoyika okanye unenarhmani, ebekuphindisela ekamireni yakho kwakhona
owam umama. Andikhumbuli ndilala nabo.
Ndihkambile ndanxiba ilokhwe ema nqo ezantsi kwamadolo. Bendikhululile umfakelo ndenze amaflerho
wenwele zam. Iafro ibingumsebenzi nehalf.
Mmk ebekwimood nje uSimba. Caba baye ezivenkileni ukuyothenga ezizinto bendimyaleze zona.
Kunzima nokundixelela ukuba bayaphuma. Enyanisweni bendingayiqondi indlela angayo kumama.
Umama ebeyi victim kufana naye. Andiyazi kengoku xa ezosuka angamcaceli kwayena. Ngumama
wakho. Kuphela komzali anaye ngoku, xa efuna ukuzibhekelisa nakuye.
Ndidefroste ichicken breast ndabe ndibilisa ipasta ndenza neveg. Ndiqoqoshile endlini ndacleana imat
elounge ngevacuum cleaner. Besekubetha umoya ukubuya kwabo.
Umshiye apho lomntwana ndamkhupha kwicar seat ndayojonga ibaby carrier ndambeka emqolo.
Ungene nezinye iplastic bags wafaka efrijini ezinye kwipantry. Ebethenge izinto ezininzi kunezi
bendimyaleze zona. Wongeza nezomntwana.
410
Nomtha: ”Ungamxeleli angezi nje umamakho ukuba uzosithwalela umlomo?”
Simba: ”Hayi mandinga thwali umlomo kuwe. Andizukwenza ingathi ndinemincili ukubona umama noba
andinayo.”
Undikrwaqule waphefumla.
Simba: ”Ndiyaxolisa.”
Simba: ”UVenus usenzela ingxaki ngapha nangapha. Ndilungisa ngapha uqhala enye and ndinento ethi
umama uthunyelwe ukuzoncina iinformationa apha.”
Nomtha: ”UBisola uyakuthanda. Akasoze athunyelwe nguVenus ukwenza imisebenzi yakhe emdaka.”
Simba: ”It's costing me money. Eninzi kakhulu, kodwa ayongxaki endingasoze ndikwazi ukuyilungisa.
Ndidikwa yinto yokuba ehleli nje ulimeva nomqomo endleleni yam.”
Simba: ”Andikayazi okwangoku kodwa ikhona into ekufuneka ndiyenze azoyeka ukundithatha lula
ngoluhlobo.”
Simba: ”Udriver kaVenus angahlali apha. Uzobuya akulande. Andimfuni kwiproperty yam.”
Bisola: ”Simba.”
411
Umncumele ngoncumo olufudumeleyo wamanga ithuba elide. Umphuze isidlele uSimba bajongana
ebusweni. Ndiqaphele ukuba unyembezana uBisola.
Bisola: ”Vula imoto Simba uvulele uMalkia. Edward! Khupha ezizinto zikwi boot unike uSimba angene
nazo. Osuse.” sthandwa.
Ndiyomncedisa ukuchopha kwione seater elounge. Kungene uSimba noMalkia bephethe iplastic bags.
UMalkia unike umama kaSimba ihandbag yakhe.
Malkia: ”Hi.”
Bisola: ”Ndingabulela.”
Malkia: ”Makhulu.”
Ubeke umnwe wakhe emlonyeni uBisola esithi makathule. Woyame esitulweni wavala amehlo.
Ndiyokwenza itea ekhitshini wabe ebuza impilo uSimba. Bancokola nangoZendaya ukuba unjani. Sesenza
ntoni na ngoku nokuba akahluphi na. Ndimphathele itea yakhe namanzi kaMalkia kunye nejuice for mna
noSimba.
Ndibeke eyam iglass ndayofaka leya yakhe efrijini ndimphathela ibeer yakhe. Ubulele ndachopha ecaleni
kwakhe. UBisola ebezamisa itea wasijonga.
412
Bisola: ”Usengutata ebantwaneni bakho Simba?”
Simba: ”Andiva?”
Ubeke ibeer phezulu kwe coaster kwicoffee table wajonga kumama emfingele intshiya.
Simba: ”Mama abantwana ayingobam. Ndanditshilo kuwe ngalamini kwaMluleki ukuba abam
abantwana nguMalik noZendaya kuphela. Umntu owazi utata wabantwana nguNokulunga.”
Bisola: ”Abangobakho?”
Bisola: ”Simba oko wawukho bezalwa aba bantwana. Wabakhulisa bade bangaka. Ngoku, ndiyayiqonda
ukuba abangobakho njengoba usitsho kwaye ndiyaqonda ukuba ikuvisa ubuhlungu lonto kodwa nabo
beva kabuhlungu. Nabo baxhelekile kuba bazi wena. Andiqondi bayamazi utata wabo. Ukuba
abangobegazi lakho akuthethi ukuba balahle mntwanam. Ngabantwana bakho aba bayakudinga.”
Simba: ”Ngabantwana baka- mama, ukuba bayandidinga- ukuba uyandidinga Malkia ndandithe uthini?”
Bisola: ”Simba.”
Bisola: ”Kwenzeke ntoni kuwe? Kwenzeke ntoni kulandoda ilungileyo ndayikhulisa mna. Ebeka usapho
kuqala. Nilibele noVenus ukuba usapho luza kuqala?! Njengoba sesiqhekeke ngaphakathi nje namhlanje.
Kwenzeke ntoni kuwe?”
Simba: ”Kwenzeke uVenus. NoNokulunga. Andizuqhubeka ukuba ngupopeye wabantu mna mama. Not
for uVenus, not for uNokulunga. Nakubani na. Ixesha lokuba ndizondlalele bona phantsi bandixangxathe
laphela kudala. Abantu abaqhekeze usapho ngabo hayi mna kwaye andizuvuma ukuba kutyholwe mna.
Ndithathe iblame kuba ndasoloko ndilula ebantwini.”
Bisola: ”Awululanga mntwana wam. Kodwa uyindoda engcono wena. Utata wakho unokuzikhukhumeza,
nawe xa uzikhukhumeza akusoze kulunge nto. UNokulunga akakho right kulandawo akuyo. Umntwana
ndide ndamfunela umntu ozomnce-”
Simba: ”Hehe! This is unbelievable. Usamkokosa loNokulunga?! Lo oxokise unyana wakho iminyaka,
three yabantwana kwisine ayingobam. Wabona indlela endophuke ngayo. Uyabona indlela abantwana
413
abonzakele ngayo kodwa usamzisa kwikhaya lam umfunele uncedo?! Ndixabisekile kuwe noVenus?
Yaz'intoni, fuck this!”
Nomtha: ”Simba!”
Bisola: ”Simba!”
Simba: ”Ifamily yam ngunkosikazi wam nomntwana wam nabanta kwethu noMalkia. Wena noNokulunga
noVenus, you go to hell!”
Bisola: ”Nkokheli!”
Uyophuma ngomnyango akabheka. Ushiyeke esothula isikhalo umama ndabe ndimi nematha.
Ndixhumile ndamlandela wabe esekhona eyadini equbude kwisteering wheel. Bendiba uyakhala kodwa
ebengakhali. Sijongene ndimi kwicala lakhe lefestire. Uphefumlele phazulu.
Nomtha: ”Uright?”
Uphefumlile.
Simba: ”Uyayazi into andenze yona lamfazi. Uyayazi ukuba abantwana bonke abangobam. Uyayazi
indlela endixheleke ngayo yilonto kodwa usakhe amfake emzini wakhe! Kwikhaya lam!”
Simba: ”Then yiba kwicala lam uyeke ukube uthethelela umama. Be on my fucken side! Ungunkosikazi
wam!”
414
Ndinqwalile.
Ustarte imoto waphuma. Ndishiyeke ndixakene nento. Ndiyongena endlini wabe uMalkia encedisa
uBisola ukusukuma esofeni.
Ndinqwalile.
Bisola: ”Akamazi utata womntwana. Ulele nendoda angayaziyo kwezi nightclubs sistress aphantsi kwaso
ngenxa yayo yonke lento iqhubekayo. Umntwana uzilahlela etywaleni uthathwa i advantage
ngamadoda. Umithi ngoku.”
Nomtha: ”USimba akangotata kaMalkia. UNokulunga makakuxelele utata womntwana mama azokwazi
ukumnceda. Akhonto edibene noNokulunga nabantwana bakhe asazoyingena uSimba. USimba
ugqibotsho ngoku indlela akhubeke ngayo ukuba kuxabiseke uNokulunga ngaphezulu kwakhe kodwa
andikuboni uyithathela ngqalelweni into yakhe. Umyeni wam naye akakho right mama. Unyana wakho
akakho right. Mcingeleni naye.”
Nomtha: ”Uzawuphoxakala uzisole mhla weva ukuba uluhlobo luni lwenyoka uNokulunga. Ngeloxesha
kuzobe sekulate. Uzobe ulahlekelwe ngunyana. Mbuze ut-. Bendicebisa ulungise izinto kwangoku. Nne.”
Uncedwe ndim ukusukuma kule game ndamkhapha emotweni ngaphandle. Undimisile xa ndijikayo
wakhuba ibox emnyama evelvet.
Bisola: ”Ndivile ukuba nitshatile noSimba. Ukuhlawulele ilobola. Ndibuhlungu ukuba ndiyive ngabantu
andaziswa kodwa akunani. Le necklace ndayinikwa ngumazala wam. Umakhulu kaSimba. Ndiyipha wena
namhlanje, ndiyakwamnkela kusapho lakwa Matanzima. Ndiyayazi ukuba njengoba izinto zinje nje
namhlanje andinomenywa emtshatweni okanye xa unxityiswa. Ndizoxelela noManci nooDabawo benu,
igama lakho unguLinokhanyo.”
Simba: ”Umnkile?”
415
Nomtha: ”Ewe. Umnke wayaphi?”
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Akhonto endiyenzileyo. Ndibaxelele nje ukuba uba akaphumi phaya ndizomxelela umama ukuba
abantwana ngabakabani. Ndenze neDNA.”
Nomtha: ”Bathini?”
Nomtha: ”Yhooo!”
Simba: ”Akukho Nokulunga ungekho right apha. Qha bafuna ukulalana kuba babuyelene.”
Nomtha: ”Umama undinike inecklace apha. Intle inedayinami. Ndoyika ukuba inezizinto zenu.”
Nomtha: ”Nam.”
416
FIFTY ONE
Undijongile uSimba. Kwakhona.
Nditsho ndigqwashula ndisukuma. Besikwi office yakhe. Kushushu qhu yile heater besiyilayitile.
Bekubanda namhlanje eJoburg. Ndibuye esikolweni ndahlamba nomntwana wam sangena ezungubeni
salala. Ndivuke ukubuya kuka Simba ndamisa imbiza ekhawulezileyo- stir fry nerice ndazohlala naye kwi
office yakhe ndenza ihome work. Bendizifumana ndisekokeni njengoba ndinguMrs Matanzima nje
ngoku, xa kuthiwa umntu ulala ephenduka bekuthethwa ngoSimba Matanzima. Into entsha ebengafuni
take away ngoku, efuna ukutya okuphekwe endlini. Ndisinde ngalamini sasibuya kwicheckup kuphela
kuba wayonwabela ukubona iJellybean yakhe. Mnkru! Yonke into ibiright ke uminxinxi ekhula kakuhle
noxa ebemphethe kakubi umama wakhe. Bendike ndivuke ndinoZendaya ngamehlo amancinci kuba
ubuso budumbile. Ngamanye amaxesha kungangeni nokokutya. Bekukuninzi. Bendonwabe ngaphezulu
kokuqonda kule pregnancy kuba uSimba ukhona. Ndancwina nje ukhona kodwa uyakufuna kona ukutya
kwembiza. Ebezondifundisa idish zamaNigeria kuba ebezithanda nazo. 'Singahlali nje sityana
nemingqusho' ebesitsho. Xa sasike sawutya nini lomngqusho phofu? And andiqondi kuba ngumXhosa
lomntu. Andiyazi uyintoni kwidish zoBisola.
Nomtha: ”Iworse ndenza umsebenzi wesikolo wena usela ihot chocolate upholile.”
Simba: ”Ndiyasebenza apha nam. Uba andisebenzi awukwenza nezo homeworks zebhongo kuba
ubhatalelwa ndim ifees.”
Nomtha: ”Nguwe.”
Simba: ”Waba imillion. Mhlawumbi wayisebenzisa enye okanye wayipha amankazana wakhe
nemigqakhwe yakhe.”
Nomtha: ”Hahahahaha!”
417
Ndiphumile ndayovulela ubhut'Mluleki. Wabuya esele ngalamini uSimba. Ndimlinde ebhedini ndimanzi
ntee. Ibirhaaxana ke kunesiqhelo kodwa ndamnyamezela. Zange silale. Okay ekuzeni kusa mhlawumbi.
Ndalala ndafa. Imikhinqi isithini. Bendithanda ukweza izimanga nomyeni wam. Hahahaa!
Ebendincumele eveze wonke amazinyo. Inwele zakhe bezixuba kakhulu ngoku. Indevu zona ebezisusa
zonke. Betha ngebaby face. Uba uSimba angasusa lasalt and pepper wendevu ndingamlahla stru.
Mluleki: ”Unjani?”
Mluleki: ”Akuphekwanga?”
Ndinqwalile.
Mluleki: ”Kubanda nyani namhlamje. Sisebusika, khawume ndimkhangele. Two coffees one sugar no
milk.”
Nomtha: ”Teaspoon?”
Mluleki: ”Dankie!”
Ndimenzele ikofu ndimphathela. Bebesabuzama impilo. Owam ke umntu ebenxibe oshorty ngeloxesha
kuyabanda. Bekungcono kuba ebwngahambi ngogaga.
Nomtha: ”Ndikwenzele.”
418
Simba: ”Uphosisela ntoni?! Uthetha ukuba ibingenokonela kule tray?”
Ndimnike ikofu yakhe naye wabulela. Ndiqokelele incwadi zam kuba bendingqengqe phantsi ngoku
ndibhalayo.”
Simba: ”Sawutyeni sonke edining room. Gqibezela umsebenzi wakho apha etafileni ungaphumi.”
Nomtha: ”Andizuphazamisa?”
Mluleki: ”Yho!”
Simba: ”Yintoni?”
Simba: ”Hayi ninentlonti noko ngoku bhuti! Omnye umntwana nibangaka ukuba badala!”
Simba: ”Oh.”
Simba: ”Hayi uncedile asikhuphe kuba aniyazi tu into yokupreventa. Ndimangalele nento yokuba
amajoni akho asese fomini.”
419
Simba: ”Inoba akukho lula kodwa nithathe isigqibo esiright. Mna ndizokwenza laprocedure yakhona
ngaphambili kokuba abeleke uNomtha. Ndimdala ngoku ukuba ndibe nabantwana.”
Simba: ”Ja. Uzoba right uUlatho. Umxhase nawe. Ayinoba ilula lento ayenzileyo noba sisigqibo
enisithathe kunye.”
Simba: ”Ndabagqibela kudala. Ake andibokele bona uUlatho kuleveki izayo. Undiboleke wena.”
Simba: ”Andiyazi. Njengoba bengavani nje noNomtha kuchaphazeleka nabantwana bethu kanti
bendifuna bakhule kunye. Bakhule besazana.”
Simba: ”Hayi kuzofuneka ilungiswe lonto. Asizumela into yokonqena ukuya kwakho kuba sitshate nenja
nekati. Bazotsho lento bayibangayo kuba nyani andiyivisisisi into yabo. Ngabo bobabini qha
omolokazana phaya endlini ngoku. Kuzofuneka bebambisene ngento eninzi.
Undibambe ithanga ngaphantsi kwedesika ndamkrwaqula. Ebejonge ubhuti yena edlala ngecephe elikwi
komityi ebiseyi empty.
Mluleki: ”Wandifounela engakwazi nokuthetha sisikhalo esithi umthukile wamfokofa kwakho. Kukho
no'fuck you'”
Simba: ”Ndandithukisa ewe kodwa bendinga thuki yena ngo 'Fuck you.'”
Simba: ”Yena nomyeni wakhe bafile kum. Ndandingaphazami ke apho. Ufile kum. Andinamama
andinatata. Ifamily yam ngoku ngabantwana bam nonkosikazi wam. Omnye umntu makahambe ayofa.
Kuba nindenza isibhanxa senu mos. Anindikhathalelanga, anikhathalelanga indlela endiziva ngayo mna.
420
Ndikhokhelisa abanye abantu kunam. Mna umama kunzima nobuza ukuba ndinjani. Akakhathalelanga
mntwana wam, umntu amxabisileyo ngumntwana walarapist inguSylvester. Uyohlala ekhaya,
uNokulunga uyohlala ekhaya. Fuck them! Ndisatsho nangoku. Lamntu undidyolele, abantwana
abathathu bonke abangobam. Uyayazi lonto kodwa usamxabisa ngaphezulu kunam! Nokulunga osalala
noVenus!”
Mluleki: ”Basalala?”
Simba: ”Tyhini! Ndababhaqa bephatha-phathana ebhedini kamama! UVenus uzonyukelwa zihigh high
afele phezulu koNokulunga.”
Simba: ”Noba kunjalo uyayazi ukuba unabantwana abangengo bam abafumana emtshatweni wethu.
Uyayazi lonto. Akukhathaliseki ukuba akayazi uba uyamntyela, eso sisizathu nje sokuba afutsekhe!
Ngengaqhubeki emtyela indoda uba ebemfokofile.”
Simba: ”Iyandonwabisa kuba uzotsho abone ukuba uzigoba umqolo ngomntu omhlekayo xa emzele
ngomva. Mna mntu umthandayo nomkhathaleleyo akanaxesha lam. Akabethelwa nangudo ukuba
akafamenywanga okanye akaziswanga ngelobola. Uzondixelela ngoMalkia abakhulelweyo abangabazi
otata babo!”
Mluleki: ”Udlwengulwe?”
Simba: ”Kuyafana uba kunjalo kuba inoba ebenxile ububhanxa angayazi nayifunayo.”
Simba: ”Andiyazi. Umama wakhe nankuya eMeadowlands ukuba akabuyelanga eKyalami. Utatakhe
ubusy zimpundu zikaNokulunga.”
Simba: ”Nawe, noMkhuseli kunye noBukhosi. AndingoChief brother wababantwana mna ndinengxaki
zam.”
Unikine intloko yakhe ephefumlela phezulu. Besendivale nezoncwadi. Uphinde wanyakazisa isandla
sakhe endiphulula ithanga wandiphulula ngaphambili ngaphezulu kwe underwear. Undikrwaqule
kancinci.
Mluleki: ”Indlela yokuba kuphele bonke obububhanxa kukuba umama axelelwe. Kuba kucacile uba
asoze iphele lento kaNokulunga notata. Simcengile sahlala naye phantsi. Sasebenzisa izigrogriso
kwafana. Makayazi ngoku kuba umama wenziwa isibhanxa. Into endonyanyisayo kukuba bayolalana
kwamama, ebhedini kamama! Iphi intlonipho?! Sizothi siyamkhusela umama abe eqhubeka
ebhanxwana. Hayi makayazi.”
421
Simba: ”Uyazi ukuba uzenzela intshaba kutata.”
Simba: ”Ukuba ufuna ukumxelela, mxelele. Ndidikiwe mna yinto yefamily yakho.”
Uyihleke kancinci.
Simba: ”Nanini na, naphi na. Uzivile indlela ubugxiza ngayo? Bekungazudingeka foreplay. Nangoku
futhi.”
Nomtha: ”Khawuyeke ukundigobha uyojonga umntwana. Ndisene homework mna andinaxesha lalento
uyifunayo.”
Undiyekile wandibhantsa.
Nomtha: ”Oh?”
Simba: ”Andikhumbuli sisiya kwiweekend away and the works. Ngoku besise officini. Ngaphambili
kokuba ndiphazanyiswe nguMluleki, bendisenza amalungiselelo. Accomodation. Flight. Trasport. Yonke
into.”
Nomtha: ”Suxoka!!”
422
Nomtha: ”Siya eKapa nyani?! Ndayigqibela nini iKapa?!”
Nomtha: ”Kudalooo sasingayazi noba kubethwa abaphi. Sendikhunjuzwa ziphoto ezikula box.”
Simba: ”Oh bendizibonile nam. Ndifuna sibhiyoze. Ukubuyelana kwethu. Umanyano lwethu. Abantwana
bethu. Nothando lwethu. And this strong fiesty woman I'm married to side sahlulwe kukufa.”
Simba: ”No thank you. Ndiyabulela ngokundonwabisa ngendlela endonwaba ngayo nawe. Ewe ke
kufuneka ndibe ngumengce kancinci kodwa kulungile. Ndonwabile. Great sex. Nokutya okumnandi.
Ndihlutha macala-”
Nomtha: ”Hahahaha!”
Simba: ”I love you so much baby. Akhonto ndingasoze ndikwenzele yona. Ndiyabulela ngokundipha
elinye ithuba kwakhona. Ndiyabulela kakhulu. Ndiyabulela ngokuvuma ukuba ngunkosikazi wam. Ndim
umntu ongakufanelanga hayi ngenye indlela.”
Uthobile wagaqa ngedolo phantsi ndamncumela ndimjongele phantsi ndinyembezana. Ukhuphe ibhokisi
encinci etasini wakhupha umsesane. Ndimnike umnwe wam wandifaka. Wasukuma wazondanga.
Ndimqinise kanobom. Bezizobakho imini ezimnandi, zibe liqela. Bezizobakho imini ezimuncu singqubane
intloko njengoba besiqhele ukwenza ngamanye amaxesha. Zizobakho ezibuhlungu. Kubekho inkxwaleko.
Nemini zendandabuzo. Kodwa ukuba lendoda ibizoba secaleni kwam bendizimisele ukuhamba londlela
naye. Lomzuzu ubu intimate ngendlela engathethekiyo. Bendithanda nokuba akayenzanga
esidlangalaleni sabantu lento. Ebeyenzela mna. Bendizothi xa ndilapha kwelikhitshi ndimcinge egaqe
ngedolo emenyezelisa amehlo ephethe umsesane.
Nomtha: ”Hahahaha!”
Simba: ”Uzondifumana ebhedini xa ugqibe yonke into, ndizosose ndilale. Nditsixile nda activata ialarms.”
Simba: ”Moja!”
Nomtha: ”UNokulunga?”
423
Simba: ”Uyazazi ukuba ubufuna ukwazi uNokulunga.”
Nomtha: ”Ye?”
Simba: ”Hey suyeya lo necklace. Umama ebengafuni kunikisa ngayo naye kuba wayiphiwa ngumazala
wakhe. Oko yayihleli kwisafe. UMamkhumbeni wayezofuna inxitywe ngunkosikazi wam kuba
wayendithanda kakhulu. Ndandingu Mluleki kuVenus. Izobuya imenyezela and uzoyinxiba. For mna.”
Nomtha: ”Hahaha!”
424
FIFTY-TWO
Nomtha: ”Simba!”
Simba: ”Office!”
Nomtha: ”Gogo!”
Ndigibisele izinto zam phantsi ndayokroba eroomini yomntwana kuqala kwabe kukhala umoya. Ndijonge
ekamireni nakhona ebengekho. Ndiyonqonqoza eofficini.
Simba: ”Ngena.”
Ebemi ngenyawo enxibe ichino enavy nesikipa esimhlophe esinemigca emnyama neloafers ezimnyama.
Ndimfingelr intshiya.
Simba: ”Kuzofuneka ukhawulezise ukuhlamba kuba uthatha unyaka wonke ukuzilungisa. Andifuni
sishiyeke eaiport kuba sifike emveni kwexesha.”
Nomtha: ”Uright?”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Huh?”
Simba: ”Uqale nini ukuba nomdla kwinkcukacha zomsebenzi wam wena? Yizapha ndiphuze uyohlamba, I
need to talk to these people kwaye kufuneka sihambe. Yiza.”
425
Nomtha: ”Bendikukhumbula ke namhlanje njengoba ndizofika uotherwise.”
Nomtha: ”Ungalendlela uyiyo, awufuni nondixelela ukuba kwenzeka ntoni. Ingathi uthwele ingxaki
zelizwe.”
Uphethukile ndachopha kwezulu kwakhe ndamphuza. Undinyusile ndihlale kakuhle phezulu kwakhe
wanyakazisa isitulo.
Nomtha: ”Yehake.”
Simba: ”Bendiku khumbula nam namhlanje. Andiyanga emsebenzini okanye kwiwarehouse. Oko
bendine skype meetings ne international call. Oko ndizama ukulungisa izinto, ndicimana nemililo. Kukho
umntu ondibambe ngamaphambili. Undifuna ndiwile. Ufuna ukulimaza ibusiness yam. I'm fucken
pissed!”
Simba: ”Inuka yena. Kufuneka ndenze icall ebalulekileyo baby. Hamb'ohlamba please.”
Ndisukumile phezulu kwakhe wazosula ubuso wacofa ilaptop. Ebengxisha inyawo ezi engahlaliseki.
Entshingi- ntshingi.
Uyokhupha labag inemali yam wayifaka eroofini ngokukhawuleza. Ukhuphe nezibham ezimbini
kwipedestal nenye ibegana wazifaka kwisafe yakhe.
426
Nomtha: ”Huh?”
Uvalo lwam belusemqaleni kengoku andakwazo nokunyakaza. Ugqibile waphuma ebaleka wayongena
kwenye iroom- ndilandela emveni kwakhe phofu, endaweni yokuba ndiye emnyango. Bendiqala
ukuyibona ivuliwe laroom. Ebenofuya umamlambo ndingayazi. Ibigcwele izibhamu zikwi display.
Uthathe iriffles wazongena nayo ekamireni yethu, caba ebeyifihla nayo.
Ulitsixile ucango kwakhona wayovula umnyango neheke. Bekungekho mapolisa kodwa kuthe gqi ivan
zilandelana ngoko. Inoba bezintlanu.
Ebemise amagxa akhe uSimba enoba buso buntshingi- ntshingi kwakhona. Ingathi ebengothukanga
exhamazela ngoku. Ndiphefumlile ndasongela izandla zam.
”Mam'uMatanzima omncinci-
Simba: ”Yeka uharassa unkosikazi wam Mpepanduku undixelele ukuba uzofunani emzinam.”
Mpepanduku: ”Lena Sniper Sir yiSearch warrant. Ngenani ngaphakathi madoda. Niguqululule nipetsulise
yonke into!”
Simba: ”Uziva njani? Ukuba ngunondatshaza kaVenus? Xa esithi guqa ngamadolo okanye uze ngomva,
njengo nopatazana othembekileyo wenza oko. Indoda enomfazi nabantwana- sisifetyana senye indoda.
Ncncncncnc ...”
Simba: ”Ndangena kula van Mpepanduku, ndayovalelwa eziseleni noba ngumzuzu- ndinabahlobo
abayaziyo idilesi yakho nesikolo sabantwana bakho. Okanye ndithi izikolo? Ndizondwendwela u- ngubani
kanene? Palesa? Ncumisa?”
Mpepanduku: ”Every dog has it's day Sniper boy. Wonke umgorho unesuku lawo. Wena Snippy uzobe
uku orange kungekudalanga kwaye sakuphathelwa wena on a silver platter. Qhubeka wena nezigrogriso
zakho ucinge ukuba nguwe nguwe. Uqinisekise ukuba umnkakho umshiya nepontana kuba uzomnka
ixesha elide mhlobo wam wenene.”
427
Simba: ”Noba ndiyangena Mpepanduku kwezozisele nto leyo endingayiboni isenzeka. Kodwa
masizigcadise sithi ndingenile, awuzuthi nkenye amazinyo uhleke kanje kwawena. Ndikwi solitary,
ndiseRobben fucken island. Wena, nenja nekati kunye nentakumba yakwakho nizobe nisopha. Niphantsi
kweliso lam nonke. Ndingathatha lephone ngalomzuzu ndibuze ukuba umntwana wakho uZimbini
undawoni kulaUJ bazondixelela. Ndizokwenza imassacre. World war 1. Isandlwana. Mpepanduku noba
uyijonga ngaphi lento kodwa mntanam you are fucked. Macala. Kuba uyazazi uzophuma kanjani
kuVenus and nam andikuyekanga so qhude maniki-niki Cinderella. Dala what you must little Princess. Oh
senigqibile winx club? Omama bomthandazo. Hehehe!”
”Clean.”
Mpepanduku: ”Yonk'indawo?!”
”Clean Sergeant.”
Simba: ”Hamba Cinderella ngaphambili kokuba uuphenduke indyandya phambili komzi wam. Niphinde
nizofaka omnye umthandazo ladies, nixibe imini skirts zenu next time. Onopatazane mabaveze
amathanga!”
Simba: ”The battle isandlwana Sergeant Mpepanduku. Sharpville Massacre. Izitrato zawuzala igazi.
Either way, wena awuphumeleli kwelibali. Lose-Lose. Undibulisele kuNcumisa. Umxelele ukuba
ndizojikela ngoMvulo ndizotya umrhodu wakhe. Ndiyamthanda unkosikazi wam, kodwa uNcumi ... hayi
hayi! Yapheka usisi. Bendimthengele ufar away last time, kuthwa ngufar away na baby ezaperfume
zikwezancwadi?-
Ukuba uze nini kuSimba andiyazi kodwa ebesekufuphi kuye xa ebanjwa lelinye ipolisa.
Simba: ”Uza kwam upetsulisa umzi wam phambi konkosikazi wam nomntwana wam ngaphakathi
wakugqiba uzondix- Mpepanduku, ina ethe daai deng. You fuck me over, I fuck you right back. You fuck
nabantu bam ucula amagugu Cinderella uhlale kwibase yebhedi. Sigqibile mos apha? Okanye nizofaka
icostume nenze ishow? Ndicinge njalo. Fuck off!”
Bayongena kwivans zabo bemnka. Wakhawuleza wayongena endlini uSimba endishiya ngaphandle.
Yintoni leya? Ngubani lowa ebethetha namapolisa? Mhlawumbi nguloSniper wakhona kuba ndandike
ndadibana noBoss ngaphambili kwaye lowa ebengenguye. Lowa ebengunyana kaTiger Matanzima. Xa
esithi yena notata wakhe bebefana ebengaphazami. Ebengunyana katata wakhe. Ndizibambe isisu
ndaphindela ngaphakathi. Ndikhawulelwa 'kuphasalala' ndingeka ngeni nangaphakathi.
Simba: ”... kuba akazanga kwakho Siyanda uze kwam. Zonke ezingxaki ziza kum wena usandixelela ukuba
ndiphole?! Ndiyayazi nguye maan damnit! Siyanda, xa undijongile ndisisibhanxa? Kutheni kengoku
undiphatha okwesibhanxa? Ngula nopatazane uMpepanduku, ndiyayazi akukho nto azondenza yona
engakhululwanga nguVenus so akazundibambela lonto. Ubulindele ukuba ndiso- andimdubulanga.
428
Andimkhuphanga amazinyo. Seyintshaba kakade- ndiya eKapa mna. Izofika ishipment, uqinisekile
ngobomi bakho ukuba iright. Good. Another favour, uxelele uMonti aye kuZimbini, uyamazi ngubani
yena. Angamoyikisi ngumntwana lowa. Ambulise nje kakhuhle ashiye umyalezo wokuba nguSniper
umhlobo omkhulu katata wakho, andibulisele kuye. Abulise noNcumisa kunye noLungelwa.
Angamoyikisi. Good sawuthetha late.”
Simba: ”Fihla? NguMatanzima. Simba Matanzima. Kakade uyandazi ndikubhatala imali eninzi kakubi.
Uyifumene i email yam? Ndicela ujonge iemails zakho ngoku. Kukho izinto endifuna zilungisiwe kwi will
yam and ndizifuna zilungiswe namhlanje. Ndithunyelwe icopy phambi kokuba kuphele usuku
lwanamhlanje. Fine ngomso. Yonke into endikuthumele yona uyijongisise ubuyele kum. Fihla ndizodinga
ukuba undiprioritize ukusukela kuleveki izayo. Kuza isaqhwithi. Alright. Wenze umsebenzi wakho. Imali
yam iphelela kuwe yonke kodwa kufuneka ndikuncedise. Please take me seriously. Yizapha baby-
Simba: ”Askies.”
Nomtha: ”Sisengxakini?”
Simba: ”Sisempini. Ndisempini noVenus. Ufuna igazi lam. Ufuna ukundonzakalisa ngalendlela
endimonzakalise ngayo itasi.”
Nomtha: ”Simba, ndiyoyika mna. Ndoyikisela abantwana bam kuyo yonke lento.”
Simba: ”Ukuba kukho into ezokwenzeka izokwenzeka kum. Hayi nina. Never. Uyandiva? Soze.”
Simba: ”Baby, nguVenus lo esithetha ngaye. Akazunikezela nje lula. Uzolwa ade ayongena emngxunyeni.
Kodwa into endikuthembisa yona kukuba akukho nto namntu ozonichatha wena nabantwana bam.
Yonke into iyaphasalaka ngoku kodwa ndizoyilungisa. NoSiyanda sizoyilungisa.”
Unqwalile.
Nomtha: ”Sisahamba?”
Nomtha: ”Uyatshaya?!”
Nomtha: ”Uyafuna phofu ukuhamba? Noba singamisela iveki ezayo andina ngxaki. Ndifuna ukuyolanda
umntwana wam silale.”
429
Simba: ”Umntwana ukhuselekile koSiyanda. Mna nawe sizoya eKapa. Qha. Yenza into oyenzayo,
uNorman isendleni.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Hamba kaloku suthi okay usaxinge apha andithi uyabona kuyaqhuma apha? Umntwana, umsi.”
Nomtha: ”Ibags?”
Ndimjamele ndayongena ekamireni ndaphinde ndaphuma wabe engena uNorman kwakhona ezothatha
enye ibag. Ndifounele uLulu endleleni ndalala sade sayofika esikhululweni. Ndilele nasemoyeni
ndothuka xa sifika. Bekukho imoto esilindileyo nangaphaya, wasinceda ngempahla.
Simba: ”Mamnkeli.”
Simba: ”Ngunkosikazi wam uNomtha lo, Nomtha nguMamnkeli lo. Goodwill Mamnkeli. Ungudriver.”
430
Mamnkeli: ”Ndawuze ndikubulale nyani wena kwedini. One of these days. Ndiyabuya ukuboba son.
Ndiyavuya ukubona nawe Aneni, ndakugqibela umncinci kakhulu lomfana esemncinci kwayena. He!”
Singene emotweni ngemva emveni kokuba belayishe izinto zethu. Bendi semathandweni ngoko
nangoko. Ibintle iKapa hands down.
Simba: ”Ndiye ndacancella ireservations, sizohlala kwibeachhouse kaGoodwill. Yazi ngubani igama lakhe
lesiXhosa?”
Simba: ”Ungandibuzi ngabantwana bakaVenus. Umntwana wam uMalik uright. Omncinci ndimshiye
kuSiyanda.”
Simba: ”Ewe.”
Simba: ”Ndandithe kuwe mtshate umama kuba oko wawumthanda. Naye ebekholiwe nguwe.”
Simba: ”Mhla esifa umama uzobe enkonkene sistroke. Kuba uMluleki uzomxelela yonke into.”
431
FIFTY-THREE
Nomtha: ”Umnkile uMamnkeli?”
Ndimnyusele ishiya.
Nomtha: ”Otherwise?”
Ebemi entla kwam ndimjongele phezulu. Ebebambelele esinqeni kuvele iqhagala lesisu elinoboya njenge
milenze yakhe. Kuvele ipubic hair kancinci njengoba ebhinqele ezantsi. UDiba ebemi nkqo.
Undivezele wakhawuleza wayisusa ndingabonanga kakuhle. Ndiyihlekile ndinikina intloko yam kancinci.
Nomtha: ”Andibonanga.”
Nomtha: ”Ndisukumise.”
432
Nomtha: ”OK.”
Ndibaleke ndayongena emanzini. Ndithathe ixesha lam ndiqubha ndingena ngaphantsi kwamaza.
Ndakufunda ndimncinci ukuqubha. NoLumumba sikhuphisane ngokungena ngaphantsi kwamanzi
sibambe imiphefumlo ixesha elide. Bendiwakhumbula amanzi olwandle nokuva isanti ngaphantsi
kwenyawu. Kaloku bekungekho lwandle kwelaRhawuti. Ndidiniwe ukuqubha ndaphumela ngaphandle
ndisiya kuSimba. Ebengqengqe ngomqolo kwilounger evale namehlo akhe. Ndithinte umqala wothuka
ezibamba isinqe.
Simba: ”Nomtha.”
Simba: ”Shhhh.”
Unikine itlintloko wagalela le oil emabeleni, esuswini nangaphambili. Ndiginye imgwiqi ndimjonga
ebusweni. Bendidikwa nayilento ndingakwazi ukumbona amehlo zezidimasi ebezifakile. Ugaqe
ngamadolo phakathi kwemilenze yam ndayivula ukumenzela igumbi. Ibinkulu noko le lounger
ingangqengqa abantu ababini. Uphinde wacinga kwakhona wayidibanisa eyam. Wancuma okungathi
ufumene ichiza lesifo esinga nyangekiyo. Ndinikine intloko yam kancinci ndimncumele kwamna.
Ukhulule iglasses wazigibisela kwenye ilounger kodwa zayowa phantsi.
Utsho endirabha isisu wanyuka wandirabha amabele edlala ngawo. Uthathe ixesha lakhe kuwo edlala
nangengono zam emana kuzichwakaza kancinci, azijije aziqinise. Bese ndiwavale vingci amehlo am
ngelaxesha. Undirabhe isisu kwakhona wehla ngaso waphinde wadlala ngamabele. Undirabhe emazantsi
esisu waqhaqha intambho zebikini wayikhupha eyigibisela kude. Usudukile kum ndeva izandla zakhe
emathangeni am. Bezifirm zindirabha amacala nangaphezulu. Ndiphefumlile ndatyhila amehlo.
Ebendijongele ngaphantsi kwenkokhe, amehlo akhe amancinci eyozo-yozo yinkanuko. Uncumile
ndakuvula amathanga. Ebengekafuni ukundibamba kulandawo bendifuna andibambe kuyo emana
kungabangathi ugileka kuyo ngempazamo ndigqushalaze.
Nomtha: ”Ndiyakucela.”
433
Simba: ”Ucela ntoni? Bendinga thanga uthule?”
Nomtha: ”Ubutshilo.”
Simba: ”Izandla zolulele entla kwentloko yakho, ndizozibopha ukuba uyaziphatha ndikuvale lomlomo.
Ndiyayazi lento endiyenzayo.”
Ndinqwalile.
Ndinqwalile.
Uqhubile endibamba yonke indawo kodwa hayi kule bendifuna andibambe kuyo. Ngeloxesha bendigxiza
mntakabawo ndiyiVictoria falls. Bendifuna izandla zakhe kum ngalamzuzu kodwa bekuthiwe
ndingathethi so ndincwinile kuphela ndavala umlomo wam.
Undibambe iclit ngobhontsi nje wandiphulula, ngeloxesha bendiziva okungathi ndingaqhashumba nanini
na. Bendikufuphi ngeyona ndlela. Ndifuna ukukhululwa. Kodwa bekukhangeleka emandelwe kukundi
ngcungcuthekisa. Ebesithi xa ebona ukuba sendifikile apho ndibhalelwe khona andiyeke andiphulule
amathanga. Undifake umnwe omnye, emibini wayigoba kancinci wayinyakazisa emana kuyigoba.
Ndivale amehlo ndaziyekela kwangathi ndisemafini. Ndikhwaze igama lakhe ndabe ndibambelele kula
lounger ndingcangcazela. Undibambe ngoko kwiclit endirabha ngesantya esikhawulezileyo.
Bendisensitive ngeyona ndlela ingase ndimbambe angandiyeki. Okanye andiyeke? Bendingayazi nento
bendiyifuma.
Simba: ”No! no! no! Yintoni inoba kanjani? Undive ndithetha ngenoba kanjani mna?”
Nomtha: ”Rough!”
Simba: ”Kwakubi ke. Kuba mna bendifuna ukuthatha ixesha lam kuwe. Ndikungene kancinci kodwa
ndikungene nzulu. Ugcwale ndim. Ndifuna ungcangcazeke kube ngathi kukho inkanyamba. But I can do
rough.”
Ndiphinde ndangcangcazela kwakhona yilento ayithethayo, yindlela ayithetha ngayo kunye nepressure
kwiclit yam. Yhuuu kuthe nethe! Kuthe cosololo. Bendingakwazi nokuwagcina evulekile amehlo am.
Undichwekreze amathanga ndothuka ndimjonga ndincuma. Uncumile naye wazondiphuza umlomo.
434
Simba: ”Phethuka uze ngomva.”
Usukumile wakhulula iswimming trunk. Ebemi ethe nqo uDiba. Imithambo imile ifana nale ibisezandleni.
Ndimbambile ndimfaka emlonyeni kancinci. Undibambe intloko wayiqinisa.
Simba: ”Baby!”
”Oh!”
Nomtha: ”Simba!”
Simba: ”Shhhhh.”
Uqhubile endingena endiphuma okungathi akukho mntu osendlini osibone- ohhh bawo bendingafuni
nokuyicinga.
Simba: ”Awukho right. Subamba umzimba please. Ndifuna uze okokugqibela ndizohoya lomntu. Do it for
me.”
Andiyazi bendingenwe yintoni ndafuna . Xa etsho kanjalo ndivele ndaphefumla ndayeka ukubamba
umzimba. Uqhubile endingena ngesinyeisandla endiphulula iclit.
Simba: ”Suziyeka.”
Nomtha: ”Wow!”
435
Ndimve eyihleka.
Nomtha: ”Haskaaa!”
Simba: ”Undiphe kamnandi baby. You make this old man very happy. Ndiyathanda nokuba uyakuthanda
undonwabisa. You're good to me. Ingxaki kengoku kukuba andoneli nguwe. The more I get, the more I
want. Intliziyo yam inde. I'm greedy xa kuziwa kuwe. Sawuyithini longxaki? Huh?”
Undibambe ngaphambili kwakhona. This time we were making love. Lanto ebeyitshilo kanye. Ibingase
ndisothule isikhalo. Beku intense ngenye indlela ngoku. Ngolunye uhlobo. Ebendixelela indlela endimhle
ngayo, indlela andithanda ngayo. Indlela azondikhusela ngayo. Ngobomi bakhe. Indlela endimpha
kamnandi nendimonwabisa ngayo. Sifike kunye ekanana kwaye it was beautiful, undijonge ngamehlo
amancinci wandiphuza. Ngalamzuzu. Yonke into ibimnandi ezweni. Indim naye kuphela. Itshabalele
yonke into. Ubomi bam buqala buphele kuye. Intliziyo zethu zibeka kanye kanye. Kodwa ikhawuleze
yaphela yonke lonto kuba bekukho umntu endlini. Umntu ebemlindile.
Simba: ”Ndikufunqule?”
Simba: ”Godfrey nguNomtha unkosikazi wam lo. Nomtha ngumhlobo wam endikwasebenzisana naye
uGodfrey.”
Ndisonge izandla ndimncumela. Andiqondi ebefuna ukubanjwa zizandla zam emveni kwezinto
bendizenza ngazo. Nam bendingafuni phofu..
Uyihlekile. Siyongena ebathroom. Ibingathi yeyokumnkani indlela ibingayo. Uvulele amanzi kwibathtub
agubhuzela ugwebu.
Ndinqwalile ndangena ngaphakathi ndivala amehlo am. Andimvanga enyakaza ndatyhila amehlo wabe
esandijongile. Ndimfingele intshiya kuba ebemenyezela zinyembezi amehlo akhe
Simba: ”Ndiyak'thanda.”
436
Undiphuze ibunzi wahamba. Ndijijithekile ndizama ukumjonga wakhulula wayongena eshower. Ndimthe
tshe ehlelwa zinyembezi. Ndiqonde mandinga mlandeli ndimnike igumbi kodwa bendikhathazekile
ngaye. Andimbonanga xa ephuma kodwa ukutyhila kwam amehlo ndivuka ebuthongweni ebengasekho.
Amanzi ebebanda ceke. Izandla nenyawo zishwabene.
Bekukho ukutya ekamireni ndatya ndangena ezingubeni ndinganxibanga. Ndizomisile ndathambisa qha.
Simba: ”Eish!”
Simba: ”Akhonto ilungayo. Ishipment yonke! Ndisekunyeni. Ndizoqumbisa abantu abaninzi nabantu
abanobungozi kakhulu. UVenus undifuna ndifile.”
Ndisondele kuye ndachopha phezulu kwakhe. Undijonge okungathi. Uyihleke kancinci. Ndiqaphele
ngoko ukuba bekumahliphi-hliphi kulandlu. Ebesopha izandla.
Simba: ”Kuyo yonke into eyenzekayo ngoku baby. Ndifuna undithembe uyeva? Ndizocela lonto kuwe. I
need you to trust me. Womelele. For abantwana bethu. Akhonto ezokwenzeka kuwe, ndithembe koko.
437
But ndizodinga undithembe. Uzongaziqondi ezinye izinto kodwa they are going to make sense
ngaphambili kokuba uqonde. I love you so much. I love you guys so much. Ningayilibali lonto. Nithembe
uSiyanda. Inkani yakho uyibeke ecaleni. Uthembe uMamnkeli. Xa esithi yenza into uyenze ngaphandle
kokuphikisa, uyazi ukuba ilizwi lakhe lelam. Umyalelo wakhe usuka kum nkqo kwaye kuzondonwabisa
kakhulu ukuba wenza njengoba ndisitsho. Don't be sassy, don't be fiesty.”
Simba: ”Ikhona into ehleliweyo kodwa ndineplan. Yilonto ndizodinga ukuba womelele sisi. Okokugqibela
for mna. I'm gonna make it up to you xa ndikwazi. Okay?”
Ndinqwalile noxa bendingayazi ukuba uthetha ngantoni. Ngobobusuku, we made love ngaphantsi
kwenkwenkwezi kula lounger. Sileli ngaphandle sisiva isandi samaza.
Simba: ” ... ndiyabulela mhlobo wam. Ewe, ndizokomelela. Ndiyayazi. Unjani umntwana wam? Okay.
Usalele. Ha.a akakayazi. Hayi namhlanje. Ndifuna sonwabe, sesibuya ngomso. Siyanda, ndikufunele
umsebenzi kuGodfrey imali yakhona intle kakhulu. Siyanda unonkosikazi, awuzuhlala nje ungaphangeli.
Ubomi mabuqhubeke. Nobakhe buzobe buqhubeka and wena noMamnkela nizoqinisekisa ukuba
kwenzeka njalo. Ndiqinisekile yinto azoyizama leyo Siyanda ngutata wam lowa. Ndiyamazi. Izosebenza.
Kuzoba buhlungu kodwa kuzolunga. Uvale umlomo wakho ke ukuba awu- baby! Hi. Awumhle!”
Ebesabeke iphone endlebeni ndancuma kancinci. Amehlo akhe ebebomvu eyinyama. Bendizama
nokudibanisa yonke lento ebeyithetha kodwa bekungahlangani nto.
Andikamxeleli.
Ubomi mabuqhubeke.
Nobakhe buzoqhubeka.
Simba: ”Sizothetha ndoda. Ndiyabulela kakhulu, hayi zizinto zakhona mntakwethu. Kuzolunga. Sharp.
Siyaphuma namhlanje.”
Nomtha: ”Ubukhala.”
Simba: ”Andizuthatha ingxaki zam zaseRhawutini ndizizise apha. Ndikuzise apha ukuba sizokonwaba hayi
ukudakumba. Sawuthetha ngengxaki as soon as we land. Okay?”
438
Ndinqwalile.
Simba: ”NeSuncreen. Hello? Ewe ndivile. Ewe kona kodwa sawuthini? Mamela andizukwazi ukuthetha
ngoku, sawuthetha ngomso. Uphi ngoku useKyalami? Alright bhuti sharp. Nam ndiyakthanda. Sharp.
Hamba Nomtha.”
Ndimncinele amehlo wancuma. Sihambile sagcwala iKapa. Bekumnandi kakhulu sisitya kamnandi,
siyihleka. Ebeke ajonge kude umbone ukuba ukude ngengcinga aphinde aberight. Ebengazisusi izandla
zakhe kum ehleli nje ufuna ukundibamba.
439
FIFTY-FOUR
Simba:”Baby! Baby!”
Nomtha: ”Kuyatsha?”
Ndimve eyihleka.
Simba: ”Khawuvuke.”
Ebenxibe iblukhwe yelaphu emonela nemfanela okungathi ithungelwe yena. Mhlawumbi ibithungelwe
yena. Unxibe ihempe emhlophe qhwaa ngentla. Bendingamboni ezinyaweni. Ebenuka nakamnandi,
bekungekho nto intsha ke apho.
Simba: ”Vula.”
Nomtha: ”Ayintle!”
Ndiyikhuphile ndiyijikelezisa ndiyiqwalasela kakhuhle. Ibiyi wedding band emnyama na white gold
ngaphakathi. Ibinomgca ogold esiphakathini, ingekho plain black ngaphandle. Ndiyibuyisele ndavula
enye.
Nomtha: ”Namhlanje?”
Simba: ”Namhlanje.”
440
Simba: ”Mamela ...
Uzochopha ebhendini wandibamba izandla endijonge emehlweni. Ndimjongile nam ndifinge intshiya.
Simba: ”Ayikho into endiyifuna ngaphezulu kokukutshata umtshato omkhulu. Sihlele kakuhle, kubekho
usapho lwethu nabahlobo kunye nabantu. Ndifuna ukubona kwilokhwe emhlophe uzilungisile for mna
kodwa ayonto endiyidingayo leyo. Into endiyidingayo kukuba ube ngunkosikazi wam. Ube nguMrs
Matanzima, ngoku semthethweni kwaye andifuni kulinda mna.
Akubalulekanga ukuba awunxibanga lokhwe enkulu nokuba awuzilungisanga kumna umhle kakade.
Akubalulekanga ukuba akukho bantu- ukuba kukho wena nje ndiyonwaba mna. Nguwe kakade umntu
obalulekileyo and it's i wedding yeyabantu kakade. Umtshato, the marriage yeyam nawe.”
Simba: ”Ewe. Noba asiziyekanga izicwangciso zomtshato omkhulu zona kodwa ndifuna sitshate ngokuse
mthethweni namhlanje.”
Nomtha: ”Simba, ayisebenzi kanjalo into yehome affairs kaloku. Awuvele ugibiseleke ungena
appointment kuqala.”
Simba: ”Sendi emaile izinto zethu kulamntu katata uMamnkeli so kuzokwenzeka. Ukuba uyavuma
kuzokwenzeka ukuba sitshate namhlanje..”
Simba: ”Ebusuku.”
Nomtha: ”Kutheni sewuwuxhesha nje umtshato? Kuba ukugqibela kwam uthetha nawe ngento
enokwenza nomtshato ubungafuni nokuva nge home affairs.”
Simba: ”Imeko zohlukile ngoku. Ndifuna ukuba ube ngunkosikazi wam, ube necertificate somtshato.
Akwanelanga ukuba ndikulobone, udinga iphepha.”
Nomtha: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Simba, andikuva kakuhle mna ukuzathuza kwakho. Andikuva. Izolo oku ibindim umntu
ebefuna senze kanje wena usala so namhlanje sewu anxious uba soyotshata namhlanje. Awulelanga
wenzana namalungiselelo omtshato. Kukho into ezibalulekileyo ezidinga uzixabise-”
441
Simba: ”Ndixabisa eyonanto ebaluleke ukuzogqitha zonke. Wena.”
Andinangxaki mna nokukutshata, noba kungoluphi na uhlobo. Kodwa ndinento engekho right. Kungathi
undinika ihints ngezintetho zakhe kodwa andikuva. Ngoku ungxamelele ukuba ndibe nemarriage
certificate. Ufuna ndingabuzi ke? Ndenze njengoba usitsho?”
Simba: ”Ndifuna ukukutshata qha mna. Ayikho into engaphaya. Ndifuna nje ukukutshata.”
Simba: ”Tu.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Okay?”
Simba: ”Ndiyabulela.”
Ndimncumele kancinci.
Nomtha: ”Malunga?”
Nomtha: ”Ndiright?”
442
Ndisondele kuye wandibamba izandla eendincumela.
Simba: ”Umhle.”
Undijikelezisile ndayihleka.
Nomtha: ”Ohhhh!”
Andiyazi noba ndim na okanye ebendijonge kalusizana uMamnkeli. Umqaphele uSimba wathinta umqala
wakhe wothuka kancinci.
Affialiator: ”Dearly beloved, we are gathered here today in the witness of God and family to witness
unite Simba Nkokheli Matanzima and Aneni Nomtha Tongai in holy matrimony. In the words of Proverbs
'He that has found a wife has found a good thing and obtains favour from God.
Ukuba kukho namnye ocinga ukuba esisibini singamanyani ngokomtshato makathethe ngoku okanye
athule afe.”
443
Simba: ”Ukuba akathuli uzofa.”
Utsho kuGodfrey wanikina intloko wabe ejanyelwe nguSimba. Uzame ukubamba intsini woyisakala
waphela.
Affiliator: ”Aneni Nomtha Tongai , do you take Simba Nkokheli Matanzima to be your husband, to live
together in holy marriage? Will you love him, comfort him, honor, and keep him in sickness and in
health, and forsaking all others, be faithful to him as long as you both shall live?"
Nomtha: ”I do
Affilliator: Do you take Aneni Nomtha Tongai to be your wife, to live together in holy marriage? Will you
love her, comfort her, honor, and keep her in sickness and in health, and forsaking all others, be faithful
to him as long as you both shall live?"
Uthinte umqala semenyezelisa amehlo zinyembezi. Bendingayazi ukuba uzogqiba ngaliphi na ixesha
njengoba ebexakwe kwangoku.
Simba: ”Askies.”
Simba: ”Ndizama uzibamba. Ukuqala nje kwam ukukubona, ndayazi ukuba ndisengxakini. Ndayazi ukuba
ndisebungozini bokuthatheka nguwe ngokuba ungumntu okhethekileyo. Noxa la bar ingekho
kumgangatho wam ndiyayithanda kuba yandidibanisa nawe.
Yonke into endiyiyo ibona intliziyo yakho okwe khaya lakho. Ingalo zakho ukhuseleko lwam.
Uyabazi ubuthathaka bam, uyalwazi uloyiko lwam kodwa awundenzi ndizive ndingaphelanga.
Undithanda ngaphandle kwemida.
444
Undenza ndifune ukuba ngumntu ongcono. Ndikuthatha njengoba unje ngalomzuzu ngomso naphakade,
ube ngunkosikazi wam. Naxa kufika imini apho siguge sikhokhoba singwevu, ndizokubona ngalamehlo
nalentliziyo endikubona ngayo ngalomzuzu.
Namhlanje ndithembisa ukuthobeka kuwe, ndivumele ukuba nawe undikhokhele xa kukho isidingo.
Ndizokuhlonipha ndikweseke, ndikuxhase. Ndithembisa ukuphupha nawe. Ndibhiyoze nawe. Noba
yintoni esiyigityiselwa bubomi ndibe secaleni kwakho.
Kuzobakho amaxesha apho uthandabuzayo, apho ungaqinisekanga nganto. Kuzoba ubusuku apho
ndingabuyi endlini, ushiyeke wedwa nabantwana. Ngalomaxesha ndifuna ukhumbule uthando lwam
kuwe. Ukhumbule imini nobusuku esibuchithe kunye uyazi ukuba intliziyo yam ikuwe kwaye ndifuna
wonwabe. Uyazi ukuba kubalulekile kum ukuba wonwabe. Uhoye abantwana bethu nekhaya lethu.
Don't ever doubt us. Don't ever regret what we have. Uyazi ukuba ndakuthanda ngentliziyo yam yonke,
nomphefumlo side sohlulwe kukufa. Ndinethamsanqa kakhulu ukuba ungumfazi wam. Umama
wabantwana bam. Ungowam. Ungowam. I'm damn crazy about you, baby. Ndiyaxolisa futhi ngentlungu
osezogqitha kuzo ngenxa yam. Ndiyaxolisa ngokuba usezondidinga ndibe ndingekho. Thank you in
advance ngesipho ozondipha sona. Ndiyabulela ngokundikhulisela abantwana. Trust in me, uthembele
nasothandweni lwam nawe. Noba andikho, ubaxelele ngam abantwana bam. Ndiyabathanda,
ndiyanithanda. Ndiyanithanda Nomtha.”
Nditshilo ndifixiza ndisosula amehlo. Enkosi bawo bendingafakanga make up. Indlela bendiyinyhididi
ngayo.
Simba: ”So so much baby, ungaze uyilibale lonto. Ungaze uyithandabuze lonto.”
Ndihlekile.
Mtshatisi: ”Unsesane awunasiqalo awunasiphelo, into ethetha ukuba uthando lwenu alusoze luphele.
Nifaneke imisesana ngokwesithembiso nobungqina bokuba namhlanje ninguMyeni nonkosikazi.
Lemisesane inexabiso ngokuyinxiba kwenu. Ithi noxa nohlukile nikhethe ukuzimanya kunye. Mazibe
luphawu lothando. Noxa kwawuhlale kubekho inxunguphalo uthando lusisangqa solonwabe
nochulumanco. Inikhumbuze ngezifungo enizenzileyo namhlanje. Ukusukela ngoku ninguNkosikazi
nomyeni, you may kiss the bride.”
445
Nomtha: ”Sondela mfondini, kuthwa you may kiss me.”
Siphuzene ixeshana kuba abantu mntakabawo. Ndinyuse umnwe ubunering. Eye engangement ndiyifake
kwiNecklace kamakhulu wakhe.
Bafune senzeni ilunch emveni koko kodwa walandula uSimba esithi ufuna siyolungiselela ukuhamba.
Bavuyisene nathi ke bebuka imisesana. UMamnkeli ebeziqhenya okungathi- phofu ngenza yokuba
enguGodfather ungutata. Kengoku kuthetha ukuba uSimba- hayi! Hayi!
Simba: ”Always.”
Undivulele ucango uSimba ndangena. Sibambene izandla indlela yonke sade sayofika.
Izandla zakhe zibe kum ukungena nje kwethu endlini, impahla sihamba sizishiya. Ibihluke kunazo zonke
le yangoku. Bekungathi kukho into ayithethayo kum. Izithembiso. Ukuzisola. Isazela. Uthando.
Benduluva. Ebesakhala. Ebekhalisa nam kulento yakhe. Sithe sakufika kwibig O sobabini wandibamba
endiqinisa ekhala okomntwana. Bendingamyekelanga nam.
Sifike eJoburg saya endlini. USimba uthe singamlandi umntwana kuba usafuna ukuchitha ixesha nam.
Senze lonto ke sachitha ixesha sincokola ngezinto ezingena msebenzi. Ixesha elininzi bekuncokola
imizomba. Xa ikwikhefu kuncokole thina. Obabusuku andiqondi ukuba bendawuze ndibulibale.
446
FIFTY-FIVE
Ndothuke ebuthongweni ndindodwa ekamireni. IbinguMvulo! Bekufanele ukuba ndisesikolweni
namhlanje. Ndixhumile ndijonge ixesha. Damn it all to hell! Ibizipast twelve. Bekungekho ukuthini ngoku,
bendilate kakhulu ndingazulenza tu ixesha noba sekuthiwa ndiyathanda. Iphone yam ibicimile. Great.
Ndiyilayitile yalayita umzuzwana yacima kwakhona.
Bekuthe nkcwee endlini kungekho kwalo Simba. Ebengekho kwezinye iroom, ebengekho kwi office.
Ebengekho egarage, engabonakali ndawo. Ndicinge iphone yam ndizomtsalela umnxeba ndanqandwa
yindlala. Ndizenzele ijungle oats. Ndisayidubela nje ndeva umdumo wetomo ngaphandle kweyadi.
Ungene exhakazela ngeplastic bags zokutya wancuma ukundibona.
Simba: ”Uvukile?”
Ndimjonge nje ndagqiba ukudubela isidudu ndayongena ekamireni ndithatha iphone yam. Ibingekho
nento bendizoyenza yona intonayo bendifuna ukusuka phambi kwakhe kuba bendibona ukuba
ndiyacaphuka nyani.
Ndichophe ekoneni yebhedi ndadlala igame ndizama ukukhokha umoya. Kungene imessage ngeloxesha
ndayijonga. Ibisuka komnye umfana bendifunda naye.
'Absent on a Monday'
Bendinemincili yokumxelela ukuba nditshatile, ndibabonise iring yam. Besingezo bossom buddies ke qha
besinobuhlobo obuthini. Oko sasebenza kunye kwenye iassigment. Bendonwabela nento yokuba
ndinabantu nje endivana nabo ngaphandle kwabahlobo bakaSimba, uLulu noSiyanda.
447
Undikhulule wayoqoqosha kwakhona. Ndimkrwaqule kanye xa endikrwaqula naye.
Nomtha: ”Uncuma ntoni? Kutheni undiyeke ndalala kodwa uyayazi ukuba sisikolo namhlanje?”
Simba: ”Bendifuna ukuchitha imini nawe. Andonelanga yilempela veki, andifuni kwahlukana nawe.”
Esheeee!
Nomtha: ”I can't afford ukushiyeka esikolweni Simba. Kuzofuneka ukuba undicingele kaloku,
andiziphangeli mna njengawe.”
Simba: ”Andiziphangeli kwamna. Andiphangeli, ndisemanzini abilayo nabantu bendi sebenzisana nabo.”
Nomtha: ”Wenza ntoni Simba ngalaVenus? Ingathi usonge izandla uyamyeka akuthwaxe ngapha
nangapha akukho nto uyenzayo wena. Umbukele ebhidliza yonke into ozama ukuyakha. Umbukele
ekwenzela intshaba ngapha nangapha, wenza ntoni wena?”
Nomtha: ”Iyandicaphukisa yonke lento mna ndikuxelele. Andiboni nto inzima kakngako mna kuyo yonke
lento. Uyakuye ubengathi ufuna uxolo umbulale qha. Andiyazi lento yokuba ibe itsala mna.”
Simba: ”Ubukela ifilm kakhulu ingxaki yakho. Kufuneka ndibe strategic and ndenza kanye lonto. Lempi,
yimpi endizoyilwa ngoku kwam ngendlela yam.”
Simba: ”Andizukwazi ukukuxelela. The less people know, the better. Futhi wena ungoyena
ekungafunekanga ayazi kuba awukwazi tu ukuzenzisa kwaye emsindweni wakho ungakhupha yonke
into. Ndinecebo baby, omalume bam bazondinceda. Njengoba benditshilo ndizodinga ukuba
undithembe. Uthembe ukuba yonke lento ndizoyenza ndiyenza kuba ndifuna ukudeala noVenus. Ayikho
enye indlela ngaphandle kwale. Yonke into endikuxelele yona uyenze. Uhlukane nenkani. Womelele, for
mna. For abantwana bethu. Ukhumbule ukuba mna nawe sitshatile kwaye nokufa akuzusihlukanisa.”
Nomtha: ”Akunnandanga kum kuba ndiyabona indlela ekubuhlungu kuwe ukubukela yonke into
oyisebenzele nzima iphasalaka. Izolo bendikhona. Izolo elinye bendikhona. Akumnadanga kum.”
Simba: ”Kuzolunga.”
Simba: ”Kuzolunga baby, into endingafuni yenzeke kukuba sibe sixambulisana mna nawe. Ndifuna
sonwabe qha.”
448
Simba: ”Yhooo hayi ndiyabulela. Lonto inyeke-nyeke ingathi kukutya kwekati iphinde ityiwe ndim.”
Nomtha: ”Ndikwenzele?”
Simba: ”Please.”
Simba: ”No?”
Simba: ”Ukuba akuphekwanga ndim. Nditye nenyama zentloko mna erank. Nemigodu, beggars can't be
choosers.”
Simba: ”Sawuyoyithenga ukugqiba kwethu ukutya. Umntwanam angatyi inyama zentloko for
ibreakfast.”
Simba: ”Noba uyintoni ndizomthanda. Sendine nkwenkwe kunye nentombi. Lonto uThixo andipha yona,
qha angabina gama laseZimbabwe.”
Nomtha: ”Amandi kodwa andisafuni gama lamaForeigner ngoku. Ndifuna igama lesiXhosa.”
449
Nomtha: ”Unengxaki nam wena.”
Ndiyihlekile. Besendi senzela yena ibreakfast yakhe. Indlela bendilambe ngayo ngeloxesha. Bendimana
ndikruntsula kule ndiyenzayo kemna ndingazihluphi.
Simba: ”Baby.”
Nomtha: ”Bendicinga ukuba uba udinga imali ukuhlawula ababantu bakho ungatatha kuleya kaSamora.”
Simba: ”Andikho broke, broke baby. Nangaphandle koko andinosebenzisa imali akubele yona uSamora.
Yeyakho lamali. Ukuba ikugcine, kuba asiqinisekanga ngobom.”
Andiboni uzoyidinga ngoku nyani kuba wena noMalik nizofumana imali qho ngenyanga.”
Simba: ”Ndikhona.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Ugqibile ukuqoqosha wahamba eyohlala ngaphambili kwetivi elayita iUEFA. Ufounile wathetha nephone
ixesha elide
Ndinde ndagqiba ukumlungiselela esathetha nephone. Ndimphathele ngetray satya sobabini kuba
bendingasasifuni isidudu. Ebethetha ulwimi lakuloBisola.
Ndinqwalile. Sityile sagqiba sabukela imovie. Siyothenga inyama yentloko emini sayityela apho. Indlela
ibimnandi ngayo. Siyibethe sayivala saphindela endlini.
450
Simba: ”Andisafuni sihambe ngemoto enye.”
Simba: ”Noba asihambi mgama omde thina. Kukho ihit entlokweni yam.”
Ndizive ndibanda.
Simba: ”Ewe.”
Simba: ”Kuba abantu abaninzi abasebenzela uVenus ndiyabazi. Akayazi kodwa ukuba ndiyamazi uOnke
kwaye undityala ifavour ethile so undixelele ukuba ndiyazi nje. Ndiyathembisa kodwa akhonto
ezokwenzeka kum. Sendiyazi kwaye ndizozikhusela qha andifuni kubekho into echaphazela wena
nabantwana bam.”
Nomtha: ”Ndingambulala ngezndla zam. Akano ndibulalela usapho aphinde abulale umyeni wam.
Ndixolele ukubhantinta kemna andinaxesha lobobubhanxa. Asizukhonza uVenus apha. Rhaaa!”
Simba: ”Hey! Udlalele kude kuVenus! Andidlali Nomtha, udlalele kude lee kulandoda kuba ndizoxabana
nawe. Ungakulinge!”
Uphinde wandikrwaqula wajonga indlela. Sifike silindwe nguMluleki ngaphandle kwegate. Singene
kunye.
Mluleki: ”Molweni.”
Simba: ”Unjani?”
451
Nomtha: ”Molweni bhuti.”
Mluleki: ”Uyaphila?”
Nomtha: ”U-
Hayibo!
Mluleki: ”Hayi noko, nide nishiye umntwana kwinanny impelaveki yonke kodwa sikhona thina?”
Simba: ”Ninabantwana abaninzi. Ebehleli ezoba luxanduva kulaUlatho kuba wena ungulo oxakekileyo
zizinto zakho noVenus.”
Mluleki: ”Ngempela veki andixakeki lomhlobo uyayazi lonto. Ukuba umntwana ayohlala nomntu nje
bekhona ootamkhulu.”
Singene ngaphakathi.
Ndizigalelele mna ndodwa ijuice ndayohlala kunye nabo. Ndichophe ecaleni kuka Simba.
Mluleki: ”Simba kutheni ungena ntliziyo nje?! Umama ufumanise ukuba abazukulwana bakhe
ngabantwana bomyeni wakhe, nokuba unkosikazi wakho likrexe likatata. Kungoku nje ukwisohlukaniso
notata, kunzima kuye. Awukwazi kuvelana naye!”
452
Nomtha: ”Uxelelwe ngubani?”
Mluleki: ”Ndim. Kodwa umama akatshongo ukuba uxelelwe ndim, akafuni nditsho.”
Nomtha: ”Uthi uyivephi kengoku uBisola xa esithi makungatshiwo ukuba uxelelwe nguwe?”
Simba: ”Khawume ngomsindo Nomtha. Umama ndamxelela mna apho ndime khona naye kwaye
akukatshintshi nto ngokuba asuke eve inyaniso. Ufile kum umama, yena nomyeni wakhe bafile kum.
Ukuba uzozondihlasela emzinam ngaba bantu ndizocela ukuba undiphumele ngomnyango kuba mna
nawe asizuvana.”
Simba: ”Ngumama kuwe. NoVenus ngutata kuni. Mna andinabazali. Ifamily yam nguMalik noNomtha
nabantwana bam.”
Simba: ”Andinoxhomekeka kuni nganto. Ndiyibonile lonto kulonyaka. Ningazalwa nam kodwa andino
xhomekeka kuni nganto. Andino thembela kuni. Ukuba anindityeli umfazi nindifihlela izinto
ezibalulekileyo ndide ndincedwe ngumntu wangaphandle ongeyonto kum. Ongelilo igazi lam!”
Nomtha: ”And kutheni kuzofuneka ifihlwe into yokuba uyive ngawe ekaNokulunga nabantwana into? Xa
ekhusela wena ngubani omakadliwe zingonyama. Kuba uzocinga uba nguSimba lomntu, uyayazi lonto
nomama uyayazi futhi niyayazi nokuba izinto zinjani phakathi kwabo-
Simba: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Ukubulalela nalento yokuba ecinga uba nguwe omxelileyo kuBisola andithi?”
453
Nomtha: ”UBisola uyithetha kanjani into enje?!”
Nomtha: ”Ngemxelele noxa kunjalo kaloku ukuba ukukhathalele lomhlobo. Ukuba ukuthanda lomhlobo.
Kucacile ke ukuba uBisola ukhathalele wonke umntu ngaphandle kwakho. Ukukhohlakalele noba sefe
icala.”
Uncume kancinci.
Simba: ”Akuncedi nto ukuba uVenus akwaye wonke umntwana wakhe. Ndim mos umntu ohleli
emthiyile so akwenzi mahluko ngoku. NoMluleki akafani nam. Ukuba angaphelelwa ngumsebenzi
noVenus angalamba.”
Nomtha: ”Ufundile lamntu unedegree. Ukuba akabazi ubutsotsi makabuyeke. Anganikezeli ngabantu
ukuze kusinde yena. Ukuba ebeyindoda yokwenyani, enyanisekileyo ngesenza into eright athethe
inyaniso qha. Akhusele wena. Wenza njani umntu xa umthanda. You sacrifice yourself!”
Simba: ”Yiyeke Nomtha. Sekwenzekile, kwenzekile. Akhonto azondenza yona uVenus. Ukuba
andinobakho wena uzazi ukuba uthemba uSiyanda ngobomi bakho. Uthemba uMamnkeli. Uthemba
uNorman noMonti. Kakhulu uMonti. Uthembe uGordfrey. Kukho noSolomon, uzovela naye exesheni
naye ungamthemba ngobomi bakho. Ungamthiyi uMluleki kodwa ungamxeleli yonke into. Ungamxeleli
nto ebalulekileyo ukusukela namhlanje.”
Simba: ”Ndiyayazi.”
Nomtha: ”Uyayazi.”
Simba: ”Ngcono ndinga understandi. Upakishe ke apha evekini kuba ndiyokutyisa utsiki.”
454
Simba: ”Uzonxiba amajerumani.”
Simba: ”Huh?”
Nomtha: ”Umntakwenu?”
Nomtha: ”Wambulala?”
Unqwalile. Huh?!
455
FIFTY-SIX
Luleka: ”Zunyamezel'zunyamezel mntwanasemzini. Nqo! Nqo! Hayi mntwan' asemzini! Halala! Halala!”
Luleka: ”Hahaha! Incane nyani mntaka bawo. Ndim na okanye kukho iglow ethile?!”
Nomtha: ”Nam.”
Simba: ”Awubhudi?!”
Nomtha: ”Ndinxaniwe njena. Wena mawusele kodwa mna andikwazi ukusela? Ngowam ndodwa
lomntwana?”
Simba: ”Bekumnandi nje kuba ndinonkosikazi wam. Ingxaki zikulandela yonke indawo.”
456
Simba: ”Mh.”
Siyanda: ”Sithethe into evanayo. Ndiyaqala kuleveki izayo. Imali intle kakhulu.”
Simba: ”Wayeka umsebenzi wakho ngenxa yam. Bekunyanzelekile ukuba ndikuncede kuba kungenxa
yam ukuba kubenje.”
Siyanda: ”Kungenxa keVenus. Hayi wena. Akhonto uyenzileyo wena. Kodwa imini yakhe iyeza. Every dog
has it's day.”
Simba: ”Kunjalo.”
Nomtha: ”Ewe tyhini! Bekumnandi kakhulu. Bendikonwabele ukuhlala nomyeni wam oko. Ingase
ndiyeke nesosikolo.”
Luleka: ”Unako ukufeketha kodwa ebengekho bad kangako. Uthanda uSiyanda ke usisiza.”
Siyanda: ”Ulele.”
Luleka: ”Ebengeve ekhalela isifuba sikaSiyanda?! Uba ngambeka othuke akhale ancame ambeke kuso
uSiyanda. Hahaha!”
Nomtha: ”Hahaha!”
Sincokole ke kwamnandi. USimba noSiyanda bayotshonela becela igumbi kancinci babhunge ezabo.
Nomtha: ”Bendigula kodwa mvanje sendiright. Andisaguli lomhlobo noxa ndiba namaxesha.”
457
Luleka: ”Kungcono. Kodwa umhle maan Nomtha! Inoba yenye intombi.”
Nomtha: ”Kungcono uSimba senendodana. Uyabazi baba obsessed kanjani ngabantwana bamadodana
aba aphinde aba namantombazana odwa.”
Luleka: ”Andiqondi uobsessed ngayo yonke lonto uSimba. Ukuba unabantwana nje nawe kugqityiwe.”
Nomtha: ”Ndinombono.”
Luleka: ”Wayonwabe kakhulu. Ndiyavuya mna ukuba izinto ziright phakathi kwanu nokuba niphinde
nafumanana. Kungathi anizange nohlukana ixesha elide indlela enithandana ngayo.”
Nomtha: ”Kukhathazeka mna Lulu. Bekumnandi kule weekend away kodwa ebenxunguphele. Yilento
yokutshiswa kwe warehouse zakhe, nokubuyekeza abantu imali zabo. Ebesoyika ukuba uzoba nentshaba
ngenxa yayo yonke lento. Ininzi nje into ephezulu kwamagxa akhe. Ngaphezulu kwayo yonke lonto
ifamily yakhe imenzela phantsi. Kubuhlungu kakhulu, uyayibona lonto kodwa uyaziqinisa. Ukhala oko
okanye endijonge kalusizana. Andiyazi noba kufuneka ndiyithethe lento kodwa uVenus umkhuphele ihit.
Ucinga ukuba nguye oxelele umamabo ngabantwana bakhe noNokulunga so uqumbile. Ufuna umbulala.
Kha ufane ucinge!”
Luleka: ”Undixelele uSiyanda. Uthi uSimba uthe umnqande ngoku kwakhe ubhuti wakhe ukuba achaze
igama lakhe. Umntu ongena msebenzi nokuba uxelelwe na okanye ucinga uba nguSimba nguBisola.
Ndiyacinga kuba ewazi amandla abantwana bakhe. Uyayazi futhi ukuba uMluleki uxhomekeke kakhulu
kutata wakhe. Angonakalelwa kakhulu ukuba angakwaywa ngutata wabo.”
Nomtha: ”Utsho nakum uSimba uba uthe angabisathetha. Kodwa sebona ke ukuba uSimba uzobulawa
usathule. Kubaluleke ubudlelwane bakhe notatakhe ukogqitha ubomi bomntakwabo. Uyayazi ukuba
ukhuphe ihit uVenus.”
Luleka: ”Andizuyazi ukuba ucinga ntoni. Into endiyaziyo kukuba uSimba uzodlula kuyo yonke lento.
Abamcingeli balahlela yonke into kuye kuba bemazi ukuba unokuyimela and uzoyimela. Wena Nomtha
kuzofuneka ube sisibhanxa sisi. Uvale umlomo wakho uqubude intloko. Abantu abamthandi umntu
obhadlileyo so kufuneka uzenze muncu ungangeni ngxakini. Umthembe uSimba. Noba unentandabuzo
umthembe, ukulwela kanje nabantwana benu kuba engafuni umoshe nentwana yamandla akho.
Sokulwela thina. USiyanda uzokulwela wena ungabinawo nala okuzonwaya amandla. Uzobona wena.”
458
Luleka: ”Yhuuuu methuna, uyalazi ilizwi likamamakhe!”
Siyanda: ”Ndiphelelwe ngumsebenzi mna ooLulu benza ishopping spree. Zezeveki yonke impahla
azothengelweyo uJellytots.”
Sitye emfunqule sade sagqibe. Asihlelanga kwasebusuku kakhulu kuba bendinesikolo ngengomso.
Ndivuke ndaya esikolweni. Bendihanjiswa ndibuyiswe nguNorman njenge siqhelo. USimba ebehlala
nomntwna emini kuba engasaphangeli.
Ebedinisa ngokuba efuna isilalo mihla le kuba engenanto yokwenza yenza. Iphele iveki ndingapheki tu.
Besisitya itake aways okanye sitye ngaphandle. Bekumnandi kona. Bendine checkup ngoLwesithathu,
sahambeni sobathathu. Mna bendihamba noNorman noZendaya, yena eqhutywa ngomnye udriver
bendinga mazi. UMonti ebenqabile. Sibuye ngendlela endingazaziyo ndodnqena nokubuza kuNorman
kuba bendinga zufumana mpendulo. Ebengelo ncoko so nam bendizivalela umlomo wam. Siye samisa
ngaphandle kweheke. Ibigated lendawo besisiza kuyo. Kuthe gqi uSimba sehamba ngoMonti ngeCiti golf
endingayaziyo.
Bavulelwe bona iheke salandela emveni kwabo. Siye samisa kwiparking lot enye.
Simba: ”Kukho into endifuna ukubonisa yona. Monti ungasikhokhela, Norman uzoshiyela apha wena.
Uvule amehlo.”
459
Uhambe ngaphambili uMonti.
Simba: ”Ndiyayazi sthandwa sam. Ndiyayazi. Kodwa ndenza yonke lento ukukhusela nina.”
Ndinqwalile. Sinikwe isitsixo ngomnye utata ebenxibe iuniform yesecurity. Siyongena kwilift yasinyusela
ngaphezulu. Uvulile uMonti sangena emveni kwakhe. Ibiyiroom engenanto. Bekukho ifireplace nebuilt in
cupboard newardrobe kwikamire enye eyimain. Ngapha koko bekukhala ibhungane.
Simba: ”Yeyakho.”
Ndimrholele amehlo.
Simba: ”Xa ndingekho ndisiya kwitrips ndifuna uze apha. Akukho Venus uyaziyo lendawo. Nobhuti
abayazi. Yaziwa nguSiyanda nam, noNorman kunye noMonti ngoku. Andifuni ushiyeke kwindawo
abazobe bephuma bengena kuyo xa ndingekho.”
Simba: ”Ukuba kungakho into enyanzelisa ukuba ndihambe. Ungangezi, ungeza kukuwe.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Simba: ”Uyayithanda?”
Nomtha: ”Ndipheke?”
Simba: ”Ungapheki. Noba ungahlamba nje, noba awunxibanga ndihleli ndizozikhulula kakade. Kukho
ivibrator endiyithenge izolo. Xa ugqibolalisa umntwana uyisebenzise uyibeke apha ude uze. Ndifuna
ukufika ugxiza namhlanje.”
Ndiginye ingwiqi. Undiphuzile wandikhokhela ndalandela. Ibingathi andide ndifike endlini kengoku.
IbinguLwesithathu ngoko. NgoLwesine sibone ufinancial manager yakhe emveni kwesikolo. Sidibene
phambili ke caba uxelele uNorman. Umntwana ebebizelwe uGogo namhlanje. Sibuyele endlini
umntwana sehlanjiwe. Bendityile nokutya noSimba wathi uright, ndimshiye athetha nephone ndayolala.
NgoLwesihlanu ndilandwe nguNorman njengesiqhelo. Besisiya ekhayeni late kwaye besele ndipakishile
ukulungiselela uhambo. Bendinemincili ukunxiba amajerumani bendi wathungiselwe nguSimba.
Ebethenge neqhiya emnyama athi yikhetshemiya, netowls.
460
Ndifile ndakhulula ugogo ndayohlamba salinda uSimba. Ufounile.
Simba: ”Baby.”
Simba: ”Uzoza azokulanda uMalik, sizohamba naye. Mna sendingaphili, izobonana endlini.”
Nomtha: ”Hayibo! Njani?! Bendifuna ukuhamba nawe mna. Andisakwazi nokuhamba nawe ukugoduka
ngoku ngenxa yobubhanxa behit!”
Simba: ”Nam ngokunjalo, kodwa kukho isizathu sokuba kubenje. Kuzolunga. I'm gonna need you to calm
the fuck down. Ndithetha nawe okokugqibela ngomsindo wakho Nomtha. Kudala ndikuxelela ukuba
uzokufaka engxakini. Andiphinde ndithethe ngalento. Khawube uyandifounela uMalik. Ndiyakthanda.”
Nomtha: ”OK.”
Simba: ”Always.”
Sihambe kakuhle kakhulu noMalik. Ebelincoko ke engamfuni umntu olala kuba 'uzomozelisa'.
Besiqala ukuchitha ixesha elide kangaka isithi sobabini kuphela. Isinike ithuba lokuba sazana ngaphandle
kuka Simba. Ebemdala nakum kanene.
Sifundekele uZendaya ngomculo sade sayofika. Inoba ebesitsho ukuba 'ndifuna utatam mna.'
Simba: ”Yintanga yakho uMonti? Ndihamba naye ewe. Ugodukile kodwa ngoku. Ngomso siyajikeni ke.”
461
Simba: ”Ngena nomntwana Malik, umlalise ebhedini yethu.”
Unqwalile wathatha umntwana wayongena naye endlini. Ndijonge kuSimba wangena emotweni.
Nomtha: ”UMalik-”
Utshilo sakuvala ucango. Ebendinyusa ilokhwe wabhekelisa ipanty ecaleni wandiphulula ngaphambili.
Kukhawuleze kwasa. Bendilele ihour enye nje kuphela kuba oko besipetsulisana noSimba. Ndihlambe
sendixheshisela ukuba uManci afike sendinxibile atleast I underwear kuba bendizonxityiswa/bhinqiswa
nguye.
Undibhinqisile ndaya kuronta ndihlala emveni kokhukho. Bandiyalile ke bendixelela ukuba umfazi
uziphatha njani nokuba uphathwa njani umyeni. Ndinikwe negama lomzi kwathiwa ndinguLinokhanyo.
Wayetshilo uBisola ukuba ndizothiywa lona ngoManci so bendingothukanga. Ndityile inyama kwathiwa
ndenze itea ke ndikotize.
Uyihlekile.
462
Simba: ”The beast that will love you to death. Yenza ke itea Linokhanyo.”
Bahleli imini yonke abantu. Ndiphekile ndaphaka ndahlamba nezitya emveni koko. Bahambe xa kuqala
ukuba mnyama. USimba nonyana wakhe bebevalelene emotweni bengene ukuphuma kwam endlini.
Ebekhala uMalik ngokubona kwam. Ungene enamehlo abomvu uSimba.
Simba: ”Uncle how far? I'm going good thank you. Yes, tomorrow. In Abuja. Yes. I will be fine na. The
family is okay, yes. I'm mostly scared for them. I know. Thank you so much, God will bless you. Ise! Ise!
Hahaha! Thank you. Ngumalume wam, Ndiyayazi uzobuza.”
Usondele ebhedini wakhulula izihlangu waqabela ebhedini ebeka intloko yakhe esifubeni sam.
Nomtha: ”Simba?”
Hayi unyukelene umntu wasothula isikhalo ede enesingqala. Xa ehlisa umoya undikhulule ipyjamas.
Uphume kwakulo kamire ukugqiba kwethu. Ndimfumene egixa ngasebuhlanti ethwele izandla entloko.
Simba: ”Andid- andidingi ncedo. Ndibuhlungu nje kuba ngamanye amaxesha ugqithisa abantu
obathandayo entlungwini. Ndinigqithisa entlungwini, ngakumbi wena. Ndinqwenela ukuba izinto
bezohlukile. Andifuni ukukuvisa kabuhlungu kwakhona. Utatakho- angandidanela.”
Simba: ”Womelele. Ukuba womelele kwaye uthoba imisindo akuzuba nzima kangako. Undithembe.
Uthembe nabantu endikuyaleze kubo. Umamele Nomtha. Ndiyayazi une opinios zakho kodwa
umamele.”
463
Nomtha: ”Ndizokumamela. Ukusukela namhlanje andisoze ndibe ndigqwashula. Kukuba ndiyadikwa
mna ngabantu abasileyo.”
Simba: ”Andithi sukudikwa. Ndithi cinga ngaphambili kokuba wenze. Ungazifaki zingxakini. Be a good
girl for me.”
Ndinqwalile. Bendizoyekela kuye nyani kuba bendisuke ndibe nomsindo okhawulezileyo mna. Asilalanga
nangabo busuku. Besincokola sisenza izicwangciso nje. Esenza lanto yakhe yokuba endiyala. Siyihlekile
sakhala. Endixelela indlela andithanda ngayo. Endixelela nokuba ndimthembe. Ndibe nomonde.
Ndingaze ndimnikezele. Ndingaze ndiyikhuphe kulomnwe iringi yakhe. Ndingaze ndicinge
nokuyitshintsha ifani yakhe noba kwenzekani kum naye. Siphikisene isidala sento ngalonto. We made
love kwakhona. And again and again. Esebeza amazwi amnandi ezindlebeni zam.
Ndithi kusile phandle sijonge ngamehlo amanye. Ndivuke ndabusy ke kuba ndingumfazi. Sihambe
emveni kwemini. Ebengeloncoko tu namhlanje uMalik. Ndiyayazi bekungekudalanga siphumile endlini
kodwa ebenqumile nje. Amehlo eyinyama. Uthe uright xa ndimbuza. Enditshika. Khange ndiphinde
ndithetha.
Kukhale iphone kaMalik sisegarage, uyiphendule waphuma emotweni ethetha nayo ngaphandle. Kuthe
tshe imoto emnyama ngesantya esake saphezulu isiya kwelicala siya kulo. Kuthe gqi iambulance
netraffics. Kungekudala kwagqitha ifire brigade namapolisa.
Malik: ”Ndifounelwa nguMonti, uthi yimoto katata leya. Idutyulwe exploda. Ebengaphakathi naye.”
Undikrwaqule.
Malik: ”NguSimba.”
Ndizame uNorman.
Norman: ”Hello.”
Nomtha: ”Norman, founela uMonti umxelele anike uSimba iphone ndithethe naye. Kuthiwa imoto yakhe
iqhashumbile. Ebedutyulwa Norman ndifuna ukuthetha nomyeni wam. UMalik uyakhala apha.”
Norman: ”Ndizomfounela.”
Nomtha: ”Qha.”
464
Ndibeke iphone yam ndaphefumla. Bendine bad feeling nje kodwa bendingafuni ukuya apho ingcinga
zam bezindisa khona. Kunqonqozwe efestireni yemoto.
Monti.
465
FIFTY-SEVEN
”Nomtha.”
Bendingasa lelanga buthongo ndisanda kuvuka. Ndivile xa kunqonqozwa naxa evula umnyango kodwa
ndszixelela ukuba ndizozivalela umlomo wam.
Malik: ”MakaJellytots.”
Nomtha: ”Mh?”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”OK.”
Nomtha: ”Ndiright Malik, enkosi. Ndifuna uba ndodwa. Undiphathele uZendaya torho angahluphi
abantu.”
Nomtha: ”OK.”
Malik: ”Usis'Lulu usendleleni. Ndikuphathele amanzi uzosela amayeza wakho ubuwanikwe ngugqirha?”
Nomtha: ”Ndiright.”
Ndive ngelizwi likadabawo kwalapha erumini yam noSimba. Caba uyobizwa nguMalik.
Nonzaliseko: ”Phephisa kaloku sisi, xola mfazana. Kunzima ewe kodwa ungasose ukhale oku komntu
ongenathemba. Sukukhala kangaka. Yhini maan!”
Bekuyizolo ekuseni ukuva ngokuqhashumba kwemoto ibihamba uSimba. Emveni kokuba silandwe
nguMonti egarage sigqithe kulandawo yengozi. Bebesithi ndingaphumi, yada yada kodwa bendingeno
kwazi. Ibingumyeni wam lowa. Utata wabantwana bam. Intliziyo ibisemqaleni ndiweva amadolo
ayagovozela. Bendidinga ukuxhaswa kuba ngesizathu endinga saziyo bendisuke andaziva nenyawo zam.
Undixhasile ke uMonti yabe icinywa umlilo itshe yangqungqa. Bekukho umzimba. Ubungeno wufanisa
indlela ubutshe ngayo, andivunyelwanga nguMonti ukuba ndisondele ngakumbi. Ndizigqibele
466
ndinolunye nje ulothuko endingazange ndalano ngaphambili kwacima izibane. I was into a state of
shock. Kutshiwo.
Ndothuke ebhedini yesibhedlele. Into yokuqala endiyibuzileyo nguSimba. Besendilibele yonke into
yengozi nomzimba wakhe otshe wangqungqa. Engqondweni yam ebesemotweni elandela emveni
kwethu noMonti. Kodwa bendiva nje ukuba kukho into engekho right. Kwindlela bebekrwaqulana ngayo.
Kwindlela bebendijonge ngayo kalusizi. Ndithe ndakubuya ezingqodweni ndaziva ndiphelelwa
ngumphefumlo. Ndizibambe isifuba ndinombono wemoto nomsi omkhulu. Izicima mlilo. Amapolisa.
Ndihlatywe inaliti ndanikwa nepilisi ndisele apha endlini. Ibingathi kuzothiwa kuyadlalwa. Bendilindele
umntu ozondixelela ukuba mhlawumbi kwenzeke impazamo. Ukuba ayingomzimba kaSimba lowa,
ngomnye umntu. UThixo andixolele kodwa bendibawela ngentliziyo yam yonke ukuba ibengomnye
umntu. Hayi uSimba wam, hayi umyeni wam. Hayi utata wabantwana bam.
Ndothuke ebuthongweni kukho umntu othe nca kum wajikelisa isandla sakhe endibambe isisu. Intloko
bendinayo bekunzima nokuphakamisa intloko.
Nomtha: ”Simba.”
Bendifuna into ezondinceda ngalentloko ke tana. Ibingathi ndizofa. Ingathi izoqhekeka phakathi.
Nomtha: ”Ebethe kum akuzukwenzeka nto kuye. Ebethe ak- ebethe akuzukwenzeka nto kuye Lulu.”
Nomtha: ”Uthini ngam? Xa ezondishiya uthini ngam nabantwana bakhe? Uyenza kanjani into enje kum
uSimba?”
Luleka: ”Kuzodingeka ukuba unyamezele sisi. Ebethethile nawe uSimba. Ucingele lomntwana Nomtha.
Ucingele uZendaya. Ndiyayazi kunzima sisi, and kulungile ukukhala. Kuright ukukhala. Ugqithe kuyo
yonke into ekufuneka ugqithe kuyo kodwa ungazilimazi. Ucingele umntwana kaSimba.”
467
Luleka: ”Ohhh Nomtha ... sukuthetha kanjalo. Sukulinge uthethe kanjalo. Ndiyayiqonda uva kabuhlungu,
kubuhlungu nakuthi. Akusoze kufane kodwa nakuthi kubuhlungu.”
Ndivale umlomo ndacimela. Bendibona yena nje. Yonke indawo bendibona yena. Xa ndivala amehlo.
Bendisiva ilizwi lakhe. Ndisiva izandla zakhe zindibamba. Ndibona umzimba wakhe uthe natya ecaleni
kwendlela ungu'wiiiii' wemoto kodwa kum ingathi izinto zenzeka ngeslow motion. Kwenzeka njani?
Bendingafuni ukukholwa. Bendingafuni tu ukukholwa. Bendifuna ukulala ndivuswe nguye. Bendifuna
ukuvuswa nguye engena ezingubeni esithi ebeye eDurban okanye eMpumalanga. Okanye mhlawumbi
usebenze kwarhatyela. Bendinga zukuqumba nokuqumba. Bendizombuza ukuba utyile na. Ndimgalelele
amanzi okuhlamba ndimrhabhe umqolo ndimbalisela ngemini yam. Ndimamele endibalisela ngeyakhe.
Sithandane ubusuku bonke.
Nonzaliseko: ”Zicenge. Kuthiwe ndikuphathele leyoghurt, uzicenge ngayo xa kungangeni ukutya. Noba
ngamacephe amathathu. Kukho nerhewu ke kulandlu. Ubambe nje umphefumlo sizoya kwelacala kuba
kufuneka uhlambile uzohlala kulandlu.”
Ndizicengile ndasukuma. Amehlo bendiweva ukuba adumbile hayi kancinci. Ebelumeza nokulumeza.
Ndichophe ngempundu wandinika ibowl enemuesli neplain yoghurt. Phofu ibiyiyoghurt ene muesli kuba
yiyo ibininzi. Ebeze netray ke kukho nefruit salade nomongi mali. Ebesiza nayo kakule lomntu wayibhuda
kumongi.
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Ndifinge intshiya.
Nonzaliseko: ”Nomanyano ebezokukroba apha waphelela ngaphaya komgubasi kuba kaloku uyakoyika.
NoMluleki ngokunjalo. Bamane bebuza kum ukuba utyile na nokuba unjani na.”
468
Ebengenguye nomazala kum ngoku kodwa andikhange ndibe ndiyithetha leyo into. Ebelunge ngoku
andoyikayo kuba bendingafuni nokumbona. Bendidikwa kukuba kuzofuneka ndibe ndizenzisa ngoku
ingathi ndimxabele ngezembe. Bonke noMankazana ongumyeni wakhe.
Luleka: ”Ndingangena?!”
Bendizofuna ukuncamathela kuye, sife kunye bhetele. Nabantwana bethu. Kuse kusinde uMalik. Kodwa
mna nabam abantwana bekufanele ukuba sikulamoto nathi kuba le yona intlungu bendiyiva.
Bendingazibona ndiphumela ngaphaya kwayo. Bekuqaqamba.
Ndosule inyembezi.
Nomtha: ”Andikhali.”
Nomtha: ”uSiyanda?”
Luleka: ”Basetown noMonti, bahambe noZendaya. UMalik naye uzivalele eroomini yakhe.”
Luleka: ”Uzoba right. Ndicinga ukuba udikwe ngabantu aba babe bemjonga bemsizela.”
Luleka: ”Ewe sthandwa sam. Akhonto uzoyenza wena ngaphandle kokuhlala kumatress uzingqengqele
ukuba uyafuna.”
Ndiphefumlile.
Nomtha: ”Ndisuke andayazi Lulu. Andisakhumbuli noba ubom bam bebunjani ngaphambili kokuba
ndidibane noSimba. Andiziboni ndinabantwana ababini ngaphandle kwakhe. Andinawo lombono.”
469
Luleka: ”Andiyazi ndizothini ukuze uzive bhetele.”
Nomtha: ”Andiqondi ikhona into ezondenza ndizive bhetele. Ndinomsindo. Inoba lento ikum
mhlawumbi. Akufunekanga ndibe nosapho mna. Akufunekanga ndithandwe. Kuba waqala wathatha
uSamora ngoku nguSimba. Ngulomntu umnye ochongene nam. Nolonwabo lwam. Ngoku ngabantwana
bam abazodlula kulento. Abazuba nawo nomfanekiso katata wabo. Abazulwazi uthando lwakhe, baluve
kubo. Bazawuva ngembali koMalik. Iworse kulo.”
Luleka: ”Nomtha yitya kuqala. Cingela lowo umntwana kaSimba kuqala. Noba ngamane amahlanu
ubenento esuswini.”
Ndimjamele wandincumela kancinci. Ndityile ndaphantse ukuyigqiba ke yona ndasela umongi. Undinike
ipilisi zam ndazisela, kunye nebendizinikwe ngugqirha kwicheckup. Usishiyile udabawo waphuma
nedakhi lam nefaskothi yakhona. Ndihlambile ndanxiba ngentla, ndalindela amadakhi kudabawo.
Bendinxibe neturtle neck kuba noxa ebesithi kushushu uLuleka bendingayiva mna lonto. Bekusuke
kwabanda. Bendigodola. Kungathi nelanga lityhafile kwalona. Unqonqozile wangena udabawo.
Ndincume kancinci. Belisima ezantsi kwamadolo. Ezantsana kunawo, izitho zingaphandle. Ndithwele
ikhetshemiya ndaxakatha ityali. Undibhinqise enye apha esinqeni.
Nonzaliseko: ”Nantso ke. Uzoyibeka ezithweni nje le. Noba ufuna ukungqengqa ungajaji.”
Uthathe itray waphuma. Bekungafunwa noba ndichithe amanzi nguLuleka. Uphume nekomu
eyondichithela amanzi ndabe ndiyonqonqoza kwiroom kaMalik.
Malik: ”Ngubani?!”
470
Luleka: ”Ungakwazi kaloku sisi! Awuliphakamisi kaloku wena ilizwi lakho ngoku. Kufuneka ubengathi
uyasebeza.”
Nomtha: ”Oh?”
Malik: ”Uphakamile!”
Malik: ”Ndigrand mna. Ndidikwe ngaba bantu baninzi qha. Ndidikiwe nje ngabantu. Uziva njani wena?”
Ndinyuse amagxa. Bendingayazi nokuba ndizochaza ndithi ndiziva njani kuba bendingayazi. Bendingafuni
nokuva. Ndosule izidlele bezihleli nje zimanzi mvanje. Undibambe igxalaba endincumela kalusizana.
Malik: ”Kuthwe ndikugade ke utye ukutya kwakho. Usele namayeza ungabi nastress. Ngapha koko ...
ncncncnc.”
Ndimcumele.
Malik: ”Okay.”
Ndithe chu ukuphuma. Ngethamsanqa lam kwabe kumisa imoto kusihla uSiyanda noMonti. Ndibalinde
apho ngaphandle wagxidisa umntwana uSiyanda weza naye kum. Bendisosula ubuso. Ngoku ndosula
ezinye kuwa ezinye. Azipheli.
Undange ngecala elinye uSiyanda ebambe umntwana ngelinye. Ebefixiza kwayena. Undikhulule
endijonga ebusweni.
Akufani. Umntu endimdingayo akakho. Ibingase nditsho kodwa ndincumile ndanqwala. Ndithathe
umntwana wam ndahamba ndisiya kuronta.
Ndingene kuronta onke amehlo akum. UBisola ebehleli noManci kumattress. Ndithe tshe uVenus
kwicala lotata. Yena uMluleki noBukhosi. Bekukho nabanye otata kodwa ndizibonele bona. Bekukho
nabanye nje abantu, nabatshakazi kugcwele. Ukhawuleze wasukuma uManci wathatha uZendaya
emfunqulela kuye. Ndimncumele kancinci ndayochopha ecaleni kukaBisola. Ebezigqube ubuso
ngetshefu ukusibona engcangcazela. Ndichophile ndasongela izandla zam phezulu kwamathanga am
471
ndijonge phantsi. Uthuthuzelwe ngumama ebehleli esitulweni, wayochopha ecaleni kwakhe akusothula
isikhalo.
Mluleki: ”Nomtha, ndiyaxolisa sisi. Kubuhlungu kuthi sonke. Andiyazi noba ndikududuze ndithini
mntwanam kuba andikwazi komelela kwamna. Kulendawo ndikuyo ndiyopha. Intliziyo yam iyopha.
Andifuni kuthi yintando kaThixo kuba akusiyiyo.”
Venus: ”Mahonono!”
Mamnkeli: ”Tiger.”
Ujonge ngakwelicala lethu, wajonga mna wajonga umama kaSimba. Nalawheelchair isemveni kocango.
Usukumile waphuma.
Usondele kuthi uMnkeli emveni kokuba exhawule uVenus. Ebengekabuzi nempilo. Uyothetha nomama
kaSimba, wabe enesingqala. Usuke kuye sebhetele ngoku. Uzogaqa ngaphambili kwam.
Mamnkeli: ”Unjani?”
Mamnkeli: ”Kuzolunga mntwanam. Kuzolunga. Akafanga uSimba, ulele. Uyayazi langoma ithi 'uhleleli
ntoni emangcwabeni, itsukw'ezine vuka Lazaro! Akafanga ulele uLazaro.' Uzokulwela. Uzonilwela. Wena
thoba intloko yakhe ubambe ucwangco. Womelele. Kunzima ewe kodwa yomelela. Yinto ibinokonwabisa
uNkokheli leyo.”
472
FIFTY-EIGHT
Iphelile loveki icotha injalo. Bekungathi ixesha limi ndaweni nye. Okungathi abantu bayaqhubeka
nobomi, bayaphila mna ndibabukele nje obam bumile. Bendilala ixesha elininzi. Bendi ngabubhaqi
ukuthongo ebusuku, kuba bendilal nabantu kuronta bendikhalela phantsi ndingaviwa mntu. Ndiphinde
ndasiwa esibhedlele kuba ndivuke ndingakwazi nokunyusa intloko. Ndilale usuku olunye ukuba
ndigadwe kuzokuhla nehigh blood kuba ibinyukile kwayona. Ndifumene amazwi angqoqo kugqirha
ukuba ndicingele umntwana. Inyanga bezipbantsi kakhulu ukuba ndinga belekiswa ngaphambili
wexesha, kwaye bendibeka ubomi bomntwana emgciphekweni.
Undinike nenqwaba yamayeza angena bungozi emntwaneni. Andifumenanga nezo pilisi zokulala
bendizincwasile. Ndilandwe nguLuleka.
Ndimkhalele esangena.
Utsho endiqinisela ilizwi ndakrwaqula kancinci ndisukuma ebhedini ndithwala iqhiya. Bebezondixolela ke
kuba bendizofika ngezipyjamas. Ibingase ndihlambe kuqala ngaphambili kokuba ndinxibe amajerumani.
Phofu bendinga baweli nokuwanxiba kwa, ndicomfortable kwipyjamas zam ezifuku-fuku. Kodwa
bekunyanzelekile.
Luleka: ”Good ulambe. Awutyi kakuhle kwezintsuku and kufuneka utyile. Just for umntwana lowo,
ubenento esuswini. Ubawela ntoni?”
Uyihlekile.
Nomtha: ”Andizazi noba ndirhalele ntoni ndikuxelele. Ndilambile qha. Nomlomo wam ingathi uxwebile.”
Luleka: ”Oh! Kanene ungumntwana waseGoli, awunozazi ezizinto. Enyanisweni Nomtha, uziva njani?”
473
Nomtha: ”Ingase ndingabuyeli kulamzi. Andiyazi noba yindlela endiziva ngayo na kodwa andifuni
ukubuyela kulamzi. I'm emotionally drained. Ukubonana notata kaVenus nabantu babe bendisizela
kunditheza amandla nomphefumlo. Ndifuna ingabikho le ndawo e empty apha kum. Ndiziva okungathi
andiphelelanga. Andikho right tu. Ndiyazama kodwa kubuhlungu maan. Ingase ndilale ubuthongo
obude.”
Luleka: ”Kuzogqitha sisi. Kunzima ewe kodwa kuzogqitha. Noko sizombeka kuleveki wohlukane naba
bantu.”
Nomtha: ”Andifuni ukunihlupha ngakumbi noSiyanda kuba kuninzi esenindenzele kona kungoku, inkxaso
yenu-”
Luleka: ”Ungazikhathazi ngalonto wena. Nantoni na oyifunayo ungasihlupha sisi. Ngubani obalalayo.
Abahlobo bakholo lonto. Samthembisa uSimba ukuba nantoni na, so ungasicingeli thina.”
Nomtha: ”Lulu ndiyabulela. Ndifuna ukuthuthela phaya. Ingase ndingabuyeli eCenturion ukusuka kwam
apha. Andikabi ready, andiqondi ukuba ndizoba ready.”
Luleka: ”Ndizothetha noSiyanda acele noba nguSolomon lomzuzu siselapha thina. Afune abantu
abazoqokelela izinto aba monotarishe qha yena zisiwe eWilgeheuwel. Sithathe ngoku zibeka ngendawo
zazo thina. Nguqhwi-qhwi wethu yonke lanto.”
Nomtha: ”Bekuthethwe ngokuba impahla zikaSimba sihliswe zonke zizohlanjwa. Angaziaokelela nazo
uba angakwazi.”
Unqwalile.
Luleka: ”Ngumhlobo wabo naye ofana nobhuti kubo qha ebengekho apha eJoburg esaphumile.
Uzombona xa efika.”
Nomtha: ”Ohhhh.”
474
Nomtha: ”Mababe khona, ukuba abazanga nangxaki andinangxaki nabo.”
Nomtha: ”Utsho?!”
Nomtha: ”Mxxxxx.”
Ndijikelezise amehlo.
Luleka: ”Mxolele wethu uBisola. Ummo wakhe unentliziyo entle. Ebengaqondi yena ukuba kuzofikelela
apha.”
Nomtha: ”Andika mcaceli okwangoku. Andibacacelanga bonke abantu bakulo Simba. Ubhuti
sendimsizela nje kuba ingathi iyamthwaxa yonke lento kodwa ndine resentment ngakuye kuba
bekukhusekwa yena ngomyeni wam.”
Ndibambe isisu sam ndaohefumla. Bendingayikholwa ncam into yomntu onilwela setshabile kodwa
bendinqwenela ukuba kube kanti kukho ubunyani kulantetho kaMamnkeli yokuba uzosilwela, ulele.
Uyayazi kulandawo akuyo ukuba uyandityala. Wayethe uyazifezekisa izithembiso zakhe. Bendifuna
ngoku asix feet under azifezekise ke. Utata wam afumane ubulungiswa, naye ubuqu afumane
ubulungiswa. Njengoba uVenus ecinga ukuba unguBawo wethu wasemhlabeni simbonise ukuba mnye
uThixo. Noxa bendimthandabuza nje.
Ukholo lwam beluluncinane mna kuThixo. Mhlawumbi belungekho kwalona. Ndibambelela kumbono
wezulu, nobomi obungaphaya for comfort.
Sithathe impepha sahamba. Amayeza ebesekum. Ebeqhutyelwa nguMonti. Ndibambe umzimba wam
ukumbona wabe esihlila emotweni endivulela ucango. Ndijikele ndayongena kwelinye icala ndizivulela
ngoku kwam. Ndibabone bejongene noLuleka ndenza okungathi andibonanga kwanto.
Siyothenga ukutya. Ibingathi ebewanqa yonke into uLuleka kulashop. Abantu bebendijonga
ndingabethelwa nangu do. Inoba bebesithi lixelegu laphi eli.
Ummisise imoto sayohlala engceni sisondala ithrow bendihambe nayo ukuya esibhedlele.
475
Luleka: ”Khawubajonge bayabhiyoza. Basela utywala ngeza glass zinengcondo. Umtyile!”
Nomtha: ”Ukuba bendinga khulelwanga, ngendine nto ehlala emabeleni enebrandy engaxutywanga
ndimane ndisithi laqa. Ndiphanjaniswa nayinto yokuba ndigqitha kuyo yonke lentlungu ndisober. Ndiyiva
yonke iyandikhubaza. Inditya ngaphakathi.”
Undibambe nje isandla akathetha. Sitye sahlutha izisu zithe mpo. Ndingqengqile noLuleka endilinganisa.
Besincokola ngoSimba. Umntu anguye, imemories zethu naye. Beside sihleke xa sithetha ngezinye izinto.
Sihleke sikhale. Iyimemorial yethu sobabini. Bendiyazi ukuba bekuzothethwa ngohlobo enengena
ziphene nohlobo ebelunge ngalo. Ebelungile yena kodwa ebezofuna kwaziwe ukuba ebenguSathana,
okanye ke ebuzalana nosathana. Ebengafuni noyiva eyokuba ulungile noxa ebenako ukulunga.
Ebenentliziyo entle. Intliziyo exolelayo.
Sothuswe nguMonti sesibiwe bubuthongo apho. Siyihlekile wasinikinela intloko encume kancinci.
Bekuphithizelwa kwaSimba. Sekumi nentente ngaphandle kwezindlu. Intente enkulu. Bekuqhuma imbiza
ecaleni kwendlu, abatshakazi behleli kwizitulo zeplastic bencokola. Bekukho naba xakathileyo bathwala
ikhetshemiya kuthiwa ungubawozala kubo. Ebemdala wethu uSimba naye.
Undivulele ucango kweli ityeli uMonti wandinyusela ishiya ndakumjona. Caba ebesithi 'ewe,
ndikuvulele. Uzothini kengoku.'
Ibingenzi sense kum ukuba uSimba abe yedwa emotweni kodwa ebeqhutyelwa nguye uSimba ukuza
kwethu apha. Ebelinde yena futhi. Bendinga sakwazi ukuzibamba ngoku kuba ndiyabona ungqumbo yam
ibingandincedi nganto kuba andiziumani impendulo endizidingayo ngokuthwala umlomo.
Uthinte umqala wakhe walungisa ukuma. Ebengeka phumi noLulu kodwa ethule efile kungathi akakho
nakulamoto.
Monti: ”Bendi ngumntu ozoshiyeka apha ekhayeni mna, ikhona into bendizoyilungisa. Wandikhulula ke
umlungu ngelokuthi uzoziqhubela imoto yakhe akukho ngxaki.”
476
Monti: ”Inoba ebengaboni iyinto ebalulekileyo. Ndibuhlungu ukuba ebeyedwa ngexesha andidinga
ngalo, ukuba bendinothatha ind-”
Nomtha: ”Kulungile bhut'Monti, ndim lo. Ndiyaxolisa. Ndifuna ukutyhola umntu ngalento and
bendityhola wena. Nabani na.”
Nomtha: ”NoMluleki?”
Siyanda: ”Hahahaha!”
Ndichophe elounge. Undiphathele umntwana wam uMalik nanjengoba bendimcelile. Ndimfunqule nje
ndingenawo namandla nobubele bokuteketisa. Bendimkhumbula nje kuba ebehleli engekho kum.
Mluleki: ”Sikubize apha kuba sifuna ukubonisa ilitye kunye nebhokisi ekhethiweyo ukuze uba
unesikhalazo sizokhawuleza sitshintshe kwangoku. Kuba ilitye lizoqalisa ukwakhiwa namhlanje. Umbhalo
ngulo bekuthiwa uwufunile.”
Siyanda: ”Uqinisekile?”
Nomtha: ”Ndiqinisekile.”
Siyanda: ”Kuzofuneka sihambe siyoclaima kwimibutho yakhe imali izongena kwi account yakho
kwamsinyane.”
Siyanda: ”Ayikho. Kodwa kufuneka uclaime. Ndinazo iforms ekufuneka zigcwalisiwe, singavukela etown
ngomso.”
477
Nomtha: ”Okay. Ikhona enye into ezondidinga?”
Mlukeki: ”Yonke into siyibambile. Ebenombutho nalapha ekhayeni so bancedise ngohlobo abamncedise
ngalo uSimba. Nohlobo abasebenza ngalo. Kukho nencwadi emabantu abamkhaphileyo nezinto-
Bukhosi: ”Iziphekiso. Kukho idrinki nejuice. Sawukongeza kancinci thina. Ndingongeza nangokwam,
kweyam itasi.”
Nomtha: ”Ukuba kukho into eshotayo bhut'Siyanda, ityengwe. Nabantu abazozimasa bangalambi.
Kubekho nenyama ebomvu.”
Mluleki: ”Food wise ndithenge yonke into izolo. Sawuphinde siyokongeza ngoLwesihlanu for
umgqibelo.”
Mluleki: ”Sihambe noMamkhulu nomnye umtshakazi walapha ekhaya izolo. Ubuze ngoku kwakhe
kubatshakazi, babala yonke into edingekayo.”
Banqwalile bahlala bemana bendikrwaqula. Kungene udabawo ezondixutha umntwana wam. Oh!
Lomfazi!
Nonzaliseko: ”Uphuma nje esibhedlele sewuzothiwa dimfi umntwana. Hayi nizongonjwa nguSimba.
Ebengafuni nix ngalomntwana! Nibuze kuManci wenu!”
Mluleki: ”Uyaluthanda ke uqhushululu uManci wethu ndimazi phaya kuUlatho. Bafikile namhlanje
nabantwana.”
478
Ndinqwalile baphinde barhuqana baphuma. Ebethetha ngenye indlela umama kaSimba. Ethetha funny
shame. Amehlo ebedumbile.
Ndiphathelwe amanzi ngudabawo wandokulela nedakhi lam ndabhinqa ndayohlala kulandlu. Ndilele
ndoyame egumbini ndavuswa kusithiwa ndilale kakuhle, ndalala. Uqhubile amalungiselelo ndimane
ndibizelwa bucala ngoobhuti sibhunge. Besi claimile kwi funeral covers zakhe zonke. Kukho
eseyingenile.
IbinguLwesihlanu namhlanje kwasekuseni. Kufike abanye abantu ke, befika ngokufika bephuma
emazweni abanye. Abanye kwilali ezohlukileyo.
Ndithe tshe noNokulunga nelawu lakhe ngoku bendigqiba kuhlamba. Bendihlamba kwasekuseni
ndizophindela kumatresa. Ndiphindele ngaphakathi kukho ubhut'Siyanda nomnye ubhuti. Ebedweni
enobu bam yena ubumnyama. Ebekhangeleka emncinci kubo bobabini uSimba moSiyanda. Eyawaba
nendevu ezinkulu naye. Ezakhe zimnyama. Bendithanda lasalt and pepper kaSimba mna.
Nomtha: ”Molweni.”
Ndibulise ndifinge intshiya ndijonge kuye. Lobhuti ndingamaziyo. Ebephethe ifile esandleni.
Bavumile bobabini basukuma bema ngenyawo. Ndiyomxhawula ndasose ndixhawula nobhuti kuba
ndingafuni ukumkhetha.
Siyanda: ”Bendifuna wena. Si. NguSolomon Mbam lo. Andiyazi noba ebekuxelele na ngaye uSimba.
Ngulo ndandithethe ngaye malunga nokuthutha impahla yenu. Bendifuna ukumothula kuwe kuba
akazukunqabela.”
Solomon: ”Ndizoxhaphaka.”
Bayihlekile.
Solomon: ”Hayi wonke umntu, kubantu ababalulekileyo qha. And ukuba asenzi njengoba kutshiwo
sawugetyengwa yilandoda.”
Unqwalile.
Ndinqwalile nam.
479
Solomon: ”Ndikuphathele ezimpepha. Ndizifumene eofficini kaSimba, ibhalelwe kuwe.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Solomon: ”Yonke into yenu ndiyithile. Ezinye bezingazuba nandawo ndazishiya. Ndilungise iroom
yomntwana qha kuba bendinexeshana otherwise ngusaa.”
Unqwalile.
Siyanda: ”Isizathu sokuba ndizonazisa kukuba uzobe uwedwa kuleveki izayo. Iveki yonke ndizobe
ndingekho and ndihamba noLulu. Lomfo akazunqaba ke ungamoyiki. OoMonti bakhona for isecurity and
and kodwa thina singabantu bakho nangezinto ezipersonal.”
Siyanda: ”Hayi!”
Siyanda: ”Ndizohlala apha. Ndibamba nje iveki. Kukho umhlobo wam, uyifamily phofu. Kufuneka
ndimncede. Yiveki qha ungaxhalabi. UMamnkeli yena unonkosikazi oseHome so akafuni kunqaba
kakhulu kuye. Nesimo sakhe asonwabisi kwaphela. Ngoyena ozonabela uqaqaqa.”
"OH! Nomtha. Bendithume uMalik andibekele impahla zam ekamireni katatakhe ke.”
Nomtha: ”Nokulunga andinawo amandla akho sisi. Ndiswelekelwe ngumyeni wam, ndizilile. Andibe
ndilwisana nawe mna ndisenza ichaos. Xelela umntu obumthumile ungandihluphi mna. Ukungena
kulakamire awuzungena.”
Amehlo akhe ebesesuswimi sam ndambona eqhwanya-qhwanyaza into engekhoyo. Eneneni yintoni
ebesayifuna apha uNokulunga. Obhuti banjani na kanti? Umama wabo uhamba ngewheelchair ngenxa
480
yeligqwirha kodwa basamyeka aphithizele apha! Ebemathe owuphi umhlobo na lamadoda. Kungene
uMalik ngoko wancina amehlo ukusibona.
Nomtha: ”Umamakho uthi ufake ibags zakhe ekamireni kaSimba. Ndicela uzikhuphe uyozifaka kweyakho
iroom Malik. Undincede bhuti, ngomoya weCawa ungaphinde ungene kulakamire ndingekho kuba mna
andingeni kweyakho. Andilwi. Andithandi qha.”
Nomtha: ”Oh.”
Malik: ”Ufakwe ngutamkhulu kaloku. Kuthiwa njengoba ephumile nje umakhulu usose wacinga
umtshata.”
Nomtha: ”Hayi maan Simba! Nxa wena Malik. Umakhulu wakho akathandiswa kuyo yonke lento?”
Malik: ”Tu.”
Nomtha: ”Utamkhulu wakho akagivi fakhi mos. Bendiba uyamthanda. Kanti yeyantoni yonke lento
yokuqumbela uSimba kanti uyayazi ukuba ukholiwe?!”
Rhaaaa landoda!
481
FIFTY-NINE
'Myeni wam endimthandayo.
Ndicinga intsuku/ neveki ezikhokhelela ukushiywa kwam nguwe. Indlela besonwabe ngayo, andiqondi
ukuba ndanditshilo kuwe ukubuya kwethu eKapa. Ndiyacinga ukuba ndalibala. Bendiyonwabele
impelaveki yethu. Mhlawumbe kukuba bendonwabe ngolahlobo lento sendinxunguphele kangaka nje
namhlanje.
Izithembiso nezifungo owawuzenza ngaphambili komfundisi nabahlobo bakho zintinga ezindlebeni zam
ubusuku nemini. Ndiyabulela ngokuba ngumyeni kum. Ndiyabulela ngokundipha usapho.
Ndiyabulela ngobomi bakho, ngothando lwakho in my lowest moments. Andisoze ndiyilibale indlela
owawundinakekela ngayo nendlela wawu gentle ngayo kum.
Ndalubona uthando lwakho. Bendisoloko ndilubona kodwa ngalamzuzu, ngezontsuku ndaziva ukuba
ndiyathandwa. Kuba ndandizicaphukela, ndabona indlela ondithanda ngayo ndaqonda ukuba noko
akukapheli. Lisekhona ithemba.
Zininzi izinto ozizo kum. Zininzi izinto endikukhumbula ngazo. Ngelixeshana nje elincinane uThixo
endiboleke wena ube yinto yonke kum. Andisoze ndikulibale.
Andikho right. Ndinoloyiko. Ndididekile. Nangoku ndisalindele ukuba uthi gqi ngomnyango undixelele
ukuba yimpazamo. Undikhwaze undivuse ebuthongweni kuba ndifuna ngentliziyo yam yonke ukuba
ibeliphupha eli. Kodwa ndiyabona ngoku ukuba awukho, awusoze uphinde ubekho kwaye ayikho into
endinokuyenza ngalonto.
Kuzondithatha ixesha elide ukufunda ukuba ngaphandle kwakho. Andiqondi ndizophila. Andiphili
kungoku. Ndiyaphefumla nje. Kodwa ndizophefumla, for abantwana bethu. Intlungu yam iphinda-
phindeke kane kuba andizileli mna ndodwa. Ndizilela nabantwana bakho abathathu.
Ndiyabulela ngokuzenza lula izinto kum ngokundidibanisa nabahlobo bakho. Andiyazi ngendingubani
ngaphandle kwabo.
Ndikhumbula nezinto ezincinanana. Ndikhumbula ukubizwa 'baby'. Isihleko sakho. Ivumba lakho.
Ubukho nje bakho. Siyavakala isikhala sakho. Akakho umntu ozothatha indawo yakho. Mnye uSimba.
Mnye uSniper. Mnye umyeni wam. Andifuni ukubakhulisa ndodwa mna abantwana bethu, andifuni
ukuba yisingle parent. Andifuni ukuba ndodwa. Andifuni omnye umntu. Ndifuna wena. Sidinga wena.
Andikwazi nokugqiba le letter kuba ndiyayidyobha. Intliziyo yam iyopha. Ndicinga uZendaya, ukuba
ndizothi uphi utata wakhe xa endibuza. Ebeselazi ilizwi lakho. Ungena nje emnyango abheka-bheke.
Ndizothi uphi utata xa ndisithi usezulwini ajonge phezulu angakuboni.
Andikwazi nokunikezela kuba bazoxelelwa ngubani ngawe. Ndim ozobaxelela ngendlela owabenza
njengo. Wabagcwangcisa wabathanda bengekabikho. Ndizobaxelela ngendlela wawuyimela ngayo into
yakho. Ewe, ewe unguSathana ndiyavuma kodwa ubunobuThixo ngawe.
Basazodinga ukuba ndibaxelele ngemagics zakho nesuper powers zakho. Ukuba uyakwazi ukudibanisa
umntu ezingceba umbumbe kwakhona abe nobomi. Umntu ebesenqwenela ukufa. UnobuThixo ngawe.
482
'Nokufa akunosohlukanisa' wawutshilo ngomtshato wethu. Ndiyatsho namhlanje. Ukuba ucinga ukuba
eyam nawe iphelela apha awumazi wena uAneni Linokhanyo Matanzima. Ayisosiphelo sethu esi. Eyama
doda yona ayipheli.
Ndiyakuthanda. Mihlayonke. Ndicinga ukuba ndizompha elogama umntwana wethu. Andithi ubuthe
awufuni gama leChiShona. NguMihlayonke Matanzima. Ndizomxelela yonke into ngawe. Ndizobathanda,
ndibathandele nawe. Ngoku I'm just angry. Nothing makes sense. Ndizoba right, just not today. Today I
don't want to be okay. Andifuni tu. Ndifuna ukungxunguphala. Namhlanje nangomso, nangomsonye.
Ndizoba right kodwa. Asoze kuphinde kuberight kodwa mna ndizoba right. Sizoba right nabantwana
nobhuti wabo.
Yours in love,
Ugqibile ukufunda incwadi yam uMalik kwahlatyelwa ingoma. Uyigqibe kunzima kuba engegixa. Andiyazi
noba kutheni bebeyifundisa yena. Ibiyimini yomfihlo. Kusabanjwe icawa ngaphambili kwendlu
ententeni. Zibe zininzi izithethi ezithetha ngobomi bukaSimba. Into endiyithandayo ibingekho lanto
yokuba 'wayelunge kakhulu engenolimaza nempukane'
Abahlobo bakhe nabantu ebesebeza nabo bebemchaze njengoba ebenjalo. Bemchuba. Bechaza uboss.
USniper. Bebembalwa abebesazi uSimba Nkokheli. NgoSiyanda noLulu. OMonti noNorman. OoMamnkeli
noGodfrey kunye noSolomon.
Kodwa bonke bebengayishiyi into yokuba ebekhohlakele. Ebengu 'fear fokol'. Kodwa bendingayikholwa
leyo kuba wake wathi kum 'wonke umntu unento ayoyikayo, nekroti loyika ubugwala' bendingacingi
ukuba ebengenanto ayoyikayo. Ibikhona. Kodwa ebengasoze abaxelele bona kuba kwakhona wayetshilo
ukuba ubayilento abantu bacinga ukuba uyiyo. Xa besithi uyingomyama uyavungama, awuthi ndiyikati
mna. Kodwa awusoze ube yinto enye kumntu wonke. Ndiyibonile nalonto. Ebeyinto eyohlukileyo kuwo
wonke umntu othethe ngaye nakum.
Bekuthethwa ngendoda ibi aima ikuchathe skoen. Sniper. Kuphinde kuthethwe ngendoda ibiculela
umntwana, imbeke esifubeni ade alale. Kuthethwe ngendoda eruthless. Eyigqiba ngoku into, kuphinde
kuthethwe ngendoda enomonde.
483
Bendingena xesha lokomelela tu. Bendifuna ukudada kwinyembezi zam. Ungxunguphalo lwam
belungafaniswa nanto.
Ndizigqume ngetyali kumatress. Ngoba Simba. Ngoba? Ubuthe awusoze ufe. Ebethe akasoze abhubhe.
Ebethe akukho nto ezokwenzeka kuye. Kutheni endenze ngoluhlobo nje? Yhuuuu!
Besendithule ndijamile nje ngaphantsi kwengubo. Abantu bebebuyile emadlakeni bencokola nalapha
endlini. Obingase bahambe. Bonke! Ibingase bahambe.
”Linokhanyo.”
Nomtha: ”Dabawo.”
Bisola: ”Mthathe Nonzaliseko ayolala ekamireni. Akusekho nento enyanzelisa ukuba abe ethe natya
apha ngoku. Uzoza azolala ebusuku ke. Abuzuhla nobuthongo yilengxolo.”
Nomtha: ”Okay.”
Bisola: ”Sukuma Nomtha, uhambe uyongqengqa ebhedini. Aphathelwe into etyiwayo noba yintoni. Oko
egqibele ngendengane kusasa.”
Ndisukumile.
Nonzaliseko: ”Ungumfazi walapha. Noba ubona isoka kwiminyaka ezayo ezokulobola apha kuba
ungowalapa.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Singene endlini kuhleli abantwana bakaSimba bonke. Phofu abantwana bakuloSimba nabakaSimba.
Nabanye abantwana basefemelini. Ndiyokhongozela usana lwam kuMalik ndayongena naye ekamireni.
Luleka: ”Siya ekhaya namhlanje. Sizovuka size ngomso sandule ukuya eRhawutini. NgoMvulo sihambe
ke.”
484
Luleka: ”Andithandi kwamna ukukushiya kanje kwamsinya kodwa the sooner the better. Kubalulekile
ukuba siyitshaye isaqhuma.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Nomtha: ”Kwamsinya kuba ndinesikolo ekufuneka ndibuyele kuso. Kusezodingeka ukuba ndibeke izinto
ngendawo zazo. USolomon ebethe wenze iroom kaZendaya so kungcono.”
Nomtha: ”Limnandi?”
Nomtha: ”Kuzobakho neleChiShona. Ukuba yinkwenkwe imiddle name izoba nguSamora. Kuba uMalik
senguNkokheli.”
Nomtha: ”Mnye uSimba. Uzokhula afune ukufana naye aphoxeke ukuba akade afane naye. Uright abe
nguSamora.”
Unqwalile.
Nomtha: ”Uzingca ntoni? Andikwazanga nokomelela ntombi. Ibingase ndizijule phezulu kwebhokisi
yakhe.”
Nomtha: ”Haha!
485
Luleka: ”Ndiyazingca nyani ngawe.”
Nomtha: ”Ebwtshilo ke udabawo ukuba usisi waseRhawutini andenzele okukutya kwethu kufundileyo.
Izinto phofu, hayi nokutya.”
Luleka: ”Hahaha! Yima ndiyokwenzela sizohamba noSiyanda. Unayo ibhotile egcweleyo umntwana?”
Luleka: ”Okay.”
Ebendikrapa ubuso nalomntwana. Andiyazi into bendimthathela yona. Ndimjonge nje engayazi noba
kwenzeka ntoni shame. Akayazi noba namhlanje bekufihlwa utata wakhe. Ibingase ndibe muncu ndifane
naye.
Siyanda: ”Khawube uzohlala ngapha elounge lomzuzu. Uzolala xa sihamba, yiza. Asizube singena
ezikamini thina!”
Uzothatha umntwana waphuma, ndalandela emveni kwabo mna. Ndibuyisele ixakatho kuqala,
ndathwala kakuhle.
Siyanda: ”Uright?”
Siyanda: ”Ndibona lento undibuza Into eninzi kaliqena. Ye sthandwa sam! UNomtha akasayazi ukuba
sithe siyaphi!”
Siyanda: ”And nam bendimxelele. Masingahlali Lulu. Indlela endidinwe ngayo, ingase ndihlambe
ndilale.”
Luleka: ”Uwuqhelile wethu umsebenzi. Nomtha, izobonana ngomso. Ulale kakuhle sisi.”
486
Nomtha: ”Nihambe kakuhle!”
Kuhlanjwe nempahla kaSimba. Bamnkile abantu basemazweni. Utata Mamnkeli undishiye ne number
zakhe esithi ndimfounele xa ndimdinga. Bendimsizela ngonkosikazi wakhe kuba bekukhangeleka
okungathi uzogqotha kule ndikuyo maduze nje. Ndibulele ke wahamba. Bemnkile noNorman noMonti.
UMonti ebesiya kowabo yena, ezolinda mna ukubuyela eRhawutini sihambe kunye. Undixelele phofu.
Bendingayazi ukuba izothini into yabo njengoba ebengekho uSimba. Bebezoqhubeka basebenze kucacile
kodwa bendizobahlawula njani. Ngendithetha noSiyanda ke qha ebesemnkile noLulu. Bendiyiqonda ke
kuba bebeneflight yangomso ebusuku.
Solomon: ”Siyindlela. Sendinazo inumbers zakho, ndifuna ukubuzzer uzobanezam nawe. Ndenzela ukuba
xa useRhawutini undifounela as soon as ufika. Ndizokuncedisa nange furniture kuba izodinga iman
power.”
Nomtha: ”Uzondi baby sitter kakuhle, kaluhle. Yibeke icace ukuba njengoba engekho uSiyanda noLulu
babeke wena undibaby sitter.”
Uyihleke kancinci.
Solomon: ”Tu ke tana. Uzoba wedwa ke nawe njengoba bengekho nam ndindodwa so ...”
Nomtha: ”Awutshatanga?”
Unikine intloko.
Solomon: ”Andikho irresponsible. Andifuni uhamba ndishiya abantwana and andikabafuni abam.
Ndiyayazi ndiyaguga kodwa andikabafuni.”
487
Nomtha: ”Ohhh alright ke. Oh natsi ndizoyisaver, Solomon.”
Solomon: ”Solly qha. Abahlobo bam bandibiza ngoSolly. Xa bengandibhanxi bathi Solomon Mahlangu.
Umfazi kaSimba ngumhlobo kum.”
Ndinqwale nje.
Solomon: ”Uzofouna ke. Kuba ndihleli ndizova ngoMonti xa ukhona but I would rather you call me.
Ndingaxhamleki emzini wakho omtsha.”
Nomtha: ”Joburg.”
Unqwalile wabaleka ukuyongena emotweni. Ebehamba yedwa. Imnkile nayo. Bebesiya bephela abantu.
Njengoba bebehamba nje ibingase ndibanqande, nangona bendidikiwe ngabo.
Nomtha: ”Ndiyabulela. Uthethe kamnandi nawe. USimba ebengena ngxaki nendlela izinto ezigqibeke
ngayo. Andifuni uzisole ucinge ukuba ebenekratshi okanye ebeziva engcatshiwe nguwe. Ebevuyela
ukuba ekwazi ukukhusela wena.”
Mluleki: ”Wena?”
Nomtha: ”Mna? Kubhetele ndingathethi. Ndiphoxekile qha kodwa nam andikubambanga ngantliziyo.
Ekugqibeleni akuzusolwa wena okungathi ubusemveni kwezambhumbulu. Ngewuyinqandile lento? Ewe.
Ndiziva kanjalo. Nomamakho ngenga kukhuthazanga ukuba usithele ngoSimba kodwa unazi ngaphezulu
kokuba ndinonazi mna. Wanithwala wanikhulisa nabangotata kum. Ndinentlonipho eninzi ngakuwe
bhuti. Ndisaphoxekile ngoku kodwa ndiyakuhlonipha.”
Mluleki: ”You're making me feel worse. Uziva njani wena? Awuzudinga gqirha? Umntwana uright?”
Mluleki: ”Intliziyo.”
Nomtha: ”Yona. ”
488
Mluleki: ”Ndizoba nesibindi. Umntwana wasekhaya uzobufumana ubulunguswa. Noba akukho ngomso.
Noba akukho ngomsonye- njengoba ubutshilo nawe. UBisola uzofumana yonke imfanelo yakhe kulamzi,
afumane nobakhe ubulungiswa.”
Mluleki: ”Bangejile notata. Bakwi process yedivorce nomama. Ufuna ukuthatha ibreak kuyo yonke into
so emveni kwayo yonke into uzoya eKapa.”
Nomtha: ”OK.”
Ndimjonge wade wayosithela endlini ndakhupha umoya. Bebeseliqela abantu eyadini noxa
bebephunguke kakhulu. Siyongena ekamireni nomntwana wam siyolala.
489
SIXTY
”Ubumthanda nyani utaima.”
Junior: ”Ndithetha ngoSimba. Bendinga cingi ukuba uyamthanda. Iletter yakho, indlela oyiyo nje
ngikusweleka kwakhe. Ubumthanda. Usamthanda.”
Junior: ”Andilwi nawe. Zange ndifumane thuba lokuthetha nawe emveni kokuba ndingqubeke kuwe
eCenturion.”
Nomtha: ”Besizophinde sithethe ntoni na King? Kuba sathetha yonke into ekwakufanele ukuba
siyithethile. Ndabona kakuhle ukuba ubundi user qha wena, and akusena msebenzi. Ndaba nomsindo
kwagqitha.”
Junior: ”Akulunganga. Ndakophula intliziyo undithanda. Ndandikuthanda nam Nomtha, yonke into
ndandiyithetha kuwe ndandinyanisile kuyo. Ndandine njongo ngawe kodwa ngalamzuzu ndandingafuni
ukuba nguJunior. Ndandinomsindo kakhulu ndigxothiwe ekhaya ngenxa yokuba ndingafuni kuyeka
utywala. Nangalento kaTMan. Ndandisanda kuva ukuba ngutata wam, ndingeka yamnkeli-”
Nomtha: ”Yayinga dibenanga nam yonke lonto. Noba ubungenguye uJunior ke uqhubeke ube nguloKing
wawunguye ungenamva namphambili kodwa ubenguKing ondikhathalele ngendlela wawusoloko
undifundekela ngayo. I can never get over the fact that ndandikuncamela icent yam emdaka. Ndikulalisi
phantsi kophahla lwam. Kungekho nto undinika yona ngaphandle kwezithembiso namaphupha kodwa
kwanzima ufika eroomini yam ufika kungendlela owafika kungayo awacinga nokuba uye emapoliseni.
Umamela uEfe ubumazi kakuhle kamhlophe ukuba ngutokie. I can't get over that. Kodwa njengoba
nditsho akusena msebenzi wethu. Mhlawumbi bekufanele ukuba izinto zenzeke ngolohlobo ndizodibana
noSimba. Otherwise ngendinga dibenanga naye, so kulungile. Ndaxola kudala.”
Junior: ”Fede. Mina ndigrend cause uhlengene netaima uyabona? Otherwise umuntu ogrend baia lowa.
Undikhulisile, noba ebenespani sakhe ke noTMan ebesincanywa. Ebesifatela-
Uyihlekile.
Junior: ”Khawume maan! Hahaha! Njengoba bendisitsho litaima eligrand. Ngumntu ogrand. NoOleidi
ebemphathe sharp, fede bezinok'shuba uyang'thola? Balwe babethane. Uman Sniper mos une anger
sometimes, nesandla but mfethu landoda. He was always there. Ebengoyiki ukukuxelela ukuba
490
uyakuncaywa, uyakufatela. Asincabuze singamadoda. Ubuhlungu yona into ayenza umaOleidi ngokum
xokisela iminyaka, uyang'thola?
Mara wasisiza thina, cause makube sayazi kdala bahlukana kudala ngabe asizange salufumana oluthando
salufumana kuye.
Ngabe singama abuser njengaye or sizenza tough. Uyababona mos abantwana bakaTMan banjani?
Sikhule kakuhle thina Nomtha, yonke lonto sasingeke sibeyiyo ngaphandle kuka taima. UTMan ugrand
yena mara akanalo olwa thando. Ufana netrainer yamajoni. Uzokufundisa ngokwenza imali, nebusiness.
Nengqondo esharp. Ikrele-krele ke la laiti kodwa akanalo olwathando nalankathalo kataima.”
Ndinqwalile. Bendiyiva into ayithethayo nalapho asuka khona. Kodwa bendingafuni ukukholwa uba into
yokuba nesandla kuka Simba kunento enokwenza noVenus. Kodwa mhlawumbi kungenzeka.
Bendizokwenza umzekelo ngokuba uMluleki engena sandla kodwa ndaphinda ndacinga ukuba
siyakhuliswa ngumntu omnye asikhulise, asiphathe ngendlela ehlukileyo. Ebethandwa uMluleki
nguVenus. Embekele ecaleni kwakhe kodwa uSimba ...
Andikholwa ukuba ebemthanda. Ngabantwana bakhe bobabini. USimba nguVenus Matanzima kodwa
impatho yohlukile, isizathu sesi ndingasaziyo. Zange ndiyisabelisise nento yokubulala kwakhe
umntakwabo. Kungenzeka ukuba siso isizathu sokuba uVenus amcaphukele oluhlobo uSimba. Ade
angabina nimba le, ambulale.
Junior: ”Right? Inye nje into endizozisola ngayo, kukuba emveni kokubuya erehab- ndabona wena unaye
zange ndimphe ithuba uyabona? Ndavele ndalibala ngaye. Zange ndimbulele ngokundikhulisa ndaba
yilendoda ndiyiyo namhlanje. Ndimnike intyatyabo zakhe esaphila. Kuba nasemveni kokuba evile ukuba
andingo wakhe zange ayeke ukundithanda. Zange andiphathe ngendlela eyohlukileyo kwabanye
abantwana basekhaya. Wayenomsindo ngakuLunga kodwa ungachaphazeli mna. Ndim nje umntu
owamphoxa kodwa nangoko wayezama, wade wadikwa. Kodwa wandimela yena so into endingasoze
ndiyenze kukuba ndizame ukuphinde ndibe nento nawe- noba ubusandithanda. Bendinga soze ndiyenze
lonto kuye. Bendinga soze ndifune ukumphoxa ngalondlela. Ngumntakwethu ngoku, okanye ebesengu
mntakwethu. Ndingutamnci wabantwana bakhe. Into endizama ukuyitsho kukuba ndiniphoxe nobabini,
but I'm gonna be there for uZendaya noMihlayonke. Nawe ukuba kukho into oyidingayo ungonqeni
ukundithinta ucinge ukuba ndizoza ngezinye ingqondo, ukhululeke.”
Nomtha: ”Awusekhule.”
Nomtha: ”Awuthandi ukuzenza mdala kum! Ndiyabulela. Ukhulile nyani. And ndiyabuya ukuba ubuyekile
utywala-”
Nomtha: ”Hayi ndiyaqala ukuyiva. Kaloku ialcoholics zibuyeka kwa utywala xa ziphuma erehab.”
Junior: ”Ndibusela kakuhle nje, njengawo wonke umntu tyhini. Ngabe niyabaxa kaloku xa nizofuna
ukuba ndibuyeke kwa. Akakho right umntu ongaseliyo.”
491
Nomtha: ”Wayetshilo udabawo wenu kuManci uba umntu ongaseliyo unento eninzi. Ngaba babhabhayo
abo.”
Junior: ”Yhoo hayi nyani abantu abangaseliyo. Indoda izothethela neteabag le yakwambala. Nithakathe
ke nina.”
Junior: ”Andisoze-
Malik: ”Bekubusy.”
Junior: ”Ja.”
Malik: ”Hahaha! Uzoba strong. Masambe wena, uyeke ukuhlupha abantu. Siyabuya!”
Nomtha: ”Okay!”
Bebengathethi nto ngezila omama kaSimba nodabawo. Ndandivile ke ukuba kufuneka ndinxibe izila
njengoba ndiswelekelwe ngumyeni. Bekufuneka ndiphindele esikolweni kaloku mna, ndingazuhlala apha
492
ndingenzi nto. Ibinga zundinceda nganto eyokuba ngumahlalela into. Bendizothetha nabo ngokuhlwa
nje ndibaxelele ukuba ndiyahamba mna ngaphambili kokuba iphele iveki.
Besekumnke wonke umntu, abantwana bakaVenus bonke nonkosikazi wabo uUlatho. UNokulunga
nelawu likaSylvester kunye noVenus wakhona. Bekushiyeke thina- mna, umama kaSimba, udabawo,
kunye noMalik.
Wonke omnye umntu ebephindele emzini wakhe. Bebemana bezovela ke ooManci, bezobona uBisola.
Umntwana wam bendibeke emqolo. Ndisonge impahla ndagqiba ndaya kulandlu. Bekupheka udabawo
ke, ndingeka pheki mna oko ndilapha. Nomakoti balapha efemelini nokadabawo bebepheka xa belapha.
Bebemthanda uNosimanye wabo ke. Behleli nje bafuna ukuzojongana naye ebusweni abancokolele.
Bebendifounele ngoMvulo uSiyanda noLulu. Bengeka phindi ndithethe nabo ke emveni koko. Iphone
kaLulu ibingaphumeli xa ndiyizama. Ndiyacinga ukuba ibiyi network.
Nonzaliseko: ”Awusabeleke.”
Ndihlele kancinci ndayonaba phantsi ndimgxithisa uZendaya. Umama ebesolulwa yiphysio yakhe. Kwisi
phithi-phithi somntu zange ndiqaphele nokuba uze nomntu wakhe wokumnceda.
Bisola: ”Ungumfazi uLinokhanyo apha. Ngumzi wakho lo, ikhaya labantwana bakho. Awusoze ube
linxiwa lomzi ukhona, ngabe unentlonti. Caba umntwana wam uzolahlwa apha kungabikho nomntu
ozovula umzi! Angakuporhela uphambane uSimba!”
Ndiyihlekile.
Bisola: ”Yebo?”
Bisola: ”Okay.”
Nomtha: ”Ewe. Bekuke kwathethwa ngento yezila ekufuneka ndilinxibile ke kengoku bendilindele kuni
mna ukuba nindixelele okanye nindinxibise ndingafuni ukunihambela ngaphambili okanye ndinixheshe
kodwa ndiyabona ngoku ukuba akukho mnyakazo nantetho yezila ngakuni, ndibhidekile.”
Bisola: ”Mhhh.”
493
Yehake mhlola! Ebezondenzela lento na lomama?
Ndijonge kudabawo, mhlawumbi yena ibikhona enye into ebezoyithetha ngaphandle ko okay no mhhh.
Akaqakisanga kwa ukuwuvula owakhe umlomo udabawo. Ndithule ke nam, kodwa ngoLwesihlanu
bendihamba mna bendinxibile benngandi nxibanga. Bekunesikolo ebekufuneka ndiphindele kuso.
Sityile ngokuhlwa, sekubuye nooMalik. Bebekhalisa umculo behleli ngaphandle netshomi zabo kuselwa.
Nomtha: ”Izila?”
Nomtha: ”Oh?”
Nonzaliseko: ”Into yokuzila ayinyanzelekanga. Kwaye ayikokunxiba impahla emnyama. Umntu uzila
ngentliziyo nangezenzo akunyanzelekanga ukuba unxibe nto, noSimba watsho ukuba singabe sikunxibisa
amazila.”
Nomtha: ”Watsho?”
Nonzaliseko: ”Ewe. Wathetha nam. Ininzi into esayithetha noSimba, inoba uthi ndikucacele ngantoni
kangaka? Wayeyolela apha esithi ndikuxhase, mhla kwenzeka into. Ungake unxibe izila. Nangoku oManci
abakholwanga kuba bayenza isiko into yokuzila kanti ayilosiko lento.”
Nomtha: ”Ndiyakuva. Ndifuna ukuphindela eRhawutini nyani. Andifuni. Intliziyo yam ayikabi ready
kodwa andizuhlala apha unomphelo.”
Nomtha: ”Kukhangeleka okungathi ndizoba ndodwa ke kuba abahlobo endinabo abakho. Andiyazi noba
baseKapa okanye baseBotswana na kuba bsbethetha into engavakaliyo. Andiyazi noba mhlawumbi
baxoka nje kuba bengafuni ndingabe ndibahlupha kuba zange ndiyive lanto babeyithetha. Kodwa
ndizobe ndisesikolweni ixesha elininzi so andiqondi ndizobe ndicinga kakhulu esikolweni.”
494
Nonzaliseko: ”Uzame mntwanam. Womelelele aba bantwana bakho.”
Siyolala kwangethuba noZendaya. Bendidiniwe maan. Ibingeko kudinwa kokusebenza kodwa ndidiniwe.
Ephefumlweni, bendidiniwe.
Bendinomsindo kuba emenzele phantsi naye uSimba kodwa bendimsizela maan. Omnye umfazi adlule
kulantlungu ebedlula kuyo ngenxa yendoda. Ade afe icala kodwa yona izibonise ubunja ngokungabina
mvakalelo ... bendithandabuza yonke lonto mna. Ndithandabuza kwa olothando. Uzondilanda uMonti
emveni kwemini. Besele ndimi ngaye ke ndiready. Ndiqhube uBisola ndimkhupha endlini sama
ngaphandle koronta. Ebechophile yena indim omileyo. Asithethanga ixesha elide sijonge enkalweni.
Ebemana ephefumlela phezulu ibengathi uzothetha kungaphumi mazwi.
Bisola: ”Ndibona lonto, kunini esigxelesha qha wonqena mna. Ndixakwe yinto emandiyithethe
mntanam. Ndisezoke ndichophe apha mna intsukwana ngaphambili kokuba ndiye eKapa. Ndizohlala
kwibeach house.”
Bisola: ”Uyatsho uMamnkeli ukuba nanihlala kuyo. Ibingase ndihambe yonke into seyiphethiwe kodwa
andizukwazi ukuphindela kulaRhawuti mna. Ndingafuni nokuhlala kwezilali. Ungazibona sewuchola
amaphepha apha.”
Bisola: ”Ndinga phambanela apha. Kungcono eKapa ulwandle lulapha. Kuzole kamnandi ukuba ndikwazi
ukucinga kodwa uMamnkeli noLiziwe bazoba khona and andizubonana nalanond- andizubonana nabaya.
Ukuba ndike ndababona kwakhona ndongabadubula bafe. Nomtha, bendimthanda la Nokulunga.
495
Phakathi kwakhe noUlatho bendikhetha yena. Ndamvulela ikhaya labantwana ba- yhuuu umntu inene,
yinkulu ukuzazi!
Ndiyadwaba wethu mna Nomtha, nihambe kakuhle wethu. Unganqabi efounini. Uke uze nawe eKapa
ngenye impela veki.”
Uyihlekile.
Bisola: ”Womelele.”
Bekugqithe enye iveki emveni kokuba ndibuyele eRhawutini. Bendingayazi nokuba iphi iphone yam kuba
oko ndafika ndayicima ndayijula phaya ndalibala ngayo. Bendungeka buyeli esikolweni, ndingeka lungisi
izinto. Oko ndandifike zingendlela bezingayo nangoku. Ndahlisa umatrasi kuphela ndilala kuwo ebusuku.
Ibase isemi ngedonga. Bendiyimess. Bekungcono kuba bendisamhoya umntwana wam. Bendingafuni
ukuphuma qha, ndifuna ukuzihlalela apha endlini.
Ndothuswe yingxolo endingayaziyo nokuba yeyandoni ndaxhuma ebhedini- okay kwimatress. Ndijonge
umntwana wam wabe esekobude ubuthongo. Noxa eyakhe iroom ibiright bendifuna alale ecaleni kwam.
Bebuhla ngcono ubuthongo xa esecaleni kwam.
”Nomtha! Linokhanyo!”
Ebekhwanza ngaphathi kwendlu ndaxhumela igown ndayovula ucango lwekamire. Bendiweva amehlo
am ukuba adumbile emancinci. Bendinentloko ebuhlungu ingase ndicimele.
Ndiluvulele kuye, wabe semi phambi kwam. Uqhale amehlo endijonga intloko nobuso obu. Bendichebe
emenyezelayo yona inkqayi. Inoba ibiseyibrush cut ngoku kuba bekukudala ngoko. Ndisothule isikhalo
wabe sendiwolela kuye endanga ndakhala.
Khange ndithethe kuba bendisakhala. Sime kanjeya ndade ndazama ukuthoba umoya sekusele isingqala
kuphela. Ndisukile kuyo ndizosula ubuso. Ebemi emveni kwakhe uNorman ejonge phantsi.
Solomon: ”Ndicinga ukuba uxelele uMonti azame abafana noba babini si arrange ifurniture.”
Norman: ”Sure.”
Unqwalile waphuma.
496
Solomon: ”Uphi umntwana?”
Nomtha: ”Ulele.”
Solomon: ”Iphone?”
Solomon: ”Iveki yonke sijika egeyithini kungavunywa ukuba singene. Side sanyanzelisa namhlanje kuba
losecurity ukhoyo uyatsho ukuba uyandazi mna- ngulo wayekhona ndithutha izinto. Uyabona siqhekeze
nocango.”
Solomon: ”Kulungile. Besikhathazekile ngawe. Mna noMonti noNorman. NoMluleki ebeke wakubuza
kuMonti qha asifuni bayazi apho ukhoyo. Kulungile ukungabikho right kodwa xa uzovalela nathi
ngaphandle uthi makuthini?”
Solomon: ”Kuright. OoSiyanda bathe ndikugade and I haven't been doing a great job at that.
Bangaphoxeka ndim. Ungaphinde uyenze lento. ”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Oh.”
Ndiyihleke kancinci.
Solomon: ”Ukuba ubhitya kanje xa usitya kakuhle kuzofuneka ndizohlala just outside the door
ndizokutyisa ngoku kwam. I'm making breakfast.”
Solomon: ”Hey now! NdinguChef Bam mna. Ndingucooker. Uzondijoiner? Wenza njani apha xa ufuna
ukunyakaza?”
497
Nomtha: ”Ndigqibele kudala ukuhlamba.”
Nomtha: ”Ndizichebile.”
Solomon: ”Iyakufanela ishort hair. Uba ungatya kancinci uyeke uboxoka kwezinye indawo ungamhlana.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Andibazi.”
Ndiyihlekile ndayohlamba.
498
SIXTY ONE
Gogo: ”Uhambe njani kugqirha?”
Nomtha: ”Kakuhle.”
Nomtha: ”Ja.”
Nomtha: ”Ewe.”
Gogo: ”Oh uxolo ke sisi, ndithukuthezelwa yilento usuke wathula kangaka. Khawu ndenzele itea kuqala
ndithi rhabhu. Kuyabanda namhlanje kweliRhawuti.”
Into yokuncediswa ngumntu imdala mntakabawo. Ujika usebenze yena, phofu ebengasenzi endlini.
Ebegada uZendaya kuphela. Apheke ke xa ecacile kodwa ebeyazi ukuba umsebenzi wakhe ngumntwana
kuphela.
Ndisukumile ndayobeka amanzi ndabe ndigalela izinto. Indlela ebendithuma ngayo itea besendiyazi
nokuba uphunga itea enjani.
Nomtha: ”Usendleleni.”
Gogo: ”Ngabe andizelanga kaloku xa ndizoma imini yonke emsebenzini ndiphinde ndimelwe zimbiza!”
Nomtha: ”Hehehe!”
499
Nomtha: ”Yehake nditheni?! Ndikwenzele kule cup ke uzobuya nayo ngomso. Uzofika ungekagqibi
ukuphunga uNorman.”
Gogo: ”Ibingena msebenzi kaloku, bendizom qwayita oku kwam njengoba endiqwayotile nje!
Ndiyabulela sisi imnani itea yakho.”
Ndijikelezise amehlo am ndayochopha kwi desk yam ndaqhubeka nonsebenzi wam. Bendibuyele
kakuhle esikolweni ngoku noGogo ebuyile azogada umntwana xa ndisesikolweni. Ebegoduka ngo4PM.
Yonke into ibingendawo yayo ngoku, yatsho yayindlu kengoku umzana wam. Bendithanda nalento
yokuba incinci kamnandi, yonele mna nomntwana wam. Bendithanda nokuba noba bengekho oLulu
bekukho uSolly. Ebeluncedo kakhulu, eprotective. Ndiba nomntu wokuthetha nje xa ndisendlini emnkile
uGogo.
Kubuhlungu, kuyadabukisa.
Ndiyoyicima kwayona ndayohlala phantsi ndityhila incwadi ndiyijamela nje kuba ingqondo yam
ibingekho kwakuleto. Khange athethe uGogo. Ndivale ezoncwadi ndaziqoqosha.
Nomtha: ”Besendigqiba.”
Gogo: ”Ngewugqibezela umsebenzi lo wesikolo kuba xa sele uwuyekile kuzoba nzima ukuba uphinde
ubuyele kuwo ebusu. Uyazi ukuba uyaphumla kamnandi.”
Gogo: ”Ayompilo kodwa le yakho. Kwayena uSimba ebengeno thanda ukuba angabona indlela
ozingcungcuthekisa ngayo apha. Kukho nomntwana okufuneka ukuba umcingele kaloku sisi ngoku.”
500
Nomtha: ”Ingase nindiyeke ndithathe ixesha lam ningandixheshi ukuba ndibe bhetele ngexesha
elithandwa nini. Akukagqithi nenyanga simfimhlile uSimba. Ingathi besimfihla izolo. Everything is a
trigger. Yonke into!”
Uphefumlele ngaphandle wandijonga ngaphaya kweglasses. Ukuba ebezifakela ntoni ukuba uzondijonga
ngaphaya kwazo.
Azukiwe: ”Umbonile!”
Zululalethu: ”K'mele siphumeni yazi. Maybe for imovie or ilunch. Siyeni eZoo maybe.”
Azukiwe: ”Uyadinga nokuphuma. Ukuba ubungengo preggy bendizothi sihambe nextweekend siyeni
eMagaliesburg.”
Nomtha: ”Ndinomntwana kaloku mna sisi nangaphandle kokukhulelwa. Andizuhamba ivatshula. Ndizilile
nokuzila, I don't think ndivumelekile ukuba ndonwabe.”
Azukiwe: ”Yho hayike! Ngenxa yokuba uzilile akuthethi ukuba kufuneka ube miserable. Kufuneka
uthathe ixesha for isiqu sakho. Uke uphumle kuyo yonke into wonwabe uzivise kamnandi. Ngapha koko
ukuba ukokosa intlungu awuzuba nagazi.”
Zululethu: ”Uzoba right. Uqeda kushonelwa yindoda yakho, of course uzolahla umzimba. Mara nawe
ungazivaleli kakhulu.”
501
Azukiwe: ”Emveni kwemini siyoselanu kunye sityeni. Kuzoba mnandi. Uteacher bae uzobe ekhona. Black
diamons.”
Zululethu: ”Uyabona lowa! Ngathi ng'gamunika. Ismell sakhe sodwa nje siza kwiclit. Ngathi ngithi
'yithathe yonke baba!'”
Azukiwe: ”Usthethele naye kaloku Nomz. Ingathi niyavana nina kuba nizi foreigner nobabini.”
Nomtha: ”Hayi suka nawe sundenza lonto apha it's fine. You don't have to walk on eggshells around
me.”
Uvumile ukugada umntwana uGogo. Khange ndikwazi ukumxokisela ndamxelela inyani. Indlela ebevuye
ngayo ukuba ndiyaphuma ndiyobethwa ngumoya! Ndisiwe nguNorman wandishiya ngelithi uzova ngam
xa ndiready ukulandwa. Bendimhle ke ndizamile ukubamhle. Ndafaka nentwana yemake up kungacaci
ukuba ndidiniwe kungalali ebusuku.
Bekukho noteachers bethu ke kumnandi. Ibipholile wethu lanto kufotwa. Ndike ndalala kamnandi
ndothuswa ngomnye womisi esithi sitshintsha ilocation. Kuhanjiwe ke. Isetting ibiformal-ish. Sityile ke
kuba ibizisnacks qha kunye nedrinks kula picnic. Indlela bekumnandi ngayo ukutya! Kuvulelwe notywala
ke kwamnandi.
502
Bendihleli ndodwa ndibukele wonke umntu onwabile kodwa ndingakwazi ukufika kolwa lonwabo.
Bendinesazela endingasazoyo wethu. Ukuba ndonwabe. Ibingathi akukho fair ukuba ndonwabe.
Ngakumbi ngoku. Kusengoko. Kodwa bekunge mnandanga ukujamela abanye abantwana bonwabile.
Ndiyogalela ibeer kwimbhombhozi kaTupperware ndayigcwalisa. Heineken.
Bebekhona abantu abasela bade bayobeleka kodwa abantwana babo baphume beright. Bendiyazi ukuba
ndizama ukulungiselela lento bendiyenza kodwa bendiyidinga. Bendidinga ukuyitywa ndingayiva
intlungu. Ndizotsho ndibhaqe ubuthongo obuhlayo ubusuku nje obunye.
Ndiyisele ndayigqiba ndayogalela enye. Nenye emveni koko, nenye futhi. Umqhele ubusewunyuka. Uzile
wandijonga uAzukiwe ndamqinisekisa ukuba ndiright makagambe ayokonwaba, angabe egadene nam.
Uhambile wayojaiva nontanga bakhe. Besishiyana ke ngeminyaka kuba njengoba bendimdala kwabanye
abafundi bekukho nabadala kum. Umiss uzoncokola nam. Indlela ebeshushu ngayo bendiphela yintsini.
Lamar: ”Ladies!”
Lamar: ”Never.”
Nomtha: ”Andidakwanga.”
Nomtha: ”With all due respect sir, andiqondi ukuba kukho apho ungena khona wena ekuseleni kwam.”
Lamar: ”Aneni.”
Lamar: ”Lamar outside the class please. Ayikho right enganeni lento uyenzayo.”
Nomtha: ”Kulungile, udriver wam uzondilanda. Yima ndimfounele- great! Icimile iphone yam.”
503
Lamar: ”Mandikugoduse.”
Lamar: ”Ndikhapha istudent sam ekungafanelanga nokuba siyasela. Come masambe Mrs Matanzima.”
Nomtha: ”Lethu.”
Zululethu: ”Huh?”
Zululethu: ”Uyaphuza?!”
Zululethu: ”Why?”
Nomtha: ”No.”
Nomtha: ”Ndinxilile mna ndifuna nokuphuma apha. Kufanele ukuba ndisendlini nomntwana wam.”
Nomtha: ”Ewe.”
Nomtha: ”Sharp.”
504
Nomtha: ”Hahaha!”
Siyokhwela kwimoto yakhe sahamba. Ebeshushu kwayena ke kodwa hay lomhlobo. Ungene ngaphakathi
eyadini wayondingenisa endlini. Umntwana ebeDiepkloof. Kamnandi bendizofika nditipe. Undivulele
ummyango uOkeke ndangena washiyeka ngaphandle yena.
Nomtha: ”Lamar outside the class' so awungotitshala ngoku. Ndidinga umntu wokuncokola
umzuzwana.”
Lamar: ”Wena uzophuza itiye mna ngizoyolanda amabeer wami emotweni. Ayifour. Mawaphela I'm
leaving.”
Nomtha: ”Deal.”
Ndisele amanzi abandayo yena wabe esela ibeer. Ndiyotshintsha ndanxiba ipyjamas zam sahlala
elounge. Bekushushu kamnandi silayite iheater. Mna phofu. Sincokole ke ndimxelela ngoSimba. Yinto
bendifuna ukuthetha ngayo qho uSimba. Ndikhale ndakugqiba, kodwa bendingaba qhelanga lomhlobo
abantwana basesikolweni. Bebancinci futhi for izinto ezizima oluhlobo ingathi abazuqonda. And
benfingafuni kudika bantu mna.
Ndiphumile ezingubeni kwabe kukho icondoms phantsi. Hayi enye, hayi ezimbini. Kucacisa imikhinqi le
bendinayo. Yhooo yho yho! Aneni Matanzima! Ndenzeni bawo!
Ndipure ubuso nomlomo ndachwechwa ukuphuma. Ndinxibe igown ndingayazi ukuba ndimvuse okanye
ndizigibisele kwibalcony kuphele ngam. Kubuye yonke into yayizolo. Uqalwe ndim futhi. Ukumphuza.
Wabe ethandabuza endinqanda kodwa wade wavuma. Ohhhhhh Mesiya. Ndizomjongelwa ngubani
lotata!
”Nomtha!”
Yhuuu! Solomon.
505
Ndivale ucango lwekamire ndaya emnyango ndiyovula wabe sendikhwaza kwakhona.
Nomtha: ”Coming!”
Solomon: ”Iphi iphone? Kutheni ungafounelanga uNorman akulande? Ufike njani apha?”
Solomon: ”From?”
Monti: ”Singangena?”
Nomtha: ”Ngenani.”
Ndibasudukele bangena ngaphakathi bayochopha elounge. UMonti phofu. USolomon ebenyuka esihla
ebhubha ngumsindo.
Solomon: ”Sundixelela ukuba nden- who the fuck are you? Ngubani lo?!”
Mh! Ome emqaleni amathe. Ebehamba ngogaga ephethe isikipa nejacket ebeyinxibile. Ebenxibe
ephelele ngezantsi.
Isantya akhawuleze ngaso uMonti ukusukuma! Undijamele kabuhlungu kanjani, wajonga kuOkeke.
Ndigxininisile kuba ebefuna ukuthetha nam. Unqwalile waphuma eziphethe ngesandla izinto zakhe.
Umlandele uMonti.
Solomon: ”Wenzeni?”
506
Nomtha: ”Ungake!”
Solomon: ”Umithi Nomtha come on! Umngani wam u- fuck man! Fuck! Ulele naye lomnt-
Solomon: ”Ndizothi uNorman ayolanda umntwana kaSimba kulaDiepkloof. Okanye usabuya umntu
wakho nizoqhala enye ipacket yecondoms?”
507
SIXTY-TWO
Bendiphethe irazer ndimi ngaphambili kwesipili. Besingcangcazela isandla sam. Ndivale amehlo ndazisika
phakathi kwamathanga laphuma ngoko nangoko igazi. Argh!
Bekufana nokusela ipilisi zentlungu. Indinceda ukudakumbisa intlungu engaphakathi. Bendiba nenkululo
ethile. Bendiyenza okwesibini ngoku. Okokuqala bendizisike izihlahla zozibini. Imikrwelo nje, ndibe
bhetele ndiphinde ndidinge into kwakhona. Ibingazenzi bhetele izinto nalanto yam yokulala noLamar
ibizenze worse izinto ngakum kuba bendibhuqwa sisazela. Bendimbona oko esikolweni, okanye eclassini
kuba ebesifundisa kodwa bendithoba intloko yam ndingathethi. Xa kuphuma iclass ndikhawuleze
ndiphume kuba bendinokumbona elaqaza endikhangela xa kuphuma iclass. Bendingafuni ukube
ndithetha ngayo lanto yobabusuku. Bendizibethe phantse iveki yonke. Ndiziva ndiphoxekile kwaye
ndidanile. Bendinganxilanga nobubhanxa caba ndingade ndingayazi into bendiyenza. Ndandiyazi kakuhle
ndayivumela yenzeke. Old habits. Kwakhona bendingafuni ukuba nguNomtha wakudala osebenzisa
abantu ngesilalo abalahlele phaya akugqiba. Bekufuneka ukuba ndizikhumbuze lonto. Kodwa bendifuna
kwanto ibinokwenza kudakumbe intlungu bendiziva bekulula ukubuyela kulaNomtha.
Ndibuyele ekamireni kukhala iphone yam kwipedestal. Ndiyithathile ndaphefumla ndakubona igama
likaNorman. Ebesandihambisa esikolweni. Besihleli singancokoli mna naye, ndikhwela nje ndimxelele
apho ndiyakhona andise aphinde andilande. Kodwa ngoku ububona ukuba ayikuko ukuthula nje kodwa
uqumbile. Undiqumbele. Unomsindo ngakum. Bendingambuzi nto ke kwaye ndingazumbuza nto,
bendilindele ukuba mhla wayeka ukundithwalela umlomo afune ukuthetha ndizothetha. Hayi ukuba
ndibe ndimlandelela.
Norman: ”Unjani?”
Nomtha: ”Ndiyaphila.”
Nomtha: ”Andibuzanga.”
Cwaka. Ebelindele impendulo kuba naye uke wathula ithutyana ndeva ngaye sethinta umqala.
Norman: ”Nomtha bendicela ukuza apho Kwakho ndizothetha nawe ubuso ngobuso.”
Nomtha: ”Ungeza.”
Norman: ”Ndiyabulela.”
Nomtha: ”Alright.”
508
Ndiyibeke kwipedestal kwakhona ndondlula ibhedi yam kakuhle ndakhuculula iroom. Ibihleli isikoni
kakade kuba bendike ndayiguqulula yonke landlu ezintsukwini ndiphelelwe bubuthongo.
Bekumenyezela, kodwa ithuba bendilifumana bendiyicoca. Ndikhuphe impahla kwiwardrobe ndayiqalela
ndiyisonga kakuhle. Bendihlambe namadonga kungekho nebalana elimdaka. Ndigqibe engekavuki
uZendaya. Ndiye kwamanye amagumbi ndabhala umsebenzi wasekhaya bendiwunikwe esikolweni for
impelaveki.
Bendingeka gqibi ukukhala kwakhe ndayomhoya. Ndimenzele ukutya watya ndambeka phantsi ndabhala
ndagqiba. UGogo ebengekho namhlanje, ndishiyeke ndodwa nomntwana wam. Bendimphepha kwayena
kuleveki. Ndifike ndiyozivalela ekamireni yam ade ahambe. Ebdyiqaphele lonto kuba uke wandibuza
ukuba ikhona na into uyenzileyo endikhubekisileyo. Ibingenguye kakade ubindim ingqaki. Bendinxibe
isikipa nje esikhulu ndayonxiba itracksuit kungaveli umkrwelo wam.
Ndithathe iphone ndafounela uBisola. Ikhale yade yangena kuvoicemail ingaphendulwa. Ndimncamile
kweyesithathu. Bendingafuni ukuse ndishiye imissed calls ezininzi ndimenze ixhala. Bendidinga
ukuthetha naye. Ibingathi ndiyaphambana xa kungekho naloGogo ugoqomisayo. Bekungcono kuba
bendisiva ilizwi lomntwana wam encwina ncwina.
Nomtha: ”Ungangena.”
Ungenile wayochopha esofeni elounge. Ndilandele emveni kwakhe ndachopha phantsi kwesinye isitulo.
Norman: ”Ndizongena emxholweni. Nomtha andiyithandanga indlela owenze ngalo kuleveki iphelileyo.
Ndingudriver wakho ndisi security sakho. Ndiyazama ukukunika inkululeko ungaziva okungathi
usetrongweni kodwa indlela ondiqhuba ngayo indifaka emanzini abilayo, undenza incompetent.
Andithandi ukubangathi ndenza uphela sonwabe mna, ndibhatalwa imali eninizi ukuba ndenze njalo.
Ilivelihood yam ixhomekeke kulomsebenzi. Ubomi bam buxhomekeke ekubeni ndiyakukhusela
kungenzeki nto kuba ndingafa. Andifuni ukuthetha ngobu careless obenzileyo. Ukhulelwe.
Nomtha: ”Norman, andizuzithethelela. Ndazi ngcono. Ndiyayazi into bekufanele ndiyenze kodwa
andayenza kwaye ndiyaxolisa. Andizutshintsha nto ke kuba sekwenzekile. Into endizokuthembisa yona
kukuba ayisoze iphinde yenzeke into enje kwakhona. Ndiyaxolisa.”
509
Nomtha: ”Please don't. Ndiyaxolisa ngokuba luhlupho nokukufaka engxakini. Ayisoze iphinde yenzeke
into enje.”
Unqwalile.
'Ngoku.'
'Nix.'
'Sharp then.'
Solomon: ”Really?”
Ndiphefumlile ndavala ucango emveni kwakhe wabe elaqaza wayohlala elounge naye. Into ibindihlekisa
kuba ebehleli kanye kwesasitulo besihleli uNorman. Ukuba akuzi uYesu uqobo emveni kwakhe
bendizophoxeka shame.
Uhleli phaya kwesasitulo endijamele. Ukuba nje iliso belibulala ngekudala ndafa.
Nomtha: ”Okay.”
510
Solomon: ”Sewuthandana ngoku? Emveni kweveki ezingaphi u-
Nomtha: ”Solomon-
Solomon: ”Usazilile. Ukhulelwe umntwana kaSimba kodwa unesibindi sogcwalisa icondoms eroomini,
ungenise enye indoda emzini womnganam. Awuzibeki wena wedwa esichengeni kodwa ubeka
nomntwana lo umthweleyo. Andikhathali noba unestress kangakanani mna kodwa you don't get to be
reckless. Awuyenzi lonto. Usenza ifailures koMonti. Undiphoxile mna.”
Solomon: ”Bekunga fanelanga nokuna ucinga ngenye indoda ngoku wena. Bekunga fanelanga ukuba
uhlwelwa ungaphandle. Bekungafanelanga ukuba uyasela. Ukhulelwe! Awusoze ungayazi ukuba
akuselwa umntu ekhulelwe!”
Ndivale umlomo wam ndibambe kwezindawo bendizisike kuzo apha esihlahleni. Ibingathi ndiyayiva
iblade. Ndivale amehlo am.
Solomon: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Ndikumamele.”
Solomon: ”Ubuzoziva kanjani wena ukuba ubunova ukuba uSimba akalindanga nenyanga ngaphambili
kokuba atsibele kwibhedi yenye indoda?! Bekuzothini kuwe as unkosikazi walomntu. Umama
wabantwana bakhe. Ukuba ebengasakwazi nokulinda, kunzima nokulinda. Ibonwe ngoMonti lonto!
Lomasikizi.”
Cwaka.
Nomtha: ”Ndiyakuva.”
Solomon: ”Uzomane usithi uyandiva kengoku? Ayikho enye into ozophinde uyithethe?”
Nomtha: ”Akhonto uyaziyo. Ayikho tu into oyaziyo. You are casting stones nje kuba uziva okungathi
awunasono wena. Akhonto uyaziyo. Akhonto niyaziyo. Into endiyitshoyo nje kukuba ndizibonile
ubuwrongo bam. I'm judging myself enough. Andilali ebusuku sisazela nentlungu. Inzima yonke lento
kum and I'm truing to survive everyday. Ngenxa kaZendaya nalomntwana qha. Ngapha koko ndidikiwe
mna. Ndonele, enyanisweni. Bendicela ukulala.”
511
Solomon: ”Andikuhlaseli Nomtha, ungaziva kanjalo wena kodwa akunjalo. Ndinomsindo. Ndidanile qha.
Kuba uyenza wrongo yonke lento wena. Ndacelwa ukuba ndibekhona uzokwazi ukuthetha nam-
Nomtha: ”Andifuni ukuthetha nawe. Andifuni undigade. UNorman noMonti ngabo abantu ababekelwa
ukuba bandigade, wena uyipersonal bodyguard yam-
Solomon: ”Ndiyaxolisa ngokugibisekela kwikamire yakho Nomtha. Andizenzi Simba kuwe, undikholwe
apho kodwa I have his best interest at heart.”
Nomtha: ”Yinto entle leyo kodwa yiba nebest interest for umhlobo wakho kude le. Njengoba benditshilo
kukho uNorman noMonti. Ndiyabahlonipha ndizobamamela. Andidingi baby sitter.”
Nomtha: ”Andiyomeme yakho mna. Andiyomeme kaSiyanda ndingeyo mheme kaLulu. Kwalento yokuba
babe seKapa bese Botswana ngexesha elinye ithetha yona kanye into yokuba bebengabahlobo
bakaSimba hayi abam. Andibasoli kuba abandityali nto. Andikwazi nokwazi ke wena. Ndiqhelile ke futhi
mna ukuyenza ndidodwa lento ibubomi. Kudala ndaba ndodwa. Umntu besendithembele kuye ngulo
ungasekhoyo. Undishiye nabantwana bam. Ndimphoxile ndiyaqonda kodwa andisoze ndiphinde.
Omnye umntu andinaxesha lokuba uziva njani.”
512
Solomon: ”Ndiyaphila nam. Hayi ke undifumene ndibaleka.”
Solomon: ”Nomtha.”
Unqwalile waphuma.
Malik: ”Ngoba?”
Malik: ”Utywala?”
Malik: ”Buyabhityisa ke utywala. Uyabona njengoba sewuhleli ungena mzimba nje uzoba worse uba
uzosela. Nomntwana kaTaima uzophuma esisidalwa.”
Malik: ”Good. Ndiyayazi ukuba sideala ngezinto ngendlela ezohlukileyo. Andinothi kuba mna ndenze
ngoluhlobo ndilindele ukuba nawe wenze ngalo. Singabantu asifani kakade, futhi asisoze nanini na
sifane. Ukuba ubungakhulelwanga bendingazuthetha nothetha but ukhulelwe so ayo idea eright
utywala.”
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Malik: ”Nokuzilambisa.”
Malik: ”Awukhangeleki njeengomntu otyayo Nomtha. Uphele ukuphela sisi. Kuzoshiyeka isisu sodwa.
Andiqondi nokuba iright for umntwana into yokubhitya kangaka. Inoba unjani yena?”
Nomtha: ”Ndiyatya nyani. Kuba ndine stress futhi ndingalali ebusuku. Ukhangeleka ungcono kunam
wena. Ingathi ndiyazibaxa mna izinto.”
Malik: ”Nonsense. Ayikho tu lonto akhonto uyibaxayo. Awuzuzixhesha ngenxa yokuba ndideala ngezinto
ngendlela yam. Akukho kudala kaloku utata e- sisuka le ekhayeni for umngcwabo. Kwaye akubekwanga
xesha lokuba yiba right ngoku. Khaziphumze. Hey Tots! Ekse kuyakhulwa!”
513
Nomtha: ”Andikufouneli nokufounela.”
Malik: ”Bendinga lindelanga nokuba undifounele kuba bendiqonda ukuba kusenzima kuwe. Eneneni
bendingezi ngabom apha kuba bendingafuni ukubona ungalendlela ungayo ngoku. Ibizonditya lonto.
Iyanditya ngoku. UTaima uzoba nesono.”
Nomtha: ”Akenzanga nto uSimba. Ndiyayazi ukuba uba bekusiya ngaye ngengabhubhanga kodwa
ebengena choice kulonto. Akazibulelanga ubulewe.”
Nomtha: ”UVenus?”
Nomtha: ”Oh hayi. Sasidityaniswa nguSimba kaloku and akasekho ngoku. Umntu endisathetha naye
nguBisola qha kubantu bakowenu.”
Nomtha: ”Phi?”
514
Malik: ”Ndicinga ukuba ndibaleke ngoku. Awusibonenga isitsixo sam?”
Bendisichole phantsi ndasibeka. Ndisithathile ndamnika. Ebengasithathi, endaweni yoko erhole amehlo
esijongile.
Nomtha: ”Ina.”
Malik: ”What the hell Nomtha! Are you self harming? Uyazisika?!”
Ndisibeke phezulu kwetafile isikhiya sakhe ndasongena izandla zam esifubeni. Ebendijonge ebusweni
ewarhole wonke amehlo kunye nengcambu zawo.
Nomtha: ”Ndiright.”
Malik: ”Udinga uncedo qha mna into endiyaziyo. Ungazisika umthambo usweleke yilento uyenzayo.”
Malik: ”Akakho umntu othi uzama ukuzibulala, you are self harming. Ukuba awufuni kuthetha nam ke
thetha noBisola. Andithi niyathetha? Thetha naye. Kuba ungathi awufuni ukuzibulala kwenzeke usike
indawo ewrongo ubhubhele apha uhleli nomtwana ungaziwa noba ubhubhile. Ndiyakucela.”
Nomtha: ”Ndizothetha naye uBisola, bendihleli ndizothetha naye. Ndiright. Ungade undikhalele.”
Malik: ”Ndicingela umntwana mna. Nalo usesuswini sakho uzobhubha nawe. Ukuba uyasinda
bazoshiyeka bezinkedama bangabina mama.”
Wosule amehlo wanqwala. Uthatha isitsixo sakhe wayophuma. Ndiyotsixa ndayolala, ndiyeka nalosalad.
Nomtha: ”Hello.”
Bisola: ”Siyaphila nathi akhonto, uThixo usemhle. Ndibona imissed call yakho ke. Bendikwi physio
ndaneluch, iphone andiyiphathanga nokuyiphatha. Akhonto imbi?”
515
Bisola: ”Oh Nomtha, kakade awukho right.”
Bisola: ”Bekutheni?”
Nomtha: ”Andiyazi bendingenwe yintoni okanye bendilindele ukuba kubenjani kodwa andiyifumenanga
nalonto. Endaweni yoko ingathi ndiworse kuba ndiyazonyanya. Ndinesazela sokuba ndimenzele phantsi
uSimba- ndifuna into ezondenza ndibe bhetele. Andifuni ukuva ntlungu. Ndandiyenza lento
ndilahlekelwe ngabazali bam and bendiziva ndi in control, ngoku andisenguye lamntu. Andiyazi ukuba
ndenze njani.”
Bisola: ”Andiyazi ndizokwenza kanjani ulapho Nomtha. Usazilile kaloku kodwa wena. Bekungafunekanga
ukuba uzijule kwenye indoda usenelifu elimnyama elidinga ukuhlanjwa kodwa sekwenzekile kwaye
kwanele ukuba sewuzigweba wena. Ndizocela uMahonono azokulanda ngoLwesihlanu. Nomntwana.
Umpakishele impahla ezininzi ake asale kancinci.”
Bisola: ”Kuzobakho umntu ozondiceda ngaye. Yiza apha ngempelaveki uzobethwa ngumoya sithethe
ukuba udinga ukuthetha uke umshiye uZendaya noba zinyangana ude uvale uzokwazi ukuhoyana nesiqu
sakho uziphuthume.”
Bisola: ”Okay ke sisi kungcono. Xa uziva ufuna ukuthetha undifounele nanini na. Uthandaze Nomtha.
Indlela onamandla ngawo umthandazo, ndazi apha kum. Intlungu endikuyo mna yaziwa nguwe. Ndijijeke
amacala ngoku, asifuni nawe ude ufikelele apho okanye uzinikezele emadodeni ukuze ube bhetele.
Zikhona ezinye indlela. Thandaza. UThixo ayikho enomoyisa into, ayikho into angeke akulungise.
Usondele kanye kwakhulu kwabantliziyo zityumkileyo. Wena phosa kuye, ukhale kuye, uthethe kuye.
Uzixolele. Don't be too hard on yourself. ”
Bisola: ”Into ebalulekileyo awuwedwanga. Ungamane usiza apha kum xa uziva udinga ukupholisa
ingqondo yakho. Uzode ube right sisi, nawe uxakwe uzibuze ukuba ugqithe kanjani. Kuba mhlawumbi
ngoku ingathi akhonto icacayo. Wonganyelwe yintlungu kodwa kuzogqitha. Ungangalibali kodwa
yintlungu ozokwazi ukuphila nayo. Njengoba usitsho nje ukuba awufuni ukuba ngulaNomtha
516
wawunguye ulahlekelwe ngabazali yithandazele lonto. Ungavumi ukuba nguye tu. Uyilwe. Andizuthi
yenza kanje wenze kanje kuba kopha wena. Intlungu yakho yeyakho kwaye andizuthi yenza njengoba
ndisenza kuba awundim wena. Nanjengoba ndingenguwe nam. Amandla ethu awafaki. Kodwa wena
uyabona ukuba ayimpilo ozifunela yona le so yithandazele. Ucele amandla. Ndiba uzothi nguVenus
okanye ngaba bantwana bam.”
Nomtha: ”Hayi.”
Bisola: ”'Let he who is without sin among you be the first to cast a stone.”
Metthews chapter 7:2 'For in the same way you judge others, you will be judged, and with the measures
you use, it will be measured to you.”
Kodwa ndiyamjudger lamqothobana uleli nendoda yam wayizalela. Nalondoda izalise umfazi wonyana
wakhe.
Kodwa ke asithethi lonto, mna Bisola andingo Thixo. Le iphakathi kwakho noThixo wakho.”
Bisola: ”Kulungile.”
Bukhawuleze behla kwakhona ubuthongo bam. Bendiba kwawusa ndijamile kodwa ukuthetha noBisola
kundenze ndabhetele. Bekulula ukuthetha naye kuba uyayazi ukuba unentliziyo entle kwaye akazube
ekugibisela ngamatye.
Iqhube ngesantya sofudo iveki. Itsala into endingayaziyo. Ndiself harme kanye kuloveki, kwakhona
ethangeni. Bekusaphola lamsiko wangalamini unesikhokho.
Ndiye kugqirha ngoLwesine, undinike isupplements ekufuneka ndizitye ukubuya egazini wandixelela
nezinto emandizitye nemandizisele ukundinceda. Bendimxelela nangengxaki yokulala, ndamxelela
ngokusweleka komyeni wam. Uthethe ngetherapy kwayena. Endinika inumber yomntu oyenza simahla
for abanye abantu wathi nditsho ukuba ndithunyelwe nguye. Ndilibeke kakuhle icard lakhona.
Bendibuya esikolweni ndiyongena ekamireni ndenze umsebenzi wesikolo ndingqengqe. Besigqibele
ngalamini ukuthetha into ende noGogo. Ebendikhwaza xa ehamba nditsho ndiphume ndilungise ukutya.
Luleka.
Nomtha: ”Hello.”
517
Luleka: ”Hi Nomtha unjani?”
Luleka: ”Kakhulu sisi. Qha yathatha ixesha elingaphezulu kweli sasilihlelile noSiyanda. Besinga
zimiselanga ukuhlala kakhulu. Ndiva uMonti encokola noSiyanda, uthi ukhona namhlanje awuyanga
esikolweni. Bendifuna uzokubona.”
Luleka: ”Uyahamba?!”
Nomtha: ”Kungcono ungezi sisi. Nyani ukubuya kwam sawudibana. Andikho mdleni wamntu ngoku
ingase ndibe ndodwa.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Ewe. Andimdingi. Ndiqinisekile ukuxelele ibali lonke, nangomntu ebesekamireni yam.”
Luleka: ”Okay.”
Ndiyibeke phantsi ndaphefumla. Oko bendingqengqe esofeni ndade ndabiwa bubuthongo ndothuswa
ngumntwana ekhala.
Ndisose ndihlaba ukulungiselela ukuhamba yafika imoto semdiready. Ibingenguye noNorman inguMonti.
Ndimbulisile wasilayishisa izinto zethu saba yindlela.
518
SIXTY-THREE
Ndincumile ndakubona utata uMamnkeli. Ebesenza ezazinto zakwi movies ephethe intyatyambo.
Nomtha: ”Ukhona usisi ondincedileyo, nomyeni wakhe. Molweni tata, zezam mos ezi?”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Mamnkeli: ”Akukho nto. Zawubuna ngoku nezizinto. Unyanisile ukuba ngendithenge into etyiwayo.
Ulele lomntu?”
Mamnkeli: ”Hayi maan! Nibocela siniposele amacala egusha kwelicala. Noko akukubanga kakhulu
ngapha. Inyama zinto zokudlala abantwana. Izinja zitya isteak.”
Mamnkeli: ”Ndiyabona.”
Mamnkeli: ”Kuzolile kona kodwa akukho nto imnandi kangako. Kodwa ingxaki zethu zisitya siphole
elwandle inyawo zinyathele isanti.”
Nomtha: ”Yilento ndiyitshoyo. Yiyo nje into endiyingxameleyo. Ulwandle nesanti. Nalampepho itsho
kamnandi.”
519
Mamnkeli: ”Uze kanye endaweni eright ke. Uzopbatheka kakuhle ezintsuku ulapha.”
Mamnkeli: ”Nawufa nobancinci zezozinto. Umntu abe ezivalele endlini ecinga ingcinga ezingalunganga.
Wena ngakumbi- bekufanele ukuba uhlala nomntu. Uzokwazi ukuncokola naye ungacingi kakhulu.
Yilonto uhlileyo emzimbeni.”
Mamnkeli: ”Kungancono.”
Ukhalise umculo sayofika. Umise ngaphambili kwendlu kwabe kuphuma uBisola esimelela ngentonga.
Ebekhangeleka okungathi ngongezwe iminyaka emibini kule yakhe. Ebegugile kwwlixheshana
ndingamboni.
Bisola: ”Molweni.”
Bisola: ”Yhu! Makathathwe nyani, xa engaka mntakabawo ube nawe uziphelele. Yinto enjani leyo?”
Bisola: ”Masingeneni. Ingase ndingami ixesha elide. Undiphathele ezizinto ndikucele zona
mnt'ongutata?!”
Bisola: ”Ndiyazama. Ngumsebenzi nale physio yalomfazi, ndinyamezela nje kuba ndiwubona umahluko
mkhulu. Kodwa ndikruqukile mna ngoku.”
Nomtha: ”Soze unyamezela. Bendingacingi ukuba uzobe sewuzihambela mna. Ndicinga sawufika
usatyhalwa.”
Bisola: ”Bendawubhubha ngaphandle kwexesha kaloku. Khawubeke lomntu phantsi. Miracle! Miracle!”
520
”Ma?”
Bisola: ”Ubani uMiracle? Hayi, uyandinceda nje apha endlini. Ngulo uzondinceda nangoZendaya lo xa
usishiya wena. Sisiyalo noba sisiyalo apha, sawutsho sibe nomntu wokuteketisa noMiracle.”
Bisola: ”Unomzi wakhe kaloku uMamnkeli. Abantwana bakhe ke sebebadala bayazihlalela, omnye
utshatile. Lo ungumfana. Ibingekho into ibizomhlalisa apha umfazi wakhe emdinga ehome. Akayiyo
phofu landoda yenza izinto ezife amanqa uMahonono. Wayeth-
Bisola: ”Ndixelela uNomtha ukuba ndikuthume ukuba undiphathele amakhatha-khatha wam. Kwathiwa
kum ngelaxesha ndandingu mtshakazi emzini wakho, kwathiwa 'xa usemzini, wenza izinto ezenziwa
emzini. Ukuba umama ugwencela kwiphala kuhle, uba phaya nawe' sawuthakatha ngoku mntwanam.”
Bisola: ”Zivela eNigeria ke ezi. Ikhona intombi yasekhaya, hayi nqo endlini. Kwilali engummelwane
weyethu. Ndimyalezile aze nazo kuba ubuthe uzoza apha. Ndizokunyanga. Ufike namhlanje naye.”
Bisola: ”Uthathe nomntwana umbeke ebhedini. Uleli kabuhlungwana apha. Sela lomxube unceda istress.
Uzotsho ungozeli uhebhuzele. Bendihlutshwa bubuthongo kwamna kodwa ngoku ndivuka emveni
kwemini. Ayinabungozi nasemntwaneni. Uyatya kona?”
Ebendisinekele ngoku abuzayo. Bendibona ukuba bekutheni edlale ngaye ngendlela amdlale ngayo
uNokulunga uBisola. Ebenenkathalo nentliziyo entle. Bendicinga ngoku ukuba uzobe sendibuzile ngento
kaLamar kodwa ibingathi akayazi kwayona kwaye ebengatshintshanga. Esenguye. Bendixakwa ukuba
ubhude ndawoni kuSimba. Okanye mhlawumbi liqonya nje into yakhe. Akakhathalelwanga nguyise
nomama uxabisa abanye abantu ngaphandle kwakhe. Ibingasena msebenzi kodwa ngoku kuba
ebengasekho nalomntu. Bekungaba mnandi kodwa ukuba ngewa sweleka sekukho imvano phakathi
kwabo. Ayinoba kumnandi ukulahlekelwa ngumntwana ekubeni nagqibelisana kungemnandanga.
Ngamagama arhabaxa nophixano.
Bisola: ”Awusoze ubenanqathe kaloku ukuba awulali kakuhle. Kufuneka uxhathise kulomxube. Ikhona
neyokufutha into apha. Ayingomayeza entakatho wethu, nokuba ubuthakatha ke uzithakatha wena.
Uhlambe isimnyama esi sokuswelekelwa ngumyeni. Nabazali bakho, wawuhlanjiwe?”
521
Nomtha: ”Hayi.”
Bisola: ”Uzawugquma ke ngeli. Iyaselwa le. Ifana nale siyiselayo. Sawuyenza ngomso yona. Miracle!”
Miracle: ”Ma?!”
Bisola: ”Khawuvele! Yazi andiyiqheli kanjani into yokwenzelwa mna. Ingase into ndiyenze ngezam
izandla. Oko ndatshata zange ndibe namntu wokunceda ngomsebemzi wasendlini. Nabantwana bam
ndibagada ngoku kwam. Ndimfumana ngoku ndigugile umntu. Miracle!”
Uthe gqi.
Bisola: ”Hayi masityeni, uzohlamba mva. UMamnkeli angahambi ngokuhlwa. Ndine bath oils
bendiziphathelwe yilentombazana uMandisa ke, undikhumbuze xa uhlamba.”
Siyotya ke sonke nosis'Miracle. Ebezipitse nje jean yakhe lonto ebeyinxibe ngaphezulu eyijule phaya
kude. Sibuelele ke kuqala satya. Ibikukutya kwaseNaija. Kukho nenyama zebhokhwe nalapho.
Umnkile uMamnkeli embeni kokutya noMiracle wanyamalalala nezitya. Undinikile ezibath oils ndavulela
amanzi ndahlamba. Ndike ndahlala ebhafini kwakudala ndaphuma sephola amanzi. Ndinxibe ipyjamas
zam.
Ndimshiye ebhedini kusasa ndaya elwandle. Belukufuphi. Livele ilanga ndihleli phantsi esantini
ndimamele amaza. Yilento bendiyidinga le. Bendidikiwe kukuvaleleka kulaWilgeheuwel.
Bendilele kakuhle ebusuku ngenxa yama'khatha-khatha' kaBisola. Ndothuswe ngumntwana nje ebusuku
efuna uncanca wakhawuleza waphindela ebuthongweni. Bendinexhala lokuba ndodwa phaya ukushiya
kwam umntwana. Bendisithanda esi siphithi-phithi salapha nengxolo kaBisola. Ebeyifundekela into
lamfazi ingathi unesifombo.
Ndiphindele kuba bendicinga umntwana wam. Ndifike behleli naye ngaphandle kusityiwa ibrealfast.
Nomtha: ”Molweni.”
Bisola: ”Hayi sukutshintsha, uright unjalo. Hlala phantsi utye. Uvukele uyohlala elwandle. ”
522
Nomtha: ”Ndiye kungekaveli nelanga. Mhle lomzi. Ndithanda nento yokuba ulwandle lulapha phambi
kwakho. Indikhumbuza uSimba lendawo. Ngoku sasilapha kwaku- andiyazi ndizoyibeka njani. Kumnandi
kumuncwana.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Yayintle nyani. Kwamnandi, ndiqala nokuza elwandle emveni kweminyaka ndingasezi. Kukuhle
nje. Kanti ndiyagqibelisa ukuphuma naye.”
Bisola: ”Bubomi ke obo. Amangomso asiwazi. Yolonto nawe kuzofuneka ukuba uzixolele uzokwazi
ukuqhubeka nobomi. Uyeke uzingcungcuthekisa uzibhityisa utrafa usana apha. Noba ummtu uyakhala
akade abengathi akanathemba. Ucinga ukuba ebezovuya uSimba ukubona unje? Ebezothanda? Hayi.
Andithandi kwamna.”
Uphefumlele phezulu.
Bisola: ”Ayikaphethwa. UVenus usaxhathisile, unenkani nje. Kodwa uyaziphambanisa kuba into
ezokwenzeka kukuba ndizofumana half yento yethu. Yonke into esinayo nalamzi wokhiwa ndim.
Ndimxelele nalaNokulunga ndathi ukuba umsebezela izinto ezingekhoyo uVenus uzozisola. NdinguBisola
mna. Ndawuhamba ngoku ndiye ekhaya ndibakungise kakuhle. Ukuba kunyanzelekile ukuba ndifike
kungangatho wabo. Kodwa ndazikhethela iNkosi mna, andifuni ukude ndinyanzeliseke uba ndibhabhe.
Ngamandla am. Uyakuwuhlala ndifile lamzi. Nakhona ndawuba ngumhlali wesithathu phaya
bangcungcutheke bafe!”
Nomtha: ”Soze!”
523
Nomtha: ”Zizokhula.”
Siqhubeke satya sagqiba. Ndihlambile ndanxiba ilokhwe ende. Bendingafuni ukube ndibuzwa
mgemikrwelo esemathangeni am kwakhona. Andiyazi bendilibala njani. Ndiqaphele nento yokuba oko
ndilapha andikabinayo into ethi mandizisike. Indawo efuna intlungu, efuna ukopha.
Umama ebendinyanzele ukuba ndimkhaphe ayothenga emall. Bendiyazi ukuba wenzela mna kuba
ungulo bekuthiwa uyanyanzelwa ukuphuma endlini.
Siyokwa kwaKFC. Ebengatyi yena esithi ikrakra inyama yakhona. Ukuba bekuthetha asise khona
bendingayazi. Kuba ibinguye umntu ebethe singene. Ndityile ndagqiba. Bendithenge iburger yakhona
newings qha. Bendiyonqena nam inyama. Ichicken ngakumbi. Bendibawela kwanyama le yentloko hayi
inkukhu. Uthengile ezizinto zakhe ethatha unyaka wonke ke usisi. Ingangathi yinto encinci le besiyenza
noBisola kodwa indlela bendiyonwabele ngayo. Ukugilana nabantu, isiphithi-phithi nje. Umama kaSimba
ebengenabo nabantu abafana noMonti, ezihambela nje ithwabula henge yakhe engagadwanga.
Bendimoyikisela ke kuVenus, angamqasheli umntu ambulale. Bendiziva kaloku izonto zabantu balapha
abathengwa ngamaxabiso aphantsi ukuthatha umphefumlo.
Sithengile sagqiba, ndirhorhozela emveni kwakhe ixesha elininzi. Ndizithengele ilokhwe ezimbini
ezintathu nam. Silandwe nguMamnkeli kwakhona.
Ndibuye ndahlamba ngeza oils zakhe ndayomrhabha inyawo. Ebecele uMiracle esithi liyaqaqamba
kukuhamba. Ndimshiye apho ukugqiba kwam. Ndiphungile ndalala.
Ndithuke ebuthongweni ndijonga unntwana wam ukuba akakaqengqeleki na ebhedini. Ndijonge lomntu
uchophe esitulweni ndanikina intloko yam ndacimela. Ndithe sendicimele ndanombilini wokuba kukho
umntu ochophe apha ondijingileyo. Okanye ndiyaphambana. Amathumbu am avele axukuzela ndaziva
ndingcangcazela. Okay, Okay. Liphupha. Liphupha. Nditsho ngomthandazo omncinci ndikhalimela umoya
ongendawo. Ndiphinde ndawatyila kwakhona amehlo am usekhona. Inoba bendiphorhelwa kaloku, na
ngendlela ebendijamele ngayo eqinise imihlathi. Ebephorha. Ndijonge umntwana wam ndaphinde
ndajonga kuye. Ndithe ndisazama ukusukuma ndithathe umntwana ndibaleke wavele wandixhumela
endivala umlomo.
Bendithetha into engavakaliyo kuba ebendigqume umlomo. Bendiphupha ne? Ibingelilo nephuma nje
iyinarhmani. Ingxaki kengoku kukuba bendingayazi ukuba ndizovuka kanjani. Bendithandaza ngoku
andibambe umlomo. Yena. Wona. Ibingengomntu. Ibingumoya omdaka oze kakubi. Bendifuna nje
ukuvuka kule inarhmani. Bendifuna ukuvuka!
524
SIXTY-FOUR
Ndixhumile xa ndifefezwa amanzi abandayo ebusweni. Ndutyhile amehlo am ndangqamana naye.
Simba: ”Ungaf-
Nomtha: ”Nced-
Undibambile wandivala umlomo. Bendigqushalaza ndikhala ngaphaya kwesandla esi andigqume ngaso
umlomo. Bendingayazi noba ndibize uncedo okanye ndithandaze na.
Ivumba lakhe ibileliya bendilazi likaSimba. Ebelapha. Hayi! Hayi! Hayi! Bekusenzeka ntoni kum?
Bendicinga ukuba ndiqalwa yimpambano. Ingqondo zam bezisimnka ngoku kuba ndandikhona sisenza
amalungiselelo omngcwabo wakhe. Kukho wonke umntu emfihlweni, abahlobo bakhe nezalamani
samngcwaba. Wasweleka. Akunokwenzeka ukuba ibinguye lowa. Akusoze kwenzeke. Ndivele ndakhala
kuba ibingekho into endinoyenza. Bendisuka ndaphelelwa ngamandla ndayeka nokokulwa.
Ndinikine intloko kuba ebexola. Ebengenguye uSimba. USimba wafa wangcwatywa. Ebengenguye tu.
Ndiphinde ndanikina intloko yam ziqengqeleka inyembezi emehlweni am. Ukuba ebenondikhulula
umlomo bendizogxwala kakhulu. Intlungu endagqitha kuyo azondixelela ukuba unguSimba. Hayi!
Akusoze. Akusoze kwenzeke ukuba uyaphila emveni kokuba simngcwabile samshiya emzini wakhe
emgaphantsi komhlamba. Ikhona ideath certificate yakhe. Kukho ilitye ngaphezulu kwengcwaba lakhe,
ilitye elibhalwe igama lakhe. Ummeli wakhe wasifundela iwill yakhe. Akunokwenzeka ukuba usaphila.
Noxasingazange simbone kuba ibhokisi ayizange ityhilwe kuba etshile kodwa yayikhona yona. Wonke
umntu wangqina ukuba ubhubhile.
Ndinikine intloko yam wandikhulula umlomo. Bendiwavale mbhakra amehlo ndingafuni nokumbona.
Bendicinga nokukrasa kwakhona. Bendisoyika. Bendingcangcazela ngoku andibambileyo.
525
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Sihlangule mthetheleli wento zonke kwimimoya engendawo. Yitshabalalise uyitshise ngomlilo
wakh-
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Tshabalalisa-
Nomtha: ”Hayi.”
Nomtha: ”Andizuthetha nesiporho mna! Andizuyenza lonto owam umyeni ndimngcwabile. Andisoze
ndigqithe kuyo yonke lento ndigqithe kuyo uzondixelela ukuba uyaphila. Uzondixelela ukuba nguwe lo,
nguwe lo nantoni? Nguwe lo ntoni?! Umyeni wam ufile qha mna. Ndingcwabile ndamshiya ezilalini.
Awuzuvumbuluka apho uvumbuluka khona uzondenza ingathi ndiyaphambana apha, undixelele ukuba
umyeni wam nguwe ekubeni ndamngcwa-
Nomtha: ”Umyeni wam. Andithethi ngawe mna, andikwazi nokwazi wena. Ndithetha ngomyeni wam lo
endamngcwabayo. Lo endisazama nangoku ukwamnkela ukuba akasekho. Awuzundixelela ukuba
uyaphila mna. Awuzuyenza lonto. Awusoze uyenze lonto.”
Simba: ”Ndiyaxoli-
Nomtha: ”Fuck you noxolo lwakho. Ufile wena, ufile kum! Awuzugibiseleka ebomini bam ucinge ukuba
ndizoxhuma-xuma yimincili kuba uvuke ekufeni. UnguYesu kaloku wena. Ufa uvuka, kungabina msebenzi
ngaba bantu abakuthandayo obavisa ubuhlungu ngesibom. Ubuyazi kakuhle indlela bekuzondibulala
ngayo ukusweleka kwakho waqhubeka. Uyayazi ukuba ndandinjani kuSamora, noba awuyazi
ndakuxelela. Nanamhlanje andikaxoli, wena uzondenzela lamanyala! Uzondigqithisa kuyo yonke lento
526
undigqithise kuyo kweziveki zigqithileyo wakugqiba uthi gqi nje kubengathi akwenzekanga nto. Undlala
ngemizwa yethu sikukhathalele, sikuthanda. Undibukele ndiphalala apha ndingumcinga ngoku kumnandi
kuwe. Siphi apha? Huh? Yindlalo yonke lento kuwe? Ndiyijoke mna kuwe Simba? Hlala ufile unjalo ke.
Ungandixeleli ukuba awuzange wafa- nyif nyif uVenus. Hlala ufile. Uphume uphele kulekamire uhambe
uphindele kulendawo ubuzifise kuyo. Rhaaa! Nx! Khandiyeke!”
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”NDIYEKE!”
Simba: ”Bendinga-”
Nomtha: ”Ndithe phuma apha! Andikhathalelanga ngcazelo yakho, qhubeka uyofa apho ubukho! Uyenza
kanjani into enje kum?! Uyenza kanjani? Undidlulisa kanjani kubuhlungu obunje Simba? Undibukele
nditsala dweni, ndijonge ndingakanani! Ndijonge! Ngenxa yakho! Ndincede mna. Ndincede!”
Ndimve ejikela waphuza umntwana watsala ingubo, andiyazi noba ebemombhathisa na okanye yintoni
le ebeyenza. Kuvaleke ucango emveni koko elivala ngocoselelo lingafundekeli. Yehake Mhlongo! Yhu
indlela bendi phambana ngayo ngumsindo bendingakwazi nokulala. Ndiphethu-phethuka, ndiguqu-
guquka. Bendinga senazo nenyembezi ngoku ndinomsindo qha. Uyenza kanjani into enje kum uSimba na
bethunana? Abe eyazi ukuba izondibulala yonke lento. Udlala ngam ngoluhlobo!
Okungathi undivile ukuba ndimi emveni kwakhe waphethuka. Uphethuke sendikuye ngamanqindi
esifubeni ndixhumela ubuso kodwa engandivumeli. Undibambe zozibini izandla zam.
Nomtha: ”Ukusenza sikholelwe ukuba ufile kukwenza into bekumele uyenze?! Ngubani owenza lonto?!
Awuvisanga mna kuphela ubuhlungu Simba, oBisola, uMalik-”
527
Nomtha: ”Intoni?”
Simba: ”Uyayazi. UMonti noNorman bayayazi. OSiyanda bayayazi. Bebese Nigeria beyindinceda,
uSiyanda phofu.”
Nomtha: ”Abantu ababalulekileyo kuwe bayayazi. Sesi sibhanxa sindim emasikholelwe ukuba ubhubhile
kanti uphole kamnandi apho ubuphole khona, kumnandi kuwe omantshingilane bakho bakuxelela ukuba
I'm not fucken coping ngokufa kwakho, awabina naxesha lam kuba wonke umntu obalulekileyo
nomxabisileyo uyayazi ukuba uyaphila.”
Simba: ”Ndikuxabosile.”
Nomtha: ”Kutheni kengoku undenze lento? Kutheni uhleli ixesha elinganga uyazi ukuba ndifa kancinci
kancinci apha ndicinga ukuba ubhubhile. Kuba ayikuba zange bakuxelele.”
Nomtha: ”Awundazi. Ukuba ubundazi ubuzokwazi ukuba ungandithemba ngento enje. Ubuzondinika
ibenefit of the doubt. Kuba uyayazi indlela endiziva ngayo ngoVenus, uyayazi ukuba ndimfuna efile
ngokubulalisa uSamora. Bendingasoze ndone nto, kodwa ukhethe ukungandithembi and asinanto kaloku
ukuba awundithembi. Ndingunkosikazi wakho, umama wabantwana bakho. Ndiyayazi ubazi kdala
kunam bonke ababantu kodwa bekufuneka ukuba undithembile kodwa awandithemba. Endaweni yoko
undityumza intliziyo nomphefumlo undenze ndikholwe ukuba awusekho. Ufuna ndikholelwe ukuba
undikhathalele kengoku? Awusacingeli nomntwana lo wakho ukuba ebephumile apha. Undishiya
ndodwa noSolomon endingabaziyo, uthatha kwa aba Luleka bendinothetha nabo undishiya ndintywila
apha. Uzondixelela ukuba bendizolawulwa ngumsindo? Fuck you!”
Nomtha: ”Fuck you! Wonke umntu uyayazi, ndim lo ungathenjwayo. Ndim lo makaxhwaleke.
Mandiphambane mna, ndizilimaze babe bepholile bona kuba bayayazi ukuba usaphila. Uthini ngam?
Nithini ngam?”
528
Simba: ”UVenus ebezojonga kuwe abone ukuba kudlalwa ngaye kwaye bendifuna ikholeleke yonke
lanto.”
Nomtha: ”Wasebenzisa mna kengoku? Noba uyicikoza kanjani Simba ekugqibeleni undenzele phantsi
and undiphoxile. Undisebenzisile ukufezekisa lonto ubufuna ukuyifezekisa emveni koko sendenze iclass
act kulamfihlo mbumbulu wakho awusandixeleli. Uyeva ukuba andikho right ngenjanana zakho kodwa
still awuthumeli nerecorder neletter undixelele ukuba kwenzeka ntoni? Undikhohlakalela ngoluhlobo
Simba ndikhulelwe! Undingcolela ngoluhlobo!”
Nomtha: ”Fuck that! Ibingekho lula ntoni?! Uyenze nzima ngoku kwakho, uyolela apha uyolela
ububhanxa kuba uyazazi ukuba uzokwenza ntoni. Uxhesha imitshato apha kanti uzozifisa. Awuna
msebenzi nam, uzondixelela ukuba ibinzima nakuwe. You compare into endigqithe kuyo neya-
Simba: ”Akhonto ndiyiqhathanisayo Nomtha. Anditsho kanjalo. Ndiyayazi ukuba eyam ayisoze ifike
kwinto ubugqitha kuyo and andizami kutsho kanjalo. Bekubuhlungu kum kuba bendisiva ukuba
awuzithandanga kak-
Nomtha: ”Ndiyabhanxelwa apha stru! Andikholwa nje ukuba nguwe lo undigqithise kuyo yonke lento.
Ayenzi sense yonke lento kum. Jonga, uyabona. Jonga kakuhle umsebenzi wezandla zakho. Ngenxa
yakho nemidlalo yakho ephambeneyo. Ndiyathemba ke ukuba wonwabile kuba uVenus uyabona ukuba
ndixhwalekile. Ayikho nento oyikhalelayo bastard! Ingase ufe nyani!”
Simba: ”Nomtha.”
Ndiphethuke ndayongena endlini. Bendifuna ukumvisa kabuhlungu kodwa noba ndingamthuka kanjani
ndimqalekise kanjani ebengasoze ave kabuhlungu ngendlela bendive ngayo. Bendivuyile kona ukuba
usaphila. Kakhulu futhi. Kodwa bendingayazi ukuba ndizogqitha kanjani kuyo yonke lento endigqithe
kuyo ngenxa yakhe. Bendingayazi ukuba ndizogqitha kanjani kwintlungu andifake kuyo ngesibom.
Wonke umntu uyayazi, ndim lo caba akathembakali ngokugcina imfihlo zakhe. Ndim lo emakavalelwe
ngaphandle okungathi andingomfazi wakhe.
Ndiyixolela kanjani yonke lonto? Ukuba undibukele ndiphalala wasonga izandla zakhe akwabikho nto
ayenzayo ngoko? Kona ubuyele ntoni ngoku? Kuba ukuba ebezondivusa kabuhlungu kangaka bekufanele
ukuba ayigqibe into yakhe. Ndisose ndisifa bhetele. Ngoku ndigqithe kuyo yonke lanto for ilize. It was all
for nothing. Yonke nje lanto!
Ndilele. Kuyo yonke lanto ndibubhaqile ubuthongo. Ukuba kanjani andiyazi. Mhlawumbi nalento yokuba
ukhona uyaphila indiphe ukuzola bendikudinga kodwa bendinomsindo. Nangoku ndothukayo
ebuthongweni ndothuka swndinxapha. Kuba bendingakuva ukuzathuza kwakhe. Ebenoyenza yonke
lento engandivusi kabuhlumbu kodwa wakhetha kanye lonto.
Nomtha: ”Ngena!”
529
Ungene netray enokutya. Ndichophe ngempundu ndaqaphela ngoko ukuba umntwana wam akakho
ecaleni kwam!
Miracle: ”Ebesalele.”
Miracle: ”Ubani?”
Miracle: ”Bendumazi ebhubhule mna. Ndithuka ngoku ekuseni xa ndixelelwa ngumama ukuba ngunyana
wakhe uSimba.”
Nomtha: ”Sekubethe utwelve?! Andiyazi ndagqubela nini ukulala kubethe eloxesha. Ndiyabulela.”
Nomtha: ”Ewe.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Uphumile wandishiya ndodwa. Ndityile ndavuka ndondlula ndaphindela ezingubeni. Ndingqengqe nje
ngaphezulu kwazo. Benditshiswa ngumntsontso kodwa ndingekabi ready ukuphuma ngalamnyango.
Futhi bendihamba namhlanje. Andiyazi ukuba bendizokwenza njani ngalonto. Ndihleli enye ihour
enethirty minutes ndancama ndazincama ndaphuma. Good. Bebengekho ngaphakathi. Ndiyovulela
amanzi ndahlamba. Ndiphume sendinxibile babe behleli elounge ngoku. USimba, uBisola kunye
noMamnkeli. Ebefunqule umntwana wam uSimba. Okay, owethu.
Nomtha: ”Molweni.”
Bona: ”Ewe!”
530
Simba: ”Ndimhlambile.”
Ndinqwalile.
Simba: ”Ndiqinisekile ukuba utitshala uOkeke akazuba namgxaki xa ungekho usuku olunye.”
Ndingene ndavala ndisoyama ngocango ndaphefumla. Kakade injanana zakhe bezimxelele. Into enzima
kukundixelela ukuba umyeni wam uyaphila ngapha kulula ukuhoboloza ngoLamar. Nx!
531
SIXTY-FIVE
Kunqonqoziwe emnyango kwangena uSimba efunqule umntwana wakhe.
Simba: ”Ndixolisile.”
Nomtha: ”Ukuba uxolisile akuthethi ukuba ndiyakuxolela Simba. Undenza nje umsindo ube ulandela
emveni kwam.”
Simba: ”Andifuni uhambe sungathethanga kakuhle, ungavanga isizathu sokuba ndinkufihlele yonke
lento.”
Nomtha: ”Ubungandithembi ukuba ndizawuyigcina imfihlelo yakho. Ndinomlomo omkhulu kaloku mna,
wake wandixelela into ngaphambili wathi ndingayithethi mna ndayithetha-
Nomtha: ”Oh ndiva lento usithi bendingazu kwazi ukwenza ukuzenzisa. Ndicinga ukuba wawuke wazifisa
ngaphambili ndabaleka ndayoxelela uVenus ukuba akakubulalanga kuba kaloku andina sifuba mna.
Kubhetele ndicinge ukuba ufile. Ndiphume ndingena esibhedlele ndiphathwa zintloko ndingakwazi
nokusukuma ebhedini. Ndinyukelwa zihigh blood. Ootoki bakho ayinoba zange bakuxelela yonke lento
waqonda ukuba mayife inja. Uzobuya ngoku, akhonto uyenzileyo ngoVenus. Usaphila wonwabile
nomfazi wakhe. Mna ndingcungcuthekiswe for absolutely no reason. So mandivuye ukuba ubuyile,
ukuba awufanga kuba kaloku nguwe umntu obalulekileyo mos, andina msebenzi mna. Noba ndigqithe
entweni mandi understande kakoku kuba une grand plan wena. Unditshatele ntoni ungatshati oMonti
noSiyanda? Ukuba awuzundithemba. Ukuba awuvakalelwa xa ndingcungcutheka, kuba nangoku
ubuyiswe kukuba ndileli noLamar qha. Ohodoshe bakho bakuxelele waqonda ukuba upatyakalisa yonke
lento uzondixelela ukuba ndilihule. Tshata aba bantu ubakhathaleleyo bhuti.”
Simba: ”Akukho nto ipotyakeleyo apha, akhomntu kaVenus uyaziyo ukuba ndilapha.”
Nomtha: ”Mhhhh. Andizuyomxelela nam ke njengoba ingekho into endidibanisa naye. Kunye nobhuti
bakho. Umamakho umntu endithetha naye seyazi nenjanana zakhe ziyayazi so usorted. Ungaphindela
ekufeni ke, enkosi ngokuzo ndazisa ukuba uyaphila.”
Nomtha: ”Bendiba akufunekanga ndiqumbe ndibe nomsindo kaloku kuba sewubuyile. Ndiyabulela
ukuba kanti ndisenelungelo lokuqumba.”
532
Nomtha: ”Should've. Could've. Would've. Awusayenzanga yonke lonto. Into endidikayo kukuba uhleli
usonge izandla usiva ukuba andizithathanda kakuhle indaba zokubhubha kwakho. Mhlawumbi
bendizoba nomsindo ngakuVenus ngemimi yomngcwabo, ndimgxeleshe ndenze yonke lonto kodwa
emveni koko! Kuba ubuyile nje namhlanje kucacile ukuba ubunokwazi. Wandibukela going through
whatever I was going through ngenxa yakho ube ungakwazi undikhulula kulantlungu. Kuba uyayazi
akakho umntu endimfuna efile njengo Venus. Bendingasoze ndibaleke ndiye kwakhe ndiyomxelela nto.
Bendinga zukuxelela nobhuti bakho kuba andina budlelwane nabo. Andinanto endidivanisa nabo.
Awundithembanga qha wena nangaphezulu koko undiyeke ndixhwaleka ndingena mntu ecaleni kwam.
Uyayazi andina family, ubucinga ukuba ndizokhalela kubani? Itshomi zakho zimnkile uzithathele kuzo
kuba bexabise wena kakade. Ndiyafouna aziphumeli iphone zabo ababuyeli nakum. Undithathela wena
uphinde undithathele abahlobo bakho. Ndizogadwa ngoSolomon endiqala nokuba bona. Kufuneka
ndivuyele lonto mna. Ukuba ndigadwa ngaba bantu! ”
Simba: ”Andincumanga.”
Nomtha: ”Mxm.”
Simba: ”Ndiyaxolisa ngento yonke odlule kuyo ngenxa yam. Ewe, unyanisile emveni kwesifihlo
ngendathetha nawe ndakwazisa ukuba ndiyaphila. Ndenze impazamo ngokunga kuxeleli kuba bendiyazi
ukuba awukho right qha bendingayazi ukuba to what extent. Bebe ngandixeleli yonke into oMonti kuba
beyazi uba ndizoza ndibaleka. Andibuyiswanga kukuba u- u- nalandoda.”
Simba: ”Sukufuna ndiyithethe Nomtha, uyayazi ukuba wenzeni nalandoda. Ndifounelwe nguMalik
wandixelela yonke into and ebekhala.”
Nomtha: ”Kungcono ke xa sivakala isikhalo. Kuba bendawukhala ndome mna ndingaxelelwa kwanto,
kungeziwa nto.”
Simba: ”Uyabuthetha ububhanxa xa ucacile ke. Andithi ndiyatsho ukuba nguye ondixelele yonke into in
detail. OMonti bebesitsho nje ukuba awukho right kodwa bengayibhentsisi ukuba awukho right
kangakanani. Yilonto ndibuyile kodwa akupotyakalanga nto ngokubakho kwam apha kuba sesiphezulu
kohlelo nomalume and andizuya eKapa, I mean eRhawutini. Ndizobe ndihlala apha ndizifihla uzokwazi
ukumane usiza ngempela veki.”
Utsho wancuma. Bendidikwa nayilento ebuye esemhle yena. Ebenezifutyana ezikhulu, caba uyazilolonga
nokuzilolonga. Ebesene nteshana ke nakulonto. Mna ndilicala ngeloxesha.
Simba: ”Ukuba andihleli ndizokhala. Andifuni kukhala. Uthini ugqirha ngeweight yakho?”
533
Nomtha: ”Undinike isupplements.”
Nomtha: ”Ewe.”
Ndimkrwaqule ndavala umlomo wam. Ungenile ekamireni kuba ebesami ngasemnyango. Uzoma apha
ecaleni kwam esondele kakhulu.
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Ndiyabuza.”
Ndinyuse amagxa.
Simba: ”Oh njengoba ubunomlomo omkhulu kungekudala, awusakwazi ukuthetha ngoku? Ungenisa
amadoda kwikhaya labantwana bam, ubalalisa ebhedini yethu!”
Nomtha: ”Andinasizathu.”
Simba: ”Ulele naye nje kuba kumnandi? Uvukwe bubufebe baseHillbrow. Kudala walalwa yindoda enye,
ubungasakwazi nokulinda?”
Nomtha: ”Ndisisifebe?”
Simba: ”Awusiso?”
Nomtha: ”Bendingafebeli mntu kodwa kwelityeli and nawe uyazi ukuba ndandilala namadoda ngo-
Nomtha: ”Ndazi uswelekile kaloku mna. Ukuba wawundixelele ukuba awuswelekanga nyani
ngendingalelanga naye. Ngekunga-
Simba: ”No ndiserious. Ude unxibe iringi yam ubambana nencanca zoOkeke! Unxibe iringi yam!”
Simba: ”Oh wayiva leyo? Ongazange uyive yile ndandikuxelela ukuba undithembe? Ungaxhamazeli?!”
534
Nomtha: ”Ucinga ukuba ndizodibanisa ezozinto mna nokufa kwakho?!”
Simba: ”Ukuba ungumntu obhadlileyo ubuzodibanisa. Uyanducaphukisa ngoba ngoku kufuneka ndibe
ndikrwitshana notitshala bakho ngenxa yokuba wena ungakwazi ukuzibamba.”
Nomtha: ”Wabizwa ndim. Ndamngenisa nasendlini, waqalwa ndim. Wazi indoda yam iswelekile
njengoba nam bendicinga so ebengaziboni esenza into ewrongo njengoba nam bendinga ziboni ndisenza
into ewrong-
Simba: ”Uzoncedwa kukuba ukhulelwe kuba bendizokuqhwaba ngempama ubedizzy. Undazi kakuhle
qha uyathanda ukuziphambanisa. Ndizoyikrwitsha qha latitshala yakho ifunde isifundo engasoze
isilibale.”
Simba: ”Uyalazi igintsa? Uyandibona mna? Xa undijonge kakuhle ubona ulow life wegintsa? Hayi
ungandiqheli.”
Nomtha: ”Ungamenzi nto ke noba awulogintsa. And andiyonwabelanga nalento yokuba ndilele nenye
indoda ndikhulelwe. Ukuba bendizokwazi ngendisenza imilingo kube kanti andilelanga naye kodwa
andizuxolisa kuwe-
Nomtha: ”Kuba ubufile kaloku wena. Wandishiya kwinyubha-nyubha ndenza into bekufuneka ndiyenzile
ukuziva bhetele.”
Simba: ”Ndixolisile mna, wena kutheni kengoku ungazukuxolisa? Awutshatanga nam kanti? Awulalange
nendado engendim? Huh? Kutheni uzozingomba isifuba ngento engekhoyo?”
Nomtha: ”Andizingombi isisifuba! Ndiyatsho mos ukuba ndiyazisola. Bendibhuqwa sisazela sokuba
ndibuyele kwimukhwa yam yakudala kwaye bendingafuni ukuba ngulaNomtha u user amadoda
ukuzenza abebhetele. Ndithe sekwenzekile ndabona ukuba ndingcono kunoko ndizigweba. Ndide
ndazixela kumama kuba bendinesazela ndizilimaza nokuzilimaza.”
Simba: ”Yiforeigner qha lamntu andikho krwada. Andikholwa uba uxelele umamam ngobufebe bakho.”
Nomtha: ”Khawuyeke ukuthi ndisisifebe, ndim ndodwa umntu onelungelo lokuzibiza njalo xa ndifuna
hayi wena. Ungaphinde undibize njalo.”
535
Cwaka.
Nomtha: ”Ubusewutshilo.”
Simba: ”Ndizokubookhela iflight yangoLwesihlanu uze ngapha kuba mna andizukwazi ukuya eJoburg.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Ndizela ukuzobona umntwana wam hayi wena. Ubuzofa ixesha elingakanani?”
Simba: ”Uncedile andifounele uMalik. Bendingacingi ukuba kubi kangaka. Yinto yokugqibela bendifuna
yenzeke ke, undikholwe kulonto. Akusoze nanini na kube mnandi ku ukukubona ungcungcutheka. Intlelo
endinazo zingama zonke kuba ayikho into ezweni ebaluleke ukogqitha wena, nomlomo wakho omkhulu.
I'm genuinely sorry ngayo yonke into.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Iround?”
Simba: ”Ndifuni kwazi rounds mna ndibuza ukuba nadibana kangaphi nalala?”
Nomtha: ”Kanye.”
Simba: ”Kanye?”
Nomtha: ”Ewe.”
Nomtha: ”Izonceda ngantoni lonkcukacha? Kutheni sisathetha ngoLamar? Bendiba sigqithile apho.”
536
Simba: ”Ndixelele, wayengcono kunam na?”
Simba: ”Awukhulelwanga na?! Umbuzo wam, andibuzanga ukuba wasela kangakanani, awukhulelwanga
na?!”
Nomtha: ”Ndikhulelwe.”
Simba: ”Uyintoni kengoku etywaleni ukhulelwe?! Yayazi ukuba buyingozi emntwini okhulelweyo utywala
kodwa usaqhubeka ubeka ubomi bomntwana wam emgciphekweni.”
Simba: ”Kucacile ukuba andinokuthemba ngabantwana mos. Bhetele ndingafi nyani, ndigalelwe ityuwa.
Kuba ndafa uzoba nguJunior number two! Utywala! Hayi uxakile shame. Uphuma phambili. Yintoni enye
oyenzileyo? Ndisose ndisifa kwangoku.”
Nomtha: ”Ayikho.”
Nomtha: ”Andimncwasanga.”
Simba: ”Ndithembe ukuba akukho nto ezophinde yenzeke phakathi kwakho nawe?”
Nomtha: ”Soze.”
Nomtha: ”Undibulale.”
Nomtha: ”Divorce.”
537
Simba: ”Ndithe into endinokwazi ukuyenza.”
Nomtha: ”Andiyazi ke. Kuzofuneka uthembe ukuba undithembe. Andiyazi ungandithembi nje kungoku
uzokwenza kanjani kodwa ke yiyo into endiyicingayo.”
Simba: ”I'm playing it cool kodwa iyandibulala lento. Ukuba ube intimate nawe ngalondlela, wakungena.
Weva izinto endizivayo xa ndingaphakathi kwakho ... indenza ndifune ukuyomnqunqa. Andizuyenza
lonto kodwa ndifuna ukumgebenga. And I hate you ngokumvumela akubambe.”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa. Andiyenzanga kuba ndifuna ukukohlwaya ngonto kukuba nje andiyazi. Weakness.
Andizutyhola notywala kuba bendiyazi into bendiyenza, zange ndithathwe i advantage.”
Simba: ”Andifuni uthathwe iadvantave kodwa ayindenzi ndizive bhetele nale yokuba umnike umzimba
wakho ngesibomi. Umzimba wakho ngowoku banjwa ndim. Incwina yakho yeyam ndodwa. You orgasms
zezam. Hayi enye indoda. Ndim umntu onelungelo lokwenza inzwane zakho zishwabane. Mna. Not enye
indoda. Andizuphinde ndibe ndityelwa umfazi mna and divorce is not an option. Ndimdala ngoku
nabantwana bam bayandidinga. Ukuba awusigcini iaithembiso sakho uzozisola baby. Uzozisola kakhulu.”
Nomtha: ”Andisoze.”
Simba: ”Awuyelanga madoda esikolweni, uyele ukuyofunda. Ukuba udikiwe kukufunda ungahlala
phantsi ndikondle.”
Ndipakishe ndagqiba. Ibingengo mgodlo ke iyi overnight bag qha. Ndiyibeke phaya ibag ndaphuma
ndimshiya ebhedini ndiyotya. Bebebambene izandla uBisola noMankeli bejongene emehlweni bethetha.
Ukhawuleze wasikhulula uBisola akundibona. Wabheka uMamnkeli.
Nomtha: ”Lento?”
Mamnkeli: ”Lento sive yonke into beniyithetha kulakamire. NgoLama notitshala. Sizihoyele indaba zethu
apha kodwa asikwazi ungaziva ezi zenu.”
Bendingasena ntloni ingase ndizifake ngaphantsi kwelitye. Ndijikile ndiyongena ekamireni ndavala
ucango. Uxhumile uSimba wandijonga. Ebelele ndamothusa ngomnyango.
Simba: ”Yintoni?”
538
Simba: ”Yintoni?”
Simba: ”Yintoni?”
Nomtha: ”UMamnkeli.”
Simba: ”Andihleki-
Ndimjamele.
Simba: ”Uvile?”
Nomtha: ”NguLamar!”
Nomtha: ”Uzuhlele kodwa uviwe ubuza uba umnandi kunawe na uLamar. Andisenantloni inoba ucinga
ntoni ngam lotata?!”
Simba: ”Hahahahaha!”
Nomtha: ”Mxm!”
Simba: ”Tshotsho!”
Simba: ”Nguye.”
Simba: ”Hahahaha!”
Eishhhh!
539
SIXTY SIX
Akhonto ibindityhafisa njengo kubuyela endlini ekhala ibhungane. Bekungcono kuba emini bendiba
sesikolweni ndingqungwe ngabantu, kodwa bendingeno hlala esikolweni imini kunyanzelekile ndibuyele
endlini.
Nomtha: ”Norman, ayikho indawo oyaziyo ethengisa ukutya okumnandi. Andifuni ooKFC noMcDonald's
namhlanje, ndinqena nokupheka.”
Norman: ”Kukho indawo eseOrlando East ke, iMoja Café. Kuthengiswa ukutya okumnandi kakhulu
phaya. Zininzi ke indawo kulaSoweto kodwa yona iphuma phambili.”
Nomtha: ”Andingo mXhosa, I'm Zimbabwean. Ndisasi isiXhosa kuba besithetha sona kakhulu
kuneChishona endlini kuba umama engumXhosa. Zange atsho uSimba ukuba ndinguAneni?”
Norman: ”Ndicinga ukuba ngalamagama akhoyo kaloku mna, uyabazi abazali ngokulandela
nokuphapha.”
Nomtha: ”Hahahaha! Ndendela nakumXhosa ke. USimba nguye ke umntu onothi uthetha isiXhosa
esintsonkothileyo.”
Norman: ”Hayisuka!”
Nomtha: ”Ayikho lonto. USimba uyayithanda into enesintu sakowebo. Amasiko, ulwimi. Kukuba
ungamazi wena.”
540
Nomtha: ”Utshatile, Norman?”
Norman: ”Ndisiso kanti kodwa andifuni kutsiba migca apha kuba sisonka sam esi. Andifuni kuxabana
nomhlekazi.”
Norman: ”Mhh.”
Ukhuphe umoya.
Nomtha: ”Ndiyayiqonda Norman. Akukho sidingo sokuba uzicacise. Ubusenza umsebenzi wakho qha
wena. Uke uthethe naye?”
Norman: ”Andinayo indlela yokuxhumana naye mna ma'am. Ndithatha iorders kuMonti qha.
Kwakutshiwo ke ukuba ndizithathe kuye.”
Nomtha: ”Ndikhaphu-kaphu?”
Norman: ”Ohhh, uyakwazi ukukholwa komnye ungakholwa komnye kanti? Kuba kuthiwa wancama
unyana wakhe okukuphela kwamzeleyo, emncamela thina.”
541
Norman: ”Hahahaha! Kanti uhlekisa kangaka!”
Norman: ”Ndinepartner.”
Norman: ”Awuyazi ukuba izinto zegays nelesbian ziyakhawulezisa. Enyakeni nje unomntu sewuhlala
naye, kowesibini ulobole ninabantwana.”
Nomtha: ”Mhhhh.”
Besizothenga itake away. Phofu bendi, kuba bendizozithengela ndodwa. Kodwa sibone ubuhle bendawo
sayochopha phantsi sa order. Sityile ke sincokola ngeSoweto. Ebehlala eNaturena yena ne'Partner'
yakhe. INaturena ibikufuphi apha, ikufuphi ngakumbi eDk. Ibiyi suburb entle efikelekayo.
Ebepeya kakuhle naye, nomntu wakhe esebenza umsebenzi ompeyisa kakuhle eyi mananger
kwiCustomer Service yaseMerchant eBryaston.
Norman: ”Awufundi?”
Nomtha: ”Yhooo hayi! Ingathi andide ndiphangele mna yhuu! Ndikhumbula ukuphangela mna.”
Nomtha: ”Yehake Mrs prim and proper. Andikho nanjalo wethu mna ngumyeni oprim and proper, mna
ndise ngula girl wase Hillbrow qha ndingumfazi ngoku futhi ndingumama.”
Norman: ”Ndifunde isifundo. Don't judge a book by it's cover. Mna ndikujonge ndabona umntu o- okay
ingandigxothisi lento ndizoythetha. Umntu osis'snob. Ispoiled brat esidada emalini. Yonke into ayifunayo
umyeni uyakufunela. Ndiyamangala xa usithi ukhumbula umsebenzi kum ingathi zange waphangela
okanye awusoze uphangele. Ufunda nje kuba uchitha ixesha.”
542
Nomtha: ”Umyeni wam usatsho nangoku ukuba ndisi snob. Wethu amaxesha okubasiso ndibe yibrat
kuba ndandikhule kanjalo. Yonke into ayifunayo uAneni uyayifumana, yintombi katata. Xa ndifuna
ukuhamba naye kwiboardroom meeting ndizoya kodwa xa ndina fifteen kwanyanzeleka ukuba ndikhule
kwezongqondo kuba basweleka abantu basekhaya ndasheka ndodwa. Ndarhereza ndihlala kwiflats
ezingundileyo zaseHillbrow. So bubomi wethu. Ndiyabazi ubutyebi kodwa uThixo wandehlisa,
wandithoba. Amanzi ndawafumana apha ezantsi. Ndahlupheka. Ngoku andisiso isityebi ndiyaphila qha.
Andisoze ndimjongele phantsi omnye umntu ngendlela ndandinomjongela phantsi ngayo eight okanye
nine years ago.”
Norman: ”Mhhhh. Mna ke zange ndasokola. Awunofane usibone istabane esisokolayo- ndiyadlala.
Hahaha! Kodwa andizange ndasokola. Ndisuka kwimiddle class family. Sasihlala eGlen ke kwindlu enkulu
ndifunda eRiverlea. Ukusuka apho ndaya euniversity ndafumana umsebenzi. Nomntu wam ngokunjalo.
Andiyazi tu intlupheko.”
Nomtha: ”Kumnandi kuwe. Ayikho ezweni into ekuthoba isidima njenge ntlupheko. Udinge nepad le
yakwa mbala, ubone apho ukuba jaaa bunzima ubomi. Kubuhlungu ukusokola.”
Nomtha: ”Yhe tana! Ndothuka ndiqala nje ukudibana noSimba! Imali andipha yona! Ndayobhatala
amatyala am onke, ndiqonda indibone ngantoni lendoda. Kungcono nyani xa ingumntu ongumama.
Ukusokola kwendoda lusizi maan!”
Norman: ”Kakhulu!”
Sitye sagqiba sisancokola kamnandi. Siyihleka. Bendingayazi, ndingasakhumbuli nokuba ndagqibela nini
ukuhleka ngolahlobo. Ndonwabe ngolahlobo. Bendiqonda futhi ukuba kungenxa yoba ndiyazi uba
umyeni wam uyaphila. Ayikho into ibinditya nebinditsala igazi njengokucinga ukuba akasekho uSimba.
Bendinomsindo ngendlela enze ngayo izinto ewe, kodwa bendivuye ngaphezulu kokuqonda ukuba
ukhona. Bendilala ubuthongo obuhlayo ndiyekile nokungxunguphala. Ndiyakuxelela mhla wasweleka
manyani ndawuze nditsho koMonti ukuba bandixelele apho akhoyo nyani. Ebezoncame abe ngomnye
umbala ofa avuke, afele izono zethu siphinde kwathina sife kodwa besifelwe. Yiyo lento bendinga
mvisisisi lamfo- kodwa besingekho apho.
Ndifike kukhala ibhungane endlini. Besendityile ndihluthi ndade ndabuya netake-away. Eyam
nekaNorman. Ebezoyishiya kuba engafuni umntu wakhe ayazi ukuba utye out kuba ebethe angatyi
uzopheka. Ndiyithathile kemna kuba bendizazi ukuba ndizokhatywa yinkawu kuba ndihleli nje
ndilambile. Njengoba umdla wam wokutya ububuya ngamandla bendihoboloza horho!
Ndiyohlamba ndanxiba impahla zokulala. Ndicinge sendicime nezibane ukuba ndifounele uMalik
ndimbulele.
543
Nomtha: ”Uright?”
Malik: ”Mh.”
Malik: ”Oh?”
Nomtha: ”Ewe. USimba undixelele ukuba uye wamfounela wamxelela yonke into.”
Malik: ”Zindaba ezimnandi, akukho nesidingo sokuba ubulele Nomtha into ebekugqithisa kuyo utata
ubiwrongo. Bendiyazi futhi ukuba oMonti abazumxelela ngezizathu zokuba bengafuni ukumphazamisa
kwinto ayenzayo, kodwa bendiyazi mna uba ebeyazi kakuhle imeko okuyo angayeka nantoni na for
wena. Ndiyavuya ukuba bendiright.”
Nomtha: ”Ndingcono kakhulu. Ndise nomsindo kancinci kodwa ndonwabile ukuva ukuba usaphila.
Bendigowa nyani.”
Malik: ”Noba unga si'stepmother sam umncinci le kum. Awundolekeli nokundolekela. Awolekeli noza
emveni kwam, awulingali kwanalo oza emveni koza emveni k-
Nomtha: ”Ewe.”
Malik: ”Alright ke. Uthi ubaby kufuneka usimeme kwidinara ukubulela kakuhle.”
”Sukuxoka Malik!”
544
Ndimve ekhwaza ndayihleka.
Nomtha: ”Goodnight.”
Malik: ”Sho!”
”Aneni Tongai!”
Argh!
Nomtha: ”Andiyazi.”
Ndiye kuye. Ulinde ukuba kuphume wonke umntu wachopha phantsi esonga inyawo. Bekuphume isikolo
iclass yakhe iyiperiod yolugqibela.
Lamar: ”Oh?”
Nomtha: ”Ewe.”
Ndiphefumlile ndijonga emnyango. Inoba uNorman sendilindile ngaphandle ebefika five minutes
ngaphambili kokuba siphume isikolo esenzela ukuba ndingamlindi.
Lamar: ”Ayo bullshit romcom movie le. Okokuqala ngifuna ukuxolisa if kungathi ndikuthathe i advantage
at your state.”
Nomtha: ”Awundithathanga advantage and nyani Mr Okeke asikho isidingo sokuba sibuyele emva sibe
siphicotha into eyenzekileyo. Ayonto ingako. Undifumene ngemoment of weakness and ndiyaxolisa
ngokuku user.”
Into engizama ukuyisho ukuthi I'm sorry kwenzeke udakiwe- sidakiwe but I'm not sorry at all.”
Lamar: ”Nomtha, we are bot adults apha. Ngiyabona ukuthi uzoba reluctant ngoba ngiyakufundisa and
your husband just died and you're still in mourning. And ukhulelwe. Into engiyishoyo we can use this
545
time sibonane. Dates. Dinner night, the works. No sex is fine for me uze ube ready. Umuhle, you are a
Shona speaking beatiful melanin girl. Angikho namdala kakhulu, I'm only twenty nine so akuna nkinga-
Norman: ”Sinengxaki apha Nomtha. Ndikumele fifteen minutes yonke ngaphandle, abahlobo bakho
bathi ububizwe ngutitshala.”
Lamar: ”Ndiyax-
Norman: ”Great. Mhlekazi umsebenzi wakho apha kukufundisa. Right? Qha. Ufundise ufokofe uye
kwakho. Yeyiphi lecurriculum ethi yiya emizini westudent zakho, umise istudent xa kufuneka zigodukile
kuba ufuna ukubaqhasa? Do you want me to escalate this matter?”
Norman: ”Yenza umsebenzi wakho mhlekazi uhlukane nokwenza izinto ongazihlawulelwa. Uzongena
engxakini enkulu kakhulu, awuyazi ukuba unyathela ezinzwaneni zobani. Hlukana noNomtha unless
inokwenza nento yesikolo. Ndikubone futhi eCenturion okanye ndive kusithiwa ubuphaya ndizokwenza
iartwork ngobuchopho bakho okay? Good boy. Masambe Nomtha.”
Norman: ”Uyazi nje ukuba uba iboss indibuza ngalomfo andizuquma nto.”
Nomtha: ”Ndiyayazi.”
Andikwazanga ukuya eKapa kulompela veki kuba bendixakeke kakhulu esikolweni. Ndimxelele uSimba,
ebengonwabanga kodwa waqonda. Bendizoba bona kwezayo iveki. Bendikruquke mna kuqala kodwa
bendidinga ukwenza unsebenzi wam wesikolo ndizopasa ndiphume kwinto enesikolo.
Nomtha: ”Hi.”
Luleka: ”Uright?”
546
Luleka: ”Utshate nomXhosa nyani, kaloku wena xa ubuzwa impilo ubuthatha ngokuthi 'ndiright wena?'.
Ndiyaphila nam. Uzoba free nini ndizozokubona apho?”
Nomtha: ”Yhuuu! Ngeweekend ndizobe ndingekho. Evekini ndiyafunda so andiyazi ukuba ndizolifumana
nini ixesha. Ndibusy kakhulu esikolweni.”
Nomtha: ”Kakhulu.”
Luleka: ”Okay. Nomtha are you mad at me or something? Kuba ndiva okungathi undipholele nje and
awufuni kudibana nam okanye ukuza kum. Uqumbele ukuba ndingakuxelelanga ngoSimba?”
Nomtha: ”Andisoze ndiqumbele lonto. Umntu wndimqumbeleyo nguSimba ubuqu. Nina aningeni
ndawo. Nam wandiquma ndingafuni uSimba ayazi ukuba ndiphi okanye ndikhulelwe and ndilindele
ukuba ube nalontembeko kumhlobo wakho so nyani ngabe ndiyaphambana uba ndizokuqumbela
lonto.”
Nomtha: ”Akukho ngxaki sisi nyani. Ndixakekile sisikolo, andizukwazi ukuza kwakho noSimba- nonto
maan, noSiyanda. Kungenzeka uVenus unibeke iso so andifuni abone nam.”
Nomtha: ”Ayo excuse. Andifuni abantu bakwaMatanzima bandazi apho ndihlala khona. Qha.
Ndizokwenza usuku sometime kuleveki izayo ukuba andixakekanga esikolweni sidibane kulondawo.”
Nomtha: ”Haha!”
Nomtha: ”Sharp.”
Ndiyibeke phantsi iphone ndicinga indlela beku awkward ngayo kwaye ndiyayazi ndim. Njengoba
benditshilo nakuye bendinga qumbelanga ukuba encede uSimba okanye beye kuSimba. Okanye
bengandixelelanga ukuba uSimba uyaphila. Yinto ibilindelekile leyo. Yinto awayenza nakum. Intonayo
bendingasafuni ukuzisondeza kakhulu kuye ngendlela yokuba ndicinge ukuba ubuhlobo bethu
bungaphezulu kwento besiyiyo. Besihlobene kuba abayeni bethu naye ke engumyeni kaSimba.
547
Ndiyibonile lonto ngokungacingi nakanye ukufounela 'umhlobo wakhe' ebeswelekelwe ngumyeni,
nakanye nje ambuze ukuba unjani.
Ewe ebeyazi ukuba usaphila yena kodwa mna bendingayazi. Bendicinga nyani ukuba utshabile kuba
bandenze ndakholwa ukuba utshabile. Xa ungenoxhomekeka kwinkxaso yomhlobo wakhe ngexesha
elinzima ungumhlobo wantoni kakuhle, kakuhle? Xa kumnandi qha. Akakucingi xa kunzima kuba
uhoyane nalomntu ungumhlobo wakhe wokwenyani. So bendingaqumbanga. Nakancinci.
Besizoqhubeka ngobuhlobo bethu xa kukho uSimba, kubekho idinara nelunch nantoni qha bekuphelele
apho.
548
SIXTY-SEVEN
Simba: ”Uzochachatheka apha esantini ngenxa yokuba ungafuni ukuhlalelana nam.”
Nomtha: ”Simba andiyazi uthetha ngantoni mna kodwa ndizozipholela apha kuba ndinesithukuthezi,
uZendaya noMakhulu wakhe balele. Andizubukelana noMiracle eqoqosha.”
Bekunge kudalanga ndifikile. Bendilovile esikolweni kuba bendithe uSimba abooke iflight yango10
ekuseni. Bendilova okokugqibela ndiyafunga. Bendikhumbula nje umntwana wam. Ndafike belele
noBisola. Utata uMamnkeli undibeje nje wakhawuleza wemnka.
Nomtha: ”Kengoku?”
Nomtha: ”Uyandikhaba!”
Uchophe ecaleni kwam naye. Ebenxibe ijean ke njengoba ebechopha emanzini. Ijean nehempe
epholileyo. Mna ndifike ndatshintshela kwibathing suite yam.
Nomtha: ”Utheni?”
Nomtha: ”Ubethiwe?”
Nomtha: ”Mhhh.”
Simba: ”Mxm.”
549
Nomtha: ”Ndixelele kaloku ukuba ufuna ndithini, ndizotsho lonto.”
Nomtha: ”Akumnandanga. Ziziyalo nje ingase ndihlale ndingekho endlini. Ndihlale ndisesikolweni.”
Undijamele.
Nomtha: ”Kufuneka uthembe mna. Uthembe ukuba andisoze ndiyenze into enjalo. Andisoze
ndikudyolele. Qha.”
Nomtha: ”Kulungile ungamthembi. Andithi mthembe nam, ndithi themba mna. Isikolo sona andisoze
ndisiyeke ngenxa yokuba ndine history nalatitshala.”
Simba: ”Excuse me?! History ntoni? Awuna bubhanxa bahistory namntu Nomtha uleli naye kanye nje.
History ntoni?!”
Nomtha: ”Hayi. Qha ndiyabona ukuba ikwenza uncomfortable into yokubonana naye oko.”
Simba: ”Nomtha.”
Nomtha: ”Zange sithethe mos emveni kwayo yonke lanto yangalamini. Ndandimphepha, xa kuphuma
iclass yakhe ndiphume msinyane. So kengoku undibizile endixelela ukuba ebengazimiselanga kuthatha
550
iadvantage yam nton ntoni. Ndimxelela ukuba uba kukho umntu othethe I advantage yomnye ndim.
Kodwa kukuba bendingekho kwindawo eright, bendingena njongo zokuba nomntu.”
Simba: ”Sewumxele ke ukuba umephi naye, okanye awumanga phi. Ukuba uphinde wabe ekuhlupha
futhi efuna into angayaziyo undixelele.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Ewe.”
Simba: ”Good. Andiphinde ndikubuze ngalotitshala kwakhona. Ukuba unento ofuna ukundixelela wena
uzondixelela.”
Nomtha: ”Inoba bebevuyile ukubona omalume bakho, noba bekuphantsi kwemeko ezinje.”
Simba: ”Ja beberight. Banomsindo nje ngendlela aphatheke ngayo umama kuVenus. Akalibonanga
elidlalayo. Iyasuka namhlanje. Uzothi 'shuuu'.”
Simba: ”Ilula gqithi lonto. Idivorce yakhe nomama seyigqityiwe. Andiyazi ngubani othethe naye
wamcebisa kodwa bazokohlula yonke into phakathi. Izindlu- yonke into.”
Simba: ”Ucinga ukuba useNigeria kwaye akamkhathalelanga ngokwaneleyo ukuba amlandelele aqonde
ukuba ulapho nyani na. Wayeka nokwenza ingathi uyamkhathalela. Akakhathali qha ngoku.”
Simba: ”Ngabahlobo. Unkosikazi kaMamnkeli usaphefumla. Noba akakho zingqondweni kodwa usaphila.
UMamnkeli uthembekile kulamfazi akasoze amenze njalo.”
Simba: ”Andiyazi ke leyo. Andiyo 'All you need is love' mna. Qha ngabahlobo. Umkhathalele umama,
bazana from way back.”
Nomtha: ”Kengoku abantakwenu abamfouneli umama wenu bambuze ukuba uphi unjani?”
551
Simba: ”Uthi wayethe kuba udinga ixesha lokuzikhotha amanxeba, balindele kuye. Kodwa uthi uMluleki
unyanzelisile wathetha naye nge e-mail emxelela ukuba usezingqondweni zabo- yena nomnkakhe
nabantwana. Inoba abantwana bathetha naye qho kuba ebebathanda abazukulwana bakhe.”
Nomtha: ”For ntoni tana? Andithi umntu ebendidibanisa nabo nguwe, so emveni komfihlo wonke umntu
uye wayotshona kwesakhe ke ubomi baqhubeka. Bendinga lindelanga necall yakhe ke yena kuba
wakuthengisa kuVenus.”
Simba: ”Kodwa bendicinga ukuba okungenani ke uzokufounela ajonge ukuba nishiyeke kanjani
nomntwana.”
Simba: ”Andikabuyi.”
Nomtha: ”Nditsho xa sewuvuke officially ekufeni, andifuni kwanto ezobe isithi nyinyonyanyo kum.
Izophinde ibengathi ndinesixhiba and ndikhohlakele xa ndingabafuni kwam. Mna umntu
ongandixabisanga ndimphuma kwakusasa mntakabawo. Ndanyamezela isibhanxa iminyaka kanti
akanguye naloKing athi nguye. No more. Ndiyekile nokucinga ukuba itshomi zakho zezam. Umntu
kufuneka azirherezele ezakhe itshomi, hayi lento itshomi zabantu sibe sikhathazeka apha xa behoya
itshomi zabo. Uphinde undibone.”
Nomtha: ”ULulu iskakhulu. Wayesenza ntoni? Wayeyi secret agent kula Abuja?”
Simba: ”Akhonto ayaziyo nganto uLulu qha ebehamba nomyeni wakhe ekwaxhasa mna.”
Nomtha: ”Ebekwiholiday.”
Nomtha: ”Hayi. Ndimxelele nje ukuba andimqumbelanga ngokugcina imfihlelo yakho. Akukho mntu
ndimqumbeleyo ngaphandle kwakho kuba undityala yonke into, ungumyeni wam. Bona abandityali nto
kwaye balandela umyalelo wakho kuba bethembeke kuwe abanye bezizihlobo zakho.”
Simba: ”Bazondibona.”
552
Nomtha: ”Bakubona ntoni mhlawumbi? Abakubonanga ngokwaneleyo eAbuja? Singafumani chance
nawe thina ngoku besicinga ukuba uswelekile ngabo! Yhu! Banenceba bona.”
Simba: ”Ubundiqumbele ke wena sewukhweletela abantu nje. NoMalik uzobe ekhona, ndimbizile.”
Nomtha: ”Ubiright kuye ke kuba wakugqibela kudala. Kona ayizukrotyelwa lento yokuquqa kwethu apha
ngulaVenus unesisu esikhulu ingathi unogal'moya.”
Simba: ”Hahahaha! Ucinga ukuba ndiswelekile so akanaxesha lakho okanye ooSiyanda. Ukuba
ebekulandela kwawena ngekukho umntu oqapheleyo kwaba bam. Awuzuza qho ngeveki kodwa
awuzungazi apha. Ndifuna uze, fequently.”
Simba: ”Kuzobe kukho noMamnkeli nomntwana wakhe uZama. Mhle ke, inoba ulingana nawe.”
Nomtha: ”Mhhh.”
Simba: ”Mhle.”
Nomtha: ”Ndikuvile skhwama! Andizuba nasikhwele ngenxa yokuba ucinga uba omnye umntu mhle.”
Simba: ”Awumazi lowa mhle nyani- Hey! Hahahaha! Tyhini bawo lomntwana, undigalela ngesanti.”
Nomtha: ”Ewe.”
Nomtha: ”Kuba bendizothini? Bendizoyok'vuza emangcwabeni ndithi Simba vela ngephupha uzothiya
umntwana?”
Nomtha: ”Mihlayonke.”
Simba: ”Mh?”
Ebephelile yintsini.
553
Nomtha: ”Hahahaha!”
Simba: ”Hahahaha! Uphambene awuziva. Limnandi. Noba ingalilo lodwa limnandi. Xa unowakho
umntwana uzomthiya Monday etc.”
Simba: ”Ngabe ndiphambene ukuba ndingaphinde ndibe nomnye umntwana. Yibonus lo. UMihla.”
Simba: ”Bendikukhumbula.”
Nomtha: ”Nam.”
Nomtha: ”Andiyazi.”
Nomtha: ”Ndiyakuthanda.”
Unqwalile.
Ndimi phambi kwakhe endijongile eserious. Ndimncumele kancinci. Ndahamba ndaya endlini walandela
apha emveni kwam. Sitye kunye ngokuhlwa. Ebefunqulwe nguye umntwana. Ibingekho into yokuba
akutyiwa etafileni ke apha kuba besiqhuba indaba. UBisola esincokolela ngokukhula kwakhe eNigeria.
Ebeyithethiwe nguSimba ebegxeka ilali zabo. Esithi ezakhe zibhetele kunezika Bisola. Besilalise indlebe
554
ke nathi siyihleke. Ngenye imini bendibawela ukuke ndiye nam. Ndizibonele yonke lento bebethetha
ngayo. Bendibawela nokuya eZimbabwe. Noba andiyanga kuloSamora ndiphelele edolophinu yakhona.
Ndike ndinyathele umhlaba wokhokho bam.
Sitye sagqiba ndayohlamba umntwana. Besesihlambile thina. Umama ebelala msinya ke yena, uMiracle
esagoqomisa izitya yena. Ndingene kulakamire bendileli kuyo ngelaxesha bendizise umntwana. Ibingalali
mntu, uSimba elala kwenye. Nditeketise umntwana wam wade wabiwa bubuthongo. Usokolisile kuqala
kodwa wade walala.
Besendibiwe bubuthongo nam ndeva kunqonqozwa emnyango. Iknock yakhona ibisebeza- ukuba
ibikhona lonto. Intliziyo yam ibethele phezulu kuba bendiqonda ukuba ngubani.
Ebemi ngaphaya komnyango enxibe ushorti wepyjama nesikipa sakhona. Ebehamba ngenyawo phantsi.
Nomtha: ”Oh?”
Utsho endibamba izidlele endiphuza. Kulamnyango. Ndimvumele nam ndajikelezisa ingalo entanyeni
yakhe izandla zakhe zandibamba impundu engena ngaphakathi. Kuvaleke ucango emveni kwethu.
Bendimfuna kwamna kodwa ndizivalele umlomo wam. Ndimphuzile wabe ehlisa iunderwear yakhe
nepyjama. Undifunqule wandinyusela phezulu.
Nomtha: ”Umntwana!”
Simba: ”Akazuvuka maan and sizomva xa ekhala asiyiYiphutha. Yima ndijonge icoast.”
Uyokroba emnyango wandikhweba sankcunkca ukuya kweyakhe ikamire. Bendisayihleka wabe sekum
endiphuza endinyusela phezulu kwakhona. Ebemi nkqo! UDiba. Eqine elilitye lenyengayo. Bendimfuna
kum kwamna. Ukuba naye bekufana nokubuya endlini emveni kwemini ende emsebenzini okanye
empangelweni. Elikhaya.
Undigibisele ebhedini wabe sele ephezulu kwam. Undingene ngoko nangoko emgakhange alumnkise.
Foreplay for ubani?!
Undingene nzulu waphinga wangathi uyaphuma waphinda wazifaka nzulu. Bendikhala ndingayazi
nokuba ndibambelele ndawoni. Ndijikelezise izandla zam entanyeni yakhe ndimsondeza kum. Esifubeni
sam. Uqhubile ukundingena nzulu. Ebengacengi. Engaceli. Ethatha nje ngobundlobongela bebuqhutywa
555
kukundigqibela kudala. Obunye mhlawumbi ikukuba njengoba ebesitsho 'ndinikise ngezinto zakhe'.
Ebebetha kwi g-spots. Ngoku andibonayo ukuba ndiyangcangcazela angayeki. Eqhuba ngesantya esinye.
Inoba umntwana ebeyibona kele.
Usukile kum wanyusela impundu zam phezulwana engena ngamandla ongezekileyo. Ndibambe amashiti
ndisakhala kuba bendikufuphi kwakhona. Ndithe sendifikile ndabe ndibuva ubushushu ekhuphela kum.
Uwele esifubeni sam engenaxesha lokuba uyandisinda okanye usinda umntwana. Ebephefumlela
phezulu, sobabini besiphefumlela phezulu.
Simba: ”Ndiyakthanda.”
Nomtha: ”Anditsho.”
Utsho endiphethula ndamzela ngomva. Oh bawo ebezondibulala ke ngale kuba ibingena iyotsho
kwisazela.
Simba: ”Wenza lento nenye indoda. Indoda engendim. Umpha izinto zam. Umvumela akubambe kanje.
Umvumela akubone ngokuhlobo. Ebemnandi?”
Nomtha: ”Hayi!”
Nomtha: ”Ewe!”
Akubanga kudala kakhulu wabe sephefulela phezulu apha ecaleni kwam. Undiwolele kuye.
Simba: ”Umhle.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”Ndikthanda ngetliziyo yam. Ndinethamsanqa ukuba nawe ebomini bam. You make me so much
better. Ndiyaxolisa ukuba ndikuvise kabuhlungu. Ayikho into ezweni, ebakuleke ukogqitha wena. Uyinto
556
yonke kum. Yonke lento ndiyenzayo ndiyenzela wena nabantwana bam. Ndiyanithanda. Ndixelele ukuba
awusoze undiqumbele ixesha elide. Andifuni ungakwazi ukuthetha nawe xa ndikukhumbula. It's foreign
into yokungakwazi ukuthetha nawe nanini na.”
Simba: ”Andisoze.”
”Nindixelela ukuba animva umntwana lo ukhalayo naNomtha noSimba?! Akhale kangaka umntwana!!”
Simba: ”Ndizomhoya!”
Bisola: ”Tyhini Bawo! Ningalali naye nje umntwana okanye nimse kuMiracle ukuba uyaniphazamisa?!”
Bisola: ”Simba!”
Ndiyihlekile kwamna.
557
SIXTY-EIGHT
”UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho.
Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho,
umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.
Undilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam, Uyithambisa ngeoli intloko yam, Indebe yam
iyaphalala.
Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, Ndihlale endlwini kaYehova
Imihla emide.”
Simba: ”Amen.”
Ibikukundihlupha.
Simba: ”Kanti wena wazi imimoya engendawo nemililo? Yiyo into ubuyifunda ebhayibhileni?”
Nomtha: ”Mhhh.”
Simba: ”Khandiphekele kaloku baby, ndigqibele kudala ukutya ukutya okuphekwe ngumnkam.”
Simba: ”Ndikhetha ukutya okutshileyo okuphekwe ngunkosikazi wam kunokutya okumandi okuphekwe
nguMiracle.”
558
Nomtha: ”Ncoooo ... so ndim lo opheka ukutya okutshisiweyo? Phakathi kwam nawe ngubani umntu
opheka ukutya okutshileyo?”
Simba: ”Kodwa mna ndinomsebenzi wam endiwenzayo nendilungileyo kuwo hayi izitya. Ulumbambo
lwam, kwathathwa ibambo kum-
Nomtha: ”Uyindoda yasebhayibheli wena kaloku sekuthathwa imbambo zakho. Awunambambo zikum.”
Simba: ”Ndenza umzekelo. And kaloku bekungenothandwa ibambo zawo wonke amadoda. Zathathwa
kukhokho. Onke amadoda emveni koko ashota ngembambo kuba zithathwe nini.”
Simba: ”Kweyiphi iCawa ungakhonzi? Wayigqibela kusaphila uSamora wena iCawa. Ungumhedeni.”
Simba: ”Okay kuright, hamb'opheka ke umyeni atye ukutya okuphekwe ngunkosikazi wakhe.”
Nomtha: ”Kumnandi kodwa ukuba yindoda. Besipetsulusana sobabini ubusuku bonke kodwa wena
uzongqendeva kubuye uYesu. Kumnandi sana ukuba yindoda.”
Nomtha: ”Hahahaha!”
Simba: ”Ihamba njalo kaloku. Nangaphandle koko andiqondi bendinophinde ndinxibe lampahla.”
Simba: ”Wayesefile lamntu. Ngumntu ebesebenzela mna, qha wabayimpimpi ke kuVenus watshaba.
Umzimba wakhe wafunyanwa ngabantu bakowabo, labhokisi ayinanto. Sawukwenza imbiza yokuhlamba
nje mhla ndaphuma elubhacweni. Sendingxamele ukubuyela ebomini bam. Le yona into
ayindisebenzeli.”
559
Nomtha: ”Ingase umntwana afike sewuyiqoshelise yonke lento.”
Nomtha: ”Ndinjani?”
Nomtha: ”Akusemnandi.”
Ndiqale ndayohlamba kwishower ndaya ekhitshini sendinuka fresh. Bendinga funi ukunukisela abantu
ngendoda nesilalo.
Nomtha: ”Molweni!”
Sana! Ugogo kamntwana wakhetha ubundlobongela ekuseni kuvukwa. Bekunuka kamnandi ekhitshini,
kunuka ikofu. Bekuhwlihlwizisa nebreakfast.
Nomtha: ”Usalele.”
Bisola: ”Kulebhedi inje?! Ukuba uqengqekile wayonkule phantsi nizothi beningenwe yintoni ukulalisa
imveku yodwa! Hayi ningasenzeli lomasikizi thina. Uphi yena lo unguSimba wavuka emini namhlanje?”
560
Nomtha: ”Okay.”
Kumbhakrazwe ucango seva ngoSimba ecula u'Let me hold you tight' akavela ngapha. Kukhale amanzi
wabe ebetha nekwelo caba udikwe kuyibalisa kuba ebengayiculi nokuyicula lengoma. Inoba ebekhala
uLuther kulandawo akuyo.
Uphume sendigqiba ngebreakfast yakhe. Ndimthe krwaqu esiza enxibe iswimming trunk nevest.
Bisola: ”Mkru!”
Bisola: ”Bazophekelwa ntoni abantu aba bazayo usalibele kukugigitheka into engekhoyo.”
Bisola: ”Ukhona uMiracle, ukhona uNomtha. Andizube ndiphithizela ekhit- umntanam uvukile!”
Simba: ”Iglow sewunayo, kushota nje utyebe. Ukuhlala apha kona akuzukwenzeka baby. Andinanto
endidibanisa neKapa mna. Ndifuna impilo yaseRhawutini ekhawulezileyo. Ifast lane yobomi. Hayi apha.
Apha kuright xa uzothatha umhlala phantsi. Abantwana bam bese university, mna nawe sizipholele
kamnandi apha. Sihambe ngaze imini yonke. Sex on the beach yemihla mgemihla.”
Simba: ”Nasekhitshini.”
561
Nomtha: ”Ungayikhwazi leyo uzosibethisa ngomamakho.”
Nomtha: ”Ukucinga ukuba bendinga soze ndiyenze kwakhona yona lento nawe ..”
Simba: ”Andika ngxameli unguganga umhlaba ngesifuba. Sizokwenza ezinye imemories ngaphezulu
kwezi.
Ndayibona ivideo uMalik efunda iletter yakho. Wabhala kamnandi sthandwa sam, kwakungathi ndife
manyani ingazomosha amazwi amnandi kanjeya.”
Nomtha: ”Mxm.”
Simba: ”Enyanisweni wabhala kamnandi. Ndifuna undibonise ke yonke into oyibhale phaya.
Olwathando. Ungabi nazikrokro mhla ndatshaba nyani.”
Ndiphunge ikofu yam andamphendula. Uphekile uMiracle wabe uSimba eyolanda abantu e airport.
Ebengazuphuma emotweni kwaye enxibe ukuba angaqapheleki. Umntu omaziyo angacingi ukuba nguye.
Bendicleana mna kodwa sendigqiba. Andithi bendifuna uMiracle apheke kuba nguye umntu ebepheka
kamnandi.
Nomtha: ”Nank'tat'uMahonono.”
Nomtha: ”Oh linene ke lonto. Uphethe icheckers. Caba uthi akanoza ephaca.”
Nomtha: ”Ewe.”
Bisola: ”NguZama.”
Bisola: ”Bahle kaloku abantwana bakaMamnkeli. Bapakanyelwe. Mhle umamabo, mhle utatabo.”
Nomtha: ”Mmmk.”
Uyazazi ebunzulwini bentliziyo yakhe ukuba ebefuna ukuncoma indo! Qha ke wonqena ibengathi. Nathi
sithule senza ingathi asazinto kodwa! Mh!
Ndisukule efestireni bakusondela nganeno. Unqonqoze nje ngomlomo engena ngaphakathi. Ibithe chu
emveni kwakhe intombi yakhe. Ingathi liqheta elithile. Qha emile is'Amanda du pond. Mna bendislender
kodwa noko bendingekho straight. Ebemhle maan ingathi ndimgamosulela nangelibala lam limnyama
ukuba ndingambamba. Uncumile, namazinyo la emahle.
562
Babulisile baya kuBisola bayombulisa encokola naye uZama.
Mamnkeli: ”Ninjani kanti nino mazala wakho? Ninikwa amagama, isidima. Kodwa nisanyanzelisa ukuba
nizibize ngamagama asemakwenu.”
Bisola: ”Uyandazi kemna ukuba ndayikhaba kwakudala into yalaNomanyano wegama. Ifani
ndayitshintsha kwanela. Andizuthi ngoba nditshatile ngoku ndithathelwe ubumna. Igama nefani?!”
Zama: ”Ingathi ufana nobhut'Simba nje wena. I'm a hugger kemna. Awusanuki kamnandi!”
Nomtha: ”Cologne kaSimba, enkosi. Umhle maan Zama. Andikholwa utat'uMamnkeli unomntwana
omhle kangaka!”
Bisola: ”Hayibo ucinga ukuba ufana nabani lomntwana kuba unguntombi kayise. Qha ibala lelika
mamakhe. Mhlophe liqheya kaloku uNoalene.”
Nomtha: ”Liqheya?”
Utshintshe incoko kuba ebekhangeleka engakhululekanga ukuthetha ngonkosikazi wakhe. Andiyazi noba
ebecingela uBisola na okanye ebengathandi ukuba kuthethwe ngaye. Inoba bekunzima kodwa shame.
Zama: ”Kukuba ndinombono wakhe nesa skin tone sakhe ecaleni kwakho. Ibenguwe ke. Inoba ingathi
nikuVogue magazine.”
Nomtha: ”Hahaha! Singaba semntla Africa thina kaloku, kwicase yakhe ke unozala ngowakhona so
kucacisa ibala.”
Bisola: ”Tongai-Matanzima!”
Bisola: ”Ndinabantwana bamantombi ngonyana bam Mamnkeli. Kaloku mna ndizele amadodana qha.”
563
Mamnkeli: ”Ukuphela kwawo.”
Bisola: ”Ja. Mamndlane, khasiphungise notatakho mntwanam. Ndasigqibela kdala isandla sikanesi.”
Nomtha: ”UnguNurse?”
Zama: ”Ewe.”
Asivanga nemoto iduma kwangena uMalik kuqala wasibulisa nje waya kumakhulu wakhe. Kulandele
uSimba noSiyanda emveni kwakhe.
Nomtha: ”Uzondiwisa!”
Uyomnceda ngentyatyambo uSiyanda. Unike ezinye kum ndabulela uLuleka wayonika umama ezinye.
Bancokole ke. USiyanda ubone uZama ngoko wawaqhala wonke amehlo waphinde wazilungisa
kwamsinya ethinta umqala.
Simba: ”Hayi.”
Simba: ”Nop.”
Nomtha: ”Hayike!”
Simba: ”uDearest bawozala wakho ubanjiwe umh twenty minutes ago, andithi baw'uMamnkeli?”
Mamnkeli: ”Thirty.”
564
Nomtha: ”Sukuphosisa!”
Simba: ”Ungachulumanci kakhulu, ndisezoba selubhacweni kuba ingathatha nexesha elide yonke lonto.
Kodwa lomzuzu eseluvalelweni kuzodlala ifilm. Kungcono umama sezofumana okwakhe okuseleyo baby
haha! Uzowa phantsi lamntu. Kungoku usengxakini kuba unike abantu iziyobisi ezingezizo. Ubhanxe
abantu kwaye utmyathandabuzwa. Yibatch yesibini le ewrongo. Masithandaze angafumani bail
kuzongqungqa. Emveni kokuzalwa kwabantwana bam. Nokutshata kwam nawe, this is proving to be the
best day of my life. Uyabona into enje, indibalekisa igazi. Adrenalin rush. Energy 120 baby!”
Ndimncumele nje ndivuyela ukuba izinto zakhe nezicwangciso zakhe ziqala ukuhamba kakuhle. Andiyazi
noba zezindaba bezimenza akhukhumale okanye yile film athetha ngayo esezodlala okanye kukundithi
ncaa na kodwa uDiba omncinci ebemi nqo. Ukuba besingekho phakathi kwabantu.
Siyanda: ”Sincame saxhawula kaloku thina kuba umntu akafuni kusuka emntwini wakhe.”
Undiyekile uSimba ndanga uLulu. Ukhawuleze wandithi nca kwakhona. Undibuze impilo nam ndambuza
waphila ke. Ndibothule nakuZama. Bayohlala noBisola noMamnkeli.
Nomtha: ”Hayibo.”
Undiyekile wandanga kakuhle ke wandikhulula. Silandelene sibambene izandla saya komama noLulu.
565
SIXTY-NINE
Luleka: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Hey.”
Usondele wazochopha ecaleni kwam. Bekubraywa inyama oomama behleli kwipatio. Mna noZama
kunye noMiracle besondlele itowl esantini sizingqengqele simane siyongena emanzini. Nomntwana wam
besihleli naye ngaphandle. ULulu ebehambe nomam'uBisola kunye noMamnkeli besanda kubuya ngoku.
Ndimhlekele nje. Besinxibe ibathing suite sonke. phofu ngaphandle kukaMiracle. NoBisola, noLuleka.
Kuba bebengekho ke bona. Bendiqinisekile ukuba uzotshintshela kuyo uLuleka.
Simba: ”Nomtha!”
Ndiyihlekile.
Singene ngaphakathi endlini noLuleka ndayokhupha ijuice efrijini ndazigalelela ndichopha kwihigh chair.
Nomtha: ”Uright?”
Simba: ”Ndiyaphazamisa?”
Simba: ”Ndiyagxothwa kaloku ndingekathethi. Nithetha ngantoni nodwa nishiya abanye ngaphandle.”
Simba: ”Mhhh.”
566
Uthathe into ebeyothatha ekhabhathini baphuma belandelelana kwakhona.
Nomtha: ”Ndiyamazi kemna owam umntu ngokuthanda indaba. Setshiswa sisifuba ufuna ukuzofakaza.”
Luleka: ”Ndiright ukuba right kona qha nguwe lo ungafumanekiyo. Bendicinga ukuba ubusadinga ispace
kancinci kodwa ndiyabona ngoku ukuba uyandi avoider. Nangoku ndilapha akufani nakuqala wethu,
andiyazi ndizothini kuba izinto zi uncomfortable.”
Nomtha: ”Ndiyaxolisa ukuba ndizenze uncomfortable izinto. Kukuba ndingumntu otransparent mna.
Ukuba into ayindiphethanga kakuhle, noba ndizama kangakanani ukuyizulisela andikwazi. Ndi
confrontational.”
Luleka: ”Oh. Yintoni into engakuphethanga kakhuhle? Yinto yokuba singakuxelelanga ngoSimba?
Because that would be selfish of you ukuba undibeke ityala ngento ibingekho kulawulo lwam. USimba
usicengile, wasicela noSiyanda ukuba singathi vu so besingasoze sithethe thina.”
Nomtha: ”Ayikho ngalonto. Bwnditshilo ukuba umntu endinomqumbela ngalonto nguSimba qha. Hayi
wena, hayi uSiyanda, hayi bani. NguSimba qha. Nditshilo futhi ukuba iyafana nale ndandikucele yona
ukuba undifunise indawo and ungamxeleli uSimba ngobukho bam nobomntwana. Zange uyenze lonto
kodwa wazama indlela zokuba ayazi kuba engumhlobo wakho uSimba-
Luleka: ”Sorry ngokuvakala okungathi ndiba bukhali kodwa enyanisweni andiyazi into ekumele ukuba
ndiyenzile mna kulemeko kuba ayifani tu nale uyifanisa nayo. USimba ebene lungelo lokwazi ukuba
unomntwana somewhere and nawe ubudinga uncedo lwakhe kodwa unenkani and usokolisa umntwana
kulonto. Nawe umiserable. Ngenditheni kengoku ukuze 'ungaphatheki kakubi'?”
Nomtha: ”Ndiziva ingathi ndikuyeke uhlise umoya kuba uyanduhlasela and andithandi ukubangathi
ndiyahlaselwa. Yonke lento izovele ibe yinto enkulu kunento eyiyo.”
Luleka: ”No sorry, masithethe. Ndizothoba umoya. Kukuba nje ndothukile wethu yiyo yonke into.
Bendiba njengoba sekukhangeleka okungathi umxolele uSimba awuzukususa umsindo wakhe uwuzise
kum. Ube tough kum. Kuba ekugqibeleni umastermind wayo yonke lento nguye. Umyeni wam uyeke
yonke into, nalomsebenzi bekufanele ukuba uwuqalile and nam ndahamba nomyeni wam ndiyeka
owam umsebenzi.”
Nomtha: ”Ewe.”
567
Simba: ”Luleka.”
Nomtha: ”Luleka andixabani nawe mna. And andithu ngewutheni awathini. Andithi ngewu
ngawuyekanga umsebenzi wakho wayoxhasa umngane wenu nomyeni wakho. Andithi ngewushiyekile
apha umyeni wakho engaphaya kwelinye ilizwe. Andityholi wena nabani na ngezenzo zika Simba.
Andizange ndiyenze lonto. Andimoyiki uSimba, ungacingi ukuba ndifuna iweakest link kuba umyeni wam
ndimoyika, andimoyiki. Andithi ngekutheni qha ndithi mna ngendlela ekungakhona nangendlela izinto
ezenzeke ngayo ndibona ukuba mhlawumbi ndibe ne expectations eziphezulu. Ndicinge ukuba
singabahlobo mna nawe, ngaphandle kuka Siyanda noSimba kodwa ndiyaqonda ukuba ndigabadele.
Singabahlobo nje kuba abayeni bethu behlobene ngapha koko asihlobenanga mna nawe and that is
okay. Akhonto iyingqinisise ngokuba ungafouni nakanye, ungazami nokundithumela iSms okanye email
undibuze ukuba ndinjani since ndilahlekelwe ngumyeni. Kuba mna andiyazi ukuba ngumdlalo. I'm
grieving manyani, I'm going through hell and akukho nomntu endimbona njengo mhlobo wam.
Ndiyayibona ngoku into yeKapa neBotswana ukuba bendifuma ukugqumelela imfihlelo kaSimba kodwa
ngelaxesha bendibonwa ndibhanxwa. Mhlawumbi nizikhupha kwiholiday, which is fine. Andithi nguwe
ingxaki, ndithi ndim ne expectations zam mhlawumbi nokugabadela-
Nomtha: ”Si-
Ndigxidike esitulweni ndaya kuye ngaphandle komnyango uphumile uLuleka waya kuSiyanda. Bangene
bancokola bejongene ebusweni.
Simba: ”Ubuthe uzothetha naye, awukhange uthi nizokwazana ingathi ninezifombo. Kuzothwa
niyaxabana apha.”
Simba: ”Ninje nina bantu ababhinqileyo, ni emotional. Anikwazi ukuhlala phantsi nilungise izinto. Ibilula
lento, belufanele ukuba uvele wamxelela no maan Luleka. Ngendlela izinto ezenzeke ngayo ndiziva
okungathi one, two, three. Ngesosizathu ndigqibe ekubeni kubenje. Ungayitsali kude ubengathi
uyatshola. Nigabadele, ninyukelane ngolahlobo. Ningabafazi babantu, ayinasidima tu lento beniyenza.
Awusoze undibhaqe ndikhwazana kanje nomntu. Ayixabanisi lento.”
Simba: ”Andizingeni kemna indaba zabafazi ke. Andifuni noba phakathi kwenu kuba okokuqala
ndizophathwa yintloko ngulomkhwazo wenu, okwesibini kuzoba kubi nje kuba noSiyanda akazuthanda
xa ndiphixa umfazi wakhe. Sort this shit out ngokuthula. Sort it namhlanje. Ukuba aniqhubeki nihlobana
kukungile. Akhomntu oninyanzele ukuba nihlobane.”
568
Nomtha: ”Ebengengo mhlobo wam kwasekuqaleni. Umthetho wam nje andingomntu wabahlobo.
Ndililolo. Abantu andibasondezi lomhlobo kum.
Esinye isifundo abahlobo bakho ngabakho. Ndizivulile ngoku for ubuhlobo ndehlelwa yilento. Kuncono
nyani kube ngalendlela okufanele ukuba kube ngayo. Sidibane xa nikhona nani. Singabina buhlobo
busecaleni. Mna I won't accept mediocrity nakubani. Andinamsindo, andimqumbelanga ndiphoxekile
qha. Kuba bendilindele ukuba uzondifounela wethu, otherwise wandixhasa emfihlweni endenzela yonke
into ndiyabulela kakhulu ngoko. Nomyeni wakhe wayezibambe ngoku kwakhe izinto, engandigqibeli
ntweni. Egqitha kum ngayo yonke into nencinane na. I appreciated that. Ngabahlobo abaright for wena.
Nalento yokuba bashiye yonke into ngenxa yakho bayokulandela ngaphaya eAbuja baright for wena.
Ndiyathemba ukuba bawe uzokwenza lonto ube ngulomhlobo kubo. Ndiyayithanda lonto for wena. Mna
umhlobo wam okwangoku nguwe. Ndide ndizenzele ezam ichomie.”
Undiphuze ibunzi.
Simba: ”Ndiyakthanda.”
Nomtha: ”Namu.”
Nomtha: ”Ndifuna ukwenza umsebenzi wesikolo. Bebenikwe iassignment izolo. Idue ngoMvulo. Ndifuna
ukufika ndiyenze msinya.”
Simba: ”Mntanes'kolo! Bendiba uzohamba noMalik. Uzohamba ekuseni ke uzoba nexesha elaneleyo.”
Nomtha: ”Nam. Inoba ndizoza kulenyanga izayo ngoku. Andifuni ukuquqa apha.”
Nomtha: ”Tu! Ndingxamele ukuba izinto zibuyele esiahelweni ndizovuka ecaleni kwakho mihla le.”
Simba: ”Ndiyakubona. Nam ndifuna lonto kodwa kusekusasa ngoku. Angaphuma ngebail uVenus
kulatrongo okwangoku kodwa ukuphindela uzophindela and he won't serve a full sentence kuba
uzotyibilika awe afe kulatrongo mhla wagwetya. Uzofuna ukuba ngaphakathi ngoku kuba uyayazi ukuba
akukho safe ngaphandle. He's being investigated kuzobonwa ukuba uyifraud yomntu iHawks
569
zimthathele yonke into angabinayo necent egameni lakhe. Ngaphambili kokuba afe ndifuna ukumjonga
phakathi kwameho abone ukuba ndiyaphila. Abone ukuba ndimogqithe kumdlalo wakhe.
Simba: ”Uzophindela eMeadowlands kaloku yena kuba akabhadlanga. Nangoku ebehleli emzini kamama
akacingi ukuba angaphulukana nawe lomzi azithengele omnye. Ikhaya labantwana bakhe? Mxm!”
Nomtha: ”Ndivela nje abantwana abazolahlekelwa ngutata kuyo yonke lonto. Ndiyabasizela. Ngapha
ezizibhanxa zimbini zibamoshele kuBisola. Andiqondi bawuze bacaceleke kuye.”
Nomtha: ”Oh! Mna andisoze. Intliziyo yam ayintlanga lomhlobo! Ephila umama wabo! Uzoyeka ukuba yi
ice princess aphakame kwesasitulo siphezulu aphande. Angalindeli ukuba umama athathe inxaxheba
kwakhona emveni kwayo yonke into amdlulise kuyo.”
Bisola: ”Umama unoxolo. Akana nqala nje ngawe. Nam mhlawumbi, kodwa ngendlela endibona ngayo
uworse wena.”
Nomtha: ”Inoba kufuneka ndenze njani mhlawumbi? Ndixolele uVenus? Kuba nguye kuphela umntu
endimthiye ngentliziyo yam yonke.”
Simba: ”Nam andinalo uxolo lalanda. Andizuphumla de agange umhlaba and ndizoqinisekisa ukuba
ndiyayityhila lobhokisi ndimtswebe, ndimhlabe ngencula ukwenza sure uba nguye. Ndimfake twelve feet
under. Andinoba nangxaki ukuba ugronjwe ndim lomngxunya. Andisakhathali noba kuzova bani
kabuhlungu nokuba kuzochaphazeleka bani. Uthumele umntu andibulale esazi kakuhle ukuba
ndinabantwana, ndino nkosikazi. Ndizalwa nguye. Ndizothandaza mva ngeso sono, ndingxengxeze
kwizinyanya ukuba ndiplote ukufa kuka tata, kodwa ndawuze ndibhiyoze ngalomini.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Awunantloni!”
Simba: ”Hahahaha!”
570
Ndihambile ndayohlamba ndagqiba. Ndinxibe ijoggers nesweater.
Siyanda: ”Ninetlonti.”
Nomtha: ”Uyaphosisa kodwa bhuti, ngamehlo qha into efana noSimba kulomntwana. Ufana
nomamakho andithiJellytots?!”
Siyanda: ”Unomntwana?!”
Simjonge phantse sonke kuba njengomntu oqala ukumbona namhlanje umbuze bukhali.
Ebeseyinkukhu esilwe umlomo uZama kengoku ingathi uphahlukile wazova sethethile engazimiselanga.
Andiyazi noba ibindim na lomntu ebegabadela na. USiyanda naye ebethule ngoku emana kumkrwaqula.
571
Malik: ”Hayibo! Ikum ngoku lento?”
Simba: ”Into ingawe. OMalik sebehlalisana nokuhlalisana, andinokothuka ukuba kungathi gqi umntwana.
Mna umntu angakulinge azise umntwana kum, uyabona ukuba ndise nosendleleni.”
Siyanda: ”Ngowam?”
Zama: ”Ngowam.”
Zama: ”Awunamntwana onam wena. USanda ngowam. Wandizuma wandishiya apho ungabhatalanga
nebill yehotel. Wandishiya enyanyeni. Ndakuxelela emveni kwenyanga wabe ungandazi nokundazi,
ndothuka namhlanje ukuba uyandazi.
Ucinga ukuba ndisemveni kwesentana zakho ndikuxelela ukuba utatam unemali. Uzondibuza ukuba
ngoqakho, ngowakho ntoni? Awunamntana nam wena.”
Zama: ”Siyanda-
Ndichwechwe ndaphindela endlini ndinjani ukothuka. Uyabona lento yokuthanda indaba. ULuleka
ebesiza ngakum.
Ufinge intshiya.
Luleka: ”O-kay.”
Zama: ”Sekutyiwa?”
Nomtha: ”Ingathi.”
572
Singenisene kwabe sekuhlelwi etafileni. Usukumile uSimba wanditsalela isitulo. Ebefunqule nomntwana
shame umntu wam.
Simba: ”Ubuphi?”
Simba: ”Yintoni?”
573
SEVENTY
Simba: ”Uthini umlevo?”
Simba: ”Ewe tyhini. Oko umane uyikhuza kancinci emveni kwedinara nam ndifuna ukwazi lento
uyikhuzayo.”
Nomtha: ”Awuhlambi?”
Nomtha: ”Ndiyabuza.”
Nomtha: ”Hahaha! Ngewusitsho ukuba uyonqena ukuhlamba qha. Ungandi xeleli ukuba ndilipolisa
lamanzi.”
Nomtha: ”Eyonanto ubusemlilweni ke and bendicinga ukuba njengoba ndihamba namhlanje ndingayazi
nokuba ndawuze ndibuye nini. Mhlawumbi, noba zimbini noba zintathu. Ndihamba nasekuseni ke
ngomso sooo ...”
Ndincumile.
Nomtha: ”Akho ensuite kaloku apha, andizube ndiyohleba ebathroom ufundekelwa nangamanzi. Hamba
ubuye.”
Nomtha: ”Ndincunyiswa kukuba uyasithanda isilalo. Sewufuna ukuhlamba ngoku kuba ndithethe ngaso.”
Simba: ”Kuzophela naloncasa kuwe kuba uthanda amanzi ngoku nathi kufuneka siwathande.”
Nomtha: ”Mxm.”
574
Ndiyihlekile ndasondeza ubuso bam kobakhe, saphuzama ixesha elide wahamba waphuma
ngomnyango. Kutyiwe idinara sake sahlalali elounge sidlala usnake and ladder sincokola nokuncokola.
Besifundekela nje iyilonto. UBisola uye wayolala kwangoko, noMamnkeli wahamba. Ebeshiyekile uZama
ezolala noBisola, uSiyanda noLulu kwikamire kaSimba.
Bebesela nokusela ke bona saqonda ukuba makulalwe xa sebefuna ukulala lemidlalo yo truth or dare.
Yhooo ha.a kaloku! Siqonde ngoko ukuba sibizwa zibhedi. Umntwana wethu uthathwe nguMiracle,
andilandulanga ke nam kuba ibizoba ngudulu bhentsu kobubusuku. Bendihlele ukuba ibengudulu
bhentsu.
Ungene enxibe igown yakhe ebephume nayo. Ebesemanzi ke, caba uphume nje akosula akathambisa.
Nomtha: ”Hahahahaha!”
Simba: ”Suhleka.”
Nomtha: ”Yehake mntase bendisa kulevela kaloku. USiyanda wayeke wathetha ngoZama ngaphambili?”
Ufinge intshiya.
Nomtha: ”Yena.”
Simba: ”Akamazi.”
Nomtha: ”Awuse layithi ke nono, bayazana aba bantu. Bazana nasekhukhweni. Izonto zabo zokuntsontsa
zazike zadibana benza umntu.”
Nomtha: ”Ngaphambili kokuba sitye idinara, ngoku kuthethwa ngomntwana kaZama uSanda ndiqaphele
ukuba umhlobo wakho wenene uvele wabonisa umdla kuyo yonke lancoko. Ebede encina naye and
ebethe phatsha.”
575
Simba: ”Ifike ithini kengoku lonto? Akukrokrisi ukothuka ukuba uZama unomntwana. Nam ukuba
bendingazi ngendothukile.”
Simba: ”Sawulwela into yokuba ndithe akabonakali uba unomntwana ngoku? Nawe awubonakali ukuba
ukhulelwe.”
Simba: ”Mhhh. Njengoba bendi satsho. Ebesothuka lonto ke uSiyanda ukuba unomntwana, into
emothuse worse kukuba unathree. Hayi apho ubonwe nangubani- phofu hayi. Akhonto niyiqapheleyo
nina-
Simba: ”Uvele wabona wena mntu wam ukuba one plus one = ikhukho nomntu ecaleni?”
Simba: ”Ndingu munhu wanu. Ndingubaby. Ndingu tata kaZendaya. Ndingumyenam. AndingoSimba.”
Bendinga kwazi nongayihleki. Hayi mntakabawo ibintsha kraca ke le yokuba ndizobe ndimbiza
ngeziteketiso. Into angayifuniyo kubizwa ngegama lakhe. As of ngalamzuzu. Kuba bendiqhelile ukumbiza
ngegama lakhe elikwi ID yakhe. Andiyazi umfeketho lo.
Nomtha: ”Okay baby ke. Hahaha! Yehake mhlola. Bendiphi kanene? Oh ja, mna bendibahoyile ke
ndimamele nencoko yonke into. Nebody language yabo. Ndiqaphele kwa umothuko kaSiyanda ukubona
uZama ukuba something is beating the water apha sana-
Nomtha: ”Nqo! Kodwa ndiphinde ndithi hay maan Nomtha, uyagabadela wethu. Inoba wothuswe
bubuhle kuba Zama ke kuba mhle ubaby girl. So wothuka lonto yomntwana ona three. Ndiqaphele
ukuyelelana kwamagama ke uSiyanda noSanda. Nditsho nakuZama uba maan sis'fanakalo-
Nomtha: ”Emveni kokuba nditshilo ndibone uba maan utshintshe worse uZama-
576
Nomtha: ”Ewe baby. Asukume aphume. Utshintshile ke ebusweni. Uthinzile. Izulise kancinci le
inguSiyanda ilandele emveni kwakhe, ndiqonde ndiyalandela kwamna. Ndakunika umntwana,
uyakhumbula ndithe ubambe umntwana?”
Simba: ”Andisakhumbuli.”
Ngokulandela intetho yabo ke babewinene, indoda yavuka yahamba ingabhatalanga kwa hotel leyo
ukuba yayiyi hotel. Shiyiyane umntwana bantu. Waxhumana naye ke wenza ingathi akamazi umhlobo
wakho njengoba bezodibana apha ngoku. Three year later.”
Simba: ”Mna ndisothuke yilento yokuba kubo bonke abantu anodibana nabo udibene noZama,
umntwana kaMamnkeli. Kungenzeka ukuba ngu-
Nomtha: ”Banaye?”
Nomtha: ”Banomntwana?”
Simba: ”Wawuke wambona kwawena Nomtha andiyazi ulibele nje. Banaye, uadopted yena kodwa
ngowabo.”
Simba: ”Hayi. Ndiyayazi ke leyo. Hayi lentsomi undibalisela yona. Kudala bazama umntwana. Bazama
nezizinto zakhona kodwa akanabo uLulu.”
577
Nomtha: ”Kaloku 'wayengayazi nalentombi'. Ndiphoxekile mna shame. Ndiyayazi lento ukuba noba
ingazubhidliza- mhlawumbi umtshato wabo kodwa uzawushukuxa.”
Nomtha: ”Rhaaa! Ufanisa into engafaniyo. Ubufile wena. Andiphumanga endlini ndisiya kwi 'business
trip' eKapa ndikushiya endlini mna, ndafika ndafuna istocko for the duration. Ukxezezile qha uSiyanda
and kukho umntwana ngoku. Kuzonyanzeleka axelele umfazi wakhe ke ngoku kuba seyazi. Akanofihla
umntu wonke! Soze. ULuleka uzawukophuka bawo yhini lendoda ukona into entle kangaka?!
'Oh kuba ndinge bantwana mna, ndizokwamnkela. Kuba amdizumnika abantwana' uzocinga njalo uLulu.
Maan!”
Nomtha: ”Abe exelelwa ngubani? Kuba nguwe qha oyaziyo ukuba ndiyayazi, ngaphandle kokuba
uzontyiloza ntakana.”
Simba: ”Andizuthetha uyayazi lonto. Andingo mfazi mna. Kodwa ukuba ibindim uLuleka bendizolindela
ukuba undixelele.”
Nomtha: ”Asihlobenanga lomhlobo noLulu. Ndiyayazi ukuba ungamithisa akasoze andixelele. Akanobuza
noba ndinjani.”
Nomtha: ”Andizumxelela. Nangaphandle kwayo yonke into, bendingeno mxelela. Wena thetha notshomi
wakho uthi ubavile. Uthi ubuyochama ngaphandle wabeva bethetha. Umxelele ukuba ahlambuluke.
Abone lomntwana, azixele emfazini abe ngumzali kula mntwana.”
Nomtha: ”Andiyazi kodwa ndiyayazi ukuba uSiyanda uthe gabhu enyuleni. Imbi maan yonke lento kodwa
ekugqibeleni kuzofuneka ithethiwe. Seyazi ke ngoku makaqale athethe. Bawo wam inoba unabantwana
abangakanani kulo nto yakhe?”
Simba: ”Mayibe ngowokuqala nowokugqibela lo. Mna andizumbuza nto uSiyanda. Ndizomyeka nje
kodwa ndiyayazi ukuba uzothetha nam and ndizomcebisa kakuhle. Ndizothetha inyani qha, kube kuye
ukuba ugqiba entweni-
578
Nomtha: ”Hayibo! Sunxiba, usanxibela ntoni?”
Uqabele phezulu kwam ndangqengqa nam ndijikelezisa izandla zam entanyeni yakhe. Nemilenze
esinqeni. Amasango inene, ebevukeli. Hayi hayi hayi iyohoo Amen!
Ebengekho rhabaxa kuba engafuni ndifundekele siviwe ngabantu. Bekukhangeleka okungathi amadonga
la awadekanga lomhlobo.
Ndothuke kuqala ekuseni kuba bendinexhala lohambo. Bendingafuni ukushiywa yiflight yam ke.
Ndithe ndisukuma wanditsala enditsalela kuye. Senze omnye udulubhentsu. Imnandi ke ekuseni. Nanini
na phofu kodwa ekuseni.
Simba: ”Hayi suka. Yiba nguwe qha ungabonisi ukuba kukho into oyivileyo. Ungalandeli mntu namhlanje.
Ngekungcono ukuba awuvanga nto.”
Simba: ”Hahaha!”
Ndiyohlamba ndagqiba ndinga phazanyiswanga kula bathroom. Bendine xhala kubekho umntu ofuna
ukuntsontsa okanye enze unumber two. Ndinxibele kwaphaya. Sendinxibele indlela. Emveni
kwebreakfast bendiyinquntsa. Ndiphume kusiza uZama enxibe uonesie.
Nomtha: ”Morning!”
Nomtha: ”Kutheni kakade unga sebenzisanga ibathroom yakhe kuba ubuleli naye?”
579
Nomtha: ”Uzonukisela thina apha?!”
Zama: ”Hahahaha!”
Akhonto ibimbi njengokuba ndodwa. Ibingase ndingabuyi esikolweni kuba bendiyazi ukuba ndizobuyela
emadongeni. Yiyo into ibindenza ndifune ukukrwitsha esasikhubekiso sezim singuVenus. Kuba ibingu
msebenzi wezandla zakhe ezimdaka ezi. Ebengayifunanga ibail, njengoba ebetshilo uSimba ukuba
woyika ukubulawa ngaphandle. Ebeziva ekhuseleke ngaphakathi caba. Ebephandwa nokuphandwa.
Amashishini akhe asemthethweni afihle okanye aquma la angekho mthethweni. Ibingathi kwenziwa
kade kum maan kodwa bendizifundisa umonde.
Khange ndibe nangxaki noLamar. Ebeqinisekisa ukuba uhambela kude nam. NoSimba besithetha
phantse oko ngomnxeba. Bekungonelanga wethu kodwa bekungafani. Kodwa bendifuna ubomi bam
bunuyele esiqhelweni. Le yona ibingeyiyo, tu.
Bendisenza amaqanda kuba ndonqene ukhupheka. Amaqanda nerussian nesonka. Ne cheese- nayo
yonke into ibingachasi kakhulu. Akukho nto bendingayitsi.
Ndibaleke ndayothatha iphone yam eroomini. Bendilindele ukuba ibe nguSimba ke kuba besingekathethi
namhlanje. Ebexakekile ukumfounela kwam wathi uzobuyela kum. Bendothuswe nangulomntu
ebendifounela kuba ukugqibela kwethu ukuthetha saphazamiseka singekagqibi. Ndingekathethi kakuhle
naye.
Nomtha: ”Hello.”
Luleka: ”Andiyazanga uku- andiyazanga ukuba ndiyephi. Ndilapha ngaphandle. Andiyazi ndiyephi-
ndivele ndazibona ndilapha-
Bendimvela maan!
Luleka: ”Nguye lo through thin and thin? Ubetter for worse? Yhooo hayi!”
Rhaaa uSiyanda!
580
SEVENTY ONE
Luleka: ”Abuhli nobubuthongo.”
Nomtha: ”Ndibuncamile mna ndazobukela ezi reality show zababafazi abanemali. Ndikwenzele itea?”
Luleka: ”Bendicela ungamxeleli uSimba ukuba ndilapha. Uba angafouna, ndiyayazi uSiyanda uzothumela
yena akubuze.”
Luleka: ”Uxolo ngoku gibiseleka apha. Ndivele ndacinga wena, ndiyayazi ukuba ubuthe sihlobene
ngoSimba noSiyanda qha.”
Nomtha: ”Ungazilambisi ke tana. Kungcono ukutya kakhulu utyebe kunokubhitya. Kunzima ukubuyisa
igazi.”
Nomtha: ”Huh?”
Besithetha endizele ngomva ebukele itivi, uphethukile wandijonga. Ebebonakala ukuba akakhange
abuthi qwaka ubuthongo. Namehlo akhe ebebomvu krwe, kucacile ukuba akakhange ayeke ukukhala.
Luleka: ”Ukuba uSimba angamithisa ngaphandle, ungathini wena? Ungenza njani, ungamxolela?”
Nomtha: ”Yhu Lulu andiyazi. Senditsho kulula ukuthi ngoku ndingathi ndithi, kodwa xa sele isenzeka
into- andiyazi ndikuxelele.”
Luleka: ”Wandijolela uSiyanda, kwezi trips zakhe wandijolela. Uthi yinto yakanye le kodwa ndiqinisekile
ukuba akuphela komntu abe nale 'one time thing' naye koluhambo lwakhe. Mhlawumbi kusezokuthi gqi
amanye amantombi athi anabantwana noSiyanda.”
Luleka: ”Ikhona into endinoyikholelwa ephuma kula mlomo kaSiyanda ngoku? Undijolele wathi cwaka
ngalonto. Ukuba bekungekho mntwana bendizocinga ukuba izonto ziperfect emtshatweni wethu kanti
akunjalo.”
581
Nomtha: ”Andiqondi ukuba izinto kufuneke zingabi perfect ukuze indoda iye ngaphandle. Ungamenzela
yonke into umntu kodwa xa efuna ukudyola uzokwenza kanye lonto. Umtshato wenu ngokuno kwam
uperfect, qha ingxaki nguSiyanda. Klaar!”
Ndiyithathile ndayiyeka yaringa yade yacima. Iphinde yaqala ekuqaleni ukukhala ndayiphendula.
Ndiphendule sendithethela phantsi okungathi ndothuka ebuthongweni.
Nomtha: ”Baby.”
Simba: ”Ulele?”
Simba: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Yintoni?”
Simba: ”Akakho apho uLuleka? USiyanda ukhathazeke uyafa ngaye, akamazi ukuba uphi. Akukho apho
angamkhangelanga khona.”
Uphefumlele phezulu.
Simba: ”Baby, uSiyanda ukhathazeke kakhulu ngoLuleka. Umnke enomsindo kakhulu kwabo-
Nomtha: ”Wayaphi?”
582
Bendingeno ngayihleki. Yehake thimla okanye ukhohlele. Tyhini bawo nditheni ndixhwiliwe na
sendisenza isigns. Heheheh!
Nomtha: ”Xelela umhlobo wakho ukuba uLuleka akakho apha kwam and inoba akafuni amazi- phofu
kucacile ukuba akafuni amazi, kuba ukuba ebefuna amazi ngemfounela amxelele ukuba uphi.”
Simba: ”Ungazingeni Nomtha izinto zabantu ababini, zizojike zishiyeke nawe ngomso. Ukuba ulapho
uLuleka yitsho uSiyanda azomthatha balungise izinto. Sukuba ngumqobo-
Nomtha: ”Kwam? Akazungena nakula gate ke kuba ungena ngemvume yam qha. Mxelele aze.”
Simba: ”Tsekh!”
Nomtha: ”Ndiyakukhumbula.”
Simba: ”Ja ungazotsho ngo 'nam' obandayo apha. Lala ke, sawuthetha ngomso.”
Nomtha: ”Okay.”
583
Nomtha: ”Phofu. Kodwa andizuthumela photo mna.”
Simba: ”Ndiyak'cela.”
Nomtha: ”Sithunywe nguSiyanda esisi tunxa. Uthi ukhathazekile ngawe, kudala ekufounela.”
Luleka: ”Mxm! Ebeyondijonga kwtshomi zam. Ndifumana imessages bayandibuza uba ndiphi umyeni
wam uyandikhangela.”
Uncume kancinci.
Nomtha: ”Ndiphambene mna? Uright aqwayiteke atsho abhadle kakuhle ubhut'Siyanda. Makahambe
ayolala akunike ispace ayeke ukuziphambanisa apha abe esenza ingathi uxhwiliwe kodwa uziphumele
ngoku kwakho. Sekufuneka kusizelwe yena ngoku ukuba argh shame ukhathazekile ngawe?”
Luleka: ”Ndiyabulela Nomtha. Andikaku lungeli ukujongana naye okwangoku. Ndisafuna ukuke
ndiphozise ingqondo ndicinge kakuhle ukuba ndizothini ngoku. Umama uzondilanda ngomso.”
584
SEVENTY-THREE
Siyanda: ”Khawu yomjonga Nomtha.”
Siyanda: ”Sh*t!”
Siyanda: ”Sh*t!”
Unqwalile.
Nomtha: ”Awulambanga? Sendisitya kakhulu ngoku xa ndine stress mna, ndayeka ukuzityisa ngendlala.”
Siyanda: ”Ndilambile. Ndigqibele kudala ukutya. Ingase ingabiso sonka ke. Irice bhetele.”
Nomtha: ”Irice?”
Nomtha: ”Hahahaha!”
585
Nomtha: ”Khawuhambe sibone.”
Uzicengile wayonqonqoza wazingenisa. Andiqondi ukuba ebehoyiwe. Ndibe ndibeka imbiza mna
lomzuzu, ndabe ndiziphakela imuesli ukubambisa nje kuba bendilambile kuxukuzela amathumbu.
Siyanda: ”Ewe, uthi ndimlande. Ndicinga utyiwe zintetha zikamama zokuba nalo 'simthengileyo'
umntana asihlali naye.”
Nomtha: ”Umuncu kwangokucinga ukuba umntana uthengiwe. Angakulinge anenze nizisole ngento
enimenzele yona lamntana.”
Siyanda: ”Andisoze ndazisola mna ngalamntwana. Akakho umntu ezweni onondenza ndizisole,
ngakumbi uMadosini.”
Nomtha: ”Hayibo!”
Siyanda: ”Ja.”
Nomtha: ”Uzithetha kanjani maan izinto ezinjeya emntaneni wakho omzeleyo? Akulunganga kwa konga
mzelanga, azilunganga kwa. Kodwa owakho! Hayibo!”
Siyanda: ”Lide ibali. Kodwa akhonto yothusayo, umthetho wakhe unje. Ungqabalala unje.”
Nomtha: ”Uyakhonza lamntu uthakatha emini? Ndimve ethetha ngabantwana babafundisi ebekufanele
ukuba batshata noLuleka.”
Siyanda: ”Bayakhonza kwinkonzo yosindiso. Kodwa icawa yona ayinanto Nomtha, into isemntwini.
Ubugqwirha bukula mama, hayi icawa akhonza kuyo.”
Nomtha: ”Kakade. Undicaphukisile mna uyazi. Kodwa ndikuxelele mna Siyanda ukuba ibingu mama wam
lowa ngendim guzula mna ebomini bam. Ndizixelele nje ukuba andina mama qha ke. Nawe kwilixa
elizayo ungabe ufounelana naye kuba uyayazi uyityhefu enjani kusis'Luleka. Ngaphandle kokuba injongo
zakho kukuxhelisa umphefumlo kaLulu ngaye. Ningaqalisi kwa ukumfaka kwizinto zenu. Abantu abanjeya
boyisa nemithandazo, akukho nto inophinde imguqule ngoku kuba sekulate.”
Siyanda: ”Yimpazamo yam ke leyo. Mpazamo leyo endingasoze ndiyiphinde. Kukuba nje bendixakiwe.”
Nomtha: ”Notata kasis'Luleka, kuba uyatsho ukuba ebefounela yena kwasuke kwathi gqi esi silingo sino
nondrokhwe abarhalayo. Ningamfaki maan ezintweni zenu. Uyityhefu yomntu lomama. Yima kancinci
ndisabele into yomntana, akakho right for ukugada umntana ngoku usis'Lulu. Uzokhathaza nje umntana
athi efika afikele kwinyembezi.”
586
Nomtha: ”Undijongele imbiza torho.”
Luleka: ”Mh?”
Ndithinte umqala kuqala. Bendiziva ukuba ndiyagabadela ngokumbuza ngomntwana wabo kodwa
bendiziva okungathi ayiloxesha eliright lokuba athathe umntwana ngoku. Mabajongane nale bajongene
nayo kuqala into. Bangazisi umntwana kwindawo enempixano. Umntwana ebeyiva lonto, xa
kungekuhlanga endlini.
Nomtha: ”Lulu, izinto azikabikho right kuwe nobhut'Siyanda. Wena awukho right. Umntana uzobona nje
ukuba kukho undonakele angakhululeki afune ukuphindela apho avela khona. Kuright ukuba ufuna
ukumthatha kodwa lixesha eli elingekho right. Andifuni noba ngathi ndiyagxuphuleka kodwa ndifuna
umnike the best of you lamnatana. Ungamlandi usaphalala kanje sisi maan.”
Luleka: ”Ndiyakuva.”
Nomtha: ”Alright ke. Ndizobona ngawe xa uvuka ebuthongweni ke. Uze sizobukela itivi.”
Luleka: ”Ndizoza.”
587
Nomtha: ”Kuthwa ndikuxelele uhambe uye kwakho.”
Nomtha: ”Myeke.”
Nomtha: ”Xa ekulungele, uzoxhumana nawe. Unayo inumber yakho. Ingase nibe right, right ke kum.
Angakuxoleli ngoba ecinga ukuba kunyanzelekile okanye kuba ecinga akazulunga komnye umntu.”
Siyanda: ”Ndithandazela ukuba angandishiyi mna. Ukuba yayiyingxaki kum into yokuba engena
bantwana ngendamazisa kwakuqala. Bendiyazi ukuba sizo adopta kube right, noba bendingena
mntwana ongowam.”
Siyanda: ”Ndiyabulela.”
Siyanda: ”Mxm!”
Zimnkile intsuku ehlala nam uLulu. Bendingena ngxaki kuba bendi nomntu wokuncokola xa ndibuya
esikolweni. Ibisisiyalo into yokuhlala ndodwa kunekho Zendaya, kungekho Simba. Kungekho nalo gogo.
Ibingu Lwesithathu ezintsukwini, bendibuye early eaikolweni. Ndibhale nje ndabuya. Bendidikwe
kukufunda incwadi zam, sibukele eza movies zamagweja zinoku thakatha phakathi.
Luleka: ”Mh?”
588
Nomtha: ”Into ndandizama ukuyitsho eKapa kukuba-
Nomtha: ”Andivusi chuku, qha ndifuna ukukuxelela nje indlela endiziva ngayo kuba ndise nenqala
nangoku and ndifuna sibe right ngokupheleleyo mna nawe.”
Luleka: ”Okay. ”
Nomtha: ”Ewe. Ingxaki yam kukuba ungazange undijonge ukuba ndishiyeke ndinjani kuba wawungekho
mos kwi missions zo Simba wena, uhlala ehotel ngeloxesha ngewundi founele undibuze ukuba ndinjani.
Ndishiyeke njani.”
Luleka: ”Ndiyaxolisa Nomtha. Ndandinalo nyani ithuba lokuba ndikufounele, ndikuxhase qha
ndandingeno kwazi. Ndandifuna ukukuxhasa ngentliziyo yam yonke kodwa ndandinga kwazi kuba
ndandizo qhabalaka ngenyaniso. Bendinga soze mna ndikwazi ukugcina imfihlelo ka Simba kuwe.
Kunzima macala kuba kulindeleke uba ndigcine imfihlo kaSima ndiphinde ndikuxhase.”
Luleka: ”Ndiyaxolisa. Ingxaki andina excuse yokuba ndinga thumeli myalezo okanye I email, kuba
ukuthetha nawe ngephone ndandinga soze ndikwazi ukukuxokisela. Ndiyaxolisa. Mna ke ubuhlobo bam
nawe bayeka ukuba ngoSimba noSiyanda ngelaxesha wawu khulelwe uZendaya. Ngelaxesha ndakubona
njengo mhlobo wam. Kuba mna nawe saba nemfihlelo ezingadibanisi mna noSimba okanye uSiyanda.
Ndibe wrongo ngokunga thethi nawe kodwa ayikuba ndixabise uSimba kunawe.”
Nomtha: ”Alright.”
Nomtha: ”Yehake bunzulu bentliziyo. Akukho ngxaki. Ndifuna sibe right qha, noba sihlobene ngokuba
ngabafazi babahlobo ke noba sihlobene ngaphandle kwabo.”
Luleka: ”Andina ngxaki noba sihlobene ngaphandle kwabo mna. Andisayithembi into eyindoda.”
Nomtha: ”Ukuba ubuza mna, yonke lanto ibithethwa ngumama wakho bububhanxa.”
Luleka: ”Kukuba ubomi bakhe bonke wayendibekele umntwana kamfundisi. Mna ke bendingekho apho,
ndamitha ndimithela omnye umfana ndisenza ugrade ten wandikhuphisa isisu. Ndaphinde ndamitha xa
ndisenza uten wandikhuphisa kwakhona. Wayengafuni ndiyohlaba kuba inaliti 'ikwenza manzi'.
Esandibekele umntwana kamfundisi. Wayefuna ukundigcina ndinyulu for yena ngeloxesha yena
umatasa-tasa ngamanye amadoda.”
Nomtha: ”Ugay?!”
589
Luleka: ”Ndikuxelela ukuba nanamhlanje usaphila lompilo, siyathetha mna naye by the way. Uphila
idouble life kuba naye uphilela utata wakhe omfunela ubomi obuthile. Yena uthanda enye indoda.
Ndikuxelela ukuba ngendina londoda mna namhlanje etya macala. Kodwa ndabona uSiyanda
ndamthanda. Wandixelela day one ukuba 'uyabona ke mntana kaThixo, mna ndisebenza lo msebenzi,
ndiyilendoda. Andizutshintsha ubumna for anybody' Nomtha, ndamthandela nje lonto. Ukuba
akazenzanga ngelosi ethile. Kodwa ke eso sigqibo zange simonwabise umama. Nangoku akamthandisisi
uSiyanda, kuba emazi uba unguye. Akafihli nto ngobuyena, qha wenza nje kuba efuna ukonyelisa mna.”
Nomtha: ”Bendizibuza lonto ukuba ngowuphi umzali okhetha icala lomkhwenyana okrexezileyo. Nditsho
kuSiyanda ndithi ningaphinde noba nixakwe ngaluphi na uhlobo nimfake ezintweni zenu. Ewe umntu
akalahlwa kodwa uMadosini yena ufanelwe ngumgqomo.”
Luleka: ”Yayingathi uzode atshintshe ke kum. Qha ndiyabona ukuba akasoze aphinde atshintshe.”
Luleka: ”Yho andisoze Nomtha! Soze! Ndizomxelela notata ukuba uyafuna- ukuba usenomdla wokuba
sempilweni yam angalinge afake uMadosini.”
Nomtha: ”Hayike! Ungalulinge ubuyele kuSiyanda. Mlahle uzohlana nam. Uthathe nomntana wenu!”
Luleka: ”Andiyazi sawukwenza njani kodwa sawubona. Into endingayifuniyo kukuba acinge ukuba
kuright ukundijolela kwakhona.”
Nomtha: ”Kakade.”
Nomtha: ”Andiqondi ukuba uzoba yingxaki. USiyanda uyakuthanda Lulu qha uye wafikelwa bubuhule.”
Uye wafika utata kaLulu. Bendilindele uMadosini wesibini kodwa ebohluke kakhulu kuye, undikhumbuze
uSamora nje ngendlela ezininzi. Ebemthanda uLuleka kwaye emxhasa ngento yonke. Elindele
ukumqubula aye naye kowabo ukuba ebefuna lonto, qha uLulu ebesefuna ukuphindela emzini wakhe
kumyeni wakhe uSiyanda. Uhleli nathi imini yonke sincokola. Ebehlekisa nokuhlekisa ke. Uye wemnka
ngoLwesihlanu. Mna noLulu siye sayokondlala ekamireni ka Zendaya salala khona ngoku akhoyo,
ukumenzela igumbi, ikamire benzimbini qha kulandawo yam. Sivuke ekuseni saphekela utata wahamba
emveni kwe breakfast.
590
Nam bendizobuya ndihambe ndiye eKnysna kuSimba. Njengoba ibiyondelelela into kaLuleka bendine
mincili yokuya emyenini wam sichithe impela veki kunye.
Ulandwe kusasa ngoLwesihlanu uLulu. Bendiyawa lova esikolweni, ibingekho into engako besiyesenza
ngaphandle kwe exams ne assingments. Ibingathi andide ndigqibe. Ukugqiba kwam bendizoya eKapa
kumyeni wam nditye iholideyi naye nomntwana wethu. Bendivuyile kuba ibilungile into kaSiyanda
noLulu wethu. Ndibathandazela bangohlukani. Bendiyazi ukuba akusoze kube lula, kusezoba ndima
kakhulu qha ibingase bomelele kuba bebethandana. Kwaye kuthi love always win.
591
SEVENTY-FOUR
Simba: ”Abantu bam.”
Nomtha: ”Molweni.”
Ndimphuzile ndamanga.
Nomtha: ”Indlela endikruquke ngayo ke ndikuxelele! Ingathi andide ndizale. Yhoo hayi ndidiniwe.
Ndidikwa nokuba ndindodwa nje nakwezi check ups. Abanye abantwana bayakhantshwa ngabantu
babo, kubekho mna.”
Simba: ”Ndiyaxolisa ukuba andikwazi ukuxhasa ngalendlela ondinga ukuba ndikuxhase ngayo.”
Nomtha: ”Ihamba njani into kaVenus? Ingathi upholile nje wena ngoku. Imnandi lendlela esiphile ngayo.
Wena ube ngaphaya kwelizwe mna ndibe ndodwa kulandlu.”
Nomtha: ”Iyandidika maan mna yonke lento. Kwakunini! Iyatsala yonke lento maan ingathi upholile!
Usonge izandla upholile. Makude kubekho into eyenzekayo sizoqhubeka kakuhle nobomi. Ndizohlala
nomntwana wam. Kufuneka ndibe ndithetha naye efounini, ndimbona ngaphaya kwescreen. Andiyazi
noba uthanda ntoni, nokuba akathandi ntoni. Ndingu mama nje ngegama and mna umntwana wam
ndifuna ukuzikhulisela.”
Nomtha: ”Ndifustrated ingxaki yam. Kucacile ukuba ubuzophola kulaNigeria ndibe ndixhwaleka mna
ndodwa apha. Kuba upholile ngoku. Umnandele yimpepho yaseKapa. Uyibele shici into ekufanele ukuba
uyenze.”
592
Simba: ”Khawuhlise umoya. Kutheni ufuna sixabane?”
Nomtha: ”Andifuni sixabane qha ndifuna ubomi bam back. Ayondlela endifuna ukuphila ngayo le mna.
Ndifuna ubomi bam mna Simba.”
Ufake ibag yam ngemva emotweni wakhwela ngaphambili ecaleni kwam. Undincede ngeseatbelt le
bendijijisana nayo.
Simba: ”Andifuni sichithe lempeveli siqumbelene. Andikubuzelanga uzondiqumbela apha. Ugqiba nini
ukubhala?”
Simba: ”Ngoba?”
Nomtha: ”Lungisa lento kaVenus, Simba. Kucace icala kube kanye. Lungisa lento ka Venus. Kwakunini
ngoko. Kwakunini.”
Simba: ”Andihlelanga nje! Ndiyayilungisa, ukuba ubuke uthule undimamele kancinci ubuzova ukuba
ityala lisaqhubeka and ingekapheli leveki uzoba nengozi phaya etrongweni. Bendinga funi ukumenza nto
ingekabi final into yolwahlulo lezinto nomama. So umama ufumene isixa sakhe. Indlu ke yona yeye
stake. As of izolo kufreezwe I accounts zakhe ne offshore accounts. Yonke into yakhe yeye state.”
Simba: ”Ewe kaloku xa ungabhatali netax zizothathwa izinto. Mna yonke into yam elegit ndikwi process
yokuyi thumela kuZendaya noMalik. Zingabi segameni lam.”
Nomtha: ”Mna?”
593
Nomtha: ”Andiqumbelanga nto engekhoyo, nawe ungandingqinela ukuba ibiqalisa ukudika into yokuba
kubangabikho nkqubela.”
Simba: ”Andikuxeleli kuba ndingafuni ube ndikuxakekisa ngenye into ngaphandle kwesikolo sakho.”
Simba: ”Ngenditshilo.”
Sifikile kulendawo ebeyibookhile. Ibingaxhomisi mehlo. Ibiyilodge nje esimple kodwa intle, izole
kamnandi.
Simba: ”Sizotya.”
Nomtha: ”Ndiyiqondile!”
Uyihlekile. Siyohlamba, senza nezinye izinto kakade. Bendilumnkele ukutyibilika ndiyowa phaya kodwa
ke khange ndityibilike. Senze umjikelo omnye kwi shower, sagqibezela ebhedini. Ndibiwe bubuthongo
wandothusa endincumele.
Nomtha: ”Yintoni?”
Nomtha: ”Oh?”
Nomtha: ”Ndiyavuya nam myeni wam. Yilonto intliziyo yam iba buhlungu kuba ndifuna ukubuka kanje
mihla yonke.”
Nomtha: ”Uyalikhumbula!”
594
Nomtha: ”Yokuba yintombi?”
Simba: ”Khawuvuke siyotya, andizubheja nawe mna. Kuhamba njani esikolweni? Ubhala kakuhle?”
Ndisukumile ebhedini noxa ibingathi silale kanje imini yonke nobusuku bayo. Bekufanele sitye
mntakabawo. Ndikhangele into yokunxiba ndanxiba.
Simba: ”Yilonto endiyifunayo nam leyo mntuwam. Ndidikiwe kukuba nomfazi ose High school.
Undenzela umjojo!”
Nomtha: ”Suka!”
Nomtha: ”It's highly recommended lento. Ndizotsho nditete kakuhle xa kufike imini.”
Simba: ”Ndide andikwazi ukuba unjani xa unga khulelwanga kuba ukhulelwa oko!”
Simba: ”Nguwe ofuna ukubamba mna ngabantwana. Ndakushiya uthi saaa sewugcwalise indlu
ngabantwana.”
Simba: ”Ungu number one wam wena. Asinoxatyaniswa ngabantwana. UNokulunga ebefounele umama
ke.”
Simba: ”Ufuna uncedo kaloku. Uphindele eMeadowlands, akafuni ukuhlala khona kuba bayaxabana
nomama wa-
Simba: ”Akasoze uba uphilile. Indoda isetrongweni ngoku, amahlathi aphelile. Yilonto ndisithi makanga
phumi kwa kulatrongo uVenus kuba uzonyoma afune ukuphuma.”
595
Siyitya kwirestaurant. Ndithenge iburger mna, yena watya isteak. Besityela ngaphandle. Kuzole
kamnandi sizincokolela sibukele nabantu. Ibizizinto ezincinane ezinje bendizi khumbula ke. Ubomi
obuqhelekileyo. Hayi le abe kude kunam. Ibindi phambanisa lonto. Kakhulu.
Siphindele elodge yethu wasela ibeer sabukela imovie. Andiyibonanga naxa iphela kuba ndibiwe
bubuthongo. Undivusile uSimba sahamba sayolala.
Nomtha: ”Yintoni?”
Ndimfingele intshiya ndatyokitya amehlo. Ndisanxile bubuthongo. Ibingeka zinzi nalento ebeyithetha.
Nomtha: ”Huh?”
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Nomtha.”
Simba: ”Ndifuna ukuthetha naye ngaphambili kokuba kucinywe imitshini. Noba akazundiva, ndifuna
ukuthetha naye esaphefumla.”
Simba: ”Bendise trongweni mna? Ndifuna ukuhamba. Abantu bam bathi kungasa ebhubhile. Uxhaswe
ngemachine.”
Simba: ”Ayonto ubuyifuna kanti leyo? Ukuba ubomi bethu bubuyele esiqhelweni?”
Uncumile.
Ndisukumile ndanxiba.
Simba: ”Akuhlanjwa?”
596
Simba: ”Hayi, hlamba Nomtha hayibo!”
Ndiyongena kwishower ndakhawuleza ndahlamba ndayonxiba. Ixhala bendinalo ibingathi ndim lomntu
uvuka ekufeni. Bendiyazi nje ukuba izoba ngumothuko kumntu wonke. Bendivuya ke kodwa ukuba
uzoyeka ukubhaca. Besendikruqukile kodwa yilanto.
Kubheke ubhut'Mluleki kuqala ndambona ekhupha amehlo wonke. Kugxwale uNolukhanyo nabanye
bajonga lento okanye lomntu wothusa abantu.
Mluleki: ”Simba!”
Simba: ”Ufile!”
Umxhumele wanqandwa sisecurity. Andiyazi noba besithake safika kanjani nanini kuthi.
597
Simba: ”Mxm! Hlala apha phantsi Nomtha, ndizobona islerha esizondixelela ukuba ndingaboni uVenus.
Hlala apha. ”
598
SEVENTY-FIVE
Sihleli phaya kude kunabo kodwa singekudanga ngendlela bendinqwenela sibe kuyo ngayo. Ubungeno
yazi into bebenoyenza kuba bebe semisindweni. Ebegqusha unyawo uSimba engakwazi nokuhlala
kakuhle.
Mluleki: ”Isibindi sokudlala ukuzifisa apha kanti ixesha eli lonke ufuna ukuwisa utata, wakugqiba
umbulale! Isibindi sakho. Wakugqiba uzoveza ubuso bakho apha!”
Simba: ”Ndithe mna kuwe ukuba uziva okungathi unegunya ngaphezulu kwam ndibizele amapolisa
azondikhupha. UVenus makatsho ngoku kwakhe ukuba uSimbi Nkokheli Matanzima akavumelekanga
apha, kungona ndizophuma nomnkam. Into yokuzifisa kwam ayichaphazelanga wena nangayiphi na
indlela. Awuyinto wena kum. Andiyonto nabantu abaweak mna. NdinguSimba! Andiyonto namabhetye
bhetye athenga iskelem.”
Mluleki: ”Ukufa kwakho- okanye ukuzifisa kuchaphazele wonke umntu! Ukhathaze umama!-
Simba: ”Bra ndineveki, mhlawumbi inyanga ngoku ndihleli nomama andikamva ethetha ngokuba uke
wamjonga ukuba unjani kuba ubusy uphuzana nentsula zikaVenus. Uyazazi ukuba wamlahla kuphelile
ngawe kuba awumeli nto. Awumeli nto Mluleki. Ungu 'ewe' wendoda engameli nto kuba woyame
kakhulu ngabantu. Uxhomekeke ebantwini ukuze uzise isonka kwakho. Inyukelene nje into yam noVenus
kungoba wena wayothetha izinto wasithela ngegama lam. Nalapho ndakuyeka kuba ndiyakwazi
ulibhetye-bhetye elinga meli nto. Kwaphuma ihit ngegama lam esuka kuVenus, ndide ndaxelelwa ngayo
ngumntu wangaphandle ukhona uyazi ukuba kuplotwa ukuwa kwam. Wathula! Kuba akhonto
uyimelayo.
Bekufuneka kufe mna? Bra ndinomfazi ndinabantwana mna. Ukuba uVenus uzolwa then I show up for
myself kuba mna I talk the talk and walk the walk. Ndiyilondoda mna.
Ndizoveza ubuso bam apha futhi ndifuna ibe bubuso bokugqibela abubonayo, acinge ukuba
uyaphorhelwa. Andijonge apha emehlweni afe ndimxelele ukuba u useless. Ndizohlala apha kwaye
ndizobona, sibone ukuba ngubani unondatshaza ozondinqanda. Njengoba ndingqungwe zipitikoti
necross my body. Ndifuna lo umnye uzondinqanda. Ndilingeni hehe! Ndilingeni.”
Mluleki: ”Awunguye uSimba endikhule naye wena. Awunguye laSimba ndandimnceda ukulungiselela
esikolweni. Ndimmela xa eqalwa ngabanye abantwana esikolweni. Awunguye tu.”
Simba: ”Kungoba ndakhula ndayingonyama wena wakhetha ukuba yikati. Kakade andizoba ngulaSimba
mna kuba ndifunde ukuzilwela nokuzimela kuba kakho umntu ondixhase ngalondlela. Akakho umntu
endinethemba lokuba uzondimela, ndisethele ngaye njengani kuba utata wenu akazange wandithanda.
Zange. Nizomane nisithi ndatshintsha, ansisenguye uSimba endsndinguye ndimncinci kungenxa yenu!
Nalandoda. Nonke! Uzondixelela ukuba andinguye uSimba okhule naye, f*ck that. Awunguye uMluleki
ndandikhula naye. Andisanazi nje nonke.”
599
Mluleki: ”Yonke into katata iwe phantsi. Abantwana abanafa asuka kutata wabo kuba wena
utshabalalise yonke into awacingela bantwana bakatata wakho.”
Simba: ”Kuba yena wabacingela abam abantwana? Abakhe babaluleke kakhulu ukogqitha abam? Heh?
Noba abam abana tata ngenxa yotata wabo owandityela umfazi wandiyeka ndakhulisa abantwana
iminyaka. Watshabalalisa ishishini lam ndinga menzanga nto ngaphandle nje kokuba ndizimele
ndaphumelela ngaphandle kwakhe? Ndangcono kunaye kumdlalo wakhe? Hehe! Hehehe! Ukuba ufuna
ukususa eyam nawe xa kusifa utata wakho Mluleki makuyiwe. Ukuba ufuna ukuba nempi nam
masibephaya, ihlome ihlasele. Kutyiwe efileyo.”
Bukhosi: ”Mayingade ifikele apho. Impi kaSimba notata mayiphelele kuye notata. Bhuti, unga inherithi
impi zabantu ongaxhobelanga ukuzilwa. Kubuhlungu kuthi sonke. Kodwa siyaya ukuba bekufuneka
kubekho ewayo. Besicinga ukuba ngubhut'Simba kwabuhlungu, kanti akunguye. Yangutata. Abantwana
bethu nabo bazawuthatha lento. Nababo abantwana. Yiyo kengoku xa injalo?”
Simba: ”Andinaxesha loxolo lwakho kuba andilucelanga kwasekuqaleni. Andizisoli nganto nangoku.
Ukuba kukho into endizisola ngayo kukuba ingezo zandla zam ezimbeke kulandawo. Ndiyazisola ngoko.
Kuba ukuba ibuzezam ngesesiqalisile ngoku ukwenza amalungiselelo omngcwabo kuba ebengazuku
fumana nethuba lokuza apha esibhedlele. Qha.
Mna ngoku sendibonile ukuba umntu endinaye, usapho lwam ngumnkam nabantwana bethu qha.
Ngabo endikhathalele ukuba baziva njani nokuba bacinga ntoni ngam. Ukuba ibinguMalik othetha lonto
ngendiziva ngenye indlela. Hayi wena.”
Mkhuseli: ”Mna ndicinga ukuba siyekeni ukuthetha ngoku. Kuba hleze sone ngakumbi. Sekonakele ewe
kodwa akukonalakaleli ukuba singakwazi ukulungisa. Lelam. Sothuke sonke ngendlela izinto ezingayo.
Sonke besiqinisekile ukuba uSimba ubhubhile. Samfihla samshiya ekhayeni. Kodwa kubuhlungu ngoku
thina bancinci ukunibona nixhekeka kanje. Endaweni yokuba kubekho uxolo kuba umntu ebephixanisa
nobefaka ithanda kuthi bantwana bakhe akasenawo lomandla, siqalisa ezinye impi.”
Simba: ”Andiqali mpi namntu mna Mkhuseli. Ukuba uyivile intetho yam ukuba ithini ngewuvile ukuba
andizami kuqala qhushululu nobhuti. Niyayazi indlela besisondelene nebesimelana ngayo nobhuti.
Kungangeni namoya ungene ngaphakathi kwethu kodwa undijikele ngemizuzu yokugqibela
wazibonakalisa mpela ukuba ungakweliphi icala lesikali xa kusingela kwelam. Into yam kengoku kukuba
mna Simba Nkokheli Matanzima andina bhuti unguMluleki. Ukuba kukho nomnye ofuna ukuba naye
makenze njalo. Sendilungise izinto noBisola siright. Ndiright nonyana wam nonkosikazi wam. Ngabo
abantu abanondenza ndingalali ebusuku ukuba singangavani. Anibalulekanga lomhlobo nicinga ngawo
kum nina.”
Simba: ”Andizanga kuni futhi apha. Andizanga kuzobamba ntlanganiso ndilungise ubuhlobo enabona
nina. OMkhuseli benditya izithende belala nomama womntwana wam.”
600
Simba: ”Ubunyoka yinto yenu apha ekhaya, nosulela nabantwana. Lomntu ngumntu ochithe umzi
kamama. Yena nalaVenus. Bawubhidliza bhu phantsi. Umama wafa icala yilenyoka niyifaka ezingubeni
ngoku. Umntu akanothembela kuni kuba ndingama phixi-phixi.”
Nokulunga: ”Andizungazi uzovelela utata wabantwana bam mna Simba kuba wena unengxaki nam.”
Simba: ”Akukho mntu unexesha lakho Nokulunga. Mna phofu andiku khathalelanga. Nokokuqala.
Akukho futhi umntu othethe nawe. Ingathi ngewuhoyana nomntwana wakho uvale umlomo.”
Nolukunga: ”Okanye kuzothini? Uzondibizela abantu bandibethele ibhokisi njengoba wenzile kuVenus.”
Nomtha: ”Suhoyana nalo Nokulunga Simba. Awuzube uphendulana nabafazi ube unyukiselanya,
kuzojongwa kuwe ungubgabhadli kuba ungummtu oyindoda.”
Bendithethela okokuba kuve yena yedwa. Wanqwala evala umyeni wakho. Ibingekho nalento bebeyenza
phambili kwabantwana, babe bekhwazana.
Kuthe cwaka ke ngaphandle kwengxolo yesibhedlele. Ebendibambe isandla edlala ngering yam
yomtshato.
Kuze ugqirha nendaba ezimbi kubantu bebemkhathalela. Isimo sikaVenus besingeka tshintshi. Endaweni
yoko bebe noloyiko lokuba angangalenzi ixesha kobu busuku. Ukhale kuqala uMalkia bakhala kunye
noNokulunga. Bekucacile ukuba wasiyeka isisu kuba ebemithele ukuzala. Bashushuzele abanta kwabo.
Bekuthiwe siyombona abafuna ukumbona kodwa singangeni siligquba, kuyovaleliswa. Yinto ebakhalise
ngakumbi, kukungabikho kwethemba lokuba uzosinda.
Baphume bekhala nabo ke kwangena abanye njalo njalo. USimba ebelindele kungene yena. Mna
bendingasoze ndiyongena phaya. Bendingafuni nokumbona laVenus. Bendicinga ukuba ndawuba
nesibindi sokuyomthuka. Ebendithathele okuninzi. Abazali bam nomntakwethu wandithathela uSimba
ixesha elide. Belilide kakhulu elaxesha ndikxwalekile ndicinga ukuba umyeni wam uswelekile. Waphinde
wahlala kude nam ndandodwa kwakhona.
Ukuba lapha nje kwesisitulo bendichophe kuso ndive ukuba umntu owabulala abantu bendibathanda
nendisaba thanda namhlanje, abebenga sono- ibibubu lungiswa bam obo. Ndibufumene ngomyeni wam.
Bendicinga nje oba busuku ngelaxhesha ndijonge bengena bephuma bekhala. Sendifika imizimba
igqunyiwe, andanalo nethuba lokukhetha nabo noba baxhaswe yimatshini.
Simba: ”Uyakhala.”
Nomtha: ”Bubugqwirha ukumincela ukub angasindi? Atshabe. Ndicinga untlungu endadlula kuyo
ngenxa yakhe. Nento endibeyiyo emveni koko ngenxa yakhe. Nangoko waqhubeka ukundivisa obunye
ubuhlungu. Wavisa wena ubuhlungu ubomi bakho bonke. Ekukhetha kwabanye abantwana, yonke lan-
Simba: ”Ndiyayazi yonke into ayenzayo uVenus, baby. Ndiyazi kakuhle kwaye akukho bugqwirha
ngandawo. Iso ngeso. Oyenza kwicala lasekunene, uyenza nakwelasekhohlo. Wakushiya ungenabani
601
wena. Kungcono ukuba abantwana bakhe banabanta kwabo kunye nomama. Bebehleli bengamqhelanga
lomhlobo utata wabo. Akukho bugqwirha ngandawo.”
Ndinqwalile.
Uyihlekile.
Nomtha: ”Ndiyafeketha?”
Simba: ”Tyhini!”
Nomtha: ”Yehake.”
Simba: ”Ndinendawo edanileyo? Andiyazi. Noba yontoni kakuhle, kakuhle le ndiyivayo. Bendinga
nqweneli ukuba kufikele apha. Bendi nethemba lokuba endleleni kuzophela yonke lantiyo anayo
ngakum. Noba asilungisi budlelwane kodwa ingade ifikelele ekubulaleni.”
Nomtha: ”Izoba khona indawo ezisolayo kuba ekugqibeleni ungumzali wakho. Kodwa nyani ukuba
ayinguye ngeyinguwe. Bekumele kubekho omnye owayo kuba yinto ebeyifuna leyo. Kufe wena.
Ndibuhlungu nje kuba kukhangeleka okungathi ulahlekelwa nangabanta kwenu.”
Simba: ”Bendinyanisile ngoku bendisithi ababalulekanga ngendlela enibaluleke ngayo nina nabantwana
bam. Ndibuhlungu nam kodwa ingalo uyayishinqula uyidinga kodwa kuba kunyanzelekile ukuba utyhefu
ingangeni emzimbeni. Ukuba bayilocancer ekufuneka ndiyinqumle makube njalo. Kwawuba buhlungu
kude kungabi buhlungu.”
Ndinqwalile. Bebesengene bonke kwasukuma uSimba ezongena. Undibuzile kwakho ukuba andifuni
kuyongena naye ndanikina intloko.
Ebemjamele ngamehlo abomvu ubhut'Mluleli. Unyuse amagxa wakhe wayongena. Kulandele isecutity,
caba kuthiwe singene kunye naye simgade angamfuthaniseli ngomqamelelo. Ayikho nento ebencekelele
yona ayeke ukufa kube kanye.
Ungene ixesha elide ukogqitha wonke umntu waphuma enesingqala kukukhala. Undolulele isandla
wanditsala sahamba. Siye endlini safika nje wakhwela efounini. Bendidiniwe mna shame. Ndiqaqanjelwa
nazinyawo, ndiyongena ezingubeni emveni kokutshintshela kwipyjamas.
Ndimfingele intshiya.
602
Simba: ”Le wawuleli kuyo nalatintshala wakho. Iphinde ilale mna lobhedi?”
Simba: ”Akukho msebenzi noba zingaphi kodwa andizulala kulebhedi mna. Ndizolala esofeni ke.”
Nomtha: ”Bendifuna undibambe kodwa ndide ndilale. Uyaphinda uyaphuma mos ngoku?”
Simba: ”Ndiyphindela ewe. Ndifuna ukuqiniseka ukuba uyabhubha. Ndizobuya ndilale esofeni. Into
yokuphindela eCenturion sawuyibona, andinamdla wokuthutha mna ngoku. Into endifuna uphumile
yilebhedi, noba ndithenge ithree quarter akukho msebenzi. Andizulala kulebhedi mna.”
Nomtha: ”Ndiyakuva.”
Nomtha: ”Ha.a mntakabawo funa enye indlela yokukhupha ifustrations zakho, andina mandla for le
uyifunayo isex.”
Nomtha: ”Wethu.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndithandazela thina, zisa izandla uvale amehlo. Emagameni amathathu, egameni loYise,
egameni lonyana nelomoya oyingcwele ...
Ndithandazile ndagqiba. Bendiba izoba ngumthandazo nje omfutshane kodwa ndizibone sendithandaza
into ende. Ndibika zonke ingxaki zethu kuThixo. Ndimmema kwelixesha linzima nelizoba nzima
empilweni yethu. Ndimmema nakwimpi besizongena kuzo. Ukuba abe ngumnqobi wethu, asilwele kuba
thina besilwe ngokwaneleyo esiyekelele.
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
Ndimncumele ndamphuza.
603
Nomtha: ”Uzame ungaxambulisani namntu ke koluhambo lwakho.”
Nomtha: ”Please ”
Unqwalile waphuma ngomnyango. Ndizame ukulala behla ubuthongo ke noxa ndike ndaqwayiteka.
Ndothuswe yiphone yam. Ibingu Simba.
Nomtha: ”Kwenzekile?”
Nomtha: ”Uphephe.”
604
SEVENTY-SIX
Simba: ”Nomtha?”
Unqwalile kuphela.
Simba: ”Bendikudinga.”
Simba: ”Andizoli ngokuba ufile uVenus. Ndizisola ngokuba abantwana bakhe bebesakha ubudlelwane
naye, abantwana bam. Andinabo nabo mna, ngoku abana tata. Baneslerha sika mama qha. Umama
Andiqondi ukuba usabaphatha ngokufana nakuqala ngendlela abeze ngayo. Indlela ebekhala ngayo
uMalkia, ukhulelwe nokukhulelwa.”
Nomtha: ”Andiyazi ndizothini ukuze uzive ngcono. Ukuba kuzokwenza uzive bhetele ngewuxhumana
nabo. Ubaxhase ngalondlela ukwazi ngayo.”
605
Nomtha: ”Kufuneka ndilale esofeni ngoku ngenxa yoba ungafuni ukuzolala nam ebhedini?”
Simba: ”Zange ndithi ndixolile. Andiqondi nokuba yinto endizogqitha kuyo ngakumbi xa kusekho labhedi.
Ndinemfanekiso emibi endingafuni ukuyibona.”
Nomtha: ”Kwamna? Ngawaphi amandla? Ukuba ufuna ukulala esofeni qho kulungile ke uba
awuzukhupha ibhedi. Kodwa mna andizuzophula umqolo ndilale ngentsula enye esofeni.”
Nomtha: ”Ndilambe nyani. Ndicela undiqabele ipeanut butter nejam. Izonka zibe zine.”
Simba: ”Andiziva ngalendlela bendicinga ukuba ndizoziva ngayo. Enye into bendiyicinga yinto yale
business ngoku. Ndicinga ukuyiyeka yonke lento. Ndinabantwana ndingumyeni kuwe, andisafuni into
enonifaka ebungozini.”
Simba: ”True. Kodwa ndiyacinga ukuwuyeka. Ndiphinde ndithandabuze kuba kuzofuneka ndisebenzele
enye indoda. Ndipbendule kwenye indoda.”
Nomtha: ”Akunyanzelekanga ukuba wenze zonke ezozigqibo ngalomzuzu. Hoyana nale into kuqala.
Siyaya khona emfihlweni?”
Simba: ”Ukugqiba kwakho ukubhala ndifuna sihambe. Umama uzofuna ukuya kwangoko ekhayeni
ayozimasa, andifuni abe yedwa.”
606
Nomtha: ”UNokulunga?”
Simba: ”Yinkazana nje uNokulunga kuVenus. Umama wabantwana. Izinyanya azimazi nokumazi ukuba
ade ayozila. Uzofika ngomhla womlindo okanye ngowomfihlo aphinde ajike. Kuba into engeke yenzeke
kukuba ahlale emzini kamama.”
Simba: ”Into endikuxelela yona kukuba akuzuba mnandi, kuzoba kubi. Ayizukufikela emlweni ke noko.”
Simba: ”Incinci kakhulu lendawo for le rent endiyibhatalayo. Xa sibuya kunyaka ozayo ndifuna siphindele
kwam. Umntwana afike siphaya.”
Uyihlekile.
Simba: ”Nditshintshe ingqondo zam kaloku. Awufuni kuthatha igap year kunyaka ozayo? Ukhulise
abantwana.”
Nomtha: ”Ndifuna ukuqhubeka nokufunda mna. Andizuhlalela ukuba nguhouse wife nongcini
wabantwana bakho.”
Simba: ”Izokwenzela ntoni iuniversity experience? Iright le yokufunda usendlini. Ube ngumama, ube
ngumfazi. Umntu oncedisayo ancedise qha, angenzi yonke into. Sibe present for abantwana bethu.”
Nomtha: ”Le yokulawulwa ukuba ndifunde phi njani kaloku. Ndandigqibele uyixhasa into yokufunda
kwam, andiyazi ungenelwe ngumona kasathana nini.”
Simba: ”Umoya ka sathana? Khemani! Into endiyitshoyo kukuba kungcono ufunde online. IUNISA iright.
Le yokuba uzobe use campus imini yonke, ubuye ngobusuku abantwana sebelele uphinde umnke
ekuseni besalele. Uyafunda mos, into ebalulekileyo.”
607
Nomtha: ”Yenza wethu, andithi nguwe ondithathela izigqibo. Into elandelayo uzongafuni ndiphangele.”
Simba: ”Anditsho ukuba ungaphangeli. Ndiyatsho nje ukuba ndiyanikhona, unemali onazo ezandayo
kungoku. Uzobe une qualification. Ungalinda abantwana bakhule kancinci ngaphambili kokuba
usebenze.”
Nomtha: ”Okanye ndingazenza zonke. Okanye wena ube ngu stay at home dad,”
Simba: ”Ukuba uzobhatala Indlu eCenturion, neflat yam. I car insurances- yonke into. Ndingahlala
ndikhulise abantwana.”
Nomtha: ”Ndihluthi.”
Simba: ”Hayi yitya Nomtha tyhini! Awuzu ndenzisa isonka ujike uhluthe. Ubuthe ulambile futhi. Yitya.”
Simba: ”Hayibo!”
Nditsho sendisukuma ndisiya ekamireni. Ebesile lo. Kufuneka ndingafundi euniversity ngoku ngenxa
yezizathu zakhe eziphambeneyo. Ebengenwe yintoni?!
Bisola: ”Niyaphila?”
Ndisukumile ndaya elounge. Ungene ndisaxakiwe ukuba ndizomkhangela ngaphi. Ebenxibe ushoti
nevest ebile emanzi xhopho. Caba ebesuka ekubalekeni.
Simba: ”UBisola?”
608
Nomtha: ”Ayisecace.”
Bisola: ”Ndiyiva ngoMamnkeli, uthi ubone kwiphepha ndaba ukuba idruglord uTiger Matanzima
uswelekile izolo.”
Simba: ”Kunjalo.”
Bisola: ”Yhooo!”
Simba: ”Ndimbonile ndathetha naye ngaphambili kokuba asweleke. Ebevale amehlo, andiqondi nokuba
undivile na kodwa ndiye ndathetha naye.”
Simba: ”Sicela niphathe yonke into yakhe, sawuhla nathi kungekudala. Sizoke sichophe kancinci phaya
kwam.”
Bisola: ”Yhooo! Into yokuthatha abantwana babantu, sendimqhelile kaloku mna njengoba sexuthwa
nje!”
Simba: ”Ndiyaxolisa.”
Bisola: ”Kubuhlungu kakade kuba wayengumyeni wam, sitshata siselula kakhulu. Sazala abantwana
abahle. Sokha ikhaya sibakhulisa kunye, uzoba ngutoki ngemizuzu yokugqibela.”
609
Simba: ”Okanye utyhileke ngemizuzu yokugqibela, kuba kudala wangutoki. Qha ebengufoki owafihlayo
amabibi akhe.”
Simba: ”Kunzima kubo bonke kuba ebebathanda bona, njengokuba nabo bebemthanda. Kwaye ke
ndilutshaba lwabo ngoku.”
Simba: ”Mhlawumbi wena, nne. Utata yena ebefuna kanye kubenje. Kungabikho budlelwane phakathi
kwethu. Okanye mna ndingabina budlelwane nabantakwethu.”
Simba: ”Andiqondi futhi ukuba kwawuphinde kufane. Ingathi ngewu samnkela ukuba izinto zawubane
ngoku. Yonke lento indibonise okuninzi kwaye andiqondi ukuba kwamna ndiyafuna ukuba nobudlelwane
nabo. UMluleki phofu. Ndiyayoqonda futhi eyokuba kwawuba njalo nakwabanye, bazobona ndisisizathu
bengena tata bandithiye. Andizukubacenga ke nam ukuba baqonde imeko bendijongene nayo kuba
bekufanele ukuba bayabona into yokuba bekunyanzelekile. Kucacile kodwa kum ukuba kubo
bekubhetele ukuba ibe ndim ophulukene nobomi bakhe, hayi uVenus so ndizoba nobudlelwane njani
nabantu abanjalo?”
Bisola: ”Noba kunjalo, andizukuyena ukunithandazela. Kubekho uxolo phakathi kwenu. Yintlungu kum
ndingumzali le.”
Simba: ”Kulungile.”
Ndiyicimile.
Simba: ”Hayiskaa! Undilalise ndodwa apha uzothi 'good morning'. Yiza ndiphuze.”
Nomtha: ”Mbaaaa!”
610
Nomtha: ”Ndizohlamba ngoku.”
Ndimncinele amehlo.
Nomtha: ”Ngoba?”
Simba: ”Baby, kufuneka uqonde ukuba my ego is bruised apha. Andikwazi nokulala ebhedini yakwam
kuba ibilele esasibhanxa! Ndiyazeya ngamanye amaxesha, ukuba Mhlawumbi andina stamina osidingayo
okanye esilingana nesakhe. Andiyazi noba uke ucinge yena xa ndihefuzela ngaphezulu kwakho.”
Simba: ”Akuna msebenzi. Ndiyenzela mna lento. Ego yam. Andizuba namazwi amade nomfundisi ntsapo.
Izoba ngugqaba- gqaba nje ndiyokulinda ugqibe ukubhala.”
Sohlukene ke wahamba ezakhe nam ndihamba ezam. Bendikweloxhala ke lokuba ndizova uqhushululu
kodwa andikhange ndive nto. Ndibhale ndagqiba ndabaleka ukuya kuye. Andincokolanga nokuncokola
nabantu endifunda nabo. Ebecofa iphone yakhe ukungena kwam emotweni.
Nomtha: ”Awubanjwanga?”
Uvele wayihleka. Ndimncine ndamncama esala ukundixelela ukuba kwenzeke ntoni. Kwintsuku
ezilandelayo sibonwe ngooSiyanda, nabanye abahlobo bakaSimba bezoduduza. Izinto kubo bezingeka
buyeli kwisiqhelo. Ibubandarha into yabo. Bekuzothatha ixesha, bendiqonda. Bekwaphuke ithemba.
Kuzothatha ixesha ukuba liphinde lavuseleleka kwakhona phofu. Bekukuhle kuba bebezama. Okanye
bebezinyanzela? Andiyazi. Asikhange sithethe ngabo. Bekungathi nabo akuyonto bebefuna ukuyincokola
kengoku asayichatha nathi.
Simnkile ke sipakishe impahla eyoneleyo kuba sisezoke sichophe. USimba ngomnye bendingasa mqondi
kakuhle. Ebenokutshintsha okuthile ngoku. Bendizoke ndiyibone lento yakhe. Bekuqondala ngoku
ngaphantsi kwemeko kodwa besawubona.
611
SEVENTY-SEVEN
Nomtha: ”Ndinxibe kakuhle?”
Simba: ”Yibhokisi nje engena mntu. Ndizochitha ilitye ngelixesha ndilapha, ndisile nomqombothi
ukwazisa izinyanya ukuba ndisaphila. Kuba zindazi ndingasekho. Ngalondlela azikwazi ukundikhusela.”
Simba: ”Ndizawuyenza lonto emveni komfihlo katata. Okwangoku lizakube limi phaya.”
Simba: ”Umama sefike wabaxelela abasendlini ukuba kwaphazanywa, mna ndisaphila. Nabo bebe
nexhala lokuba kwafihlwa umntu owrongo nokuba ngamashwa lonto. Kwanyanzeleka ebaxelele ukuba
utata wayezama ukundibulala, ndabhacela eNigeria.”
Simba: ”Njengoba kufanele. Ayinoba lula into yokukholelwa ukuba umntu angenza iyelenqe lokugudluza
unyana wakhe amzeleyo.”
Nomtha: ”Mhhhh. Kodwa noba kunjalo, bazokothuka. Yenye into ukuxelelwa ukuba usaphila kwaye
ungum qaba-qaba. Ikwayenye eyokubona ngeliso lenyama. Kuzakucingwa ukuba kubonwa isiporho.”
Simba: ”Bayayazi ukuba ndiyaphila kaloku Nomtha. Abazukucinga ukuba babona isiporho. Kodwa
bawuqhela kade kuba bebesele bezixelele ukuba ndatshaba. Bamnkela lonyaniso, bezixolisa.”
Nomtha: ”Abahlali?”
Simba: ”Ngabo nabo. Otamkhulu bam baxelele nabantu aba balulekileyo, ndiqinisekile ukuba
bayisasazile yafikelela ebahlalini. Ukothuka ewe, kodwa andina xhala lanto.”
Ndinqwalile.
612
Simba: ”Uzawuzula kengoku sewufuna ukumelwa kancinci!”
Ndithathe izinto zam ekamireni ndake ndazibuka esipilini ndahamba ndaya kuye. Besifikele kwakhe-
kwethu. Bekulithule nje kuba oko kwagqibela kudala ukuba nomntu. Undincedisile ukucoca ke salala.
Bendizithanda ilali. Ukuzola kwayo nobomi obucothayo, hayi esasi phithi-phithi saseRhawutini
sokusoloko uleqile. Besendivuya ngoku ukuba sawuke sichophe kancinci nasemveni komfihlo.
Bendingayi ginyisisi ncam ngaphambili, ndivuma nje kuba ndingacelwa. Bendingena ngxaki ngoku.
Siyikhwela imoto saba yindlela. Besiphethe izinto zokutshintsha kuba besizomlala unamhlanje. Ebethe
uSimba asizukulala qho phaya, ngunamhlanje qha. Kuba abantakwabo bengekafiki.
Simba: ”Kwezayo. Kule ndicinga ukuba kwawukwenziwa amalungiselelo, kulungiswe izindlu. Izinto
ezinjalo. NgoMgqibelo afihlwe.”
Nomtha: ”Ohhh.”
Simba: ”Ungasebenzi kakhulu phaya. Noba kuthiwe ulivila akunamsebenzi. Ungazitrafeli uVenus.”
Nomtha: ”Alright.”
Bekunga gcwelanga ngaphandle kodwa bebekhona abantu abambalwa. Bekuvetwa nezindlu, enye
seyigqityiwe. Into enye ngomzi wakuloSimba. Ubumkhulu. UVenus ebeqinisekise ukuba uyokha
akadlalali.
Simba: ”Uzohlala.”
Nomtha: ”Ebemthanda shame umyeni wakhe. Mna, indoda indenza lanto! Bendizonxiba utight necrop
top!”
Nomtha: ”Ndiyakuthanda, qha wandenza yonke lamfitshi-mfitshi ndiphila mna ungacingi ukuba
ndawuthozama xa ungasekho. Andisoze mna. Umama ungumntu obhetele kunam.”
Nomtha: ”Ndiright.”
613
Nomtha: ”Hahaha! Mxm!”
Sihlidikile emotweni sayongena endlini silandelelana. Sisukumise izandla sibulisa abantu bebeseziko.
Bebesebe qalisile ukujonga uSimba okungathi sisiphorho. Bemqhalele amehlo. Ebengabahoyanga ke
yena.
Bamxhumele ke bemanga omakoti bakowabo. Odabawo bede bekhala. Ibingathi kufike ibhokisi.
Nonzaliseko: ”Tyhini madoda! Yake yakho phi na? Into yomntu ovuka ekufeni?”
Nonzaliseko: ”Sangcwaba kaloku thina Madiba. Singcwaba wena. Ngoku ke sawuyiqhela lula eyokuba
yayingenguwe. Sesixolise intliziyo zethu samnkela into yokuba akasekho uSimba.”
Simba: ”Siyaphila dabawo akhonto. Sonwabe nje kakuhle, ngaphantsi kwemeko. Ninjani nina?”
Nonzaliseko: ”Oh ngaphantsi kwemeko mntwana wam. Ukufa lisela! Uyazi xa ndijonga ubhuti,
bendingacingi ukuba namhlanje sawube sihleli kanje silungiselela ukumfihla. Ukufa akumfanelanga
kwaphela.”
”Akumfanelanga tu!”
Nonzaliselo: ”Sibuhlungu. Sixhelekile. Kodwa ke sithi xa kuyintando kaThixo, mayenzeke. Sibulela nje
inxesha asiboleke lona naye wade waba yingwevu ebeyiyo. Ingwevu ebisazi isintu. Ingwevu ibiwazi
amasiko akoweyo, nebiluthanda usapho. Akumnandanga mntanam. Akumnandanga tu kodwa idalelwe
thina le.”
Uphefumle uSimba. Bendichophe ecaleni komama ndimbambe isandla. Uqhubile ke ebuza wonke
umntu osendlini impilo. Ndabe ndincokola nomama.
Nomtha: ”Uright?”
Nomtha: ”Hayi shame, uzojika nini kengoku yena? Okanye uzolinda umfihlo?”
614
Bisola: ”Hayi uyahamba apha evekini kuba senikho kaloku. Uzolinda umfihlo awukhathalele ngantoni?
Bendisonqena ukuhlupha abantu ngomntwana womntwana wam.”
Bisola: ”Mxm! Khawuke wenzele abantu aba into ephungwayo mntanam. Utsho aba bafazi bakubonise
iscones.”
Bisola: ”Kudala!”
Simba: ”Ningakulinge nifanise umntwana wam nabantu endingabaziyo. Uqale nini ukufana Nomtha
umntwana wam?!”
Bisola: ”Mxelele dabawo! Asazani naNomtha thina apha. Umolokazana wethu nguLinokhanyo.”
Manci: ”Ndibona amehlo qha mna. Kodwa yena ufana nomama wakhe. Yintombi emnyama entle.”
Nosimo: ”Endwebe! Ndiyavuya ukukwazi ke sisi. Ndingusis'Nosimo mna. Ndendele kuXabiso. Unyana
kaManci lo.”
Ndimandile ndathatha umntwana wam ndimteketisa. Indlela ebefana nam ngayo! Beku nyanisiwe,
ebefana ngamehlo qha notatakhe.
615
Nomtha: ”Ndirirayiti. Bendikukhumbula wena! Ubumkhumbuka umama? Hayi?”
Nomtha: ”Hayibo!”
Nosimo: ”Bethuna!”
”Ngabaka tamnci.”
”Hayini! Sanuxoka!”
Nonzaliseko: ”Sakukudla uhambe kancinci somtshakazi! Ngubaby uSimba? Phakathi komama bakhe?”
Nonzakiseko: ”Undincamisile!”
Zihambile intsuku siquqa mihla le ukuyoncedisa. Umzimba ubusele ukwelicala, ugcinwe kwaRussel.
Ubhuti noUlatho kunye negquba labo lamaJuba labantwana bekhona nabo. UMkhuseki noBukhosi
616
bebengekavali bona. Kubantwana bakaNokulunga kukho uMalkia qha. Abanye bengekafiki. Bebehlala
kowabo ke bona oUlatho, bengamane beyolala emzini wabo.
Kufike uLwesihlanu ke kwafika wonke umntu ebengekho wasendlini nabantu abazana noVenus.
Bekugcwele kungoku, ndizibuza ukuba kuzoba njani ngengomso xa sele kufike nabantu ebesebenzisana
nabo nabaziyo. Bekuzogcwala! Besixakekile ke silungiselela abantu, kugqityezelwa ukwakha ilitye.
Bekungekho ukuphumla side sinxaphile. Bekumnandi ke kodwa ukuba nabanye abafazi eziko.
Besizincokolela ngabayeni bethi nento yonke. Mna ke bendingekho na buhlungu ngotatazala wam.
Bakhona abebemthanda ke bethetha kaye kakuhle. Entliziyweni yam bendisithi 'yahamb'injaaa!'”
617
SEVENTY-EIGHT
Junior: ”Mama kaZendaya.”
Nomtha: ”Mna?”
Uyihleke kancinci.
Kuqhume isibhamu emadlakeni. Bekunga dutyulwa mntu kodwa kudutyulwa emoyeni. Oku
komngcwabo weJoni. Izibhamu ezinkulu iAK47. Bemkhapha ngendlela ebephila ngayo.
Ebefikile ngoNgqibelo ekuseni uNokulunga. Kuthiwa oko ekhala ke yena emadlakeni. Kaloku thina bafazi
asiyanga sixakeke zimbiza eziko. Imbiza kunye nendaba. Hayike bezingapheli zona, ezinye emveni
kwezinye siyihleka intsini. EbenguChief mourner. Umzilikazi wodume ngehat ezinkulu. Ebekhatshwe
ngumama wakhe ke emnceda nalowhity wakhe. Umntana walanja inguSylvester. Kaze yade yathini na
yena into yakhe kula Jukskei? Inoba zange ude ufunyanwe na umzimba wakhe? Phofu bendizihluphelani
ndicingana nezigebenga?
Nomtha: ”Ohh okay, ndithe nqa kengoku. Junior ndiyeza uyeva? Ndifuna ukuhoya losisi, ngumama
kaSonwabiso.”
Nomtha: ”Sugeza!”
Ndijikele ecaleni kwendlu apho ebemi khona uThoziwe, ebehamba nenye intombazana.
Nomtha: ”Molweni.”
618
Thoziwe: ”Siyaphila nathi akhonto. Usandikhumbula?”
Thoziwe: ”Ewe ndinguye sisi, ndiba awusandazi. Ye sisi ndithe uSoso andibizele wena kuba
bendinqwenela ukuthetha nawe.”
Nomtha: ”Okay.”
Thoziwe: ”Bendifuna ukukucela ukuba nindibolekeni umntwana noba zintsukwana nje ndike ndichithe
ixeshana naye. Ndizombuyiswa kwamsinya, andimthathi.”
Nomtha: ”Yho ke sisi zizinto ekufuneka uzithethe notata balapha ezo. Mna ndingumendi nje apha, ndize
ngekhukho kwaye ke andinguye nomanci kaSonwabiso. Kungabhetele ukuba ufumene omnye wobhuti
bakwa Matanzima ucele kubo unyana wabo. Ndingase ngxakini mntasekhaya ndifokofwe ngalomzuzu.”
Uyihleke kancinci.
Thoziwe: ”Bendinqwenela ukuba undithethele nabo. Okaye noBukhosi ubuqu. Mhlawumbi angandivela
xa ecengwa nguwe.”
Nomtha: ”Bhuti!”
Bukhosi: ”Yebo?”
Nomtha: ”Bendicela usose usondela apha, bendisa thetha nomama kaSonwabiso apha. Ebefuna
ukuthetha nomnye wenu.”
Bukhosi: ”Ndiright.”
Wasuke wayebe-yebeza umntu akathetha lento ebeyithetha kum. Undijongile ubhut'Bukhosi kuba
ebebizwe ndimu ke.
619
Nomtha: ”USonwabiso.”
Bukhosi: ”Sewuno mntana wena sewuboleka abantwana nje? Umboleka umsaphi umntana wam?”
Thoziwe: ”Andimthath-
Bukhosi: ”Andikubuzanga lonto mna. Ndiyabuza ukuba sewuphinde wanomntana na wena na. Kuba
ukugqibela kwam wawungena mntana, ndazithathela umntana kumakhulu wakhe. Uyandibhida ngoku
sewunomntana ombolekayo. Hayi uyandixaka.”
Thoziwe: ”Ndiyayazi yonke lonto bhut'Bukhosi, kodwa uSonwabiso akanaye omnye umama. Akasoze
aphinde abenaye omnye umama. Bendifuna ukuchitha ixeshana naye ndizoxolisa ngayo yonke into
engmdamgqithisa kuyo. Ndandimncinci, ndingazi bhetele. Ngoku ndiyabona umonakalo endawenza. ”
Bukhosi: ”Yohlukana nomntana wam. Ukuba ufuna ukwenza izilungiso zala owakho uzenze kuye. Uright
lomntana. Uyatyandwa, ukhathalelwe unomzali. Ndim lomzali. Uyazibona ngoku ukuba ubomana bakho
bucuphile ufuna umntana wam? Ufuna ube umtraumatisa apha umvuselela amanxeba aphola kudala?
Hayibo Thozi. Nibetheke kakuhle ebomini. Ungazobethekela kum. Uyigqibile ngoku lento ubuyifuna
ngaphandle, uzoxakekisa umntana wam. Xelela umntu qha wena ukuba mhla wabhubha azise noba
ngubani kwifamily yakwa Matanzima ndizoza nomntana sizokungcwaba. Ndizomxelela kakuhle ukuba
umama wakho ubhubhile. Njengoba sewungcangcazela nje ngoku, sewungathi uyimpuku etshone kwioli
yintoni ozomnika yona umntana wam?”
Bukhosi: ”Ukhona umntu one HIV ofana nawe? Bazithanda ukufa abo bantu, abohlukanga kum
noNomtha. Ngekubhetele noba ubunalo HIV, ubuzotsho uhlambe utye amayeza akho. Wena unesifo nje
esisodwa nje. Sawunyangwa lingcwaba. Into entle ongamenzela yona uSonwabiso ngoku kukuba ufe!”
Nomtha: ”Bhuti!”
Bukhosi: ”Hayskaa! Babanjani oThozi? Umntu abetheke, abetheke azofuna ukuxhwala umntana ngoku.
Ngexesha ebefresh ebebaleka etheni. Awuxabisanga mpilo yakho kungoku, kuba ngewu sesibhedlele
ngalomzuzu uyonyanga nantoni na onayo. Athi umntana sekhulile ekufuna akufumane uright.
Khawuyeke aba bantu sisi, uphi umntanam? Sonwabiso! Yiza boy! Ebethini lasisi kuwe?
Oh bethuna! Besendimsizela kemna shame. Ibingathi yimpuku engene kwifish oil nyani ke shame.
Ephethwe yipaal perle. Ephaphatheka nomoya. Imilenzana yakhe iyimicingana, ungavungula ngayo!
Akugqiba wanxiba isihlangu esiphakamileyo enxitywe yidyasi. Kula purse yakhe, ngaphandle
kwamathandabuzo bekukho ivarantyontyo yakhe. Ebengubergikazi shame.
Junior: ”Yho!”
Nomtha: ”Kurough!”
620
Nomtha: ”Ebefuna ukubolekwa umntana wakhe.”
Ndiyihlekile.
Junior: ”Bendifuna ukukucela torho undithethele nomyeni wakho, ndifuna ukuthetha naye ndixolise.
Izobangathi ngoku kuba ndibona uVenus engasekho. Kodwa uyakhumbula ndithetha nawe ngelaxesha
ndandicinga ukuba uswelekile? Ndisitsho ukuba uba ndingafumana ithuba ndimbulele ngokundikhulisa
nokundinyamezela kwakhe? Ndifuna lonto ngaphambili kokuba ndihambe.”
Nomtha: ”Ndicinga uvele uye kuye mna King. Ngubhuti wam. Wamazi ndingeka mazi nokumazi mna.”
Nomtha: ”King.”
Junior: ”Ndiyakucenga.”
Ndiphefumle.
Junior: ”Ndiyabulela!”
Undishiye apho. Ndiphethuke ndathi gqi ngaye. Undijonge nje okungathi ndiyinkukhuma ngaphambili
komtshayelo, ndivele ndalunywa ngamazantsi esisu. Bendenze ntoni ngoku?
Nomtha: ”Simb-
Undigqithe tshuuu wayongena endlini ndikuxelele mna owam umyeni. Ndashiyeka ndimatshekile.
Ndiqonde mandimyeke, ndiyeke nalento kaJunior njengoba besendingu enemy number one nje kuye.
Sendisuke ndanezothe. Inene!
Besipheke intloko ke. Ilitheko, zityiwa nangubani na. Abantu base mazweni bamnkile ke emveni kokuba
batye. Babe behamba ngokuhamba. Kuphunguka.
Nomtha: ”Senihamba!”
621
Nomtha: ”Lonto sisezozihlala ezilali noSimba. Niyifumene inyama? Nihambe nisitya.”
Luleka: ”Yhuuu hayi, ndiyabulela mna sisi. Izonquma nokunquma nalenyama hayi.”
Luleka: ”Haha!”
Ukhuphe umoya. Bebencokolela buqelelana kuthi uSiyanda nomhlobo wakhe ongenabuchopho uSimba.
Bengenoyiva incoko yethu, bendithobe nelizwi.
Luleka: ”Ntombi!”
Nomtha: ”Yintoni?”
Nomtha: ”Beyohlawula?”
Unqwalile.
Luleka: ”Beyohlawula umntana. Wasukela ngaphaya ke kusasa ngoMgqibelo. Bendithe kemna aze kwa
ngoLwesihlanu xa begqiba kuhlawula kwangathi ndiyakhweleta ke, oSiyanda abagqagqaniselayo. Into
yam kukuba kusekutsha kum. Ingathi ngendicingela, aqondi ukuba andizami kuba funny qha kusenzima.
Oko ndicingana naye endleleni eza apha ndicinga ukuba inoba wenzani? Inoba benzani? Badlala uhappy
family .. yhuu.”
Luleka: ”Andimxelelanga. Nomtha ndifuna abe nobudlelwane nomntana wakhe. Ingabi ngathi
ndiyammonela okanye kutheni. Mna ndizozama indlela yokuba ndingabi insecure ngalendlela ndingayo
ngoku. ”
Luleka: ”Ndicinga njalo nam. Ndizoke ndiwuphakamise lombono ndibone ukuba uzovuma na.”
Nomtha: ”Ndicinga ukuba uzovuma mna. Nantoni na ezokwenza uzive secure na bhetele ubhut'Siyanda
uzokuyenza. Ndikholwa kanjalo mna. Ukuba uyakuthanda. Ayinoba kulula nakuye, uyafuna ukwakha
ubudlelwane nomntana wakhe kodww ucingela nawe. Kwinto ayenzayo angakukhathazi.”
622
Siyanda: ”Masambe nkosikazi!”
Siyanda: ”Siyaxabana?”
Luleka: ”Asixabani.”
Nomtha: ”Ndiyaphila bhuti, akhonto. Sonwabe nje kakuhle. Nibe njani nina?”
Siyanda: ”Hayi lantsooo maan! Noko uyafunda Nomtha uyayibona lonto? Sewubetha nangezimpilo
zakhona. Wayeka ukuthi uright uphume emntwini.”
Ndiyihlekile. Sivalelisene ke baba yindlela. Sashiyeka sobabini noSimba. Ndimshiye apho yedwa kuba
hayi ngoku sathana. Nantoni na ibimntya ibizoke ilinde. Bendidinwe ndiyimfe ngalamzuzu. Ndingena
xesha lenqala mna.
Ndiphindele ekuxakekeni, ndincedisa abafazi. Okanye bona bebencedisa thina bafazi bakwaMatanzima.
Zigodukile ezinye izinto zabantu bezibolekiwe. Abanye abafazi behamba nazo xa behamba ezabo
Kuthe kusihlwa kwabe sekushiyeke usapho lakwaMatanzima namanye amaDlomo ke. Umama yena
bekungekho nomnye umntu wakowabo ozileyo. Nomnye. Bekucacile ukuba bebengena xesha kwa.
UNokulunga naye caba ebemnkile ke kuba ebengabonakali ndawo. Kubizwe intlanganiso bayothethela
kwindlu enkulu. Ibibizwe zingwevu zakwaMatanzima ibizelwa onyana bakaVenus. Sishiyeke kulandlu
besiphekela kuyo thina sincokola nje amapholi. UMiracle ebemnkile ke yena ndizimpelesela usana lwam.
Ulatho: ”Sizoke sihlale kancinci mama. Ake abone umyeni wam ukuba sawuzama ngakweliphi na icala
kuba akasena mpangelo ngoku ngokumnka kukatata.”
Bisola: ”Ndabafundisa mna abam onyana, ndisenza njalo nje ndandisenzela imini ezinje. Bakwazi
ukuyophangela njenga bantu bonke.”
Ulatho: ”Enye into mama, akasaqhelanga la enviroment yeoffini neboss. Uqhele ukuphathwa ngutata.”
623
Bisola: ”Isiqhelo uzosithatha asibeke ecaleni kengoku kuba akakho lotata wakhe. Unesiqhuma
sabantwana esifuna ukondliwa nguye. Ukuba uzoba nempakamo nizolamba. Umxelele nawe ukuba
achophe akhawuleze asukume.”
Ulatho: ”Usaxhelekile umyeni wam. Ebesondelene kakhulu notata. Iminyaka esebenza naye.
Akuzundinceda ukumfakela ucinzelelo ngelixesha linzima kangaka kuye. Makathathe ixesha alidingayo
ukuze abe semandleni kwakhona. UThixo ukhona, uzolakha icebo. Noko asinolamba. Ekhaya
bamkhathalele kakhulu uMluleki. Bamxabise kakhulu, bamthanda kakhulu-
Bisola: ”Hayi ndizothetha naye kanye mna uMluleki. Uyindoda endala, andisoze ndimgqibele.
Kubuhlungu ewe. Ngakumbi kuye kuba bebesondelene kakhulu noVenus. Kodwa ke akasekho ngoku.
Ukuba uzobamba inkqala yomntu ongasekho, abeyintshaba yabantakwano kuzoba nzima kuye. Kuzoba
nzima mpela. Kuba uthwala amadyokwe angangowakhe.”
Bisola: ”Kukho amacala? Ngabantwana bam mna aba. Ngonyana bam, ndabathwala ndabakhulisa ngezi
zandla. Ndindidwa utata wabo esenza abantwana noNokulunga ukuba akakho theni. Bakhula bangaka.
Icala lam linye lelokuba abantwana bam babumbane bathi. Ningamagqwirha gqithi nani ningabafazi.
Nifike niphembela iyantlukwano! Abantu benifuke benje ukubambana. Benje ukuxhasana, nonwabela
ukuba lanyoka ibohlule phakathi yabenza intshaba. Andilali kemna ebusuku ndithandazela ukuba
bavane kwakhona kuba ukungavani kwabo kuzochaphazela abazukulwana bam nezizukulwana.
Abazubanayo lento bebenayo oSimba!”
Nomtha: ”Kodwa ke mama, ndithethela mna Linokhanyo ke apha, mna andisoze ndithi kutata
kaZendaya makamxolele unbhuti ekubeni engaluceli uxolo yena-
Ulatho: ”Yintoni le ayenzileyo umyeni wam Nomtha? Kuba ngokwazi kwam umntu owazama ukubulala
ubhut'Simba ngutata, hayi umyeni wam lo kucaba sekukhonjwa kuye imininwe. Ebengamtyali kumxelela
nto-
Nomtha: ”Yinto enixelelana yona leyo xa ningqengqe ebhedini? Ukuba ebenga mtyali nto?
Ukuhlambulula izazela zenu. Ubhuti ke sisi uyayazi ukuba wayemtyala yonke into umntakwabo-
Manci: ”Hayi khaniyekeni lento niyenzayo. Kusandofihlwa izolo namhlanje sekuxoxwa. Ukuba ayinini
ngabayeni benu! Niyibona ibhadlile nina into yokuba nibe nixhwithana okungathi nibambelene. Nide
nibonwe ngabantu beminye imizi ukuba abafazi balapha abavani? Hayini bafazi. Nize ngamakhukho
nobabini apha. Ningathathi amachuku asemakwenu niwazise apha emzini kabhuti. Ukuba naniqhele
624
kuxhwithana emakwenu akukho maqheyeni apha. Kudala ndinibukele ndithule. Ukuba uyaqhubeka
lento nakulonyaka uzayo sawubiza abantu basemakwenu banithathe. Niyilungise. Aaseblief tog. Ha.a
maan! Kwenzekani kanti emzini kabhuti?!”
”Mluleki! Nkokheli!”
Ndibeke umntwana ndathaka ukuphuma. Ndivile nje umntu endikhwaza ndabe ndigilana noUlatho
emnyango siyokroba. Into ibiphandle! Bebede baphumela ngaphandle bengayekani tu. Benengqungwe
ngabantu bemana bebhuqeka phantsi kukhala inqindi qha.
Ndisondele phaya kemna kuba bendifuna andive kakuhle lo unguSimba. Ndikhwaze kabini nje wabe
sezisusa kubhuti. Umgibisele inqindi ngeloxesha ubhuti hayi ke walibuyisela kwathaka igazi. Bendinga
monqelwe.
Ubanjwe nguBukhosi ubhut'Mluleki wazibeka phakathi kwabo wabe sesiza kum uSimba. Ebeligazi nje.
Mluleki: ”Ndiyeke maan Bukhosi ndibethe lenja! Uphakamisa isandla kum Simba?! Ndingakanani
kuwe?!”
Nomtha: ”Uyopha.”
Ndinkcunkcile ukuyothatha umntana wam. Ndixhakazele nguye nebhegi yethu. EkaSimba bendingayazi
nokuba iphi. Ebesabanjiwe ubhut'Mluleki ephuma izithuba.
USimba ebesemotweni yena. Ndilayishe umntana kwicar seat yakhe ndagibisela ibag ndakhwela
ngaswmva nam.
Simba: ”Nomtha.”
”Sukuhamba ingeka lungiswa lento yenu nyana. Ukuba uhamba ngoku akukho nto engaphinde ilunge.”
625
Umshiye apho akalindela mpendulo yakhe.
Simba: ”Ibhadlile lento ayithethayo? Uyabona ukuba uMluleki usaphuma izithuba ufuna umlwo yena
usalindele ukuba kuphinde kuthethwe!”
Ebesetake nakulomoto okaBisola unyana. Ndithe ndibheka kwabe kukhala inqindi. Babalekile
ukuzonqanda kwakhona. Ndingene kwicala lakhe ndaqhuba ukuphuma. Into bendigenayo lixesha lokuba
ndibe ndikhuzana namadoda amadala mna. Indevu zide zimhlophe kodwa abantu baziphathise
okwamakhwenkwe amadala. Into elandelayo sawuthi sinqanda sichaphazeleke kulanto yabo. Ebekwazi
kwakhe umntu, ebezothi xa egqibile ukuzenza uUndertaker ayibone egodukayo.
626
SEVENTY-NINE
Ndivuke ndaphutha-phutha iphone yam le ibikhala ngaphantsi komqamelelo. Eyonanto andiyazi nento
ibibangela ukuba ndingayicimi xa ndilala njengoba Ibindiphazamisa nje.
Bisola: ”Sewulele?”
Bisola: ”Ye mntana ndini, andiyazi into esiyenzelwe ngoMluleki noSimba. Kaloku ngaba bebenga
nqandeki kucaba bazode babulalane. Ngoku begxiza ngamagazi basalwa, sancama sababizela amapolisa
azobalanda abavalele bhetele. Kuba ngomandla makhulu, akakho ofuna ukoyiswa ngomnye.”
Bisola: ”Hayibo Nomtha! Awuzukuya kuye? Nditsho kuba uUlatho uleqise khona noBukhosi kunye
noMluleki.”
Nomtha: ”Baphambene apha entloko. Kaloku amapolisa ebebizelwa into yokuba bohlulwe mos kuba
boyise abantu kwaye bayonzakalisana, kengoku yintoni abayoyenza emapoliseni? Bayeke ubayeka balale
khona babuye ngomso? Hayi andizuyenza mna lonto. NoBukhosi benze ilaw kodwa abayazi ukuba xa
bebambisa abantu bayabajwa. Seleqisa uyothini?”
Bisola: ”Hayi wethu Nomtha abantwana bam balale eziseleni okwezikelem?! Banqandekile noko ngoku
andiqondi bazophinde balwe.”
Nomtha: ”Inimba ke inama mene-mene. Kuba ngewubayekile balale. Bekuzosa bakhutshwe. Mna
akukho apho ndiyakhona mos xa bephume bonke? Andiphethanga zitsixo zetrongo. Ndiyabulela kodwa
ngokundazisa ma.”
627
Ndisukumile ndayovula. Ebelumbhakraza mntakabawo ingathi ubetha igubu laseZion.
Tyhini bawo!
Ndivulile wabe enegazi elomileyo ebusweni. Ebethungiwe apha ebunzi, enestitch esincinci. Ebebolekwe
nesilamba. Bendiyazi kuba bendizazi zonke impahla zakhe. Ndimsudukele emnyango wangena
ngaphakathi eqhwalela.
Simba: ”Mxm.”
Undijamele akathetha. Ingathi ebefuna nokukhala. Inoba ebethunywe ndim ukulwa ndiyambona. Umntu
ahamba eba ngiSomandla, kufuneke thina songane nabo! Hayibo!
Nomtha: ”Hayi awuziva kengoku. Ndizokubekela amanzi ndikuhlambe kuba yinto ayifunayo leyo.”
Simba: ”Ewe.”
628
Simba: ”Akusena msebenzi kaloku ngoku, ndigxidikile le ndabanjwa. Ayinoba umama akakuxelelanga
ukuba ndibanjiwe.”
Nomtha: ”Undixelele kakade kodwa ndithe andiohambenanga mna apha entloko. Ukuba bebengafuni
nibanjwe ngebuke baniyeke nibethane nibulalane. Injongo zokuba nisiwe emapoliseni ibikukuniqhawula
niyeke ukulwa oku benikwenza. Baphinde baleqeke emveni kwenu kengoku? Nam ndibe lapho ingathi
sizobambisana ngathi, omnye inyawo omnye ingalo. Ndishiye umntwana wam yena ndiyochachatheka
ezitrongweni ngezisu ezikhulu? Hayi awuziva. Uzinikiwe izinto zokuthambisa?”
Simba: ”Ndinenxeba elinye, leli lisebunzi qha. Umzimba ubuhlungu nje kuba bendingonjwa.”
Simba: ”Fok!”
Simba: ”UBukhosi uye wathetha nawo asikhupha. UMluleki ulimele kakhulu, and ebelahlekelwa ligazi.”
Nomtha: ”Umhlabile?”
Simba: ”Ewe.”
Simba: ”Ndimhlabe ngeOkapi yakhe. Undihlabe apha ethangeni yena ndayixutha ndamhlaba isisu.”
Simba: ”Kuyafana.”
Nomtha: ”Yhooo nizintloni shame ndinincamile. Eyokuba umlwo wenu ude ufikele apha. Kude kubizwe
amapolisa wonke. Ngenxa yokuba ninganqandeki. Abantwana babukele lento yenu, umama ubukele
lonto yenu. Umama lo ebefe icala ngenxa yestress sikaVenus. Namhlanje nenza lento, nifuna
ukumgqibezela asose ebhubha kube kanye. Xa abantwana bakhe bezobulalana! Niko fifty something
ngeminyaka. Ningwevu. Kuphela nalo mnyama ngoku kwindevu ningwevu qha! Izinto enizenzayo
azenziwa nangoNomtha. Uyaphi?”
629
Nomtha: ”Ndizoyeka. Swndithethe kwanele.”
Nomtha: ”Hahaha! Ukuzele kaloku yena, mna owam umntana nankuya ezovuka kulabhedi andivur
vaye.”
Nomtha: ”Cum!”
Ndichophe etafileni ndathatha inyawo lakhe ndilibeka ethangeni lam ndamkhulula isihlangu nekawusi.
Ebendijongele ngaphantsi kwenkophe. Ndimkhulule nakwelinye icala ndazigibisela phantsi. Ndisukumile
ndayomkhulula ibhanti ndimehlisa iblukhwe. Usukumise impundu ndayehlisa ngemilenze.
Simba: ”Mxm.”
Belilikhulu ke lona elinxeba lisethangeni. Ndimkhulule isilamba nesikipa ebesinxibile. Ndiyogalela amanzi
ebhafini.
Ndimhlambile ehlihliza engayeki. Ebeyibaxa be. Ndimhlambe nomzimba ndongena amanzi ndamhlamba
ngezantsi. UDiba ebemi ethe nkqo ke, ede enemithambo.
Nomtha: ”Kaloku ubungafuni ukulala nam ebhedini. Hayi maan Simba khawume ngesilalo, yini
sewuqqanjelwa. Simba! Hayi tyhini! Khawuyeke.”
630
Simba: ”Enye.”
Simba: ”Awumithanga?”
Nomtha: ”Hayi maan! Nguwe na lo ondenza muncu. Ndithi anditshongo ukuba ndikwiperiods, senditsho
intlungu yakhona. Ibu cramp-ish.”
Nomtha: ”Asinoke sizihlalele kwethu sidlalele kude le nedrama yakowenu? Ufuna ukuyongcukuvana
nobhuti wakho ngoku niphinde nibe nisilwa?”
Simba: ”Andiyongcukuva mntu. Ndifuna ukubona umama qha, ndixolise. Lento uyithethileyo indenze
ndacinga nje ukuba yonke lento ichaphazela yena kakhulu. Andifuni aphinde abe nesinye istroke,
abantwana bam nam sisamdinga.”
Nomtha: ”Singabe sinqanda amahayi hayi ke phaya. Kube uyothetha nomama qha. Eyochuku
ungayingeni.”
Nomtha: ”Ndithetha nawe njengo nkosikazi wakho. Kuba yonke into yakho ichaphazela mna.”
Simba: ”Ay andiyithandi indlela othetha ngayo nam ngamanye amaxesha. Uyandishouta kaloku wena.”
631
Nomtha: ”Uxolo kaloku, andizukuphinda ndithethe.”
Nomtha: ”Nxiba.”
Nomtha: ”Asilwi.”
Enye into ibingasihlalisiyo endlini yindlala. Besingekabi nalo ixesha loluthenga ukutya for endlini
kukuxakeka. Mhlawumbi ngoLwesibini besizovukela khona.
Ndityise umntwana akuvuka ndamhlambe. Besendihlambile mna. Kuqhube mna kuba utetemane
ebeqaqanjelwa lithanga. Inoba beluqaqamba nyani kodwa shame qha ebendidikile kwangokuba
nenkani.
Nomtha: ”Molweni!”
Basabele ngoewe otyhafileyo. Nempilo yakhona ijafu jafu. Umama ubumbona apha ebusweni ukuba
sonele shame isiaram.
Bisola: ”Yazi ukuba bendina mandla, ngendikubleksema ngoku usisiqhwala. Yintoni le niyenza emzini
wam kusando kungcwatywa? Khona ukuba utata wenu ubunga mkhathalela! Ukwenza uqhushuluku
ngosuku emveni komngcwabo wakhe! Kude kuze imoto zamapolisa kwam!”
Bisola: ”Andina msebenzi! Izoba ngunam nam kakade ngoku kuba nizizikoro-koro! Nini nobabini!
Anizukukhomba minwe apha. Uphindele esibhedlele kengoku kuba ubuye wanentlungu kwelanxeba.
Belisopha nokopha.”
Simba: ”Hayibo!”
Bisola: ”Uzuyikhuze.”
Bisola: ”Baphindele eRhawutini ekuseni ooMkhuseli. Baya phangela kaloku bona. Abango ngantweni
abafana nobhuti babo. Izinto ezazi ubundlobongela qha. Abantwana endinabo. Nina!”
Simba: ”Uzophuma.”
Bisola: ”Ndifuna aphume nam ndizonibulala ngoku kwam bhetele. Ndiyazi ukuba njengoba ndanizisa
kulomhlaba nje ndiphinde ndanithatha.”
632
Simba: ”Ndiyaxolisa mna mama. Akufanelanga ukuba inyukelene yafika apho ifike khona kodwa
bekunyanzelekile. Kuba ngoku besesiqala ukudelana kuba singazange sivane amandla. Uzoba right
uMluleki. Uzophuma esibhedlele abe right. Noba asivani kodwa le yona yokudelana iphelile.
Ekugqibeleni ndimdala game yam nam. Andizudelelwa yenye indoda ngolahlobo. Ithethe nam
ngolahlobo. Masingavani kodwa singadelelani.”
Uphele ngokunikina intloko yakhe umama akathetha. Ubuye yedwa uUlatho. Ebesagciniwe ubhuti. Ufike
nje wabeka amanzi asaphinde sambona ukumnka kwakhe nawo. Bendiphekile ke satyeni ndahlamba
izitya sahamba noSimba. Utye ipilisi zakhe walala. Ebethule ke engenancoko. Esuke wamaka nokuba
maka. Baleli kuqala nomntana ndabe ndisahlamba mna ndayobukela itivi.
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Baby?”
Usabelele ebuthongweni.
Simba: ”Yiza yizolala. Sizovuka siye kugqirha. Beka umntana ecaleni usondele.”
Simba: ”Nomtha?”
Nomtha: ”Mh?”
Ndinqwalile.
Simba: ”Okay.”
633
EIGHTY
Nomtha: ”Simba.”
Simba: ”Hm?”
Nomtha: ”Simba!”
Ndithe chuu ukuya elounge ndathatha isitsixo semoto. Undithe wambhu igown yam ndanxiba ingalo.
Ebethatha umntwana namabhayi akhe namabisi yonke lonto exhakazela.
Nomtha: ”Thatha ibag yakhe baby, ujonge ukuba inezinto zakhe azozidinga.”
Hayi ndivele ndamjamela. Nx! Ibingase ndixhwithe inwele. Bendingafuni ukupacnika ke tana kodwa
bendizibona ukuba ndisondele. Bekuse early ukuba ndibele, ebesiyaphi na lomntwana. Ibihamba iphinde
ibuye intlungu. Ithi xa indithe nxiiii ndibambelele ide ithomalale. Uphume endlini waphinde wabaleka
wangena kwakhona hayi ke indlela endivele ndacaphuka ngayo ndivele ndaziva inyembezi.
Uvule ucango emva wabopha icar seat wagibisela yonke into nje wabavala ucango.
Simba: ”Uyakhala?”
634
Simba: ”Ndithule ne? Okanye ndikuculele?
Simba: ”Andizucula uba awufuni ndicule. Ndicela undiboleke isandla sam kancinci ndifuna ukufounela
ubhut'Siphelo bazothatha umntana nosisi.”
Andifunana nokubuza ukuba ungongubani lobhut'Siphelo. Mna kaloku bendisazi onkosikazi babo, bona
ndingaba chani kakuhle. Ufounile ke wathetha naye. Andivanga nokuba ibihamba njani incoko kuba
bendibhuqwa zintlungu ngoku. Hayi bezihamba nam kakuhle.
Uphume nestretcher ndalayishwa kuyo ngoncedo lomntu ophangela phaya ndabalekiselwa ngaphakathi.
Simba: ”Baby.”
Nomtha: ”Sundishiya.”
635
Simba: ”Hayi! Uyaphila. Unengxaki nelungs kodwa ogqirha bathi bazomgcina kula bhokisi ade aberight.
Kuthwa sistress esi sikubelekise kwangoko. Ubuke waxhuzula nokuxhuzula.”
Nomtha: ”Bendixhuzule?”
Simba: ”Uright kodwa ngoku. Ibengengo mxhuzulu ungamandla. Umntana wethu uzobaright, umama
wakhe uzoba right. Ndonwabele lonto qha mna. Nindenze ixhala kodwa. Enyanisweni Nomtha andiqondi
ukuba ndikuxelela ngokwaneleyo, ndiyakuthanda. Kakhulu. Ndiyaqonda ukuba nam ndongeze kwistress
sakho ngayo yonke into ukuzotsho kule yakamva nje, ndiyaxolisa.”
Ndimncumele wayihleka.
Nomtha: ”Yinkwenkwe?”
Simba: ”Ewe. Sigqibile ke ngoku, ndizokwenza ivasctomy ukuphindela kwethu eRhawutini. Andifuni
nempazamo.”
Nomtha: ”Hayi.”
Simba: ”Nditsho lento ndikufunza incukacha. Ingathi awunamdla wokwazi nto ngaye. Bendiba uzovuka
undibuze yena. Nangoku sendikuxelele ngaye awunamdla wokwazi enye into ngaye.”
636
Nomtha: ”Ndidikiwe ingxaki.”
Ndigcinwe esibhedlele intsuku ezine zonke ngaphambili kokuba ndikhululwe. Bendiright empilweni,
yonke into iright. Umntu ebesezohlala ngumntwana ke kuba ebengulo ebenayo nengxaki yemiphunga.
Bebethembisa kodwa ogqirha.
Simba: ”Anditsho, qha umama ebefuna ukunceda so nam bendingeno landula uncedo.”
Nomtha: ”Ndozothetha naye ndimbulele. Andifuni ukuba kowenu mna. Kukho nobhuti wakho
nonkosikazi wakhe. Ingase ndibe kwispace sam ndizophumla ndiphole kakuhle.”
Simba: ”Akukho ngxaki ukuba yinto oyifunayo leyo. Ndizomxelela umama ukuba sawuba right.”
Simba: ”Uright! Bendilala naye ndiyomshiya xa ndiyobona wena. Bendingafuni abe ehlupha abantu
ngobusuku xa evukwa zingqondo zika mama wakhe.”
Ndifike endlini ndatya ndahlamba ndalala. USimba nentombi yakhe bebefundekela kwelinye icala,
ivolume ivulwe yakumaqondo okugqibela mntakabawo.
637
Nomtha: ”Ndingase ndisebenzise esakulo mama ke ukuba kunyanzekile kuba andizazi izinto zoTongai
ukuba zihamba njani.”
Uyihlekile.
Mamnkeli: ”Nivukile?”
Mamnkeli: ”Siyaphila nathi. Akukhonto. Sonwabe nje kakuhle, sonwabe ngakumbi ukuva indaba
ezimnandi ngoBisola ukuba unyana walendoda akasakwazanga kulinda.”
Nomtha: ”Ewe basamgcinile tata. Bekusithiwa uzokutshwa mhla wakwazi ukuphefumla kakuhle,
wanyuka esikalini akwazi nokuncanca. Usezohlala.”
Mamnkeli: ”Ixesha yenye into mntanam. Lizovele lithi tshe kube sekusithiwa yizani nizolanda ipasile
yenu. Kufuneka nisebenzise elixesha nizilungiselela izikhalo. Niphumle, xa ningayanga ukumbona.”
Nomtha: ”Besihlele ukwenza njalo. NoSimba ndizombambela apha endlini, eyekugcwala ilali akasoze
asayibona kengoku ngenxa yonyana wakhe.”
Mamnkeli: ”Kuhle, kuhle mfana wam. Siyabuyisana nani bantwana bam. Izipho nawuzifumana mhla
neza naye nganeno simbone.”
Nomtha: ”Ungakulinge unike umntana wam igama lesiNigeria okanye elesi Igbo!”
Simba: ”Oh abenawo aweChiShona kodwa mna andina lungelo lokuthiya awam?”
Nomtha: ”UngumXhosa Simba. Umntana wakho nguMihlayonke, igama lesiXhosa. Akukho sidingo
lokuyona lento ngegama lesibini!”
638
Simba: ”Kutsho bani?”
Simba: ”Amnandi!”
Nomtha: ”Hayi liright igama elinye. Made nokuba made lamagama umntana wam.”
Simba: ”Kodwa serious Nomtha, akekho nomnye umntwana endimthiyileyo mna. UZendaya nguwe,
uMihla nguwe. And kukuphela kwabantwana esawuba nabo aba. Ndiyayazi ukuba ndandingekho
kuZendaya, nakuMihla bendingekho kodwa ndikhona ngoku. Ndibe khona xa ezalwa. Imiddle name
nje?”
Uhleli iveki ezintathu esibhedlele uMihlayonke. Wabuya, wapbinda akabiright sambuyisela kwakhona
wahlala ezimbini. Besizityele esibhedlele iholiday, singazivanga tu. Bendingeka qiniseki ngesikolo ukuba
ndizokwenza njani. USimba ebesamile ngelokuba ndiphumle kulonyaka ndikhulise abantwana. Bendine
option ye online learning kodwa ingeyonto bendiyinqwenela leyo. Ebengasa thethisi nto ngokuyeka
elishishini lakhe. Endaweni yoko ebeqalisa ukulungisa iwarehouse ethethana naba bantu bakhe
boyikisayo asebenza nabo. Bendingayazi nokuba besekutshintshile na ngoku. Ukuba akasoyiki ukuba
639
isichaphazele na ngoku. Yonke lanto wayeyithetha kucacile ukuba wayenga nyanisekanga. Bendinga
mbuzi nto ke nam.
Bekumnandi ukuba nomntu omtsha endlini. Wonke umntu obalulekileyo ebesivuyele. UMalik
ebengxamele ukumbona. Bebumnandi ubudlezana kuba bendichitha ixesha nomyeni wam nabantwana
bam. Xa esiya emzini onotywala ebekhawuleza abuye. Ongutata oncedisayo nasebantwaneni bakhe.
Benga xhomekekanga kum ndodwa. Bendiyithanda le mpilo. Impilo yelali. Yamajerumani ne coveralls.
Bendingayi chasanga eyokuhlala apha ngoku pheleleyo. Ndifunde kwelicala, nabantwana bam bafunde
ngapha. Kodwa phi ke? Umyeni wam ebefuna impilo ekhawulezileyo yaseGoli. Le mna besele
ndiyonqena nje. Beninga yazi. Eyokuba ngumfazi welali, indoda iyophangela eGoli?
640
EIGHTY-ONE
Nomtha: ”Tata kaZendaya.”
Simba: ”Mh?”
Simba: ”Ngoku?”
Simba: ”Ndilambile kona kodwa ndifuna ukutya sendigqibile apha. Ungabe ukuphaka kube kuphola.”
Nomtha: ”Okay.”
Ndimshiyile ndayingena endlini ndiyomphakela. Ebefaka itanki yena. Belikhona elikhulu kodwa eli
elenzela iwashing machine, izotsala khona amanzi. Bendibeke istampu emzini wam. Ndizothi ngumzi
wam ke kuba seyingowam nam. Oko ndandifike unjeya so bendongeza ifurniture nezozinto zincinci ke.
Eneneni bendikonwabele ukuhlala ezilalini mna. Ngaphezulu kokuba bendicinga. Lampilo nje
bendiyithandile.
Ungene sehlambe izandla ndamphathela ukutya kwakhe. Bendingazi phakelanga mna, ndinga
kucacelanga. Bekupheka mna mihla le ingase nditye okuphekwe ngomnye nje umntu.
Simba: ”Mh?”
641
Ndithinte umqala wam ndalungisa ukuhlala.
Nomtha: ”Ndizofunda.”
Simba: ”Yintoni kengoku uzofuna ukuhlala ezilalini umyeni wakho eseRhawutini? Ndiyakudika ngoku?
Udikiwe kulutshata?”
Simba: ”Inokwenza nantoni? Ifana lento nokuphuma ekamireni ningabatshati, omnye alale kweyakhe
nomnye alale kweyakhe. Inento yonke enokwenza nomtshato. Ufuna ukuhlala kwenye idolophu, umyeni
wakho ehlala kwenye. Wakugqiba uzondixelela ukuba ayinanto enokwenza nomtshato? Hayibo.”
Nomtha: ”Njengoba uzophindela kulomsebenzi wakho kwakhona, andifuni kuhlala eRhawutini mna.
Uyayazi ukuba uba nentshaba xa usenza lamsebenzi-
Simba: ”Naku kaloku uthetha ngokuba ndiba nentshaba, kucacile ukuba uyazazi. Andiyo gangsta mna.
Andikho kwigang. Andilogintsa. Andibenzi obobubhanxa. Ihustle yam isophisticated. Soze undibone
ndisenza bonke oba bubhanxa bokudubula izibhamu phezulu nantoni ntoni. Izinto ezenziwa
zezizibhanxa zingafundanga. Wawuke wandibona ndiphethe isibhamu?”
Simba: ”Kodwa ndiyasiphatha apha kum. Ndineroom egcwele zizibhamu on display, zange undibone
ndisenza obabubhanxa ngazo. Zange undibone nangenye imini ndisukela abantu-
Simba: ”Akhonto ndiyaziyo. Bobuphi obubu ngozi uziva okungathi ukubo ngenxa yam. Kuba mna
ndiqisekisa ukuba ukhuselekile. Unesecurity, sihlala kwindawo ekhuselekileyo. Into zam zomsebenzi
wam azizange zanichaphazela. NguSylvester qha umntu endingatsho ndithi ke nguye owakufaka
ebungozini ngenxa yam kodwa naye wayesenza njalo ngenxa kaEfe, hayi into edibene nomsebenzi
642
endiwenzayo. Kakade ndizobanazo intshaba, nawe unazo ngoku ungekho kwelishishini lam- hell wonke
umntu unentshaba. Kodwa ayikanichaphazeli.”
Simba: ”Awuzukuhlala apha Nomtha. Ukuphindela kwethu eRhawutini sizophuma kulandawo sibuyele
eCenturion. Awuzuhlala apha.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Simba, baninzi abantu abahlala kanje kodwa batshatile kuright kumnandi. Ayonto intsha
leyo.”
Simba: ”Owam umfazi, nabam abantwana bazohlala apho ndihlala khona. Qha. End of. Uzophinde
ukhale xa ndihlalisana nomnye umntu kulaRhawuti kuba mna into endingekhe ndiyimele kuba ndibhaqe
kanye enyakeni. Ndi absteine ngenkani. Kuba kokhiwe apha kugqityiwe. Yonke enye into ofuna
ukuyenza ungayenza xa sizile ngeholidays, njengangoku. Uthengile izinto kukho utshintsho ngelixeshana
silapha. Hayi eyokuba uzoxweba apha unyaka wonke undihlalise ndodwa eRhawutini. Umncinci for
ukuba ngumfazi welali. Utshatele exhegweni kodwa umncinci. Kukhangeleka kumnandi kuzolile kuba
uhleli ixeshana nje elincinane. Le uyifunayo ... hayi. Phofu ungahlala wena kwilali zakho ube ngumfazi
welali, undiboleke abantwana bam qha ufunde ke wena.”
Simba: ”Uyazinceda.”
Simba: ”eUNISA.”
Simba: ”Njengoba ubufuna ukufunda through UNISA ngoku? Xa useRhawutini sewufuna ukufunda full
time? Yintoni kakuhle wena ingxaki yakho nam? Ndim lomntu ungafuni kuhlalelana naye?”
Nomtha: ”Ayikuko ukuba andifuni kuhlalelana nawe. Qha bendibawela ukuhlala apha ekhayeni.”
Nomtha: ”Ndikuvile.”
Simba: ”Ungaregista apho ufuna ukuregista khona, ufunde uyoma kwaphela ibhongo. Sawuzama umntu
ozoshiyeka nabantwana, ndiyaphangela ndinemali. Ukuba bendinga phangeli bendizohlala nabo
abantwana bam. Ukuba nawe ubungafuni isikolo ubuzokwazi ukubakhulisa ngoku kwakho abantwana.
Noba ubunothatha igap year kulonyaka. UMihlayonke useloyuku, unezigulo futhi ... ingase ahlale nawe
mamakhe. Hayi umntu nje- kodwa izoba ngathi andifuni ufunde ke. Ndizomfuna umntu.”
Uthathe ukutya kwakhe watya. Oko ndijamile wade wagqiba. Ushiye itray etafileni waphuma wahamba.
Ebeyogqibezela itanki.
643
Ndihlambe izitya ndagqiba ndothula impahla ibihlanjiwe ndayipakisha kwibags. Besihamba ngeCawa.
Oomama nobhuti bekukudala bahamba bona. Wayeselulama kakuhle emveni kokuphindela esibhedlele.
Wahamba kwa kuqala keyena noUlatho. Zange baphinde badibane noSimba kuba bahamba kwa
kwamama baya kowabo umzi. Ebesekrukuke finish uSimba zilali. Qha enkcekelele kuba mna bendisa
mandelwe.
Kuqale ukuvuka lo ebesanda kulala umntwana ndamtyisa, kuvuke noMihlayonke sekhala. Bebeyenza ke
intloko xa becacile. Basuke bakhale bobabini ngexesha elinye. Kuba bekukho uSimba ke bekuba bhetele
kuba ebehoya omnye nam ndizimele ngowam. Andiyazo lomntu besizomfumana ebezokwenza njani
kuba besingena mali ikhiwa ngerhalafu kaloku caba sawude sibe nabantu ababini bokuhoya nje
abantwana. Mhlawumbi ebenyanisile uSimba. Mhlawumbi bekungcono ndihlale ekhaya kulona unyaka
abantwana babe bukhula. Bendikwa ngulo ebengxamele ukuphangela ndizimele. Eyikuxhomekeka yona
into zange ndayiqhela kwaye ndifunde nto kulameko kaNokulunga. Ewe uSimba wayenesigqukru sokuba
emenze wamkhulisela abantwana abayizo ukuba abangobakhe kodwa zange amshiye kwa nenye into.
Ngaphezulu koko wathengisa mzi bebehlala kuwo, wathengisa moto ebemthengele yona njengoba
ebephindele kowabo elokishini nje. Seqhele isuburb. Ubuyele ekuhlaleni nabazali ngoku, akaphangeli.
Bendifuna ukuba nezam izinto mna. Ezithi Nomtha. Kuba awunoqiniseka nganto apha emhlabeni. Soze
tu.
Sivuke ngengomso saxakeka imini yonke. Into ngelali kukuba awusoze udinge into yokwenza. USimba
ebevuka qho alungise le, alungise leya. Imfuyo embalwa ebenayo ibingahlali kwakhe, ihlala kwatamnci
wabo. Neyakowabo ibihlala phaya. Ebengayihoyanga nokuyihoya lomhlobo yena. Umntu bendisiva
kusithiwa uyihoyile ibingubhuti omdala uMluleki. Ebethenga amayeza okudipha, eyazi yonke into
eqhubekayo ngazo.
Ndizobuthelwa yinkosikazi kabhut'Siphelo sahlala ngaphandle imini yonke sincokola. Besihleba ke ixesha
elininzi. Ngayo yonke into nawo wonke umntu. Kubafazi befemeli yasendlini nguye bendimthanda.
Bebehlala apha ekhayeni ke nomyeni wakhe. Engulo house wife bendifuna ukuba nguye mna. Ebengene
imigalelo, eyokutya, eyezinto zasendlini. Benawo nombutho wasekhayeni. Nathi besinawo ke nowalapha
kodwa besine policy esinazo.
Umyeni wakhe ebephangela apha ekhayeni eyiMetro officer. Ebeyeke kugrade twelve yena isikolo.
Wenza ihome base nton nton emveni koko kodwa akaphangela. Bekungona efuna ukusukuma afune
umsebenzi ancedisane nomyeni wakhe, ebefuna bokhe indlu enkulu. Bebe noronta nendlu enguL.
Nomtha: ”Nne.”
Ndimve eyihleka.
644
Nomtha: ”Ndim lomntu ungahoyanga chiShona ke, kuba sendiphaphele isiXhosa ngoku.”
Bisola: ”Kuhle nakuthi, akukho nto. Sonwabe nje kamnandi. Abatwana bayakhula?”
Nomtha: ”Phofu nyani. Kuba bebabini ke ngoku. Ngoba bavele bakhale bobabini ndingayazi noba
ndihoye omphi ndiyeke omphi. Ubudlezana!”
Bisola: ”Uzawukhumbula kwa obu buncinci. Uyabona mna ingase ndibenze amasana ngoku, njengoba
sebekhuphana amathumbu nje namhlanje befakana ezibhedlele.”
Bisola: ”Ebene infection ngoku kuleveki, uthi uUlatho umphindisele esibhedlele kwakhona kodwa
sephinde waphuma.”
Nomtha: ”Yhooo hayibo. Njengoba sekungathi akukhange kwenzeke nto kuSimba nje.”
Bisola: ”Unesandla esibi kaloku yena. Unesihlungu nokuba nesihlungu. Ingathi ngumntu lo ufake
lamabhanti wakhona.”
Huh? Ebengazange wayibuza lonto ngaphambili umama kaSimba. Ndiqonda nje ukuba ikhona into
ethethwe ngunyana wakhe kwalonto ade abuze.
645
Bisola: ”Uthi akufani nje.”
Bisola: ”Ndizokucela ukuba ungabi defensive. Undive kakuhle. Itone yakho kungoku idefensive.
Unyaniseke futhi, andikuhlaseli okanye ndiza ngecala elithile. USimba akafane andixelele nto
ngomtshato wakhe. Ungumntu ozilungiselelayo ingxaki zakhe. Kucacile kengoku ukuba uziva exakiwe.”
Bisola: ”Akatsho ukuba kutheni, uyatsho nje ukuba izonto azifani oko ebuye eNigeria. Akusekho lanto.
Noba nizama ngaluphi na uhlobo kukho ithana nje phakathi kwenu.”
Nomtha: ”Anditsho ngolohlobo nam. Ndiyavuma ukuba ndim ingxaki. Andisasiva nyani esa spark
sasinaso, inoba kukuba besendizixelele ukuba akasekho okanye ndeva kabuhlungu kakhulu kodwa
ndiyaluva lona utshintsho. Bekumnandi ngelaxesha ebesanda kubuya, ekuhambeni kwexesha I was like
what now. Sibuyela njani esiqhelweni.”
Nomtha: ”Angatsho kuba bendifuna nokuhlala apha ezilalini aphindele yedwa eRhawutini.”
Bisola: ”Mntanam ningayenzi lonto. Njengoba sewusitsho nje ngoku ukuba kukho utshintsho kwaye
izinto azifani, into yokugqibela eniyidingayo kukohlukana ngentlalo. Nizoqhela ukuba ngaphandle
komnye, lento ingayiva kumyeni wakho ufuna ukuyilinga komnye umntu naye abe nesizungu adinge
umntu ube ungekho ibe kukuphela komtshato wenu. Kuzofuneka ni adjuste kaloku. Futhi kukho
nomntwana omncinci ngoku. Awuzukufuna ukuchathwa kuba usaphola. Xa upholile udiniwe
ngabantwana, sisikolo ngapha kwelinye icala ngulomyeni. Kubanjalo. Kodwa ningayeki ukuba
ngabatshati. Ningavume ukuba kobuya budlelwane bokuba ngohousemate. Kutshiwo mos.”
Bisola: ”Nifune noba ngumfundisi ukufika kwenu eRhawutini. Nifune nomntu wonincedisa ngabantwana
nizoba nexhesha kunye. Andiyazi. Kodwa zamani. Ningavumeli umoya omdaka maan Nomtha.”
Nomtha: ”Uqalile.”
Simba: ”Mzise.”
646
Nomtha: ”Hayi maan undothusa. Kudala ungenile?”
Simba: ”Bendisoyika ukuthetha nawe ngoku kwam. Bendizova ngomama ukuba uthe awusandithandi.”
Nomtha: ”Ndiyakuthanda.”
Unqwalile.
Nomtha: ”Yintoni?”
Nomtha: ”Hayi.”
647
EIGHTY-TWO
Simba: ”Uthathe yonke into?”
Nomtha: ”Senditsho ingathi ndiyithathe yonke into. Ukuba kukho eshiyekileyo akukho ngxaki,
sizophinde sibuye mos noba kunini.”
Simba: ”Sawuyibona ngepasika. Bendicinga ukuba simane sibuya ngeholidays kuba uyakuthanda ukuba
lapha. Endingasoze ndiyivume kukuba uhlale apha full time.”
Nomtha: ”Oh.”
Ndimncumlele. Yenye yezinto bendizithanda kakhulu ngomyeni wam ezi, ebendikhathalele kwaye
endithanda. Ulonwabo lwam belulekile kum. Ubonile ukuba ndiyakuthanda ukubalapha ekhayeni, ewe
ke ezinye izizathu zokuba ndifune ukushiyeka ibikukuba bendiziva ndidinga ispace nakuye. Izinto
ibingathi zitshintshile phakathi kwethu. Kodwa hayi ngendlela eright. Emveni kokuthetha nomama
uBisola bendiziva ndifuna ukuzama for umtshato wethu. Ungatshabalali. Nobudlezane ngapha
bebundibambe ngezixhanti. Abantwana babini abangashiyani kakhulu bebendigqiba ububele. Ubomi
bam bebujikeleza kubo ngoku, umyeni wam ndimtyhalele ecaleni.
Simba: ”Okay.”
Sihambe kamnandi ke sade sayofika eRhawutini. Abantwana abakhange bahluphe ngendlela besicinga
ukuba bebezohlupha ngayo.
USimba ebelungiselela ukuphindela emsebenzini ke elungisa kwarehouses zakhe nayo yonke into.
Ebexakeke kakhulu, bekubhetele kodwa kuba ebeyenza apha endlini yonke lonto okwangoku.
Umsebenzi ubumninzi kakhulu, siphumile kulandawo bendiyirentelwa eWegheheuel siphindela kwethu.
Bekungenzi sense nyani ke ukuba sixinane kulandawo sibaninzi. Ibiright ngelaxesha ibindim noZendaya
qha. Ngoku besekukho abanye abantu ababini. Kengoku ibingulo sa kuba besisazama ukuqoqosha izinto
sizibeka ngendawo zazo.
Nomtha: ”Kuyafana, zizobe zilinde mna na ngomso. Kungcono ndigqibezele ngoku, ndiyazi ukuba
ngomso ndenza enye into.”
648
Nomtha: ”Njengoba nawe uzitrafa ngomsebenzi.”
Simba: ”Kunyanzelekile ndizitrafe ke mna kuba ndifuna ukuqalisa kuleveki izayo. Wena ayikho into
ozixheshela yona, ukuba nje siyakwazi ukunyakaza kuright. Noba ungagqiba kulonyaka uzayo.”
Ndiyihlekile.
Simba: ”Ndimbizele ukuba alungise kakade, so noba ufika kugxoko-gxoko. Khawuziyeke ezizinto. Yizapha
uzohlala nam sibukele itivi.”
Nomtha: ”Yehake!”
Ndiyeke into bendiyenza ndayongqengqa emathangeni akhe. Ebechophe ngempundu yena etshintsha-
tshintsha ichannels. Ude wafumana imovie sabukela yona.
Ndisukule kuye ndagqegqa phezulu kwakhe ndibeke intloko yam esifubeni sakhe.
Nomtha: ”Bendicinga.”
Simba: ”Mh?”
Nomtha: ”Phofu akukho nto ndisayicingayo, sendithathe isigqibo. Andizuya kulonyaka esikolweni.
Ndizothatha igap year ndibone kulonyaka uzayo.”
Simba: ”Ukugqibela kwethu ukuthetha ngalento ubungafuni nokuva, ufuna ukuphindela esikolweni.
Kutshintshe ntoni ngoku?”
Nomtha: ”Ndicingile wethu ukuba kubhetele xa ndihlala nabo okwangoku kuba nyani njengoba
uMihlayonke enengxaki kungenzeka nantoni na xa ehleli nomnye umntu. Usadinga mna, nam ndidinga
ibreak ezincwadini. Uzobakho lomntu uzondincedisa ngabo kodwa late ndizobuyela kubo, ngapha
zincwandi- I assigments nedealines. Ngapha ndingumfazi. Uzokhawuleza ukuphela. ”
Simba: ”Mh.”
Nomtha: ”Yintoni?”
Simba: ”Yinto bendiyitsho nam. You're putting too much pressure on yourself, uxinzelelo oluzophinde
likulimaze. Ndiyavuya ukuba you are making this sacrifice, ngalondlela sizotsho sikwazi ukusebenza
ngomtshato wethu. Ungumdlezana ngoku ewe, ungumzali. Singabazali. Kodwa ayithi lonto kufuneka
siyeke ukuba ngabatshati. Andifuni sibe zezi couples zibhorayo sezihlalisana nje. I intimacy yethu ingathi
649
ifile. Kwaye nge intimacy anditsho isilalo. Ndiyaqonda ukuba ayikabi loxesha usanda kukhupha umntu
wonke! Kodwa sihlale kanje. Undibambe, undiphuze. Random kisses.”
Nomtha: ”Hayibo baby, ayikuko nokuba andikucacelanga. Qha andiyazi. Ubom bam buthathwe
ngabantwana-
Nomtha: ”Ubuke wazibona? Uyayibona la wine ibakwi cellar. Leya kuthwa it matures-
Nomtha: ”Uwhoah! Ndiyaqala noyiva. Kodwa ngaphandle kobu bros bakho Simba into endizohlala
ndiyithanda kukukhathala kwakho. Ukuba ngutata kubantwana bakho, awunayo into yokuba abantwana
bahoywa ngumama and kuba ndinga phangeli mandihoye abantwana ndipheke. Ungutata hayi ngegama
qha. Ungumyeni hayi ngegama qha. Uyandikhathalela, uyandithanda. I'm attracted to that.”
Simba: ”Mhhhh.”
Simba: ”Ndiyayazi baby. Sawuba right. Undothusile ingxaki xa ufuna ukushiyeka ezilalini.”
Ndithule andaphendula. Sibukele imovie saphazanyiswa kukukhala komntana. Ndiyohoya yena, uSimba
waphindela emsebenzini wakhe. Iqhubile iveki, lomama ebezoza weza. Ebezocleana endlini aguqulule.
Nomtha: ”Baby.”
Simba: ”Abakhali?”
650
Nomtha: ”Tu and bahleli.”
Nomtha: ”Undisaphi?”
Ndincumile.
Simba: ”Njani ungayazi ukuba mawunxibe ntoni iwardrobe ingcwele zimpahla? Khangela noba yintoni
ocomfortable kuyo uzilungise. Ayondawo caba le.”
Nomtha: ”Okay.”
Noba ibingeyo ndawo caba bendiyazi ukuba yindawo ebhadlileyo. Ebengaphoxi kwelocala umnumnzana
uSimba. Ebeqalisile ukuphangela ngoku, kodwa ebuya kungeka rhatyeli kakhulu. Besivumelene nomama
ocleanyo ukuba uzoza kanye kwiveki ezimbini, kuba mna bendicoca ngaphambili kwamehlo. Ndihlambe
inwele zam ndazomisa ndazibopha kakhulu. Bendihle kancinci emzimbeni kodwa ikhona ilokhwe
ibindonela eyibodycon. Ndinxibe yona ndakhupha neheel. Bendifuna ukuchophisa. Andisakhumbuli
nokuba ndagqibela nini, uhlobo bendine mincili ngayo bekukancinci ndixhuma-xhume.
Nomtha: ”Rhaaaaa!”
Luleka: ”Uyatefa?”
651
Nomtha: ”Ndinelishwa mna shame. Kwanjani ukubuya kwenu?”
Nomtha: ”Mh.”
Nomtha: ”Nyani?”
Unqwalile.
Luleka: ”Ndimxelele ukuba andizutyhola yena, kuba yena akatshatanga nam. Ebengandityali nto kodwa
ndisazama ukuqhelana nemeko, nangendlela ezinto ezingayo. Ndizama nokuqhelana nobukho
bomntwana. Ndiyaqonda ukuba uSiyanda uzofuna babe nobudlelwane nonyana wakhe so andizuba
ngumqobo mna.”
Nomtha: ”Please. Kuhle ukuba uze ngaphambili ngendlela aze ngayo wathetha nawe.”
Luleka: ”Liyadingeka nyani ixesha lenu nobabini. Nike nijongane emehlweni kungabikho nyweee!”
Ndiyihlekile. Ndilandwe nguNorman. Oko ndinemincili indlela yonke ingathi aside sifike nakuSimba. Oko
ndincumeza ndodwa.
Side safika, undixelele igama lendawo kuphela uNorman ndazingenela ndodwa. Ndikhokhelwe kwitafile
yakhe wanditsalela nesitulo.
Simba: ”Ungade wothuke ingathi andike ndikuvulele izitulo. Yiza ndiphuze, awusemhle.”
Sitye ithree course meal, ndasela ijuice kuba ndingulo uncancisayo. Besizincokolela ngayo yonke into
ngaphandle kwabantwana. Besivumelene ukuba asizukuncokola ngabantwana. Sihleli nasemveni
kwedesert sizincokolela.
Siphindele esiqhelweni kwiveki ezayo. Mna ndihleli nabantwana nje. Ebemana ethatha ioff days okanye
asebenzele endlini, njenga namhlanje. Oko ebezivalele eofficini yakhe. Ebene discipline kodwa, xa
esebenza esebenza.
Simba: ”Uyahebhuzela.”
652
Nomtha: ”Akafuni ukulala lo.”
Simba: ”Andizuhlala.”
Ndiyomphuza emlonyeni.
Nomtha: ”Dankie!”
Akhonto imbi bwndingayicingi kangoku. Sendikhala nokukhala. Ibingu half past 11 ebusuku. USimba
uhambe ivatshula nabantwana bam! Ngekungcono ukuba ebeyihambe yedwa hayi nomntana
osancanca. Bendicaphuka ngaphezulu kokuba ndikhathazekile. Tyhini le ndoda!
Caba wothukile uMihla yingxolo wam wakhala. Ndimthathile ndayochopha naye esofeni ndimncancisa,
ndijamele lo unguSimba. Ebengandijongi nase busweni.
653
Ukhuphe umoya.
Simba: ”Ubiwe.”
Nomtha: ”Intoni?”
Simba: ”Bebekhala bobabini ngexesha elinye, kwakho umama o offerisha ukundinceda wabamba
uZendaya. Ndithe ndisathi andisamboni noba utshone ngaphi nomntwana.”
Simba: ”Akakho umntwana. Ndiye emapoliseni, kutsalwe iCCTV uzobonakala lamama kuba besiphalathi
esh-
Simba: ”Nom-”
Nomtha: ”Awuzuhlala apha endlini ungandi phathelanga umntwana wam. Yiza nomntwana wam.
Ndiyakucela. Ndifuna umntwana wam.”
Usukumile wandijonga. Wosule ubuso wangathi uyasondela ndanikina intloko yam. Angake!
Nomtha: ”Hamba uyothatha umntwana wam kulendawo omshiye kuyo. Ndifuna umntwana wam.”
Uphumile.
654
EIGHTY-THREE
Ibiqale ebomini bam bonke le yokungehlelwa bubuthongo. Kuse phandle oko ndijame ngayizolo wona
amehlo. Umntwana wam ebeleli cum ecaleni kwam ede equthe nomlomo. Ndisukume ndayohlamba,
ndithathe ixesha elide amanzi ade abanda ceke.
Ndide ndanamandla okuphuma kulabhafu, ndanxiba ndaya ekhitshini. Ndothukile ukubona uSimba elele
esofeni elounge. Wothukile naye wakuva ucango lwekamire luvaleka wandijonga wasukuma wachopha
ngempundu. Ndimgqithile ndayobeka amanzi wekofu.
Cwaka. Bendifuna afike kukendawo andixelela khona ukuba ufumene umntwana wam kwaye umfumene
ephila. Andixelele ukuba ulele kwispare bedroom, qh. Yiyo into bendilindele ukuyiva leyo.
Simba: ”Nomtha, ndenze impazamo. Bendinga qondanda ukuba lamama uze ngengqondo zokuxhwila
umntwana wethu. Bendamnkela nje uncedo kuba bebekhala bobabini xa ndisithi 'pha, pha!'
Andisamboni ndawo lamama nomntwana. Akukho apho singa mkhangelanga khona kodwa akabethi.
Kungathi uphele emehlweni.”
Nomtha: ”Ndithe kuwe shiya omnye umntwana, ndithe mshiye uZendaya uthathe uMihla wathi hayi.
Ndakubuza ukuba uzokhona na, wathi Nomtha ndizokhona. Ubuya ungamphethanga umntwana wam
undixelela ngomama wakwa Click. Into endingayivayo. Yintoni le undenza yona na Simba?”
Simba: ”Baby, ibe yimpazamo emsulwa, engenzeka nakubani na. Andisoze ndisuke apha endlini
ndiyophisa okanye ndiyolahla umtwana wam ngesibom. Andisoze ndiyenze lonto. Now, ndiyayiqonda
ukuba unomsindo ngoku kodwa ndifuna uqonde neyokuba ndiva kabuhlungu kwamna. Akumnanda-
Nomtha: ”Ndizifunela umntwana wam qha mna. Abuhlanga nobuthongo izolo, oko ndijamile kwasa
phandle. Ndizolala kajani iuZendaya engekho apha endlini. Engekho ebhedini yakhe.
Andiyazi noba uphi, lomama umthathe wamsaphi. Zininzi nje izinto ezibaleka kulengqondo yam.
Andifuni nokucinga izinto azenziwayo. Abantu-
Nomtha: ”Kufuneka siyicinge ke. Kuba ixesha liyahamba alimanga. Asiyazi noba ngalomzuzu yena
uweliswa iboarder. Asisoze siphinde simbone. Utya ntoni? Ukhathalelwe na? Ubelwe ntoni? Ngubani
umntu othatha umntwana ongakaya kubazali bakhe. Ngexesha esimfumana ngalo uzobe engasandazi
kuba mncinci. Uzondilibala ngoku, Simba andiyazi ndizoqhubeka kanjani nobomi umntwana wam
engekho kowabo. Andiyazi. Ngebendibulele bhetele kunale intlungu yokubelwa usana. Wenza ntoni
wena ukumfuna? Ngaphandle kokuxhomekeka kulamapolisa a useless? Wenzani ukufumana umntwana
wam?”
655
Simba: ”Andixhomekekanga kumapolisa. ONorman noMonti abalelanga nabo basebenza ngolwazi
esinalo.”
Uzosule ubuso ngesandla. Ndimbone entlimpinika andamhoya ndigalela ikofu yam ndahamba ndaya
ekamireni. Ndincancise uMihla akuvuka ebuthongweni. Ungenile utata wakhe wangqala bathroom.
Simba: ”Apha. Ndithe ndokumxelela ngokuduka kuka Zendaya wafuna ukuza kwayizolo, ndimnqandile
ke kuba bekusezinzulwini zobusuku. Ndizomlanda e airport xa efikile. Uthe uzoza noMiracle azokunceda
ngomntwana.”
Unqwalile endikrwaqula.
Nomtha: ”Unyanisile. Ukuba ubundimamele umntwana wam ngelapha ngoku. Ndithe mshiye uhambe
noMihla wala. Ndakubuza ukuba uzobakhona na? Ubuya ungamphethanga uZendaya.”
Kucacile ukuba ibingeyinto ebelindele ukuyiva yonke le kuba bekungathi ndimhlabe entliziyweni,
uzibambe isifuba. Bendiyazi lonto, intliziyo iqaqambe kubengathi ungayibamba ngezandla zakho.
Simba: ”Ndicela uyeke ukuba negative torho. Umntwana ndizomfumana kwaye ndizomfumana
engum'qaba-qaba. Ndizomfumana ephila. Ungandibulali ithemba.”
Nomtha: ”Kubhetele wena kuba unalo ithemba. Mna ndinento ethi asisoze siphinde simbone uZendaya.
Lomntu omxhwilileyo angaba naphi ngoku. Malawi, Zimbabwe, Botswana. Somewhere eEastern Cape.
Ixesha liyemnka and yena ufumana elokubaleka nomntwana wam. Okanye sembulele wamfa-
Ebechophe kwi occasional chair ibingakwi wardrobe ezigqume indlebe waqubuda. Bezichontsiza
inyembezi, ekhala. Ebenga khaleli nanga phakathi. Ekhala ukukhala.
Simba: ”Ndiyakucela. Umntwana wam usaphila, sizomfumana esaphila. Ungayithethi lonto. Ungayithethi
lonto.”
Ndingqengqe ngecala ndincancisa uMihlayonke. Bendimjonge nje ndicinge usana lwam. Naye belumele
ulapha ecaleni kuka mama wakhe. Bendingazi noba uphi, noba wenziwani. Bendingafuni ukucinga yonke
into embi ekunoba uyayenziwa kodwa bendinga kwazi. Ingcinga zam bezi balekela khona.
656
Nomtha: ”Masithandaze.”
Bendinga jonganga kwalo Simba bendibhekisa kuye. Ndisajonge umntwana wam. Ebesethule ngoku
ndingeva sikhalo kodwa ndingamboni. Ndingazi ukuba sesenzani. Kuthe cwaka nasemveni kokuba
ndithethile. Uthe cwaka yena kuba bendimva evula, evala idrawers ze wardrobe.
Ude wavela emehlweni yam ndamjonga. Ebephalala. Bendibuhlungu ngomyeni wam shame kuba
bekungekho lula nakuye, bekunzima kwaye inoba kunzima kakhulu kuba umntwana ethathwe kuye.
Bendityhola yena. Naye inoba ebezisola. Eno akwaba abaliwala.
Ndisukumile ebhedini ndaguqa ngamadolo kwimat. Ndimbone ethobe naye egaqa ngamadolo wolula
izandla zakhe. Simbambene izandla sathoba intloko, ebeme emqaleni. Ndiwuthinte kaliwaka kodwa
kwafana, bendine sigqukru nje kuthi mandisothule isikhalo. Bendingafuni ukukhala, tu. Bendisoyika
ukuba hleze ndiyamhlolela ngoku mkhalela. Oko ndizibambile ngokuva ngokuduka kwakhe.
Nomtha: ”Bawo ongcwele. Bawo onamandla. Mdali wezulu nomhlamba, mnini ntozonke. Ndoda ndini
yabahlolokazi, yise wenkedama ...
Xa sitshonelwe lilanga Bawo wethu, simemeza igama lakho kumnkani ka kumnkani ... uyatsho wena
mnini ntonzoke elizwini lakho ukuba xa sicela into ngegama lakho uyakusenzela, siyacela Thixo.
Siyakucenga ngweletshetshe, apho akhoyo umntwana wethu. Noba undawoni bawo sicela imbuyise
ekhaya. Sicela ungene kwintliziyo nezazela zabantu abamthathileyo bambuyise ekhaya ephila
engonzakalanga. Wamsiza uMeshack, sisize nathi ... sincede Bawo. Sincede. Siyayazi ukuba singaboni
phambili kobuso bakho, kodwa ungakhupheli ingqumbo yakho kumntwana ongenasono. Uthathe mna
bhetele ... siyakucenga, siyazithoba phambili kobuso bakho. Ayikho into esingeno yenza. Suku sohlwaya
ngoluhlobo-
Kukhale iphone andayihoya. Andijonganga nokuba bendifounelwa ngubani. Ndingena mdla wokuthetha
nomntu. Ndiyopakisha impahla zika Zendaya akulala uMihla. Ndizikhuphe kwichest yakhe zipakishiwe
ndazipamisha kwakhona. Bendifuna ukuva ivumba lakhe.
Nomtha: ”Ngoku?”
Unikine intloko yakhe. Ndichophe ebhedini kuba bendi noloyiko lokuba ndawugangwa ngalamaplangwe
ebephantsi.
Simba: ”Akabonakali kakuhle nakwiCCTV footage. Kodwa uMonti usadlala ngayo abone ukuba
akavelanga na at some point.”
657
Simba: ”Andimazi. Ndimfumene phaya kodwa. Ebenebasket enezinto ethenga. Ndimfumene phakathi.”
Ndiphefumle.
Nomtha: ”Andisayazi ke ngoku. Kuba bendifuna ukuthi ngumntu okwaziyo lo uthumele lomama. Umntu
obefuna ukukuvisa kabuhlungu, xa usithi umfumene phaya andisayazi. Andisayazi nyani.”
Simba: ”Akakho ngalomzuzu umntu endinothi ulutshaba lwam ngalondlela ade axhwile umntwana.
Ndinexesha elide futhi ndiphumile estratweni, kungona ndibuyela ngoku. Andikabashukuxi ngalondlela.
Umntu endingathi ulutshaba kum nguMluleki. Ndiqinisekile ukuba ayinguye.
Simba: ”Ukuba ibinguye ngendibonile. Ngumntu wokuqala endimcingile ndaya nqo kwakhe. Usalulama
from I infection.”
Ndinqwalile. Bendinga kholwa ukuba nguye kwamna. UMluleki akanoyenza lonto, bendikholwa lonto.
Ebengeno yenza lonto. Kodwa ngubani? Ngumntu nje okanye uthunyelwe? Besingenoyazi. Besingeke
siyazi. Ingqondo yam ibiphixene, bendicinga ukuba kunjalo nakuSimba.
Imile phaya engathi ngumntwana olahlekileyo. Ndimkhwebile wasondela kum ndamanga, hayike
ndivulele umthombo kuba uqale phantsi ukukhala owam umyeni. Ebecela amaxolo, ethembisa ukuba
uzomfumana umntanam. Nakanjani uzomfumana.
Nomtha: ”Mna bendisele ismoothie. Andisigqibanga ndisifake efrijini ngala jug yeblender.”
Akhange athethe, wanqwala nje waphuma. Ndange umama wabe ekhala naye. Yena nonyana wakhe
bebezondi dinisa ngokufeketha kwabo.
Ndinyuse amagxa. Bendingazi kwamna. Bendingayazi nyani. Bendingasoze ndibe right ngaphandle
komntwana wam. Besingasoze sibe right. Amathuba okufumana ebeya encipha eleke kusihlwa.
Bendinomsindo. Kuko konke esesigqithe kuko, nenzame zokulungisa umtshato wethu sehlelwa yile!
658
UThixo kanti unjani? Yonke lento ebantwini abanye. Bekungathi usichongile, ukuba singaze sibe
nolonwabo olugqibekekileyo.
Bisola: ”Kumaxa ndizotsho ukuba uMiracle akavani nokungenzi nto. Ungatsho uncame ukuba
makaphumle.”
Ndinyuse amagxa. Bendingafuni nokuyiqala eyokuchaza indlela bendingayo. Bendingekho right tu.
Bendinga soze ndibe right ndide ndibone umntwana wam kwakhona.
Siphungile ndaziva ndisindwa ngamehlo ndahamba ndayolala. Ingathi ebeyazi ukuba izokundozelisa
lento yakhe umama. Angandithakathi ngamayeza aseNigeria lomfazi. Ndilale ndiyovuka uMihla sena
twenty. Kona kona ibingase ndilale ubuthongo obude, ndivuke umntwana wam sebuyile. Ekhuselekile.
Bisola: ”Sukukhala okungathi ungumntu lo ophelelwe lithemba Simba. Uzofumaneka uZendaya. UThixo
akasoze anilahle ngolohlobo.”
Simba: ”Andisena kwathemba mna ngoku mama. Ndibanga tshutshusa amapolisa akwenzeki nto,
ndibanga tshutshisa oMonti akuveli nto. Ndizothini kuNomtha? Ndoyika nokubuya apha endlini kuba
ubanethemba lokuba ndizongena ndiphethe umntwana and ndiyamphoxa qho. Ndizothini ngoku?”
Bisola: ”Uzoyeka ukukhala Simba uhambe uyophumla. Ngomso uthathise khona. Ewe niyamfuna
umntwana kodwa kufuneka ube semandleni, uphumle. Ungalahli ithemba. Nimthembe uThixo!
Andizange ndanifundisa nto kanti? Akamlahli owakhe. Akasoze nanini na amlahle. Nawe ngelixesha,
akufunekanga ukuba umqalekise kodwa usondele ngakumbi kuye. Ungawathandabuzi amandla akhe.
Ungawa thandabuzi amandla omthandazo. Unike idolo ukutya kwalo. Nakule ngxingongo uzokuhlangula.
Jula konke kuYe.”
Simba: ”Ey mama. Ndifuna ukulala mna ndizokhangela umntwana wam ngomso.”
Bisola: ”Phunga n-
Kuthe cwaka, akamphendula uBisola. Kuvuleke ucango lwekamire waphinde wavala. Uyingena
ebathroom kwakhala amanzi waphuma exesheni wagoqomisa iwardrobe wazongena ezingubeni.
Ndibambe umphefumlo wam. Bendingafuni nokuthetha. Bendingafuni ayazi ukuba ndihleli. Ndide
ndabiwa bubuthongo ...
659
EIGHTY-FOUR
”Nomtha.”
Nomtha: ”Mh?”
Mangwabe: ”Awukhulelwanga?”
Ndiyihlekile. Bendingasoze ndimithe kaloku mna kuba ndayigqibela kwinyanga ezimbini ezigqithileyo.
Phofu sasike salala kanye kwezonyanga zimbini kodwa bendingaqondi ukuba ndingaba ndikhulelwe.
Yayiyinto ekhawu- mandithule phofu kodwa bendingeno khulelwa. Ewe, besekugqithe inyanga ezimbini
zonke singeka wufumani umkhondo womntana wam.
Bendikwesa stage apho ndamnkela khona. Ukuba andisoze ndiphinde ndimbone uJellytots wam. Senza
konke besinokwenza ukumfumana. USimba engalali ekhangela ephanda. Bekucacile nje ukuba
uyotshona kulondawo ebemtshonise kuyo lamntu umbileyo.
USimba ebengapheli themba kufana nam yena kodwa ebeyifihla lonto kum kuba ndathi angaphinde
andixelele nix ngoZendaya mna.
Bendifuna ukwamnkela ukuba akakho kube kanye. Hayi into yokumane ndinikwa ithemba kuphinde
kungabikho mkhondo. Ibikhathaza lanto. Bendithi ndixola ndiphinde ndivuseleleke amanxeba.
Ebengancamanga, esenethemba lokuba uyize amfumane.
Nomtha: ”Andisedinwe!”
Ndizamlile ndasukuma.
Mangwabe: ”Hehe!”
Nomtha: ”Sebuyile?”
Mangwabe: ”Yebo.”
Nomtha: ”Ohh.”
660
Ndingene ebathroom ndahlamba ndanxiba utight omde nesikipa. Impahla zam bezindibamba ke kuba
bendigaine iweight kwezinyanga zimbini. Istress besiyenza lonto emntwini naso mntakabawo.
Simba: ”Ndiright.”
Simba: ”Bendinikhumbula.”
Nomtha: ”Ubuyazelaphi ukuba ndizovuka kwangoku? Udla ngokufika ndisasanda kulala kaloku wena
emsebenzini.”
Ndiyihleke kancinci.
Nomtha: ”Uzoba yinkwenkwe endala. Ahambe ayokolusa igusha zikatata wakhe ezimbini.”
Simba: ”Hey! Azikho mbini igusha zam. Mxelele kwenkwe, mxelele ukuba igusha zikatata wakho azikho
ntathu. Sisathetha ngegusha, uziva njani ngokuya ekhayeni ngempela veki?”
Simba: ”Bendinga zukuthetha ngaye, into endiyitshoyo kuba akufunekanga siyeke ukuphila ngenxa-
661
Nomtha: ”Tata kaMalik.”
Simba: ”Simtyhala zonke ezozinto uMihlayonke. Asina photo naye, asizange sake saphumeni silusapho.
Awuziphi xesha nomntwana wakho. Ukhuliswa nguMangwabe, yonke into nguMangwabe. Wagqibela
nini ukumphatha? Udinga uthando luka mama umntwana Nomtha.”
Nomtha: ”Okay.”
Uphefumlele ngaphandle.
Simba: ”Andilwi nawe mna. I'm just saying singakhala sikhalele uZendaya kodwa masinga mlibali
uMihlayonke ukuba ulapha naye.”
Simba: ”Bhentsa.”
Nomtha: ”Senditsho andifuni ukusondela kakhulu kuye naye a- andifuni. Kubhetele xa ndimbonela kude,
ndinga mthandi kakhulu. Ndinga mkhathaleli kakhulu. Ukuba uyasweleka apha? Njengoba enesifuba
nje, asweleke. Anduzukwazi kwakhona mna Simba.”
Simba: ”Sthandwa sam, awuzuzenza lonto. Umntwana awuzukumenza lonto. Fine ke masithi ingxaki
yakhe yesifuba ayincedakali, abhubhe. Masithi uyabhubha, awuzuku zisola ngokuba ungazamanga
ukusondela kuye. Ukuba awuchithanga xesha naye wabonda naye.”
Nomtha: ”Ndiyoyika.”
Simba: ”Nam ndiyoyika. Ndiyoyika game yam. Kodwa umntwana wam ufanelwe kokungcono kunoko.
Ndibeka izoyiko zam bucala ndibe ngumzali kulomntana. Kuba yinto ayidingayo leyo, uthando lwethu.”
Nomtha: ”Kunzima.”
Uhambile wasishiya esiya ekamireni yakhe. Ebezityela xa egqiba ukupheka ke yena engalindi thina kuba
ukuba besisitya besisitya ngobusuku. Phofu ngeloxesha ndothuke ngalo.
662
Simba: ”Khawumbambe.”
Nomtha: ”Simba.”
Nomtha: ”Mzise.”
Nomtha: ”Ngubani?”
Simba: ”Qash-qash.”
Simba: ”NguMluleki.”
Nomtha: ”Ebesithini?”
Simba: ”Ufuna ukunceda ukukhangela umntwana. Uthi eberhanela uNokulunga yena ukuva kwakhe.”
Nomtha: ”And?”
Simba: ”Hayi.”
Nomtha: ”Walayite.”
Unyuse amagxa.
Simba: ”Ndifuna lonke uncedo endinoku lifumana kodwa ndibuthandabuza ngokufaka uMluleki
empilweni yam kwakhona.”
Nomtha: ”Bendingatsho ukuba angasa khangelwa kodwa. Qha mna andifuni ukumane ndiva into yokuba
besiyile asamfumana, besikhangele phi phi phi, akafumaneka. Yho!”
663
Simba: ”Andisoze ndimncame mna. Kubakho amaxesha okuba ndiphelelwe ngamandla, ndicinge
ukuncama kodwa andikwazi. Andizukuxola ndide ndimfumane.”
Nomtha: ”Masityeni.”
Nomtha: ”Uyabona ke lento mna ndingafuni mntu abe nomtana wangaphandle. USiyanda akaphangeli?”
Simba: ”Uthetha ukuthini ukuba awufuni mntu unomntwana wangaphandle? Ngaphandle komtshato?”
Nomtha: ”Umfumane nenkazana undishiya apha endlini? Uhambe wena uyikrexeza wakugqiba ufune
umntana wakho ahlale nawe. Mna ndiphi kulonto? Kuba uzophangela undishiye apha kukendlu,
kufuneke ndibe ngunanny mna? Unanny wabantwana bakho. Nindifake ngoku mna kodwa bekumnandi
ninodwa? Unentlonti uSiyanda.”
Nomtha: ”Intoni?”
Simba: ”Ndiyayoqonda lonto. Ukundithanda nokundihoya kwakho akutsho ukuba silibele ngomtwana.
Ndagqibela nini ukuphuzwa? Ukubanjwa ebusuku? Imfudumalo ayisekho kulkamire.”
Simba: ”Kulungile ukuba utsho kanjalo. Nokuba awufuni andizukunyanzela. Bendikuxelela nje ukuba
uhlale usazi.”
664
Simba: ”Yilonto qha endiyicelayo mnkam.”
Iqhubile iveki izinto zibhetelana kum noSimba. Bendimlinda abuye emsebenzini sincokole xa ehlamba,
ndimhlalisa. Nomntwana wam ndike ndimhlambe ngokukwam, ndimtyise. Besendiyonqena ke kodwa
into yokuphuma ngendlu, ngakumbi ndihamba nomntwana. Bwndithi sendicinge ukubethwa ngumoya
nomntwana wam ndiphinde ndizinqande. Ingathi angaxuthwa ezandleni zam, athathwe.
Besincokola noMangwabe. Ukuhamba kuka mama noMiracle ekupheleni kwenyana yokuqala belapha
uSimba ubone ukuba afune umntu ozohoya umntwana, acleane apha endlini.
Bendinga yazi nokuba umfumene njani okanye ngabani, ngelaxesha bendiligeza. Ingase ndinga
thethwiswa mntu. Ndinengcwangu.
Nomtha: ”Hello.”
Nomtha: ”Yintoni lento ibalulekileyo na Simb? Kuba xa ingu msebenzi udla ngokutsho ukuba
ngumsebenzi. Le yona caba ayinagama.”
Bendiku lumnkele nokudyolelwa ke kuyo yonke lonto yam. Intonayo bendinga kulungelanga ukwenza
izimanga mna, ebeyawundixolela. Inyanga ezimbini ibingeloxesha lide kakhulu andithi? Okanye
ibikixesha elide kakhulu?
Nomtha: ”Simba.”
Bese ndimqinisela ilizwi kengoku kuba ibindikruqula le ebeyenza ngoku. Indlela besendiba anxious ngayo
ibingase umntu angayidlali nam emidlalo yengqondo.
Simba: ”Mamela, andikuniki themba lanto kuba kufunyenwe yena yedwa. Umntwana yena alafumaneki
ndawo-
Nomtha: ”Ndimfumene?!”
665
Simba: ”Amapolisa, ewe. UMonti ebelibele kukuzulisa kuba naye ebesembonile apho ahlala khona qha
elindele ukude ambone ephethe umntwana, amapolisa wona amthathe amvalela. Usetrongweni
ngoku.”
Simba: ”Baby, ndithe kuwe akakho umntwana. At this point kungenzeka nokuba akasaph-
Nomtha: ”Ungake!”
Simba: ”Ndisaya emapoliseni ngoku ndiyosabela izinto ezinjalo. Ufuna ndigqithe ngawe?”
Simba: ”Ukuba ebefunyenwe ndim ngetsarhwa ligazi lakhe ngoku, amazinyo ezinyanda.”
Nomtha: ”Ok.”
Sithandaze into engange hour okanye ngaphaya, saphunga saba semlindweni. Limnkile ixesha engabuyi
uSimba. Ndamcama ndathi kuMangwabe ayolala ndizomlinda ndodwa. Ebehebhuzela bubuthongo
shame umntu omdala qha engafuni kundishiya. Undibuza kaliwaka ukuba ndiqinisekile na wancama
wahamba kuba bendimgxotha isiXhosa ngoku.
Simba: ”Baby.”
Ndothuswe nguSimba esofeni ndasukuma ndimanga. Andiyazi, okanye yonimba okanye yintoni kodwa
umzimba wam ingathi ubusazi ukuba akafumanekanga. Ukukhala kukaSimba bekundiphelisa
ngalentwana yethemba bendinalo.
Nomtha: ”Masimncame.”
Nomtha: ”Le yona yokumana siba nethemba lokuba sawumfumana ayisoze ilunge Simba. Iyandibulala
mna yonke lento.”
666
Simba: ”Kodwa andikwazi ukuncama Nomtha. Andikwazi.”
Simba: ”Akamazi nalamntu amnike umntwana lamama. Akamazi umntu amnike umntwana wamu!
Wamnkele nje iten thousand ukuba usana for 'usisi wase Sandton amazi ngomlungu wakhe
ongasekhoyo.'
Akazi gama lakhe. Akazi ukuba uhlala phi. Inumber babethetha ngayo iregistered ngumntu ongazi
kwanto ngaye. Ayisaphumeli. Ten thousand qha. A measly, lousy ten thousand! Eseyiphelile ngoku!”
Nomtha: ”Ndisayolala.”
Nomtha: ”Khawuzolala.”
Undijonge ixesha elide engaphenduli. Ebesesukumile ebambe isitsixo semoto. Usigibisele etafileni
saqengqeleka siyowa phantsi wakhulula amaqhosha ehempe ...
667
EIGHTY-FIVE
Simba: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Mh!”
Ebendothusa ebuthongweni ndisaleli kamnandi ke lomntu. Bendinga yazi nento ebendibusela yona.
Ebeqhele ukuzibukela ndibone ngaye sengasa bethu. Hayi le yokuvuswa ngentseni.
Nomtha: ”Mh?”
Ndimfingele intshiya.
Simba: ”Bendicela uvuke undenzela ukutya. Andiyazi wasuke wavuka uthatha kade namhlanje kwenzeka
ntoni.”
Simba: ”Ndithe alale uMangwabe, unkosikazi wam uzondenzela ibreakfast namhlanje. Amaqanda am
abe sunny side up please.”
Nomtha: ”Huh?”
Simba: ”Nomtha andithethi nasilima apha, andizuphinda into enye kaliwaka. Ndingxamele ukuya
emsebenzini futhi. Ndicela le breakfast.”
Simba: ”Ufake nebacons nebangers, nemushrooms. Ndifuna into egreasy. Ndiyayidinga phofu.
Ebendizele ngomva kulandawo ebehleli kuyo kodwa bendimfingele intshiya okungathi uyandibona.
Simba: ”Hayi ukusebenzisana phofu. Ndamnkele uncedo lwakhe. Kukhangeleka okungathi oMonti
bayoyisakala kwaye selilide nethuba ngoku. Two months yonke? Kuzode kuphele nonyaka.”
Nomtha: ”Njani ukuba ingena phi into yokuthemba? Uzoncedwa kanjani ngumntu ongamthembiyo.
Uboya bam mna abulali tu.”
668
Simba: ”Akathathwanga nguMluleki umntwana. Ndiqinisekile ngalonto. Into kukuba sesiphi ngoku,
ubudlelwane bethu bu- ... bungalendlela buyiyo kodwa sawube siyibekela bucala leyo into kuba
ayibalulekanga ukogqitha ukufumana umntwana wam. Period.”
Nomtha: ”Okay.”
Simba: ”Ja.”
Cwaka. Uyovula ucango wama emnyango engamvuleli lomntu angene ngaphakathi endlini.
”Ndizokubona.”
Bukhosi: ”Bhuti, ndizonibona noNomtha. Ndikugqibele kudala. Kudala ndafuna ukuza apha, uyayazi
lonto. Kodwa ungulo ebengafuni ndize.”
Bukhosi: ”Andiyazi lanto ikwesa sikolo. Kodwa bazophindela ngomsomnye esikolweni. Lamama
ebendishiyekela naye mna naye sibe ne ... kuthwani? Complications.”
Simba: ”Impahla?”
Bukhosi: ”Eish kanene! Ndimkhulule emsebenzini wakhe. Ndizofuna omnye umntu obukhula.”
669
Sonwabise: ”Molweni Tamkhulu.”
Simba: ”Uxelele utata wakho ukuba akuyiwa kweminye imizi ekuseni. Uzobabala ke Nomtha kulo
breakfast.”
Ndinqwalile. Ayikho nalento ebeyithetha yokuba ndizobabala kuba bendilungiselele yena yedwa.
Bekuzofuneka ndiqalele phantsi kaloku ngoku ukupheka.
Bukhosi: ”Seva ngoZendaya, qha ubhuti ebengafuni nto idibanisa nathi xa sicela ukunixhasa.”
Simba: ”Awuyibuzwanaga mntu ke leyo. Khawuzo hlala phantsi Bukhosi kuzophakwa, akukho sidingo
sokuba ube ulenga lenga ekhitshini.”
Bukhosi: ”Kuhle kuba andikhange ndibize gama mna. Qha uyazibona wena ukuba uya ufana naye
njengoba iminyaka iya ihamba. Nangeqwakazana le. Ufile wavuka kuwe.”
Simba: ”Kutsho bani? Bukhosi hoyana nengxaki zakho zokungakwazi ukuvala izip uphume kule kuba
ayifuni mntu ubhatyazayo. Umntwana udinga istability. Uhoyane nomsebenzi wakho lo owawufundela
uhlukane nezinto ezikude kuwe. Uyeke ukungqengqa nabasebenzi bakho kuba uzomangalelwa, andiyazi
yeyiphi leLaw uyifundiswe kula fly by night yesikolo wena.”
Bukhosi: ”Uligazi lethu ekugqibeleni. UZendaya ngumntwana wethu, senza into ekufanele ukuba
siyayenza. Ukuba besingalwiswa nje.”
670
Simba: ”Niyayazi ukuba kutheni ndizigutyule kuni. Kuba ndabona ukuba andinonithemba. Nanisazi
ndibhubhule kodwa zange kuze nomnye wenu azojonga umnkam ukuba unjani! Nomnye.
Nesasinambuzane sineblukhwe ezinkulu singuMkhuseli. Ngoku nizofuna ukunceda?”
Simba: ”Uyayiqonda kengoku ukuba kutheni ndinibhekelisa? Kuba nibona mna nina, ukuba ndingawa
andinothembela kuni ukuba abantwana bam nonkosikazi wam bazohoywa nini.”
Bukhosi: ”Ndiconga xa uphazamile waze wabubona nawe ubugwenxa bakho, uye ulungise apho
unebatha khona. Mna ndodwa ndifundile, ndazi ngcono.”
Simba: ”Uright wazi ngcono kodwa andidingi ncedo lwakho. Zincede wena.”
Nomtha: ”Ewe.”
Sonwabise: ”Ndilambile.”
Simba: ”Andithetheli kutya uyayazi nawe lonto. Kodwa ukuphuma nomntwana endlini ningaqalisanga
ukutya! Makaye kumama lomntwana. Andibuthembi ubuzali bakho.”
Bukhosi: ”Ndizozikhulisela ngoku kwam umntwana wam, enkosi kakhulu. Ndizofuna omnye umntu sibe
grand. Ulambe kangakanani?”
Simba: ”Khawuphake ukutya oku Bukhosi. Uzondimetela ukutya okuthengwe ngamali yam ngoku?
Tyhini!”
Ndincancise umntwana wam ndambekela amanzi okuhlamba kuba inappy ibigcwele iphuphumala.
Bamnke ukumnka kuka Simba ooBukhosi. Bendishiyeke ndodwa nomntwana wam, umam'Mangwabe
ebene appointment eclinic ezobuyela kwakhe ayobakroba kuba bekukufuphi neclinic akuyo, aze abuye
kengoku late.
Bendingasa yiqhelanga nale yokuba ndodwa imini yonke kulandlu. Ibiziziyalo nje. Ndiconge ngendlela
bekuse etshontshe ngayo uSimba. Bendilindele ukuba avuke esanxunguphele kodwa wavuka enguSimba
emdamgqibela kudala. Ndiphazanyiswe yiphone yam ndisacinga ezozinto. Nokutya, oko benditye
ekuseni nakhona ibiyintwanana nje yokutya okushiywe nguBukhosi kula breakfast bendiyenzile for
uSimba.
671
Nomtha: ”Hello.”
Simba: ”Umntwana wam uhleli nje uyalaliswa nguwe, ungamyeki ake adlale nje?”
Simba: ”Ndithini? Ndithi kuMluleki amshiye unkosikazi wakhe? Sinentlanganiso mna naye, abazukuhlala
for isupper. Sawuqhuba intlanganiso bamnke.”
Simba: ”Nyamezela.”
Simba: ”Usame ngestory sakhe nangoku. UMonti uyamphanda. Use Diepsloot njengoba sithetha uncina
abantu ngaye, ngethemba kuzobakho into ebelayo. Bendijonge nestatement sakhe sebank, ikhona
lemali iyiten thousand ndifuna sijonge ukuba isuka phi. Sizode simfumane umntu wethu noba kanjani.
Ndinethemba ngoku.”
Simba: ”Ukuba andina themba ndinantoni? Lomama uzoyothetha yena inyaniso. Ukuba ukhutshwe
ngebail ndizomfumana. Nokuba akakhutshwanga kodwa ndine insinde men kulatrongo. Bangakwazi
ukundinyengeza ndingene ndithethe naye. Ndiziva okungathi lentsomi yomntu waseSandton blah blah
yilonto kanye. Sis'story abavumelene ngaso nalomntu amthengisele umntwana. Kodwa ke ndikuxelele
princess, emvezile engamvezanga ... lanoqhakancu uzozisola ukuba wayesenzani. Uzobona usathane
emhlabeni.”
Simba: ”Kufuneka ndibuyele emsebenzini andiyazi zenzani ezizibhanxa. Eish! Scar! Hayibo! Hayibo!
Hayibo!”
Ndibeke iphone yam ndaqhubeka ndizama ukulalisa umntwana wade walala. Ndiyomlalisa ndaqalisa
ukupheka. Bendigqibele nini kanene ukupheka? Besekulithuba ndingapheki, siphekelwa nguMangwabe.
672
Bekusikoni kukhala umoya endlini, ingekho into ibifuna ukwenziwa. Ndilayite itivi, bekusuke kwathula
kakhulu ingathi ndizophambana. Ndicinge uLulu. Kudala wayesithi uSimba ndimfounele kuba
ebendibuza kuye ukuba ndinjani. Bendimgqibele kudala nomyeni wakhe.
Ikhale ixesha elide ingade ibanjwe. Bendicinga ukuyibeka ingeka ngeni kuvoicemail yacholwa.
Beluthetha ilizwi lomntu ongusisi endingalaziyo. Ndicinge ukuba inoba ngumntu ohoya umntwana wabo.
Kaloku oko babemthathile umntwana. Bendingayazi nento bebem adoptela yona lamntwana. Xa
ndihleba. ULulu ebenga connecti tu naye. Ukugqibela kwam ukumbona naye ibingekho lanto yokuba
ngumntwana wam. Ebehoywa nguSiyanda naye ekhetha yena.
Ebengenabo ubububele for yena. Okanye ndim? Ibingathi wafuna ukuadopter ukuvala isikhala
sokungabi namntwana.
Nomtha: ”Ndicela umxelele ukuba bendifounile qha. Uzobona yena ukuba ndingubani andazi.”
Kuthe cwaka.
Nomtha: ”Luleka?”
Nomtha: ”Uthunywe ngumntu ambe wamthengisela yena. Andiyazi wethu mna Lulu, nguSimba umntu
osebenzisana kakhulu namapolisa. Kodwa kungcono xa emfumene uzotsho ubekho umkhondo
womntwana. Uyamazi uSimba, uzoyifumana inyani.”
673
Luleka: ”Yho! Xa engekho kuye lomama ningayiyeki nje?”
Andiqondi ukuba ebeziva kakuhle. Ushwantshwathe into endingayivayo, bekukho nomoya kulendawo
akuyo amazwi akhe engavakali. Kutsho isikhalo kwexhiwu entliziyweni. Inoba ibikukuphambana kwam
lento bendisiva isikhalo somntwana wam. Andiyazi. Uyibekile iphone yabe seyikuvoicemail xa ndiphinde
ndiyizama.
'Mna owam uThixo uyandilwela kwezam intshaba, uthi thula. Njengoba abantwana bam bengena tata
ngenxa yakho nje namhlanje wena awuzuba nabantwana. Nalo unaye akangowakho. UThixo uxova
ebhaka. Ezam inyembezi aziweli phantsi.'
Ndiyithumele kuSimba same time. Bendingayazi nokuba ngubani kodwa inuka uNokulunga yonke
lantetho. Ukhawuleze wabuyela kum ngoko nangoko. Andifuni nokuxoka bendishukuxekile. Bendithe
phatsha! Okokuqala ndivana nezikhalo zikaZendaya, okwesibini kungena le message. Bendiphambana
na? Okanye bekungona ndiqalwa yimpambano.
Simba: ”Ngalomzuzu.”
Nomtha: ”Bendithetha naye ngoku, ndicinga ukuba icimile iphone yakhe kuba iqhawuke sisathetha
ngoku seyindiphosa straight kuvoice mail.”
Nomtha: ”Akakho umntu okufuphi kuye endingathetha naye mhlawumbi. Ndimdinga nyani.”
Siyanda: ”Nomtha, andimazi noba uphi ke mna ngalomzuzu. Kuthwa oko ephume kusasa. Ndivuke
ndahamba kemna njengoba ndibuya ngoku.”
674
Siyanda: ”Nomtha, kwenzeka ntoni?”
Nomtha: ”Akhonto bhuti, akhonto. Ndizocela uSimba andizise apho ukubuya kwakhe emsebenzini.
Ndimgqibele kudala ndiyamkhumbula.”
Nomtha: ”Siyacenga.”
Siyanda: ”Ayikho eyogqitha lonto sisi. Zamani, cengani. UThixo engumncedi uzosinceda.”
Siyanda: ”Hehe! Uyithatha phi kengoku lonto? Thina izigebengu? Hayibo Nomtha.”
Ndiyihlekile ndabeka iphone yam phantsi. Ibingubani lamntu ebebambe iphone kaLulu ukuba umntu
omnceda ngomntwana ebelele endlini. Ingaba uyatshaya uLulu? Nendlela ebethetha ngayo ibingathi
ngumntu omnkekwe zingqondo kukunqaqatheka.
Ufike ehamba yedwa uSimba. Ebengekabuyi uMangwabe. Bendilindele afikisane noMluleki kunye
noUlatho. Undijonge nje ebusweni wandifingela intshiya.
Simba: ”Yintoni?”
Simba: ”Andisayazi. Kodwa uMalik uthe uzondinceda. Uzoya eMeadowlands azame ukujonga
intshukumo yakhe.”
Nomtha: ”Andiyazi noba ndiqalwa yimbambano na kodwa bendifounele uLulu. Ibanjwe ngumntu
ongusisi, kwakhala umntwana kwi bsckground. Ingathi nguZendaya.”
Nomtha: ”NoLulu ebestrange ukuthetha nam efounini. Ethetha into engavalakiyo ingathi uyapanikha,
uyandigqagqanisela, ustrange nje.”
Simba: ”Baby, yonke lento istressful kuthi sonke. Nam ngamanye amaxesha ndiva isihleko sakhe.”
Nomtha: ”Xa sigqiba apha ngobhuti Mluleki, siya kwaSiyanda. Besendi thethile naye usilindele.”
Simba: ”Nomtha ziyeke ezongcinga zisaqala mntuwam. Ziyeke. Ndiyakubona ucinga ntoni kodwa aso-
Nomtha: ”Yenzela mna. Ndam ndenzela wena apha, ndizonyamezela uUlatho. Ndiyakucela.”
675
Simba: ”Ndisayo thatha ishower ekhawuleziyo. OoMluleki basendleleni. Sizohamba.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”Andiphuzwa?”
676
EIGHTY-SIX
Simba: ”Khawuyeke ukube unestress. Bendithe sizoya kwaSiyanda.”
Simba: ”Ok.”
Ndiyeke ukutya amazipho am. Bendine stress nyani. Ibingaphaya kwestress into ibindiphethe
ngalamzuzu kodwa bendingalazi igama layo ukuba ibiyimtoni. Intliziyo yam ibibethela ukuma. Ndibile
izandla, ndimana ndizosula kulento bendiyinxibile.
Nomtha: ”Ndiyasazi mna isikhalo somntwana wam. Noba ndiphi na andisoze ndingasiva.”
Simba: ”Ewe.”
Nomtha: ”Kakade ayonguye. Andithi umntwana wathathwa ngula mama ubanjiweyo ngoku? Kodwa
wathunyelwa ngumntu lamama wahlawulwa iten thousand ukuba anikise ngaye. Angangubani na
lommntu. AnganguNokulunga, anganguLuleka-
Simba: ”uNokulunga ewe. ULuleka? Hayibo Nomtha! Uyimamele kakuhle lento uyithethayo? Uyaziva
phofu. Ngenxa yesikhalo ucinga ukuba umntwana uthathwe nguLulu.”
Nomtha: ”Into endiyotshoyo kukuba ndiyamazi umntwana wam mna. Wazalwa ndim lamntwana.
Ndiyamazi. Xa ndisiva isikhalo sakhe ndizosazi. Ukuba ndisiva kuLulu ndisiva kuLulu.”
Nomtha: ”Andizukuzazi kaloku mna tata kaMalik izizathu zikaLulu. Andisoze ndizazi mna. Kodwa ndiyivile
into endiyibileyo. Nalomntu ebephendula iphone yakhe akanguye lo omgadela umntwana wabo.
Kuthwa umnke kusasa kwakhe.”
Simba: ”Hayi! Hayi! Ndiyamazi mna uLuleka. Ndimazi iminyaka futhi kwaye ndiyayazi ukuba akasoze
ayenze lento.”
677
Nomtha: ”Okay Simba. Ungaphoxeki ke.”
Mangwabe: ”Sanibonani!”
Nomtha: ”Nankuya.”
Mangwabe: ”Segezile?”
Simba: ”Sityile Mangwabe and ma, ukusukela namhlanje bendicela ungasazichathi imbiza. Umsebenzi
wakho wena ngumntwana kunye nokucoca indlu qha, ukupheka kuzokwenziwa nguNkosikazi wam.”
Simba: ”Tu mama. Ubupheka kuba umama kaZendaya ebengekho right, ngapha koko ndikholwa
kukuphekelwa ngunkosikazi wam. Ayinanto enokwenza nawe. Ungazenzela wena ibreakfast, wena
wedwa kuba ke uyavuka wena. Lomntu kufuneka ndide ndimtsale ngemilenze ukuze avuke. Isoporo
uNomtha uzokuphakela xa ephekile. Uzotya lonto siyityayo nathi xa singaphekanga.”
Mangwabe: ”Ohhh ...bendithi kungento ongayothandanga. Okay ke mfana wami, ngiyezwa. Awuthi
ngigeze lomuntu.”
Simba: ”Yebo.”
Undifingele intshiya.
678
Simba: ”Kutheni ubuza?”
Simba: ”Why?”
Ndiyihlekile.
Nomtha: ”Yehake!”
Nomtha: ”Bezingasoze zidubule kwangoko kaloku. Kakade zizothatha ixeshana ngaphambili kokuba
zibuyele kundalashe.”
Simba: ”Andinawo kemna umonde walochuu ngcembe. Ndifuna zenzeke kwaye ndifuna zenzeke ngoku,
sukutya amazipho.”
Nomtha: ”Awundigade!”
Nomtha: ”Ewe.”
Simba: ”Hayi Nomtha. Undixelela ukuba uSiyanda angahlala nomntwana wam angandixeleli? Akasoze
uSiyanda. ”
Simba: ”Ude uqinisekile. Kube ke kumnceda entweni ukuba abe umntwana wethu, akugqiba ayomfihla
apho kungazi khona mntu? Imnceda entweni lonto? Yenza isense njani?
679
Nomtha: ”Andiyazi nam Simba. Andiyazi into ekulangqondo.”
Simba: ”Okay.”
Bade bafika obhuti nonkosikazi wakhe uUlatho. Bangeniswe nguSimba baxhawulana nje nobhuti wakhe
okungathi ngabantu nje, abazalwa ngumama omnye.
Mluleki: ”Nomtha.”
Ndiyihlekile. Ukhulule isandla sam sakugqiba ukuxhawulana ndaxhawula unkosikazi wakhe uUlatho.
Bendithe nqa engathanga qhutsu isisu..
Mluleki: ”Intlungu yokulahlekelwa ngumntwana ...ncncncnc andifuni nokuyicinga. Ninjani kodwa nina?”
Simba: ”Sifane siyacenga. Ayikho enye into esizoyenza. Kunzima khona kakhulu futhi andifuni
nokukuqhatha. Ingathi side simfumane, kuba kunzima. Akhonto intle tu.”
Mluleki: ”Sizomfumana.”
Simba: ”Ikhona.”
Mluleki: ”Niyaphuma?”
680
Simba: ”Ukhona, qha unqabile.”
Simba: ”Kukuxakeka!”
Bayitshona eofficini kaSimba babuya nocango, beshiya kuthe cwaka. Ndithinte umqala. Bendingamva tu
uUlatho. Hayi nakancinci. Bendine ngqondo zokumshiya kulasofa ndihambe ndiyolinda uSimba
ekamireni.
Bendifuna athi ufuna ikofu okanye itea kemna. Ndizohlala kwelakhitshi ixesha elide. Ndimgalelele
ndamphathela ndayozibekela amanzi wetea. Bendinga bawelanga nokuphunga ke qha ndizinyanzela.
Nomtha: ”Kakhulu.”
Cwaka.
Ulatho: ”Yho limhluphe kakhulu ke elanxeba, wanayo ne infection. Ubhetele kodwa ngoku. Akakho
bhetele phofu, ululamile. Kushota kancinci.”
Nomtha: ”Kungcono.”
Ulatho: ”Indlela ndandicaphuka ngayo. Kodwa ngoku ndiyabona ukuba indaba zabantu bomntu
akufanelanga uzingene kakhulu. Sasizingene zwaba thina.”
Ulatho: ”Kodwa ke umama wayenyanisile ngokuthi kufuneka iphele lempi phakathi kwam nawe kuba
ayincedi mntu nganto. Endaweni yoko yenza izinto zibe nzima kubayeni bethu kuba bayanyanzeleka
ukuba bayingene.”
Nomtha: ”Andinampi endiyilwa nawe mna sisi. Impi ibisiliwa nguwe ngenxa yokuba uhlobene
noNokulunga. Ayikho enye into engasivanisiyo.
Ndiyavumelana nomama nam, singabomzi omnye. Asibambelenanga, umntu uze kwindoda yakhe.
Ibingeyo ndawo yakho eyokuba ungene kuchuku lwam noNokulunga. Kulungile ukumthanda,
beniqhelene ngokwenda nade nahlobana kodwa ubungene into engadibenanga nawe.”
Ulatho: ”Ndiyayivuma mna impazamo yam kunye nobuwrongo bam kwaye ndiyaxolisa. Kufuneka nawe
uvume obakho sizokwazi ukuqhubeka phambili.”
681
Nomtha: ”Into endinoyenza mna kukwamnkela uxolo. Andikho wrongo ngandawo mna.
Andizukuxolisela into engekhoyo. Qha ke ndizosenzisana nawe kuba ke nyani abayeni bethu-
Ulatho: ”Awuziva okungathi kufuneka uxolise kuba nawe awukho msulwa? Ndim ndodwa umntu
obewrongo?”
Nomtha: ”Uyandinyanzela kengoku ukuba ndixolise kuba nawe uxolisile. Ayisebenzi kanjalo.”
Ulatho: ”Kucacile ke ukuba uyayithanda lempi. Kwalonto yokuba ungathathi elithuba senze uxolo kube
kanye. Sizokwazi nokuhambelana.”
Nomtha: ”Andinothanda impi endinga khange ndiyiqale. Ngewuxolisa wena ukuba waqala impi nam
ngenxa yobuhlobo bakho no-
Simba: ”Kulungile!”
Mluleki: ”Sharp!”
Nomtha: ”Sendenzeni?”
Nomtha: ”Hayibo!”
Simba: ”Unenkqala.”
682
Bangene emnyango wabe eyihleka uSimba.
Simba: ”Mngan'am.”
Undangile nam wasingenisa ngaphakathi. Sibuzene impilo saphila sonke. Ndiphathelwe idrinki ngula
mama caba unguMagcwanini. OSimba bona bebesela utywala.
Nomtha: ”Ndiyazi apha kum ke intloko. Ndingu mehlo mane nje namhlanje yilontloko. Bendicela umvuse
torho mama. Umxelele uSimba ulapha.”
Nomtha: ”Ndiyabulela.”
Simba: ”Kusenzima kodwa ubhut'Mluleki naye uzosebenzisana nam, ugood kakhulu kwezizinto
zokulandela umkhondo. Ukuba sinentwana encinci nje yolwazi ubaleka nayo.”
Siyanda: ”Ngubani esosi khohlalali maan side sikhuphe imali sithenge umntwana womnye umntu? Sithini
ngentlungu yabazali. Uzibone sewungena mntwana!”
Siyanda: ”Ayikuko nokukhohlakala oku. Kukungcola nje kuphela ayikho enye into. Mhla wamfumana
ungamsi nasemapoliseni, umsike uqhoqhoqho.”
Ebedlaka-dlala inwele ingathi kumzi wentaka. Enxibe ipyjama umzantsi wafaka nehoodie kaSiyanda
ewaku waku. Ebehamba ngenyawo. Ndisukumile ndamanga. Ebebalekisa amehlo, kunzima
nokundijonga.
Nomtha: ”Yho hayibo size ngemini ewrongo. Ingathi awukho right njena. Yintoni ingxaki?”
Uxhawule uSimba kuba akakhange azihluphe ngokusukuma yena. Uyohlala ecaleni komyeni wakhe
wamwolela kuye emphuza.
Ebengena ntloko. NoSiyanda ebemrholele amehlo. Ndikrwaqule uSimba wanikina intloko. Unyakazise
indebe zakhe zomlomo. 'Ungaxhamazeli.'
683
Ebendibona ukuba andisenaso nesizindzo. Andihlaliseki. Sendifuna ukumbuza straight ukuba uphi
umntwana wam.
Seyizipiles ngoku.
Nomtha: ”Asizukuhlala noSimba, bendifuna ukubona nje. Ndikukhumbule. Andiyazi noba weva ukuba
walahleka uZendaya.”
Luleka: ”Yho! Wandixelela uSiyanda ukuba wabiwa emall. Ubutshilo nawe ngelaxesha ubundifounele
ukuba laKhayakazi obembile umthengise nge10 000.”
Luleka: ”Kungcono kuba ninaye nina umntwana, oyindodana futhu. Kha ufane ucinge ukuba ibindim.
Ndingenabo kwa. Kuphinde kubowe lo ndim adoptileyo. Nisezophinde nibenze abanye abantwana.”
Simba: ”Makaphumle nyani, nathi ngesibaleka ngoku. Losisi ebefuna ukunibona qha.”
684
EIGHTY-SEVEN
Oko kuthulekile emotweni sade sayofika endlini. Bendingenawo nomdla wokwakutya bendikuphekile.
Nomtha: ”Andimkholwa uLuleka. Andiyazi noba ndinomsindo okanye ndiphoxekile na. Akayotshomi yam
into endiqiniseke ngayo. Akanondenza lento.”
Nomtha: ”Kakade akayazi. Kukho apho amfihle khona umntwana wam, and apho akhoyo ugadwa ngula
mntu bendisithi ubambe iphone. Nditshilo maan ukuba noba kuthiwani, noba kuthiwani Simba sisikhalo
somntwana wam esiya. Noba kuthiwani. Elagqwirha linguLuleka lizobhadla ejele nalatshomi yakhe.”
Simba: ”Uzibambise ngokuchaza igama lakhe, andikhange tu ndikuxelele igama lalamntu. Ukuba
bendikuxelele ngendisitsho kodwa andikhange ndilichaze.”
Nomtha: ”Andizikhumbuli ndimxelela nange ten thousand le mna. Uyayazi kuba nguye ombhateleyo.
Andiyazi wenze njani, wazi njani ukuba uzoya phi kodwa uyenzile.”
Simba: ”Ngokucacileyo weva ndixelela uSiyanda ukuba ndizoya eClicks. Ndagqitha kwabo ngaphambili
kokuba ndihambe. Ndabuyela kwabo futhi kuba ndandisoyika wena. Ukubuya ndingaphethanga
mntwana. Wayengekho. Wabuya ngobusuku esothuka ukuba ndiphaya. Yonke nje lonto ndandinga
yithatheli ngqondweni. Kodwa ngoku ...”
Nomtha: ”Bendinga mcingi tu. Nakancinci. Bendicinga ubhut'Mluleki. Ndicinga uEfe. Ndicinga
uNokulunga, bendingacingi ukuba nguLulu. Inyanga ezimbini zonke ugcine umntwana wam. Uyeva
ukuba silimele kanjani kuSiyanda undivile efounini kodwa akana sazela. Undijonga emehlweni
akanasazela. Ugcine umntwana wam apho ndingazi khona. Njengoba ingathi uyaphambana nje ngoku
andiyazi noba umntwana wam uphethwe kakuhle!”
Nomtha: ”Iphenjelwe nguye yonke lento naye. ULuleka se obsessed ngabantwana bethu yilento yakhe
noZama nalamntwana wabo. Sesibelwa abantwana ngoku.”
Nomtha: ”Kakade ndicinga njalo. Indlela wayethetha ngayo apha uMadosini kuLuleka ngendaba
yobunyumbha bakhe. Ngoku uSiyanda uquqa kulamntwana eKapa, uLuleka uinsecure kuba mhle uZama
and unento angenayo yena kuSiyanda. Ngoku kukho intetho zokuba ufuna ukuhlala naye.”
Simba: ”Akakho stable nyani shame uLuleka. Ingathi ngumntu lo otshaya itik, umbonile? Ingqondo
azikho. Uthetha apha, athethe phaya. Uthi senentloko aphinde abene piles-
685
Simba: ”Ibe zicramps. Yilonto bendifuna ungamjampiseli ukuba simkrobele kuba ukuba uyazile angenza
nje engacinganga. Azibulale nomntwana okanye abaleke naye. Uyibonile le chain ayigangxe entanyeni?”
Simba: ”InoZ”
Simba: ”Ndiyiqaphele mna. I find it odd ukuba abenomgaxo ono Z kodwa akana gama liqala ngalo
alphabet. Hayi nomyeni wakhe. Hayi nomntwana wabo.”
Simba: ”Okwesithathu ndiziva okungathi uneresentment ethile ngakuwe. Andiyazi nokuba ndizenza
ipsychologist, ndiyagabadela kwisini na kodwa unendzondo ethile ngakuwe. Ivakala bhetele xa ndisithi
yiresetment.”
Simba: ”Kuba kulula kuwe ukuba nabantwana. Unatwo. Ukuba ungafuna omnye awunoku sokola
ukumfumana.”
Nomtha: ”Okungathi ndimthumile mna ukuba angabina mntwana? Ndiyavelana nemeko yakhe baby
ungandiv- uncumelani?”
Simba: ”Andincumanga.”
Ebexoka ukuxoka. Bekunzima ukuvala umlomo kungoku kuba ebeqhekekile ewaveze onke amazinyo
ngaphandle. Ukuba athi akancumanga kengoku.
Nomtha: ”Simba, ndibona uqhoqhoqho wakho ngoku ndikulendawo. Uzondixelela ukuba awuncumanga.
Nditheni?”
Simba: ”Umhle.”
Ndimfingele intshiya.
Nomtha: ”Random.”
Simba: ”Ubusatsho.”
686
Nomtha: ”Bendisathini kanene?”
Ndimncumele ndasondela kuye ndimphuza. Undibambe isinqe endisondeza kuye. Besiphuzana nzulu.
Kukho namalwimi, namazinyo phaya naphaya kunye noncumo. Ubeke ibunzi lakhe kwelam
wakuqhawula wavala amehlo encumile. Ndimphuzile kwakhona sathathisa apho besiyeke khona.
Ndibone sendinyuselwa phezulu ndangwutyaniswa newardrobe waphinda wandinyusa. Ebefeja ngoku
singa khululanga mpahla kodwa isitsho kulandawo. Siphefumlela phezulu sobabini. Ingono zam
ziqaqambela ukubanjwa okanye ndilwantswe. Bendishushu yonke indawo. Bendimkhawulela nam xa
ezisondeza kum, kukho ifriction kwiclit. Ibingase ndikhale inyembezi kuba bawo wam
Ngalamzuzu bebungekho ubu gentle. Bekukho indlala nokunxanelwana. Ukuba bekwenzeka ngezikrazula
ezampahla. Undikhulule ngokukhawuleza ezigibisela kwahell wakhulula naye. Benduyazi nje ukuba izoba
rhabaxa. Kwaye nam bendinga funi omaking love bo the Bold and the beautiful kunye noDays of our
lives. Bendinga funi makhandlela nerose petals. Bendifuna ingonyama enguSimba. Bendifuna
ukudlakazwa ndiphelelwe ngumphefumlo. Ndingafuni ukuphathwa okwekomityi ehlala kwiroom divider.
Hayi ngalamzuzu. Belikhona ixesha lalonto kodwa ngalowa umzuzu bendifuna ukophulwa ndiphinde
ndibuyiselwe. Bendimfuna ebunzulwini. Yena wonke. UDiba wonke.
Akabanga ephozisa amaseko naye. Ebeyazi into bendiyidinga. Into besiyidinga. Undingene
ngobundlobongela obusenze sagxwala sobabini. Wazikhupha wonke waphinda wandingena
ngodlwabevu. Endingena nzuku kanye ngalendlela bendifuna ngayo. Ibe yilonto ke, siphefumla umoya
omnye, imizimba yethu idibene. Imiphefumlo yethu idibene. Unyuse isantya kodwa ingxelo isenye.
Bendimncedisa nam ngoku ndikhalayo phofu, kodwa ndifuna more. Kungathi okonelanga. Bendiziva
ndigcwele yena, ndande ngangathi ndiyaphuphumala kodwa bendisamdinga. Ndimkhwaza ukuba
ayifake yona. Ngamandla. Undiphethule wandingena ngemva. Ingxelo isenye. Bekuba intense worse
ngoluhlobo. Ingathi ubunzulu bunzulu kakhulu. Ndizirabhe iclit ndaziva ukuba ndisondele. Kwilizwe lobisi
nobusi. Bendingafuni kuphele kodwa bendifuna ukuwelela ngaphesheya. Bendifuna ukuba semafini.
Ebefuphi naye, bendimva. Ndithe ndingcangcazela ndikhala wabe naye evungama. Uchithele kum
emqolo wagqiba walala ngomqolo ebhedini. Bendiba kemna kugqityuwe, kufeziwe nton nton kodwa
ibingathi kungona siqalayo. Kungathi wenzela nezanyanga bendinga funi kuchathwa.
Uthe ndichophe phezulu kwakhe yandim ophezulu andilastanga kwakhona, ebendincedisa ngoku
engaphatshi. Undiphethule sagqibezela ngemissionary. Sithe sigqiba sabe sibile simanzi nte. Siphefumela
phezulu ingathi sizizinja, kushota zijingisa amalwimi ngaphandle. Undiwolele kuye wandingena
kwakhona. Ebelixhego na okanye ibithini into yakhe?
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
687
Simba: ”Good bendiba ndizokuvusa.”
Ndibuze ndimfingele intshiya. Bendinga khumbuli kukho apho siyakhona namhlanje. Nguye umntu
ebephangela.
Oh kanene! Bendilibele ukuba nguback to reality ngoku. Ebethe umam'uMangwabe angaphinde achathe
imbiza kuba uzophekelwa ndimu. Yhooo ke! Amadoda! Ibingekho kodwa le yomntu ongakwazi
nokupheka amaqanda, la akwa mbala! Uhlwi-hwli nje ibe seyiright into! Uzolitshisa libemnyama tshu!
Ngubani otshisa amaqanda? Hayi sendibuza nje.
Simba: ”Ngoku Nomtha. Uyabona ndiyosula ngoku? Ndizothambisa ndinxibe usangqengqe apha.
Khawenze kaloku mfazi. Sidinwe sonke.”
Ebesevukile umam'uMangwabe.
Bekukhangeleka ingathi kulithuba evukile kuba bekumenyezela indlu yonke. Noba bekunjalo
ebezokuququzela imini le yonke kukho into ayenzayo.
Simba: ”Ezam impahla zizokolulwa nguNomtha. Ungazihlamba qha wena. Uzigibisele kumatshini.”
Nomtha: ”Uyayazi ukuba ndithetha ngantoni? Umntwana, uLulu. Andifuni siphole kakhulu.”
688
Simba: ”Kodwa akufunekanga sijampise kuyo yonke into esiyenzayo. ULulela akamuncwanga, andithi
wena umunc-
Tyhini bawo ngobomvu wona umhlola. Besingekho nesidingo sokuba andifake mna kuba besithetha
ngoLulu hayi mna. 'Andithi wena umcuncu' hayibo ngane!
Ujikelezise amehlo okungathi kufuneka ndiyazi mna ukuba kuphi estars. Caba kufuneka ndazi zonke
indawo apha eSouth Africa. Bendiziva ndihlaseleka kuvukwa.
Simba: ”Ayondawo baby, ndithetha ukuba ulapha. Uthe zibane ke. Kudala waba kobubomi kwaye yena
akafani nawe, wazi phantse yonke into kuba indoda yakhe iyamfaka ebugintseni-
Simba: ”Ndisatsho nangoku. Ndifundile mna, andizizo ezazinto ezine gangs ezi weak zase loction. Zifike
zizenza oclever zoyikisa abantu nje abafana nawe noMkhuseli. Abantu ababoyikayo. Mna baby, ndingu
somashishini. Ishit yam ndiyenza ngesikolo neclass. Ndidealer netop dogs zasemntla Africa nakoma
Russia. Ndine dealings neMafia le eNorth america.
Andisosikoli. Andiyo common thief. Amashishini amakhulu enza ibillions of rand zi target zam. Not
izikroxo zakoma Diepsloot netavern nemoto. Andilo gintsa mna. Ndiba offended xa usitsho njalo.
Undifanisa nezintwana ezithetha itsotsi taal apha. Ezinxiba oraw, negold tooth. Eziphatshiswa zizibham.
Mna umntu andimbulali ngesibham qha, ewe ndingu sniper ngenxa yokuba ne aim. Imbumbulo
ndiyibeka apha, ebunzi. Kodwa I get a thrill umntu xa ndimbamba apha kuqhoqhoqho. Ndimkhame
ubomi ndimjonge emehlweni. Ubuso bam bubeyinto yokugqibela ayibonayo, ndimve ethatha
umphefumlo wakhe wokugqibela. Zininzi imethods zam, kuya ngobusathane obukum. Isibham sona ngu
easy way out. Umntu osithela ngaso ligwala. Ligintsa. Ndiyathemba ukuba asizuphinde sibe nalencoko
kwakhona.”
Ebengencume kungathi uqhala impahla zeKrismesi. Sive ngento iqhekeka sabheka kunye. UMangwabe
ebengcangcazela eyijelly mntakabawo kungathi ubone isiporho. Undikrwaqule uSimba.
689
Nomtha: ”Ungamhoyi utata kaMalkia, uyathanda ukuqhula.”
Ebemkholwa uSimba.
Thiza wam!
Nomtha: ”Hamb'ongqengqa kwehle ihigh high. Ndizozifaka ngoku kwam impahla kumatshini.”
Simba: ”Hahaha! Ndinceda wena, ulibele kukuhleka apha. Singaphinde simfumane phi omnye umntu
wokugadela umntwana uba angahamba uMangwabe?”
Nomtha: ”Ungacingi ukuba akazuya kwakhe angaphinde abuye. Inoba uvuma nje.”
Simba: ”UMonti uzomlandela abone intshukumo yakhe azokwazi ukusikhokhelela apho akhoyo
umntwana.”
Nomtha: ”Ewe tyhini! Akasoze andibele umntwana akugqiba aqhubeke nje ngobom kuba ebengumhlobo
wam. Makabanjwe. Izobonwa khona eyokuba akakho stable ahambe asiwe endimangeni. Andizumyeka
nje.”
Nomtha: ”Xa usithi thina utsho wena nabani? Awuzunceda Luleka nganto wena. USiyanda uzozicubhela
abone ukuba uphuma njani. Awuzunceda Lulu akugqiba ukusibela umntwana. Ukufumama kwethu
690
lamntana umthetho uzodlala indima yawo. Singadlala oLuleka eGoli sihambele. Uzozazi indawo
zokuphambanela. Banaye umntwana abam adoptileyo, andiqondi nokuba uhoyiwe lomntwana ngoku
ulibele ngumntwana wam. Hayi makabanjwe.”
691
EIGHTY- EIGHT
Nomtha: ”Mam'uMangwabe.”
Nomtha: ”Ng'funa ukubona udoctor. Andikho right ncam maan, andiyazi kwenzeka ntoni ngam.”
Mangwabe: ”Hawu?”
Nomtha: ”Ndifuna nokuyohlaba futhi, oko ndandibuye ekhayeni ndingumntu ozohlaba. Andikayenzi
lonto.”
Nomtha: ”Eyokucwangcisa.”
Mangwabe: ”Ngoba?!”
Ndimfingele intshiya.
Mangwabe: ”Manje?”
Mangwabe: ”Ngiyabiza ukuthi umjovo owani uma ushadile. Kumele uzale phela.”
Nomtha: ”Heyi noko akuthethwa lento Mangwabe, abantwana bam bancinci futhi abashiyani nakakhulu.
Nangaphandle koko, asisafuni bantwana noSimba. Mdala uSimba.”
Nomtha: ”Hahahaha! Ubuke wambona indlela angwevu ngayo? Ngumfana lowa? Elaxhego? Ingathi
uguge worse njengoba kulahleke uZendaya.”
Nomtha: ”Okay. Tyhini bawo uMangwabe! Uyazi udlala ngam kodwa. Ndisengu mdlezana, usafuna
ndiphinde ndizale. Ngaba ndingu Ulatho kaloku. Omnye emveni komye, omnye emveni komnye. UMihla
akakadibanisi nefour months!”
692
Uyihlekile. Ndiyokuhlamba ndagqiba. UMihla ebesehlanjiwe nguMangwabe eready. Ndifounelwe
nguSimba sesilungiselela ukuphuma, noMangwabe ebesegqibile ukujikeleza kuba sana ebeyingqunga
into!
Simba: ”Ndingubaby.”
Simba: ”Uyabona ukuba uzothetha ngento zayizolo ebusiku baby, uzondenza ndiphume kulomsebenzi
ngalomzuzu ndibuye.”
Nomtha: ”Siyaphuma.”
Nomtha: ”Hayibo!”
Simba: ”Nomtha Aneni Matanzima, where are you going and with whom?”
Ndiyihlekile.
Simba: ”Ndinomdla wokwazi nje ukuba uhamba nabani usiyaphi kuba ukugqibela kwam ubune newly
found phobia yokuba ngaphandle kwengcango. Bendifuna nokuqonda ukuba awuzufuna ndikukhaphe
na. Ndingeza ngoku.”
Bethuna! Uyabona mna? KuSimba ndabamba ilotto shame ngaye. Bendingafuni nokuthini, umyeni wam
ebendithanda mna. Angamisa nantoni na for mna. Yindlela bendibaluleke ngayo kuye leyo. Kwale
693
yokuba athi esanda ukuphuma apha endlini- phofu bekulithityana kodwa kunge kudalanga kakhulu
kodwa sendifounela endijonga ukuba ndiright na. Belindithanda elixhego. Kakhulu futhi.
Uphelile yintsini.
Simba: ”Baby kufuneka sizilolonge often. Uyabona wonwabe kanjani yinto yobusuku obunye nje.”
Simba: ”Ayinanto enokwenza nobuxhego bam ke kodwa. Sixakekile, kuninzi esijongene nako and nawe
kuninzi ubujongene nako njengoba sewungu mdlezana nje. So andifuni kukungxamisa nangaxesha nye
andifuni siyilibale. That part of our marriage. Kuba noxa ingeyona nto ibalulekileyo emtshatweni
iyadingeka. Iyaqinisa apho iqinisa khona. Iyasonwabisa and iyasisondeza. Kancinci kancinci esi spark
ubusiva okungathi asisekho siyabuya.”
Nomtha: ”Ndiyayazi ukuba andiyitsho ngokwaneleyo lento kodwa ndiyawubulela umonde wakho kum.
Ndiyayazi ukuba bendilukhuni kuwe kakhulu- ngakumbi ngokulahlekelwa ngumntwana wethu, ndaphosa
yonke into kuwe. Imisindo- konke. Ndiyakwazi ukuba ungutata kubantwana bethu ude wogqitha nam,
uyabathanda kufana nam kwaye bekunzima nakuwe and ndiyaxolisa ukuba ndikwenze waziva okungathi
it's your fault ukuba umntwana wethu alahleke. Ibingelotyala kuwe. Ibingenzeka nakum kwaye ukuba
ubunondiphatha ngendlela bendikuphethe ngayo bendinga zukuthanda. You an amazing father and an
equally amazing husband. Andiyazi niba yinto yokuba une experience na okanye ugug-
Simba: ”Bendilindele ukuba uyone. Bendiyilindele nje lonto. Ndiyabulela ngalo mazwi baby wam.
Ndiyindoda kodwa mna so izinto ezinje ndiyakwazi ukuzinyamezela. Zininzi ukufa endizinyamezele nam
so kufanelekile.”
694
Simba: ”Okay. Undifounele xa uphuma kugqirha.”
Simba: ”Unabo.”
Simba: ”Ndiyayazi lonto. Nowam mncinci kodwa andifuni kubhatyaza. Kubalulekile for ukhuseleko
lentombi yethu ukuba sichule ukunyathela. Singaxhamazeli. Njengoba besele nditshilo kuwe ukuba
uLuleka knows yonke into. Use stars. Asideali nomntu nje obe umntana.”
Simba: ”Ndiyayazi kunzima baby, ndiyayazi lonto. Kodwa umntwana sizomfumana. Ungakhali.”
Nomtha: ”Andimkholwa uLuleka ingxaki. Indlela andingcatshe ngayo, andinoze ndimxolele. Andisoze
ndiphinde. Ndimfuna ebhadla ejele. Alale ebaliwe, avuke echetyiwe. Andithanga angazali mna,
bendiyiqonda imeko yakhe baby. Bendivelana naye kuba ayimnandanga into yokuba ungazali kodwa
sukungxunguphalisa abanye abantu.”
Simba: ”Kuba ndingakhohlakalanga nje ngawe mna kwaye ndinovelwano. Wena unentliziyo elukhuni
kakhulu ingxaki yakho. Awunalo uvelwano.”
Nomtha: ”Mandihambe baby kuba sizoxabana ngalento ngoku, uphinde uthi ndinentliziyo embi.”
Nomtha: ”Okay.”
Nomtha: ”Umuncu!”
Nomtha: ”Mangwabe!”
Mangwabe: ”Yebo!”
Nomtha: ”Masihambeni!”
695
Mangwabe: ”Besengiqale umsebenzi phela mina manje. Ngibona usakhuluma nephone.”
Nomtha: ”Uyawuze uphumle mhla wabhubha, andiyazi into yomntu ohleli nje uyaququzela ezimini.
Ingathi unguMiracle.”
Sihambile saya kugqirha ke. Bandilinde ngaphandle ke ndayongena ndodwa ngaphakathi. Andiyazi
ndimyaleze kangaphi ukuba angake nangaphantsi kweyiphi na imeko alinge abambise umntu umntana
wam. Nangoku bendiyazi ukuba uthathwe nguLuleka uZendaya bengathembi mntu. Bebekhona abanye
oLuleka apha ngaphandle.
Ndingene ndabika onke amahlaba nayo yomke imikrwelo kugqirha. Ndimxelele nangesi stress
sindikhuluphalisileyo, wandixelela ngediet.
Ndiyochamela kwicup ke kuba bekufuneka nditeste kuqala ngaphambili kokuba ndifumane ipetogen.
Bendinenyanga ezimbini zonke ndayigqibela so bekungeke- mhhhh phofu sasike salala kanye kodwa
bekungeke kwenzeke ukuba-
Doctor: ”It seems congratulations are in order Mrs Matanzima. You are with baby.
Ndifinge intshiya.
Unqwalile.
Doctor: ”You are pregnant. We are gonna take your bloods ofcourse for more test-
Yhuuu! Bendidunyelwa yintloko. Bekuthi ndife! Yini uSimba ukundenza lento! Yhini elixhego.
Bendizomthini mna omnye umntana? Yena noMluleki bebefana nqwa! Bendifane ndityhola uUlatho
ngokuba nenqwaba yabantwana, besendinguye ngoku. Bendizibambe ngenkophe inyembezi zam
ukuphuma phaya. Ibingathi andifiki emotweni ndiyogxwala, kuba bendizogxwala.
Ndibashiye belandela emveni kwam ndayongena emotweni. Bendingeka fumani nechance yokugxwala
kwakhala iphone yam. Bendifuna ibe kanti ngulaSimba ndini. Ibingenguye.
Nomtha: ”Nne!”
696
Bisola: ”Nwa m. How far na, how bodi?” molo mntanam. Unjani?
Bisola: ”NguLinokhanyo, uyakhala. Andiyazi kwenzekani, akafuni kuthetha. Uthi nguSimba qha.”
Mangwabe: ”USimba.”
Nomtha: ”Hayi.”
Mangwabe: ”Hello baba, yebo- cha akafuni ukukhuluma nephone. Yebo. Uthi ngiyifakw kuloudspeaker
azokhuluma nawe ke. Yenziwa njani konje lento.
Simba: ”Baby!”
Simba: ”Ndenzeni kaloku baby? Kwenzeka ntoni? Ndifounelwa nangumama endishouta ukuba
ndikwenzeni and andiyazi nento endiyenzileyo kuba ndiziphangelele mna andikho kufuphi kuwe.”
Simba: ”Nomtha! Kwenzekani kanti? Hayibo! Sekuthathwa impahla kwenzeka ntoni? Nomtha! Ye
Nomtha!”
Nomtha: ”Mh?”
697
Cwaka.
Simba: ”Mangwabe!”
Simba: ”Niphi?”
Mangwabe: ”Okay.”
Kuthe cwaka emotweni sade sayofika endlini. Inoba ebethe nqa ukuba kwenzeka ntoni ngam
uMangwabe. Sihlikile ndakungena eyadini saya endlini. Ndiyongena ekamireni ndangena ezingubeni
ndakhala. Bendifuna ukupakisha ke kodwa bendingenawo awokuziphambanisa amandla kuba
bendingazukuya ndawo.
Ndive kuvuleka ucango, ndeva izihlangu zakhe zinyathela zisondela ngakum. Undityhile ingubo
wandijonga efinge intshiya.
Ndiphinde ndayinikina.
Simba: ”Awukwazi ukuthetha na ngoku? Ndikwenzeni baby? Kwenzeke ni? Ubungayanga kugqirha?”
Nomtha: ”Bendiyile.”
Simba: ”Ndingena phi kengoku mna kuba bendiphangele? Utheni ugqirha? Khawume ngokhala uthethe.
Baby.”
Nomtha: ”Mh?”
Simba: ”Nne. There's no wahala. Ndisathetha naye akatsho ukuba kutheni kodwa andimenzanga nto.
Akukho ngxaki mama. I dey fine. Sawuthetha. Mama, abeg! Nomtha.”
Nomtha: ”Sukundigcadisa.”
698
Simba: ”Ndizothini kaloku mna?”
Nomtha: ”Uyayazi kakuhle ukuba andisafuni bantwana. Uyayazi kakuhle lonto. Ndatsho ukuba
ndizohlaba.”
Simba: ”I'm so lost. Ndiyayazi yonke lonto. Nam ndatsho ukuba ndiright ngaba sinabo abantwana- ndaze
ndatsho ukuba ndizokwenza ivasectonomy.”
Nomtha: ”Ndikhulelwe kemna njengoba ungafumani thuba. Uyayazi ukuba uyamithisa kodwa awenzi
thuba lokuyokwenza ivasectonomy. Ndikhulelwe kengoku mna. Omnye umntana futhi. UMihla
akakabinayo ne four months sendithwele isisu.”
Simba: ”Awukhulelwanga wena, uxelelwe ngubani ukuba ukhulelwe? Awukhulelwanga. Oko sasibuye
ekhayeni zange silale. Ngaphandle kwayizolo.”
Simba: ”Yho! Hayibo sewukhulelwa nawe. Hayibo Nomtha. Andisemdala kengoku ukuphinde ndibe
nomnye umntana futhi! Hayibo!”
Ndifixizile.
Nomtha: ”Umntana.”
Nomtha: ”Simba, sawumthini omnye umntana? Ndizofunda nini na mna? Asikafumani noZendaya
njengoba sesisenza abanye abantwana, uMihla usemncinci. Wandenza lento nakuZendaya nangoku
uyandiphinda!”
Nomtha: ”Zange ndifumane xesha. Uyayazi nawe ukuba sifike sathutha, salahlekelwa nangumntana.
Umcwangciso ubuyinto yokugqibela engqondweni yam.”
Simba: ”Nakum ngokunjalo. Nomtha ndimdala mna. Ndatsho kuqala kuwe ukuba hayi omnye umntana
ndingaka kodwa ke sekhona ngoku and adifuni akutshwe mna umntanam. Ukuba uThixo ufuna ndibe
ngutata kukeminyaka yam zintsikelelo endizozamnkela. Kodwa no more! Ndizokwenza ivasectonomy
ngoku ukhulelweyo, no more! Yhu! Khawusuduke. Ngoku ude undithukise ngomama apha? Ucinga
ukuba ndikubethile.”
699
Simba: ”Ndayeka ukubetha? Nomtha ndakubetha kanye ebomini bam.”
Uyihlekile.
Simba: ”Yho! Hayi lo bendinga mfuni shame, andifuni nokukuqhatha. Ndiright ngaba ndinabo
abantwana. Amadodana amabini nelittle princess yam.”
Ndiphefumlele ngaphandle.
Simba: ”Yehlisa umoya baby kaloku. Ungafike uLuleka ehleli ngesibom angayi kulamntana. Okanye
ukrokrele kulamncino wethu ukuba simbeke iso so ulalisa uboya. Asifuni apanicke andithi?”
Nomtha: ”Hayi.”
Simba: ”Masilinde ke. Siyayazi ukuba ukubani. Akufani nangokuya besingazi. Sizomfumana umntana
wethu.”
700
Nomtha: ”ULuleka Mahamba ahambe ayokubhadla ejele!”
Nomtha: ”Andiphekanga.”
Simba: ”Hayi kodwa baby, ukutya itake away kaninzi evekini ingathi ndiyibachelor nditshatile! Akukho
healthy ke nokutya okuthengwayo.”
Nomtha: ”Ukutya.”
Simba: ”Unqandwa licingo kanene. Yiza sihambe siyobukela itivi. Yiza ndiphuze kuqala. Ndiyakuthanda.”
Ndimphuzile.
Nomtha: ”Ngalomzuzu andik'thandi. Wawuthe uzowanqanda amajoni akho. Jonga ngoku? Andimfuni
mna umntu ongena nyani.”
Uyihlekile.
Simba: ”Wena!”
Nomtha: ”Nditheni?”
Siyobukela itivi salinda itake away. Ebethathe nomntana wayombeka akulala. Ndothuke sekunuka
kamnandi kwamna kuba bendizumeke kulasofa. Ndiphakele uMangwabe satya nathi sayolala.
Ndothuswe nguSimba.
Nomtha: ”Unixelele?”
Simba: ”Ndizok'founela.”
701
EIGHTY-NINE
Simba: ”Baby.”
Simba: ”Hayibo Nomtha! awubulisi nokubulisa ngoku uvele undigibisele ngo'And then?'”
Simba: ”Ubusithi?”
Simba: ”Asikamfumani. Senditsho silandela uLulu thina and oko esihambisa ithwebula henge
endingayaziyo, akakasisi kulendawo inomntana.”
Simba: ”Ungawari kakhulu maan, ndizobuya naye umntana ukuba uLuleka uyaya apho amgcine khona
namhlanje kuba sawuhlala emsileni wakhe imini le yonke yanamhlanje. Ndizobuya ngaphandle kwakhe
ukuba akayi apho akhoyo. Ukuba uyandilahla mna bakhona abanye abantu ababini abascoutileyo so
akunokwenzeka ukuba asilahle sobathathu.”
Uyihlekile.
Simba: ”Kuwe kaloku, mna andinodlalwa nguLulela. Ndinomsindo kungoku ukuba bendingayazi ukuba
nguye-
Simba: ”Sekefana nesister yam ngoku. Yena noSiyanda andisabathathi njengabahlobo kuphela ngenxa
yezinto esigqithe kuzo kunye. Bendingafuni ukukholwa ukuba usister wam angenza into enje. Nangoku
ndisatsho ukuba akakho zingqondweni. Akasoze ukuba wenza yonke lento esezingqondweni zakhe
ezipheleleyo. Eqiqile. Hayi maan.”
Nomtha: ”Andinakwa xesha lakhe kemna and obam naye ubuhlobo baphela ngalamini wayethatha
umntwana wam. Ngalamini wayethumela abantu ukuba babe umntana wam. Wakugqiba wandijonga
ebusweni akabina sazela- wandixelela imbhudane yokuba singaba nabanye abantwana. Ingathi
abantwana zitoys ongazi replace. Ukuba ebenabo abakhe ngengat-
702
Simba: ”Hayi baby. Hayi. Sukuthetha ngolohlobo.”
Simba: ”Ndinozvisisa mudiwa kodwa ke a little compassion goes a long way. Akumnandanga nakum.
Bekunge mnandanga ngakumbi ngoba besihleli nathi sinengxaki zethu kwaye ukulahlekelwa ngumntana
wethu kuya kwachaphazela umtshato wethu, kwaye ithanda. Kodwa siyayazi imeko akuyo uLuleka. Imbi
yona into kodwa udinga uncedo kunye nothando lwethu, izoba nzima nakuSiyanda lento. Munondzvisisa
here?” uyayiqonda?
Simba: ”Aneni!”
Nomtha: ”Ndiyakuva.”
Nomtha: ”Ungandifaki.”
Nomtha: ”Kungona ndizotya ngoku. Andikasukumi nasebhedini. Ndivuke nje ndacinga wena.”
Nomtha: ”Mxm!”
Nomtha: ”Wena.”
Simba: ”Nawa oh! Abeg, uzondenza ndilose ifocus yam apha. Nomtha, uzoba yingxaki? Lomntana
uzokuhlupha? Senditsho ndizofounelwa emini undixelele ukuba ndize endlini for umjikelo omnye? Kuba
baby zingxaki endizidingayo ebomini bam ezo.”
Ndiphelile yintsini.
Nomtha: ”Mudiwa wangu, ndinokuda nemoya wangu wese.” sthandwa sam, ndikuthanda ngentliziyo
yam yonke.
Nomtha: ”Ewe.”
703
Simba: ”Ndinokudawo.” nam Ndiyakuthanda.
Nomtha: ”Ok.”
Simba: ”Ewe.”
Simba: ”Desert?”
Simba: ”Favourite.”
Ndiyihlekile.
Simba: ”Alright.”
Ndivukile ndondlula ibhedi yam ndahlamba ndanxiba ilokhwe nje ndaya emntaneni wam. Ndimncancise
ibele lakhe.
Unqwalile.
704
Nomtha: ”Xa ndigqiba apha.”
Ndimncancise wahlutha libele ndahamba ndayozenzela ukutya ndabeka ipasta lomzuzu. Besele
kucocekile ke indlu imenyezela nguMangwabe.
Bendiyibeke ecaleni kwam iphone yam, ndilindele icall evela kuSimba ukuba umntana uyafumaneka
okanye hayi.
Kudume imoto ngaphandle ndaxhuma ndaya emnyango. Undincumele akundibona ndabe ndiphunguza
emveni kwakhe.
Simba: ”Akakabikho.”
Ndivele ndadana.
Simba: ”Uphekile?”
Nomtha: ”Yho hayibo! Kuzo phinde kuhlwe kwakhona umntwana wam engekho kokwabo?! Kutheni
ezulisa nje uLuleka? Okanye unibonile?! Simba! Sawuthini ukuba unibonile wathetha nalasisi
ngephone?!”
Simba: ”Akasibonanga.”
Simba: ”Calm yourself down! Uyeke ukundikhwaza, ndiyatsho ukuba ukwakhe and kukho abantu
abalindele ukuba anyakaze then sawuba swmsileni wakhe kwakhona. Asikho isidingo sayo yonke
lengxolo.”
Nomtha: ”Mxm!”
Simba: ”Masinga gezelani ke. The same stress and pressure ophantsi kwayo yile nam ndiphantsi kwayo.
Ndilandelene noLulu ejikeleza intseni yonke yanamhlanje ndiwubona umonde wam ukuba uyacuntsuka.
Bendinazo nengqondo zokumlanda ndimbuze umntana wam, ndimxelele andolathise lendawo amgcine
kuyo kodwa kuye kwafuneka ukuba ndizibambe. Nto leyo ibinzima. Kunzima nokubuya apha endlini
kuba ndiyayazi ukuba uzokophuka intliziyo kwakhona. Let's respect each other. Ifustrations zakho unga-
ndingakunceda Mangwabe?”
705
Simba: ”Baby.”
Nomtha: ”Mh?”
Ndisukumile ndayothatha ifolokhwe ndachopha ecaleni kwakhe. Usondeze isitya kum ndatya naye.
Sityile sagqiba kuthulekile.
Simba: ”Ubani mna? Andingenwanga nto mna, umntu ozongena yinto nguwe. Silungise nesisimilo sakho
sigwenxa.”
Simba: ”Ndikufuna apha nje mna? Sizothini kengoku ngalonto? Hm? Kuba ndikufuna ngoluhlobo,
undizele ngomva kanje.”
Nomtha: ”Sim-
Ibe seso siphithi-phithi endikhulula yonke into eyilahlela kwa hell. Ngokuphanyaza kweso besendihamba
ngaze. Ukhulule ngokukwawuleza waphezulu kwam endiphuza kwakhona. Undibambe amabele wafaka
umlomo wakhe ndambona enyakama.
706
Nomtha: ”Yintoni?”
Simba: ”Bisi.”
Ndimhlekile.
Ndithe ndisayihleka wabe sewubuyisele umlomo wakhe endiphulula ngaphambili. Indlela bendimanzi
ngayo bendinga funi nokuthetha. Umzimba wam ubusamthanda, bendibona. Ebewazi amaqhosha
emakawacofe. Ufake iminwe endiphulula kamnandi ndaziva ndincwina ndifuna yena ubuqu. Uyabona
kudala ndalala namadoda. Ibingekho efika kuSimba ngokwazi indaba zakhe. Bendifunga ebene PhD
yokonwabisa nokuvisa umntu kamnandi. Ebengezi lamxhokonxo u uncomfortable yena. Ndizive
sendingcangcazela ndawabala mbhakra amehlo am. Ukhuphe iminwe ngoko nangoko akalinda nokuba
ndikhokhe umoya ngaphambili kokuba andingene ngamandla. Bekungekho sidingo sokuba ndithi ayifake
yonke okanye ngamandla kuba ebesenza kanye lonto. Ndimva esibelelweni. Ebetshilo phofu wathi he
wants to f*ck. Ebesenza kanye lonto. Bendingayazi ndithini ngesiqu sam. Ndifike kwiclimax kwakhona
wabe engayekelanga. Ebejdingena ngesantya segeza ndithi sendizixhwitha inwele ndibe nditsala
amashiti ndibe ndimnkrempa umqolo. Zange ndabaswzulwini kodwa bendinombono ukuba kunje
okanye ndiswzulwini. Okanye mhlawumbi bendimana ndikroba xa ndinyukela amaqhina. Inoba
ibiseyikokwesine ngoku ndifika kwaO wam wabe naye sevungama oku kwesilwanyana sasendle ndeva
ubushushu bakhe ngaphakathi kum. Waqhuba eyifaka kancinci okungathi ubuyisela ezi ziphumayo.
Undiphuze umlomo.
Simba: ”Ndiyakuthanda.”
Nomtha: ”Kwangoku?”
Simba: ”Ndiyakucela.”
Simba: ”Yizohlamba!”
707
Ndimshiye apho eyihleka ndayojonga umntana wam. Ebehleli ke ndamfunqula ndayombeka esofeni
ecaleni kwam ndiqhubeka netivi le bendiyibukele. Uphume semgxamile ekamireni, efaka iwatshi yakhe
esihlahleni.
Simba: ”Later!”
Simba: ”Ndifumene icall. Uphumile endlini, uSiyanda uphindele emsebenzini. Kuthiwa uphume ephethe
isuitcase enkulu.”
Nomtha: ”Ingathi kanti uhlele ukubaleka nomntwana wam uLulu?! Isezizinto zokungabikho
zingqondweni ezi ke?! Ufufutheka uyaphi nesuitcas- khawume ube undiphuza ngomlomo obandayo.”
Undincinele amehlo.
Simba: ”Nomtha!”
Simba: ”Khawuzobona.”
Nomtha: ”Intoni?”
Simba: ”Khawuzobona!”
Mangwabe: ”Ngiyeza!”
Nomtha: ”Yintoni?!”
Simba: ”Khawujonge!”
708
Nomtha: ”Hayini Simba! Ngubani oshiye umntwana apha na! ”
Nomtha: ”Yhini!”
'Bendicela undijongele yena torho Nomtha. Igama lakhe nguNuri, ndoyika utata. Andiyazi ukuba
ndizomthini mna umntana ongaka. Malik.'
Nomtha: ”UMalik ebethe uzoza azondibona so ndathi avulelwe ukufika kwakhe. Nguye oshiye lomntana.
Ngumntana wakhe caba. Ina-
Simba: ”Yichildrens home kengoku le? Ungunina wena? Engamsi eMeadowland kunina nje umntana?
Uzomfumana emapoliseni ke. Ndizowaxelela ukuba-
Simba: ”Ndi- huh?, ndime? Ndimele ntoni? Ufuna ndimele ntoni? Uzohlalaphi lomntwana?! Uphambene
na uMalik! Uphi kona unina wakhe njengoba ezomdumpa apha kwam? Ndirunna ihomeless shelter
mna?!”
Ndimgqithile ndayongena naye endlini. Ndimkhuphile kulanto ebefakwe kuyo ndamchiza ingubo.
Nomtha: ”Ye mfazi bendicela undiyele apha emall undithengele idiapers nobisi. Ndingu mdlezana.”
709
Nomtha: ”Yho!”
Nomtha: ”Simb-
Simba: ”Nxa!”
Simba: ”Uze udrophe le phone nje ndizokufuna ndikufumane, ndikuqhekeze. Ngumntana kabani lo?”
Cwaka.
Simba: ”Malik!”
Malik: ”Tata.”
Malik: ”Ndisemsebenzini.”
710
Simba: ”Andina msebenzi wokuba ngumntana kabani! Into endiyitshoyo kukuba akukho mfazi wam
ozokugadela mntana apha! Awuzuyenza lonto. Asizuku zalelwa nguwe Malik, we can make our own
babies. ULinokhanyo ngumdleza, uyayazi lonto. Uphi umamakho?!”
Malik: ”UseMeadowlands.”
Simba: ”Malik undiphoxile. I'm more disappointed than I am angry. Uyahamba uyokwenza abantwana
ngaphaya wakugqiba uzomlaxaza ehekeni okungathi sistray dog. Uyamtipa umshiya apho. Umntana
wakho, a little girl. Ukuba ebethathwe ngomnye umntu kuleheke?! Ukuba ebetyiwe yinja?! Malik,
uyifundephi lento kuba mna I have always taken care of my children. Uyibone phi lento uyenzileyo?
Uyindoda enjani? What kind of a human being are you? What kind of a man are you? Andizelanga mntu
ozokwenza ngolohlobo mna. Andikhulisanga indoda efulathela umntana wayo imlaxaze nje. Undivisa
kabuhlungu. You hurt me kuba undenza ndizive okungathi undoyisile. Hay mntanam zange wandiphoxa
kodwa namhlanje undiphoxile. Undidanisile. I'm so ashamed to call you my son. Andikwazi wena.
Ndiyaphuma ngoku, ndiyokhangela umntana wam- usisi wakho omncinci. Xa ndibuya ndifuna
ukukufumana apha. Undilinde apha, ndizokukhaba unye. Inoba uzobhadla. Siyevana kwedini?!”
Simba: ”Huh? Impazamo? Impazamo ukushiya umntu egeyithini? Usana olubomvu? Ulifulathele and
strawl uyongena emotweni yakho umshiye. Baby, kungcono ndithetha nomntu ondaziyo. Obaziyo
ubudlelwane bam nonyana wam. Ngethethe nam uMalik. Ngethethile qha. Kodwa ukhethe ukwenza
lento yena esazi ngcono kunoku. Andizumbetha Nomtha ndizomgangatha. He will learn. Ngendikhangela
uZendaya ngoku, kodwa ndilapha ngenxa yoMalik abangavutshwanga. Ndizomgangatha, uyandazi.
Ukuba ufuna ukulwa sawukulwa, singamadoda sobabini mos. Khawuthi ndihambe. Mna!”
Simba: ”Umntanam nankuya! Akukho nto angenayo. Wena mother Theresa uzomthengela ngemali
yakho ukuba awumfouneli umxelele ukuba afake imali yezinto zomntanakhe akugqiba amse nankuya
unina eMeadowlands.”
Nomtha: ”Simba!”
Simba: ”Huh?”
711
Nomtha: ”Ndiyakucela.”
Ndinqwalile.
Kungene ubhut'Mluleki kuqala, ndivele ndatyhafa ukumbona ebusweni. Kulandele uBukhosi emveni
kwakhe naye enobobuso obude. Kugqibele ukungena uSimba. Ndivele ndazigquma umlomo amehlo am
enenyembezi. Besisehla kobakhe ezonyembezi. Zizehlela nje kuba izandla zakhe bezixakekile. Ebephethe
umntu.
Bendisoyika nokunjonga. Ndoyika ukuba okanye ulimele. Okanye ebehlukunyezwa phaya. Intliziyo yam!
712
NINETY-ONE
Simba: ”Baby!”
Simba: ”Ukhona uMiracle uzomhoya. Baby awuzukwazi ukuhoya abantwana abathathu umnye,
ayizukwazeka leyo into. Ubusonganyelwe ngoku ngaba babini. Kubekiselaphi kengoku xa bebathathu?
Ngapha ukhulelwe. Izochaphazela mna yonke lento futhi.”
Simba: ”Akusazobakho sidingo xa esiya eKapa. Ndizomncedisa nangoku mondla ukuba akakho apha. Into
endingayifuniyo kukuba ube usenziwa ixhegwazana unentsana ezininzi.”
Nomtha: ”Oh kodwa oMalik! Umama uzipholele kamnandi emzini okufuphi nolwandle nendoda yakhe-
713
Nomtha: ”Andiyazi uqale nini kaloku kodwa ngumntu wakhe qha. Qho xa ndithetha nomama mna
usoloko embhombha kwi background.”
Simba: ”Ey ungandifaki mna. Nguwe onotamnci kuba yaziwa nguwe eyokuba uMamnkeli unomama.”
Simba: ”Intoni?”
Undibuze enyakamile.
Simba: ”Mxm!”
Unyakame ngakumbi.
Nomtha: ”Abasoze bangazenzi abaya. Ububabona nje ukuba kukho I spark xa besegumbini elinye. Kuthi
'qha! qha! qha!'”
Nomtha: ”Sendingxamele ukuya eKapa kengoku ndizobabeka iso. Mna ndiyamvuyela shame umama,
njengoba ndivuyela nawe nje.”
Undifingele intshiya. Ndichophe kwihigh chair phambi khakwe. Ebekhupha izonka nebutter, nefrench.
Simba: ”Bendikwenzela kakade, ndiyayazi uzobawe esam. Uthi undivuyela entweni kengoku mna?”
Nomtha: ”Hahahaha! Bendixelela uMalik ngoku ukuba nam ndandike ndazifumana izibhaxu zebhanti!”
714
Simba: ”Mxm!”
Nomtha: ”So ke bendisatsho, nobabini nomama nenziwe ntem-ntem ngaba bantu. Abantu benokhe
usapho nabo, nabathanda. Abantu benicinga ukuba nawuphila ubom benu bonke nabo- kodwa ke
kuthiwani kanene ngesilungu?
Nomtha: ”Ithini kanene lentetho maan. Silver lining nton nton. Dark clouds in the sky.”
Uphelile yintsini.
Simba: ”Abantu abano matric bayayazi ukuba kuthiwa 'every dark cloud has a silver lining'.”
Nomtha: ”Jaaa ke mudiwa! Every dark cloud has a silver lining! Imagine kengoku ukuba wayengazange
akunxibise uDlamini uNokulunga? Ngewungena mfazi omhle, okuxhasayo. Okupha kamnandi. Okuzalela
abantwana abahle njengam.”
Nomtha: ”Oh ndiyakudika? Xa ndikuxelela indlela onethamsanqa ngayo ukuba nam ebomini bakho?”
Simba: ”Ndiyayazi lonto. Kodwa nawe xa ubala amathamsanqa akho uqale ngam, kuba ukuba andizange
ndibekho kulaclub ngewuse sisibethi.”
Simba: ”Wawubalisa ngokwakho ukuba wawuqwenga amadoda xa ugqibile ngawo uwaticele phaya!”
Nomtha: ”Mnkru!”
Simba: ”Ndiyakutyhola?”
Ndinyuse amagxa.
Simba: ”Exactly. Kengoku ke sobabini saba nethamsanqa ngokuba sidibane. Watsho wazinza wena
makhwenkweni. Unoma umane usothuka xa uvuka ecaleni komntu omnye qho!”
Simba: ”Mna ntoni? Mna andiyenzi into yokukrexeza. Zange ndayenza, andisoze ndiyenze. Ngakumbi
ngoku nditshatile.”
Nomtha: ”Nam njena! Ndandinga thandani namntu, ndandi piece jopha. Ndiyifree spirit, ndinga
bophelelekanga mntwini.”
715
Nomtha: ”Andisadlali nawe.”
Uyihlekile.
Simba: ”Kugrand.”
Nomtha: ”Mh?”
Nomtha: ”Bendicinga.”
Simba: ”Andinamali Nomtha, andina mali. Kugrand, ewe kodwa andina mali.”
Ndimncinele amehlo.
Simba: ”Ha.a.”
Simba: ”Uzothini?”
Nomtha: ”Ikhitshi.”
Ufinge intshiya.
Simba: ”Litheni?”
Nomtha: ”Ekhayeni. Ndicinga senze ibuilt in cupboard, ikhitshi lethu lizoba lihle.”
Simba: ”Bendifuna uyeke ube uzivalele apha endlini. Bendingatsho ukuba kuyokhutshwa ikhabhathi
eziphilileyo mna ngenxa yokuba ucinga uba ngumhlobo mdi.”
716
Simba: ”Nomtha size right ezakhabhathi. Uyathanda kube kuchithwa imali ingathi imila ngaphantsi
komhlaba. Sinabantwana ekufuneka sibondle nendleko. Yimibutho zi insurance, asihambi ngaze futhi.
Uworse ke wena uthenga impahla every month. Hayibo! Hayibo! Mandicingelwe nam kaloku.”
Nomtha: ”Ndizofuna umsebenzi ke noba kusemakhitshini ndizokwazi ukwenza ezinye izinto uzoyeka
uku-
Nomtha: ”Yhooo ha.a andinamdla we sex mna. Caba ndawube ndiphekwa ndisophulwa everyday!
Awutyi ezi viagra zakhona na wena?”
Simba: ”Nangoku.”
Simba: ”Fane ucinge ke ukuba ubuphindele ezingubeni wayolalan bekuzofuneka uphinde uvuke for
uMihla. Uthi uyalala kukhale uNuri.”
Simba: ”Hayi! Ungaqalisi ukumncancisa ubhasela. Phelela apha kuMihla. Hayibo hayi! Andisathandi.”
717
Nomtha: ”Kuthwa liright ibisi lebele ke emntaneni.”
Simba: ”Hayi. Nanku u7de Laan encanca ibhotile, uright. Ungaphinde uncancise mntu.”
Nomtha: ”Sawubona.”
Nomtha: ”Awuke uqaphele wena ukuba ababantu babubusy abafane bamithe, base- ubuthe uphi
kanene uLulu?”
Nomtha: ”Ja.”
Simba: ”Yho makabe yinkwenkwe bhetele! Kuyafana nanku uMalik esiza no7de Laan!”
Nomtha: ”OoJy!”
Nomtha: ”Sukuquka!”
Siyolala sakugqiba ukutya. Indoda endala ifune ukuncamathela kum okomplastaro. Umntana wam uleli
phambi kwam, wafumana lento ebeyifuna.
Nomtha: ”Zendaya.”
Zendaya: ”Mh?”
Zendaya: ”Ngumamam.”
718
Nomtha: ”NguNomtha umamakho. NguNomtha. Ndim umamakho andithi?”
Unqwalile.
Unqwalile.
Zendaya: ”Oats!”
Simba: ”You want oats wena? Uzotya notatakho? Okay masihambe siyokwenza ioats ke mntanam.
Ndikwenzele nawe Nomtha?”
Simba: ”Kuba ebefunyenwe ndim kaloku uqhele mna kakhulu kunawe, ayiqumbisi. Awufuni
newheetbix?”
Nomtha: ”Ndiyeza.”
Nomtha: ”Hehe!”
Nomtha: ”Mangwabe!”
719
Mangwabe: ”Yebo sawubona.”
Nomtha: ”Mhhh. Sizotsho simse ngeweekend. Ndike ndiye elwandle ndikhuphe isikhwakhwalala!”
Nomtha: ”Masihambeni wethu, andiphangeli nokuphangela mna. Akukho apho ndingxamele khona.
NoMangwabe uzotsho aphumle ezintsuku sizobe singekho.”
Nomtha: ”Noba awukhathelanga uzophumla. Umxelele Simba umama ukuba uzolahlwa apha
lomntana?”
Simba: ”Ansiqondi nokuba uzovela lamntu ecourt baby, akakho right uLuleka.”
Nomtha: ”Simba dropha icharges maan asiwe esibhedlele sabantu abagula ngengqondo.”
Nomtha: ”Ndim ntoni? Hayi sendimsikizela mna shame ngoku. Uthini uSiyanda?”
720
Ndimfingele intshiya.
Nomtha: ”Hayisuka akuthethwa lonto. Uthetha ukuba ukuba ndingaba umntana ngenxa yokuba wena
undenz-
Nomtha: ”Kodwa ngumyeni wakhe. Thina singafuna umthetho udlale indim. Ubulungisa budlale indima,
kodwa yena kulindeleke ukuba amxhase. Acengane nawe ukuba udrophe icharges umfunele uncedo.”
Simba: ”Uzokuyenza lonto. Intonayo usothukile naye yinto ayenzileyo. Xa kuphele umothuko uzotsho
abe novelwano.”
Nomtha: ”Mhhhh!”
Siye kugqirha emveni kwemini ukubuya kukroba emsebezini uSimba. Wenziwe icheck ups ke umntana
yabuya yonke into iright. Bendingaqondi nokuba bendibambe umphefumlo lixhala de safumana
iziphumo. Hayi andiyazi ukuba ngendiphambene ndaleliphi igeza ukuba bekunofunyanwa into ewrongo.
Hayi ngomntana wam. Bendincithwa nalukuba ekhetha utatakhe kunam xa sikho sobabini. Ufike
eyoncamathela kuye. Ebesancanca ubisi ke naye. Ayofunquleka kutata wakhe. Ebezoyileyo kodwa
kulonyaka kuba ebezoba na three yonke, utata wakhe ebekhala ngokubulaleka. Imali, this. Imali, that.
Bendimva shame yena, qha kuba indim ke. Ekugqibeleni ibininzi into ibixhomekeke kuye.
Andikwazanga ukumbona ngalomini uLulu kuba ke ebengabonwa. Ngosuku okulandelayo ibe yibail
hearing yakhe, wayifumana ke ibail kodwa akamkhupha uSiyanda. Ndincame ndacenga uSimba adrophe
icharges mntaka bawo kuba bekubonakala ukuba uzoya eSun City. Ibingubani yona iSun City?!
Bendingakwazi noku attenda kuba bendinga funi ukushiya abantwana noMangwabe. Phofu
bendinobashiya mna, qha uSimba ebengathandi. Kungathi siyamhlukumeza uMangwabe. Besingayanga
nakuloKapa kukuxakeka.
Siyanda: ”Dumelang!”
Nomtha: ”Yebo.”
Nomtha: ”Sikhona.”
721
Simba: ”Ebengafuni ukushiyeka phaya ecinga ukuba uzolinyazwa or something. Ey, kunzima baby.
Bendibgaqondi ukuba inzulu ngolahlobo into kaLuleka. Hay inzulu.”
Siyanda: ”ULulu sephambana nje entloko kungenxa yokuba engafuni ukwamnkela isimo sakhe. Sinaye
mos umntana mna naye, endaweni yokuba ahoye umntana lo wethu ubana noZendaya. Andizisoli
nakancinci kemna ngokuba ndingakhuphi bail-
Simba: ”Yiyeke Siyanda. Izoshiyeka nam lento uyithethayo apha endlini. Uzofumana uncedo aludingayo
uLuleka kula wellness center abuye eright.”
Nomtha: ”Abuye eright nyani kodwa mna ndodwa andisamfuni nje ecaleni kwam nabantwana bam.
Andimthembi tu. Into endiyifunayo kukuba abe right.”
Ndibashiye apho uSiyanda noSimba ndayohlamba ndalala. Bendingena ncoko naye ngoku.
Ndive nelizwi likabhut'Mluleki. Bebebuyelana noSimba. Bendingazi ukuba bebeyiqonda lonto na bona.
Kodwa kancinci, kancinci bebesondelana. Bebencedwe nguZendaya. Kuba ndiyacinga nangoku ubhuti
uze ngokuba 'ezobona uZendaya'. Ndizilalele ke mna.
722
NINETY
Simba: ”Baby.”
Nomtha : ”Mh?”
Simba: ”Uright?”
Nomtha: ”Ndicinga ukumthatha ndilale naye ebhedini yethu uZendaya, wagqibela kudala ukulala nam
inoba akasa ndikhumbuli.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndithe basishiye, bazoza ngenye imini bazobona umntana not namhlanje.”
Nomtha: ”Kufuneka siyeni kugqirha ngomso. Bendifuna kwanamhlanje ke. Ingathi kanti ikhona into
esingayiboniyo. Ndineworry yokuhlukunyezwa ngokwe- a-
Simba: ”Andibonanga nto mna. Nam bendinalo worry. Akanazo nempawu zokuba ebebethwa,
kukhangeleka okungathi ebemphethe kakuhle uLuleka.”
Simba: ”Uzoba right baby, ukhuselekile umntana akukho nto izokwenzeka kuye. Akukho mntu
uzomthatha.”
723
Ndiphefumle ndamjonga kwakhona eleli kamnandi ezolile. IJellytots zam. Ibingathetheki indlela
bendichulumance ngayo ngokubuya komntwana wam. Ndimhlambile, ndamtyisa, ndambeka esifubeni
sam wade walala ubuthongo. Ibingathi ndinga wasusi amehlo am kuye.
Simba: ”Andiyinqiki namna ifriji? Okanye andinalungelo? Huh?! Ayithengwanga ngemali yam lefriji?
Cash! Same day delivery?”
Ndiyihlekile.
Undincinele amehlo.
Nomtha: ”Hahahaha!”
724
Nomtha: ”Ewe, ndithi lotata uzobhatala.
Simba: ”Andikhuthelanga, ndiyayazi ndizothunywa vele. 'Simba yenza le', 'Mudiwa wangu, ndicela le.'
Imini yonke xa ndihleli nawe. Into noba ilapha ethuntsu, 'tata kaZendaya ...' uyathuma wena! And
andiyontanga yakho.”
Nomtha: ”Ukuba ndithwele umntwana wakho kwaye ndizomthwala inyanga eziyi nine zonke
ndiqhaqhwe-
Nomtha: ”Oksalayo. Xa ndikuthuma uzothumeka. Ndimanufacture umntu wakho apha. Uzobe ungu
proud father of three ngenxa yam.”
Simba: ”Ngena!”
Malik: ”Molweni!”
Nomtha: ”Molo Malik, ngena. Wema emnyango! Yizochopha apha phantsi. Uright?”
Unqwalile.
Nomtha: ”Ndimthengele ubisi ke nezinye izinto azozidinga, ndizokunika islips ngaphambili kokuba
uhambe.”
Nomtha: ”Oh okay. Mhle umntanakho, umamakhe mhlophe ngebala ane? Okanye kuba esemncinci?”
725
Malik: ”Uli colored.”
Malik: ”Ewe.”
Uyihlekile.
Malik: ”Uthi bathe kokwabo anikise ngaye for iadoption okanye amse kutata wakhe ukuba usafuna
ukuhlala nabo. Ndandithe enze iabortion kemna.”
Nomtha: ”Bekutheni? Bekunqabe icondoms? Andifuni ukuba ngathi ndizenza umzali wakho kuba
andinguye, and umdala ke nalapha kum kodwa uyayazi kakuhle ukuba xa ungafuni mntana wena Malik
Matanzima uqinisekisa ukuba kukho isikhuseli. Awusoze uxhomekeke emntwini ukuba acwangcise
okanye xa sele ekhulelwe asikhuphe isisu. Ngebhadi ayisebenzi kanjalo, uthanda ungathandi buddy
uzoba ngutata ke. Kucacile ukuba ubungafuni anikise-
Simba: ”Yiva iswekile ukuba iright na apha kuba andiphinde ndisukume mna.”
Simba: ”Mxm.”
Simba: ”Nditsho lento uzode uzimisele ulecturishe indoda endala enezinza nendevu ngento ayazi
kakuhle. Lento umxelela yona ayikho ntsha ezindlebeni zakhe. Uyazi kakuhle nje. Okokuqala unomntu,
awunamntu Malik? Okanye nohlukana noSiyasanda?”
Malik: ”Asohlukenanga.”
Simba: ”Uyolala nabanye abantu ongabazi nokuba bami ndawoni ngestatus sabo, awuzikhuseli. Uyayazi
ukuba ukuba awusebenzisi sikhuseli ungafumani zifo kungenzeka ukhuleliswe. Awubeki bomi bakho
esichengeni kodwa nobomntana wabantu, kuba ndiqinisekile ukuba uyatawuna nakuye. Uyandyolela,
um exposa kwizifo, ukhulelisa amancinzo wakho. Wakugqiba yonke lo tyupdyoshin, ushiya imveku
ngaphandle. Phandle! Udlala ngexesha lakhe uNomtha, wena ufanelwe yitrongo qha. Ngendiyekile
uNomtha ndikubizele amapolisa uke uyocula amadamara phaya, uyoba nguBeyoncè kwamanye
amadoda. Uphululwe amathanga la.”
Ndibambe intsini kulendawo kaBeyoncé ophululwa amathanga. Undijamele kakubi kanjani kona!
726
Simba: ”Umntwanakho nankuya, hamb'omthatha. Uthathe izinto zakhe niyibethe. Kukuwe ke ukuba
uhlala naye okanye umsa kumamakho eMeadowlands kuba akazumpelesela wena umnkam.
Andimzekelanga ukuba azofuxwa ngabantwana bakho mna uLinokhanyo. Andiphathelanga wena
unanny. Unabantwana two abancinci- uMihla akakagqibi nefour months, kufuneka ahoye lo unentsuku
kuba wena uzenza izuma lengingqi. NgamaXhosa, ngamaQheya. Thatha lamntana uhambe. Ndakolusa,
ndakwenzela umgidi. Uyindoda endala. Sisenzela lonto thina, sinengxaki zethu. Mthathe sukuma,
ungabe undiwarmishela iseti, mthathe uhambe.”
Nomtha: ”Sesakhe.”
Ebeyazi ukuba uMalik akasoze amse kuNokulunga umntana kuba oko kwavela into yokuba abantwana
bakokwebo abangoka Simba abazange bavane. Akazange amcacele. Kwaworse kengoku ukuba ave uba
ngabakaTiger. Hayike mntakabawo. Nangaphandle koko ebenomntwana wakhe noSylvester
obesemncinci, kubekho nokaMalkia umntana.
Nomtha: ”Hayi nawe usuke ube bukhali kakhulu, uzenze eliya ixhego.”
Andimphendulanga ndaziphungela itea yam. Shame, uphume enyebelezela uMalik efunqule umntana
wakhe, ngapha zibag, ngapha ziseats.
Simba: ”Hayi sutsala inyawo mntanam. Hamba nje kakuhle kuba akukho mntu uzokunqanda. Akukho
day care apha kwam. Umakhulu wakho nankuya eKapa, umamakho ulapha eMeadowlands hayi apha
kwam.”
Cwaka.
Ndingene ekamireni nomntana wam sazilalela. Caba ndibiwe bubuthongo kuba ndothuswe ngamazwi
athethela phezulu nesibhaxu. Ndixhume ndayophuma ngomnyango.
Ebengeva kukhwaza uSimba egalela ibhanti emntwini qha. Ndiyoma ngaphambili koMalik wandijamela.
727
Simba: ”Ndizobetha wena!”
Indlela ebenomsindo ngayo bendisoyika ukuba andibethe nyani, kodwa ndimile andasuduka.
Simba: ”Nomtha!”
Nomtha: ”Simba.”
Malik: ”Awuyiyo.”
Simba: ”Honestly! Kuzobe kusithiwa u'Simba u abusive, uSimba u abusive' kodwa uzondixhokonxa
kwam. Uzondicela ukuba ndikukhabe kodwa izoba ndim owrongo kuba ndim o abusive. Ndim itoxic
parent. Ndihambe niyovula icreche le noNomtha not apha kwam. Ndinengxaki zam mna. Sakumthini
thina umntana? Sakumthini? Mawunganqandwa ngoku kuba uyindoda. But you are not man enough
ukuba uthathe iresponsibities. Unamalungelo nje ahamba goqo! Uzokondliwa nguwe ke lomntana.
Kushota ntoni uyithenga ngesantya sika Usain Bolt, siyevana?!”
Nomtha: ”Malikhi!”
Uncumile.
728
Malik: ”Ndiyayazi. Kuzofuneka ndixelele uSiyasanda, andizumfihla umntanam.”
Nomtha: ”Ndicebisa ukuba wohlukane naye mna. Kube kanye. Uyayibona iphele njani into kaSiyanda
onomntana ngaphandle?”
Ufinge intshiya.
Malik: ”Hayibo! Ndiyaqala ukuyiva mna lonto! Utamnci uvele wathi ufumanekile qha, akabhentsa.
Hayibo! Uphi ngoku?”
Simba: ”Linokhanyo!”
Malik: ”Bendizolala ukuba uTaima ebezondinyanzela ukuba ndilale, ngapha koko andinamdla. Uyamazi
utata, angayicinga kakuhle yonke lento ayondivumbulula ngaphantsi kwengubo andibhule ngempama
kengoku. Kubhetele nebhanti.”
Malik: ”Uyakubetha?!”
Nomtha: ”Hayi. Nditsho ngokuya ndandidibana naye, ndambela iphone eclubbini ekubeni wayendiphe
itip eyodlula nomrholo wam. Wandibhula!”
Malik: ”Ja. Kuba andifuni umntanam asokole. Ndiyamthanda lamntana. Andifuni ahlale nomama, asivani
ncam nomama. Uzondinkcuva futhi ukuba ndimshiye nomntwanam. Angandinkcuva worse.”
Nomtha: ”Iminyaka emingaka engutata wakho awuyazi ukuba umngene njani? Usamoyika into ebheke
ngaphi? Kuba noxa ebukhali nje yimushmallow uSimba. Akakhohlakalanga lomhlobo. Uyabetha qha, into
729
ekufuneka ayilungise but uyakuthanda utata wakho Malik. Kakhulu futhi. Ukuba nje uthetha naye,
nihlale phantsi uthi tata kunje. Yhu! Hayi mandilale mna.”
Urhole amehlo.
Ndiyihlekile!
Nomtha: ”Ngowokugqibela lo. Ungavuli umlomo omkhulu ke kuba asikaxeleli mntu. Ungatsho kutata aze
akuxelele yena. Ingathi unentloni ukuba uzoba nomnye umntana kwakhona.”
Malik: ”Okay sisi. Ndiyabulela kakhulu. From the bottom of my heart thank you.”
Simba: ”Thetha lento ofuna ukuyithetha uyeke ukuba lirhamba ube ufuthela phezulu.”
Simba: ”And Nomtha ungandifani ndawo mna. Ukuba kushota ntoni, woyisakala ngabantwana abaninzi,
wagula lamntana ungathi 'Baby, baby' kum. Andingeni ndawo. Ndimzise ngokuba ubuzoyenza into caba
le ube undizela ngomva ungafuni ndikuthinte, uthwala umlomo. Andizunga bamba bambi kemna ngenxa
yo7de Laan.”
Nomtha: ”Wenziwa ingcwangu yilento ungutamkhulu? Unomzukulwana omdala kunelast born yakho?”
Nomtha: ”UMalik.”
730
Simba: ”Nomtha andizuku qhelwa nguMalik mna kwam. Ndingafikeleleka kukungile kodwa kuzoba
nengxaki xa endiqhela. Qha.”
Nomtha: ”Ngoba?!”
Simba: ”Bendifuna nje ukumxelela Nomtha. Ngumhlobo wam, uyafana nomntakwethu. Bendifuna ayazi
ukuba unkosikazi wakhe nguye obe umntana wethu wamgcina ixesha eli lonke.”
Nomtha: ”Ewe yiyo. Bendifuna abanjwe, kodwa ayinonto onoyilindela emyenini wakhe leyo. Ekubeni
yonke lento yenziwe nguye.”
Ndinqwalile.
Nomtha: ”Ndifuna andixelele ukuba 'why?'. Nokuba uyenza njani into enje kum. Kuthi. Kuba akhonto
esimenze yona thina. Zange nangemini enye ndamgqemfezela ngokuba nabantwana yena yena
engenabo. Zange. Yena wenza lento!”
Nomtha: ”Ok.”
731
Simba: ”Good night baby!”
Nomtha: ”Goodnight.”
732
NINETY-THREE
Mangwabe: Sewuyahamba?
Ndiyihlekile.
Nomtha: Iyandirhalisa.
Mangwabe: Balele.
Nomtha: Bebevusiwe!?! Akatsho kum ukuba ubavusile. Undixelela ukuba uvalelisile qha.
Nomtha: Ndiyalunywa!
Mangwabe: Kakhulu?
Nomtha: Ewe.
Ndiphelile yintsini.
Mangwabe: Sizothini?
Ndinikine intloko.
733
Nomtha: Uzobuya ebusuku sesilele I'm sure. Uthe ndimlinde kodwa sobona.
Nomtha: Mhhh.
Mangwabe: Ngicabanga ukuthi usebenzaka kakhulu kanje ngoba uyazi ukuthi uzophumula emsebenzini
uma kukho ingane. So ufuna nje kungabi nento ezomphazamisa.
Nomtha: Yaziwa nguye yonke lonto Mangwabe. Kaloku uSimba akathethi nto namntu so andizube
ndiziqhekeza intloko ndiqikelela into engekhoyo. Utye ntoni wena? Andizazi nokuba ndizotya ntoni.
Nomtha: Uyandazi.
Uyihlekile.
Ndizenzele itoast. Amaqanda ne bacon kunye nemushrooms. Ndenza ikomityi yetea. Bendisamncancisa
nangoku umntanam, ndinga mlumlanga. Bendizo mlumla ukubakho kwalo. Indlela besele ndingxame
ngayo bekungathi andide ndibeleke.
Bendiziva okungathi ndimelwe bubomi. Besele ndiyicinga nakaninzi into yokuhlala nakunyaka ozayo.
Bendithandabuza ukuba ibiyinto bendisafuna ukuyenza. Le yokuhlala endlini ndikhulise abantwana.
Bendibone kwa indlela uSimba ebendibuze ngayo ngelaxesha sasiseKapa. Okungathi ndisiskade somntu.
Ibindibhida eyokuba abenengxaki nokuhlala kwam endlini ekubeni yayinguye umntu
wayendiququzelela ngokuba ndingayi esikolweni ndizokhulisa abantwana. Bendingasayazi.
Nomtha: Yebo?
Nomtha: Yho yehake. Iworse nantsi apha phambili kwam njengoba ndingayiva nje. Hello?
Nomtha: Ndiyatya.
Nomtha: Eish!
Simba: Yintoni?
734
Simba: Uguquka kangaphi kanti lomntana?
Simba: Umama uMangwabe wayethe wawulunywa, andisakhumbuli nini kodwa apha sometime kuleveki
ephelileyo. Wathi kuguquka umntana.
Nomtha: Yho yehake uMangwabe. Ngoku avumelana nam ngoku ukuba uyaguquka. Ngelaxesha
bendicinga ukuba ndiyalunywa. Hayi andisayazi ke mna.
Nomtha: Kanti?
Nomtha: Hayibo ndithini kemna xa undixelela into endiyaziyo kakade? Kuba bendihleli ndisiya kugairha
qha ndisatya.
Nomtha: Ndizokufounela.
Simba: Ndiyakuthanda.
Nomtha: Okay.
Simba: Bye!
Mangwabe: Yebo!
Nomtha: Ndiyahamba!
735
Mangwabe: Okay sisi. Ungawi!
Uyihlekile. Ndiphumele ngaphandle nebags zam, ngapha ziplates. Ndirhole amehlo am ndakubona
umntu ebeqhuba imoto.
Nomtha: Kutheni ungangeni? Ndicinga ukuba ungumntu nje endingamaziyo mna. Andiyazi ukuba
nguwe.
Ndilibophile wandinika iplate yam wavala ucango. Ujikele kwelinye icala wangena ngaphakathi wavala
nakwelakhe icala.
Nomtha: Ndizophanga.
Uyihlekile.
Nomtha: Siphilile bhuti akukho nto, sonwabe nje kamnando. UThixo usasigcinile. Niphile njani nina?
736
Mluleki: Bendibashiyile. Bendihambe ndodwa. Ndike ndahlala intsukwana noko. Bendiligqibele kudala
elaxhegwazana.
Nomtha: Oh maan!
Nomtha: Kungcono. Ndimbona kuthi xa siyombona, angavuyi mntaka bawo. Baphilile notat'uMamkeli?
Mluleki: Uright?
Mluleki: Nyamezela kaloku. Noko siya kugqirha. Uzotsho yena ukuba kwenzeka ntoni.
Nomtha: Uhh!
Nomtha: Bhuti.
Mluleki: Linokhanyo?
Ndifike sendithathwa ngestretcher aendilunywa mpela kengoku. Ubhuti simshiye apho ephithizela into
engekhoyo. Besekuvele nentloko ukulakiswa kwam ebhedini. Andipushanga kakhulu ndabe sendibeleka.
Umntana oyinkwenkwe. Uphume emkhulu ke sengxwala.
737
Bendi emotional. Enye into ibikukuba engekho uSimba xa kuzalwa unyana wakhe. Kude kwasa
engavelanga okucaca ukuba uqhubeke nohambo lwakhe noxa exelelwe ngubhuti ukuba ndiyabeleka.
Bendibuhlungu kodwa ndaziqinisa.
Kutsho iknock epholileyo emnyango. Nangoku angenayo ubhuti andijonganga kuye. Ndijonge ngaphaya
kwakhe. Ndilindele ukuba kungene umyeni wam.
Mluleki: Molweni.
Ebesesondele kum endibambe igxalaba. Bekufanele ukuba ubuye izolo ebusuku. Bekungomso ngoku,
ndikhululwa. Yho uSimba. Ndide ndazicenga ndathula kuba sana ukukhala bekungazuku ndinceda
nganto. Ebengekho ebengekho.
Nomtha: Uright.
Mluleki: Ubanjiwe nyani eMpumalanga. Ndiye ndamxelela okokuba ukwi labour wathi uzobuya.
Babanjwe nezibhamu kunye nedrugs. Kodwa uzokuphuma. Yinto esiyilungisayo.
Bendilungele ukuphuma. Yonke into iready. Undibambele umntana nebag ubhuti sahamba saya
emotweni.
Mangwabe: Halala!
Ndiyihlekile.
Nomtha: Okay.
738
Mluleki: Oh umthiye ngotatakho, that is nice. Ebezovuya utatakho. Uzobuya uSimba.
Mluleki: Ndiyabulela.
Uphumile wasishiya.
Mangwabe: Ukudla.
Ndivule ingubo sangqengqa nosana lam. Ndothuswe nguye ebuthongweni ndavuka ndamncancisa.
Uyihlekile.
739
Malik: Ndiright wena?
Nomtha: Ndiright nam enkosi. Hayibo congratulations are in order, utatomdala uyandixelela ukuba
ufumene iboy.
Nomtha: Unolwimi gqithi wethu utatomkhulu wakho. Ewe ndinenye iboy apha, nguSamora igama.
Nomtha: Siright, bhuti. UMangwabe ukhona uyandincedisa. Ndivuyiswa yinto yokokuba ndiyenza
okokugqibela yonke lento. No more. Kunyaka ozayo ndiphindela esikolweni.
Nomtha: Ubani!?
Nomtha: Not lo kaSamora umntana aphinde ahlale nje. Into yokuba nguHouse wife iyandigezelisa
wethu. Abantu bacinga fans'ba. Hayi ndiphindela esikolweni kunyaka ozayo. Ukuba andifundi
ndiyaphangela.
Malik: Usure?
740
Nomtha: Okay, ndizokuxelela.
Nomtha: Sharp.
Imini yam ibingabantwana nje kodwa ebeluncedo kakhulu uMangwabe shame. Kakhulu!
Bisola: Linokhanyo!
Nomtha: Siyaphila nathi, kuhle akukhonto. Hayi ke bendifuna ukukuxelela ukuba ufikile umzukulwana
wakho.
Bisola: Linokhanyo! Hayini zindaba ezimnandi nje ezi sisi! Uzele kakuhle mamthile. Yinto yanini leyo?
Nomtha: Kuthiwa usetrongweni. Ebengumntu oya- andiyazi noba kuseMpumalanga okanye ePolokwane
na. Okanye yiLimpopo? Ebeyitsho lendawo maan. Phofu umnka ngalamini ndilunywa ngayo, umnka nje
undishiya ndisiya kugqirha- bendine appointment. Uzixelele nje ukuba akaqalisi ngalamini kuba udla
ngokundisa andibuyise, andule kengoku ukuhamba ithwebula henge yakhe kuse phandle engekho.
Bisola: Uphoswe nayilo appointment!? Yhini ade angabikho umntana wakhe ezalwa!?
Nomtha: Wayeke wabakho nini na mama uSimba? Kuba wayengekho kuZendaya wade wanenyanga.
Akabikho kuMihlayonke kuba wayedlala ukufa ngaphaya eNigeria, nguSamora ngoku uzalwe engekho.
Phofu ebengena kwaxesha lale ipregnancy. Ndigula, kungangeni kutya. Ndidumba akakho. Ukuba umnke
ngo4am kusasa uzobuya ngomnye u4. Ukuba uearly uzobuya ngo12am, ahlambe alale. Akatyi apha,
akaphili apha. Abantwana andiqondi basayazi ukuba banotata. Into agood kuyo yimali. Uzothi ukhalaze
ngokunqaba kwakhe akuvale umlomo ngemali. Caba uthi yinto oyikhathaleleyo leyo. Ndancama ndayeka
nokokukhala. Andikhalazi andithini. Akasandikrweci nasebusuku, zinyanga inoba zintlanu ndingamazi
umyeni wam.
741
Bisola: Kuthini ukundihlupha na Linokhanyo? Kuba xa ninengxaki nomyeni wakho, ubona ukuba
iyakoyisa kufanele uxele kum. Xa ungaxeleli mna uzokhala kubani mntanam? Ngubani lo ozoxela kuye?
Bisola: Uzithetha kubani? Kubani lo uzomxelela ukuba awuzukuxelela mna? Kuba ngekudala ndathetha
naye mna kuba ayiqalisanga ukuba yiyo le ayenzayo into. Tu kwaphela. Ayifani tu naye, njengoba
kusithiwa ayikho into efana nomntu nje ayifani tu naye le yoku negletta abantwana bakhe nawe.
Bisola: Hayisuka uzokuphuma ngoku wethu lowo ungabina worry. Inoba usendleleni kungoku.
Ndizomlinda abuye ndizokuthetha naye.
Nomtha: Oko weva ngalomntana uSimba watshintsha. Besinga mfuni sobabini, kodwa wathi yena
masibenaye kuba sekho. Yangathi uyayamnkela. Kucacile ke ukuba ebengatsho nyani. Ebethetha nje
kuba kuthethwa. Sendiqikelela kuba akathethi. Qha sendimana ndisikha kwintetha zakhe. Wayendibuza
nangento endicinga ukuyenza ngobomi bam, ekubeni wayethe ndime ngesikolo ndikhulise abantwana.
Ndenza kanye lonto iyajika iyandibandisa.
Bendisitsho ngoku kuMalik ukuba kunyaka ozayo ndizoya esikolweni. Ukuphola kwam nje ndizofuna
umsebenzi. Kubekho into endiyanzayo. Mhlawumbi kuzoba bhetele.
Nomtha: Andonwabisi yena. Nam andisakufuni okukuhlala ndivaleleke apha ndilindele ukuba abuye.
Bisola: Bona kunyaka ozayo kodwa Linokhanyo. Khawuke ume kulona. Unyamezele. Ndizothetha naye
uSimba.
Ndiphefumle.
Nomtha: Usekhona ma. Ndinga phambana kaloku ndindodwa. Ukhona, undinceda kakhulu.
Bisola: Kuhle ke xa kunjalo. Ungabi wedwa. Ndiworried ukuba inoba uwedwa kuyo yonke lento kaSimba.
Bisola: Yhu usweet umntana kaMalik. Nasebusuku akakhali kakhulu. Ingathi nguZendaya. Zange ahluphe
kakhulu umntana womntanam. Uyakhula umariri. Utatakhe ebedithi uzombona ke ukuphela kwenyanga.
742
Bisola: Yehake, ufounelwe ngubani naLinokhanyo.
Bisola: Abeg! Ufounela bani wena? Kuba uthi cwaka nengxaki zakho.
Ndiyihlekile.
Bisola: Ndinesi zukulwana Linokhanyo. Nabazukulwana abaliwaka. Abazali abantwana bam halala!
Ndiyihlekile.
Ndicime iphone ndayokuthatha ilaptop yam ndakhangela imisebenzi. Nezikolo. Ndifake ndade
ndadinwa. Uye wafika ubhuti emini. Ebendiphathele iflowers, nokutya. Bekungathi uwole yonke into
ebeyibone phambili kwakhe. Bendingazuwa kulomgibe ke kuba bendifuna ukuqalisa igymn
ndizokubuyela emzimbeni wam. Akahlelanga xesha lide wahamba. Andimbuzanga ngoSimba naye
akabanga endixelela. Ebebona ukuba andina msebenzi.
Ndive ucango lwekamire luvuleka ndaziva ndibambe umphefumlo kuba ndivele ndayazi ukuba ngubani.
Simba: Baby.
Ndithe cwaka.
Ndive indebe zakhe emlonyeni wam ndeva kuvaleka ucango lwase bathroom. Kwangona ndiphefumlayo.
Kucacile ke ukuba ubuye ndilele kuba andikhange ndimve. Ndothuswe nguSamora ekhala.
Simba: Baby.
Nomtha: Ndiyamva.
Into ngokuba ngumama kukuba ubungalali buthongo buhlayo. Incwina nje encinci bendiyiva kuqala.
743
Ndimfake ibele wabe engalifuni, efuna ukukhale. Ndimfunqule ndimshushuzela.
Nomtha: Ngewuzifumanele ukuba ubukhona. Bekungazukubakho sidingo sokuba ude uhambe usiva
ngabanye abantu isini somntana wakho.
Nomtha: Okay.
Simba: Uyintombi?
Cwaka. Ndincancise umntana wam wade walala, ndimbeke ecaleni kwam ndalala.
Nomtha: Ndiyakuxolela.
Simba: Nomth-
Umkrwaqule nje wasukuma wayongena ebathroom. Uphume kwamsinya. Ebengekenzi nto ngeloxesha.
Simba: Morning.
Ungenile kwakhona, wangena ixesha elide kweli ityeli. Uphume ehamba ngaze wazokuthambisela apha
kwelicala wanxiba waphelela.
Nomtha: NguSamora.
Simba: Uthiye umntanam ngoSamora? Ngotatakho!? Bendiba sathetha nje ngalento yeligama.
744
Simba: uSamora!? Wenze ngamaboni ne? Kuba bendingekho?
Nomtha: Akukho endiyenze ngamabom. Bendingeno mthiya ngegama endingakithandiyo for wena.
Ndiyamthanda umntana wam, utata wam uyayazi ukuba bendimthanda kanjani. This felt right and
ubungekho nawe ke ukuba wongeze elakho ukuba ubunomdla phofu so nguSamora Matanzima.
Simba: Yinkwenkwe.
Nomtha: Yinkwenkwe.
Unqwalile.
Nomtha: Ungamphatha.
Nomtha: Ndiyakuphuza.
Simba: Ndiyak'thanda.
Simba: Molo Madiba. Nanku utatakho. Uyamazi utatakho? Hm? Uyamazi utata?
Nanku utatakho. Ndiyakthanda uyeva? Utatakho uyakuthanda. Uyanithanda nonke nabanta kwenu.
Yonke imizamo yam yeyenu. Wena, uMalik, uZendaya, uMihlayonke. Nomama wethu. Ndenzela nina.
Usondele kum wandibamba izandla endijonga ebusweni. Ibingathi uzothetha ke kodwa akadanga
wathetha. Undiphuze nje waphuma ngomnyango. Ndichecke ilaptop ukuba andiphendulwanga na
kwindawo bendibhalise kuzo. Bekungekho nenye. Mmmk
Ubekho iveki qha. Ehamba emveni ngo eight abuye ngo6. Ndithe xa ndimqhela waqala kwakhona. 4am
to 4am. Abuye enuka iperfumes endingazazi. Ngezinye imini abuye enuka imililo. Bendingazi.
Bendibuyele kwigymn ke kodwa ndisathatha kancinci. Nditshintshe idiet yam futhi. Ukuba ibingeyo
gymn nabantwana bam bendikhangela umsebenzi.
Nomtha: Hello.
745
Simba: Baby, wenzani?
Nomtha: Bonke.
Nomtha: Akakahluphi.
Nomtha: Oh.
Simba: Ndiyakuthanda.
Simba: Ungandilindeli.
Nomtha: Uphi?
Simba: Ishipment ifike late kwaye kufuneka ihambe kusasa so sisebenza ngayo. Ndifuna ukuqinisekisa
ukuba benza yona and ndine meetings namaRussia nge arm dealership. Nomalume eNigeria. Ndiba
productive apha emsebenzini.
Akaphazanyiswa ngabantwana.
Simba: Ewe baby. Bendikwazisa nje, ungabuyela kwibhayibhile yakho ke mnkam. Ndiyakthanda uyeva?
746
Ndibeke iphone ndayonqonqozela uMangwabe.
Mangwabe: Yebo?
Nomtha: Kukho ingxakana emsebenzini kaSimba ngoku kufuneka ndibe phaya ngokukhawuleza. Ndicela
ukukushiya-
Undilandele wamthatha, ndabe ndifaka imake up. Unyuse ishiya kodwa akathetha waphuma. Ndijonge
into yokunxiba ndabe ndithatha iphone ndifouna. Bekukho isecurity entsha, uPeace. Ndifounele yena.
Nomtha: Peace, ndithunywa ngumyeni wam ukuba ukhawuleze uze apha endlini. Awukho kufuphi?
Bendiyazi ukuba akasoze afounele uSimba ambuze kuba ebengena mnxeba wakho. Ebefumana imiyalelo
ngabanye abantu kunye nam. Nyani ukhawulezile ukufika. Ndingene ndindodwa emotweni
wandihlahlela amehlo.
Nomtha: Ewe.
Nomtha: Ndiyabulela.
Ndikhuphe umoya. Ustater imoto wayindlela ukuya ewarehouse. Bendiqala ngqa ukuya khona.
Bendinovalo. Bendinento ethi akakho phaya. Ukuba ebephaya akenzi into athe uyayenza. Kodwa
besawubona ngoku andithi?
747
NINETY-TWO
Bisola: Umntan'omntanam!
Malik: Makhulu!
Bisola: Linokhanyo!
Nomtha: Moroyi.
Bisola: Hayi suka ukufeketha. Ngenani ngaphakathi wethu, ngenani. Abantu baseRhawutini.
Simba: Nne.
Uyihlekile.
Bangene nabo baphuzana, sahamba sachopha kwisofa. Njenge siqhelo bekusikoni kumenyezela.
Bisola: Bangena ngoku, uwachithile amanzi wakho? Unayo into yokuhlamba wakugqiba uphume nje
okungathi uphuma ehotel.
Uyihleke kancinci utata uMamkeli akamhoya tu. Uzokubulisa thina wasibuza nempilo.
Bisola: Miracle!
Miracle: Mama!?
Miracle: Ndiyeza!
Simba: Bendizomlanda umntana. Njengoba uphume usonge izandla nje wena emotweni ubucinga ukuba
ndizobaphatha njani abantwana bonke ngexesha elinye? Ndinezandla ezimbini qha mna.
748
Nomtha: Hayi ndim owrongo. Ndicela uxolo.
Simba: Yehake. Myeke Malik ndizomthatha umntanam. Ina thatha khawubambe lona.
Baphume belandelelana bobathathu noMalik. Abantwana bebebekwe phantsi ngecar seats. Ndikhuphe
umoya ndajonga umama wabe endiqwalasele ede wancina amehlo. Ndincume kancinci ndayomanga.
Nomtha: Kuhle mama akukho nto. Sonwabe nje kamnandi. Kukudinwa nje kwendlela. Niphile njani nina?
Bisola: Aninongadinwa mntanam. Aninongadinwa. Hayi siyaphila thina. Sonwabe nje kamnandi. Akukho
nto. Wanomntana uMalik!
Nomtha: Wanomntana.
Bisola: Kodwa noko wethu sekhulile umntanam bethunana. Ufundile wagqiba, uyaziphangelela ngoku.
Akazange amhluphe nakakhulu utata wakhe. Oko wayengumntana onendlebe.
Nomtha: Ebephambene ngumsindo kaloku. Ndicinga yindlela amzise ngayo kuthi ibimcaphukisa kakhulu.
Hayi ukuba enomntwana-
Nomtha: Akalelanga?
Simba: Usalele.
Uyokungena naye kwikamire besihleli silala kuyo xa size apha wabuya ngempahla zethu, wazokuchopha
nathi akuzibeka zonke.
Uqale wathinte umqala wakhe, walungisa ukuhlala. Ebefunqulwe ngumama kaSimba umntana.
Simba: Mxelele ukuba uyomlahlela kuwe kuba engafuni nto enokwenza naye.
Bisola: Hayibo!
Malik: Kokwabo bebengamfuni umntana. Kwathiwa makanikise ngaye okanye aphume aphele kokwabo.
749
Unqwalile uMalik.
Bisola: Yebethuna!
Malik: Ndandisoyika utata makhulu. Ndamfounela usisi ndamxelela ukuba ndizoza, ndavulela.
Ndandiyazi ukuba uzomfumana.
Simba: Wawuyazi ukuba uzomfumana ntoni? Ukuba wayefunyenwe ngomnye umntu kulagate
besawukuyicacisa sithini thina? Ayikho into oyenzileyo qha.
Bisola: Hayi ube wrongo sana lam. Ewe ubumoyika utatakho kodwa bekungafanelanga ukuba umshiye
kanjalo umntana yhini bethuna.
Bisola: Kubhetele xa uzisola sana lam. Akakho umntu ongenazo impazamo zakhe. Kungcono umse
kokwenu. Awumlahlanga sigangeni-
Simba: Hayi kodwa mama akukho bungcono ngandawo apha. Ukuba ebelunywe zizinja lamntana kula
gate?
Bisola: Akasalunywanga. Nimfumene ngethuba. Into endiyitshoyo kukuba kubhetele kuba uyayibona
impazamo yakhe. Nanto into ebaluleke kakhulu. Umthathile umntana akubona exakiwe wamsa kubantu
acinga ukuba bawumnakelela bhetele kunaye.
Bisola: Uzokhula umntana. Ukhona uMiracle uzomhoya, akukho nto sala nam. Ukuba nje wena uzimisele
emsebenzini, wondle. Angaswelinto umntanakho ukhona. Unhoye, unganqabi apha. Qha. Asizukuthi
mthini unntana sekhona ngoku. Sisipho esivela kuThixo.
Bisola: Nantso ke Mntande. Indoda yenje njalo. Kamnandi utatakho ngumzekelo opholayo. Ubone apha
kuwe ukuba uthando lomzali lubaluleke kanjani. Njengoba engena mama nje uzokudinga ngakumbi.
Beka apha Miracle, ugalele utata.
750
Bisola: Ngoba kusuke kwathini.
Mamkeli: Bisola.
Bisola: Esheeee okay. Khawume ndikukhuphe mntaka bawo. Asizukupana apha ufuna ukuya emzini
wakho. Mhlawumbi ikhona lento uyileqayo esingayaziyo. Amadinga wakho.
Nomtha: Benditheni?
Bisola: Ebephekile ke uMiracle. Ndizothi aniphakele. Ungambeki ebhedini nje umntana njengoba uske
wamnkonya?
Malik: Ndisambuka.
Bisola: Izicwangciso zezethu kodwa izigqibo zezeNkosi. Ingathi ngewumbeka ebhedini kodwa,
ungamqhelisi izandla.
751
Simba: Makake ahoye umntanakhe ayeke uMiracle okwangoku kuba uzohamba ngoku. Usezokugcinwa
nguMiracle lomntana.
Malik: Sisayokuphumla.
Bisola: Akasafuneki umzali ongqwabalala ngalamaxesha Simba. Andiyazi ngoba nathi asizange sabanjalo
kuwe.
Bisola: Ndiyamthanda nangoku. Andizuku qumbela ukuba enomntana. Undidanisile ke kodwa ngendlela
enze ngayo kodwa uyazisola. Ayikho into ebaluleke ukogqitha ukuzisola emntwini. Ulungile lomntana,
uyamazi nawe.
Nomtha: Ndizombhodlisa.
Ndivuke ndayokuhlamba eshower. Ndivulele amanzi ashushu bhe ndanxiba impahla zokulala ukugqiba
kwam, ndathi wambhu igown ngaphezulu.
Nomtha: Jellytots!
Simba: Besendizokuvusa.
Nomtha: Undivuselani?
752
Simba: Akahluphi. Uthathwe nguMiracle.
Simba: UMihlayonke akazukusala apha yena, and umthathe ngoku kwam kum uMiracle. Asizukuhlala
ixesha ke apha. NgeCawa siyaphindela.
Nomtha: Yho!
Simba: Besingazanga holideyini apha ekugqibeleni. Besizise uJy siphindele emva. Andiyazi kutheni ucinga
ukuba sawuhlala.
Simba: Ndifuna ukwenza nale vasectonomy ukuphindela kwam eKapa. Andisafuni mpazamo ngoku,
andisafuni bantwana mna yho! Ndidikiwe kukumpelesa ezimini.
Simba: Andimpelesi?
Nomtha: Hayibo! Ungade uthi uyadinwa kaloku kodwa ubahoya umzuzwana abantwana. Ixesha elininzi
bahoywa ndim noMangwabe.
Simba: Kodwa ndidikiwe yinto yokuba kuhleli nje kukho isana endlini, yinto endiyitshoyo leyo.
Nomtha: Kengoku yintoni lento undibuza yona ukuba ndicinga ukwenzani? Ibingathi ndenzeni kuwe?
Andithi wawundiphushela ukuba ndinga-
Simba: Ndiyayazi Nomtha. Ndiyayazi ukuba ndathini. Qha ndibuza kuba wawungumntu ongafuni
ukuhlala angenzinto. Ndifuna ukuqonda ukuba undawoni ngoku.
Ndimjongile wanqwala. Bekukhangeleka kungathi ininzi into ekulangqondo yakhe qha ebezilume ulwimi.
Ndithule ke nam andabe ndimncina. Kuba bendiziva okungathi ukuba kukho into ebefuna ukuyithetha
ebezokuyithetha nqo.
753
Simba: Nomtha.
Nomtha: Mh?
Nomtha: Ngoba?
Nomtha: Molweni!
Zama: Hi makaZendaya!
Nomtha: Congratulations!?
Zama: Nabantwana.
Nomtha: Oh.
754
Nditsho ngo oh opholileyo. Ibingadingi nokube ibuzwa okanye incinwa. Ibizicacele gca okokuba
ukhulelwe umntana kaSiyanda.
Mh! Ibindimangaza ngaphezulu ibikukuba umama notat'uMamkeli bebeyazi ukuba uSiyanda utshatile
kodwa bebevumela yonke lento yenzeke phambili kwamehlo abo. Yhu hayi ebendidanisile mna
uSiyanda. Ngakumbi kunakuqala.
Nomtha: Besingafuni kwanto, kodwa uThixo ube nezinye izicwangciso- sikhulelwe kwakhona.
Bisola: Ukhulelwe!?
Nomtha: Ayizondaba ezimnandi tu mama. Besingasa funi bantwana emveni kuka Mihlayonke. Hayi
kwangoku futhi. Ininzi nje into ibisenzeka kulonyaka. Ukulahleka kukaZendaya iyenye yazo. UMihlayonke
nezigulo zakhe, omnye umntana! Yhu hayi! Sidane sobabini.
Bisola: Bane ngoMalik. Baright aba bantwana. Ewe ke ngeminyana kodwa ayinaba sathwani lonto ngoku.
Hayi uright umntanam abe nabantwana. Yilonto umhle kangaka.
Ndiyihlekile.
Nomtha: Ndiyabulela.
755
Uyihlekile umama kaSimba waqethukisa intloko. Bendiqaphela into yokuba basondelene kakhulu.
Bendingazi ukuba ibinento enokwenza nokuba engu'mama omncinci wakhe na' phofu ibinento
enokwenza nalonto kakade.
Bisola: Nditsho ukuba uLinokhanyo ukhulelwe kwakhona. Awuyihlebi nokuyohleba lonto! Indaba
ezimnandi kangaka!
Undikrwaqule uSimba.
Simba: Oh ...
Siyanda: Ziliqela.
Bisola: Zibanjwe ngumntu omnye zonke ezontlanzi. Andiqondi ukuba ikhona eniyaziyo ke nina,
khawuyobiza uMiracle phaya Zama asicocele yona lentlanzi. Uke wolule inyawo.
Siyanda: Ingathi lomntu umthembileyo ubuye ephaca nanmhlanje. Uqhele ukwenza kumlungele.
Bisola: Utsho!
756
Siyanda: Kuhle nakuthi, noxa ungabuzanga nje.
Ndivale umlomo wam ndazijongisa umntana wam. USimba uzokuchopha ecaleni kwam wandibamba
isinqe endiphuza isihlele.
Simba: Baby.
Nomtha: Hi.
Nomtha: Oh?
Nomtha: Zange yaba yingxaki mos lonto ngaphambili. Bendinga qondi ukuba izoba yiyo ngoku. Kuba
andiqali kukhulelwa ndibikele abantu bakokwenu, kungabikho nto yenzekayo.
Simba: Sisube sivumelene kaloku ngeloxesha. Ngoku asiyithethanga eyokuba sizokwazisa abantu ukuba
sizoba nomntana. Ngewunga thethanga.
Nomtha: Bendingazi ukuba izoba yingxaki kaloku mna ukuxelela umamamkho ukuba sawuba nomntana.
Nomtha: Kuba ingathi ndizimithisile lomntana. Ubundixelela ngendlela odikwe ngayo kukumpelesa
ngoku yile into. Ingathi unomsindo ngakum ngalomntana kodwa ibingathi uright ngaye ukuthetha
kwethu.
Simba: Ndithe andikhoright ngoku? Nomtha, undihlohla amazwi emlonyeni wena. Into yam kukuba uthi
pahaa izinto zethu esidlangalaleni ngaphandle kokuba sithethe kuqala. Ingxaki yam yileyo. Ngoku
sendibuzwa ngumama uyandothusa kuba andiyazi ukuba umxelele wena. Enye nenye andikhange
ndiyithethe.
Bisola: Simba!
Simba: Mama?
757
Ndisukumile nomntana wam ndayongena ekamireni. Bendingenabo nobuthongo, ndazicofela iphone
yam ndingqengqile. Ndizokunqonqozelwa nguMiracle ukuba kuyatyiwa, ndahamba ke nam ndayokutya.
Bekuncokolwa ke kusityiwa igrilled fish neveg kuselwa iwine abaselayo, abangadeliyo ijuice. USiyanda
noSimba baye bahamba sashiyeka sizipholele ngaphandle nomama noZama kunye nabantwana bam.
Nomtha: Mama?
Bisola: Ohhhh. Ungabe ucinga kakhulu wethu uhleli nabantu. Ayilunganga lonto.
Nomtha: Ehhh.
Baphinde bazincokolela noZama ndabe ndizivalele umlomo wam ndizimamele. Ndicingana nozero bam.
Silele bengekabuyi ooSiyanda. Utata uMamkeli uye wahamba, uZama wayokulala kunye nomama
ekamireni yakhe. Mna nabantwana bam. Ndive ngomntu engena emveni kwam.
Simba: Ndifuna ukulala apha ecaleni kwakho. Awufuni ndilale ecaleni komntu wam?
Nomtha: Anditshongo.
Usondele wathi nca kum, wajikelezisa isandla sakhe endobamba isisu, esiphulula.
Simba: Askies.
Akandiyekanga phofu.
Nomtha: Ndikuxolele.
Nomtha: Ewe.
758
Ndinqwalile.
Simba: Kodwa bandithathela wena aba bantwana. Uyayibona lonto phofu? Okanye obonwa ndim
ndodwa?
Nomtha: Simb-
Ndinqwalile.
Nomtha: Ngoba?
Nomtha: Hayi ndodwa. Bendinga ncwasanga ukushiyeka ndodwa. Ukuba uyahamba ndizohamba nam.
Bendicinga ukuba sawuhlaleni kancinci.
Simba: NoMalik.
Nomtha: Ndiyayazi.
Nomtha: Okay. Kodwa ukuba uzobe ulapha nawe. Ndifuna ukuba kufuphi nawe.
Simba: Ja, besiye kwenye iclub apha etown. Sasela ezimbalwa nje. Andishushwanga.
Simba: Baby?
759
Nomtha: Uyayikholwa into yokuba uZama noSiyanda bayametsha?
Simba: Andingeni ndawo. Yeyabo bobathathu andifuni nokuhlomla kuba izophinde ibe ngumlwo.
Simba: Masingayi chathi nokuyichatha bhetele kuba ayisichaphazeli mna nawe. Iphakathi kwabo.
Nomtha: Mhhh.
Nomtha: Akukho nto ndiyingenayo kodwa shame ndiyamvela uLulu. Ayikho le.
Undiphuze intamo.
Sivuke saba yindlela kwakusasa ngengomso sishiya uNuri. UMalik shame ngomntana wakhe,
ebesegwantyisile ukuhamba kwethu. Sifike salala, uSimba wavuka waphangela.
BESELE KUGQITHE INYANGA EZIMBALWA, Bendise khitshini ndihamba ngenyawo ndibile ezimbizeni
ndibeke iphone yam endlebeni. Abantwana kunye nomama uMangwabe bebelele.
Simba: Baby.
Nomtha: Ndiyapheka.
Simba: Elixesha?
Nomtha: Kwakhona?
760
Simba: Ndiyaphangela. Ndikuxelele ukuba umsebenzi mninzi ngoku.
Nomtha: Ndiyakukhumbula. Umnka kusasa ubuye ezinzulwini zobusuku, ukuba awubuyi ekuzeni kusa.
Zinyanga ziyisix ngoku uqhuba kanje. Ndiyakukhumbula. Siyakukhumbula nabantwana.
Nomtha: Ndiyayazi.
Nomtha: Okay.
Nomtha: Ewe.
Ndiyibeke phantsi ndaqhubeka nesteak sam. Bendinga sena mandla wokube ndikhalaza, ndikhala
kuSimba kuba ibiyinto yesiqhelo ngoku. Bendimbona manqapha nqapha apha endlini. Ebesimnka kusasa
ndingeka vuki, ndizova ngevumba lakhe ukuba ndinomyeni.
Aphinde abuye ngobunye ubumnyama. Ibindim nabantwana kunye noMangwabe. Bekunga ncedi ukuba
lomntana bendimkhulelwe ebendihlupha. Bendigula straight. Yonke lonto yenzeka umyeni wam
engekho ecaleni kwam ukundixhasa. Bendiziva okungathi umsebenzi ebeseyi excuse yokuba angabilapha
endlini nathi. Bekungathi akafuni ukuzibona elapha.
Bendingafuni nokuba ndibe ndifounela umama wakhe ndixela. Mhlawumbi bendibaxa izinto. Ndityile
ndayokungena ezingubeni. Abuhlanga ubuthongo wade wabuya. Ndimvile engena emnyangweni
wekamire, wazondiphuza ibunzi nesisu wayongena ebathroom. Uphumile wangena ezingubeni esondela
kum. Warhona ngoko nangoko ndisajamile mna. Ndivuke kubanda ceke kulandawo ebeleli kuyo.
Bendivuke emini ke kodwa nam kuba bendinga lelanga ebusuku. Ndimfounele, ukhawuleze ukuyibamba.
761
Simba: Ndiyaphila nam enkosi.
Simba: Ndiyayazi baby, ndizothumela umntu ozokuhambisa. Uzofika apho ngaphambili kwexesha
akulindele ngaphandle.
Simba: Ndiyaxolisa. Uzoba right, ndiqinisekile. Undifounele xa ukugqirha ndizova ukuba kuthini.
Simba: I love you baby. Kufuneka ndihambe. Ndizokufakela imali kwi account yakho ngoku, ngoku.
Simba: Ewe. Ndibaphuzile ngaphambili kokuba ndihambe. Ndizobuya ndize straight endlini late,
undilinde.
Nomtha: Okay.
Nomtha: Ndizokufounela.
762
NINETY-FOUR
Ukufika kwethu kwi warehouse, besekuphele sonke isibindi bendinaso. Bekungekho nto bendingenayo.
Ihigh, high. Isifuba.
Intloko. Isisu. Yonke into. Kodwa njengoba bendiyiqalile nje bendizimisele ukuyigqiba kube kanye.
Bendidike kukuba ndihleli nje ndinemibuzo engenazo impendulo, ndinezikrokro.
Bendifuna ukwazi nyani ukuba ngumsebenzi nyani lo ungcina ngaphandle kwekhaya lakhe, nomfazi
kunye nabantwana bakhe okanye ... God forbid ngomnye umfazi.
Peace: Silapha.
Peace: Akukho ngxaki? Uqinisekile iboss iyayazi ukuba ulapha? Andifuni ukungena engxakini. Ukuba-
Ukuba ibingendim ndiqinisekile ngendibuza endibambe uqhoqhoqho. Into ngoPeace kukuba wathiywa
wrongo.
Andiyazi noba kwakuqhulwa na, okanye bezama ukuhlekisa kodwa ebengenalo tu uxolo lamntu.
Ebenguphuma silwa wendoda. Ebengathi ngomso. Impi ebeyibiza izihleleli. Peace for what.
Nomtha: Uyayazi ukuba ndilapha Peace. Sendisitsho nje kuba ukhangeleka okungathi ukhathazekile.
Peace: Ubomi bam busesichengeni. Ndiyayazi lonto ngokukuzisa apha, andikho semdleni wokucaphukisa
uboss. Hayi ngoku. Kufe three yonke yabantu bebemnyathele ekonsini kwezintsuku nje. Ngekubhetele
ukuba bebed-
Uthinte umqala akundibona ndirhole amehlo. Urhole amehlo ndambona ukuba uyapacnika. Ebecinga
ukuba udize ihlebo mhlawumbi. Bendiyazi intlobo yomntu ayiyo okanye ebeyiyo umyeni wam.
Bendimangele nje ukuba ubuyele wonke kobabomi. Ibindishukuxa kancinci lonto.
Nomtha: Masingene.
Nomtha: Peace.
Peace: Fucken hell! Awaziwa ukuba ulapha andithi? Ayiyazi iboss ukuba ulapha!? Fuck! Ndingofileyo.
763
Peace: Abantwana bam! Umfazi wam!
Ndihambele phambili ndamshiya eshiyekela kum. Basuke bathini na aba bantu ukumoyika kangaka
uSimba. Ndiqhwayizele ndaya ngasemnyango. Idrama yeheels neshades ebusuku mntakabawo.
Bendifake ileather pants ezimnyama nehempe emhlophe. Bendi extra wethu ingathi ndingumntu
wasefilimini kodwa bendingcazela ngaphakathi.
Ngaphandle bendimise amagxa nentloko yam. Kungathi ndincekelele icrown ungawi. Film nyani.
Bekukho umntu emnyango. Ulahle icuba walinyathela akundibona. Wabamba isibham esinqeni. Mnkru!
"Uhlala apha uSimba Matanzima? Sorry ma'am kodwa unedilesi ewrongo. Akukho Simba Matanzima
apha. Asimazi nokumazi lomntu. Ungubani kanene? Uze kanjani apha?"
Nomtha: NoSniper naye akakho apha? Bhuti? Ubuthe ungubani kanene igama lakho.
Uyitsho eyicula londawo. Ngesoprano nalapha emiculweni. Ndincume kancinci ndanikina intloko. Mlume
Bobby mlume. Mmmk mk mk. Siphi kanene apha.
"What the fuck is- huh? Boss lady!? Uhm ufunani apha?"
uMontecasino!
Nomtha: Bendithetha naye ngoku, undixelele ukuba use officini yakhe. So how come uzothi akakho!?
Monti: Nomtha-
Nomtha: Monti ndicela undibonise apho akhoyo umyeni wam okanye ndizongena apha ndimkhangele
ngoku kwam ndide ndimfumane.
Monti: Strict orders from uboss. Akufunekanga nokuba ulapha, ufike kanjani kona apha? Ukwazelaphi
apha?! Wena? Hehe! Ungofileyo Peace. Dead man walking. Usapho lwakho luzocu-
764
Undifingele intshiya.
Peace: Ewe.
Nomtha: Good. Kengoku xa ndikunika idirect order yokuba undilande undizise kwi warehouse,
awuwulandeli lomyalelo. Hayi lonto qha. Ngaphezulu koko uyafufutheka uza apha, kunyanzeleka ukuba
ndize nge meter taxi? Unyanisile uMonti. Kuzoculwa amagugu kwakho, ndizoqiniseka ngoko.
Monti: UPeace akenzanga nto angayithunywanga. Ngumyalelo osuka kwiboss straight. Xa sinikwe umya-
Monti: Ukhona.
Nomtha: Akukho sidingo sokuba ayobiza oMonti uBobby. Ndizozihambela ngoku kwam.
Monti: Ayizukwe-
765
Utsho endijikelezisela amehlo. Wonke umntu ebejonge kuthi.
"Mrs Matanzima."
Uyihlekile.
Monti: Singaphuma?
Nomtha: Masiphume. Icoke ayikho right for mna, ndiyancancisa. Sendiqhunywe kungoku.
Kunyanzelekile kuhanjwe ngaze? Bendikubuzile andithi?
Nomtha: Mhhh-
Monti: Akak-
766
Monti: Kuzofuneka ubuze iboss.
Monti: Uzobona.
Uphethukile wandishiya ndimi ndodwa. Ndiphinde ndajonga apho ebetshoneke khona ndaginya ingwiqi.
Bekubhetele nangoku ebendikhapha. Ndiqwebe isibindi ndaya ngepassage. Besendilapha mos.
Bekumnyama tshu kula pasaage, kukho umnyango estraightini.
Ndicinge ukunqonqoza ndaphanjaniswa kukuva ilizwi lomfazi. Bendivele ndadunyelwa zindlebe. Intliziyo
yam! Ndiphefumle. Ngaphandle, ngaphathi. Ngaphandle kwakhona.
Ndivule ucango ngolona coselelo. Kancinci. Ebevakala bhetelana amazwi kodwa bendingaboni kwanto
kuba bendivule isikhewana. Kungeno kungena nocikicane lo.
USniper ngumyeni wam mos. NguSimba wam. Ngutata wabantwana bam abathathu bonke. Nguye
uSniper. Okanye bekukho omnye? Ndive intsini. Intsini yakhe. Dirty? Huh?
Simba: Didn't I tell you? Dirty language is my mother tongue. I don't just speak it. I'm fluent.
Dee- ye? Uthe deeper? Deeper?! Ndivule ucango ngoko nangoko. Beberight phaya kwi dirty language,
lonto bebeyitsho kodwa ebunzilwini kengoku. Baphethuke bobabini bandijonga. Ndibone uSimba erhola
amehlo akhe. Kungathi angathwala izandla entloko.
"And who is this? Sniper, I thought you said you were a devoted husband to your wife and that you do
not keep any bitches around. I don't know about you baby but if it looks like a bitch, walk like a bitch-
Simba: Now calm down a bit Vero, I did say I don't keep any bitches. I didn't say anything about hoes.
Come on in sweety. Wenzan'apha?
767
Simba: Aren't you a bit overdressed?
Ndimbone esitsho ngoluka blanket uncumo woyama esitulweni ebeka icigar le ebeyintshaya.
Vero: Men, men, men. Typical men. They like to have their cake and eat it too. I'll see myself out. We'll
talk.
Uphumile wabuya nocango ebexhathisa nokuxhathisa. Usukumile kwisihlalo sakhe uSimba, wandigqitha
wayophuma ngomnyango engakhange athethe nam.
Ndive ingxolo kwelacala nefurniture egityiselwayo okanye ebethekayo. Ibingu Simba. Kukhale nesibham.
Ndizibambe isifuba kukothuka. Besinga qheleki esasandi. Sitshilo kwakhona isithonga ndavala indlebe
ndichopha phantsi.
Ungenile wavala ucango watsixa. Uhleli kwesasitulo besichophe uVero woyama endijamele.
Simba: Ndizokubuza umbuzo omnye. Ndilindele impendulo estraight. Uphendula into endikubu-
Nomtha: Ndiserious.
Nomtha: Ndizingenele.
Nomtha: Ohhh.
768
Simba: Uthi 'ohhh'. Nomtha ufunani apha?
Uthathe iphone wayiphendula. Ebethetha ilanguage bendingayazi ke. Uthethe mhlawumbi ihour yonke.
Bendiqikelela ukuba uthetha nomntu waseRussia kuba uyibizile izihlandlo. Kukhale eyakhe iphone
esathetha, waphuma kwilandline wahoya yona. Enye ihour okanye ezimbini.
Nomtha: Ndizizele.
Simba: Uxokela ntoni? Uzisiwe apha Nomtha, awuzizelanga. Ikhona lempuku ekuzise apha. It's either
uyandixelela ndigqibe ngaye ngoku ngembhumbulu enye ebunzi okanye ndiyazifumanela and then xa
ndizifumanela ndizomgcugcuthekisa lomntu.
Ndizibone sendihleka.
Ndiswabuluke ngoko. Bendilibele ukuba ndideala nabani. Ndilibele ukuba akanguye lamyeni wam
wasendlini apha. NguSniper apha. Iboss. I arms dealer, nedruglord. Lo Sniper. Bendidealer nonyana
kaVenus. Lo Sniper.
Simba: Bad timining. Ayiloxesha lokucingana nengxaki zakho eli, ndiyabuza ungeniswe ngubani? Kuba
ukuba ndiyazifumanela ndizombulala kabuhlungu lomntu and uzobukela.
Nomtha: Yintoni kanti le uyifihlayo ingaka apha? Ndiyayazi uthengisa idrugs nezibham. Nediamani
ngoku.
Simba: Ndithe andifuni mntu ozokuzisa apha. Andikufuni apha. Andimfuni unkosikazi WAM apha.
Ndayibeka yacaca ukuba umntu owenjenjalo uzofa. Ebulawa ndim, ngezi zam izandla. Akukho nto
ungayaziyo ngebusiness yam fine kodwa andikufuni apha. Kukho abantu abanobungozi endingafuni
ukuba ubazi. Kukho abantu apha abanovuka becinga ukuba bangaba namandla okundiwisa, bandibambe
apho ndimncinci khona. Ukuza kwakho apha akubeki bomi bakho bodwa enciphekweni kodwa
nobabantwana bethu. Nobuka Mangwabe. Andiphambenanga xa ndisithi nangaphantsi kweziphi na
imeko. Ngoku kunyanzeleke ndibulale umntu kuba ndiyayazi ukuba ukuphuma kwakhe uzokwaziwa
zintshaba zam bandifumane ngawe. Bendimbeke iso ndifuna andikhokhele kwaba bantu. Ufile ngoku.
Nomnye nje kuba ebendinika ivibes. Two people. Dead.
769
Ngubani lo ukungenisileyo? Ndikubuza okugqibela.
Simba: Andidlali baby, kujongwa ifootages ngoku, ukuba kuvela ukuba uziswe ngomnye wamadoda am
and wena uyamquma emveni kokuba eziprove ukuba akathembeki. Akalandeli umthetho-
andizukumbulala qha kodwa wena uzobukela. Uzondazi njengoba ungandazi nje. Xa ndisithi andikufuni
endaweni you will know ukuba ayikuko ukuba ndikhusela izinto ezenziwa ndim kodwa ndikhusela wena
kobubomi.
Andinaxesha lesikhwele mna! I don't fucken care for it kuba andizange ndakunika sizathu sokuba ucinga
uba ndinga nenkazana. Zange. Ndakwenza kwacaca ukuba andinoze ndikukrexezele kodwa wenza
ezizinto. Ubucinga ukuba uzofumana ntoni? Huh? Uyagibiseleka apha ingathi ungena kwi jumping castle.
Ukuba bekungengo Vero ebehleli apha? Kuba lam acto besiwenza apha ngewujumpile kubant- who the
fuck is it!?
"Norman!"
Norman: IC-
Simba: Norman, kutheni sine petty problems zeCCTV. Ngubani o in charge phaya? Umbambe
ngoqhoqhoqho umzise apha? Why do we have camera problems Norman?
Nornam: UPe-
Norman: Akuyo-
Simba: Good answer Norman. Kodwa enyanisweni kutheni sizokuba nengxaki ezinje? Wena, uBobby,
uMonti. Urgent meeting now! NoScarface. Ngalomzuzu. Ukuba anifuni kuphangela apha, ukuba kukho
apho nicinga khona xa nilapha hambani. Hambani! Honestly. Uselapha?
Ukhawuleze waphuma ngomnyango ndashiyeka ndiphefumla. Enkosi bawo! Yhini umntana wabantu.
Simba: Uyayibona into yakho- eish! Yes. Speaking. Alright I'm with you. Good.
"Boss, sesiphelele."
770
Simba: Ndithini?
Simba: Bobby ayiloxesha eliright lokuba lizothe eli ndicela uyiqonde lonto.
Undishiye apho wabuya nocango. Ndishiyeke ndiphefumla. Ndimamele ukuba umsindo okanye isithinga
kodwa andikhange ndive nto. Ubuyile kwakhona.
Simba: Nantsiya isofa, nantsiya ifriji. Uzokhangela ithrow somewhere, wombhathe ukuba uyagodola.
Ukuba ulambile utsho ndizothi ulungiselelwe into yokutya. Kuzofuneka ndisebenzise. Ndizokuhoya.
Cofe ilandline wathetha nephone ihours, ecofa ilaptop yakhe. Ndihleli esitulweni ndaziva ukuba ja
ndonele ngoku, ndayokungqengqa esofeni ndimbukele esebenza. Emveni koko ibe kuSkype. Ezinye
ihours. Ngeloxesha abantu baphuma bengena. Naye aphume ixesha elide abuye senkcunkca ezokuhoya
iphone.
Simba: Baby!
Simba: Awulambanga?
Simba: Ndilambile mna. Ndithe uNorman azokuthatha uyothatha ukutya. Yimash and oxtail imenu
yanamhlanje, I think. Uright. Ngayo?
Nomtha: isharp.
Simba: Ibeer ezimbini zizobaright for mna. Heineken. Uzobona ukuba ufuna ukusela ntoni engena tywala
wena.
Nomtha: Masihambe.
Yehake.
771
Ndilandele emveni kwakhe wabe ethe chu uNorman sana. Sigqithe indawo ezinizi singade sifike apho
siya khona.
Norman: Uziswe nguPeace apha. Ibikwi footage, ingena egatini. Ube muncu ngokuvuma ukuqhatheka,
ukuba bendingayazi indlela ubuzoba nesazela ngayo ngendimyekile abulawe. Kodwa iboss ithe
izombulala phambi kwakho kwaye ebezokuyenza lonto. Ukukufundisa isifundo esinzima nokwenza
umzekelo ngoPeace. Ngomntu ophikisana nelizwi lakhe. Mna nawe siyayazi into ngoSylvester.
Siyalazi ibali. Ngoku uboss akaphi mmtu second chance. One mistake out. Ngakumbi ngoku kuba u-
utrigger happy ngoku. Uphantsi koxinzelelo oluninzi kakhulu. Kuthwa uzibonile idayimani. Zize nengxaki
besinga zilindelanga. Nabantu basemntla Africa nabaye apha eMzantsi. Asiphelelanga apho. Nayo leyo
isizisela ingxaki. Sicima imililo kuphembeka enye. Silwela iturf kusempini. Into endizama ukuyitsho ngoku
asifuni uSniper acaphuke.
Norman: No comment.
Nomtha: Hehe! Kodwa ndiyabulela kakhulu for namhlanje. Yonke into oyithethileyo indivule amehlo.
Norman: Umntu okweletayo umbona eseza le. Awunasizathu sokuba ukwelete. Ngaphandle kokuba
ukhweletela ishishini uqobo ke. Enye into- ungathi ndithe?
Nomtha: Soze.
Norman: Good. By the way kubulewe abantu ababini namhlanje. Bekulungile komnye kuba ebeyingcuka
kodwa omnye ubulawele ivibes. Inoba ebothukile wabe elaqa laqaza uboss wabona ngenye indlela.
Gudlu.
Nomtha: Undixelele.
Norman: Kufuneka uqonde ukuba umyeni wakho uyindoda eyingozi kakhulu. Kakhulu. Up there
namaRashiya la asebenza wona kunye nenkokheli zasemntla Africa. Irebels. Ama Saudi. Akana sazela
772
nantliziyo apha. NguSniper. Angathamba kuwe kodwa kwabanye abantu yintsimbi. Izinto ozenzayo
zingakuchaphazela kancin-
Norman: Umyeni wakho uyingozi kakhulu Nomtha. Ngakumbi ngoku. Udada ne sharks ngezozizathu
uyiyo kwayena.
Norman: Okay.
Sithathe ukutya nedrinks waziphatha ngoku kwakhe. Bendingayazi nokuba bendidiwaphi mna.
Sibuyele eofficini esathetha nephone. Ukubeke etafileni ukutya uNorman waphuma ebuya nocango.
Simba: Ungatya.
Nomtha: Ndikuvile.
Simba: Ngalendlela undijonge ngayo okungathi uzothi 'andimazi lomntu' utheni kuwe ngam?
Simba: Uyaxoka.
Nomtha: Nyani.
Simba: Benithetha ngam Nomtha ndiyayazi. Okanye yena ebethetha ngam wena umamele. Ndiyayazi
lento endiyithethayo and uyandibhanxa xa uzothi ayikho ndibe ndiyazi ukuba ikhona. Ungandijongi
ngolohlobo. Yilonto bendinga funi uze apha ngakumbi ngoku.
Nomtha: Kungoba?
Simba: Yizapha.
Nomtha: Ndiyatya.
773
Simba: Awuva wena. Masike sincokole mnkam. Yintoni le ubuzoyikhangela apha?
Ndinyuse amagxa.
Simba: Don't give me that. Awusoze ushiye abantwana, ushiye uSamora oncanca ibele uzojama apha.
Ndinyuse amagxa.
Nomtha: Kwa u4 lowo awundonwabisanga. Uchitha lonke ixesha lakho apha, njengoba ubungekho nje
kuzalwa uSamora. Ngulomsebenzi ndini. Bendifuna ukubona lento okanye lomntu obaluleke ukogqitha
mna nabantwana bam. Ndibonile kengoku.
Simba: Ayikho ezweni into ebaluleke ukogqitha wena. Hayi ubukhulu. Hayi imali. Ayikho. Kukuba nje-
izinto zitshintshile. Ubomi bam- andiyazi.
Simba: Ndithanda ukuba lapha ngaphezulu kokuba ndithanda ukuba sendlini. Ndinesazela sokuba
ndiziva ngolohlobo kuba ndiyayazi uyandidinga. Ndiyakudinga kwamna. Ndikhumbula I intimacy yethu,
kodwa iphazanyiswa ngabantwana. Ngumtyekezo. Ngumncanciso. Yile. Ngabantwana leya! I feel like we
should've terminated kuSamora.
Simba: Ndiyayazi.
Nomtha: It's either ungumyeni wam, utata wabantwana bethu okanye awunguye Simba. Khetha.
Awuzukufaka unyawo olunye qha. Andizuba yisingle parent nditshatile mna ngenxa yokuba it's suddenly
too much for wena. Anduzukubasa phi abantwana bam bam. Andizukubaginya ukonwabisa wena.
Andizukuthi bangatyekezi. Abazuku ngabakuleki-
Simba: Andisabalulekanga mna kuwe. Ndibekho kuqala. Kundim nawe, ngoku ngabo. Ngabo. Ngabo. We
don't cuddle. Awundifuni ecaleni kwakho- ever. Ndide ndinyanzele. Uyayazi ndiziva kanjani ngawe.
Uyayazi indlela endikuthanda ngayo and awukho phaya nam. Ayinamsebenzi eyokuba ungandithandi
mhlawumbi ngendlela endikuthanda ngayo mna kodwa kuworse kuwe. Uyandilibala klaar. So ndiyabona
ukuba kungcono ndizingcwabe emsebenzini, well that is not the case kuba nguwo ogcwaba mna. Kodwa
kunje ke.
774
Simba: Akukho nto endifuna uyitsho. Andifuni ukhale. Bendithe yizapha, okanye ndize mna?
Nomtha: Nam.
Simba: Masingqengqe kancinci, ndizosebenza sigoduke. Inoba sawuhamba apha ngo12 emini.
Ndiyihleke kancinci. Bendifuna ukuthi 'Inoba ndizokushiya apha mna, andisoze ndishiye abantwana bam
ixesha elingaka' kodwa ndizilume ulwimi.
Nomtha: Ayindim.
Nomtha: Mhhh.
775
NINETY-FIVE
Nomtha: Uyixhome nini laphoto?
Ndisukumile ndizolula.
Nomtha: Hayi masihambe mfondini hayibo. Ubuhilihili obungaka sishiya uMangwabe nabantwana
abathathu bonke. Inoba bamxake kungoku.
Yhu umntanam shame. Bendivuza nobisi ndiyilonto mntaka bawo. Ugqibile ke waqoshelisa izinto zakhe
sagoduka.
Sifike nje endlini ndayoshower ndaya eroomini kaMangwabe. USimba ebekobude ubuthongo ukumshiya
kwam eroomini. Eleli ngempahla phofu, akazihluphanga nangoku khulula izihlangu ezi zakwa mbhala.
Mangwabe: Ey.
Ndilindele ukuba aqhube kaloku, kodwa phi? Uphelele nje apho uMangwabe wavala umlomo wakhe.
776
Nomtha: Oh. Ndicela undiboleke lo ndimncancisa ke Ma.
Nomtha: Oh. Bendi worried ukuba ubisi luphele esithubeni mhlawumbi wakuxaka ubusuku bonke.
Simba: Mhh-mh.
Nomtha: Simba!
Simba: Okay.
Simba: Uyapakisha!?
Nomtha: Tu.
Simba: Hayibo!
Nomtha: Ndikuxelela ukuba yonke impahla iphezulu kwebhedi. Yonke! Nezinto zokuthambisa
everything.
777
Nomtha: Phi?
Simba: Ingaba yinto yokuba umnkile izolo, wamshiya nabantwana? Angamnkiswa yilonto?
Nomtha: Andiyazi ndikuxelele. Ndibhideke kwamna kuba ukuxabana asizange saxabana noMangwabe.
Ngaphandle kokuba ke ikhona into endiyithethileyo okanye endiyenzileyo eye yamkhubekisa,
ndingaqondanga mna. Andikwazanga nokubuza kuba ndothukile. Akenzi kanje kaloku uMangwabe noba
sesiya kwakhe. Uyathetha kuqala. Hayi ukuba apakishe kuqala. He!
Simba: Khawuthethe naye. Msapha umntana ndizombamba, uyothetha naye. Angayenza lonto yokuvele
ahambe ngaphandle kwe notice? Ucinga ukuba abantwana bazothini? Unjani kanti lomama
uMangwabe?
Nomtha: Usancanca wethu umntanam and uMangwabe uzoza azothetha nam ngaphambili kokuba
ahambe. Akazukuvele amnke nje emzini wabantu.
Nomtha: Kuthwa balele. Andikabinayo nechance yokubajonga kuba ndifuna ukuncancisa uSamora
kuqala.
Nomtha: Andiyazi. Nanku umntu epakisha singekho, ebezokuthini ukugqiba kwakhe ukupakisha?
Simba: Sabela.
Nomtha: Ma?
Sijongene noSimba.
778
Ndijonge uSimba kwakhona.
Nomtha: Nakancinci.
Simba: Ucinga uzobathini abantwana abathathu uwedwa na uMangwabe? Yenziwa phi into yokuba
umntu asuke amnke kwangoko ngaphandle kwenotice?
Ndinyuse amagxa.
Ebehleli esofeni uMangwabe esonge izandla zakhe wathoba intloko. Unyuse amehlo akundiva ndisiza
wandincumela kancinci.
Nomtha: Okay?
Mangwabe: Yebo. Sisi, ngiyaxolisa kakhulu ukwenza kanje. Nginishiye nginganitshelanga ngesikhathi
nizothola omunye umuntu ozosala neyingane-
Nomtha: Uyawuyeka umsebenzi okanye uhamba intsukwana ezimbalwa nje uzophunde ubuye
kwakhona?
Mangwabe: Ngiyawuyeka.
Nomtha: Oh?
Mangwabe: Yebo.
Nomtha: Bendicela ukubuza, ikhona into ekukhathazileyo endiyenzileyo ekwenze waziva mhlawumbi
ungasa funi ukuba lapha? Ukuphangela apha? Okanye into endiyithethileyo ekukhubekisileyo.
Mangwabe: Cha sisi awenzanga lutho. Akusi wuwe. Ubungiphethe kahle kakhulu, ungihloniphile futhi.
Ngalokho ngiyabonga.
779
Mangwabe: Akunalutho akwenzile kimi sisi ukuthi nje kukanje .... njengoba esebenza ebusuku, abuye
ekuseni uma ngivuka noma ngithuswe yingane ngaleso sikhathi-
Nomtha: Ewe?
Mangwabe: Ngimuzwe ekhuluma nephone eyalela ukuthi kudutshulwe umuntu. Ngaphambili kwalokho
ngamuzwa akhuluma ngeyibhamu ayidayisayo. Kudala, angazi noba uzokhumbula yini kodwa ngamuzwa
akhuluma ngobugebengu abenzayo. Manje ke ngihlanganisile ngabona ukuthi uwumumtu osebenza
umsebenzi onjani.
Mina ngingumuntu wesonto. Ngiyakholwa kakhulu kuNkulunkulu. Angihambisani nezinto ezinje, ngeke
futhi ngikhone ukusebenza nomuntu obulala abantu noma osebenza ngezinto ezibulala abantu.
Mangwabe: Ngizwe kahle nje mntanami, kahle impela! Ngimuzwe kahle nje, uwumbulali. Umsebenzi
wakhe ... angeke mina ngisebenzele umuntu onjalo. Ulungile wena, kakhulu futhi. Futhi ngikukhonzile
neyingane zam kodwa angeke ngikhone. Naye ngabe ngiyamsukela uma ngingathi uke wangenza into.
Ukuthi nje ...
Ndiphefumlele ngaphandle.
Ndibone uMangwabe ebamba ichain lakhe entanyeni. Elino mnqamlezo. Drama! Ebebonakala ukuba
wothukile and unokoyika okuthile.
Simba: Mh?
Simba: Akwenziwa kanjalo kaloku. Nakowuphi na umsebenzi, you serve your notice. Sizomfumana nini,
phi umntu ozokuhoya aba bantwana ngoku?
Nomtha: Asizukukwazi ukumnyanzela uMangwabe. Andiyazi ndizokwenza njani kodwa icebo lizovela.
Andifuni mna uhlale apho intliziyo yakho engathandi khona Mangwabe. Andingekhe nje ndikwenze
lonto.
780
Simba: Ohhhh. Oh okay ndiyayiqonda kengoku.
Ndimbone etyhafa. Ndizivalele umlomo wam mna kuba bendicinga lento yokushiyeka nabantwana
abathathu ndindodwa. Ngaphezulu kwezi zikhalazo bezihleli zikhona kuSimba bekuzoba worse kengoku.
Bendingasoze ndikwazi kaloku ukonwabisa abantu bonke. Ndingazukukwazi ukungahoyi abantwana bam
kwaye bendizodinwa. Athi efika ebusuku ndibe ndidinwe ndiyimfe.
Simba: Ungayifumana eyezontsuku yona imali. Ngelixesha ubuzokuvuzwa ngalo izongena ebhankini
yakho. Kodwa ma ndizocela into enye, nantoni na oyive apha okanye oyibonileyo ndizocela okokuba
uyigcine kuwe ufe nayo kungenjalo uzokufa ngenxa yayo.
Simba: Ndiyakuva. Kodwa ndizoyazi ukuba kwenzeke ukuba uxelele umntu. Ndiyayazi apho uhlala
khona. Ndiyakwazi kokwenu ekhaya, ndiyabazi abantwana bakho. Xa ucinga ukuba nguThekwani intaka
yezuku wenze utswi- tswi- tswi kuzofuneka ucinge kabini. Kuba noThixo wakho lowo akazukulenza
ixesha kum okanye kubanto endisebenzisana nab-
Ndibuze ndiqhawula uSimba lo ebesoyika umama wabantu ehleli esoyika kakade. Hayi ngoku
segrogriswa.
Nomtha: Awunomk-
Simba: Andifuni.
Nomtha: Uzoshi-
Simba: Uthe uzohamba ngetaxi uMangwabe, Nomtha. Akukho sidingo sakukhatshwa. Kulungile,
ungakhululeka ma. Siyabulela.
Ndimjamele lo unguSimba ukrwada emntwini omdala. Ibimbi indlela ebesishiya ngayo ewe kodwa
bendiziqonda mna izizathu zakhe. Bendinga msoli futhi.
Ndisukumile ndayokumanga.
Nomtha: Ndiyiqonda.
781
Mangwabe: Nisale kahle.
Nomtha: Mhhh.
Nomtha: Utsho ozokunceda mna kuba uzondishiya ndiperme apha wena. Uzobaright mos umzuzwana?
Undirholele amehlo.
Ndiyihlekile.
Nomtha: Uzobaright imizuzwana embalwa nabantwana mos. Ndisezoku shiyeka nabo ndindodwa mna.
Nomtha: Ndikwazelaphi.
Ndiyotshintsha ndahamba ndaya egymini mna. Ndithathe ishower endlini ukubuya kwam ndaqalisa
ukupheka.
782
Simba: Ndiyawasela mna amanzi tyhini!
Nomtha: Hahaha!
Nomtha: Uthi ukuve uthetha ngokubulala abantu, akaziva ekhuselekile ukuhlala nombulali.
Ndimnyusele ishiya.
Simba: Inyanga yam. Ndifuna ukuyohlamba esisimnyama saba bantu, nditsho ndiziqinise futhi.
Simba: Engafuni yena ukuphangela apha afune omnye umntu aphangele? Ebengasoze ayenze lonto.
Besawulinda ukuza kukanxele kulomntu.
Simba: Uyafeketha nyani uMihla. Kodwa ngokufanelekileyo umntanam. Bekufanele ukuba ufumana
yonke I attention kodwa yile enikwa uSamora.
Simba: Ndiyayazi lonto. Andigxeki wena apha. Ndiyatsho nje ukuba ebesadinga lanto. NoZendaya
ngokunjalo.
Nomtha: Kuthi sobabini njani uhlala ungekho endlini? Ungekho bezalwa? Ndim umntu ongumzali
opresent kwaba bantwana. Wena ugibisela nje imali kuphelele apho.
Nomtha: Sendisitsho nje. Anyway omnye usisi egymini uthe uzothetha nomntu omncedayo abuze ukuba
abakho abantu abaziyo na. Ndidikwa nayinto yokuba abantwana bazoqhela lo umntu aduke kufike
omnye.
Simba: Ja iyadika nyani lonto. Umxelele ukuba kufuneka ibe ngabantu abathe ukukhula khula?
783
Nomtha: Abantu?
Simba: Ewe. Ikoma ten thousand okanye ukunyuka kancinci lomali yokubahlawula bobabini.
Ayinondoyisa noko.
Undifingele intshiya.
Nomtha: Isikolo, umsebenzi. Noba ndinga phangela kwakulo nyaka njengoba uzondifunela abantu for
abantwana. Otherwise uZendaya ebezokuya kwi day care, lomntu ashiyeke noMihla kunye noSammy.
Nomtha: Ewe.
Simba: I can understand isikolo, kodwa ukuphangela akunyanzelekanga. Zigymns, yimisebenzi. Hayi.
Nomtha: Wawunga ndibuzi ngokuba ndicinga ukwenzani ngobomi bam na kanti? Ngaphandle kokuhoya
abantwana. Ngoku ndifuna ukuphangela and ndilungisa umzimba wam kuba andikho confident ngoku.
Simba: Njani? Unomzimba omhle. Ugaine kancinci ngokucacileyo kodwa unomzimba omhle,
ndiyawuthanda.
Nomtha: Ndifuna ukwenhla kancinci. Ndifuna nokuphangela. Kuzosinceda nokuphuma apha endlini.
Kulengxaki yakho.
Ujikelezise amehlo.
Nomtha: Andiyithandabuzi lonto. Kodwa ayingawe le yomzimba wam. Ingam. Andikho confident
ngendlela umzimba wam ongayo and iyasichaphazela thina.
Nomtha: Ndiyayazi.
784
Simba: Ok.
Ndiyihlekile. Ndiphekile ndagqiba ndaphaka satya. Bavukile nabantwana, bazidlalela uZendaya noMihla.
Besesi sezingubeni. Abantwana bebeleli bonke bodwa namhlanje. Bendingalali buthongo buhlayo kuba
ebeqala ukungalali nathi uSammy oko wazalwa. Bendimamele nencwina encinanana.
Simba: Andingenanga.
Simba: Ayizozam. Bendityala umntu ifavour so ndimgcinele zona. Andiyazi kwanto ngazo. Nabantu
abasebenza phaya ngabakhe.
Simba: Ja.
Nomtha: Ewe.
Nomtha: Mxm.
Uyihlekile. Asenzanga kodwa. Sileli nje endibambe ubusuku bonke sade sothuswa ngabantwana,
ebendinceda ke ngabo. Sitshintshisana.
Sibafumene abantu bokuhoya abantwana. Ibingumama okwi 50's nokwi 40's. Lo umdala ebehlala nathi.
Ebengamfuni ke uSimba umntu omncinci ke for abantwana bethu. Bendingazi ke ukuba ebecinga ukuba
uzohendeka mhlawumbi okanye ebecinga ukuba oright ngulo umdala.
785
Andiwufumenanga umsebenzi kodwa bendi keeper busy ngegymn kunye nomhlobo bendimenzile
khona. Besike siphume for ilunch dates. Bendinga hambi iminxilo ke yasebusuku.
USimba ebesa sebenza kakhulu ke kodwa ingu 9-5 nto. Xa esebenza ihours ezigqithileyo ebesebenzela
eofficini yakhe. Umama wamngxolisa ke wasidibanisa nomfundisi weCawa yakhe ukuba asoluleke.
Ebedwikwa kuthi azibhuqe phantsi uSimba kodwa besinkcekelele kuba besilubona uncedo. Belukhona
utshintsho. Nam njengoba bendihamba igymn besendi confidents ngomzimba wam, sibuyele kwinkonzo
yasekamireni.
Bekumnandi ngakumbi ngoku besazi ukuba asisoze siphinde sibe nabanye abantwana kwakhona.
Besele kungokuhlwa ke, ndigqibezela isophoro. Umama uKhondlo ebesemnkile ke, ndishiyeke
noMamntakweda. Ebenolunya ukufa ke kodwa lomama so ebezihlalela egumbini lakhe xa kungekho nto
ebeyenza apha endlini. Bendingena ngxaki wethu nalonto nam ukuba nje ebewenza umsebenzi wakhe
bekugqityiwe.
Simba: Molweni!
Nomtha: Hi baby!
Simba: Kwathula?
Unqwalile.
Simba: Ufika namhlanje. Ebehle nomntanakhe ke ukusuka kwakhe eKapa ngokuya sasiphaya.
Simba: Kwakukudala.
786
Simba: Umamakhe ukhona. Andiyazi kengoku ukuba inoba into ithini.
Nomtha: Sukuphosisa!
Nomtha: Huh!?
Simba: Ja.
Simba: Nantsoke!
Simba: Akakhange athi ndiyifihle. Qha andiyithethanga nje kuba ndisazi ukuba sawuxabana.
Simba: Nditsho.
Simba: Ewe.
Nomtha: Yehake uSiyanda. Kwathini na wayemthanda kangaka uLuleka? Ayisoze kaloku noba angenzani
umntu wakho usuke uphume nje kanjalo kuye. Seconds emveni kokuba eye kulandawo waqhubeka nje
noboni?
Nomtha: Mhla waqonda ukuba yi issue kuye into yokungazali kuka Lulu ngewayetshilo. Hayi le amenza
yona. Andifuni ukuya apho mna.
Nomtha: Uzophinde umxelele kaloku ukuba uya wedwa. Hayi andiyi apho mna. Inoba kunjani kona
ngoku?
787
Nomtha: Ha.ana lowo. Makabondane nomqa wakhe, angakulinge.
Nomtha: Iworse andibacacelanga bonke aba bantu ondinyanzela ukuba ndiye kubo. Andibacacelanga tu.
Uncumile wandiphuza.
Nomtha: MaLeta!
Ndingenile. Ndimxelele ke ukuba sisaphuma kancinci akabina ngxaki. UZendaya ebengakhali yena
ebusuku. Xa elele ebelala kuse.
Ugqibile ukuhlamba uSimba sayibetha eya kwaSiyanda. Bendidikwe finish kwaluhambo olu mna kuba
bendingafuni. Bekusekutsha ukuba abe namandwendwe kwakhe uLulu esafika. Ebesadinga ixesha
emzinakhe. Sifikile sahlika emotweni sizongena ngaphakathi.
"Dumelang!"
Ebengumama obesekhulile ke. Intanga zoSimba so. Ebenxibe igown. Umntu ongutata ebengaphandle
eyadini yalomzi ebesuka kuwo ethetha nephone.
"Oh niyathetha. Ngingu makhelwana, ngihlala la. Yindoda yami leya. Ngiyakwazi wena bhuti, ngijwayele
ukukubona la."
788
Simba: Ewe.
Ebedikwe kwayena.
"Kgotsong. Batla."
"Abuti, mina nomyeni wami sizwe isound la so sifounele amaphoyisa ukuthi azobheka."
"Yebo basendleleni."
Sijongene noSimba. Uvele waya endlini enkcunkca engava nokukukhwazwa. Ndishiyeke ndibambe
ongezantsi. Bendinexhala kengoku ukuba kwenzeke into embi. Okanye njengoba uSiyanda ebetshutshisa
uSimba ukuba eze udubule uLuleka. Umlandele nalotata.
"Abangani benu?"
Bendingekho mdleni wencoko ke lomama. Ndinqwale nje andaphendula. Ndibone ukuba abaphumi
ndaya khona nam endlini. Bendingeka ngeni ukuphuma kuka Simba.
Nomtha: Ubani?
Simba: Bonke. Lulu, Zama. Bonke. Nomntana. Batshabile. Kukhangeleka okungathi uzibulele wababulala
nabo.
Nomtha: Hayini!
Ebeqhwanya- qhwanyaza engazazi nokuba abambe phi ayeke phi. Hayi LuLu ntombi!
789
NINETY-SIX
Nomtha: Baby!
Simba: Huh?
Nomtha: Simba!
Simba: Ndiyasabela.
Simba: Phi?
Nomtha: Uright?
Uphefumlile.
Simba: Ndimfounele.
Nomtha: Shu! Ndinga xeleli umama, mxelele ngoku kwakhe utata uMamkeli?
Undiphuze ibunzi wasuka phambi kwam, wayokhangela impahla zokunxiba kwi wardrobe. Ndimjongile
enxiba wagqiba.
Undijongile, endijonga ithuba elide engaphenduli. Ebebambe inyembezi zakhe ngenkophe. Ibise
bobabusuku bunye. Imizimba yabo bobathathu ithathiwe kunye nestatements ukusuka komeza.
Sibuyele endlini ke thina uSimba wangqala eofficini-eyokutsalela abantu umnxeba. Mna bendihlamba
ngeloxesha. Bendothukile. Bendinga kholwa ukuba babhubhile nje kanjalo. Kodwa bendokholwa, uke
ubone.
Bendiyiqondile eyokuba izohamba kakubi into yokuba babe segumbini elinye noLulu ongekho right
engqondweni. Ebecinga ntoni uSiyanda? Bebecinga ntoni noZama?
Ebeyithatha kakubi yonke lento uSimba, ngoku fanelekileyo. Bobathathu aba bantu bebesondele kuye
mgakumbi uSiyanda. Ebefana nomntakwabo. Bebesuka kude.
790
Uvele waqubudisa intloko yakhe eyinikina.
Simba: Nguye. Uqale ngoSiyanda ndiqinisekile. Ebengasoze abulale wonke umntu ukuba uSiyanda
ebephila. Uqale ngaye. Andiyazi kulandele bani kumntana kaZama kunye noZama kodwa uZama
udutyulwe kanizi yena. Ethangeni, esuswini- kabini. Entloko.
Nomtha: Luleka!
Nomtha: Shu!
Simba: Andiyazi ucinge ukuba kuzoba right njani ukudibanisa uZama noLuleka egumbini elinye iyilemeko
kaZama emphambanisileyo kwasekuqaleni. Andiyazi ebecinga ukuba kuzokwenzekani. Izoba ngu
Khumbaya babe yi big happy family?
Nomtha: Bendizibuza lonto kwamna. ULuleka ebevaleleke kula wellness center ixesha elide kakhulu.
Efuqwa ipilisi, ephambana. Uzobuyela kwinkazana yomyeni wakhe nomntana wakhe? Ekubeni Siyanda
lowo wamlahla phaya, akazange amxhase njengo myeni.
Nomtha: Ndivumelana nawe apho. Umntu ebengena tyala phaya mnye ngumntana.
Simba: uZama?
Nomtha: Akanatyala ntoni ezalele indoda yomntu? Wayiphinda kwakhona eyazi kakuhle ukuba umfazi
wayo ephambana kungenxa yabo. Simba kaloku uvuna okutyalileyo mntuwam. Every action has a
consequence.
Bekumnandi, ndiqinisekile ukuba uzokonyelisa uLuleka emzini wamandla akhe. Rub the whole thing
nobunzima bakhe ebusweni bakhe, kwakhe phofu. Ulala ebhedini yakhe, ulalwa ngumyeni wakhe.
Ebecinga uzofika abaqhwabele izandla uLuleka? Hayibo bethuna! Akayo victim uZama. Ebeyazi kakuhle
into ebeyenza ngokuvuma ukuba ahlale phaya eyazi uLuleka uyabuya. Ndibuhlungu ngommtana mna
qha kuyo yonke lanto.
791
Nomtha: Akazange kwalunga ukuthatha umphefumlo womntu Simba. Uyayazi nawe lonto kodwa yinto
oyenzayo. Ndiqinisekile noLulu ebeyazi lonto, yilonto azibuleleyo naye kugqibeleni. Kuba ebeyszi ukuba
uzobanjwa. Ephuma kwenye intolongo ayokungena kwenye.
Nomtha: Ndiyaxolisa ngetshomi yakho baby kodwa ibinge msulwanga nayo. NoZama lo. Into ebuhlungu
kengoku kukuba uMamkeli uzoba nesazela, kuba ebeyazi ukuba uSiyanda ungumyeni womntu kwaye
usazimanye ngeqhina lomtshato kodwa uyeke intombi yakhe iqhubeke ngobo budlelwane. Wabuxhasa
futhi kuba bebethandana phambili kwakhe.
Nomtha: Ndiyavuma nam. Kodwa kucacile ukuba uMamkeli kunye nomamakho bebeyixhasa lanto yabo.
Beyazi kakuhle ukuba ayilunganga. Uworse umama ke yena umazi personally uLuleka. Mna indim
ngendithe njenga mzali- kulungile Zama, kulungile Siyanda. Ukuba niyaqhubeka ngalento yenu, hayi
kwam. Ndiyamazi uLuleka- I mean uLulu ebefana nosister wakho Simba. Ngalondlela ebengumntana
kumama. Xa ekwakhe engena wonke amagumbi angabuzwa nto.
Uphumile. Ndiyoku khangela into bendizokuyinxiba ngomso. Besizokuvuka siyothenga izinto ezimbalwa
siye kwaSiyanda noLuleka. Besizothenga izinto zokuphungisa abantu nje kuphela. Ndizofounela omnye
usisi obhakayo andenzele noba yitwenty litre for abantu abazokuvela.
Ndiyokwenzela uSimba ikofu, nam ndazenzela. Ndizifake kwi tray ndaya e officini yakhe.
Ndimlindile wandivulela wathatha itray kum wayoyibeka etafileni. Ndilandele emveni kwakhe, ndavala
ucango ndayochopha kwesinye isitulo. Beku khangeleka okungathi ebekhala.
Simba: Umama noMamkeli bazoku khwela iflight yokuqala ukuza apha ngomso. Kuzofuneka
sibalungiselele.
Simba: Phofu uMamkeli yena uzofuna hotel okanye ibnb. Akazukufuna ukuhlala nathi. Ngumama qha.
Nomtha: Ndingathands ukuba afikele apha kodwa uyayazi ukuba asinandawo. Sawuku mlalisa phi?
792
Simba: UMeleta akacingi avume ukulala namntu.
Simba: Hayi.
Sileli ngobusuku savuka kusasa kakhulu. Umama noMamkeli bebesele besendleleni eya esikhululweni.
Umama notata bakaLulu bebesele befikile bona kunye nabazali bakaSiyanda.
Simba: Nomtha!
Ndikhawulezile ndaqosheliza izinto zam zaya straight kwaSiyanda noLuleka kuba bekungeka vulwa
ezishop. USimba ufune sihambe kwakusasa kakhulu.
Simba: Besekuthathwe zonke izinto azidingayo amapolisa. Asinika igo ahead ukuba kungacocwa.
Nomtha: Mhhh.
Simba: Sineminyaka sitshatile Nomtha. Kakade ndiyakwazi. Nangaphandle kokuba sineminyaka sitshatile
mna ndiyakhawuleza ukumfunda umntu.
Nomtha: Oh.
793
Simba: So?
Nomtha: So ntoni?
Nomtha: Ininzi into endiyicingayo. Ngaphezulu nje kwento yonke ndiyizise kum.
Nomtha: Hayi ngolohlobo kodwa mhla wacinga ukuba nabantwana ngaphandle okanye ube nenkazana
uboze undilahle. Kuba andino kuthembi ukuba andino phambana njengo Lulu.
Nomtha: Heh!
Simba: Hahahaha!
Sifike samisa imoto ngaphandle sayonqonqoza. Ibingengo Madosini ebevula so ndithathe ukuba
ngumama kaSiyanda. Ebengafani nakancinci naye ke kodwa.
Silandelene sangena ke. Bendinga bonanga ukuba bekunjani kodwa bekukhangeleka okungathi
akukhange kwenzeke nto indlela bekucoceke ngayo. Phofu bendingazi nokuba bebedutyulelwe phi,
bendinga funi nokwazi.
Bendi namanwele nja kukungena phaya. Into bendino kuyibhubha ukuba ndingashiywa ndodwa kulamzi!
Ndingatshaba!
Sichophe esofeni, uSimba ecaleni kwam. Bekukho nabanye abantu endlini ke qha bebethethela
ekhitshini singababoni.
"Ninjani?"
"Yhu akukho nto intle mntanam. Imbi into ayenzileyo uLuleka. Imbi ayithetheleleki."
794
"Ewe kaloku ndoda. Uzothathwa yimotuary yethu, ayokugihlelwa ekhaya."
"Abazali bakhe bafuna afihlelwe kokwabo. Ndibona kungcono ngolohlobo kuba ebengazuku lala kakuhle
uSiyanda eyazi ukuba umbulali wakhe ungcwatyelwe kokwabo. Nam bendinga thandi. Basikhulule."
"Ayingula mfazi uMadosini? Akanazo nentloni zokuza apha emzini wam angabinalo noxolo lokuba
umntana wakhe ebulele owethu, ewe singabazali asibathumi abantwana bethu kodwa ufikr ngesigezo
apha ndamfokofa kwakusasa."
"Ngubani lowo?"
Kubuze ilizwi lomntu ongutata wabe sesithi gqi. Ebengu Siyanda etshaya.
"Simba!"
Usukumile uSimba.
Simba: Tat'uMahamba.
"Yehake ungatsho nje ukuba uhamba nonkosikazi? Andilibali engumntu nje obesazaa noSiyanda."
Uyibalise yonke ke ukuba baye bafumanisa ukuba uSiyanda unenkazana anomntana nayo, nendlela
emphambanise ngayo lonto uLuleka wade waya esibhedlele sabantu abanga philanga kakuhle.
Ekumnkeni kwakhe uSiyanda waqhubeka nekrexe eli baze bakhulelisana. Ubaxelele nangentlelo zakhe
zokumthatha.
795
Simba: Andiyazi kwenzeke ntoni mna apha ukuphuma kuka Lulu. Andiyazi ukuba kufike kwathini kuba
ebelapha uZama nomntana wakhe. Ngaba badutyulwe babulawa nguLuleka belapha endlini yabo.
"Bendiyazi mna."
Mahamba: Intoni?
Ebeyothuka yonke lanto ibithethwa ngunkosikazi wakhe utata ka Siyanda. Bekukhiangeleka intsha kuye
kwaye imcaphukisa.
Simba: Bendinga thanda ukuncedisa ngamalungiselelo. Qha andifuni kunyathela mna izithende.
USiyanda ebefana nomfo wethu, kengoku ke ndizama ukucengana nentliziyo yam ukuba yamnkele, ixole
ukuba nyani akasekho. Lena yindlela endingamnkela ngayo nendinga xola ngayo.
Mahamba: Hayi kulungile Madiba, kulungile nyana. Hayi siyayazi ukuba inoba kunzima kangakanani
kuwe. Kuba benivana kakhulu noSiyanda. Unganceda wena akukho ngxaki. Akukho mntu uzomnyathela
ikons.
Mahamba: Uyazi ndothuka nezi ndiziva namhlanje kuba zintsha kum. Kodwa ke ndifuna uke
ndizinambithe ndinga khawulezi ukuhlomla hleze ndone.
Siphathelwe ikofu ke spahunga. Siyothatha ibiscuits ezi bendizi ordile satyenga nezinto zokuphungisa
abantu. Uthathe ezinkulu uSimba, zizokuya ekhayeni. Intliziyo yam ibingekho kuyo yonke lanto mna
ngenxa yendlela athethe ngayo umama kaSiyanda, nendlela ayivumele ngayo yonke lanto.
796
Simba: Uzokuyotshintsha endlini okanye ndikuse straight kwaMluleki? Kuba besizoya sobabini sibuyele
endlini ebusuku.
Simba: Uzobabona ngenye imini umama abantwana. Andifuni babe behamba esithubeni ngobusuku.
Nomtha: Mhhhh.
Ebethetha notata kaLuleka ke uSimba ngedirections zala ndawo bebehlala kuyo. Ibingeyiyo ihotel le
bendicinga ukuba bazokuhlala kuyo. Ingumzi oqhelekileyo. Sinqonqozile ke kwavela uMadosini.
Bendinga soze ndimlibale nesigezo sakhe.
Madosini: Ewe.
Madosini: Nivela, nivela ntoni? Asifuni kuvelelwa thina. Awuyo tshomi kaSiyanda?
Hayibo!
Madodini: Ndisanda kugxotha abanye ngoku nani yenzani njalo. Asikhathalelanga kuvelelwa nini thina
nakugquba ukuphambanisa umntanam kweli Rhawuti. Rhaaa!
Mbhakra ucango ebusweni bethu, seva isijwili emveni koko. Indlela besimatsheke ngayo noSimba
sishiyeke siqhwanya-qhwanyaza.
Simba: Yho!
Nomtha: Akukho nto. Ubhuqwa sisazela nje lo. Uyayazi kulandawo akuyo ukuba uba wayenga
mnyanzelanga uLulu ukuba ahlale emzini esiva shu ngenxa yokungazali noSiyanda oyithathele phezulu
into yokuba nomntana, ngephila namhlanje. Engafuni nokumbona kwakhe, utata wakhe efuna abuye.
Lamfazi kemna.
Simba: Hayi akukho ngxaki ukuba akafuni sivele, sibaxhase. Asisoze siphume izithuba thina. Sawuxhasa
apho samnkeleke khona. Usiphungulela nengxaki kuba asizukukwazi ukuya kwimifihlo emithathu.
797
Nomtha: Ingase uLulu angabona indlela angaxabisekanga ngayo kuwe njengoba wayephuma izithuba
kwayena for wena ndabe mna ndifuna sibe nobuhlobo, ndidinga andixhase. Wayotshonga eNigeria
waholideya kumnandi.
Nomtha: Heh!
Simba: Akuyonto intsha nyani. Phakathi koLulu noSiyanda ngaphandle kwamathandabuzo nguSiyanda.
Silande umntana kuqala. Iplan ibikukuba sihamna nabo bonke ke ukuya kwabhuti, watshintsha umntu
ukufika kwethu ekhala ngokugcwalisa umzi wabantu nokuba sawuphazamisa abantwana kuba baqhele
ukulala ngexesha elithile. Batyiswe sithi ke, ndabahlamba sabalinda bade balala ubuthongo. Besele
kurhatyela ngeloxesha. Bekungekho ngxaki phofu kuba mna ndodwa bendinga vukeli ndawo. Ibizoku
phela kungekudalanga kakhulu nalo mana.
Simba: Yho bhuti! Nangoku ingathi kuzothiwa kuyaxokwa. Andikakholwa nangoku. OSiyanda ayizo type
ezifayo maan!
Mluleki: Imbi into ehlileyo. Utata uMamkeli akakho right tu. Uncame wakhatshwa kuba uwrongo!
798
Mluleki: Molo kwedini! Khamsapha ndimbambe. Sammy! Msamariya!
Nomtha: Bendinqanda utatakhe ngoku esithi nguMachel, andifuni magama afunny emntaneni wam.
Nomtha: Ndiyaphila enkosi akukho nto. Sonwabe nje kamnandi. Unjani ke wena?
Mluleki: Hayibo!
Umntu ngo mama wakhe! Utake kuqala uSimba sayishiyeka emva nobhuti sithe chu ukuya kubo
ndimbalisela ngalento kamama kaLuleka uMadosini. Ndimbalisele nangezinto bezithethwa ngumama
kaSiyanda.
Ebothukile ke umama ukumbalisela into yonke esehleleyo. Esothuka le yenziwe nguLulu. Enyanisweni
izinto ezikumila kunje besizibukela kumabona kude kuphela, okanye sive ngazo kubantu abakude nathi.
Ngoku yehlele abantu besibazi. Yenziwe ngumntu besimthatha njengo mhlobo. Njengaba hlobo kunye
nosapho. Bekunzima maan ukuyizikisa yonke lonto.
Bendimazi ke uLulu ngoku qhawukelwa mna kuba ngulo wayebe umntana wam, kodwa ukubulala. Ade
abulale nomntana. Nomntu okhulelweyo. Ibimasikizi nje. Bendithandaza ngaphezulu kwayo yonke lonto
ukuba ndingafiki apho. Kulandawo ebekuyo apho ukubulala kusisi sombululo. Kuba bendinga zukuba
naso mna isibindi sokuthatha owam umphefumlo. Bendiligwala gqithi kwaye ke bendoyika nento yokuba
kwenzekani kumntu xa ebhubhile.
Bendithandaza uThixo andiphe amandla okuqoqosha amasakana am ndihambe, noba isidima sam
bendisirhuqa phantsi akuna msebenzi. Noba bendizokuhlekwa bendingena msebenzi.
Umntu bendimsizela ngakumbi kuyo yonke lanto ngumntana kaZama. Bobabini abantwana.
UZama hayi kangako. USiyanda, hayi. Umama kaLulela bendithandaza ukuba isazela sakhe simfake
ebhokisini. Simbhuqe ngaphambili koko. Abe ligobho gobho lalomntu anguye. Bendingenaso isizathu
ngaphandle kokuba ndicaphukela ukuba engazange abe ngumama kuLuleka.
Ukungazali kwakhe ukwenze izithuko nenyala. Wakwenza kube sisizathu sokuba azivumele ukuba abe
likhukho, axangxathwa ajulwe phaya kuba esakhe isibeleko singa kwazi ukwenza eyona nto
esiyidalelweyo.
Sihleli sahamba ngobusuku. Bekunzima. Amalungiselelo yonke into. Bekunzima ngakunbi emyenini wam,
so noba bendiyazi into ebeyiyo uSiyanda bendixhasa umyeni wam. Kuba we experience abantu
799
ngendlela eyohlukileyo. Kuye ebengula Siyanda wamisa ubomi bakhe ukuyomxhasa, kum nguSiyanda
odale yonke lanto. Ibinga balulekanga ke lanto ngalamzuzu. Bekubaluleke ukuba umyeni wam
ebendidinga. Ndaba yilonto kuye.
800
NINETY- SEVEN
"Mandingabi ngumqobo kwabo bangqondo zimoya mnye
Kulo majiko-jiko liye lifumane umkhomba ndlela linyamezela phantsi kwemeko ezimaxongo;
Nomtha: Mh?
Nomtha: Baby, ndicela uyeke undiphazamisa. Andikhange ndiku phazamise mna ngoku ubucofa-cofwa.
Nomtha: Baby.
Nomtha: Oh thiza!
801
Nomtha: Nam ndiyak'thanda. Hamba!
Uthe cwaka waphuma ngomnyango. Ndishiyeke ndiphefumla ndivala amehlo am ndimamela izandla
zalasisi ebendicofa-cofa umqolo. Bekungathi ingxaki zam zonke zibaleke zayokutshona. Ngalampela veki,
ndiziva ndihlaziyekile ngeyona ndlela.
Ngeloxesha ndizive ndibuya umva. Bendinga buyeli umva kakhulu. Ingqondo yam ibonga ndivumeli
okokuba ndibuyele umva kumhla wokufumana imizimba yabazali bam kunye nomntakwethu. Ibinga
ndivumeli ndibuyele umva kwintsokolo yam ukuqala kwam ukuhlala eJoburg CBD. Ubungozi endagqitha
kubo. Izinto endasinda kuzo. Ubunzima endabu thwalayo ndizama nempilo. Intlupheko, inyembezi
kunye negazi. Amaphupha atshabalala phambi kwamehlo am, naprusuluka ezandleni zam oku
kwesepha. OoAyodeji, ooEfe ... yonke lonto ibimfiliba engqondweni yam.
"Done."
Nomtha: Sigqibile?
"Yebo."
Nomtha: Hey.
Undincumele kancinci.
Nomtha: Ndiyabulela ngale weekend getaway. Bendiyidinga, into emnandi kukuba bendinga
yilindelanga.
Simba: Kuncinci oku kondenzela kona wena. Bendifuna ukuku phumza kancinci kuba usebenza nzima,
ngapha ngabantwana kodwa nam uyandinakekela. Andiyazi ndagqibela nini ukutya itake-away.
Ndiyihlekile.
Simba: Mxm!
802
Nomtha: Ukuve lantetho yokuthi, 'ingase ndikugalele utyuwa' yindlela endikugalela ngayo ityuwa lena.
Kuba andifuni uphoswe nto. Andifuni siphoswe yinto. Sinabantwana abasidingayo. Sisobabini.
Nomtha: Andifuni nokuyicinga leyo into. Andina mbono wobomi bethu ngaphandle kwakho.
Simba: For what is worth, nam andibuboni ubomi ngaphandle kwakho. Kodwa ke njengoba singena
lawulo-
Nomtha: Izicwangciso zimile myeni wam. Ndixoliswa yilonto. Kamnandi sasithethile ngayo yonke lento,
yiyo lonto ndingafuni siphinde sithethe ngayo kwakhona. Kuba andifuni kuyicinga.
Simba: Kubalulekile ndimana ndikubuza ukuba usonwabile na ngesigqibo sakho. Nokuba akakho na
amathandabuzo.
Nomtha: Nakancinane.
Unqwalile.
Ebephethwe bubuthongo kodwa ebulwisa emana kundipbulula. Ude woyisakala watipa. Ndimshiye apho
ndayokungena kwishower. Bekungathi ndihlambela ngaphandle kulashower. Umntu ebenokuthi gqi
ebenokundibona. Ndigqibile ndanxiba igown yam esilky. Bendi ngumntu obephethe impahla zokulala
ezintle ke. Inighty encinanana neteddy, nezinye ilingery ... kodwa akukhange kubekho kwa xesha lazo.
Bedesihamba ngengomso. Siphindela emzini wethu, ebantwaneni bethu.
803
Nomtha: Andilelanga mna.
Simba: Intonayo?
Nomtha: Ndizimamele.
Nomtha: Uvasile?
Ndimjongile ndifinge intshiya. Ebesuke waserious kengoku kodwa besidlala ngoku kungekudala.
Simba: Akukho ngxaki. Nakancinane. Ingaba zindaba ezimnandi. Zindaba ezimnandi phofu.
Simba: Ndi- ndimdala ngoku. Ndikhulile. Ngokwe minyaka, ngokwengqondo. Anditsho ke phofu ukuba
bendinga khulanga iminyaka le, kodwa ndikhule ngakumbi.
Nomtha: Mhhhh.
Simba: Izinto bezindi dlamkisa ngaphambili ... azisena mandla mangako ngoku. Izinto bendicinga ukuba
ndawukohlulwa kukufa nazo ... azisa balulekanga kum.
Into endizama ukuyitsho kukuba umsebenzi wam yinto endiyaziyo. Oko ndazalwa ndaqunyelwa ukwenza
lento ndiyenzayo nangoku.
Ndiyacinga ukuba bekufuneka ndifike ngoku kwam kule ndawo ndikuyo. Ndingakhokhelwa okanye
ndinyanzelwe ngumntu. Ayiyo impilo endiyifunayo lena ngoku. Eyokuthengisa izibham neziyobisi,
eyokubulala abantu-
804
Nomtha: A- huh? Andiqondi.
Nomtha: Huh?
Simba: Ewe.
Nomtha: Nini?
Nomtha: Kodwa ubumnka- mhhhh ... kwatsho kwacaca kengoku ukuba kutheni uxhaphake kangaka
endlini. Okay.
Nomtha: Ngantoni?
Simba: Le ndikuxelela yona baby. Ukuba ndinga phangeli. Uziva njani ngalonto? Ukuba ndifuna
ukuthatha I early retirement.
Simba: Into endadalelwa ukuba ndiyenze yile ndiyiyekileyo. Nothing else makes sense kum. Ukuba
andenzi yona kungcono ndihlale phantsi.
Nomtha: Ukuba iyakonwabisa lonto andina ngxaki mna. Ukuba nje wonwabile.
Unqwalile.
Simba: Ndisapeya ngoku kodwa hayi for ixesha elide. Kodwa ndinayo imali endiyibekileyo. Ndisafe.
Abantwana, thina.
Nomtha: Mhh?
Unqwalile kwakhona.
Simba: Indizisa komnye umba. Ubuke wathetha ngokufuna kwakho umsebenzi kwindawo-
Simba: Ewe. Bendicinga. Siyeni ekhayeni. Ndizokufuya, ndilime. Wena uzotitsha njengoba ubuhleli
ufuna. Nelali zezi ungazichasanga.
Unqwalile.
805
Simba: Into emnandi kukuba kufezeka iphupho lakho. Nam andisena nto apha. I mean eGautini.
Abantwana sawubafunela izikolo eziright edolophini.
Nomtha: Mhhhh?
Simba: Andiyazi kengoku ukuba uthetha ukuthini mhlawumbi xa umana usithi mhhh.
Nomtha: Ndikumamele.
Nomtha: Uyayazi ukuba kudala ndafuna into enelali phakathi kodwa kuba wena ungengo mntu welali
kakhu-
Simba: Hayi ukuba andingomntu welali. Ingxaki yam ibikukuba ube kwelinye iphondo wena ukwelinye.
Ibingeyonto bendiyifuna for thina leyo. Ndiyagembula ukugembula, kodwa hayi ngomtshato wam.
Simba: So ja.
Simba: Akusoze ungawufumani. Bazoba nethamsanqa nakweso sikolo ukuba nomfundisi ntsapho
onguwe.
Ndijikelezise amehlo.
Simba: Ungaxhali ngemali. Into endine worry ngayo kukuba okanye wandithanda kuba ndinoba bungozi
ngam. Ngenxa yomsebenzi bendiwenza, namandla bendinawo-
Nomtha: Ndikuthanda kuba unguwe. Ndithanda uSimba. Utata wabantwana bam, umyeni wam. Hayi
uSniper. Ungaxhalabi ngokuba andizuku thanda xa uthena igusha, ungu midwife. Uthetha nemifuno-
806
Asikhange senze nto ingako ngosuku lethu lokugqibela eMpumalanga. Besizipholele nje sincokola.
Nomtha: Simba.
Nomtha: Ukrwada wena. Kakade ndizomxelela. Bendihleli ndizomxelela, phuma endabeni zam noCat.
Awunazo netshomi wena.
Ndiyihlekile.
Nomtha: Sundidika.
Sitye idinara emnandi. Besinxibe kakuhle, sikhuphe unyawo. Silayitelwe namakhandlela. Bekumnandi
nje.
Siphindele eRhawutini ke kodwa ngeCawa. Sifikele kwethu asaya kuyolanda abantwana. Besawubaboba
ngengomso.
Bekukuninzi okwenzekileyo kwiminyaka emihlanu egqithileyo. Okokuqala bendiyi qualified teacher noxa
bendinga phangeli ngoku. Abantwana bam bebefunda bobathathu, kungekho mntu usincedisayo ngabo
kuba bendise khona. Xa bebuya esikolweni bebebuya ndikhona.
Bekulula ke ngelixesha bendifuna kuba bendino ncedo. Abantu bebeqashwe ngumyeni wam, abantu
basemzini wam, umyeni wam. Bebeluncedo kakhulu.
Ukubhubha kukaSiyanda, noZama kunye noLuleka kubasondeze ngendlela bebenga lindelanga ngayo-
uSimba nabanta kwabo bobathathu. Indlela bebemxhase ngayo, bamnceda nangama lungiselelo kunye
naka Zama.
Saphuma kuSiyanda saya koka Zama umfihlo eKapa. Kubuhlungu, kumasikizi kunjalo sabafihla. Utata
uMamkeli waphuma ngoku pheleleyo elokshini bahlala kunye noBisola. Bebethandana abaya, kakhulu
futhi. Kamnandi bebesuka emitshatweni bobabini, bebazi ubumnandi nobunzima bawo bade
bohlukaniswa yinto ebohlukanisileyo nabantu babo. Ukufa kunye nokukrexeza. Bafumanana kwakhona
kuba bekukhangeleka iluthando belihleli lukho yonke iminyaka kodwa beluveza ngenye indlela kuba
benabantu.
Bebenalanto bebenayo kwaye ibiba sebenzela kakuhle. Bebezoku guga kunye, ngaphandle
kwamathandabuzo kwaye ibiyinto entle maan!
807
Njengoba besibuyele endlini bekuthetha ukuba 'back to reality'
Ndivuke ndenzela umyeni wam ibreakfast ndamsela ebhedini esangqengqe ngomqolo mntaka
bhut'ophakathi, enyolana nomnxeba wakhe.
Simba: Ndiyabulela.
Nomtha: Wamnkelekile.
Simba: Awuzukutya?
Nomtha: Ndityile.
Simba: Ndiyazisola.
Ndimhleke nje ndahamba ndayococa indlu. Ndigqibe sele egqibile ukuhlamba uSimba, ondlule
nokondlula. Sahamba sayokulanda abantwana.
Mluleki: Utsho xa ufuna siniqwayite kaloku singavuli. Molo Linokhanyo, mandibulise wena.
Zendaya: Mama!
808
Simba: Uyaphosisa. Ebelibele nokuba unabantwana umama wenu. Ebede esithi singabuyi.
Nomtha: Enkosi!
Simba: Yilonto ndisitsho wena Ulatho ukuba uyonwaba lomntu xa kungekho bantwana.
Nomtha: Ubhetele?
Ulatho: Kakhulu. Nonyana ebevuyile ukuba ude wavuma ukuzobona ugqirha ongapha sizotsho simonge
kancinci. Indlela ebefeketha ngayo- ndithi kukuba kaloku zange ayifumane kakuhle lanto. Kwavele
kwafika ootata bakaZendaya noMkhuseli!
Ulatho: Bayithatha indawo yakhe. Nabazukulwana aba bayinqwaba ke! Ngoku ithuba alifumanayo
iyalisebenzisa.
Nomtha: Makenze njalo wethu ubhuti. Iminyaka imnkile kumama so kufuneka siziqhelanise nokuchitha
ixesha naye. Ngakumbi abantwana bakhe nabazukulwana bakhe.
Ulatho: Ingathi undivile ndisitsho ukuba kufuneka sihambeni sonke nabantwana ngenye iweekend. Sike
siyogcwala phaya. Noobhuti sonke.
809
Ulatho: Abathandani!
Ulatho: Omnye.
Nomtha: Ndiyamvuyela mna. Noxa abantwana bakhe beba fustrated ngamanye amaxesha kuba bafuna
kuthandwe bona bodwa kodwa ibizoba buhlungu eyokuba abe lilolo.
Ulatho: Ifunny shame into yothando kuba umama noMamkeli kucacile ukuba kudala bathandana. Kodwa
kuba bebenabantu banyamezela kwemnka iminyaka.
Ulatho: Ndiright, Linokhanyo. Akukho nto. Sonwabe nje kamnandi. Ninjani nina?
Ulatho: Hahaha!
Ndiyokujonga abantwana bam emveni kwendlu. Indlela bebemdaka ngayo bawo wam. Bobathathu
nokabhuti umntana. Indlela bebecana ngayo uMihla noSammy inoba bebecinga ukuba bangama wele
abantwana bam. UZendaya ebezenza usisi omdala ke yena.
Simba: Nomtha!
810
Nomtha: Kwenzeka ntoni?
Simba: NguMalkia.
Nomtha: Utheni?
Simba: Ubalekiselwe esibhedlele. Othi ubethwe ngumfana wakhe. Ubhuti uyomsorta out thina siya
esibhedlele.
Nomtha: Hayibo!
Unyuse amagxa. Njengoba bekulunga ubudlelwane kuSimba nabantakwabo bebezama nabakhe- well
abakokwabo. Bekunzinyana ke kuba bekukhangelela okungathi balumnkile bonke kodwa bebutotoba
busiya. Bebesondelene kakhulu nobhuti Mluleki kodwa.
Xa kusithiwa indoda yinto enkulu, bekungaxokwa. Ngenxa yokuba besibona ukuba usapho lubalulekile
nokuba oobhuti balungisa ubudlelwane babo siqonde ukuba masilungise obethu noUlatho. Oko
bekungatsho ukuba besinga bahlobo abakhulu, kodwa besilusapho. Sisebenzisana ngezinto zekhaya.
ZamaDlomo. Nabantwana bethu benobudlelwane. Bebevana ukufa kunye noka Bukhosi.
Sike sasokola kancinci ukumfumana uMalkia kodwa sade sakhokhelewa ewardini ebekuyo. Uye wakhala
ukubona ubhuti wakhe, wahamba wayokumanga. Ebenesamente engalweni, eneblack eye.
Ndiyomanga ndaphumela ngaphandle ndibanika igumbi umntu nobhuti wakhe. Bendimsizela lomfana
kubhuti.
Ndifounelwe nguUlatho endibuza ukuba kwenzeka ntoni, ndamxelela ke. Wabe esothuka kodwa esitsho
ukuba umthetho wakhe lamfana, unesandla.
"Hi sisi."
Kuthe gqi uMalik. Esabeke iphone yakhe endlebeni. Undange esathetha nephone, wachopha ecaleni
kwam. Umntana wakhe ebengasahlali eKapa nomama kaSimba. Wamthatha azokuhlala nabo. U'nabo'
ke ibinguye noSiyasanda. Bebehlalisana. OoSiyasanda bebenezibindi kunye nonyamezelo besingenalo
811
thina. Kuworse kuba uMalik ebengu boyfriend qha ukuba anyamezele isishiqi esinje, ndinga thembisi
ukuba bendino kusinyamezela mna ngoku ndinguntshati. Kodwa ke kutshiwo ukuba 'never say never'
Malik: Uright?
Malik: Ncncncnc!
Nomtha: Ja.
Nomtha: Uzomyeka.
Malik: Phindelani.
Nomtha: Nizobathatha abantwana bakokwenu noSiyasanda? Kuba andina ngxaki nokubashiya mna,
ndimncinci kakade ukuba nabantwana.
Malik: Kuhamba kakuhle. Intonayo utata undifakela uxinzelelelo maan! Abe endibuza ngenjongo zam.
Ndingahlali nomntana bantu nje- yho hayi! Ndiselusana mna. Le arrangement yethu isandilungele.
Umtshato yenye into.
Nomtha: Ungazixheshi ungekabikho ready. NoSimba lowo watshata ngokuthanda kwakhe hayi kuba
waye xinzelelwa ngumntu ukuba enze into eright.
Simba: Malik!
Usukumile uMalik bangana notata wakhe. Babuzene impilo wayongena ngaphakathi esishiya sodwa.
Nomtha: Hey.
Simba: Ja ey!
Nomtha: Unjani?
812
Nomtha: Kungcono.
Nomtha: Oh?
Unqwalile.
Nomtha: Okay.
Ndimncumele nje andaphendula. Bendinga cingi ukuba uyoze agrede uMalkia ke kuba emveni kwento
yokukhululwa wavele waphuma endleleni akakhathalela nto. Kodwa ebegredile, ephangela kakuhle.
Ebengahlali eMeadowlands, enendawo yakhe. Umntanakhe ehlala nomamakhe. Noxa ebengaphangeli
uNokulunga ebekhangeleka esenza kakuhle. Ngokuva ngoMalik phofu. Umntana kaSylvesta, umavetana
ebeyinkwenkwe endala.
Bekusithiwani kanenen ngesilungu? Speak of the devil. Uthe gqi ngesinjani ukuphakama isihlangu.
Ebezimince wayintombi sana. Ebelandelwa lixhego lomlungu emveni kwakhe.
Nomtha: Nokulunga.
Umolathele uSimba. Indoda yakhe ibichophele kude nathi icofa iphone yayo.
Uyongena.
Nomtha: Hahahaha!
UNokulunga ebequmbile ke ukuba uMalkia efuna ukuphumela kubhuti wakhe kodwa akakhange
athandise yena. Ukhwele kobhuti bakhe ke, bezokuya straight endlini. Thina besizokuqale siyolanda
abantwana.
813
Malik: Sizogqitha ngoSiyasanda. Uzopheka.
Nura: Tata!
Simba: Yebo!
Nura: Hahaha!
Simba: Tyhini!
Simnkile kubo.
Simba: Akayiqheli tu into kabhuti. Nam andiyi mindeli into yokuba andibize ngotata. Makenze into a
comfortable kuyo umntana.
Simba: Baphaya kwam bonke ngoku. ULinokhanyo ebethe bapheke. Kuzolandwa noSiyasanda nooNuri!
Mluleki: Ndinga founeli noMkhuseli noBukhosi nokosikazi wakhe noboy? Siyotyeni idinara sonke
njengoba sesidibene nje?
Simba: Kwam?
Uyihlekile ubhuti.
Mluleki: Seniphayana njena. Sawulandela ngoku noUlatho nabantwana. Andithi sthandwa sam!?
Mluleki: Sure!
Sifike iyilongxolo endlini, kuhlekwa kuncokolwa kuyilonto. Ndincedise uSiyasanda sapheka. Kufike
uUlatho wasincedisa naye. Kungekudala kwafika uMkhuseli ehamba nomnye ubhuti kwagqibela
ooBukhosi.
814
Ulatho: Ucinga omphi wena xa ndithetha ngobu moffie?
Ulatho: Ewe!
Nomtha: Yilonto kanye. Kukunga lasti, andiqondi yimoffie mna and lamfana utshatile.
Yhu! Sibhubhele kulandawo besikuyo noUlatho. Kungathi sithi mhlaba siginye. Yhini bawo. Uyokuhlala
phantsi esishiya sisifa zintloni.
Ulatho: Yhu!
Sigqibile ukupheka sayohlaleni etafileni sisitya. Abantwana bebehleli bodwa ke kukwenye nje
indimanga. Bekumnandi kulatafile siphelile yintsini. Aba kaloku ngesigqezu. Bebehlinzana qho xa kukho
abantu bokuba mamela.
Senzele umama uSkype engasakhali akusibona sisonke. Bekushota yena nje kuphela. Bekungekho nto
ibimonwabisa njengo kubona abantwana bakhe bevana kwakhona. Bebumbene. Kuba ibiyindlela
ebebakhulise ngayo njengoba bebexabana ngobudala nje. Kuyo yonke lonto ndifunde ukuba umntu
akalahlwa. Awukho umgqomo womntu. Izinto ziyalungiswa. Ukuba uzokuthi xa usoniwa ulahlele phaya,
ungathethi ngezinto uyawuqabuka uwedwa. Kuba singabantu siyona. Yinto esiyenzayo. Siyafunda
kwimpazamo zethu sikhule kuzo.
Abantwana bethu bebefanelwe bobubudlelwane. Bangakhuli bezondana ngenxa yethu kuba lento
igenerational. Impi zethu zithathwa ngabantwana bethu.
Besi bubungqina boko. Kuba inkqwithela zibekhona. Imeko zaguquka kodwa uthando lona alukhange
lukrweqe. Emisindweni bekukho ububele.
815
Simba: Hehehe! Kuzofuneka ndijonge ukuba ikhule kangakanani. Iletter yona wawude wayigqibezela?
Nomtha: Ndayitshisa.
Ndinyuse amagxa.
Nomtha: Nje. Ndiright ngaloSamora bendimazi mna. Lo undikhulisileyo endikhulisa ngothando. Ndifuna
inku.bulo zam ngaye ibe zezi ndinazo. Enye into andiyamnkeli.
Simba: Bendinga yivisisi kuqala kodwa ndiyavuya ukuba uthiye uSammy ngotata wakho. It's an
honourable thing to do. USamora wayeyindoda emadodeni. Eyakhulisa unkosikazi wam ngothando
akhulisa ngalo abantwana bakhe nathanda ngalo mna. Ndizohlala ndombulela.
Nomtha: Ndiyakuthanda.
Nomtha: Xa uyibeka kanjalo. Ndinemincili kengoku ingathi uDecember akabethi sizokuyohlala ekhayeni.
Ndifuna ukumbona loSimba ungumfarma.
Simba: Baby mna ndingu Jack of all trades. Uzobona wena, we'll have a beautiful life.
Ndimncumele.
Mluleki: Nitsho kaloku xa nonele sithi. Xa ingathi nizophuzana ngoku nihleli nabantu.
Siyihlekile.
Bukhosi: Abolekelisanga?
Bephelile yintsini.
Siyihlekile.
THE END.
816